A. Imiba enguNdaba-mlonyeni
1. EzeMidlalo
1.1. UMzantsi Afrika uphumelela ukuya kudlala kwiNdebe yeHlabathi ye-FIFA yowama-2026
1.1.1. IKhabhinethi iqhwabela izandla iqela lesizwe lebhola ekhatywayo, iBafana Bafana, ngokuphumelela ukuba liye kudlala kwiNdebe yeHlabathi ye-FIFA yowama-2026, into leyo bagqibela ukuyenza ngowama-2002 (ngokudlala kwimidlalo yokuhluza abaza kuya kudlala kwiNdebe yeHlabathi), nangowama-2010 (inyhweba elayifumana eli qela kuba uMzantsi Afrika wawusingethe itumente yeNdebe yeHlabathi yeBhola eKhatywayo okokuqala kweli lizwekazi lase-Afrika).
1.1.2. Ukuphumelela imidlalo ibinzima kweBafana Bafana kubonise laa moya woMzantsi Afrika wokunyamezela, ukulwa ebunzimeni kunye nobukhali. Into leyo isegazini ebantwini boMzantsi Afrika.
2. Ezoqoqosho
2.1. U-Eskom uqhube kakuhle wenza Inzuzo Ezibhiliyoni ezili-16 zeerandi
2.1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuba u-Eskom ngoku esenza inzuzo emva kokuba enze iinzuzo eyimali ezibhiliyoni ezili-16 zeerandi, emva kokuba itsaliwe irhafu, kulo nyaka-mali uphele ngeyoKwindla 2025, into leyo ebonisa ukuba u-Eskom uqhuba kakuhle kakhulu.
2.1.2. Oku kutshintsha kwezinto kuncumisayo kwa-Eskom kubonisa umahluko owenziwa yinkqubo yokwenza iinguqu ye-Operation Vulindlela kunye nomsebenzi omhle wokukhokela owenziwa yiBhodi ekhokelwa nguSihlalo ka-Eskom, uGq Mtetho Nyathi, kunye nabalawuli besigqeba nabo abenza umsebenzi omkhulu bephantsi kwe-CEO yale Nkampani, uMnu Dan Marokane kunye neenkokeli eliliso yezopolitiko uMphathiswa wezoMbane naMandla, uGq Kgosientsho Ramokgopha.
2.1.3. Lo msebenzi mhle kangaka wenzeka kanye ngexesha apho eli lizwe linethuba elide lingasayiboni la ngxaki kacimi-cimi wombane, iintsuku ezilandelelanayo ezingaphezulu kwe-150 kungekho cimi-cimi wombane into leyo ebonisa ukuba icandelo lokuphehlwa kombane eMzantsi Afrika lisendleleni eya kuzinzo. U-Eskom uwukhokelisa phambili umba wokucinywa kombane kwiindawo ezithile kwezi nyanga zili-12 ukuya kwezili-18 zizayo. Ukucinywa kombane kwiindawo ezithile kuyenziwa ngoku ukuthintela ukuba ubuxhaka-xhaka obubalulekileyo buka-Eskom bungasindwa kwiindawo ezi zitya umbane kakhulu futhi zinengxaki yabantu abaninzi abatsala umbane ngokungekho mthethweni.
2.1.4. IKhabhinethi icela abantu ukuba babaxele kule nombolo yomnxeba ka-Eskom isimahla ithi 0800 112 722 okanye kwisikhululo samapolisa esikufutshane abo bazitsalela umbane ngokungekho mthethweni, bebayo okanye bonakalisayo.
2.2. INgozi yeBhasi eHamba kumazwe angaphandle eyenzeke ku-N1 North eMakhado (eLimpopo)
2.2.1. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kurhulumente waseZimbabwe nowaseMalawi emva kokusweleka kwabantu abaphuma kula mazwe mabini abangama-43 kwingozi yebhasi, neyenzeke ku-N1 North eMakhado (eLimpopo) ngeCawe, umhla we-12 kweyoDwarha 2025. IKhabhinethi ibanqwenelela ukuchacha ngokukhawuleza abo bangama-48 bonzakeleyo basalaliswe kwizibhedlela eziliqela kwiSithili saseVhembe kwiPhondo laseLimpopo.
2.2.2. IKhabhinethi ikhathazeke nangakumbi kuba le ngozi ngeyingakhange yenzeke futhi ibinokuthintelwa ukuba imithetho yendlela ibithotyelwe kwaye ihlaba ikhwelo kubo bonke abantu abasebenzisa indlela, ingakumbi abo basebenzisa izithuthi zikawonke-wonke ukuba bawuthobele umthetho ngokusebenzisa izithuthi ezisendleleni, bangazigcwalisi kakhulu izithuthi ngabantu nangemithwalo, futhi baqhube ngokukhuselekileyo.
2.2.3. Ukongeza, iKhabhinethi ivakalise udano nokuphoxeka ngamabhakethi amachiza okuthomalalisa uGawulayo (ii-ARV) kunye namanye amayeza akhutshwa ngoogqirha kuphela abhaqwe kule ntlekele yebhasi kube phofu kungekho maphepha afanelekileyo okuhanjiswa kwamayeza. Kuqaliswe uphando olubanzi, kwaye ii-arhente zogcino-thetho zisithatha esi siganeko njengesimalunga nokurhweba ngokungekho mthethweni ngamachiza. Ukubiwa kwamayeza akhutshwa kuphela ngoogqirha, ingakumbi ii-ARV, kuphazamisa idabi lethu lokuphelisa tu iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) kulo mmandla.
2.2.4. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi bangaphandle ukuba baziphathe kakuhle njengeendwendwe zoMzantsi Afrika kwaye ikhumbuza wonke umntu ukuba bekungumsebenzi onzima kakhulu ukunqanda intlungu yokuxhatshazwa ibisenziwa kubemi bamazwe angaphandle kwiiklinikhi zeli lizwe. Ngelishwa, obu bungqina bokuba kubiwe amayeza kakubi kangaka kwiiklinikhi zikarhulumente kuwenza nzima nangakumbi umsebenzi karhulumente wokuzama ukulwela ukuba abemi bamazwe angaphandle bavunyelwe ukua basebenzise iinkonzo zezempilo zikarhulumente.
2.2.5. IKhabhinethi ibamba ngazibini kuRhulumente wePhondo laseLimpopo ngokushukuma ngokukhawuleza aze abonelele ngoncedo lonyango abo bonzakeleyo nokubeka elugcinweni imizimba yabo bathe basweleka.
3. Ezempilo
3.1. Ukulwa i-HIV noGawulayo
3.1.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngeza kutsha nje malunga nokuqaliswa ukukhutshwa kwechiza lokuthintela i-HIV, i-lecanapavir, ekulindeleke ukuba iqalise ukukhutshwa ngeyoKwindla okanye ekaTshazimpunzi 2026. I-lenacapavir lichiza elitsha elisebenza ixesha elide lokuthintela i-HIV, elihlala emzimbeni likhusele ukuba umntu angafumani i-HIV isithuba seenyanga ezintandathu emva kokuba elisele nje kabini ngonyaka. Eli chiza liza kuqalisa ukukhutshwa kwizithili ezingama-23 ezinabantu abaninzi abane-HIV kumaphondo amathandathu, likhutshwa kwiiklinikhi ezingama-360 eziqhuba kakuhle kakhulu kule mimandla.
3.1.2. Ukuqaliswa kokukhutshwa kweli chiza kuza kuncedisa kakhulu kwidabi likarhulumente lokulwa i-HIV noGawulayo kunye nombono wethu wokuphungula inani labantu abosulelwe yi-HIV libe ngaphantsi ko-0.1% ngowama-2032.
4. Ezobudlelwane Namazwe Ngamazwe
4.1. URhulumente wase-US uyivumile i-PEPFAR BRIDGE PLAN yoMzantsi Afrika
4.1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuvunywa kwe-PEPFAR BRIDGE PLAN (i-PBP) yoMzantsi Afrika exabisa imali ezizigidi zeedola zase-US ezili-115 isithuba seenyanga ezintandathu ukususela kumhla woku-1 kweyeDwarha 2025 ukuya kowama-31 kweyoKwindla 2026.
4.1.2. I-PBP yenzelwe ukuqinisekisa ukuba akukho ziphazamiseko kumalinge okulwa i-HIV eMzantsi Afrika ngokuthi kuxhaswe iinkqubo zokuqhubeleka kusiliwa noGawulayo neNtsholongwane yakhe futhi kukhokeliswe phambili izinto ezidingeka ngqo kwilizwe kunye negalelo lazo ekulweni izifo ezibulalayo.
4.1.3. IKhabhinethi ivakalise umbulelo ongazenzisiyo kurhulumente wase-United States of America ngokuzibophelela ukuba uza kuqhubeleka exhasa amalinge kunye nomsebenzi wokulwa i-HIV noGawulayo.
4.2. Utyelelo lwaseburhulumenteni lukaMongameli oluya e-Ireland naseBelgium
4.2.1. Utyelelo lwaseburhulumenteni lwakutsha nje lukaMongameli Cyril Ramaphosa obelusiya e-Ireland ngomhla wesi-8 kweyeDwarha 2025 naseBelgium ngowesi-9 kweyeDwarha 2025, lubethelela nangakumbi ubudlelwano onabo uMzantsi Afrika kunye namazwe ehlabathi kwaye luvule amathuba amatsha otyalo-mali norhwebo.
4.2.2. Ngethuba lotyelelo lwaseBelgium, uMongameli Ramaphosa uza kuthabatha inxaxheba kwi-Global Gateaway Forum eBrussels ukususela ngomhla wesi-9 ukuya kowe-10 kweyeDwarha 2025, apho i-Global Gateway Investment Package exabisa imali ezi-euro ezizibhiliyoni ezili-11.5 (iibhiliyoni ezingama-229 xa ibalwa ngokweerandi) eza eMzantsi Afrika ithe yabhengezwa nguMongameli weKhomishini yase-Europe. Esi sivumelwano sithembisa ukuba unyuswe umthamo wotyalo-mali lwaseYurophu oluza kweli lizwe ngemali ezibhiliyoni zeerandi ezili-173 kwinkqubo yokuTshintsha uHlobo lwamaNdla ngeNdlela engazikuDlelela, ibhiliyoni zeerandi ezingama-24 kweli candelo lokuTshintsha ngeNdlela engazikuDlelela, ize imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-20 iye kwiziseko zophuhliso nonxibelelwano ize ke imali ezizigidi ezithandathu zeerandi yona yakhe amashishini namaziko asebenza ngamachiza.
4.2.3. IKhabhinethi isamkele esi sivumelwano sotyalo-mali kunye negalelo laso kuhlumo loqoqosho, ukudalwa kwemisebenzi, amashishini eli lizwe kunye nokwakhiwa kweziseko ezingundoqo kuphuhliso.
4.3. Sekusele nje iiNtsuku ezingama-40 phambi kwe-G20
4.3.1. Akusentsuku zingaphi ngoku phambi kokuqala kweNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20, ekusele iintsukwana nje ezingama-40 phambi kokuba ibanjwe ngeyeNkanga eMzantsi Afrika.
4.3.2. UMongameli uCyril Ramaphosa ebeyekuzihlolela ngokwakhe buqu ngoLwesihlanu, umhla we-10 kweyeDwarha 2025 e-Nasrec Expo Centre ukuze axelelwe ngendlela aqhuba ngayo amalungiselelo kule ndawo.
4.3.3. URhulumente wePhondo laseGauteng exhaswa yi-Ofisi kaMongameli ubamba iintlanganiso rhoqo ngeveki zokuhlola ukuba ubuxhaka-xhaka bale ngqungquthela ukuba buqhuba njani na futhi kuhlolwe nezo ndawo zisenokuqhwalela, zifuna kungenelelwe.
B. Izigqibo zeKhabhinethi
5. IsiCwangciso sokuGqibela esiHlangeneyo seziXhobo eziluNcedo (i-IRP 2025)
5.1. IKhabhinethi iyivumile idrafti yokugqibela yesiNcwangciso seziXhobo eziluNcedo eziHlangeneyo (i-IRP 2025), esisicwangciso sexesha elide esenzelwe ukunika iingcaciso ngeentlobo zombane eziza kusetyenziswa kweli lizwe, esinenjongo yokuqinisekisa ukuba kukho umbane owaneleyo ngokwemfuno zeli lizwe ngeli thuba uthathelwa ingqalelo umonakalo onokwenzeka kokusingqongileyo futhi neendleko zombane. Lo mgaqo-nkqubo sele uqukunjelwe uthiwe thaca phambi kweKhabhinethi uqulathe utyalo-mali oluzitriliyoni zeerandi eziyi-2.23 ezibekelwe lo msebenzi weentlobo zombane ezahlukeneyo eziza kusetyenziswa kweli kule minyaka izayo.
5.2. Esi sicwangciso sineenjongo zokuphungula umonakalo owenziwa ngumbane kokusingqongileyo ngokuthi kuphungulwe umthamo wesisi esiyingozi esikhutshwa lihlabathi naleli lizwe. Sigxininisa kumba wokulungisa ezi zinto zinxulumene nezakhono ziyimiqobo ngoku kunye nokucwangcisela le minyaka iliqela izayo, ezifana nokungavelisi nesuntsu eli lesisi esiyingozi kokusingqongileyo ngowama-2050. I-IRP 2025 sisicwangciso esiphuculiweyo sisuselwa kwi-IRP 2023 nayo eyayivunyiwe yiKhabhinethi.
6. UMgaqo-nkqubo wezoNxibelelwano kuRhulumente wowama-2025
6.1. IKhabhinethi izivumile izilungiso ezenziweyo kuMgaqo-nkqubo wezoNxibelelwano kuRhulumente wowama-2018 ezithe zazala uMgaqo-nkqubo wezoNxibelelwano kuRhulumente wowama-2025.
6.2. Lo mgaqo-nkqubo utshintshwe ngokwezinto ezitshintshileyo kwicandelo lezonxibelelwano, ukuqinisekisa ukuba uluntu lufumana ulwazi olutyebe kangangoko ngokuqinisekisa ukuba ulwazi oluvela kurhulumente luhlelwe kakuhle, luyathungelana, alunamagingxi-gingxi kwaye luhanjiswa ngokukhawuleza, luchanekile futhi lufumaneka lula.
6.3. Lo mgaqo-nkqubo, ohambelana ne-MDTP 2025 – 2029, uza kusetyenziswa kuwo omathathu amaqoqo karhulumente kuquka ii-arhente namaqumrhu awo. Njengoko sinoRhulumente kaZwelonke woBumbano (i-GNU), lo mgaqo-nkqubo uza kuqinisekisa ukuba ulwazi olukhutshwayo luyahambelana ingakumbi kwimiba enxulumene nemigaqo-nkqubo karhulumente kunye nezinto ezilulutho kweli lizwe.
7. Umbono woKwakha iGama leSizwe nokuTshintsha iNdlela eliBonwa Ngayo Eli Lizwe
7.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngeziphumo ngophando lwakutsha nje malunga negama nokuhlonitshwa kweli lizwe obeluqhutywa ngu-Brand SA.
7.2. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga sokuTshintsha iNdlela eliBonwa Ngayo eli Lizwe esicacisa ezi zinto uMzantsi Afrika ugqame futhi nozakhela igama ngazo.
7.3. Esi sicwangciso-qhinga sisekelwe kuhlobo lonxibelelwano oluthungelanayo, iindibano eziqiqisisiweyo kunye namahlakani, kunye nokuba ulwazi olusasazwayo ngeli lizwe kufuneka lulandeleke lula kwiintlobo zabantu namazwe ahlukeneyo.
7.4. U-BrandSA uza kuqalisa inkqubo yokuphehlelela nokusebenzisa esi sicwangciso-qhinga.
C. ImiThetho eYilwayo
1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo wezoKhuselo, wowama-2025
1.1. IKhabhinethi iwuvumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho-siHlomelo oYilwayo wezoKhuselo, wowama-2025. Injongo ephambili yalo Mthetho uYilwayo kukwenza izilungiso kumasolotya athile ngokulandela isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko kumba owawuphakathi kuka-O’Brien N.O kunye noMphathiswa kwezoKhuselo namaGqala eeMfazwe kunye Nabanye wowama-2024.
1.2. Eli tyala lalimalunga nokuzimela kweenkundla zomkhosi, ingakumbi iinkundla zomkhosi ezimbini ekuqalwa kuzo ezasekwa phantsi koMthetho wamaNyathelo okuXabangela imiGaqo yokuziPhatha eMkhosini wowe-1999, iNkundla yeJaji yoMkhosi kunye neNkundla yeJaji ePhezulu yoMkhosi. Ezi zilungiso ziza kulungisa zonke ezi ndawo ziqhwalelayo ngokomgaqo-siseko zichazwe yiNkundla yoMgaqo-siseko.
2. UMthetho-siHlomelo oYilwayo wamaNyathelo okuXabangela imiGaqo yokuziPhatha eMkhosini, wowama-2025
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo wamaNyathelo okuXabangela imiGaqo yokuziPhatha eMkhosini, wowama-2025.
2.2. Injongo ephambi yalo Mthetho uYilwayo kukwenza izilungiso kumasolotya athile ngokulandela isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko kumba owawuphakathi kuka-O’Brien N.O kunye noMphathiswa kwezoKhuselo namaGqala eeMfazwe kunye Nabanye wowama-2024.
2.3. Eli tyala lalimalunga nokuzimela kweenkundla zomkhosi, ingakumbi iinkundla zomkhosi ezimbini ekuqalwa kuzo ezasekwa phantsi koMthetho wamaNyathelo okuXabangela imiGaqo yokuziPhatha eMkhosini wowe-1999, iNkundla yeJaji yoMkhosi kunye neNkundla yeJaji ePhezulu yoMkhosi. Ezi zilungiso ziza kulungisa zonke ezi ndawo ziqhwalelayo ngokomgaqo-siseko zichazwe yiNkundla yoMgaqo-siseko.
3. Ukurhoxiswa kokuphicothwa koMthetho oYilwayo wokuRhweba ngeeNqanawa, wowama-2023
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukurhoxiswa ePalamente koMthetho oYilwayo wokuRhweba ngeeNqanawa, wowama-2023, ukuvumela iSebe lezoThutho ukuba liqukumbele iinkqubo ze-Nedlac.
3.2. Lo Mthetho uYilwayo uguzula uMthetho wokuRhweba ngeeNqanawa wowe-1951 ukuze uzalisekise umbono karhulumente wokuvuselela icandelo lorhwebo ngeenqanawa kwezothutho elwandle oluneenjongo zokufaka isandla kumalinge okuhlumisa uqoqosho.
D. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. Mnu Bongani Sayidini njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) e-Petroleum Agency South Africa.
2. Nks Ditebogo Barbara Kgomo njenge-CEO ye-National Nuclear Regulator.
3. Mnu Makhahlele Richard Manzini njengeGosa eliyiNtloko lezoTyalo-mali le-Small Enterprise Development and Finance Agency (i-SEDFA).
4. Mnu Molatlhegi Kgauwe njenge-CEO ye-SEDFA.
5. Nks Xoliswa Daku njengelungu leBhodi ye-Export Credit Insurance Corporation of South Africa.
6. Mnu Christoffel Johannes Lotter njengelungu leBhodi ye-Ports Regulator of South Africa.
7. Amalungu eBhodi ye-Nuclear Energy Corporation of South Africa.
i. Mnu David Nicholls (uSihlalo).
ii. Gq Vuyo Mthethwa (uSekela-Sihlalo);
iii. Gq Derik Wolvaart;
iv. Gq Khensani Xivuri;
v. Mnu Ismail Lambat;
vi. Gq Pulane Molokwane;
vii. Mnu Eugene Julies; kunye
viii. NoNks Phumelele Dlungwane
8. Abalawuli beBhodi ye-Eskom Holdings SOC Ltd
i. Gq Busisiwe Vilakazi
ii. Mnu Lwazi Goqwana
iii. Mnu Clive Le Roux
iv. Gq Andrew Barendse
v. Gq Dimakatso Matshoga
vi. Gq Kgaogelo Chiloane
vii. Nks Sharmila Govind
viii. Gq Vuyo Peach
ix. Gq Tsakani Mthombeni
x. Nks Bajabulile Tshabalala
xi. Mnu Tshokolo Nchocho
9. Ukuqeshwa kwamalungu ongezelekileyo ebhodi yethutyana ye-Universal Service and Access Agency of South Africa
i. Mnu Busani Ngcaweni;
ii. Nks Yolisa Kedama;
iii. Nks Carmen Cupido; kunye
iv. noNks Rachel Kalidass.
10. Abalawuli beBhodi ye-Cross-Border Road Transport Agency (i-C-BRTA)
i. Mnu. Kevin van der Merwe (uqeshiwe kwakhona) - uSihlalo
ii. Adv. Adila Chowan (uqeshiwe kwakhona)
iii. Nks Loyiso Kula (uqeshiwe kwakhona) – uSekela-Sihlalo
iv. Nks. Keitumetse Mahlangu
v. Nks. Yongama Pamla-Dhludhlu
vi. Gq Dineo Penelope Mathibedi
vii. Nks Zandile Kabini
viii. Mnu Randall Howard
ix. Mnu. Dave Jackson Moswane
E. Ezakutsha nje eziya kwiKhabhinethi
1. INgxelo yoPhando ngokuGqabhuka kweZiko lokuGcina uDaka oluyiNtlenge yoMgodi laseJagerfontein
1.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngeziphumo zophando lobuchwepheshe malunga nokugqabhuka kweZiko lokuGcina uDaka oluyiNtlenge yoMgodi laseJagersfontein esabangela umonakalo ongathethekiyo kwidolophu yaseJagersfontein eFreyistatha. UMphathiswa wezaManzi noGutyulo, uNks Pemmy Majodina uza kuyikhupha le ngxelo iye eluntwini.
1.2. IKhabhinethi ichulumancile kuba abatyholwa sebeqalile ukuxoxa ezinkundleni zamatyala kwiNkundla kaMantyi yaseJagersfontein ngomhla we-11 kweyoMsintsi 2025.
2. Icandelo leze-oli nerhasi loMzantsi Afrika
2.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo ngezintsha malunga nezinto ezenzeka kwicandelo leze-oli nerhasi loMzantsi Afrika. Eli lizwe liqhuba kakuhle kakhulu ekuzameni ukusebenzisa irhasi kumsebenzi wokuphehla amandla ombane nakwizinto ezinxulumene namafutha ezithuthi; amaqula erhasi asemathunjini omhlaba kummandla weKaroo Basin kuqikelelwa ukuba athwele irhasi enokufikelela kwiitriliyoni ezingama-200 ze-cubic feet. Eli lizwe lifuna ukukhawulezisa amalinge okuzingela nokwemba irhasi ne-oli esemhlabeni neselwandle ukuze likwazi ukuzixhamla zombini kangangoko ezi ntlobo zobutyebi bendalo.
2.2. Amaphulo aqhubayo okuzingela kunye nawokuvelisa aquka i-Virgina Gas Project eFreyistatha, i-Amersfoort ne-Volksrust Gas Project eMpumalanga kunye ne-Lephalale Coal Bed Methane Project eLimpopo. Ezi projekthi zinomthamo omkhulu werhasi yendalo kunye nowe-helium. UPhathiswa wezokuLoba, ezamaHlathi nezokusiNgqongileyo sele eyiqukumbele imiGaqo eLawula iRhasi ye-Shale, kwaye iza kupapashwa kwigazethi phambi kokuphela kweyeDwarha 2025. Le Migaqo iza kunika isicwangciso-sikhokelo semithetho eza kulawula izinto eziyimingcipheko kokusingqongileyo nakukhuseleko ezinxulumene nokuqhekezwa kuqhushunjiswa amatye e-shale kuzingelwa irhasi.
3. Imeko yaseSudan kunye notyelelo lwaseburhulumenteni lukaSekela-Mongameli oluya eSouth Sudan
3.1. IKhabhinethi ilugxibhe kabukhali ungquzulwano oluqhubekayo eSudan olubulele abantu abaqikelelwa kuma-60, abaquka abantwana abali-17 bebulawa yi-Rapid Support Forces (i-RSF) ngomhla we-9 kweyeDwarha 2025 e-El Fasher, ikomkhulu laseNorth Darfur eSudan.
3.2. IKhabhinethi ixhalabile ukuba ukuza kuthi ga ngoku, amawaka abemi beliya lizwe basavaleleke e-El Fasher ekungoku nje esele isisixeko sokuhlaselwa kwabantu yi-RSF ngokungenamkhethe into leyo eyenza maxongo nangakumbi imeko yentlalo-ntle yoluntu kula mmandla.
3.3. Kwezinye iindaba, iKhabhinethi iyayamkela intsebenziswano engqingqwa kwimiba enxulumene nokhuseleko, elezobuntlola kunye nokumiselwa kweekomiti zokubambisana phakathi kweSouth Sudan kunye neSudan. IKhabhinethi obu budlelwano bukhulayo ibuthatha njengobubalulekileyo kumalinge okuzisa uzinzo nokhuseleko kula mmandla.
3.4. Njengoko uMzantsi Afrika ungunozakuzaku woxolo, iKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwe ngempumelelo kotyelelo lwaseburhulumenteni nguSekela-Mongameli uPaul Mashatile eJuba, eSouth Sudan, apho ebetyelele njengoMthunywa oKhethekileyo kaMongameli eSouth Sudan. Olu tyelelo lwaseburhulumenteni belugxile ekuvuseleleni amalinge okuphumeza isiVumelwano esiHlaziyiweyo soXolo ebesele singasebenzi.
4. IsiCwangciso soXolo se-Israel nePalestine sikaMongameli uTrump kunye nokuBuya kwamaTshantliziyo e-Global Sumud Flotilla
4.1. IKhabhinethi ikwamkele ukutyikitywa kwesiVumelwano soXolo phakathi kwe-Israel nePalestine sikaMongameli Trump, esithi savulela indlela yokupheliswa kongquzulwano olubi eGaza. Ezi ndaba zihambelana noluvo loMzantsi Afrika lakudala lokulwela uxolo, ubulungisa kwihlabathi kunye nenkululeko yabantu basePalestine.
4.2. IKhabhinethi ikwacela ukuba onke amaqela asihloniphe esi sivumelwano futhi aqalise inkqubo yezopolitiko efanelekileyo nezakuquka wonke umntu eza kuthi iphelise le meko imaxongo yezentlalo-ntle yoluntu ize ikhusele nokubulawa kwabantu.
4.3. IKhabhinethi ikwamkele nokuqaliswa kokuphunyezwa kwesiGaba 1 sesiCwangciso soXolo ngokuthi kukhululwe amabanjwa ase-Israel etshintshiswa ngamabanjwa ezopolitiko ase-Palestine.
4.4. Urhulumente woMzantsi Afrika usaqhubeleka usilwela ukuba iyekwe kwaphela into yokuthatyathwa ngenkani kweGaza kunye neminye imihlaba yasePalestine.
4.5. IKhabhinethi ikwamkele nokubuyiswa ephila amatshantliziyo amathandathu ezentlalo-ntle abethatha inxaxheba kwi-Global Sumud Flotilla, iphulo ebelinjeenjongo zokusa ukutya kunye namayeza eGaza. IKhabhinethi ithi makubekwe phantsi izixhobo, kuvunyelwe imbutho yezentlalo-ntle ingene ngaphandle kokuphazanyiswa kunye nokuhlangulwa ngokukhuselekileyo kwabantu kwiindawo ezigquba ungquzulwano.
5. Izixholo-xholo zezopolitiko eRepublic of Madagascar
5.1. IKhabhinethi ivile ngezidube-dube zezopolitiko eRepublic of Madagascar ezithe zakhokelela ekuswelekeni kwabantu nokutshatyalaliswa kweempahla nezakhiwo.
5.2. IKhabhinethi icela kubekho inzolo nokuba bonke abantu/abathathi-nxaxheba ukuba bazame ukufuna isisombululo soxolo kule ngxaki ivelele eli lizwe ngendlela eza kulandela imigaqo yolawulo lwentando yesininzi futhi ehlonipha nomthetho.
F. Imisitho Ezayo
1. INyanga yezoThutho
1.1 Njengoko siphawula iNyanga yezoThutho kule nyanga yeDwarha, uMzantsi Afrika ubhiyozela indima ebalulekileyo yezothutho ekuqhubeni uqoqosho lweli lizwe kunye nokutshintsha iimpilo zethu. Njengoko lenyanga ngoku sele iqhuba, isikhumbuzo sonyaka siza kubonisa ubunganga beziseko ezingundoqo zecandelo lezothutho lweli lizwe ukusuka kwezophapho emoyeni, emanzini, izithuthi zikawonke-wonke kunye neendlela.
1.2 Utyalo-mali esilwenzileyo kwicandelo lezothutho lukhwezela uhlumo loqoqosho, ukudalwa kwemisebenzi. Umsebenzi wokuphucula imizila kaloliwe, iindlela kunye nezithuthi zikawonkewonke uyayitshintsha indlela abemi boMzantsi Afrika abaya ngayo emisebenzini, ezikolweni, kwiindawo zolonwabo kwaye wenza kube lula ukuhamba-hamba ukwavula namathuba.
1.3 Eyona nto ithe yagqama kakhulu kule Nyanga yezoThutho yi-SA Auto Week, ibibanjwe ukususela ngomhla woku-1 ukuya kowesi-3 kweyeDwarha eNelson Mandela Bay. Lo msitho ubuntlobo-ntlobo ubuzinyaswe ngoomakhwekhwetha kwezothutho, abatyali-zimali, iinkampani ezivelisa iintsimbi zokuqala zeemoto kunye nee-SMME ukuqalisa iingxoxo malunga nokunyuswa komthamo worhwebo, uphuhliso lwezakhono kunye nokwakhiwa kwamashishini ngendlela eza kuquka wonke umntu kubo bonke oomasipala abambaxa kunye namaphondo, ngolo hlobo kufakwa isandla kumalinge oMzantsi Afrika okwakha icandelo lezothutho langomso elinolingwano neliqhubela phambili.
2. INgqungquthela yesi-7 yoBulungisa kwezeNtlalo
2.1. UMongameli Cyril Ramaphosa uza kuzimasa iNgqungquthela yesi-7 yoBulungisa kwezeNtlalo kwiDyunivesiti yaseStellenbosch ngomhla we-17 kweyeDwarha 2025 phantsi komxholo othi; uBulungisa kwezeNtlalo, Ukutya oKwaneleyo kunye noXolo: IiNdlela eziya kuLingwano, uBumbano, uZinzo nokuKwazi ukuNyamezela uGuqu-guquko lweMozulu”.
2.2. Le ngqungquthela iza kuzinyaswa zingcali zoqulunqo lwemigaqo-nkqubo, amalungu eepalamente, imibutho yezopolitiko, amagosa eenkundla, iinkokeli zomthonyama nezenkolo, imibutho yoluntu kunye nezifundiswa eziza kubamba iingxoxo ezikwizinga eliphezulu malunga nokuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneleyo njengeyona nto iphambili kubulungisa bezentlalo, ulingwano nophuhliso oluzinzileyo.
2.3. Le ngqungquthela ineenjongo zokukhawulezisa umsebenzi owenziwayo wokuzalisekisa iNjongo 2 yoPhuhliso oluZinzileyo (Ukuphelisa Tu Indlala) kunye ne-Ajenda ye-AU yowama-2063. Ikwahambelana nesiCwangciso seSizwe soPhuhliso sowama-2030 soMzantsi Afrika, esikhokelisa phambili ukupheliswa kwendlala nokuliwa kokungalingani.
3. INgqungquthela yase-Afrika yowama-2025
3.1. INgqungquthela yase-Afrika eququzelelwa yi-Financial Times iza kubanjwa eLondon phakathi komhla wama-21 nowama-22 kweyeDwarha 2025 phantsi komxholo othi: “I-Afrika kula Maxa Atshintshayo”
3.2. Le ngqungquthela iza kuzinyaswa zintloko zemibuso, abaphathiswa, iinkokeli zezoshishino, oongxowankulu, amachule okuyila ukugwadla ukuba amazwe ase-Afrika enze ntoni ngezi zivumelwano zentsebenziswano zehlabathi zitshintshwa imihla nezolo, ukuxhamla amathuba eza nobuchwepheshe obuhlaziyekayo nobale mihla, ukuqinisa amatyathanga orhwebo phakathi kwamazwekazi kunye nokurhwebesha utyalo-mali oluzinzileyo.
3.3. Le ngqungquthela iliqonga eliza kwenza izimvo ze-Afrika ziviwe lihlabati, apho kuza kutyikitywa izivumelwano zentsebenziswano kuqingqwe nekamva elisekelwe kumba wokunyamezela nohlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke.
4. IiMviwo zeMatrikhi
4.1. IKhabhinethi inqwenelela abafundi abenza iBanga leMatrikhi ngowama-2025 okuhle kodwa njengoko belungiselela ukubhala iimviwo zeBanga leMatrikhi (i-NSC) eziza kuqala ngomhla wama-21 kweyeDwarha 2025 zigqitywe ngomhla wama-27 kweyeNkanga 2025.
4.2. Urhulumente uthi amaqobokazana angalal’endleleni kunyembelekile kootitshala, abazali, abagcini-bantwana kuba inkxaso yabo engenamikhinkqi iza kunika abafundi isibindi nokuzithemba bokuba bagqweswe kwiimviwo.
4.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubazali nabagcini-bantwana ukuba baqhubeleke bedlala indima ebonakalayo ngokukhuthaza nokuntyontyela abafundi, ngelithuba beqinisekisa nokuba babanika inkxaso kangangoko neemeko ezifanelekileyo zokufunda nokulungiselela iimviwo emakhaya.
G. Imiyalezo
1. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano ebantwini nakurhulumente:
- Walowo wayeyiNkulumbuso yaseKenya (ukususela ngowama-2008 ukuya kowama-2013), uMnu Raila Odinga. Wayekwanguye noNozakuzaku oPhezulu weMbumba ye-Afrika oJongene noPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo (ukususela ngowama-2018 ukuya kowama-2023). Igqala losopolitiki waseKenya ebelilungu lePalamente.
IKhabhinethi ithi tutwini kwizihlobo kunye nosapho: - lwalowo wayenguMphathiswa waze wanguNozakuzaku woMzantsi Afrika eFrance, uMnu Nathi Mthethwa futh nowayelilungu leKhabhinethi iminyaka eli-15 enguMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko kwakunye nowezamaPolisa ngale minyaka. Futhi wadlala nendima enkulu kumzabalazo wenkululeko woMzantsi Afrika. Njengokubulela imisebenzi yakhe engenachaphaza esebenzela ilizwe lakuthi nabantu balo, uMongameli Ramaphosa ubhengeze ukuba uza kukhatshwa ngoMngcwabo wasebuRhulumenteni oKhethekileyo okwiNqanaba 2.
2. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:
- KuNjingalwazi Peter Mutharika ngokuphumelela unyulo-jikelele e-Republic of Malawi kwaye imnqwenela impumelelo njengoko elungiselela ukuthatha umsebenzi onzima kakhulu awuthwaliswe ngabantu baseMalawi. UMzantsi Afrika uyathemba ukuba iza kuqhubeleka intsebenziswano emandla nombuso kaNjingalwazi Mutharika, apho siza kusebenzisa ukuqinisa ngamandla ubudlelwane bobuhlobo nentsebenziswano phakathi kwala mazwe ethu mabini.
- KuNjingalwazi Priya Soma-Pillay ngokonyulwa njengoSekela-Mongameli we- International Federation of Gynaecology and Obstetrics (i-FIGO) ngethuba le-2025 FIGO General Assembly eKapa.
- UMzantsi Afrika ufumene iwonga ngomsebenzi wawo oyimbali wokulwa ukutyeba ngokugqithisileyo ebantwini kunye nezifo ezingosuleliyo, ngalo msebenzi ufumene i-UN Inter-Agency Task Force Award e-10th Annual Friends of the Task Force Meeting eNew York, e-USA. Eli wonga lingqina ukuba uMzantsi Afrika ungumakhwekhwetha kumsebenzi wokulwa ukutyeba ngokugqithisileyo ebantwini kunye nezifo ezingosulelieyo, into leyo ingumzekelo onokusetyenziswa ngamanye amazwe kwidabi lokulwa izifo ezithintelekayo.
- I-ofisi yoMkhuseli woLuntu woMzantsi Afrika (i-PPSA) igqiba iminyaka engama-30 oko yasekwayo. I-PPSA idlala indima emandla ekulandeleni imigaqo yolawulo lwentando yesininzi, ukwenzela izinto elubala nolawulo olufanelekileyo.
- I-Springboks ngokuphumelela i-Rugby Championship izihlandlo ezibini zilandelelana. Eli qela liphindile kwakhona labonakalisa ukukwazi ukumelana neenzima, ubuchule, umanyano phambi kwamazwe ehlabathi.
- Iqela leBhola eKhatywayo leSizwe loMzantsi Afrika labaneminyaka engaphantsi kwengama-20, eliteketiswa ngelokuba ngama-Amajita, ngokufikelela kumaqela okugqibela ali-16 kwiNdebe yeHlabathi ye-FIFA yabangaphantsi kweminyaka engama-20 eChile.
Ikhutshwe: LiZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa Kolwazi LukaRhulumente (i-GCIS)
Imibuzo: Mnu Sandile Nene
iBambela leSithethi SikaRhulumente
Umnxeba: 083 712 2316

