Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla we-12 kweyeNkanga 2025

A.    Imiba engundaba-mlonyeni

1.    Ezoqoqosho
1.1.    INtetho yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-Mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS) lowama-2025 igxininisa kuhlumo loqoqosho
1.1.1.    IKhabhinetih iyamkele iNtetho yoMgaqo-nkqubo woHlalo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS) lowama-2025 njengenxalenye yamalinge aqhubayo karhulumente okukhwezela uhlumo loqoqosho, okudala imisebenzi nokulungisa ingxaki yeendleko zokuphila.
1.1.2.    I-MTBPS ibhengeze ukutshintsha kumyinge omiselweyo wonyuko-maxabiso kwabeka umyinge ongqalileyo oyi-3%. Izinto eziluncedo ngomyinge ophantsi wonyuko-maxabiso kwimivuzo yabantu ziquka ukunqanda ukunyuka ngokugqithisileyo kweendleko zokuphila, ukulwela ukuba kubekho uzinzo kumaxabiso into leyo eza kwenza ukuba abantu bakwazi ukuthenga izinto, ixhase namaphulo alwela ulingwano lwemivuzo kunye nokuqinisekisa ukuba abantu abayisebenzisi imali abayibeke elugcinweni. 
1.1.3.    Kuqoqosho lukazwelonke, injongo kukuxhasa amalinge okuqokelela imali kunye nawokuzisa uzinzo kwimali yeli lizwe zinto ezo zibalulekileyo kwindlela elithenjwa ngayo eli lizwe ngabatyali-zimali kunye nohlumo loqoqosho. Iingcali zikaNondyebo weSizwe/iBhanki enguVimba ezize nezi ziphakamiso zokuba kwenziwe utshintsho kuMgaqo-nkqubo weziMali, zizithathele ingqalelo izinto ezingentlanga ezinokwenziwa lolu tshintsho kodwa iKhabhinethi iye yacetyiswa ukuba le yiyona ndlela ingcono ekufuneka ithathwe xa kujongwe iimeko zanamhlanje.
1.1.4.    I-MTBPS iphinde yakubethelela ukuzibophelela kukarhulumente ekuphuculeni iinkonzo ezingundoqo ezifana nezempilo, imfundo, izibonelelo zezentlalo zokugxotha ikati eziko kwabo bangathathi ntweni ngeli thuba ekhuthaza utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo zikarhulumente ezikumacandelo afana nelezamandla, elezamanzi nelezothutho.

1.2.    UPhando lwezabaSebenzi lweKota lubonisa ukuba kudalwe imisebenzi ethe chatha engama-248 000 kwiKota 3 yowama-2025
1.2.1.    IKhabhinethi ilwamkele uPhando lweKota lwezabaSebenzi leZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-StatsSA) olunika ingxelo yokuba kudalwe imisebenzi ethe chatha engama-248 000 kwiKota 3 yowama-2025, ngolo hlobo lwenyuka inani labantu abaphangelayo laya kutsho kwizigidi ezili-17.1 laze nezinga elisemthethweni lentswela-misebenzi lehla nge-1.% laya kutsho ku-31.9% kule kota.
1.2.2.    Njengoko inani lemisebenzi linyukile kwicandelo lezokwakha, kwelenkonzo zoluntu nezentlalo, kunye nelezorhwebo, iKhabhinethi ichulumancile yile misebenzi ivelileyo kula macandelo angundoqo oqoqosho. Le misebenzi mininzi ivele kwicandelo lezokwakha ihambelana nala malinge karhulumente okugxininisa kuphuhliso lweziseko ezingundoqo, okuhambelana kanye nale mali iyitriliyoni yeerandi ibibekelwe iziseko ezingundoqo kuHlalo Lwabiwo-mali lowama-2025 yaze yaphinda yaqinisekiswa kwi-MTBPS.

1.3.    Abakhenkethi abazizigidi eziyi-7.6 bangene kweli lizwe phakathi kweyoMqungu neyoMsintsi 2025
1.3.1.    IKhabhinethi izamkele iingxelo ezincumisayo zokuba abakhenkethi abaphuma kumazwe ehlabathi abazi-7 634 261 bangene kweli lizwe phakathi kwenyanga yoMqungu neyoMsintsi 2025, inani elo linyuke ngabakhenkethi abasi-1 108 222 xa lithelekiswa neli xesha linye ngowama-2024 into leyo engqine ukuba uMzantsi Afrika lilizwe elithandwa kakhulu ngabakhenkethi. 
1.3.2.    Amazwe anamanani akhula ngokukhawuleza abantu abakhenkethela kweli lizwe nguMbindi-Mpuma nge-58%, kummandla wase-Yurophi inani likhule nge-29%, amazwe aphambili e-Afrika akhule nge-28%, uMntla Melika nge-22% yaze yona i-Asia yayi-11%.

1.4.    IBiovac yaseMzantsi Afrika ivelisa ichiza lokugonyela iKholera – ichiza lokugonya lokuqala ezimbalini ukuveliswa eMzantsi Afrika
1.4.1.    IKhabhinethi imqhwabele izandla iBiovac kunye neSebe lezeMpilo, nelezeNzululwazi, ubuChwepheshe noYilo ngokuphehlela ngokusesikweni ichiza lokugonya elilelokuqala ezimbalini ukuveliswa apha eMzantsi Afrika.
1.4.2.    Into yokuba iBiovac ikwazi ukuvelisa ichiza lokugonyela iKholera eMzantsi Afrika ibonisa ukuba uMzantsi Afrika ungumakhwekhwetha nawo kwezamachiza, ezenzululwazi kunye nezobuchwepheshe into leyo ewenze wasuka ekubeni lilizwe elincamathisela nje iilebhile kumachiza asele enziwe njengakwichiza le-BNG laba lilizwe elivelisa amachiza ngokwalo. Intsebenziswano phakathi kweBiovac, i-Human Sciences Research Council kunye ne-CSIR ibonisa ukuba ubambiswano olumandla kumaqumrhu karhulumente ukusabela kwimingeni elijamelene nayo eli lizwe. 
1.4.3.    IKhabhinethi inethemba elikhulu lokuba iBiovac, namahlakani ayo baza kuba negalelo elikhulu kule minyaka izayo kumalinge okulwa izifo eMzantsi Afrika nakwi-Afrika ngokuvelisa amachiza aza kulwa kanye izifo ezixhaphakileyo kweli lizwekazi lakuthi.

2.    I-G20
2.1.    Sekusele nje iintsukwana ezisithoba kunye namaLungiselelo eNgqungquthela ye-G20
2.1.1.    Njengoko sele kusele nje iintsukwana ezisithoba (9) phambi kweNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20 ngomhla wama-22 nowama-23 kweyeNkanga 2025, e-NASREC eRhawutini, iKhabhinethi iqinisekile ukuba uMzantsi Afrika ukulungele ukusingatha ngempumelelo iNgqungquthela ye-20 kweli lizwekazi le-Afrika. 
2.1.2.    Urhulumente ukwakulungele nokusingatha iNgqungquthela yezeNtlalo ye-G20 kwiintsukwana nje ezintlanu (5) ezizayo ngomhla we-18 ukuya kowama-20 kweyeNkanga 2025 eBirchwood Hotel nase-OR Tambo Conference Centre, e-Ekurhululeni.
2.1.3.    Ukususela oko wathatha isikhundla sokuba nguMongameli we-G20, uMzantsi Afrika sele usingathe iintlanganiso zamalungiselelo ezili-130 ezingakhange zibe namagingxi-gingxi waze wasebenzisa eli thuba nokuqhayisa ngezinto ezahlakeneyo ezikhoyo kuwo onke amaphondo eli kunye neendawo ezinomtsalane kubakhenkethi. Iphondo ngalinye likwazile ukusingatha umsitho walo wokwenza amalungiselo e-G20. 
2.1.4.    Izicwangciso ezibanzi zezokhuselo nokhuseleko kwiNgqungquthela yeeNkokeli kunye neNgqungquthela yezeNtlalo ziphethwe futhi ziququzelelwa zii-arhente zezokhuselo ezifanelekileyo. UMongameli uza kuya kuhlola kwisithili sase-NASREC ngoLwesihlanu, umhla we-14 kweyeNkanga 2025.
2.1.5.    Indibano nonoondaba engeMeko yamaLungiselo e-G20 iza kubanjwa ngeCawa, umhla we-16 kweyeNkanga 2025 apho abemi beli kunye namahlakani ehlabathi eza kunikwa ingxelo egcweleyo, kuquka nezinto ezibonakalayo ezenziweyo ukususela oko uMzantsi Afrika wabamba isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 ngeyeNkanga 2024.

3.    Ezamandla
3.1.    IKhabhinethi isamkele isibhengezo esenziwe ngu-Eskom sokuba iQumrhu leSizwe eliLawulo iNyukliya likuvumile ukwandiswa kwexesha yelayisenisi ngeminyaka engama-20 e-Koeberg Unit 2, into leyo iza kwenza ukuba ihlale isebenza kude kube yinyanga yeNkanga 2045. Linyathelo elibaluleke kakhulu eli eliza kunceda ukuba kubekho uzinzo kwezamandla kweli lizwe nakule minyaka iliqela izayo kwaye libonisa ukuzimisela kuka-Eskom ukuba ahambisane nemigangatho yezokhuseleko kwinyukliya ekwizinga lehlabathi.
3.2.    IKhabhinethi iphinde yamkela nesibhengezo seQumrhu leSizwe eliLawula ezaMandla eMzantsi Afrika (i-Nersa) sokubhaliswa kweenkampani ezintsha zokuphehla umbane ezili-181 kwikota yesibini yonyaka-mali wama-2025/26.
3.3.    La maziko matsha aza kuvelisa umbane oli-1 401 MW futhi aze notyalo-mali oluqikelelwa kwimali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-30.78.

4.    Ezamazwe ngamazwe
4.1.    UMzantsi Afrika wonyulwe njengeSihlalo weThutyana we-SADC kwiNgqungquthela eNkulu yeeNtloko zemiBuso ye-SADC.
4.1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga neziphumo zeNgqungquthela eNkulu yeeNtloko zemiBuso nooRhulumente be-SADC ibibanjwe ngomhla wesi-7 kweyeNkanga 2025 kunye nokonyulwa koMzantsi Afrika njengoSihlalo wethutyana we-SADC kude kube yinyanga yeThupha 2026 xa kuza kubanjwa iNgqungquthela.
4.1.2.    Ngoku uMzantsi Afrika ubambe esi sikhundla sokuba nguSihlalo weThutyana we-SADC kude kube yinyanga yeThupha 2026 uza kuqhubeleka neza nkqubo beziqaliswe yiMadagascar zazamkelwe ngokusesikweni yi-SADC ziphantsi kwesi sihloko: “Ukwakhiwa kwamashishini, iiNguqu kwezoLimo, nokuTshintsha ezaMandla kuLungiselelwa i-SADC ekwaziyo ukuNyamezela”.
4.1.3.    UMzantsi Afrika ube nguSihlalo wethutyana emva kokurhoxa kweMadagascar kwesi sikhundla kuba ifuna ukujonga nomsebenzi wokuzisa uzinzo kweliya lizwe emva kwezidube-dube zakutsha ebezikhokelwa luluntu.
4.1.4.    I-SADC imqhwabele izandla oHloniphekileyo, uNjing. Arthur Peter Mutharika, uMongameli weRiphabhlikhi yaseMalawi; oHloniphekileyo uGq. Patrick Herminie, uMongameli weRiphabhlikhi yaseSeychelles; kunye noHloniphekileyo uGq. Samia Suluhu Hassan, uMongameli we-United United Republic of Tanzania, ngokuthi baphumelele unyulo kumazwe abo ahlukeneyo. 
4.1.5.    I-SADC ithumela amazwi ovelwano kwiintsapho zabo basutywe kukufa ngethuba logwayimbo obelwenzeke eRiphabhlikhi yaseMadagascar ngeyoMsintsi, kwakunye nolo belusanda ukwenzeka e-United Republic of Tanzania.

4.2.    Ukubuyiswa kwezaphuli-mthetho kwamanye amazwe: Ukuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka eMzantsi Afrika
4.2.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nomgama osele uhanjiwe ngezicelo zoMzantsi Afrika zokubuyiswa kwezaphuli-mthetho eziseBotswana naseMalawi.
4.2.2.    IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukubaluleka komgomo othi bonke abantu abatyholwa ngolwaphulo-mthetho kufuneka bajongane nengalo yomthetho eMzantsi Afrika futhi baphendule ngokugcweleyo ngezenzo zabo kwaye iSebe lezoBulungisa nokuPhuhliswa koMgaqo-siseko lithembisile ukuba liza kubhena ngesigqibo senkundla yaseMalawi malunga noMnu Bushiri.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    Ukuhlonyelwa koMgaqo-nkqubo wokuMelwa ngamaGqwetha kaRhulumente
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukwenziwa kwezilungiso kuMgaqo-nkqubo wokuMelwa ngamaGqwetha kaRhulumente. Injongo yesi silungiso ukuvumela ukuba abasebenzi kaRhulumente, abaquka abo yayingabasebenzi bakarhulumente ngaphambili, amalungu ecandelo leenkundla namalungu esigqeba bamelwe ngamagqwetha karhulumente kwimiba enxulumente nemisebenzi yabo ngokwezikhundla abakuzo. 
1.2.    Esi silungiso siza kuquka abasebenzi bakaRhulumente, amalungu ecandelo lezeenkundla, amalungu esigqeba xa bethe bacelwa ukuba bazokuncedisa iiKhomishini zoPhando, ngemiba enxulumene nomsebenzi wabo ngoku babesengabasebenzi bakarhulumente, bengamalungu ecandelo leenkundla futhi bengamalungu esigqeba.

2.    UMzantsi Afrika uvakalisa injongo zawo zokuFaka isiCelo sokuSingatha imiDlalo yee-Olimpikhi yowama-2036 okanye yowama-2040
2.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika uqalise iiNgxoxo eziQhubayo ne-IOC njengenxalenye yenjongo yawo yokufaka isicelo sokusingatha imiDlalo yee-Olimpikhi yowama-2036 okanye yowama-2040. Ezi ngxoxo ziqhubekayo ne-IOC zindibano ezibaluleke kakhulu zokugabula izigcawu ukuvakalisa injongo yoMzantsi Afrika yokufaka isicelo selungelo lokusingatha imiDlalo yee-Olimpikhi neyePharalimpikhi ngowama-2036 okanye ngowama-2040.
2.2.    IKhabhinethi iqinisekile ukuba uMzantsi Afrika ukulungele ukusingatha ii-Olimpikhi xa ijonga nje iziseko ezingundoqo ezikhoyo eMzantsi Afrika.

3.    INkqubo yokuThatha amaNyathelo ngokuQeshwa kwaBantwana yesiHlanu (i-CLPA) yoMzantsi Afrika yowama-2025 – 2029 
3.1.    IKhabhinethi iyivumile i-CLPA yesiHlanu, esisicwangciso-sikhokelo sesizwe seli lizwe sokulwa ingxaki yokuqeshwa kwabantwana. I-CLPA liphulo elikhokelwa ngurhulumente elineenjongo zokuphucula imithetho kunye nendlela ethotyelwa ngayo, ukufundisa uluntu kunye nokuququzelela amaphulo okusebenzisana nemibutho yoluntu ukuxhasa abantwana abaqeshwe emisebenzini. Kusakhekwa kwizinto ezifundwe kwezi zigaba zingaphambili, esi sigaba sesihlanu sinenjongo sifuna ukuqulunqa amanyathelo okungenelela angqalileyo nahlangeneyo, kugxininiswa kumba wokubonwa kwangethuba kunye nokunika inkxaso ebanzi kubantwana abachaphezelekayo nabasemngciphekweni.

4.    Ukuvulwa kwe-Pebble Bed Modular Reactor (i-PBMR) njengoko ingasekho phantsi kwemeko yokulungiswa
4.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukuvulwa kwe-PBMR njengoko ingasekho phantsi kwemeko yokulungiswa ukuze uMzantsi Afrika ukwazi ukuyila obunye ubuchwepheshe be-PBMR.
4.2.    Esi sigqibo siza kuzalisekisa iphupha loMzantsi Afrika lokuthatha inxaxheba kwiinkqubo zezibaso zenyukliya futhi siza kubeka eli lizwe kwindawo efanelekileyo ukuba udlale indima kubuchwepheshe bokuvelisa i-Small Modular Reactor Technology.
4.3.    IKhabhinethi ikuvumile nokutshintshwa kwenkampani ye-Pebble Bed Modular Reactor isuke kwa-Eskom ibe phantsi ko-NECSA.

C.    ImiThetho eYilwayo

1.    UMthetho oYilwayo weeNkokeli zeMveli nezamaKhoi-San
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo weeNkokeli zeMveli nezamaKhoi-San, wowama-2025. Lo Mthetho uYilwayo usabela kwisigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko esazisa ukuba uMthetho weeNkokeli zeMveli nezamaKhoi-San wowama-2019 awusebenzi, ngenxa yezinto ezazisilela kumaphulo entatho-nxaxheba yoluntu ngethuba usaphicothwa yiPalamente. 
1.2.    Ngowama-2024, iKhabhinethi yakuvuma ukupapasha koMthetho oYilwayo weeNkokeli zeMveli nezamaKhoi-San, wowama-2024 ohlaziyiweyo ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uhlaziyiweyo uza kunika iPalamente ithuba lokuba yenze ngokomyalelo weNkundla yoMgaqo-siseko. UMthetho weeNkokeli zeMveli nezamaKhoi-San wowama-2019 wangena endaweni yoMthetho wesiCwangciso-sikhokelo soLawulo kunye neeNkokeli zeMveli wowama-2003.

D.    Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Mnu Mashwahle Joseph Diphofa njengoMlawuli-Jikelele weSebe leMicimbi yeMveli (ukuhlaziywa kwesivumelwanot).

2.    Ukuqeshwa kwamalungu e-South African National Energy
3.    Ukuqeshwa kwabaLawuli abangeyoNxalenye yesiGqeba soLawulo e-Land Bank
i.    Mnu Basil Mpumelelo Maseko; kunye
ii.    noNks Siphumelele Balungile Dlungwane.

4.    Ukuqeshwa kwakhona kwabaLawuli abangeyoNxalenye yesiGqeba soLawulo kwiBhodi ye-Development Bank of Southern Africa 
iii.    Mnu Kenneth Willy Brown; kunye
iv.    noNks Dinao Modirwadi Lerutle.

5.    Ukuqeshwa kwamalungu e-South African National Energy Development Institute (i-SANEDI)
i.    Mnu Sicelo Goodwill Xulu (usihlalo)
ii.    Nks Nonkosi Koranteng (usekela-sihlalo)
iii.    Njing. Anastassios Pouris, kunye
iv.    noNks Octavia Matshidiso Matloa

E.    Ezintsha eziya kwiKhabhinethi
1.    I-Junior Mining Exploration Fund (i-JMEF) 
1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngeza kutsha nje malunga nomgama osele uhanjiwe kwi-JMEF, kuquka nomsebenzi osele wenziwe ngokukhutshwa kwemali yokuqala kunye nezicwangciso zokwenza utshintsho kwi-JMEF ibeyi yingxowa-mali ezimeleyo. IKhabhinethi yayivuma i-JMEF ngowama-2022 ukuba ixhase amashishini afanelekileyo asakhasayo ezezimbiwa aqhuba umsebenzi wokuzingela izimbiwa. Ngela xesha, le ngxowa-mali izibekele ukuba iza kutsalela eMzantsi Afrika i-5% yemali echithwa lihlabathi kumaphulo okuzingela izimbiwa. 
1.2.    Ukususela ukusekwa kwayo, le ngxowa sele imisele amaqumrhu olawulo yaze yaqalisa nesiGaba 1 sezimbiwa ezingundoqo ekujoliswe kuzo ezifana nekopolo, i-nickel, graphite, lithium kunye nezinye izimbiwa ezinqabileyo. Ngesi sigaba, kufunyenwe izicelo ezili-119 ezixabisa izicelo zenkxaso-mali ezizibhiliyoni zeerandi eziyi-3.7. Kwezi zicelo, ezingama-46 zifunyaniswe ukuba zifanelekile, into leyo ebonisa ukuba abatyali-zimali banolangazelelo olukhulu futhi nokuba amathuba otyalo-mali maninzi.

2.    Umsebenzi osele wenziwe malunga nokuqaliswa kwezinye iindlela zokuxhasa ngemali ukuphucula nokwandisa iziko lesizwe lombane
2.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokuqaliswa kwezinye iindlela zokuxhasa ngemali ngeenjongo zokuphucula nokwandisa iziko lesizwe lokuhanjiswa kombane, kuquka nokusekwa kwe-Independent Transmission Project Office (i-ITPO) ngaphakathi kwi-Independent Power Producers Office. NgeyoMnga 2023, iKhabhinethi yayivuma i-Nkqubo ye-ITP ukuba ivumele iinkampani zabucala ukuba zithathe inxaxheba kumba wokwakhiwa, ukuxhaswa ngemali, ukuphuhliswa kunye nakwindlela obusebenza ngayo obu buxhakaxhaka butsha bokuhanjiswa kombane kulandelwa imithetho enyanzelisa ukuba izinto zenzelwe ekuhleni. 
2.2.    Mkhulu umsebenzi osele wenziwe ekuqinisekiseni ukuba ziyasebenza ezi ndlela zintsha zokuxhasa ngemali umsebenzi wokwandisa ubuxhakaxhaka bokuhambisa umbane, ingakumbi ngokunxulumene nokudala iimeko ezifanelekileyo ze-Independent Transmission Projects. 
2.3.    IsiGaba 1 seNkqubo ye-ITP kulindeleke ukuba sikhokelele ekwakhiweni kweepali neentambo ezihambisa umbane ezingumgama oyi-1.164 km kunye nokwakhiwa kwamaziko ophehlo-mbane amatsha. Iindibano zokufakana imilomo uRhulumente ebezibambe nabatyali-zimali zingqinile ukuba maninzi amashishini afuna ukuthatha inxaxheba kweli phulo lokwandisa nokuphucula ubuxhakaxhaka bokuhambisa umbane eMzantsi Afrika. Ukupapashwa kwigazethi kwemithetho elawula ukuhanjiswa kombane eseluyilo kunye nesiGqibo esiSekweni soMphathiswa kuyinxalenye yalo msebenzi sele wenziwe.

3.    Ingxelo malunga neziphumo zotyelelo lwaseburhulumenteni lwe-African Diamond Producers Association (i-ADPA) obeluye eRiphabhlikhi yaseBotswana
3.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo ngeziphumo zotyelelo lwaseburhulumenteni obeluye eBotswana ngeenjongo zokukhuthaza iBotswana ukuba ibe lilungu le-African Diamond Producers Association (i-ADPA).
3.2.    I-ADPA yasekelwa ukukhuthaza intsebenziswano phakathi kwamazwe avelisa iidayimani ase-Afrika, ukuqinisekisa ukuba iyahambelana imithetho esetyenziswayo, kunye nokulwela ukuba i-Afrika ithethe ngazwi-nye xa ikumaqonga ehlabathi ecandelo ledayimani. Nangona iBotswana ilelinye lamazwe avelisa umthamo omkhulu wedayimani e-Afrika, yakhetha ukuba ingabililungu le-ADPA ukususela oko yasekwayo ngowama-2006.
3.3.    Emva kokuba uMphathiswa uMantashe etyelele eliya lizwe, iBotswana ukutsho oko, ikuvumile okwangoku ukuba ibe lilungu le-ADPA yaze yacela uMzantsi Afrika ukuba udibanise iintloko ne-Ofisi kaNobhala we-ADPA ukuze ithathe inxaxheba njengelizwe elingumakhi-mkhanyo Olu tyelelo lukubethelele ukuba uMzantsi Afrika neBotswana ngamahlakani asebenzisanayo, kunye nendlela ilizwe ngalinye kula mabini eliza kuxhamla ngayo kwelinye ngokwezimbiwa kunye nophuhliso lweli lizwekazi.

4.    IziVumelwano nee-Arhente zokuThengisa uMbane (i-DDA) kunye no-Eskom
4.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga ne-DDA futhi iyakuxhasa ukuba iqalise ukusetyenziswa. I-DDA sisivumelwano apho u-Eskom asebenza njengequmrhu eliza kuthathela kulo omsebenzi woomasipala wokuthengisa umbane, kuquka ukukhandwa, ukulungisa ubuxhakaxhaka bombane kunye nokuqokelelwa kwengeniso.
4.2.    Oku kwenzelwe ukulungisa umba onxulumene netyala loomasipala kunye nezinga eliphantsi lokuhanjiswa kweenkonzo, ukuze kwenziwe umbane ungacima-cimi rhoqo kunye nokunceda oomasipala bakwazi ukulawula amacandelo ezombane wabo.
4.3.    Ezi ziVumelwano zibaluleke kakhulu ukunceda kuphuculwe indlela esetyenziswa nelawulwayo ngayo imali, kuqokelelwe ingeniso ngokufanelekileyo kuze kuqinisekiswe ukuba kukho uzinzo kubo bonke oomasipala njengenxalenye yomsebenzi ogunyaziswe iSebe lezaMandla noMbane ukuqinisekisa ukuba icandelo lokuthengiswa kombane lithembekile, lenza izinto elubala futhi lizinzile.

F.    Imisitho Ezayo
1.1    INyanga yokuFundisa ngamaLungelo abaKhubazekileyo
1.1.1    Eli lizwe lihlonipha iNyanga yokuFundisa ngamaLungelo Abantu abaKhubazekileyo (i-DRAM) ukususela ngomhla wesi-3 kweyeNkanga ukuya kowesi-3 kweyoMqungu phantsi komxholo othi: “UkuNgena kwiziVumelwano eziBalulekileyo zamaCandelo aHlukeneyo ukwenzela uKwakha iSizwe esiQuka Abantu abaKhubazekileyo”. Le nyanga iza kuqukunjewa ngomsitho woSuku lweHlabathi nolweSizwe laBantu abaKhubazekileyo ngomhla wesi-3 kweyoMnga. – IKhabhinethi nayo njengabemi bonke boMzantsi Afrika iyazibandakanya kwiphulo lokufundisa, ukulwela ukuqukwa komntu wonke kunye nolingwano. 
1.1.2    URhulumente uyaqhubeleka esilwela ukuba liqalise ukusetyenziswa iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wamaLungelo Abantu abaKhubazekileyo, into engqina ukuzibophelela kwakhe ekwakheni isizwe esiquka wonke umntu apho bonke abantu abakhubazekileyo bexhamla amalungelo ngokulinganayo, benikwa isidima sabo futhi bethatha inxaxheba ngokubonakalayo.
1.1.3    Nangona sele umkhulu umsebenzi owenziweyo ekulweleni amalungelo abantu abakhubazekileyo, iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo kweli lizwe ukuba adlale eyawo indima ekususeni imiqobo esekhoyo nokuqinisekisa ukuba abantu abakhubazekileyo baxhamla ngokulinganayo.

2.    Letsema! UMzantsi Afrika uyamanyana ukuPhelisa ubuNdlobongela Obenziwa kumaNina naBantwana

2.1    Njengoko sisondela kwiPhulo lonyaka leeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo bokuLwa ubuNdlobongela oBenziwa kumaNina naBantwana eliza kuqhuba ukususela ngomhla wama-25 kweyeNkanga ukuya kowe-10 kweyoMnga 2025 phantsi komxholo othi: “Letsema: Amadoda, amaNina, amaKhwenkwe namaNtombazana besebenzisana ukuphelisa ubuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwamaNina (i-GBVF)”. IKhabhinethi ixhalabe kakhulu kukuba nangona urhulumente, imibutho yoluntu, amashishini kunye noluntu besenza konke okusemandleni ukulwa esi sihelegu, uMzantsi Afrika usajamelene nengxaki yamazinga aphezulu ngokugqithisileyo e-GBVF.
2.2    Ngelokusabela kula mazinga aphezulu e-GBVF, urhulumente ngenyanga kaTshazimpunzi kulo nyaka waseka i-90-Day Gender Based Violence and Femicide Acceleration Programme yokuqinisekisa ukuba kuthathwa amanyathelo akhawulezileyo najolisileyo okulwa i-GBVF futhi neza kukhawulezisa ukuphunyezwa kwesiCwangciso-qhinga seSzwe se-GBVF.
2.3    Le nkqubo yeentsuku ezingama-90, eyayikhokelwa yiNtlanganisela ye-JCPS yayisebenza ngamanyathelo akhawulezayo nenza umahluko omkhulu ukuziwe kuliwe la mazinga aphezulu e-GBVF kweli lizwe.  La manyathelo aquka ukuvuselelwa kweKomiti yabaPhathiswa ukuze kuqinisekisiwe ukuba kuyasetyenziswana xa kuphunyezwa isiCwangciso-qhinga seSizwe se-GBVF.

3.    INgqungquthela yeSizwe yobuNgcali bezoKwakha
3.1    INgqungquthela yeSizwe yezobuNgcali bezoKwakha iza kubanjwa ngomhla we-13 nowe-14 kweyeNkanga eGauteng, isingathwe liSebe lemiSebenzi kaRhulumenye neziSeko ezinguNdoqo, lisebenzisana ne-Construction Industry Development Board (i-CIBD).
3.2    Le ngqungquthela iza kugxininisa kwizisombululo ezibambekayo malunga nokukhawuleziswa kweeprojekthi zokwakha, kuquka nokuqinisekisa ukhuseleko kwiindawo ekwakhiwa kuzo, ukuqinisekisa ukuba ziyahambelana iinkqubo zokuthenga, ukuphucula indlela yokunika iingxelo, kunye nokukhuthaza intsebenziswano phakathi kukarhulumente neenkampani zabucala.

G.    Imiyalezo
1.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwizihlobo nosapho:

  • LukaNks Ntombazana Botha, igqala lomzabalalo kunye nomntu owayesakuba liSekela-Mphathiswa woBugcisa neNkcubeko.

2.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana neminqweno emihle:

  • kuNkskz Joyce Pitso, Mnu Mosotho Moepya abaza kuba ngamalungu abakhomishinara abasisigxina kuye neJaji uDhaya Pillay yena oza kuba lilungu lethutyana leKhomishini yezoNyulo yoMzantsi Afrika. Imothulelwa umnqwazi uMnu Mosotho Moepya ngokonyulwa njengesihlalo wale Khomishini.
  • kuNks Botseetse Kgaphola, ngokuwongwa ngokuba ngunobuhle ongu-Miss South Africa Disability.
  • IQela leSizwe leBhola eKhatywayo labangaphantsi kwe-17 – Amajimbos, ababeliqela lokuqala loMzantsi Afrika elabaneminyaka engaphantsi kweli-17 ngokufikelela kwinqanaba lokukhululwa kwezikipa kwi-FIFA U-17 World Cup.
  • Kwi-Springboks ngokuphumelela umdlalo wabo wesibini we-Quilter Nations Series ngokutywatyusha iFrance ngamanqaku angama-32 kwali-17.
  • KuKhapteyini weSpringboks uSiya Kolisi, ngokudlala imidlalo yovavanyo eli-100. Ungumdlali wesithuba kwimbali yeSpringboks ukudlala imidlalo yovavanyo eli-100. Ukude afikelele kwimidlalo emingaka into leyo ivuselela kakhulu kwenzeke ngenxa yokunyamezela nokuzingisa.
  • Intatheli echola-chola iindaba kwihlabathi yeQumrhu lezoSasazo loMzantsi Afrika (i-SABC), uSherwin Bryce-Pease kunye nengcali yokufota iividiyo u-Aaron Berbrick, ngokuphumelela njengabaphumelele igolide kwi-Ricardo Ortega Memorial Prize yi-United Nations Correspondents Association.
  • kuMnu Dan Marokane, iGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawula sika-Eskom Wonke, ngokuwongwa ngokuba yeyona nkokeli yonyaka. i-Sunday Times Business Leader of the Year 2025 kumsitho i-Sunday Times Top 100 Companies Awards.
  • KwiNigeria ngokuphuma kuluhlu lwe-Financial Action Task Force (FATF) lwamazwe anebatha ngendlela azilawula ngazo izimali, ngolo hlobo ke ulandele ezinyaweni zoMzantsi Afrika. Yinto entle kakhulu le neza kunceda i-Afrika njengoko isenza i-Afrika ithenjwe zimarike zezimali zehlabathi, kwaye iphungula neendleko zonaniselwano ize yenze nabatyali-zimali balithembe nangakumbi eli lizwekazi.

Imibuzo: 
Mnu Sandile Nene – iBambela leSithethi SikaRhulumente 
Umnxeba: 083 712 2316
 

Share this page

Similar categories to explore