Ingxelo yentlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama29 kweyeKhala 2026

A.    IMIBA ENDUNDABAMLONYENI

1.    Umzekelo obonakalayo wobuNganga kwezoQoqosho

1.1.    UMsebenzi kaTransnet Freight Rail (i-TFR)  ─ IKota yokuQala
1.1.1.    Kwikota yokuqala yonyakamali wama2026-27, indlela esebenze ngayo uTransnet Freight Rail (uTFR) inyuke nge4.4%, xa kuthelekiswa nalo nyaka uphelileyo. uTFR wenze iitoni ezizigidi ezingama42,0 xa kuthelekiswa nezizigidi ezingama40,2 zalo nyaka ungaphambili.
1.1.2.    Phofu uTRF wenze lo msebenzi ungaka nangona kuqaliswe umba wokubekelwa bucala kweentsuku ezili11 zokuvalwa kweCandelo leIron Ore kuba likhandwa. Noko kunjalo, uTFR uhambise umthamo omkhulu ngokweetoni, into ebonakalisa ukuphucuka kakhulu kwindlela asebenza ngayo kunye nemveliso ayikhuphayo.

1.2.    Utyalomali kwicandelo lokuVelisa iziThuthi
1.2.1.    IKhabhinethi ilwamkele utyalomali oluzibhiliyoni eziyi10.4 zeerandi oluvela ku-Toyota South Africa Motors eProspecton, engumzimveliso wakhe oseeThekwini apho kuza kuveliswa iHilux eyeyesithoba kolu hlobo lweemoto. Olu tyalomali luza kuzisa uzinzo kwicandelo lokuveliswa kweemoto, kwaye luza kuncedisa ekudaleni imisebenzi emalunga nama27,000 kuwo onke amacandelo asebenzisana neli, kwaye luza kudala imisebenzi engama4,300 ngqo kulo mzimveliso – ngamanye amazwi abasebenzi abasebenza ngqo kumzimveliso wakwaToyota, eProspecton.
1.2.2.    Le khapitali inkulu kangakai, ilandela iindaba zakutsha nje zokuthengwa kunye nokuvuselelwa komzimveliso wakwaNissan eRosslyn, eGauteng kwiCherry Group. ICherry Group ubhengeze ukuba uza kuvelisa iimoto eziluhlobo lweCherry, iJaecoo kunye neJetour kulo mzimveliso wakhe mtsha eRosslyn.
1.2.3.    Iimoto zokuqala ziza kuqaliswa ukuveliswa phakathi kunyaka wama2027, uze ke umthamo oveliswayo unyuke kunyaka ulandelayo ude ufikele kwiimoto ezingama15 000 ngonyaka.
1.2.4.    Ngokuthenga lo mzimveliso iCherry Group uye wasindisa imisebenzi engama692 kwicandelo lemizimveliso kwaye kuqikelelwa ukuba oku kuza kudala amathuba amalunga nama3,000 ngqo kwicandelo lezokuhanjiswa kwemithwalo, elezobunjineli, elezokuthengiswa nakwiinkonzo zokuncedisa kunye nakwamanye amacandelo asebenzisana nala. 
1.2.5.    Utyalomali olufana nolu lweminyaka emininzi lukubethelela ngakumbi ukuba uMzantsi Afrika ngenene lilizwe eliphambili kule ngingqi ngemizimveliso nokuthunyelwa kweemveliso zorhwebo ngaphandle.

1.3.    UQikelelo oluHlaziyiweyo lweIMF luBonisa ukuHluma koMzantsi Afrika
1.3.1.    IKhabhinethi ilwamkele uqikelelo olutsha olukhutshwe yiNgxowamali yeziMali yeHlabathi (i-IMF), ethe yalutshintsha uqikelelo loHlumo lweMveliso ePheleleyo yeLizwe (iGDP) lwenyuka lwayi1.1%. IKhabhinethi ithe olu tshintsho luncumisayo lubonisa uzinzo kuqoqosho lweli lizwe oluqhubekayo lubonisa nokuba uqoqosho lweli lizwe luyakwazi ukumelana nobunzima.. 
1.3.2.    Nangona olu tshintsho kuqikelelo lungakhombisi hlumo lungakho, lubonisa ukuthenjwa kwamalinge eli lizwe okuvuselela uqoqosho nangona uhlumo lwehlabathi lona lubonisa ubuthathathaka kunye nojamelwano olukhoyo kummandla waseMbindiMpuma.

1.4.    Ukuqaliswa kwesiGaba II seDigitalised Trusted Employer Scheme (iTES)
1.4.1.    IKhabhinethi iyakwamkelwa ukuphehlelelwa ngokusesikweni kwesiGaba II seTrusted Employer Scheme ukuba kukhawuleziswe inkqubo yokuphicothwa kweevisa zabaqeshi abaqinisekisiweyo lungakhange lubekwe emngciphekweni ukhuseleko lwesizwe okanye imithetho elawula ufudukelo. Abaqeshi abafanelekileyo kufuneka babe batyale imali evisayo kweli lizwe, baqeshe abemi boMzantsi Afrika kunye nabantu abangabahlali beli ngokusigxina, benze igalelo elimandla kuphuhliso lwezakhono zabemi beli, baze babe kula macandelo akhokeliswa phambili kuqoqosho lweli.
1.4.2.    Eli khasi leintanethi lokufaka izicelo lesiGaba II seTES elingu – “Home Affairs @ home” liyinxalenye yamalinge karhulumente okukhuthaza ukusetyenziswa kobuxhakaxhaka bale mihla. Ethubeni, eli khasi liza kuba yinxalenye yobuxhakaxhaka beElectronic Travel Authorisation.
1.4.3.    Abaqeshi abafanelekileyo bayacelwa ukuba bangenisa iziCelo eziChaza uNqweno (iEOI) phakathi komhla wama20 kweyaKhala 2026 ukuya kowesi4 kweyoMsintsi 2026.

2.    Ukwakha uqoqosho olungqingqwa kumazwe akummandla weSADC
2.1.    UMzantsi Afrika ukulungele ukusingatha iNgqungquthela yeSADC
2.1.1.    IKhabhinethi iye yaqinisekiswa ukuba uMzantsi Afrika ukulungele ukusingatha ngempumelelo iNgqungquthela eQhelekileyo yama46 yeeNtloko zemiBuso nooRhulumente boMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseManzantsi e-Afrika (iSADC) ukususela ngomhla we16 ukuye kowe17 kweyeThupha 2026 kwiDurban International Convention Centre eThekwini.
2.1.2.    Njengenxalenye yezinto ezenziwayo njengoko kusenziwa amalungiselelo, uMzantsi Afrika uza kusingatha i2026 SADC Industrialisation Week ukususela ngomhla wama27 ukuya kowama31 kweyeKhala 2026 kwiDurban International Convention Centre kwiphondo laKwaZulu-Natal. Lo msitho uza kuzinyaswa zingcali zoqulunqo lwemigaqonkqubo, iinkokeli zamashishini, abatyalizimali, izifundiswa, iingcali zophando kunye namaziko ezimali zophuhliso, abaza kube bevela kulo mmandla weSADC nakwezinye iindawo beze kuphucula uphuhliso lwamashishini. 
2.1.3.    Le SADC Industrialisation Week ixhasa iSADC Industrialisation Strategy and Roadmap (2015-2063), esisekelwe kwezi ntsika zintathu: uphuhliso lwamashishini, ukukwazi ukumelana nokhuphiswano kunye nohlangano kummandla.
2.1.4.    Izinto ekuza kugxininiswa kuzo kulo nyaka ziquka uphuhliso lwamashishini namacandelo abandakanyeka kumsebenzi wokucola nokuhlela iimveliso zolimo, ezamachiza, iimpahla zabathengi kunye nokuxhamlisa ngezimbiwa ezinqabileyo kwakunye nophuhliso lweziseko ezingundoqo kwicandelo lezamandla, lezothutho, lezokuhanjiswa kwemithwalo, elezamanzi nelezeICT.

2.2.    Ukuphungula iindleko zokunaniselana kwiSADC
2.2.1.    IKhabhinethi iyiqhwabele izandla iBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika ngokwandiswa kwenkqubo yeSADC Real-Time Gross Settlement (iSADC-RTGS) ngokuthi kufakelwe neKwanza yaseAngola njengemali yesibini yokubhatala amatyala emva kweRandi yoMzantsi Afrika. 
2.2.2.    Le nkqubo yeSADC-RTGS ineenjongo zokuphungula iindleko zokunaniselana xa amazwe akulo mmandla weSADC erhwebelana ngokuthi ivumele ukusetyenziswa kweentlobo zemali zala mazwe, inkqubo leyo elawulwa yiBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika egameni leebhanki ezinguvimba ezikwi-SADC ezithatha inxaxheba. 
2.2.3.    Ukuqukwa kweKwanza yaseAngola njengemali yokuhlawula kule nkqubo yeSADC-RTGS kubaluleke kakhulu kumalinge okuzisa uhlumo kulo mmandla ngokuthi kuphungulwe iindleko zokunaniselana.

2.3.    IKhomishini yamaZwe amaBini: uMzantsi Afrika neNamibia
2.3.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa ngempumelelo kweKhomishini yesi4 yaMazwe amaBini (iBNC): uMzantsi Afrika neNamibia ebibanjelwe ePitoli ngomhla we17 kweyeKhala 2026, kwaye ibichotshelwe njengosihlalo ngoHloniphekileyo, uGqr Netumbo Nandi-Ndaitwah, uMongameli weRiphabhlikhi yaseNamibia ebambisene noHloniphekileyo uMongameli Cyril Ramaphosa.
2.3.2.    Le BNC iphinde yakubethelela ukubaluleka kobudlelwane phakathi koMzantsi Afrika neNamibia yaze yakhuthaza intsebenziswano phakathi kwala mazwe mabini kumacandelo aphambili. Eyona nto ibaluleke kakhulu ngale BNC kukuzibophelela kwala mazwe ukuba aza kusebenzisana ngamandla kumba wokuzingelwa nokusetyenziswa kobutyebi bendalo obuza kuthi buxhase uphuhliso nohlumo kula mazwe omabini.  
2.3.3.    Aba Mongameli babini bakwamkele ukutyikitywa kwezivumelwano ezisixhenxe phakathi kwawo kunye nezinye izibhambathiso zentsebenziswano.

2.4.    Imali ezizigidi ezili13 zeedola esisibonelelo esingxamisekileyo sokuncedisa kumalinge okulwa isifo sentsholongwane yeEbola eAfrika.
2.4.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuvunywa kwemali ezizigidi ezili13 zeedola zaseUS njengesibonelelo esingxamisekileyo esivela kwiAfrican Development Bank (AfDB) ukuncedisa kumalinge okulwa ukuqhambuka kwesifo sentsholongwane yeEbola eDemocratic Republic of the Congo (eDRC), eUganda naseSouth Sudan ngokuthi kuphuculwe amalinge esizwe ngasinye ukulwa esi sifo, ukulwa ukunwenwa kwale ntsholongwane kunye nokuphungula inani labantu ababulawa sesi sifo kunye nokugula kwiindawo ezichatshazelwe ngamandla sesi sifo.
2.4.2.    Le mali ivele emva kwesicelo esenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa njengeTshantliziyo leMbumba yeAfrika lokuThintela, ukuLungiselela nokuLwa ooBhubhane, sokuba kubekho intsebenziswano ngamandla eAfrika, uncedo lwezentlalontle olungxamisekileyo kunye nokunyuswa komthamo wemali etyalwa kumaphulo oyilo kwezempilo akhokelwa yiAfrika.

3.    Akukho ndawo ifana nekhaya, abemi boMzantsi Afrika ababuyela ekhaya bamkelekile nanini na.
3.1.    IKhabhinethi ivile ngezityholo zokuba abemi boMzantsi Afrika abamhlophe abazikhethela ukuya kuzinza eUnited States of America (eUSA) ngenxa yokuxokiswa ngokuba kutshatyalaliswa abantu abamhlophe eMzantsi Afrika khange bazinikwe iiVISA kweliya lizwe. 
3.2.    IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuba abemi boMzantsi Afrika nokuba balandela awaphi amaqela ezopolitiko baya kuhlala ingabalapha kweli lizwe futhi abasoze batshutshiswe ngenxa yezimvo zabo zezopolitiko okanye bacinizelwe ngokwemithetho yalapha kwiRiphabhlikhi.
3.3.    IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usambethwe zingxaki ezininzi zezoqoqosho nezentlalo ezichaphazela bonke abemi boMzantsi Afrika, zingakhethi bala nabuni bamntu. Ezi ngxaki kufuneka sizisombulule sisonke ngokubambisana, kuquka urhulumente, amaqela ezopolitiko, imibutho yabasebenzi, amashishini, imibutho yoluntu, kunye nabemi boMzantsi Afrika. La malinge okubambisana kufuneka awuqonde umonakalo osabonakalayo nanamhlanje owashiywa ngumbuso woCalucalulo kunye nento yokuba kufuneka ilungiswe intlungu yokungabikho kobulungisa yangaphambili. 
3.4.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeleke bebagxibha abo bafuna ukusibuyisela emva ngokuchitha ezi zinto sele sizibonile zize nenkululeko ngokuthi baseke imibutho esebenzisa ubuhlanga ngokuthi siphinde sizibophelele kwiphupha lokwakha uMzantsi Afrika omanyeneyo, ongenabuhlanga noqhubela phambili.

4.    Ixesha leSiko loLwaluko lwaseBusika lowama2026
4.1.    IKhabhinethi ivakalise inkxalabo enkulu malunga nokusweleka kwabakhwetha kunye nezinye izinto ezikhathaza umphefumlo ezenzekileyo ngeli Xesha leSiko loLwaluko lwaseBusika lowama2026.
4.2.    IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwiintsapho zabakhwetha abangama47 abathe basweleka ngeli Xesha leSiko loKwaluka laseBusika lowama2026 kwaye inqwenelela abo bonzakeleyo okanye basephantsi konyango ukuchacha ngokukhawuleza. 
4.3.    IKhabhineti iwamkele amanyathelo akhawulezileyo athatyathwe ziiarhente zogcinomthetho zokuqinisekisa ukuba abo bophula imithetho yesiko lokwaluka baziswa ngaphambili. Ukuza kuthi ga ngoku, ngamatyala olwaphulomthetho ali-161 ase evuliwe, into leyo ekhokelele ekubanjweni kwabantu abangama41, amaziko okwalusa abakhwetha angama42 wona aye avalwa baze abakhwetha abali181 bahlangulwa, bona abangama93 basesibhedlela.

B.    IZIGQIBO ZEKHABHINETHI
1.    Ukwandiswa kwexesha lokusebenza kwelayisenisi yokuqhuba lisuke kwiminyaka emihlanu (5) liye kwelishumi (10)
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukwandiswa kwexesha lokusebenza kwelayisenisi yokuqhuba uKhowudi A, A1, B no-EB lisuke kwiminyaka emi-5 liya kweli-10. Eli xesha leminyaka eli-10 liza kusebenza kwiilayisenisi zezithuthi ezincinci kuphela. Izithuthi zorhwebo ezikhulu kunye nezikawonkewonke zona ziza kuqhubeleka zisebenzisa esaa sithuba seminyaka emibini okanye emihlanu yokuhlaziya ilayisenisi ngelithuba iPhephaMvume labaQhubi abaQeqeshiweyo lona liza kuhlala lihlaziywa emva kweminyaka emibini. 
1.2.    Olu tshintsho luhambelana nendlela ekuqhutywa ngayo kwihlabathi, kwaye lenze lula umsebenzi waseziofisini, liphungula umthwalo woku kuhlaziywa rhoqo kweelayisenisi zabaqhubi kwaye luncedisana nokuphungula umsebenzi owenziwa nagamaziko eelayisenisi zokuqhuba. 
1.3.    Ukuze la maxesha matsha aqalise ukusetyenziswa kufuneka kutshintshwe umthetho. Ke ngoko abaqhubi baza kuqhubeleka behlaziya iilayisenisi zabo zokuqhuba eziphelelwe lixesha ude lo mthetho mtsha uqalise ukusebenza.

2.    UMgaqonkqubo oHlaziyiweyo wokuBekwa kweXabiso loMbane
2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMgaqonkqubo oHlaziyiweyo wokuBekwa kweXabiso loMbane ukuze uluntu luhlomle. Lo mgaqonkqubo uhlaziya uMgaqonkqubo wokuBekwa kweXabiso loMbane wowe2008 ukuze uquke ezi zinto zintsha zenzekileyo kwicandelo lezombane, kuquka neenguqu kulo ezivezwe kukuqhekezwa kukaEskom kunye nokuqaliswa ukusetyenziswa koMthethosihlomelo oYilwayo woLawulo loMbane, wowama2024.
Lo mgaqonkqubo uphucula imithetho elawula amaxabiso, iirhafu kunye neentlawulo zombane, kwaye ucacisa nendlela ezibalwa ngayo iirhafu zombane ngokuthi zahlulwe ngokwecandelo lokuveliswa kombane, ukuhanjiswa, ukufakelwa ezindlini kwakuye nelokuwuthengisa, ngolo hlobo kuqinisekiswe ukuba amaxabiso ombane ayahambelana kuwo onke amaqumrhu awuthengisayo kuquka lawo awuvelisayo, arhweba ngawo, iNational Transmission Company South Africa (i-NTCSA) kunye neevenkilana ezincinci eziwuthengisayo. Ukwaseka nesicwangcisosikhokelo aza ekuza kulawulwa ngaso la maqumrhu yiNERSA.
2.2.    Lo mgaqonkqubo uxhasa ukuqaliswa kweentlawulo engatyabuli kakhulu ngeli thuba ukhusela abantu abasebenzisa umbane abangathathi ntweni kunye namacandelo ezoqoqosho abalulekileyo.
3.    IPhepha elinoLuvo eliseluYilo leeNguqu kwiCandelo lezoMbane
3.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwePhepha elinoLuvo eliseluYilo leeNguqu kwiCandelo lezoMbane ukuze uluntu luhlomle. Eli phepha licacisa isikhokelo esiza kusetyenziswa xa kusenziwa iinguqu kwicandelo lezombane loMzantsi Afrika lisuka ekubeni libe phantsi kombuso ubuninzi balo luye ekubeni lube phantsi kwamashishini abucala, ngokoMthethosihlomelo wokuLawula uMbane, wowama2024 kunye nesiCwangciso sokuSebenza sezaMandla.
3.2.    Ezi nguqu zicetywayo zizama ukuqinisekisa ukuba sinombane owaneleyo futhi nothembakeleyo ngokuphungula ingxaki yokuxhomekeka kwiqumrhu elinye lombane nokuvumela ukuba amaqumrhu amaninzi adlale indima kumba wokuphehlwa nokurhweba ngombane. Ezi nguqu zikwazama nokutsala utyalomali kwiziseko zokuphehlwa kombane, kwiintambo zokuwuhambisa nakubuxhakaxhaka bokuwusa ezindlwini, ukudala imisebenzi, uhlumo loqoqosho nokuphungulwa kwexabiso lombane ngokuhamba kweminyaka.


4.    IsiCwangcisoqhinga seSizwe esiHlaziyiweyo soKhuseleko eziNdleleni (iNRSS) 2026 – 2030

4.1.    IKhabhinethi iyivumile iNRSS 2026-2030 ehlaziyiweyo. Esi sicwangciso-qhinga sihlaziyiweyo sakhela kwiNRSS 2016-2030, eyayamkelwe ngeenjongo zokuphungula inani labantu abasweleka kwiingozi zendlela saze senziwa sahambelana neUnited Nations Decade of Action for Road Safety kunye nesiCwangciso seSizwe soPhuhliso.
4.2.    Olu hlaziyo lususwe yimingeni engapheliyo, equka imithetho yendlela enganalwamvila, ukuhendeka lula lurhwaphilizo kunye nokuba amaqoqo ahlukeneyo karhulumente abe nemithetho yendlela eyahlukeneyo.
4.3.    Le NRSS ihlaziyiweyo imalunga nomba wokwenza iinguqu ezimandla ezisekelwe kumaphulo okulwa ulwaphulomthetho ezindleleni asebenzisa ulwazi oluqinisekisiweyo, ukulwa urhwaphilizo, iinkqubo ezisebenzisa ubuxhakaxhaka bale mihla kunye nokuphucula ulawulo nentsebenziswano. Ikwahambelana nemiyinge emiselweyo yehlabathi engokhuseleko ezindleleni kwakunye nalo myinge umiselwe ngulo Mbuso wesiXhenxe wokuphungula inani labantu abasweleka kwiingozi zendlela nge45% ngowama2029.

5.    IsiCwangcisosikhokelo esiQiqisisiweyo esiluyilo sezaManzi neeNkonzo zoGutyulo
5.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesiCwangcisosikhokelo esiQiqisisiweyo esiluyilo sezaManzi neeNkonzo zoGutyulo ukuze uluntu luhlomle isithuba seentsuku ezingama60.
5.2.    Esi sicwangcisosikhokelo sihlaziyiweyo simisela imiyinge yeli candelo, sisabela kwezi zinto nezi ngxakana zivelayo, kwaye senza eli licandelo lihambelane nezinto ezikhokeliswe phambili sisizwe nalihlabathi. Sigxininisa ukukwazi ukumelana nemozulu, ukudityaniswa nokusingqongileyo, ukuzinza ngokwezimali, ukugxininisa iindawo ezilikroba ezilalini nasemaphandleni, inguqu zobuxhakaxhaka bale mihla kunye nokuphucula indlela yokucwangcisa nokuhambisa iinkonzo.
5.3.    Esi sicwangcisoqhinga senzelwe ukuphucula ulawulo, indlela yokwenza izicwangciso nokuhanjiswa kweenkonzo, ukuxhasa umba wokunikezelwa kwamanzi neenkonzo zogutyulo ngokuzinzileyo, ngokuthembakeleyo nangokulinganayo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.

C.    IMITHETHO EYILWAYO
1.    UmThethosiHlomelo oYilwayo wamaQumrhu kaMasipala, wowama2026
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthethosiHlomelo oYilwayo wamaQumrhu kaMasipala. Lo Mthetho uYilwayo, obizwa ngokuba “nguMthetho oYilwayo weNdibaniselwano”, uzama ukucacisa indlela esemthethweni yokuseka oorhulumente bendibaniselwano kunye nokuza neendlela zokuphungula iingxaki ezivela koorhulumente bendibaniselwano.
1.2.    Kuqala iKhabhinethi yayiwuvumile lo Mthetho uYilwayo ukuba upapashwe ukuze uluntu luhlomle ekuqaleni konyaka wama2024. Emva kokufakana imilomo nabantu abaninzi kunye nokuwucokisa, kubangulwa iziphene, lo Mthetho uYilwayo ngoku uyangeniswa ePalamente ukuze uqwalaselwe. Ezi zilungiso zicetywayo zizama ukuba kube kho ulawulo loorhulumente bendibaniselwa oluzinzileyo noluthatha uxanduva, ukuphungula ukunqongophala kozinzo lwezopolitiko kunye nokuxhasa ukuhanjiswa kweenkonzo ziye eluntwini ngaphandle kokuphazanyiswa.

2.    UMthethosihlomelo oYilwayo weMithetho yezoNyulo, wowama2026
2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthethosihlomelo oYilwayo weMithetho yoNyulo, wowama2026. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho weKhomishini yoNyulo, wowe1996, kuMthetho woNyulo wowe1998; kuMthetho woNyulo looMasipala: uRhulumemte weMimandla, wowama-2000, ukulungiselela uNyulo lukaRhulumente weMimandla lowama2026. Ezi zilungiso zenzelwe ukwenza ngqingqwa umthetho olawula unyulo, ukuphuculwa ukulawulwa nokuphathwa konyulo kunye nokuxhasa unyulo olukhululekileyo, olungenamkhethe nolungakrokrisiyo.

3.    UMthetho oYilwayo wamaYelenqe, ukuVuselela nokuNtyontyela ukuBa koPhulwe uMthetho, wowama2026
3.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo wamaYelenqe, ukuVuselela nokuNtyontyela ukuba koPhulwe uMthetho, wowama-2026. Lo Mthetho uYilwayo uguzula uMthetho weeNdibano ezinoDushe, wowe-1956, odlulelwe lixesha, kwaye wenza utshintsho kwimithetho ebeka ityala ebantwini abenza amayelenqe, abavuselela okanye abantyontyela ukuba makophulwe umthetho. Uthatha amasolotya angahambelaniyo noMgaqosiseko uwenze ahambelane nalo Mgaqosiseko ukhoyo ngoku, ngeli thuba uxhobisa uMbuso ukuba ulwe izinto ezikhuthaza ukuba kophulwe umthetho.

4.    UMtheth-sihlomelo oYilwayo weMithetho Gabalala (ezemiGodi), wowama2026
4.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthethosiHlomelo oYilwayo weMithetho Gabalala (ezemiGodi), wowama2026 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uza kuwenza ngqingqwa umthetho wokulwa ukwemba imigodi ngokungekho mthethweni kunye nezinye izinto ezinxulumene noko, izinto ezo zilubeka emngciphekweni ukhuseleko loluntu, uphuhliso loqoqosho kunye nokulawulwa ngokuzinzileyo kwezimbiwa zeli lizwe. Uphakamisa izilungiso emazenziwe kuMthetho weeNkqubo zoLwaphulomthetho, wowe1977; uMthetho weeDayimani, wowe1986, uMthetho woPhuhliso lweziMbiwa nobuTyebi bePetroliyam, wowama2005. Ezi zilungiso ziquka amanyathelo okwenza ukuba kube lulwaphulomthetho ukwemba imigodi ngokungekho mthethweni kunye namatyala ahambelana noko.

5.    UMthetho oYilwayo wokuLawulwa kweeTrasti, wowama2026
5.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo wokuLawulwa kweeTrasti, wowama2026 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uza kwenza umthetho olawula iitrasti ube ngowale mihla ngokutshintsha uMthetho wokuLawulwa kweePropati zeTrasti. Ukwaqinisekisa ukuba kuthathwa uxanduva futhi imithetho iyathotyelwa, ucacisa namagunya okubeka iliso nguNobhala weNkundla ePhakamileyo futhi nokukhusela ngokuthe chatha abaxhamli.

6.    UMthethosihlomelo oYilwayo weKhondo lezoMthetho, wowama2026
6.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthethosihlomelo oYilwayo weKhondo lezoMthetho, wowama2026 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukuba amaqumrhu ezolawulo kwicandelo lemithetho ayasebenzisana ngeli thuba kuqhutyelwa phambili iinguqu. Ukwazisa neenguqu ezimandla kwiFidelity Fund yeeNgcali zoMthetho ukuze izinze ngokwezimali futhi incedisa ekukhuseleni uluntu. Lo Mthetho uYilwayo uze nezilungiso ekufuneka zenziwe kumasolotya oMthetho weKhondo lezoMthetho wangaphambili ukuze kuxhaswe ukuphuhliswa nokuphuculwa kwezakhono zeengcali zezomthetho, ukuqinisekisa ukuba kulula ukungena kwikhondo lezomthetho nokuxhamla ubulungisa kunye nokulungisa iingxakana ezibonakalayo ezivele emva kokuqaliswa kokusetyenziswa kwalo Mthetho.

7.    UMthethosihlomelo oYilwayo weMithetho Gabala yeziMali, wowama2026
7.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthethosihlomelo oYilwayo weMithetho Gabala yeziMali wowama2026. Lo Mthetho uYilwayo uza nezilungiso ekufuneka zenziwe kuMthetho wokuLawula iCandelo leziMali, wowama2017 (uMthetho 9 wowe2017) kunye noMthetho wezeNtengo kuRhulumente, wowama2024 (uMthetho 28 wowama2024).
7.2.    Lo Mthetho uYilwayo ucebisa ukuba kufakelwe isicatshulwa esitsha kuMthetho wokuLawula iCandelo leziMali ukuze uxhase iinguqu zalapha ekhaya ezenzelwe ukuphucula imiba yezolawulo nokulawulwa kwemimiselo esesikweni yezezimali. Ukwaphakamisa nokuba kwenziwe izilungiso kwicandelo 68 loMthetho wezeNtengo kuRhulumente ukuxhasa ezi nguqu ziqhubayo zokuphucula imithethlo yoMzantsi Afrika elawula ezezimali nentengo, kuphuculwe indlela yokuhlola, kunye nokuqinisekisa ukuba imithetho yeli candelo icacile.


D.    EZINTSHA EZIYA KWIKHABHINETHI
1.    Amanyathelo okungenelela karhulumente okuqinisekisa ukuba kukho amanzi angapheli esithubeni nasemgangathweni aya kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.
1.1    . IKhabhinethi ikwamkele ukukhutshwa kwesiCwangciso sokuSebenza seSizwe sezaManzi esicacisa amanyathelo okungenelela abalulekileyo okuqinisekisa ukuba kukho amanzi oneleyo nasemgangathweni aya kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ngoku kusalungiswa oyena nobangela wezi ngxaki zikhoyo zamanzi kweli lizwe. Esi sicwangciso siqulunqwe yiKomiti yeSizwe yeeNgxaki zaManzi, osihlalo wayo inguMongameli Cyril Ramaphosa emva kokuba efakene imilomo namaqoqo amathathu karhulumente kuquka noMbutho wooMasipala boMzantsi Afrika (i-SALGA).
1.2    IKhabhinethi ikuqhwabele izandla ukuphehlelelwa ngokusesikweni kweNkqubo yeSizwe yokuKhawulezisa ukuFumaneka kwaManzi, eyaphehlelelwa ngoSuku lukaNelson Mandela leHlabathi umhla we18 kweyeThupa, kunye nezinye izikimu ezingama67 ezingalawulwa nguzwelonke zokufakelwa kwamanzi, eziquka imingxuma yezitsalamanzi namaziko okucoca amanzi ukuze kwandiswe inani labantu abafumana amanzi acocekileyo kwiindawo ezingafumani zinkonzo zaneleyo eGauteng, KwaZulu-Natal naseMpuma Koloni. Ezi zikimu zingama67 zamanzi atsalwa emhlabeni ziza kuxhamlisa abantu abaqikelelwe kuma125 986 kuwo omathathu la maphondo, esinye isikimu siza kuqaliswa ngeyeDwarha 2026 size esinye siqale ngekaTshaziimpunzi 2027. 
1.3    Ezi projekthi zisisigaba sokuqala seNkqubo yokuKhawulezisa ukuFumaneka kwaManzi yeSebe lezaManzi noGutyulo, ekhokelwa ngamaQumrhu ezaManzi phantsi koMthetho weeNkonzo zaManzi. IsiGaba sokuQala sale nkqubo sibekelwe imali ezizigidi ezingama200 zeerandi, eza kugrumba imingxuma yezitsalimanzi, ukuzingelwa kwamanzi asemathunjini omhlaba, ukukhuselwa kwemithombo yamanzi yendalo, ukuqokelelwa kwamanzi emvula kunye nokuvuselelwa kweziseko zamanzi ezikhoyo ukuze kwandiswe inani labantu abafumana amanzi aselwayo acocekileyo.
1.4    Njengenxalenye yenkqubo yokutyala imali kwiziseko ezingundoqo zikarhulumente, urhulumente ekuqaleni kwalo nyaka wabekela bucala imali ezibhiliyoni ezili156 zeerandi eza kusetyenziswa kwiziseko ezingundoqo zezamanzi nogutyulo kule minyaka mithathu izayo. Olu tyalomali luza kuxhasa ukwandiswa kunye nokukhandwa zigcinwe zisemgangathweni iziseko ezingundoqo zamanzi, ukuqiniseskisa ukuba amanzi awacimacimi rhoqo, kunye nokulungisa iingxaki zezamanzi nogutyulo ezichaphazela abantu bakuthi.
1.5     Le projekthi imele inqanaba lokuqala leNkqubo yeSizwe yokuKhawulezisa ukuFikeleleka kwaManzi yeSebe lezaManzi noGutyulo, leyo iqhutywayo ngoku.
2.    Ezintsha malunga nomsebenzi osele wenziwe malunga nokuqaliswa kokusetyenziswa kwendlela ebanzi yokulawula imfuduko eMzantsi Afrika
2.1    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngezakutsha nje malunga nokuqaliswa kokusetyenziswa kwenkqubo ebanzi yokuqinisekisa ukuba imfuduko yenzeka ngokusemthethweni eMzantsi Afrika njengoko sisitsho isicwangciso esimasu mahlanu esabhengezwa nguMongameli Cyril Ramaphosa esithi:
2.1.1    Ukususela ngomhla wama23 kweyeKhala 2026, iziganeko ezingama205 ezinxulumene nokwaphulwa kwemithetho yezemfuduko kunye nenxulumeneyo ziye zaxelwa kwabasemagunyeni, zabhaliswa njengematyala olwaphulomthetho. Eli nani linyukile lisuka kwezili103 ezazixelwe ngalaa veki yokuqala yenyanga yeThupha 2026
2.1.2    Abantu abangama354 babanjiwe, uninzi lwabo bephuma kwiphondo laseFreystatha, bona abebeli174. Kula matyala, ali107 wona sele esenkundleni.
2.1.3    Ukususela ngomhla woku1 kuTshaziimpunzi 2026 ukuya ekupheleni kweyeSilimela 2026, iinkundla sele ziqukumbele amatyala anxulumene nezemfuduko angama28 736, uninzi lawo apho abantu bebebuyiselwa kumazwe akubo.
2.1.4    Phakathi komhla we14 kweyeSilimela nowama24 kweyeKhala 2026, abemi bangaphandle abangenamaphephamvume abangama68 327 baye babuyiselwa kumazwe akubo ngentsebenziswa neearhente zomthetho. Kwaba bantu bangama-68 327, i81% ibingabantu baseMalawi; i16% ingabemi baseZimbabwe ize i3% ibe ngabemi baseMozambique.
2.1.5    Ukuqaliswa kweElectronic Traveller Authorisation (iETA) kunye neEnhanced Movement Control System ephuculiweyo kuyaqhuba kwisiKhululo seeNqwelo-moya saMazwe ngaMazwe iOR Tambo, iLanseria, iKing Shaka nesaseKapa.
2.2    I-Musina Temporary Repatriation Centre iza kuphungulwa isuke kumthamo wokuthwala abantu abangama20,000 liye kwabali-1500.


3.    INgxelo yoNyaka yeKhomishini yama26 yoLingwano ngokweNgqesho (i-CEE)
3.1    IKhabhinethi ifumene yaze yaqaphela iNgxelo yoNyaka yowama2025/26 yeKhomishini yoLingwano ngokweNgqesho. Le ngxelo ilandelela iinguqu ezenzekileyo emisebenzini kunye nokuthobela uMthetho woLingano ngokweNgqesho.
3.2    Le Ngxelo yoNyaka yama26 ichaza iingxaki ezithe gqolo zokungalingani emisebenzini, apho inani labantu bezini ezahlukeneyo nabantu bebala elithile lingalingani kwizikhundla eziphezulu kumashishini abucala. 
3.3    Abantu abamhlophe nabangamaNdiya basisininzi kwizikhundla eziphezulu, apho abamhlophe beyi57.1% baze bona abangamaNdiya babe yi12.2%. Abantu abaNtsundu nabeBala bona bakwizikhundla ezisephantsi ezingafuni bantu banezakhono, ngeli thuba bona abantu abakhubazekileyo beyi1.3% yabasebenzi bebonke. 
3.4    Le ngxelo ichaphazele nokunyuka kwenani labasebenzi abaNtsundu kwizikhundla eziphakathi ezifuna izakhono zabantu abafundileyo, kunye nabanezakhono zobugcisa kwizikhundla zabaphathi abasezantsi abenza i52.0%. Abemi bangaphandle bona bayi3.1% kuwo onke amanqanaba ezikhundla kwaye ivakalisa inkxalabo ngokuba abantu abanezakhono ezingephi nezingafuni qeqesho lunzulu ekunokwenzeka ukuba oku kwaphula uMthetho weeNkonzo zoMsebenzi omisela ukuba abaqeshi kufuneka baqinisekise ukuba akekho ngenene umntu apha eMzantsi Afrika onazo ezi zakhono zifunwa kweso sithuba somsebenzi phambi kokuba kuqeshwe ummi wangaphandle. 
3.5    Urhulumente uza kuqhubeleka esebenzisa ezi ziphumo ukubeka iliso kwiinguqu, ukuqinisekisa ukuba akukho bantu basisininzi okanye baligcuntswana kwizikhundla ezithile ize isetyenziswe njengesikhokelo sokulungisa apho kukho iimpazamo emisebenzini.

4.    Umahluko owenziwe kukukhutshwa kwelayisenisi yobuxhakaxhaka beziseko ezingundoqo zobuxhakaxhaka bale mihla
4.1    IKhabhinethi iyiqaphele ingxelo yokukhutshwa kwelayisenisi yamaza osasazo eziseko ezingundoqo zobuxhakaxhaka bale mihla kunye nokuqhakamshelana eMzantsi Afrika. Ukukhutshwa kwelayisenisi yamaza osasazo afunwa ngamandla alinyusile inani labantu abafikelelayo kwi-intanethi ehamba ngesantya esiphezulu, yaphucula indlela esebenza ngayo i-intanethi yaze yaxhasa notyalomali kwiziseko ezingundoqo zobuxhakaxhaka bale mihla. 
4.2    IKhabhinethi ivakalise inkxalabo ngokuba iinkampani zezonxibelelwano azikwazanga ukuwenza amaphulo okuphuhliso uluntu njengoko kwakumiselwe ngethuba zinikwa ilayisenisi. Urhulumente umisele ukufaka ubuxhakaxhaka bonxibelelwano kumaziko karhulumente angama21 878 ngowama2029, aza kuquka izikolo ezingama16 139, amaziko ezempilo angama4 232, iilayibrari ezingama578 kunye neenqila zenkokeli zomthonyama ezingama937. Ngokwengxelo kaTshaziimpunzi 2026, iinkampani zonxibelelwano bezifakele iintambo zonxibelelwano kumaziko karhulumente angama5 295 ayebandakanywe kwizithembiso zawo zamaphulo okuphuhlisa uluntu.

E.    IZIKHUNDLA
.  Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Mnu Nkosikhona Sydney Mbatha njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba kwiSmall Enterprise Development Finance Agency. 
2.    Nks Vangile Petronella Nene njengeSekelamlawuli Jikelele: IiNkonzo zeNgcali eziQeqeshiweyo kwiSebe lemiSebenzi kaRhulumente neziSeko ezinguNdoqo. 
3.    Nks Beryl Ferguson njengoSihlalo weSouth African National Parks Board.

4.    Ukuqeshwa kwamaLungu angeyoNxalenye yesiGgeba soLawulo kwiBhodi yabaLawuli yePublic Investment Corporation (PIC) Soc. Limited
(a)    Mnu Seiso Joel Mohai – uSekela Mphathiswa wezoCwangciso, uHlolo noVavanyo njengoSihlalo
(b)    Nks Patience N.Z. Nqeto
(c)    Nks Lebogang R. Mokgabudi
(d)    Adv. Gatlelane Ouma Rasethaba
(e)    Nks Vivien McMenamin
(f)    Ns Bajabulile Swazi Tshabalala
(g)    Mnu Itani Mafune
(h)    Nks Moipone Ramoipone - oMele uNondyebo weSizwe
Aba baqeshwe ngeenjongo zokulungisa iingxaki ezikhoyo zolawulo. UMphathiswa weziMali uza kuqhubeleka ekhokela amalinge okwenza iinguqu kwiPIC njengoko kwakutshiwo kwizindululo zeKhomishini kaJaji Mpathi emva kokuba ibonisene neKhabhinethi.

5.    Ukuqeshwa kweBhodi yeBhunga leMineral Technology (MINTEK) 
a.    Gqr Thibedi Ramontja (uSihlalo) (uqeshiwe kwakhona);
b.    Nks Azwindini Thomani (uqeshiwe kwakhona);
c.    Gqr Takalani Madzivhandila (uqeshiwe kwakhona);
d.    Mnu Luvuyo Keyise;
e.    Gqr Faranna Boodrham;
f.    Gqr Palesa Ramashala;
g.    Nks Lerato Hilda Dikgole; 
h.    Gqr Sandile Ncanana;
i.    Nks Nondumiso Ngonyama; kunye 
j.    noGqr Avela Majavu (uqeshiwe kwakhona);
k.    Mnu Kagiso Menoe (ummeli weSebe leziMbiwa nobuTyebi bePetroliyam).

F.     IMISITHO NEENKOMFA

1.    IMISITHO EZAYO
1.1    I-Africa Aerospace and Defence Exhibition and Air Show yowama2026 
1.1.1    IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kwe13th Africa Aerospace and Defence Exhibition and Air Show yowama-2026, phantsi komxholo othi, “IziBuko leAfrika kwezoKhuselo kunye neNtsebenziswano kwiNzululwazi yokuVeliswa kweziPhekepheke”, eza kubanjelwa eAir Force Base Waterkloof, eTshwane ukususela ngomhla we16 ukuya kowama-20 kweyoMsintsi 2026.
1.1.2    Lo mboniso kulindeleke ukuba uzinyaswe zinkampani eziza kubonisa ezingaphezulu kwama300 eziphuma mbombo zone zehlabathi, abathunywa abangamagosa asemagunyeni asuka kumazwe angaphezulu kwama50 kunye neendwendwe zorhwebo ezingaphezulu kwama30 000. Lo msitho uza kubonisa nangobuxhakaxhaka bale mihla kwicandelo lenzululwazi yokwenziwa kweziphekepheke nakwicandelo lezokhuselo ngoku kuza kukhuthazwa intsebenziswano, urhwebo notyalomali ngamazwe ehlabathi.

1.2    UMsitho wokuPhuhliswa ngokuZinzileyo kweziSeko ezinguNdoqo eMzantsi Afrika wowama2026
1.2.1    IKhabhinethi iqaphele ukuba uMzantsi Afrika uza kusingatha uMsitho wokuPhuhliswa ngokuZinzileyo kweziSeko ezinguNdoqo eMzantsi Afrika (iSIDSSA) wowama2026 ukususela ngomhla wama23 ukuya kowama25 kweyeThupha 2026. Lo msitho kulindeleke ukuba uzinyaswe ngabathunywa abangama700.
1.2.2    Lo msitho uza kuzinyaswa ngabatyalizimali, amaziko ezimali, iingcali zemigaqonkqubo, oongqondongqondo kunye namanye amahlakani abalulekileyo ukuze kugwadlwe inkqubo yoMzantsi Afrika yotyalomali kwiziseko ezingundoqo futhi kuboniswe nangomsebenzi osele wenziwe malunga nokuphunyezwa kwesiCwangciso seSizwe seziSeko ezinguNdoqo sowama2050 esivunywe yiKhabhinethi.
1.2.3    I-SIDSSA 2026 iza kubhengeza iiprojekthi eziphambili zeziseko ezingundoqo ezikhethwe phantsi koBid Window 2 ukulungiselela iprojekthi nenkxaso ngezobugcisa, kukhutshwe uhlelo lwesithathu leConstruction Book, kunikwe ingxelo ngezintsha malunga neStrategic Integrated Projects (i-SIPs) kuboniswa ngemigaqonkqubo ephambili kunye nemithetho emitsha equlunqiweyo, kuchazwe nezivumelwano ezityikityiweyo ezingeziseko ezingundoqo ezineenjongo zokubeka uMzantsi Afria njengelizwe eliphambili kuphuhliso lweziseko ezingundoqo  kwakunye nelithulula inkxasomali kwi-Afrika iphela.


1.3    INyanga yaManina: IsiKhumbuzo semiNyaka engama70 soMngcelele wamaNina wowe1956.
1.3.1    Ngomhla wesi9 kweyeThupha 2026, uMzantsi Afrika uza kuphawula imiyaka engama70 yoMngcelele wamaNina wowe1956 oyimbali, apho amanina angaphezulu kwama20 000 athi enza umngcelele wogwayimbo esiya kwiZakhiwo zoMdibaniso esilwela ukunyanzeliswa kwemiThetho yamaPasi noMthetho weeNdawo zaseziDolophini. Esi sikhumbuzo siyimbali siza kubanjwa phantsi komxholo othi: “Amanina aXhotyisiweyo Axhobisa iSizwe”.
1.3.2    IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuba obu bugorha baboniswa ngala manina ngowe1956 babanegalelo elimandla ekuqukweni kwamanina onke ePalamente, kurhulumente, kwicandelo labucala, kwimibutho yoluntu, ngolo hlobo iwenza abenamalungelo afanayo nawamadoda namalungelo akumgaqosiseko woMzantsi Afrika olawulwa ngobuninzi. Nangona siwothulela umnqwazi amanina eli lizwe ngokunyamezela, iKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuzibophelela okungagungqiyo kukarhulumente ekukhuseleni, ekukhuthazeni, nasekulweleni amalungelo amanina nokulenza ngqingqwa idabi lokusiphula neengcambu ubuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwaManina, ukulwa ingxaki yokucalulwa kwamanina ngezoqoqosho, nokuqinisekisa ukuba ayabuxhamla ubutyebi besi sizwe. 
1.3.3      IKhabhinethi ikubethelele ukuba lo mbhiyozo uyinxalenye yentsika engundoqo yeziGaneko ezinguNdoqo zePhulo leNkululeko, enalo mxholo ubanzi uthi: “Ukuhlonela ezangaphambili, ukuphuhlisa ikamva.” Kule Nyanga yamaNina yonke, urhulumente uza kukhokela kumaphulo esizwe ngelokuhlonipha imisebenzi yamanina kwidabi lokulwela inkululeko ngeli thuba egxininisa indima enkulu edlalwa ngamanina namhlanje.

2    IINKOMFA EZIBANJIWEYO
2.1    I-26th Africa Rail Conference and Exhibition
2.1.1    UMzantsi Afrika ubusingathe i26th Africa Rail Conference and Exhibition ngomhla wesi7 nowesi8 kweyeKhala eRhawutini.
2.1.2    Le Nkomfa iwuqaphele umsebenzi osele wenziwe malunga nokuvuselelwa kweenkonzo zoololiwe abakhwelisa abantu kweli lizwe, kangangokuba oololiwe bahambise abantu abangaphezulu kwezigidi ezili100 ekupheleni kweyoKwindla 2026. Futhi imizila kaloliwe engama35 kule ingama40 ibalulekileyo kweli lizwe sele iqalisile ukusebenza. Urhulumente uzimisele ukubuyisela oololiwe abakhuselekileyo, abathembekileyo nabafikelelekayo, kangangokuba uzimisele ukuba oololiwe beli babe belayisha abantu abazizigidi ezingama600 ngonyaka ngowama2030.

3    IZIBHENGEZO

3.1    Ukubhaliswa kwemitshato yesintu efanelekileyo
3.1.1    IKhabhinethi ikhumbuza wonke umntu ukuba umhla wama31 kweyeThupha 2026 ngowokugqibela wokubhalisa imitshato yesintu efanelekileyo phantsi kweli xesha lokubhalisa likhethekileyo libhengezwe nguMphathiswa weMicimbi yezeKhaya.
3.1.2    Eli xesha lokubhalisa likhethekileyo, ukususela ngomhla woku1 kweyoMsintsi 2024 ukuya kowama31 kweyeThupha 2026, lavulwa ukuze kuvunyelwe amaqabane akwimitshato yesintu engazange ibhaliswe ngexesha elisikiweyo ukuba enze imitshato yawo ibe semthethweni. Oku kuquka imitshato yesintu yaphambi koMthetho wokuHlonipha imiTshato yesiNtu owaqala ukusebenza ngeyeNkanga 2000, kwakunye nemitshato yasemva kokungena kwawo lo Mthetho nayo engazange ibhaliswe ngelo xesha lalibekiwe.
3.1.3    IKhabhinethi icela abantu abafuna iinkcukacha ezithe vetshe malunga nenkqubo yokubhalisa okanye amaxwebhu afunekayo ukuba baye kwiofisi yeSebe leMicimbi yezeKhaya ekufutshane.

 

3.2    IMpelaveki yokuGqibela yokuBhalisela ukuVota
3.2.1    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abavoti abafanelekileyo ukuba basebenzise le mpelaveki yesizwe yokugqibela yokubhalisela ukuvota, ihlelelwe umhla woku1 nowesi2 kweyeThupha 2026, ukuba babhalisele ukuvota phambi koNyulo looMasipala lowama2026. Abavoti abafanelekileyo bayakhuthazwa ukuba basebenzise eli thuba lokugqibela babhalise okanye bahlaziye iinkcukacha zabo zobhaliso. Izitishi zokuvota kwizwelonke ziza kuvulwa ukususela ngo8h00 ukuya ku17h00. Abavoti abafanelekileyo bangabhalisa okanye bahlaziye iinkcukacha zabo nanini na besebenzisa eli khasi likaintanethi lokubhalisela ukuvota, elisebenza ubusuku nemini, yonke imihla: https://registertovote.elections.org.za. 
3.2.2    IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi abavoti abaselula nabaqalayo ukuvota, ukuba basebenzise eli lungelo labo lolawulo lwentando yesininzi. Lo mbuso wethu ulawulwa ngokwentando yabantu, ke ngoko ivoti kubalulekile ukuwenza uhlale usebenza. Ngokusebenzisa eli lungelo lakho lokuvota nokuqiniseskisa ukuba sonke sinekamva eliqaqambileyo sihlonipha imisebenzi yeminyaka kunye negalelo labaninzi ababesilwela nzima le nkululeko siyixhamlayo namhlanje.

G.    IMIYALEZO
1.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwa kwizihlobo nosapho:
•    Zomdlali wasesiswini weBafana Bafana neMamelodi Sundowns, uJayden Adams (Grootman), owonwabisa isizwe ngokudlala kakuhle kakhulu kwitumente yeFIFA yeNdebe yeHlabathi yowama2026.
•    Lwalowo wayesayakuba ngumdlali wangaphambili kuMdlalo woMbhoxo woMzantsi Afrika wabaneminyaka engaphantsi kweli18, uLuqobo Makwedini, obelityendyana ebelibalasele kwimidlalo, owonwabisa abaninzi ngokusebenza nzima nokuzinekela kumdlalo wombhoxo.
•    Legqala lomdlali uSeputla Sebogodi oshiya umzila obonakalayo nohlonitshiweyo njengomnye wabadlali abanezakhono ezibalaseleyo eMzantsi Afrika futhi nohlonitshwa jikelele. Wadlala iminyaka emininzi kwimidlalo yeqonga nekamabonakude. 
•    Legqala lomzabalazo wenkululeko uShantavothie “Shanthie” Naidoo Tweedie, yena imisebenzi yakhe yokuncama yonke into ubomi bakhe bonke eyathi yanceda kwidabi loMzantsi Afrika lokulwela inkululeko. Njengetshantliziyo elalichasena nombuso wocalucalulo, waye wabanjwa izihlandlo ezininzi eziquka ukuvalelwa ankolonkoloze esiseleni yedwa, phantsi koMthetho wezobuNqolobi kwakunye nemiyalelo yokuvalwa. Waye wayehlala eUnited Kingdom njengembacu ukususela ngowe1972 ukuya kowe1991.
•    lukaBettina Wyngaard, igqwetha loMzantsi Afrika elathi latshintsha langumbhali netshantliziyo, nodume kakhulu ngeencwadi zakhe zenoveli zesiAfrikansi kunye nemisebenzi yakhe yokulwela amalungelo amanina.


2.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana:
•    KwiQela loMzantsi Afrika ngokuphakamisela igama lelizwe lakuthi phezulu kwiCommonwealth Games eGlasgow. Okwangoku uMzantsi Afrika sele uphumelele iimbasa ezingama22: iimbasa zegolide ezintandathu, ezesilivere ezisibhozo kunye nezebronzi ezisibhozo.

Iimbasa zegolide

•    Pieter Coetze – kwi-men's 200m backstroke
•    Pieter Coetze – kwi-men's 50m backstroke
•    Pieter Coetze – kwi-men's 100m backstroke.
•    Nathan Hendrick – kwi-men’s S13 100m freestyle. 
•    Lara van Niekerk – kwi-women's 50m breaststroke.
•    Christian Sadie – kwi-men's 50m freestyle S7

Iimbasa zesilivere

•    Erin Gallagher – kwi-women’s 50m butterfly.
•    Aimee Canny – kwi-women's 100m breaststroke.
•    Michael Houlie – kwi-men’s 50m breaststroke. 
•    Nathan Hendricks - kwi-men's 50m freestyle S13. 
•    Danika Vyncke - kwi-women's 50m freestyle S13.
•    Aimee Canny - kwi-women's 200m individual medley. 
•    Pieter Coetzé, Michael Houlie, Erin Gallagher, Aimee Canny - kwi-4x100m medley relay yabaxubeneyo. 
•    Kaylene Corbett kwi-women's 200m breaststroke.

 

Iimbasa zebronzi

•    Erin Gallagher - kwi-women's 100m butterfly.
•    Ruard van Renen kwi-men’s 50m backstroke.
•    Ruard van Renen – kwi-men's 100m backstroke 
•    Olivia Nel - kwi-women's 100m backstroke.
•    Aimee Canny, Rebecca Meder, Erin Gallagher, Olivia Nel kwi-women's 4x100m freestyle relay.
•    Pieter Coetze, Guy Brooks, Ruard van Renen, Chad le Clos - kwi-men's 4x100m freestyle relay. 
•    Pieter Coetzé, Michael Houlie, Chad le Clos, Ruard van Renen – kwi-men's 4x100m medley relay. Chad Le Clos ube yimbaleki eyindoda enezona mbasa zininzi ezimbalini zeCommonwealth Games ngokuthi afumane iimbasa ezingama21 ngokuthi ancede uMzantsi Afrika uphumelele imbasa yebronzi kwi-men's 4x100m medley relay.
•    Olivia Nel, Aimee Canny, Erin Gallagher, Rebeca Meder – kwi-women's 4x100m medley relay.

•    KwiSpringboks ngokuphumelela imidlalo yabo emithathu yeNations Championship nokuba phezulu kuluhlu lwamaqela athatha inxaxheba ngokufumana awona manqaku maninzi.

•    Kwi-Junior Springboks ngokuphumelela i-World Rugby U20 Championship eTbilisi, Georgia.   
•    kuDricus Du Plessis ngokwahlula uKamaru Usman kumlo ubunguwona uphambili kwiUltimate Fighting Championship (UFC) eOklahoma City.
•    kuBayanda Walaza ngokuqhuba kakuhle kakhulu eTIPOS P-T-S Meeting eSlovakia, aze aphumelele i-men’s 100m ngokubaleka elona xesha lifutshane yena awakhe walibaleka eliyimizuzwana eyi9.89 aze ngolo hlobo abe ngummi woMzantsi Afrika wesine ukubalela ixesha elingaphantsi kwemizuzwana eyi9.90.
•    kwiqela lesizwe lebhola ekhatywayo loMzantsi Afrika lamanina, iBanyana Banyana njengoko bekhuphisana kwi2026 Women's Africa Cup of Nations eMorocco kwaye sibanqwenele impumelelo kumdlalo wabo wesibini neIvory Coast, ngoLwesihlanu, umhla wama31 kweyeKhala 2026. 
•    KwiDyunivesiti yeseWitwatersrand (iWits) ngokubekwa kwindawo yokuqala eAfrika, ngokwe2026 Center for World University Rankings (CWUR). Ngokubekwa kule ndawo iWits iyi-1% yamaziko emfundo ephakamileyo kwihlabathi, ize Ibekwe kwindwo yama200 kumaziko angaphezulu kwama21,000 ehlabathi ebehleliwe.
•    KwiDyunivesiti yaseKapa (i-UCT), ngokubekwa kwindawo ye102 kuluhlu lwehlabathi le2026 ⁠Times Higher Education Sustainability Impact Rankings, kunye nokubekwa kuluhlu lwamaziko ali100 izihlandlo ezisithoba kwiiNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo (ii-SDG) zeUN.
•    KuLubanzi Dube oneminyaka eli12, ngokuba ngummi ontsundu woMzantsi Afrika wokuqala ukuwongwa nge2026 World Startup Forum Championship eSwitzerland. Emva kokukhuphisana nezinye iingcali zoyilo ezingama400, uLubanzi uphumelele ngomsebenzi woyilo ongowukuqala, i-SolEase, eyenzelwe ukunceda kwiingxaki ezinxulumene nabo bahlutshwa zinyawo. Lo msebenzi mhle kangaka awubekanga uMzantsi Afrika nje phezulu ehlabathini koko uvuselele namanye ama-Afrika aselula ukuba alandele ikhondo lezenzululwazi, elezobuchwepheshe kunye nelezoshishino.
•    kwiQela loMzantsi Afrika ngokuphumelela kwindawo yesine kwiWorld Spelling Bee Championship eShanghai, eChina, apho umfundi weBanga 7 uMbulelo Tolom athe waphumelela kwindawo entle yesithandathu kubo bebonke ngethuba ekhuphisana nabafundi abaphuma kumabanga angasentla kweli lakhe.


Imibuzo: 
Iziko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Qhagamshelana: noNks Nomonde Mnukwa, IBambela Mlawuli Jikelele
IMobhayili: 083 653 7485
 

Share this page

Similar categories to explore