A. Imiba enguNdabamlonyeni
1. Ezoqoqosho
1.1. U-SARS uqokelele ingeniso eyimbali eyimali ezitriliyoni ezimbini zeerandi
1.1.1. IKhabhinethi imqhwabele izandla uSARS ophantsi kwesandla sikaMkhomishinara uEdward Kieswetter ngokuqokelela imali eyingeniso ezitriliyoni ezimbini zeerandi, imali leyo iyimbali eyenzeke ngokukhawuleza okukhulu ukususela oko kwakuqokelelwe imali eyingeniso eyitriliyoni yeerandi, nayo eyayiyimbali.
1.1.2. Lo chatha wenzekileyo kwimali eqokelelweyo uza kunyusa umthamo wemali yombuso kunye nozinzo ngokwenza ukuba urhulumente angaxhomekeki ekubolokeni imali kakhulu nokuba abe nemali yakhe eyaneleyo eza kusebenza ingxaki zesizwe kuhlahlo lwabiwomali.
1.1.3. Eli lizwe liyazuza kumalinge walo okuphucula amacebo okuqinisekisa ukuba irhafu iyahlawulwa kunye nendlela engcono asebenza ngayo uSARS eyenzeka ngenxa yokusebenza nzima nangokuzinikela, kunye nomahluko owenzekileyo emva kokulandelwa kwezindululo zeKhomishini kaNugent.
1.1.4. Le mali iqokelelweyo izitriliyoni ezimbini zeerandi ikwabonakalisa nohlumo loqoqosho, okuncedwe licandelo lemigodi eliqhuba kakuhle kakhulu nelililo elithwele uqoqosho loMzantsi Afrika.
1.1.5. Le mali ingaka iyimbali ikwakhomba ukuba kukho uhlumo olumandla kuqoqosho xa ithelekiswa naleyo yayizibhiliyoni ezili114 eyayiqokelelwe ngowe1994/96 kunye nexesha elathathwa nguSARS ukuqokelela imali eyitriliyoni yeerandi (ngowama2018) kunye neminyakana nje esibhozo ukuqokelela imali ezitriliyoni ezimbini zeerandi.
1.2. INkomfa yesithandathu yezoTyalomali yoMzantsi Afrika ingqina ukuba eli lizwe linamathuba amaninzi otyalomali
1.2.1. Eli lizwe belisingathe iNkomfa yesithandathu yoTyalomali yoMzantsi Afrika ngomhla wama31 kweyoKwindla 2026 eRhawutini ebiyimpumelelo kakhulu, nebizinyaswe ngabathunywa abangaphezulu kwe1000 abaphuma kumazwe angama50 athe athatha inxaxheba kule Ngqungquthela.
1.2.2. Le Nkomfa yesi6 yoTyalomali yoMzantsi Afrika ibiphawula isiqalo somjikelo wesibini wephulo lokuzingela utyalomali apho urhulumente ezingela utyalomali oluxabisa imali ezitriliyoni zeerandi ezimbini kule minyaka mihlanu izayo.
1.2.3. Izithembiso zotyalomali oluxabisa imali ezibhiliyoni ezingama898 zeerandi oluquka iiprojekthi ezingama81 kuwo osithoba amaphondo zibonisa ukuthenjwa okungagungqiyo koMzantsi Afrika njengelizwe elinamathuba amaninzi otyalomali.
1.2.4. Ezi zithembiso zotyalomali kulindeleke ukuba zidale imisebenzi esisigxina engama230,000 into leyo ixhasa isithembiso sikarhulumente sokudala imisebenzi nohlumo loqoqosho.
1.2.5. Ukususela ukuqala kweSAIC ngowama2018, ngoku sele kwenziwe izithembiso zotyalomali oluyitriliyoni eyi1.56 yeerandi, imali leyo ingaphezulu kule yayibekwe nguMongameli izibhiliyoni zeerandi ezingama628. Kule mali yotyalomali iyitriliyoni yeerandi eyi1.56, iiprojekthi ezili137 ezixabisa imali ezibhiliyoni ezingama400 zeerandi sele zigqityiwe, ngeli thuba ezingama84 ezixabisa imali ezibhiliyoni ezingama417 zeerandi ziqhubayo sithetha nje.
1.3 Ukunyuka okuthe gqolo kwe-GDP kubonisa uqoqosho olukhula ngokuthe ngcembe
1.3.1 IKhabhinethi ikwamkele ukukhula koqoqosho iikota ezine zilandelelana, into leyo ekhokelele ekubeni iGDP inyuke ngo1.1% ngonyaka kowama2025 ngokwengxelo ezikhutshwe liziko leeNkcukachamani loMzantsi Afrika (iStatsSA). Olu hlumo lukwaxhaswe kukunyuka komthamo weGDP nge0.4% kwikota yokugqibela yowama2025.
1.3.2 Olu hlumo lulolona luncumisayo loqoqosho lweli ukususela ngowama2022, ubukhulu lwenzeke ngenxa yamacandelo eenkonzo angundoqo angala: elezemali, elokuthengiswa kwezindlu/izakhiwo kunye neenkonzo zoshishino, elezorhwebo, elokushishina ngokupheka ukutya kunye neendawo zokuhlala kunye neenkonzo zokunceda abantu, nawo athe ancediswa ligalelo lezolimo neenkonzo ezibanzi zikarhulumente.
1.4 IMali yokuBambisela iTyala evela kwiBhanki yeHlabathi yoKwakha ngokuTsha noPhuhliso iza kuncedisa kuphuhliso lweziseziko ezingundoqo
1.4.1 IKhabhinethi iyamkele iMali yokuBambisela iTyala (iCGV) esuka kwiBhanki yeHlabathi yoKwakha ngokuTsha noPhuhliso exabisa imali ezizigidi ezingama300 zeedola zaseMelika (malunga neebhiliyoni eziyi5.6 zeerandi).
1.4.2 Le CGV iza kuqala isetyenziswe kumaphulo okwandisa iziseko ezingundoqo zombane ize ithi apha ethubeni isetyenziswe kwiiprojekthi zeziseko ezingundoqo zamanzi, ezokuhanjiswa kwemithwalo, ezemfundo kunye nezempilo.
1.5 UMzantsi Afrika usingethe ngempumeleleo iLIV Golf kweli lizwekazi laseAfrika.
1.5.1 IKhabhinethi ichulumancile kuba uMzantsi Afrika uphinde wazibonakalisa njengelilizwe eliphambili ekusingatheni imisitho ngokuthi usingathe ngempumelelo iLIV Golf – eyokuqala ezimbalini ukubanjelwa eAfrika – eRhawutini apho bekukho abadlali begalufa behlabathi kunye nabadlali abangoompondozihlanjiwe balapha eMzantsi Afrika.
1.5.2 Abantu abangaphezulu kwama100 000 bebezimase lo msitho mkhulu, into leyo eze nenzuzo kuqoqosho nakwintlalo, kuquka negalelo kwezokhenketho. Umzekelo, ezinye iindwendwe ebezizimase lo msitho ziye zalandisa inani leentsuku ezilichithe kweli ukuze zindwendwele iindawo ezahlukeneyo ezinomtsalane kubakhenkethi kweli lizwe, eziquka imiyezo yezilwanyana zasendle, iindawo ezingaselunxwemeni, iifama ezivelisa iwayini kunye nezixeko.
1.5.3 Eminye imisitho ehamba neLIV Golf iza kubanjwa ngowama2027 nangowama2028. Futhi kukho nethemba lokuba ingaphinde ibuye nangowama2029 nowama2030. Amatikiti e2027 SA LIV Golf sele ethengiswa.
1.6 Ukuphungula umonakalo owenziwa eMzantsi Afrika yiMfazwe yeUSIsrael neIran
1.6.1 IKhabhinethi nayo njengoMongameli Cyril Ramaphosa imemezela ukuba zibekwe phantsi izikhali kwiMfazwe yeUSIsrael neIran eyenza umonakalo kummandla woMbindiMpuma kunye nehlabathi.
1.6.2 IKhabhinethi iyazifumana rhoqo iingxelo malunga nomthamo wamafutha ezithuthi okhoyo kweli lizwe ochatshazelwe yile mfazwe iqhubayo, kwaye iye yaqinisekiswa ukuba uMzantsi Afrika usenamafutha ezithuthi oneleyo okwangoku. IKhabhinethi yazisiwe ukuba uMzantsi Afrika uthenga kuphela amafutha ezithuthi asele ehluziwe eMbindiMpuma.
1.6.3 UMongameli useke iQela labaPhathiswa eliza kuquka uMphathiswa wemiThombo yeziMbiwa nePetroliyam (usihlalo), oweziMali, owezoThutho, owezoRhwebo, amaShishini noKhuphiswano, owobuDlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano, owezoLimo, owezoMbane naMandla, owamaHlathi, ezokuLoba nokusiNgqongileyo, kunye neOfisi kaMongameli eza kujongana nomsebenzi wokuqinisekisa ukuba kukho ukuyondelelana kuwo onke amanyathelo athatyathwa ngurhulumente ukuphungula umonakalo onokwenzeka kwiindleko zokuphila, amafutha ezithuthi nakumba wokutya.
1.6.4 Njengenyathelo lokungenelela elikhawulezileyo, eli Qela labaPhathiswa liphakamisa ukuba iphungulwe ilevi yamafutha ezithuthi isithutyana esifutshane oku kokuba kuphungulwe ubunzima obuza kuza nokunyuka kwexabiso lamafutha ezithuthi, elinyuke ngoLwesithathu, umhla woku1 kuTshazimpunzi 2026.
1.6.5 Sifuna ukuqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba umthamo okhoyo wamafutha ezithuthi usonele, zona ezi garaji zingenawo ngoku zibangelwe zingxakana ezinxulumene neeloli ezihambisa la mafutha ngenxa yokuba abantu bayithenge ngokugqithisileyo beyithengela nokuyifumba. Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba bangayithengi ngokugqithisileyo futhi bathengele ukuyifumba.
1.7 Ukufunyanwa kwelayisenisi yiPostbank kuza kuqinisekisa ukuba iinkonzo zezimali ezifikelelekayo ziyafumaneka ebantwini.
1.7.1 IKhabhinethi iyakwamkela ukunikwa kwePostbank ilayisenisi yokuba liQumrhu eliBonelela ngeeNkonzo zeziMali (iFSP) yiFinancial Sector Conduct Authority (iFSCA), into leyo eza kunceda iPostbank kumalinge ayo okuba yibhanki ezinzileyo erhwebayo yombuso.
1.7.2 Ngale layisenisi, iPostbank iza kukwazi ukwandisa inani leenkonzo ebonelela ngazo ukwenzela ukuba abantu abaninzi bazixhamle iinkonzo zebhanki futhi inikezele nangeenkonzo zezimali ebantwini abangakwaziyo ukuzifumana.
1.7.3 IKhabhinethi iwuncomile umsebenzi osele wenziwe ekuphuculeni iPostbank njengebhanki yombuso.
1.8 Amaphulo ohlangulo eEkapa Minerals Mine
1.8.1 IKhabhinethi ifumene ingxelo malunga nephulo lohlangulo apho kuzanywa ukukhutshwa kwemizimba yabembimgodi abahlanu abawelwe ngumgodi emathunjini omhlaba emva kokudilika kweengqimba zodaka eEkapa Minerals Mine eKimberley.
1.8.2 Yomihlani le mizimba sele ikhutshiwe phantsi komhlaba kwaye iKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwiintsapho izihlobo nezalamane zabo basutywe kukufa.
1.8.3 ISebe leMithombo yeziMbiwa nePetroliyam sele liqalisile ngophando olubanzi ngesi siganeko ukuze baziswe ngaphambili abo babonakalise ukungabi nankathalo, ukuba bakhona.
2. Ukuphuculwa kweNkonzo kaRhulumente
2.1 IiNguqu kwiiNkonzo zoRhwebo zooMasipala abaMbaxa ukuze kuphuculwe iinkonzo ezingundoqo koomasipala abaMbaxa abasibhozo.
2.1.1 IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa ngokusesikweni kweMetro Trading Services Reform – iphulo eliphambili leOperation Vulindlela – elenzelwe ukunceda oomasipala abambaxa abasibhozo beli lizwe ukuba babuyisele baze baphucule ukuhanjiswa kweenkonzo zombane, amanzi namanzi amdaka kunye nezokuthuthwa kwenkunkuma.
2.1.2 Njengenxalenye yale nkqubo, uNondyebo weSizwe uza kubekela bucala imali ezibhiliyoni ezingama54 zeerandi eza kuba sisibonelelo esiza kuxhomekeka emsebenzinzi kule minyaka mithandathu izayo, eza kuthi inikezele ngemali koomasipala abambaxa ekukho umahluko omkhulu obonakalayo kwindlela abazihambisa ngazo iinkonzo ezingundoqo.
2.1.3 Ukuze aba masipala bafumane le mali, kufuneka bakwazi ukuzenza zonke izinto abebezibekele zona kwiziCwangciso zokuPhucula uMsebenzi kwiiinkonzo ezingundoqo ezibenzela ingeniso – umbane, amanzi, kunye nokuthuthwa kwenkunkuma.
2.2 Iziphumo zophicothozincwadi zowama20242025 zoMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente
2.2.1 IKhabhinethi ixoxile ngeNgxelo eBanzi yamaSebe kaZwelonke namamaPhondo, amaQumrhu oMbuso neziNdlu zoWisomthetho yoMphicothiziNcwadiJikelele woMzantsi Afrika yeziPhumo zoPhicothoziNcwadi zePFM zowama20242025.
2.2.2 Le Ngxelo ibonakalisa ukuphucuka okungephi malunga neziphumo zophicothozincwadi ezincumisa kakhulu ezaziwa ngokuba ziziphumo zophicothozincwadi ezingenachaphaza ezinyuke zisuka kwezili148 ngowama20232024 zaya kutsho kwezili151 ngowama202425, ngeli thuba inkcitho engekho mthethweni neyilahleko nayo yehlile xa ithelekiswa neyalo nyaka ungaphambili. Inkcitho eyilahleko ihle kakhulu isuka kwimali ezibhiliyoni eziyi3.54 zeerandi ngowama202324 yaya kutsho kwibhiliyoni eyi1.42 yeerandi kowama202425.
2.2.3 IKhabhinethi ixhalabile linani lamaqumrhu kunye namasebe aneziphumo zophicothozincwadi ezinebatha futhi nangasiphumeziyo isiCwangciso sokuSebenza ukuze kulungiswe ezi ziphumo zibi. Umzekelo, ukususela kwingxelo yowama202324, zizinto ezigwenxa ezingama38 ezilungisiweyo kwaze ngolo hlobo kwasindiswa imali nje eyibhiliyoni eyi1.38 yeerandi ukuba ingabi yilahleko, okanye ethe yabuyiswa.
2.2.4 Amalungu eKhabhinethi aza kuwabeka phantsi kweliso elibukhali amalinge okuphumeza izicwangciso zokusebenza ukuze kulungiswe ezi ngxaki zikwiziphumo zophicothozincwadi, kuncediswe namalinge oMphicothizincwadiJikelele okunyanzelisa ukuba amagosa aphendule ngemisebenzi yawo, kubekho imithetho engqingqwa yangaphakathi kunye neendlela zokuthintela umonakalo ezingundoqo kulawulo olufanelekileyo kunye nokuphuculwa kweenkonzo.
3 Idabi lokulwa uLwaphulomthetho
3.1 Idabi lokulwa ulwaphulomthetho lincediwe kukutyalwa kweSANDF ukuba incedise iSAPS
3.1.1 IKhabhinethi ikwamkele ukutyalwa kwamalungu eSANDF angama2 200 aza kusebenzisana neSAPS kwidabi lokulwa ukwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni kunye nengxaki yamaqela oonqevu eMpuma Koloni, Freyistatha, Gauteng, MntlaNtshona naseNtshona Koloni.
3.1.2 ISANDF iza kongeza inani labo balwa ulwaphulomthetho kwaye iza kulandela imigaqo ethile xa isenza umsebenzi wayo. Sele uqukunjelwa umsebenzi wokutyalwa kweSANDF.
3.2 Amafa namasiko wethu kufuneka ahlonitshwe ngumntu wonke, ingakumbi iindwendwe zethu
3.3 IKhabhinethi iyigxibhe kabukhali la nto bekusithiwa kukubekwa kommi waseNigeria ekutyholwa ngokuba yinkosi yesiXeko saKuGompo eMpuma Koloni kwaye esi senzo isichaze njengento enokungabhadli phakathi futhi nengekho mthethweni.
3.4 IKhabhinethi iqinisekisile ukuba ukumiselwa, ukuhlonitshwa kunye nomsebenzi weenkokeli zomthonyama usekelwe kuMthetho weeNkokeli zeMveli nezamaKhoiSan, onika ingcaciso ecacileyo ngenkqubo emileyo elandelwayo yokubekwa nokunikezelwa kwamagunya kwinkokeli yemveli.
3.5 IKhabhinethi iliqaphele uxolo oluvela kuNozakuzaku waseNigeria ngalo mba kwaye iyalele iSebe lezobuDlelwane naMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano ukuba liqalise ukubamba iindibano zokubonisana nalo Nozakuzaku ngengxaki yokungaziphathi kakuhle kwabantu baseNigeria abaseMzantsi Afrika, engafaniyo nendlela eziziphatha ngayo iindwendwe.
3.6 Iyaxhalabisa kakhulu into yokuba izikhalazo ezifanelekileyo ngalo mba ziye zazala ubundlobongela nolwaphulomthetho. IKhabhinethi ifuna ukukhumbuza abemi beli ukuba ilungelo lokuqhankqalaza lihamba noxanduva, kwaye kufuneka uqhankqalazo lubanjwe ngoxolo, kulandelwa umthetho.
4 Ukuphucula amaLungelo oLuntu
4.1 Ukubuyisela abantu izidima zabo ngokubabuyisela umhlaba
4.1.1 Njenganxelenye yokubuyisela abantu izidima zabo, uMongameli Cyril Ramaphosa ubuyisele umhlaba oziihektare ezingama17 000 ebantwini abangama2 000 baseSt Paul, Ngunjini, Ndzimankulu/Vierkant kunye nosapho lakwaLawrence kwiphondo laKwaZuluNatal.
4.1.2 USekelaMongameli, uPaul Mashatile ubuyisele iitayitile kunye nomhlaba oziihektare ezingaphezulu kwezingama627 kwiSchulk Marhiqa Communal Property Association enamakhaya ali18 kunye nabantu abangama86 kuMasipala weNgingqi iGovan Mbeki, eMpumalanga.
4.1.3 Ukususela kowe1995 ukuza kuthi ga kweyoKwindla 2025, izicelo zamabango omhlaba ezingama83,205 zizonke sele ziphendulwe, into leyo ekhokelele ekubuyisweni komhlaba oziihektare ezizigidi eziyi3.9 owawuhluthwe ebantwini. Urhulumente sele ebhatele imali ezibhiliyoni ezingama50 zeerandi ethenga umhlaba, ekhupha izibonelelo kunye nembuyekezo ebantwini abangama376 978 kweli lizwe. Ukongeza, umhlaba oziihektare ezizizigidi eziyi5.3 sele unikezelwe ebantwini ukususela ngowe1995, futhi norhulumente uyayiphucula nenkxaso ayinika abantu emva kokuba befumene umhlaba, wanceda abo baqalisa ifama wabakhangelisa neendawo zokuthengisa iimveliso zabo.
4.2 Sibuyiselwe isidima namalungelo amaKhoiSan
4.2.1 IKhabhinethi ikwamkele ukungcwatywa kwakhona kwamathambo ookhokho bamaKhoiSan abangama63 eKinderlê Monument, eSteinkopf, eMntla Koloni. La mathambo yimbinana kumawaka amathambo abantu bomthonyama abasuswa ngokungekho mthethweni ekupheleni kwenkungulungwane ye19 nasekuqaleni kwenkungulungwane yama20 asiwa kwiimyuziyam eEurope.
4.2.2 Ukungcwatywa kwakhona kwala mathambo kubuyisela amalungelo nesidima sabantu beSizwe samaKhoi nesamaSan futhi kukwathunuka nentlungu eyenziwa yinkqubo yobukholoniyali neyaCalucalulo yokuphathwa kwemidaka eNtsundu njengezilwanyana nezinto zokuhlekisa nokonwabisa. Ukungcwatywa kwakhona kwala mathambo kubonisa ukuzimisela kukarhulumente ekuhlonipheni abo bancama ubomi babo emzabalazweni nakwidabi lenkululeko.
4.2.3 Lo msitho wokungcwatywa kwamathambo kwakhona wenzeke kanye ngethuba kusenzeka enye into eyimbali yokuba amagama emveli abantu abangamaKhoi namaSan afakwe kwiikhompyutha zeSebe leMicimbi yezeKhaya, into leyo ilinqanaba elibalukeileyo kumalinge okubuyisela isidima sabantu bezi zizwe. Okokuqala ezimbalini apha eMzantsi Afrika, izatifikethi zokuzalwa, incwadizazisi ezingamakhadi kunye neencwadana zokundwendwela ngoku ziza kukwazi ukubhalwa amagama emveli abantu abangamaKhoiSan emva kokuba ubuxhakaxhaka beSebe leMicimbi yezeKhaya buthe baphuculwa.
B. Izigqibo zeKhabhinethi
1. IPhepha elihlaziyiweyo eliCacisa uMgaqonkqubo wezoBummi, iiMfuduko nokuKhuselwa kweeMbacu (iCIRP)
1.1 IKhabhinethi ilivumile iPhepha elihlaziyiweyo leCIRP ukuba liqalise ukusetyenziswa. Lo mgaqonkqubo uza notshintsho olumandla kwisicwangcisosikhokelo soMzantsi Afrika sezemfuduko nobummi. Emva kokuba wathi wavunywa yiKhabhinethi okokuqala ngoTshazimpunzi 2024, iSebe leMicimbi yezeKhaya lapapasha iPhepha eliCacisa uMgaqonkqubo eliHlaziyiweyo eliseLuyilo ngomhla we12 kweyoMnga 2025 ukuze liquke ezi zinto zikhokeliswa phambili nguRhulumente kaZwelonke woBumbano.
1.2 Eli Phepha liCacisa uMgaqonkqubo lizama ukudibanisa uMthetho woBummi eMzantsi Afrika, uMthetho wezeMfuduko, kunye noMthetho wezeMbacu ibe ngumthetho omnye ukuze kususwe la masolotya abonakalisa ukukhabana. Izilungiso ezingundoqo ezenziweyo ziquka ukuhlanganiswa kwezindululo zengxelo yeOperation Vulindlela malunga neenguqu kumgaqonkqubo weevisa, ingcaciso neenkcukacha ezithe vetshe ukwenzela ukuba isebenziseke lula imigaqonkqubo yezemfuduko nobummi, futhi ligxininisa nakumba wokutshintshela kubuxhakaxhaka bale mihla.
1.3 Eli Phepha liCacisa uMgaqonkqubo lihlaziyiweyo lineenjongo zokuqinisekisa ukuba kusetyenziswa indlela yale mihla nevakalayo kwimiba enxulumene nezobummi, imfuduko nokukhuselwa kweembacu. Lixhasa uphuhliso lwesizwe kunye nemiba enxulumene nokhuseleko lwesizwe kuquka nomba wokubhacela kwiLizwe lokuQala eliKhuselekileyo oDibene Nalo.
1.4 Eli Phepha liCacisa uMgaqonkqubo linika amagunya amasebe karhulumente afanelekileyo ukuba akhethe amakhondo, amashishini nemisebenzi ekufuneka ibekelwe abemi boMzantsi Afrika kuphela ukuze kuzalisekiswe icandelo 22 loMgaqosiseko. Oko kuza kukhethwa ngala masebe afanelekileyo kufuneka kuwathathele ingqalelo amalungelo abo bafuna indawo yokubhacela okufuna umsebenzi ukuze bakwazi ukuzenzela ingeniso yokuziphilisa ngolo hlobo bakhusele izidima zabo.
2. Ingxelo yophando olungomonakalo owenziwa luguquguquko lwemozulu ebantwini abakhubazekileyo
2.1 IKhabhinethi iyamkele iNgxelo yoPhando olumalunga noMonakalo oWenziwa luGuquguquko lweMozulu eBantwini abaKhubazekileyo nokuba mayipapashwe.
2.2 Injongo yale Ngxelo kukuqinisekisa ukuba onke amanyathelo athatyathwayo, okuphungula umonakalo nawokuziqhelanisa nemo yoguquguquko lwemozulu abathathela ingqalelo abantu abakhubazekileyo.
2.3 Izindululo eziphambili ziquka ukwenziwa ukuba into yoguquguquko lwemozulu kunye namanyathelo olawulo lweetlekele nazo zithathwe njengeziphambili zesizwe; kuqinisekisa ukuba izilumkiso ezikhutshwa kwangaphambili ziyafikelela nakubantu abakhubazekileyo; ukunikezelwa konxibelelwano lokusabela kwiintlekele olufanelekileyo nolufikelekayo; ukukhokeliswa phambili kwamanina namantombazana akhubazekileyo kwakunye nabantu abadala abakhubazekileyo xa kusenziwa izicwangciso ngoguquguquko lwemozulu; ukunyuswa kwenani labantu abakhubazekileyo abathatha inxaxheba xa kuqulunqwa imigaqonkqubo yoguquguquko lwemozulu kunye neenkqubo zokuphunyezwa kwayo; kunye nokulwela ukuqukwa kwabantu abakhubazekileyo xa kuqulunqwa futhi kuphunyezwa imigaqonkqubo yoguquguquko lwemozulu koomasipala.
3. Ingxelo ngokuqalisa kokungenelela kukazwelonke kuMasipala weNgingqi waseDitsobotla
3.1 IKhabhinethi inikwe ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokuqaliswa komsebenzi wokungenelela kukarhulumente kazwelonke kuMasipala weNgingqi waseDitsobotla. IKhabhinethi ingqinile ukuba ummeli weKhabhinethi wonyuliwe, kunye nemiGaqo eLawula eli nyathelo lokungenelela kukazwelonke.
3.2 Umsebenzi osele wenziwe kule nkqubo yokungenelela uquka:
3.2.1 Ukuqinisekisa ukuba isemthethweni inkqubo yokonyulwa kukaSodolophu, uSomlomo kwakunye neekomiti ezonyulwa ngokweCandelo 79/80, ngeli thuba kusenziwa uphando ngokuba uMphathi kaMasipala uqeshwe ngendlela esemthethweni na.
3.2.2 Ukuvunywa kwesiCwangciso sokuBuyisela iziMali kuZinzo nguMphathiswa wezeMali, umba lowo usachotshelwe liBhunga.
3.2.3 Ukongeza, ukuqinisekisa ukuba ayinqunyanyiswa inkqubo yokuhanjiswa kweenkonzo, isivumelwano sentsebenziswano ngezamanzi nogutyulo sele siqukunjelwe noMasipala wesiThili iNgaka Modiri Molema, futhi nesicwangciso sokusebenza sikamasipala naso sele siqukunjelwe. Njengenxalenye yokungenela kwimiba yolawulo lweentlekele emva kweentlekele ezintlithe phakathi kweyeNkanga 2024 neyoMdumba 2025, izindlu zethutyana ezingama95, kwezingama239 ebezicetyiweyo sele zakhiwe.
3.2.4 ISebe loLawulo ngeNtsebenziswano neMicimbi yeMveli likazwelonke sele liwuqukumbele umsebenzi wokuphengulula ubuxhakaxhaka beintanethi balo masipala ukuze buxhase inkqubo yokuvusela iziseko ezingundoqo nohanjiso lweenkonzo. ISebe lezamaHlathi, ezokuLoba nokusiNgqongileyo lityumbe inkampani eza kuncedisa kumsebenzi wokuqulunqa isiCwangciso sokuThuthwa kweNkunkuma ngeli thuba iSebe lePhondo leMisebenzi kaRhulumente likhuphe iiloli ezimbini eziza kuncedisa kumsebenzi wokuthutha inkunkuma ekwiindawo zokulahla inkunkuma ezingekho mthethweni.
3.3 Iindibano zokufakana imilomo phakathi kwalo masipala noEskom sele kumbovu ukuba zifikelele kwisivumelwano sokusombulula iingxaki ezinxulumene nombane. Amasebe aphantsi kweJCPS ayaqhubeleka nokunikezela ngoncedo ngokunika iinkcukacha eziphandwe zaqinisekiswa, ukuthintelwa kolwaphulomthetho, ukutshutshiswa kunye nokungenelela kwezokhuseleko. UMphathiswa woLawulo ngeNtsebenziswano neMicimbi yeMveli kunye noweziMali bayaqhubeleka nokunika inkxaso ebalulekileyo nemalunga nokusebenzisana kwamaqoqo ahlukeneyo karhulumente kweli linge lokungenelela.
4. IsiCwangciso seSizwe soPhuhliso lweziKhululo zeeNqwelomoya (iNADP) esiluyilo
4.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kweNADP eluyilo ukuze uluntu luhlomle. INADP sisicwangcisosikhokelo sesizwe esiluyilo esiqulunqwe liSebe lezoThutho ukuze sisetyenziswe njengesikhokelo xa kuphuhliswa, kusandiswa izikhululo zeenqwelomoya zoMzantsi Afrika ukwenzela zihlale zisebenza ixesha elide. Sisikhokelo esiqiqisisiweyo nesikhokelisa iinkqubo xa kusenziwa izicwangciso zeziseko ezingundoqo zezikhululo zeenqwelomoya; ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho ukuhambelana kwizinto ezikhokeliswa phambili kwezothutho kuzwelonke, kwezoqoqosho naxa kusakhiwa.
4.2 INADP iza kuqinisekisa ukuba xa uphuhliso lwesikhululo seenqwelomoya lucwangciswa, lwenziwa ngokwemfuneko kwaye luhlangene, ngolo hlobo kuthintelwe ukwandiswa kwazo ngendlela engacetywanga kakuhle ngeli thuba kuza kuqinisekiswa ukuba kukho amaqithiqithi amahle ezoqoqosho nentlalo avela kwiziseko ezingundoqo zezophapho.
4.3 Ekugqibeleni, iNADP iza kudala izikhululo zeenqwelomoya ezihlangeneyo, nezibalulekileyo eziza kuba negalelo kuhlumo loqoqosho, zikwenze lula ukuhanjiswa kwemithwalo, ezokhenketho kunye nokudalwa kwemisebenzi. Iza kuba sikhokelo futhi inike nenkxaso kuyo yonke inkqubo yokwenza izicwangciso nophuhliso lwesikhululo seenqwelomoya ngasinye esiphantsi komhlaba olawulwa yiyo. Abantu bayakhuthazwa ukuba bangenise izimvo zabo ezibhaliweyo ezihlomla kwesi sicwangciso sipapashwe kwi www.transport.gov.za.
5. IsiCwangciso seSizwe esinguNdoqo seMizila kaLoliwe esiluyilo (iNRMP)
5.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kweNRMP eluyilo ukuze uluntu luhlomle. INRMP sisicwangciso esiqiqisisiweyo sesigaba eside esisaqulunqwayo esiza kuba sisikhokelo sokuhlaziya, ukwandisa nokuphucula imizila kaloliwe yoMzantsi Afrika.
5.2 Esi sicwangciso sicacisa uMgaqonkqubo weSizwe weMizila kaLoliwe, owavunywa yiKhabhinethi ngowama2022, ukuba ube sisicwangciso esilula, esilutyalomali lwezigaba nesokuphumeza semizila yoololiwe abalayisha abantu nabemithwalo kule minyaka iliqela izayo. Sineenjongo zokudala icandelo elifikelelekayo nelikwaziyo ukumelana nokhuphiswano ngokudibanisa imizila yoololiwe abalayisha abantu, imithwalo kunye nabo bahamba ngesantya esiphezulu, ngeli thuba siza kuvulela iinkampani zabucala ukuba nazo zidlale indima.
5.3 Imizila yoololiwe yoMzantsi Afrika kudala inganikwa nkathalo, ingasebenzi kakuhle, ihlutshwa bubusela, ukonakaliswa nokungasebenzi ngokufanelekileyo, into leyo ebangela ugxalathelwano lweemoto ezindleleni, iindleko eziphezulu zokuhanjiswa kwemithwalo, kunye nokuphunguka kwesakhono soqoqosho sokukwazi ukumelana nokhuphiswano. INRMP yenzelwe ukusabela kanye kwezi ngxaki ngokubuyisa oololiwe kwakhona badlale indima ephambili kwezothutho kwizwelonke, baxhase uhlumo loqoqosho, amaphulo okudala imisebenzi neenjongo ezinxulumene nemozulu.
6. UMgaqonkqubo wokuVuselelwa nokuPhuhliswa koQoqosho lwaseziLokishini nasemaPhandleni oluyilo
6.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMgaqonkqubo wokuVuselelwa nokuPhuhliswa koQoqosho lwaseziLokishini nasemaPhandleni oluyilo ukuze uluntu luhlomle. Lo mgaqonkqubo wenzelwe ukutshintsha uqoqosho lweengingqi luyeke ukuba lolukhokelisa phambili ukuthenga lube lolusebenzayo olukhokelisa ukuvelisa ngoku luhlanganiswe nolu lukazwelonke. Uneenjongo zokukhuthaza ukusekwa koosomashishini abazinzileyo, ukudala imisebenzi, kunye nokuphungula indlala ngokunikeza ngenkxaso engqalileyo nehleliweyo.
6.2 Lo mgaqonkqubo usekelwe kwimiba eliqela ebalulekileyo, eyile: (i) ukukhuliswa koosomashishini basezilokishini nasemaphandleni abazinzileyo; (ii) ukusebenza njengesikhokelo xa kuqulunqwa indlela ecetywe kakhulu neyomntu wonke; (iii) ukunyusa amathuba okufamana amathuba ezoqoqosho neendawo zokuthengisa iimveliso; kunye (iv) nokuphungula imithetho eyimiqobo kuhlumo loqoqosho lwasezilokishini nasemaphandleni.
7. UMgaqonkqubo wobuChwepheshe obuneNgqiqo efana neyoMntu (iAI) boMzantsi Afrika oseluyilo
7.1 IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa komgaqonkqubo weAI yoMzantsi Afria ukuze uluntu luhlomle. Injongo yalo mgaqonkqubo weAI kukuqinisekisa ukuba izinto eziyinzuzo kunye nezo ziyingozi ziza neAI zixhanyulwa ngabo bonke abakhoyo, kwanezizukulwana ezizayo. Lo Mgaqonkqubo weAI uneenjongo zokuphucula isakhono sikaRhulumente sokulawula nokusebenzisa iAI ngenkathalo, ngeli thuba iphuhlisa ubuchule bokuyila apha ekhaya, uxhasa amaphulo okudala imisebenzi kunye nokunyusa inani labo bafunda izakhono zeAI.
7.2 Lo mgaqonkqubo wakhiwe wazintsika ezingundoqo ezintandathu ezineenjongo zokukhuthaza uphuhliso ngenkathalo kunye nokusetyenziswa ngendlela efanelekileyo kweAI. Ezi ntsika zingundoqo (a) luphuhliso lwezakhono neziphiwo, (ii) ukusetyenziswa kweAI kuhlumo nakumaphulo okudala imisebenzi, (iii) ulawulo olunenkathalo, (iv) iAI equka wonke nengenzi monakalo, (v) ukuhlonitshwa kwenkcubeko nokuhlanganiswa nehlabathi, kunye (vi) nophuhliso olukhokelisa phambili abantu. Lo mgaqonkqubo uyakuqonda ukuba kufuneka uphunyezwe ngezigaba, njengoko ukusetyenziswa kweAI kunye nobungozi bayo busahluka ngokwamacandelo ahlukeneyo.
8. IsiCwangcisoqhinga seSizwe sezoShishino (iNES) kunye nesiCwangciso sokuPhumeza
8.1 IKhabhienthi iyivumile iNES kunye nesiCwangciso sokuyiPhumeza. Esi sicwangcisoqhinga sineenjongo zokuphucula amaShishini amaNcinane, amaNcinci naPhakathi (iiMSME) nokulungisa le ngxaki yentswelamisebenzi kulutsha. Isekelwe kwiintsika ezintlanu: (i) Ukuphucula imfundo yezoshishino nokuphuculwa kwezakhono (ii) Ukukhokela amaphulo okuphuculwa kobuchwepheshe noyilo, (iii) ukuphucula amathuba okufumana izimali neendawo zokuthengisa iimveliso, (iv) ukuphucula imithetho, kunye (v) nokufundisa kunye nokudibanisa abantu. Emva kwenkqubo ebanzi yokubamba iindibano zokubonisana noluntu, iNES inika ingcaciso ngamanyathelo aza kuthatyathwa ukukhuthaza ukuziqalela ishishini eMzantsi Afrika ngokuthi kudalwe iimeko eziza kwenza kube lula ukuzivulela ishishini, kunye nenkxaso ebanzi eza kunceda iiMSME ukuba ziphumelele.
8.2 INES iza kunceda kakhulu ukuba iiMSME ziphumelele, incedise ekukhuliseni iGDP, idale imisebenzi ize iqinisekise ngophuhliso loqoqosho oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke. Ukongeza, esi sicwangcisoqhinga sineenjongo zokudibanisa onke amahlakani aza kunceda iiMSME ukuba ziphuhle kweli lizwe, kuquka iziphakamiso zokuba ubuchule bokuqala ishishini bufundiswe ezikolweni nakumaziko emfundo ephakamileyo.
9. IsiCwangcisosikhokelo soMgaqonkqubo weeNkonzo zokuFukamela nokuPhuhlisa amaShishini (iIBDS)
9.1 IKhabhinethi ivumile ukuba isiCwangcisosikhokelo soMgaqonkqubo weIBDS ukuba sifezekiswe. Esi sicwangcisosikhokelo somgaqonkqubo sivumela ukuba kwenziwe utshintsho kumashishini asakhasayo ngokucacisa indima edlalwa ngamahlakani ahlukeneyo kunye nokukhuthaza ukuba inkxaso ihlanganiswe futhi ihlelwe ngendlela ethile.
9.2 Esi siCwangcisosikhokelo soMgaqonkqubo weIBDS sibaluleke kakhulu kwisiCwangciso esinguNdoqo esiHlangeneyo sokuPhuculwa kwamaShishini amaNcinci, esisikhokelo sabo bonke abadlalindima abachaphazelekayo kumba wokukhuliswa kweeMSME kusetyenziswa iinkqubo, iimveliso neenkonzo ezikwaziyo ukuvavanywa.
9.3 Iinjongo ezingundoqo ziquka ukuphucula umgangatho nobume beenkonzo zophuhliso lwamashishini, ukuqinisekisa ukuba iinkxaso yeeMSME ifumaneka lula, ingakumbi ezilokishini nasemphandleni, nokukhuthaza ubuchule bokuyila nokuqala ishishini. Ukongeza, esi sicwangcisosikhokelo amashishini amancinci siwenza abe phambili kumaphulo okudalwa kwemisebenzi nohlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke, kanye njengokuba sisitsho isiCwangciso sokuPhuhliswa kweSizwe.
C. ImiThetho eYilwayo
1. UMthethosiHlomelo oYilwayo wokuThintelwa kokuKhutshwa nokuHlala ngokuNgekho Mthethweni eMhlabeni (iPIE)
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthethosiHlomelo oYilwayo wePIE kwiPhephandaba loMbuso ukuze uluntu luhlomle.
1.2. Lo Mthetho uYilwayo unenjongo zokwenza izilungiso kuMthetho wePIE wowe1998 ukuze kuliwe ukuhlalwa emihlabeni ngokungekho mthethweni, ukukhusela abanikazi bemihlaba, kunye nokulwa imikhuba yamaqela azenzela unothanda emihlabeni yabantu.
1.3. Izindululo eziphambili ziquka ukwenza kungabikho mthethweni ukukhuthaza abantu bangene emhlabeni ongengowabo, ukwandisa izinto eziqwalaselwayo zinkundla xa zikhupha imiyalelo, kunye nokwenza ngqingqwa imithetho enxulumene nokufunela abantu enye indawo yokuhlala. Ezi zilungiso zizama ukulungisa ezi ngxakana zokukhabana zikulo Mthetho ukhoyo, zibangela ukungacaci kakuhle kweenkcazelo nezinto ezifunekayo ukuze umntu abe ukhutshwe ngokusemthethweni, phofu zikwathathelwa ingqalelo nezinto ezibangela ukuba abantu bangene emihlabeni yabanye ngokungekho mthethweni.
2. UMthetho oYilwayo weBhunga leSizwe lezoPhuhliso loQoqosho nezabaSebenzi (iNEDLAC)
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo weNEDLAC ukuba uphicothwe nangakumbi. Lo Mthetho uYilwayo useluyilo uguzula uMthetho weNEDLAC (uMthetho 35) wowe1994, kwaye uphakamisa ukuba iqumrhu elilawula iNEDLAC litshintshwe ngokomyalelo okumgaqosiseko osukela ngowe1994.
2.2. Lo Mthetho uYilwayo useluyilo unika uMphathiswa igunya lokwenza imigaqo elawula ukwamkelwa nokuba lilungu ngenkqubo equka ukufakana imilomo nokuba uluntu lungenise iziphakamiso, into leyo eza kuyenza le nkqubo ingenzeli izinto ekhusini. Lo Mthetho uYilwayo uza kuyenza icace indima edlalwa yimibutho yoluntu kuNEDLAC uze ukubethelele ukuba iliziko elingundoqo kwiingxoxo zesizwe ezimalunga nokukhuthaza ukuhluma koqoqosho, ukudalwa kwemisebenzi, ukuhlalisana ngoxolo kunye nolingwano ekuhlaleni.
3. UMthethosiHlomelo oYilwayo wemiThetho ngokuBanzi (eChasene nokuThutyeleziswa kweMali nokuXhaswa ngeMali kobuNqolobi) wowe2026.
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwalo Mthetho uYilwayo. Lo Mthetho uYilwayo useluyilo wowama2026 wakhela kula MthethosiHlomelo uYilwayo wemiThetho ngobuBanzi (eChasene nokuThutyeleziswa kweMali nokuXhaswa ngeMali kobuNqolobi) wangaphambili, kwaye ukususela ngoko, uNondyebo weSizwe uzongezile iziphakamiso ukuba ziquke amanye amanyathelo anxulumene nokwenziwa ngqingqwa kwemithetho yokulwa ukuthutyeleziswa kwemali nokuxhaswa ngemali kobunqolobi.
3.2. Lo Mthetho uYilwayo wenza ezi zilungiso kule Mithetho ikhoyo: (i) uMthetho weFinancial Intelligence Centre, wowama2001 (uMthetho 30 wowama2001); uMthetho weMibutho Engenzi Nzuzo, wowe1997 (uMthetho 71 wowe1997; (iii) uMthetho weTrust Property Control, wowe1998 (uMthetho 57 wowe1998); (iv) uMthetho weeNkampani, wowama2008 (uMthetho 71 wowama2008) kunye noMthetho wokuLawula iCandelo leziMali, wowama2017 (uMthetho 9 wowama2017).
3.3. Ezi zilungiso zenzelwe ukwenza ngqingqwa icandelo loMzantsi Afrika eliChasene nokuThutyeleziswa kweMali kunye nokuLwa ukuXhaswa ngeMali kobuNqolobi phambi kokuHlolwa kweLizwe okuza kwenziwa yiFinancial Action Task Force (iFATF), okuza kuqalwa phakathi kowama2026 kugqitywe ngeyeThupha 2027.
4. UMthetho oYilwayo wokuDiz’amahlebo eKhusini, wowama2026
4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo wokuDiz’amahlebo eKhusini (uMthetho wokuKhuselwa kooDiz’amahlebo) ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uyinxalenye yotshintsho olwenziwayo emithethweni lokwenza ngqingqwa amalinge okukhuselwa koodiz’amahlebo ngezilungiso ezenziwe kuMthetho wokuDiz’amahlebo eKhusini (uMthetho 26 wowama2000). Ukwasabela kwiziphakamiso ezikwiNgxelo yeKhomishini yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso ezamemelela ukuba bakhuselwe ngcono abaqulunqimthetho kunye noodiz’amahlebo.
4.2. Lo Mthetho uneziphakamiso zokuba kwenziwe kube lityala ukuziphindezela, futhi banikwe uncedo ngokwasengqondweni, kunye nakwizinto ezinxulumene nomthetho nezimali oodiz’amahlebo. Lo Mthetho uYilwayo uyayinabisa inkcazelo ‘kadiz’amahlebo ukuze iquke iinkampani eziqeshiweyo, iingcali zokucebisa, kunye noluntu kwaye uza kucacisa nenkqubo yokudiza ihlebo ekhusini.
5. UMthethosiHlomelo oYilwayo woNxibelelwano oluElektronikhi (iECA), wowama2026
5.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo weECA. Injongo yalo Mthetho uYilwayo kukwenza izilungiso kuMthetho woNxibelelwano lweElektronikhi, wowama2005. Injongo yezi zilungiso kukwandisa ukhuphiswano kwicandelo leziseko ezingundoqo zonxibelelwano kunye nokuthoba amaxabiso. Ezi zilungiso zenziwa kuMthetho woNxibelelwano oluElektronikhi zikwenzelwe ukudala iimeko eziza kukhuthaza utyalomali kugxininiswa kakhulu kumba wokususa imithetho engumqobo ethintela ukungena kweli candelo ukuze kubekho iinkampani ezininzi ezikhuphisanayo kunye nokuvumela iQumrhu loMzantsi Afrika eliziMeleyo lezoNxibelelwano (iICASA) likwazi ukulawula eli candelo ngokukhululekileyo.
6. UMthetho weMigaqo yokuziPhatha yamaZiko eziMali (iCOFI)
6.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo weCOFI. Injongo yalo Mthetho uYilwayo kukuvelisa umthetho omnye oquka yonke into wokulawula indlela yokuziphatha yawo onke amaziko ezimali. Oku kuyinxalenye yeenjongo zikarhulumente ezibanzi zokwenza iinguqu kwimithetho elawula icandelo lezimali apho eli candelo lizakulawulwa ngamaqumrhu amabini: iPrudential Authority yona eza kujonga izinto ezinxulumene nokhuseleko nokungaqhwaleli, kunye neFinancial Sector Conduct Authority, yona eza kuqwalasela imiba enxulumene nokusebenza kweli candelo kunye nokukhuselwa kwabathengi. Olu hlobo lolawulo lwenza eli candelo likhuseleke kubo bonke abasebenzisa iinkonzo zalo.
6.2. Lo Mthetho uYilwayo uza kuqinisekisa ukuba abantu abasebenzisa iinkonzo zezimali baphathwa kakuhle, ukhawulezise iinguqu, uze ulwele nokuba kubekho uzinzo. Ukwaxhasa nokuba kwenziwe iinguqu kwicandelo lezimali futhi ufuna nokuba amaziko ezimali abe nemigaqonkqubo ehambelana nemiGaqo yokuziPhatha yeCandelo leziMali. Lo Mthetho uYilwayo ukwaxhasa nokukhuliswa kwenani labantu abasebenzisa iinkonzo zezimali kunye nokhuphiswano ngokuthi uvumele ukuba kukhutshwe iintlobo ezahlukeneyo zeelayisenisi ukuze kungene iinkampani ezintsha ezifana neenkonzo zezimali ezisebenzisa ubuchwepheshe.
D. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. Mnu Bareng B. Mthimkulu njengeSecretary of Defence kwiSebe lezoKhuselo.
2. Nks Nomfundo Clementine Tshabalala njengoMlawuliJikelele kwiSebe lezamaHlathi, ezokuLoba nezokusiNgqongileyo (isivumelwano sengqesho sandisiwe).
3. Mnu Xolile Adviser Brukwe njengeSekelaMlawuliJikelele: IiNkonzo zokuXhasa uMsebenzi weSebe kwiSebe loPhuhliso loLuntu
4. Mnu Sibusiso Attwell Makhanya njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (iCEO) ePhongolaUmzimkulu Catchment Management Agency.
5. Nks Lucia Lungelwa Sigasana njengoMlawuli wesiGqeba weNqila: INqila yaseNtshona Koloni kwiArhente yaseMzantsi Afrika yeziBonelelo zeNtlalo (iSASSA).
6. Ukuqeshwa kwabaLawuli kwibhodi yeAirports Company South Africa
i. Mnu Irvin Phenyane (uSihlalo);
ii. Nks Eunice Xoliswa Daku (uSekelasihlalo);
iii. Nks Keitumetse Stella Mahlangu;
iv. Mnu Surendra Sooklal;
v. Mnu Kurt Frayne Parker;
vi. Nks Ulandi Exner;
vii. Mnu Patric Roy Mnisi; kunye
viii. noMnu Theunis Chamberlain
7. Amalungu eiSimangaliso Wetland Park Authority
i. Nkss Memory Thulile Sosibo (uSihlalo futhi uqeshiwe kwakhona);
ii. Mnu Bongani Mzwakhe Mhlongo (uqeshiwe kwakhona);
iii. Nks Nombuso Mlambo (uqeshiwe kwakhona);
iv. Mnu Sifiso Mdluli;
v. Gq Kailen Padayachee
vi. Nks Jacolette Adam;
vii. Nks Hazel Thulisile Xulu;
viii. Nks Zamekile Coreen Zama; kunye
ix. noMnu Boy Daniel Ngobeni (uqeshiwe kwakhona).
E. Imisitho Ezayo
1. INyanga yeNkululeko
1.1 UMzantsi Afrika uza kubhiyozela iNyanga yeNkululeko kuTshazimpunzi 2026 ngomoya wesizwe esivuselelekileyo, kuba siza kube siphawula iminyaka engama32 ukususela oko eli lizwe lasuka ekubeni lilizwe elilawulwa ngokwengcinezelo nocalucalulo sasisizwe esilawulwa ngokwentando yesinizi.
1.2 Imisitho yesikhumbuzo yalo nyaka ibaluleke nangakumbi njengoko sibhiyozela imiNyaka engama30 yoMgaqosiseko woMzantsi Afrika, uxwebhu olukhokelisa phambili iinguqu esilisebenzisa njengesikhokelo singurhulumente olawulwa ngokwentando yesininzi sizama ukwakha isizwe esisekelwe kubulungisa nolingwano.
1.3 INyanga yeNkululeko iza kunika ithuba kuye wonke ummi ukuba aqaqambise amalungelo noxanduva, zinto ezo eziqulathwe kuMgaqosiseko ngokuthi alwele ukuhlalisana ngoxolo nangakumbi kunye nokuxhasa la malinge aqhubayo okuzisa iinguqu kwizwe lakuthi.
2. Dlala eyakho indima ngokubhalisela ukuvota. Bhalisela ukuVota
2.1.1 IKhomishini yoNyulo eziMeleyo (iIEC) imisele uMgqibelo umhla wama20 neCawe umhla wama21 kweyeSilimela 2026 njengempelaveki esesikweni yokubhalisela ukuvota.
2.1.2 IKhabhinethi icela abemi boMzantsi Afrika abakwinqanaba elifanelekileyo lokuvota ukuba babhalisele ukuvota kolu nyulo loomasipala luzayo.
2.1.3 Ukulungele ukuvota ukuba ungummi woMzantsi Afrika unemiynyaka eli18 nangaphezulu kwaye unencwadisazisi eluhlaza nenebhakhowudi, ikhadisazisi okanye ulindela wencwadisazisi.
2.1.4 Abantu abanelungelo lokuvota bangabhalisa okanye bahlaziye iinkcukacha zabo kwiwebhusayithi yeIEC efanelekileyo https://registertovote.elections.org.za ehlala isebenza ubusuku nemini.
2.1.5 Abemmi bayakhuthazwa ukuba bahlale bevundlile bangangeni kwiiwebhusayithi ezikrokrelekayo ezizenza iKhomishini yoNyulo yoMzantsi Afrika
3. INgqungquthela yeSizwe yoPhuhliso loQoqosho lweNgingqi (iLED)
3.1 ISebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, lisebenzisana neSALGA kunye neSebe loLawulo ngeNtsebenziswano neMicimbi yeMveli (iCOGTA) liza kubamba iNgqungquthela yeSizwe yeLED eBirchwood Hotel and Conference Centre eRhawutini ngomhla we15 nowe16 kuTshazimpunzi 2026. Le Ngqungquthela yeSizwe yeLED iza kuba yindibano eza kukhokelisa phambili izisombululo ukuze kwenziwe utshintsho kuPhuhliso loQoqosho lweNgingqi ngokuhambela nePhepha eliseluYilo eliCacisa uMgaqonkqubo kaRhulumente weNgingqi phantsi komxholo othi: “Ukutshintshwa koQoqosho lweeNgingqi: IsiKhokelo esiZalwe yiNtsebenziswano sokuKhulisa amaShishni amaNcinci kunye noKwenza Lula ukuQhuba iShishini”
3.2 Ohloniphekileyo uMongameli Ramaphosa uza kuba sisithethi sembeko kule ngqungquthela iza kuzinyaswa zizikhulu ezivela kuwo omathathu amaqoqo karhulumente, uSAGLA, amaqumrhu ombuso, amaziko ezimali zophuhliso kunye necandelo labucala, iinkokeli zomthonyama kunye namanye amahlakani eLED.
3.3 Le Ngqungquthela iza kuyitshintsha iLED ingabi ngumgaqonkqubo nje koko ibe sisixhobo esisebenzisekayo esiza kuxhobisa ngezakhono amaziko engingqi, kulungiswe iingxaki yokuhlaliswa okanye ukuncandwa komhlaba ngendlela enomkhethe, ukukhuthaza intsebenziswano phakathi kukarhulumente necandelo labucala kugxininiswa kwizinto ezinokubangela uhlumo kwezi ngingqi, futhi iqulunqe nemithetho eza kwenza lula ukuba kugalelwe utyalomali futhi kuphuhliswe iiMSME.
F. Imiyalezo
1. Amazwi ovelwano
- IKhabhinethi ithumele amazwi ovelwano kubahlobo nosapho
leTshantliziyo elalichasene nocalucalulo nelalisaya kuba yiNkulumbuso kunye noMphathiswa wezoKhuselo uMosiuoa Lekota, owanikela ubomi bakhe kwidabi lokulwela uMzantsi Afrika ongacaluli ngebala nangesini nokwalawulwa ngokwentando yesininzi. - likaNicholas “Fink” Haysom, igqwetha lamalungelo oluntu elidumileyo elalinguMcebisi wezoMthetho oyiNtloko kaMongameli Nelson Mandelo, waze ethubeni wanguMmeli oKhethekileyo kaNobhalaJikelele weZizwe eziManyeneyo edlala iindima ezahlukeneyo.
- lwegqala lentatheli, umbhali ongumakhwekhwetha kunye negqala lomzabalazo uTerry Bell owadlala indima ehloniphekileyo nebonakalayo kwidabi lokulwa ucalucalulo, esebenzisa ilizwi lakhe nosiba ukubhentsisa intlungu yokungalingani futhi esilwela nokusekwa korhulumente olawulwa ngokwentando yesininzi.
2. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana neminqweno emihle:
- kuNjingalwazi Nyaweleni Tshifularo kunye neqela lakhe leengcali zonyango ngokwahlula ngempumelelo amawele adibeneyo kuqhaqho olube yimbali kwisiBhedlela saseMankweng esikumaphandle aseLimpopo. Olu tyandoqhaqho belufuna izakhono ezikwizinga eliphezulu lungqinile ukuba izibhedlela zoMzantsi Afrika kuquka nezo zisemaphandleni, ziyakwazi ukwenza utyando oluntsokothileyo njengoko eli lizwe lilungiselela ukuqalisa iInshorensi yezeMpilo yeSizwe. (iNHI).
- KuGq Keamogetswe Ramonaheng, iNtloko yeMedical Physics and Radiobiology eNuclear Medicine Research Infrastructure (NuMeRI), ngokowongwa nge Saul Hertz Award kwi 8th Theranostics World Congress ngegalelo lakhe kwitheranostics, icandelo lezifundo nophando elitsha elidibanisa idiagnostic imaging kunye netargeted radionuclide therapy ukuze kuphuculwe unyango lomhlaza.
- kuNjingalwazi Prinola Govenden weDyunivesiti yaseRhawutini owongwe ngeUNESCO Chair: Cultural Inclusivity and Equity in Digital Media in Africa (20262030), emva kokungenela kwinkqubo ibinzima yehlabathi ibinabantu abafake izicelo angama135 kundlunkulu weUNESCO eParis, France.
- KuKutlwano Peta, umfundi wePostgraduate Diploma in Accounting Sciences, owakhethwa ngowama2025 njengomnye wabali16 bona abebekhethwe kubafakizicelo abali1 800 kwihlabathi liphela yiInstitute of Singapore Chartered Accountants (ISCA) Global Talent Programme (GTP) eSingapore. UKutlwano, uza kusebenza kwiofisi yoMphicothiziNcwadiJikelele kungekudala, ibinguye yedwa obephuma eAfrika.
- Kwimbaleki yemigama emide yoMzantsi Afrika, uAdriaan Wildschutt, owenze imbali ngokuphumelela iNew York City HalfMarathon, ngolo hlobo abe ngummi wokuqala woMzantsi Afrika ukuphumelela lo mdyharo udume kwihlabathi liphela.
- KuMajor General Carl Moatshe otyunjwe ukuba abe yinkumanda yeSA Air Force ukususela ngomhla woku1 kuTshazimpunzi 2026, noza kunyuselwa abe kwinqanaba likaLieutenant General. Uza kungena ezihlangwini zale Chief of the Air Force, iphumayo, uLieutenant General Wiseman Simo Mbambo, naye ochazwe njengokuba ubonakalise ubunkokeli obunozinzo nokuzinikela ngokuphelelayo kwisizwe.
- KuNks Lytania Johnson ngokuqashwa njengoCEO yeFirst National Bank, emva kokuba esebenzele le bhanki iminyaka engama25 futhi uza kukhokelo necandelo lezorhwebo noshishino lwale banki.
- KuNks Valdene Reddy, ngokoqashwa njengeCEO yeJohannesburg Stock Exchange nokuba linina lokuqala elintsundu ukubamba esi sikhundla.
- KwiSpringbok Sevens esiziteketisa ngokuba ziBlitzbokke – ngokuba zintshatsheli ze2025/26 World Sevens Series nangokuphumelela indebe yeNew York Sevens
- KuMasipala weGreater Tzaneen eMopani, eLimpopo, ngokuba ngoyena masipala ucocekileyo eMzantsi Afrika kwiNational Waste Management Awards ebezibanjwe liSebe lezamaHlathi, ezokuLoba nezokusiNgqongileyo.
- KwisiKhululo seeNqwelomoya saMazwe ngaMmazwe saseKapa ngokuwongwa ngokuba yiBest Airport eAfrika iminyaka eli11 ilandelelana kumsitho we2026 Skytrax World Airport Awards ububanjelwe eLondon, eUnited Kingdom. IsiKhululo seeNqwelomoya saMazwe ngaMazwe saseO.R. Tambo ngokuphumelela kwindawo yesibini, size sona isiKhululo seeNqwelomoya saMazwe ngaMazwe iKing Shaka sibekwe kwindawo yesine, kwaye futhi igama laso liyavela kwizikhululo zeenqwelomoya zommandla eAfrika.
- Ngokutyunjwa koMzantsi Afrika kwiCommunications Working Group ye70th Session of the Commission on the Status of Women, ebisingathwe ziZizwe eziManyeneyo. Ukutyunjwa kwesi sikhundla kungqina ukuba uMzantsi Afrika lilizwe eliphambili kumba wezobuchule bezonxibelelwano ngemiba yolingwano ngokwesini nokuxhotyiswa kwamanina.
- Kwigqala lomculo, uGq Abdul İbrahim ngokuthatha umhlalaphantsi sele eyinkonde engwevu eneminyaka engama91 ubudala. IGorha lomzabalazo wenkululeko elalisebenzisa umculo ukubhentsisa uMzantsi Afrika owawunobuhlanga. Abemi boMzantsi Afrika bafanele ukuyothulela umnqwazi le ngqanga.
3. Ukuziphatha ngokufanelekileyo ngale Mpelaveki yePasika
3.1 IKhabhinethi inqwenelela bonke abemi boMzantsi Afrika impelaveki yePasika ekhuselekileyo nemyoli. Eli lixesha lokuba abemi boMzantsi Afrika abaninzi bathi saa kweli lizwe betyelela iintsapho, izihlobo bevunjululwa yinkolo. Oku kuqhele ukudala ukugcwala nokugxalathelana kwezithuthi ezindleleni
3.2 IKhabhinethi icela bonke abantu ukuba babe nenkathalo ezindleleni xa beqhuba – baqinisekise ukuba izithuthi zikulungele ukuba sendleleni phambi kokuba bangene endleleni nokuba wonke umntu osemotweni kuquka nabantwana ukuba abophe amabhanti.
3.3 Siyazamkela zonke iindwendwe kweli lizwe lakuthi kwaye sifuna ukuqinisekisa abemi boMzantsi Afrika neendwendwe ukuba umba wokulwa ulwaphulomthetho usephambili kurhulumente woMzantsi Afrika, kwaye ngokusebenzisana noMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (iSAPS), siyawubona umahluko owenzekayo kweli dabi lokulwa ulwaphulomthetho. Izwe lakuthi liyaqhubeleka nokwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa wonke umntu olindwendwe lethu ukhuselekile.
3.4 Iindawo ezithanda ukutyelelwa ngabakhenkethi lwenziwe ngqingqwa ngamandla ukhuseleko kuzo. Njengoko iMpelaveki yePasika isondela, iQumrhu lokuLawulwa kweMida (iBMA) nalo liwenzile amalungiselelo okuqinisekisa ukuba imithwalo nabantu bangena lula nangaphandle kokulibaziseka kuwo onke amazibuko oMzantsi Afrika angama71 ngeli thuba.
3.5 Ngenxa yesifo sochwane nenyebethu (iFMD), iKhabhinethi icela abo bahambisa izilwanyana ukuba bakuthintele ukusasaza esi sifo. Siyayiqonda into yokuba zininzi izilwanyana eziza kuthuthwa ngoku ngenxa yokuba bebaninzi abantu abafuna ukuxhela, kodwa kufuneka siyithobele imiqathango yeFMD.
Ikhutshwe egameni leKhabhinethi:
nguMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uNks, Ms Khumbudzo Ntshavheni
Imibuzo:
Iziko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Qhagamshelana noNks Nomonde Mnukwa, uMlawuli-Jikelele oliBambela
Iselula: 083 653 7485

