Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu umhla wama-29 kweyeDwarha 2025

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    EzeMidlalo neNtsebenziswano Entle yoLuntu
1.1.    IQela leQakamba lamaNina lee-Proteas lidlulele kumdlalo wamanqam weNdebe yeHlabathi yamaNina ye-ICC
1.1.1.    IKhabhinethi iliqhwabela izandla iQela loMzantsi Afrika leSizwe leQakamba lamaNina ngokudlala kakuhle kakhulu nangokwenza imbali ngokuthi lifikelele kumagqibela kankqoyi kwiNdebe yeHlabathi ye-ICC yowama-2025 yeQakamba lamaNina. Indlela abadlale ngayo ibitakisa iintlantsi, kwaye bazibonakalisile ukuba abazodyongo ngethuba bekhuphisana noompondo-zihlanjiwe behlabathi.
1.1.2.    IKhabhinethi ibanqwenelela impumelelo njengoko besenza amalungiselelo omdlalo wamanqam kwaye ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balixhase eli qela loMzantsi Afrika njengoko lizama ukwenza imbali ngokuphumelela iNdebe yeHlabathi ye-ICC yeQakamba lamaNina yokuqala ezimbalini. IKhabhinethi ichulumancile ukuba lo nyaka wama-2025 mhle kakhulu kumaqela esizwe oMzantsi Afrika eqakamba kuba lona elamadoda belisanda kuphumelela kumdlalo wamanqam we-ICC Test Championship ngelithuba wona amanina efikelele kowamanqam weNdebe yeHlabathi ye-ODI.

2.    Ezoqoqosho
2.1.    UMzantsi Afrika ukhutshiwe kuluhlu lwe-Financial Action Task Force lwababhatala gwenxa izikweleti
2.1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukukhutshwa ngokusesikweni koMzantsi Afrika kuluhlu lwe-Financial Action Task Force lwabanebatha ngendlela yokubhatala izikweliti. Esi sigqibo silandela ukuzalisekiswa ngempumelelo kwezinto ezingama-22 ezazibekiwe ngeyeSilimela 2025 kunye neziphumo ezincumisayo zohlolo lwe-FATF obeluqhutywa apha ngeyeKhala, oluthe lwaqinisekisa ukuba iinguqu ezenziwa nguMzantsi Afrika zizenza ngqingqwa iinkqubo zawo zokulwa ukuthutyeleziswa kwemali nezichasene nabo baphembelela ubunqolobi ziyasebenza futhi zizinzile.
2.1.2.    IKhabhinethi iwuqhwabele izandla umsebenzi omhle wentsebenziswano weqela elakhiwa ngamasebe ahlukeneyo aquka uNondyebo weSizwe, i-Arhente yezoKhuseleko lweSizwe (i-SSA), iGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) kunye neCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluNgxamisekileyo (ooKhetshe), ngamanyathelo awathabathileyo okulwa kunye nokutshutshisa abo babandakanyeka kwizenzo zobunqolobi nabaxhasa amaphulo obunqolobi.
2.1.3.    Kubaluleke kakhulu ukukhutshwa kolu luhlu emva kweminyaka emibini eli lizwe libekwe phantsi kweliso lokhozi ukususela oku lafakwa kulo ngowama-2023. Oku kubonisa ukuzimisela koMzantsi Afrika ekuhlonipheni umthetho, ukwenza ngqingqwa amaqumrhu angundoqo, kunye nokuphucula amaphulo okunyanzelisa ukuthotyelwa komthetho nolawulo. 
2.1.4.    Ukukhutshwa kolu luhlu kulindeleke ukuba kuliphucula izinga eli lizwe elithenjwa ngawo ngoosomashishini, kuphucule iinkqubo zezimali, kuphungule iindleko zokuboleka imali, kube negalelo elihle kwizinga elithenjwa ngalo uqoqosho lweli lizwe, kunyuse nenani loongxowankulu abafuna ukutyala imali kweli lizwe kunye nokudala imisebenzi. Ukongeza, ukukhutshwa kolu luhlu kuza kuphungula iintlobo zonaniselwano ezingekho mthethweni namazwe angaphandle kwaye kubethelele uMzantsi Afrika njengelizwe elithembakeleyo kunye nelihlonitshwayo kwezeenkqubo zezimali zehlabathi.

2.2.    Ukuphuculwa kwendlela asebenza ngayo amazibuko oMzantsi Afrika
2.2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa ngokusesikweni koomasilenge abatsha i-Ship-to-Shore eDurban Container Terminal Pier 2, eliyinxalenye yeeNkqubo yokuVuselela ubuXhaka-xhaka bamaZibuko exabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezine yamaZibuko kaTransnet. 
2.2.2.    UTransnet uphethe icandelo lokuhanjiswa kwemithwalo emikhulu yelizwe ngokulawula amazibuko, iziporo zoololiwe kunye nemibhobho yokuhambisa amafutha ezithuthi, zinto ezo zibalulekileyo kuhlumo loqoqosho. Indima yakhe kukuhambisa imithwalo emikhulu kunye neekhonteyina, ukubonelela ngeenkonzo zezothutho ezisebenzayo nezihlangeneyo nokuqinisekisa ukuba iziseko zakhe ezingundoqo zikwizinga lehlabathi. Ngokuba yinkampani ekhawulezayo nethembekileyo ethutha imithwalo, uTranset uzama ukwenza ukuba uMzantsi Afrika ukwazi ukumelana nokhuphiswano, ukuphungula iindleko zokuqhuba ishishini kweli lizwe kunye nokuxhasa amalinge elizwe okukhulisa uqoqosho. 
2.2.3.    Aba masilenge batsha bokulayisha baza kukwenza onke amacandelo abandakanyekayo ekuhanjisweni kwemithwalo athembeke, isantya sokusebenza sithi xhaxhe, bongeze nakubuxhaka-xhaka obusetyenziswayo ukuhambisa imithwalo nokukwazi ukumelana nokhuphiswano, ukuphungula iindleko zamashishini athumela iimpahla zorhwebo ngaphandle nabazingenisayo kunye kuphuculwe norhwebo – zonke ezo zinto ziza kukhokelela kuhlumo loqoqosho, uphuhliso lwamashishini nokudalwa kwemisebenzi. IKhabhinethi iyakubethelela kwakhona ukuzimisela kukarhulumente ukuphucula icandelo lezokuhanjiswa kwemithwalo neziseko ezingundoqo zamazibuko zoMzantsi Afrika zibe zezale mihla ukuze kuqinisekiswe ukuba eli lizwe linecandelo lokuhanjiswa kwemithwalo elizinzileyo nelikwaziyo ukukhuphisana namazwe ehlabathi.

3.    Ezokuphuhliswa kwezentlalo nabantu
3.1.    Iimviwo zeBanga 12
3.1.1.    IKhabhinethi iyakwamkela ukuqala kakuhle kweemviwo zowama-2025 zeBanga le-12, apho abafundi abangaphezulu kwama-900 000 babhala iimviwo. Amalungiselelo enziwe liSebe leMfundo esisiSeko aqinisekisa ukuba iimviwo ziqhutywa ngendlela engakrokrisiyo futhi akukho makroba akhoyo kuzo.
3.1.2.    IKhabhinethi imemelela abazali nabagcini-bantwana ukuba baqhubeleke bexhasa abafundi ngeli thuba ngokuthi bakhuthaze inzolo, ukuthotywa kwezibilini ukuze abafundi bakwazi ukufunda futhi babeke esweni abantwana bangaphakuzeli, balinde kude kukhutshwe iziphumo ngeyoMqungu 2026. Aba bantwana balikamva lelizwe lakuthi, kwaye kufuneka bazi ukuba baliqhayiya kuthi.

3.2.    Ukuvuyelelwa ezikolweni
3.2.1.    IKhabhinethi ivile futhi ixhalabile, zingxelo zakutsha nje zeziganeko zokuvuyulela ezenzeke ezikolweni. Ukuvuyelela ezikolweni ngumba ombi kakhulu, kwaye luxanduva lomntu wonke ukuqinisekisa ukuba izikolo zethu zikhuselekile futhi ziyindawo elungileyo yokufunda.
3.2.2.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuzo zonke izikolo ukuba zizithathele ingqalelo kwaye ziziphande izityholo zokuvuyelela, ubundlobongela nokuxhatshazwa. Abafundi bayakhuthazwa ukuba bazixele iziganeko zokuvuyelelwa nokuxhatshazwa kwiinqununu, ootishala, abazali kunye nabagcini-bantwana.
3.2.3.    IKhabhinethi iyakubethelela ukuba izikolo kufuneka zithobele isiCwangciso-qhinga seSizwe sezoKhuseleko eziKolweni esinika isikhokelo ngendlela zokulwa ubundlobongela, kuquka nokuvuyelela. Nazo izikolo kufuneka zinyanzelise ukuba iMigaqo yokuziPhatha yabaFundi ithotyelwe, equka ingcaciso ngendlela yokuziphatha kunye neziphumo zokuvuyelela abanye abafundi.

4.    Ezobudlelwana bamazwe ngamazwe
4.1.1.    Utyelelo lwaseburhulumenteni kumazwe ahlukeneyo kunye neentlanganiso namazwe ehlabathi
4.1.2.    UMongameli Cyril Ramaphosa uqukumbele ngempumelelo utyelelo lwaseburhulumenteni obeluye kumazwe amathathu ayi-Indonesia, Vietnam neMalaysia; lwaze olunye lwaya eSwitzerland. Iinjongo zokufakana imilomo namazwe ehlabathi kukuqinisa ubudlelwane bethu nala mazwe; ikakhulu kumba wokunyusa umthamo worhwebo, utyalo-mali kunye nentsebenziswano kwimiba ebalulekileyo. Olu tyelelo kula mazwe mathathu ase-Asia luyinxalenye yamalinge okungena kwizivumelwano ezingahlawulisani irhafu yorhwebo into leyo iza kunceda ukuba uMzantsi Afrika ube namazwe ahlukeneyo orhweba nawo.
4.1.3.    Umthamo worhwebo namazwe akumzantsi-mpuma ye-Asia mncinci eMzantsi Afrika kangangokuba uxabisa imali ephakathi kweebhiliyoni zedola ezingama-22 nama-25. Ngethuba lolu tyelelo, la mazwe mathathu avumelene ngokuba kunyuswe umthamo worhwebo notyalo-mali phakathi kwawo neli lizwe. 
4.1.4.    UMzantsi Afrika uthumela iimveliso zorhwebo ezifana namalahle, iziqhamo kunye neemveliso zolimo eziliqela kwamanye amazwe ase-Asia, into le ke ivula ithuba lokuba unyuswe umthamo worhwebo neempahla esizithumela kula mazwe. 
4.1.5.    Ilizwe lokugqibela alindwendwele uMongameli Ramaphosa ibiyiSwitzerland. Lona olu uhambo luqinise ubudlelwano bezopolitiko, ezoqoqosho nezentlalo kwaye lavuselela ngamandla ezi ndawo sele kusetyenziswana kuzo zifana norhwebo, utyalo-mali, uphuhliso lwezakhono, ezobunzululwazi nobuchule bokuyila.

5.    Ubudlelwano phakathi koMzantsi Afrika neTürkiye
5.1.1.    Utyelelo lwaseburhulumenteni lukaSekela-Mongameli uPaul Mashatile obelusingise eTürkiye ngenyanga yeDwarha nabo bubuqinise nangamandla ubudlelwano phakathi kwala mazwe mabini. Ngethuba lolu tyelelo, ube ngomnye wosihlalo beKhomishini yala Mazwe Mabini (i-BNC). Le BNC ibibizwe ngokwesivumelwano sowama-2012 esaseka le khomishini, futhi usihlalo wayo nguSekela-Mongameli weli ebambisene nowaseTürkiye.
5.1.2.    Ezi ngxoxo ziqukunjelwe ngomsitho wokutyikitywa kwezivumelwano eziliqela, eziquke isiBhambathiso sala Mazwe Mabini Malunga nokuSekwa kweKhomishini yala Mazwe Mabini yezoQoqosho noRhwebo (i-JETCO) kunye neziVumelwano zokuQondana (ii-MoU) kwicandelo lemfundo ephakamileyo noqeqesho, kwakunye nentsebenziswano enxulumene nemimandla ekhethekileyo yezoqoqosho nengahlawulisani irhafu yezorhwebo.

6.    I-G20
6.1.1.    IKhabhinethi yonelisekile ukuba amalungiselelo oMzantsi Afrika okusingatha ngempumelelo iNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20 ukususela ngomhla wama-22 ukuya kowama-23 kweyeNkanga sele ephambili kakhulu, kwaye iqinisekile ukuba ilizwe lakuthi liza kusingatha le ngqungquthela ngempumelelo.
6.1.2.    Le ngqungquthela kulindeleke ukuba ikhwezele uqoqosho kuba uza kunyuka umthamo weempahla, iinkonzo, iziseko ezingundoqo kunye neziseko zokwenza amalungiselelo; ukudalwa kwemisebenzi kunye nokunyusa ingeniso kumashishini eli lizwe. Ukongeza, amawaka abathunywa, amajelo eendaba kunye neendwendwe ezivela kumazwe ehlabathi ziza kubonisa ihlabathi izinto ezinomtsalane ngoMzantsi Afrika, into leyo iza kuba negalelo elihle kwicandelo lezokhenketho leli lizwe nakule minyaka izayo. Ukubamba isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 sele kunegalelo elihle kwicandelo lezokhenketho, kangangokuba iintlanganiso ezisesikweni ezili-100 kwezili-132, sele zibanjiwe mbombo zonke zeli lizwe ukususela ngomhla woku-1 kweyeNkanga 2024.
6.1.3.    Kwiintsuku zokugqibela phambi kwale ngqungquthela, kuhlelwe ukuba kuza kubanjwa iNgqungquthela ye-G20 yemiButho yoLuntu ngomhla we-18 ukuya kowama-20 kweyeNkanga 2025, apho imibutho yoluntu iza kunikwa ithuba lokuba ibandakanywe kwiinkqubo zokuthathwa kwezigqibo yi-G20 ukwenzela ukuba kubekho intsebenziswano kwihlabathi, ukulwela ukuba kubekho uphuhliso oluquka wonke umntu kuze kutyikitywe isibhambathiso esisekelwe kwizinto zokwenyani eziphilwa kunye nezinqwenelwa ngabantu.
6.1.4.    UMzantsi Afrika usebenzisa esi sikhundla sokuba nguMongameli we-G20 ukusombulula iingxaki ezintsokothileyo elijamelene nazo ihlabathi kwaye ukhuthaze ukuba kuvisiswane xa kuthatyathwa izigqibo ngemiba eyahlukeneyo. Ezona zinto ziphambili kuthi kukwakha ihlabathi elikwaziyo ukumelana nokusabela kwiintlekele, ukuqinisekisa ukuba amatyala amazwe asaphuhlayo awakhuli ngokugqithisileyo, ukuqokelela imali yamaphulo okutshintshela kuhlobo lwamandla angenabungozi kokusingqongileyo kunye nokusetyenziswa kwezimbiwa ezinqabileyo kwenzelwe uhlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke. 
6.1.5.    Sizilindele ngobubele nolangazelelo iindwendwe eziza kuzimasa iiNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20 kunye nokunikezela ngemikhala yesikhundla sokuba nguMongameli we-G20 kwi-United States of America.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    IziPhakamiso zesiCwangciso-sikholelo seziMali neNgeniso yoMbuso sowama-2025
1.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba iziPhakamiso zesiCwangciso-sikhokelo seziMali neNgeniso yoMbuso zithithwe thaca ePalamente. Esi sicwangciso-sikhokelo sezimali zombuso sibaluleke kakhulu kuhlahlo lwabiwo-mali lonyaka lwesizwe. Esi siCwangciso-sikhokelo seziMali zoMbuso sesonyaka-mali othile kwaye sizalisekisa umgaqo-nkqubo woqoqosho lukazwelonke wesigqeba esilawulayo sesizwe. Siquka imiba eyahlukeneyo, efana noqikelelo lwayo yonke ingeniso (enxulumene nohlahlo lwabiwo-mali nengaphaya kwalo idweliswe yodwa) elindelekileyo kuloo nyaka-mali kunye nomyinge wemali ekuqikelelwa ukuba iza kubolekwa kuloo nyaka-mali uthile.
1.2.    UMphathiswa weziMali, u-Enoch Godongwana, uza kwandlala i-MTBPS ePalamente ngomhla we-12 kweyeNkanga 2025 ngentsimbi yesi-2 emva kwemini.

2.    UMzantsi Afrika uza kukhokela i-SADC okwethutyana
2.1.    IKhabhinethi isivumile isicelo esivela kuNobhala wesiGqeba soMbutho wezoPhuhliso lwaMzwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC), uMnu Elias Mpedi sokuba uMzantsi Afrika ukhokelele i-SADC okwethutyana ngenxa yezixholo-xholo zezopolitiko eMadagascar. Oku kuquka ukusingatha zonke iintlanganiso ze-SADC ebesele zihleliwe ukususela ngeyeNkanga 2025 kwaye kulindeleke ukuba uMzantsi Afrika uthathe uxanduva lwe-SADC ide iNgqungquthela ithathe isigqibo esisekweni.
2.2.    Esi sicelo sihambalana neSolotya 9A(2)(b) kunye no-10(4) esiVumelwano se-SADC elithi xa uSihlalo engakwazi ukwenza imisebenzi yakhe, uSihlalo oza kungena kufuneka atsale imikhala okwethutyana ide iNgqungquthela ithabathe isigqibo. 

3.    UMgaqo-nkqubo ngeeNkonzo zoPhuhliso lwezeNtlalo eziya eBantwini abaKhubazekileyo
3.1.    Lo mgaqo-nkqubo uye wabuyiselwa ukuba kuye kubalwa iindleko zawo nokuba uMphathiswa wezoPhuhliso loLuntu afakane imilomo noMphathiswa weziMali.

4.    INgxelo yeNkqubo yoNyaka yesi-8 (2023 – 2024) malunga nokuphunyezwa kwePhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wamaLungelo aBantu abaKhubazekileyo (i-WPRPD)
4.1.    IKhabhinethi iyivumile iNgxelo yeNkqubo yesi-8 ukuba iqalise ukusetyenziswa, kunye nezindululo zayo. Le ngxelo ibonisa igalelo elenziwe ngamasebe kazwelonke nawamaphondo ngesithuba sowama-2023 ukuya kowama-2023. Inika ingxelo ngezakutsha nje malunga namanyathelo okungenelela athatyathiweyo ukususa imiqobo ethintela abantu abakhubazekileyo. 
4.2.    Ikwanika nengcaciso ngamanyathelo okungenelela okususa imiqobo ethintela abantu abakhubazekileyo. La manyathelo aquka amaphulo okufundisa uluntu, ukuphuculwa kweziseko ezingundoqo ukwenzela kube lula ukuba bazisebenzise abantu abakhubazekileyo, izithuthi ezinokusetyenziswa lula ngabantu abakhubazekileyo kunye nendlela zokunxibelelana eziluncedo kumntu wonke. Ubuncinane, ngamasebe karhulumente kazwelonke angama-30 kunye nee-ofisi zeeNkulumbuso ezintandathu ezifake isandla kule ngxelo esele ivunyiwe ukuba ipapashwe kwigazethi ize ikhutshwe iye eluntwini liSebe lamaNina, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo. Le ngxelo iyafumaneka apha: www.dwypd.gov.za.

C.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Mnu Livhuwani Tommy Makhonde njengoMlawuli-Jikelele kwiSebe leMicimbi yezeKhaya (ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho) 
2.    Gq Mbulelo Nokwequ njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba ye-National Metrology Institute of South Africa. 
3.    Mnu Mpumelelo Maseko njengoMlawuli ongeyoNxalenye yesiGqebo kwiBhodi ye-Public Investment Corporation.

4.    IBhodi yabaLawuli ye-SASRIA 
(i)    Gq Nolwandle Mgoqi-Mbalo (uqeshiwe kwakhona)
(ii)    Mnu Reginal Haman (uqeshiwe kwakhona);
(iii)    Nks Margaret Phiri (uqeshiwe kwakhona); 
(iv)    Mnu Shafee Verachia;
(v)    Nks Noxolo Abraham;
(vi)    Nks Nomusa Mufamadi;
(vii)    Mnu Afika Selemane;
(viii)    Mnu Nkhumeleni Musekwa;
(ix)    Nks Vuyelwa Matsiliza; 
(x)    Nks Mmabatho Sukati; kunye 
(xi)    noMnu Dirkse Kunz

5.    AbaLawuli beBhodi ye-Cross-Border Road Transport Agency (C-BRTA) (njengoko bebebhengiwe ngaphambili)

(i)    Mnu Randall Howard (uSihlalo);
(ii)    Nks Loyiso Kula 
(iii)    Adv Adila Chowan (uqeshiwe kwakhona);
(iv)    Nks Keitumetse Mahlangu;
(v)    Nks Yongama Pamla-Dhludhlu;
(vi)    Gq Dineo Penelope Mathibedi;
(vii)    Nks Zandile Kabini; kunye
(viii)    noMnu Dave Jackson Moswane

6.    Amalungu eBhodi ye-Construction Industry Development
(a)    Mnu Khulile Nzo; (uSihlalo);
(b)    Njing Susanna Bouillon (uSekela-Sihlalo);
(c)    Nks Yvonne Mbane;
(d)    Gq Karabo Siyila;
(e)    Mnu Johan van der Walt;
(f)    Gq Deenadayalen Konar;
(g)    Gq Julia Petla;
(h)    Nks Thembisa Jimana; kunye 
(i)    noGq Elizabeth Makgae

D.    Ezintsha eziya kwiKhabhinethi

1.    Izicwangciso zokulungisa ingxaki yongcoliseko olwenziwa lugutyulo nelindle
1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo liSebe lezaManzi noGutyulo (i-DWS) ngezicwangciso zexesha elide zokulungisa iingxaki ezinxulumene nongcoliseko olwenziwe lugutyulo nelindle ezixake oomasipala abaliqela. 
1.2.    IGazethi yemiGangatho eNyanzelekileyo yeeNkonzo zeSizwe zaManzi noGutyulo ehlaziyiweyo ye-DWS ngomhla wesi-6 kweyeSilimela 2025, sele idale iimeko ezifanelekileyo zokuqaliswa kweenkqubo ezisebenzayo zezogutyulo kulo lonke eli lizwe. 
1.3.    Le mithetho ikwenza ibe kukwaphula umthetho ukufakela imibhobho emitsha kumaziko okucoca amanzi asele egqithile kumlinganiselo wawo. Oku kuthetha ukuba oomasipala bangazivumi izicelo ezitsha zokufakelwa kwemibhobho yamanzi kula maziko akhoyo okucoca amanzi, ngaphandle kokuba iziko elo lingakwazi ukuyithwala loo mibhobho yamanzi mitsha. 
1.4.    Ukongeza, uMthetho-sihlomelo oYilwayo weeNkonzo zaManzi uza kunika uMphathiswa wezaManzi noGutyulo amagunya athe xhaxhe okunyanzelisa ukuthotyelwa kwemigangatho nemiqathango emiselweyo.

E.    Imisitho Ezayo
1.    I-Global Fund yokuLwa uGawulayo, isiFo sePhepha neMalariya (iCesina) – iNgqungquthela yoHlaziyo yesi-8
1.1    IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kweNgqungquthela yoHlaziyo yesi-8 eza kubanjwa ngomhla wama-21 kweyeNkanga 2025 eRhawutini. Le ngqungquthela iza kusingathwa nguMzantsi Afrika kunye ne-United Kingdom bebambisene ne-Global Fund yokuLwa uGawulayo, isiFo sePhepha (i-TB) neMalariya, iza kubanjwa ngethuba kuqhuba iNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20. Le ndibano ilithuba elihle kakhulu lokucenda amazwe ehlabathi ukuba azibophelele futhi afake nesandla kwidabi lokulwa uGawulayo neNtsholongwane yakhe (i-HIV), i-TB kunye neMalariya.
1.2    Le ngqungquthela iza kuzinyanswa ziNtloko zemiBuso noorhulumente, imibutho yoluntu, uluntu, amahlakani ehlabathi kunye necandelo labucala, ngeenjongo zokufumana utyalo-mali kuze kwandiswe nenani labantu abaxhamla kwiinkqubo ezibalulekileyo zezempilo. 
1.3    Iingxoxo kule ngqungquthela kulindeleke ukuba zincedise ekwakhiweni kweenkqubo zezempilo ezizinzileyo nezikwaziyo ukumelana nobunzima, ezibalulekileyo ekwakheni Iiamva elinempilo nelikhuselekileyo lomntu wonke.

F.    Imiyalezo
1.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho nezihlobo:

  • Zegqala lomsasazi kanomathotholo, uMfundisi Abel Sello Phiri, ilizwi lakhe elizolileyo ebelithuthuzela futhi lilithemba kwabaninzi kwinkqubo yakhe yasemva kwemini eMotsweding FM.
  • zikaTshiamo noBaleseng Moramaga, abazala ababini ababulewe kabuhlungu e-Mamelodi East. Umrhanelwa oneminyaka engama-38 oseziseleni sithetha nje ngezityholo zokubulala esi sibini kabuhlungu ebevele kwiNkundla kaMantyi yaseMamelodi izolo (ngoLwesithathu).
  • IKhabhinethi ithi tutwini kwiintsapho nabahlobo abaphantsi kwelifu elimnyama emva kokuswelekelwa zizihlobo zabo kulandela iingozi ezahlukeneyo zeemoto ezibulele abantu abali-15 kule veki. Ingozi yokutshayisana kweteksi nebakkie eBassonia, eGauteng ibulele abantu abasixhenxe ngelithuba enye ingozi yokungquzulana kweteksi nesigadla kuhola wendlela u-N3 phakathi kwamajiko-jiko i-Van Reenen’s Pass neMontrose eFreystatha ibulele abantu abasibhozo.

2.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana neminqweno emihle:

  • kuQhawekazi Mazaleni ngokuphumelela ku-Miss SA 2025; kwaye iminqwenelela okuhle kodwa ngeli thuba abambe esi sikhundla.
  • IKhabhinethi igqibe kwelokuba iqhwabele izandla uMongameli ngokuwongwa ngesidanga sobugqirha sembeko yiDyunivesiti yaseMalaya.
  • kuMelissa Nayimuli ngokuba ngu-Miss Universe South Africa kwaye eza kumela uMzantsi Afrika kukhuphiswano lwehlabathi luka-Miss Universe oluza kubanjelwa eThailand.
  • IKhabhinethi isothulela umnqwazi isiKolo seSizwe sikaRhulumente (i-NSG) ngokunikezela isifundo malunga ne-Economic Governance School for public service leaders, eNairobi eKenya, sisebenzisana ne-Ghana Institute of Management and Public Administration (i-GIMPA) kunye neKenya School of Government (i-KSG), ukususela ngomhla wama-27 ukuya kowama-30 kweyeDwarha 2025. Esi sifundo besizinyaswe ngamalungu epalamente, amalungu esigqeba esilawulayo, iintloko zamasebe kunye nezifundiswa ezivela eMzantsi Afrika, Ghana naseKenya. Esi sifundo se-Economic Governance samkelwa ngokusesikweni yiKhabhinethi ngeyeThupha 2020 kwaye senzelwe ukuphucula izakhono zobunkokeli, uphando-nzulu neengxoxo ngemigaqo-nkqubo malunga nemiba yezolawulo loqoqosho kwaba bakwinqanaba lolawulo lwezigqeba nabaphathi abaphezulu kurhulumente.

Imibuzo: 
Mnu Sandile Nene – iBambela leSithethi SikaRhulumente
Umnxeba: 083 712 2316

Share this page

Similar categories to explore