A. Imiba engundabamlonyeni
1. Ukwakha uqoqosho olungqingqwa nolomeleleyo
1.1. Urhulumente namashishini basebenzisana ngamandla ukukhwezela uhlumo loqoqosho nokudala imisebenzi
1.1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa kwesiGaba sesi-3 seNtsebenziswano phakathi kukaRhulumente namaShishini ukuze kuqhutywe uhlumo, kutsalwe utyalomali kuze kudalwe nemisebenzi engaphezulu kwesigidi ngowama-2030.
1.1.2. Esi siGaba sesi-3 sakhela kumsebenzi omhle wentsebenziswano kwisiGaba soku-1 nesiGaba sesi-2 kumacandelo abalulekileyo. Imisebenzi eyimpumelelo yesiGaba sesi-2 iquka ukupheliswa kwengxaki kacimicimi wombane, utshintsho oluhle kwicandelo loololiwe nakumazibuko; ukukhutshwa koMzantsi Afrika kuluhlu lwe-FATF lwamazwe anebatha kulawulo lwezimali; ukunyuswa kwendawo elibekwa kuyo elilizwe yi-S&P noFitch ngokuhlawula izikweliti.
1.1.3. IsiGaba sesi-3 siza kuqhubela phambili iinguqu, sinyuse izinga elithenjwa ngayo eli lizwe ngabatyalizimali size sandise namathuba ezoqoqosho kubo bonke abemi boMzantsi Afrika. Siza kugxininisa kakhulu ekunyusweni komthamo wamandla okhoyo, ukunyusa umthamo wemithwalo ehanjiswayo, ukuvula amathuba amakhulu otyalomali kunye nokuzama ukunyusa umthamo wabakhenkethi abaza kungena kweli ngowama-2027.
1.2. UMzantsi Afrika ulungiselela ichiza elitsha lokugonya isifo sephepha
1.2.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokuveliswa kwechiza elitsha lokugonyela isifo sephepha (i-TB), ekungoku elikwisiGaba sesi-3 sovavanyo, elinokunceda kakhulu kwidabi lokulwa i-TB kweli lizwe.
1.2.2. IKhabhinethi iqaphele ukuba urhulumente ulungiselela ukubhalisa kunye nokuqalisa ukusebenzisa eli chiza lakuba uvavanyo yimpumelelo.
1.2.3. IKhabhinethi isamkele nesivumelwano kunye neSerum Institute of India sokuvelisa amachiza okugonyela i-TB aza kuthengiswa kwihlabathi liphela, into leyo iza kuphucula isakhono soMzantsi Afrika sokuvelisa amachiza okugonya, ixhase izakhono zokuyila ize ifake isandla kuhlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi.
1.3. Ukwenza amalungiselelo okwakha icandelo lezamandla elizinzileyo: Umsebenzi ka-Eskom wokuPhehla uMbane
1.3.1. U-Eskom wenze umsebenzi ogqwesileyo kwinkqubo yakhe yokuphungula umthamo wombane osetyenziswayo kumaphondo asixhenxe phambi kwenyanga yeDwarha 2026 ababezibekele yona. Abathengi abamalunga nesigidi esiyi-1.2 basebenzisa umbane ngendlela efanelekileyo, into leyo iphungule abathengi abachaphazelekayo ngo-6.8% yabathengi baka-Eskom bebonke.
1.3.2. Ukongeza, u-Eskom ngoku uyekile ukuxhomekeka kakhulu kwidizili, kangangokuba imali echithwe kwidizili yehle ngaphezulu ko-83% xa kuthelekiswa nalo nyaka uphelileyo apho ibizibhiliyoni zeerandi eziyi-5.92 yehla ngoku yazizigidi zeerandi ezingama-992 ngeli xesha kulo nyaka, njengoko ukusetyenziswa kwe-Open Cycle Gas Turbine kwehle ukusuka ku-8.67% ukuya ku-1.10%.
1.3.3. Ukuhla kakhulu komthamo wedizili esetyenzisiweyo kububungqina bomsebenzi owenziweyo wokukhandwa nokugcinwa kwezitishi zokuvelisa umbane zika-Eskom zikwisimo esifanelekileyo. UMzantsi Afrika ngoku uneentsuku ezingama-467 zilandelelana engenangxaki kacimicimi wombane, oko wawugqibele ngomhla we-16 kuCanzibe 2025. Ukusukela ngoko amakhaya kunye namashishini zange abe nangxaki yokucinyelwa ngumbane futhi oku kunegalelo elihle kuphuhliso loqoqosho.
1.3.4. IKhabhinethi iyayamkela le ndlela incumisayo asebenza ngayo u-Eskom kangangokuba uMthamo woMbane oKhoyo kooVimba ungowona uphezulu kakhulu ukususela ngowama-2020, into ebonisa ukuba izitishi zokuphehla umbane zisebenza kakuhle kakhulu. Lo msebenzi mhle kangaka ugalele umbane omalunga neemegawatt ezingama-6 100 kwiziko lombane lesizwe ngelithuba ukucima kombane okwenzeke kungacetywanga kwehle nge-40% xa kuthelekiswa iminyaka.
1.3.5. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bafake izimvo zabo ezihlomla kuMgaqonkqubo oHlaziyiweyo wokuBeka amaXabiso oseluYilo opapashiweyo ngoku ukuba bahlomle. Lo mgaqonkqubo ucetywayo uzama ukuphungula ixabiso lombane ngelithuba uza kuzithathela ingqalelo iindleko zombane futhi ukhusela namakhaya angathathi ntweni kunye namacandelo oqoqosho abalulekileyo.
1.4. INgqungquthela yoMzantsi Afrika yesi-5 yoPhuhliso oluZinzileyo lweziSeko ezinguNdoqo
1.4.1. IKhabhinethi ikwamkele ukusingathwa ngempumelelo kweNgqungquthela yoMzantsi Afrika yesi-5 yoPhuhliso oluZinzileyo lweziSeko ezinguNdoqo (i-SIDSSA) ebibanjelwe eKapa.
1.4.2. IKhabhinethi izamkele neeprojekthi zeziseko ezingundoqo ezingama-263 esele ziboniwe ezixabisa imali eyitriliyoni yeerandi eyi-1.99 ezikumanqanaba ahlukeneyo ophuhliso nokuqalisa ukusetyenziswa.
1.4.3. Kwezi nyanga zili-18 zidlulileyo, iiprojekthi ezingama-37 ezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-69 sele zigqityiwe, futhi zithe zaxhasa uhlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi.
1.5. UMthetho woHlumo namaThuba e-Afrika
1.5.1. IKhabhinethi ikwamkele ukwandiswa kwexesha lokusebenza koMthetho woHlumo namaThuba e-Afrika (i-AGOA), eyenzela idolo iimveliso ezithile zoMzantsi Afrika ukuba ziye kuthengiswa eMelika. Ukwandiswa kweli xesha lokusebenza kwe-AGOA, ngoku eza kuphelelwa ngomhla wama-31 kweyoMnga 2028, lincede abavelisi nenkampani ezirhweba namazwe angaphandle ukuba zazi ukuba kwenzeka ntoni, zikwazi ukuba namazwe ahlukeneyo ezithengiselana nawo, kwanyusa umthamo weemveliso ezithunyelwa phesheya kwaze kwenziwa ngqingqwa nobudlelwano borhwebo notyalomali kunye neMelika
1.6. Isivumelwano sesitrasi kunye ne-Indiya.
1.6.1. IKhabhinethi isamkele isivumelwano esiphakathi koMzantsi Afrika ne-Indiya esingorhwebo sokuba iziqhamo zesitrasi zoMzantsi Afrika zikwazi ukucocwa ukuze kuthintelwe izifo ngoku zisesendleleni eya e-Indiya, emva kweengxoxo eziqhube iminyaka ephantse ibe lishumi. Esi sivumelwano siza kwenzela lula iinkampani zesitrasi ezithumela iziqhamo zesitrasi e-Indiya futhi siza kunyusa nomthamo weemveliso ezithunyelwa e-Indiya - eli lelinye lamazwe anabona bathengi baninzi kwihlabathi nelihluma ngesantya esiphezulu.
1.6.2. UMzantsi Afrika, njengelizwe elikwindawo yesibini kwihlabathi ngokomthamo weziqhamo zesitrasi othunyelwa kumazwe angaphandle obuzitoni ezizigidi eziyi-2.9 ngowama-2025 ngolo hlobo lenza imali ezibhiliyoni ze-US$ eziyi-2.1, icandelo lawo lesitrasi liqeshe abantu abaninzi. Ukufumana amazwe athe chatha okuza kuthunyelwa kuwo iimveliso zeli kuza kulikhulisa eli candelo, kuze futhi kukhulise nomthamo weemveliso kwanokudalwa kwemisebenzi.
1.7. Ukuphucula uMzantsi Afrika njengelizwe eliphambili elithandwa ngabakhenkethi, elinamathuba amaninzi oshishino notyalomali
1.7.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa kwekhasi le-Electronic Travel Authorisation (i-ETA) njengenxalenye yokwenza iinguqu kubuxhakaxhaka bevisa nakwinkqubo yezemfuduko.
1.7.2. I-ETA ingena endaweni yeenkqubo zokufaka izicelo zevisa ebezisenziwa ngokugcwalisa intaphane yamaxwebhu amaninzi ngezandla ngenkqubo ekhawulezayo nesebenzayo yale mihla.
1.7.3. Ngokudibanisa inkqubo yebhayometrikhi kunye nobuchwepheshe bale mihla, i-ETA iza kwenza imida yeli ikhuseleke nangakumbi, iphucule ulawulo lwemfuduko ize yenze uMzantsi Afrika ube lilizwe eliphambili elinamathuba okhenketho, otyalomali nawoshishino.
2. Ukuphucula ubudlelwano bethu namazwe ehlabathi
2.1. UMzantsi Afrika ubusingathe ngempumelelo iNgqungquthela ye-SADC yama-46.
2.1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukusingathwa ngempumelelo kweNgqungquthela ye-SADC yama-46 ebibanjelwe eThekwini ethe yasisiqalo sexesha lokubamba isikhundla sokuba nguSihlalo phantsi komxholo othi: Ukunyamezela, uZinzo noKwakhiwa kwamaShishini aquka Wonke ngokuSebenzisa uPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo, ezoLimo neeNguqu kwiziMbiwa eziNqabileyo ngeloKwakha iHlabathi elinoBulungisa”.
2.1.2. Le ngqungquthela ifumene yaze yaqwalasela iingxelo malunga: nokuqaliswa kokusetyenziswa kweRegional Indicative Strategic Development Plan (i-RISDP) 2020 – 2030 esekelwe kumalinge aqhubayo okuzisa uxolo, ukhuseleko, uqoqosho, impilo kunye neziseko ezingundoqo ezisebenzayo; umsebenzi osele wenziwe malunga nokuqulunqwa kweNorth-South Economic Corridor (i-NSEC), ukusekwa kwenkqubo yoTyalomali ye-NSEC, kunye neCorridor Management Institution; kunye nomba wokukhangelwa kweeprojekthi eziza kwenza umahluko omkhulu, ezintathu eziza kugwadlwa kwintlanganiso ezayo yeBhunga labaPhathiswa.
2.1.3. UMzantsi Afrika uthathe eli thuba waze wanika le Ngqungquthela ingxelo malunga nolawulo lwemfuduko kweli lizwe nokuba i-SADC kufuneka ibambe indibano yokugwadla lo mba kunye nezinto ezisusa abantu kumazwe wabo nezo zibatsalela kwamanye amazwe kunye nemiba enxulumene nokhuseleko.
2.2. ISeshoni yesi-4 yeKomishoni yamaZwe amaBini, uMzantsi Afrika neZimbabwe
2.2.1. IKhabhinethi iwuqhwabele izandla umsebenzi oyimpumelelo owenzeke kwiKomishoni yoMzantsi Afrika neZimbabwe yesi-4, ethe yahlaziyo intsebenziswano yenza ngqingqwa nobudlelwano phakathi kwala mazwe mabini.
2.2.2. IKhabhinethi iqaphele ukuba iZimbabwe lilizwe elinowona mthamo mkhulu weemveliso e-Afrika elirhwebelana ngalo noMzantsi Afrika, kangangokuba urhwebo phakathi kwala mazwe mabini belizibhiliyoni zeerandi ezingama-81 ngowama-2025.
2.2.3. Kule seshoni yesi-6 kutyikitywe izivumelwano zentsebenziswano ezithandathu, eziquka i-MoU emalunga nokubuyiselwa kwamabanjwa agwetyiweyo kwiintolongo zelizwe elizalelwa kulo. Ezinye izivumelwano ezimalunga nezolimo, ubugcisa nenkcubeko, ukuphuhliswa kwamanina ziza kwenza intsebenziswano ibe ntle nangakumbi kulo mmandla futhi zize neenguqu kuqoqosho.
3. INkqubo yokuBuyiselwa kwamaThambo aseluBhacweni
3.1. Isigaba saseAngola seNkqubo yoMzantsi Afrika yokuBuyiselwa kwamaThambo aseluBhacweni
3.1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa ngokusesikweni kwesigaba saseAngola seNkqubo yoMzantsi Afrika yokuBuyiselwa kwamaThambo aseluBhacweni eza kukhangela ize ibuyisele ekhaya amathambo abemi boMzantsi Afrika abaswelekela elubhacweni ngethuba lomzabalazo wenkululeko, njengenxalenye yesiCwangciso semiNyaka emiHlanu sokuBuyiselwa kwamaThambo aseluBhacweni.
3.1.2. IKhabhinethi ivile ngokuba i-Angola lilizwe elinabona bemi boMzantsi Afrika abaninzi abaswelekela elubhacweni, kangangoku kukrokreleka ukuba ingathi sele kubhaqwe amangcwaba angaphezulu kwama-400.
3.1.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwintsapho ezinabantu abaswelekayo, abadukayo okanye abangcwatyelwa e-Angola ngethuba lomzabalazo wenkululeko ukuba babhalise kwiSouth African Heritage Resources Agency (i-SAHRA) ngokusebenzisa iKhasi le-SAHRA lokuBuyiswa kwamaThambo aseluBhacweni apha: https://www.sahra.org.za/exile-repatriation/.
3.1.4. Iintsapho ezifuna uncedo zingabhalisa nakwii-ofisi zika-SAHRA, eFreedom Park, kwii-ofisi zamaphondo zeSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko nangokusebenzisa imibutho yamagqala omzabalazo.
3.2. UMzantsi Afrika uza kugodusa amathambo abemi baseNamibia namagqala omzabalazo
3.2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukugoduswa kwamathambo abemi baseNamibia abangama-86, kuquka namagqala omzabalazo uFestus Nehale kunye noSimon Niilenge, abaswelekela eRobben Island ngethuba bebanjiwe.
3.2.2. La mathambo, asuswa eNamibia kwisithuba esingaphezulu kweminyaka elikhulu eyadlulayo aze enziwa intlungu yokusetyenziswa njengezixhobo zophando yimibuso yobukholoniyali, aza kungcwatywa ngokutsha eHeroes Acre eNamibia.
3.2.3. IKhabhinethi ikwamkele ukubuyiselwa ekhaya kwala mathambo njengendlela yokubuyisela ubulungisa apho kuhlonitshwa amagqala omzabalazo futhi kuncedwe neentsapho zala magorha zixole.
B. Izigqibo zeKhabhinethi
1. Izilungiso kwi-Articles of Agreement of the International Bank for Reconstruction and Development
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuthiwa thaca ePalamente kwezilungiso ezicetywayo kwi- Articles of Agreement of the International Bank for Reconstruction and Development (i-IBRD) ukuze kuncedwe ibhanki ikwazi ukubolekisa ngcono kunye nokuxhasa iiprojekthi ezingxamisekileyo zophuhliso zengingqi nezehlabathi.
1.2. Ezi zilungiso ziyinxalenye yeengunqu ezivunywe yi-G20 ekufuneka zenziwe kwiMultilateral Development Banks zokuzisa uzinzo lwezimali nokusebenza ngokulula kwee-MDB.
1.3. Ukwamkelwa ngokusesikweni nguMzantsi Afrika kuza kuxhasa izinto zophuhliso ezikhokeliswa phambili ngokwenza kube lula ukufumana inkxasomali engenamigqaliselo ingqingqwa kumaphulo ophuhliso oluzinzileyo.
2. INgxelo yoNyaka yowama-2025/26 malunga nokuphunyezwa koMthetho-siHlomelo woMthetho woLwaphulomthetho (amaTyala ezeSondo nemiBa eNxulumeneyo) wowama-2007
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kweNgxelo yoNyaka yowama-2025/26 malunga nokuphunyezwa koMthetho-siHlomelo woMthetho woLwaphulo-mthetho (amaTyala ezeSondo neMiba eNxulumeneyo), wowama-2007.
2.2. IKhabhinethi ivakalise inkxalabo ngenani eliphezulu leziganeko zodlwengulo kunye namanye amatyala ezesondo ezichazwe kule Ngxelo nangona emaninzi amacebo enziwe ngurhulumente okungenelela, yaze yayalela ukuba kubanjiswane ngamahlakani amaninzi phantsi kwesiCwangciso-qhinga esiQiqisisiweyo seSizwe sobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwamaNina.
2.3. Ukwenziwa ngqingqwa kwamanyathelo aza kuthatyathwa ukulwa amatyala ezesondo, kwicandelo lezobulungiswa bolwaphulomthetho, lezempilo, lezophuhliso loluntu, ukwenza ngqingqwa iphulo lokuthintela, ukunika inkxaso kumaxhoba, ukubanjwa kwabenzi bobubi kunye nokukhuselwa kwabantu abasesichengeni.
3. IiNgxelo zoNyaka zowama-2025-26 malunga nokuphunyezwa koMthetho wezoBulungisa baBantwana, wowama-2008 (uMthetho uNombl 75 wowama-2008)
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kweeNgxelo zoNyaka zokuphunyezwa koMthetho wezoBulungisa baBantwana, wowama-2008 (uMthetho uNombl 75 wowama-2008): 1 kuTshazimpunzi 2025 – 31 kweyoKwindla 2026
3.2. IKhabhinethi iyalele ukuba kufuneka kwenziwe amalinge ukwenza ngqingqwa inkqubo yokulungelelanisa ukuthintela ukuxhatshazwa kwabantwana.
C. Ezintsha eziya kwiKhabhinethi
1. Ukuqaliswa ukusetyenziswa kwesiCwangciso-qhinga Sokwenza uTshintsho kuMsebenzi wooMasipala
1.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe yiKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) malunga nesiCwangciso-qhinga soKwenza uTshintsho kuMsebenzi wooMasipala kumba wokulungiswa kweengxaki ezikoomasipala abasebunzimeni.
1.2. Landisiwe ngoku inani loomasipala abaza kuncedwa ngesi siCwangcisa-qhinga lasuka kwabali-10 laya kwabangama-38 kwaye lo msebenzi uza kugxila ekuziseni uzinzo kwizimali, ulawulo, ukuhanjiswa kweenkonzo, iziphumo zophicotho-zincwadi kunye nokuxhotyiswa koomasipala ngezakhono.
1.3. Le IMC iyakuxhasa nokuqaliswa kokusetyenziswa kwamanyathelo okungenelela anxulumene nomgaqo-siseko apho le nkxaso inikwayo ingekavelisi iziphumo.
2. Ukuphuculwa kweziseko ezingundoqo zemida
2.1. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso sokuPhuculwa kweziSeko ezinguNdoqo eziseMideni ukuze kuphuculwe futhi zenziwe zibe zezale mihla iziseko ezingundoqo ezikwimida yoMzantsi Afrika njengenxalenye yenkqubo ebanzi karhulumente yokulawula imfuduko.
2.2. Esi sicwangciso siza kusetyenziswa kuwo osixhenxe amaphondo weli anemida namanye amazwe kwaye siza kuphucula ukhuseleko emideni, ukukwazi ukugada imida lula, ixesha elithatyathwayo ukusabela kwiingxaki, ukhuseleko lwabasebenzi, ukukhandwa kweziseko ezingundoqo zigcinwe zisemgangathweni kunye nentsebenziswano phakathi kwamaqoqo karhulumente ngelithuba kusiliwa ingxaki yokutsitywa kwemida ngokungekho mthethweni.
3. Imeko yamalungiselo oNyulo looMasipala lowama-2026
3.1. IKhabhinethi inikwe ingxeko ngendlela ahamba ngayo amalungiselo oNyulo looMasipala lowama-2026 (i-LGE) yaze yawuqaphela nomsebenzi osele wenziwe kumalungiselo olu nyulo luhlelelwe umhla wesi-4 kweyeNkanga 2026.
3.2. IKhabhinethi iqaphele ukuba intsebenziswano phakathi kukazwelonke, amaphondo kunye noomasipala ikhona ngelinge lokuxhasa inkqubo yonyulo ekhululekileyo, engenamkhethe, ethembakeleyo nenoxolo. IKhabhinethi iwamkele la manyathelo sele ethathiwe ukukhuthaza intathonxaxheba yabavoti, ukulwa ukusasazwa kolwazi olungeyonyani nokuqinisekisa ukuba zonke izinto ziwulungele lo mhla mkhulu; kwaye iye yakhuthaza nabemi boMzantsi Afrika abafanelekileyo ukuba bathathe inxaxheba kule nkqubo yolawulo lwentando yesininzi ngokuthi basebenzise ilungelo lokuvota.
3.3. IKhabhinethi ikugxibhe kabukhali ukubulawa kutshanje kooceba kwaye yawubulela nomsebenzi okhawulezileyo owenziwe ziarhente zogcinomthetho ekubambeni abenzi bobubi.
3.4. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazifundise ukunyamezelana ngokwezopolitiko, bawukhabe umkhuba wokugrogrisa, ubundlobongela kunye nemikhwa edelela inkqubo yonyulo njengoko eli lizwe lilungiselela uNyulo looMasipala lowama-2026 oluza kubanjwa ngomhla wesi-4 kweyeNkanga 2026.
4. Ezintsha ngeNtsebenziswano kwezaManzi
4.1. IKhabhinethi ifumene ezintsha malunga nomsebenzi osele wenziwe yi-Ofisi yezeNtsebenziswano kwezaManzi (i-WPO), exhasa oomasipala ukuze baqinisekise ukuba amanzi ayahanjiswa ngentsebenziswano namashishini abucala.
4.2. Phantsi kweNkqubo yaManzi angeNzi Ngeniso, i-WPO incedisa uMasipala wase-eThekwini ukuba ufumana imali ezizigidi zeerandi ezingama-379 isithuba seminyaka emithandathu ukuze kuphungulwe ilahleko yamanzi kwaye ixhasa iThekwini kunye nesiXeko saseTshwane ngokuphumeza.
4.3. Phantsi kweNkqubo yokuSetyenziswa kwaKhona kwaManzi, oomasipala abangama-34 baqukumbele uhlolo lwemingcipheko yemozulu, ngeli thuba kuye kwafunywana imali ezidola zaseMelika ezingama-235 kwiGreen Climate Fund ukuze kuqhutywe iiprojekthi zokusetyenziswa kwakhona kwamanzi.
4.4. I-WPO iza kuseka ingxowa yokubolekisa ngemali yezogutyulo kunye nokuxhasa ubuchwepheshe bezogutyulo obusebenzisa izindlu zangasese ezingagungxulwayo kwiindawo ezinamatyotyombe nasezikolweni.
4.5. Phantsi kweNkqubo yokuHluzwa kweTyuwa kuManzi oLwandle, kuye kwangeniswa isiphakamiso kwisiXeko saseKapa ukuba sixhase iprojekthi yentsebenziswano karhulumente namashishini abucala yokuhluzwa kwetyuwa esePaarden Eiland.
D. ImiThetho eYilwayo
1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weeMpahla ezingamaSekeni, wowama-2026
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-siHlomelo oYilwayo weeMpahla ezingamaSekeni, wowama-2026 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukwenza ngqingqwa imithetho elawula icandelo leempahla ezingamasekeni kunye nokuvala ukuqhwalela okukhoyo kwidabi lokulwa iimpahla ezibiweyo, ukonakaliswa ngabom kweziseko ezingundoqo, ukubiwa kweentambo zombane kunye nokurhweba okungekho mthethweni ngeentsimbi ezindala.
2. UMthetho-siHlomelo oYilwayo wokweBiwa kweMfuyo, wowama-2026
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-siHlomelo oYilwayo wokweBiwa kweMfuyo, wowama-2026 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukwenza ngqingqwa amanyathelo okuthintela, ukuphanda nokutshutshisa amasela emfuyo, ukuphucula imithetho elawula ubunikazi bemfuyo nokuba nemfuyo, kunye nokuphucula ukhuseleko lwecandelo lezolimo.
3. UMthetho oYilwayo wokuziPhatha ngeNtembeko kwamaLungu esiGqeba, wowama-2026
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo wokuziPhatha ngeNtembeko kwamaLungu esiGqeba ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho wokuziPhatha ngeNtembeko kwamaLungu esiGqeba, wowe-1998 ukuze kuphuculwe imigaqo yokuziphatha ngentembeko kunye nokuphendula ngemisebenzi, ukucacisa indima yoMkhuseli woLuntu, kunye nokuphucula indlela esonjululwa ngayo ingxaki yomngcipheko wokwenza idolo kunye nokusetyenziswa gwenxa kwamagunya ngabantu abasebenzela uluntu.
E. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. UGqr Thembisile Lynette Xulu njengoMlawuli-Jikelele weSebe lezeMpilo likaZwelonke
2. UNks Blikis Omar njengeSekela-Mlawuli-Jikelele: uPhandonzulu ngeMigaqonkqubo neMithetho kwiSebe likaKhala wamaPolisa
3. UNks Prudence Madiba njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba kwiSouth African National Energy Development Institute.
4. UNks Babalwa Mapisa njengeGosa eliyiNtloko leziMali kwiNational Housing Finance Corporation.
5. Ukuqeshwa kwabalawuli abangeyonxalenye yesigqeba solawulo kwiBhodi yabaLawuli yeTraffic Management Corporation
a. UNks Nomusa Mufamadi (uSihlalo);
b. UNks Lerato Magalo (uqeshiwe kwakhona);
c. UNks Lindani Agness Mncwango;
d. UMnu Tshepiso Poho;
e. UNks Nomkhita Mona;
f. UMnu Gift van Staden;
g. UNks Malebo Matolong; kunye
h. noGqr Mpostol Mashinini.
6. Ukuqeshwa kwamalungu angabalawuli abangesosigxina beNational Energy Regulator of South Africa
a. UNks Sijabulile Makhathini;
b. UMnu Dharamraj Brijlal; kunye
c. noNks Nompucuko Nontombana
7. Ukuqeshwa kwakhona kukaSihlalo noSekela-Sihlalo kunye noMlawuli omnye weBhodi weNational Radioactive Waste Disposal Institute
a. UGqr Lemao Dorah Modise (uqeshiwe kwakhona kwaye unguSihlalo);
b. UGqr Wolsey Barnard (uqeshiwe kwakhona kwaye unguSekela-sihlalo); kunye
c. noMnu Ashley Latchu
8. UMnu Graham Ian Wood njengoSihlalo weBhodi yeSouth African Tourism.
F. ImiSitho neeNkomfa
1.1. INgqungquthela ye-BRICS ye-18
1.1.1. UMongameli uCyril Ramaphosa uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika eliya kwiNgqungquthela ye-BRICS eza kubanjelwa eIndiya ngomhla we-12 nowe-13 kweyoMsintsi 2026 phantsi komxholo ithi: “Ukwakha ukuNyamezela, uYilo, iNtsebenziswano noZinzo”.
1.1.2. Le ngqungquthela iza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuvakalisa amaphulo ezophuhliso aphambili kweli lizwe nakwi-Afrika iphela, ngelithuba uza kukhwezela intsebenziswano, urhwebo, utyalo-mali kunye nophuhliso oluzinzileyo kwi-BRICS.
1.2. INtlanganiso yoNyaka yowama-2027 yeGqiza le-Afrika neBhanki yeHlabathi (i-WNG) neNgxowa yeziMali yeHlabathi (i-IMF)
1.2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa nguMzantsi Afrika kweNtlanganiso yoNyaka yeGqiza leAfrika neBhanki yeHlabathi (i-WBG) kunye neNgxowa yeziMali yeHlabathi (i-IMF) ngowama-2027 kuba inguSihlalo weGqiza le-Afrika. Le ntlanganiso iza kunika ithuba lokuba kuxoxwe ngeeprojekthi eziphambili zophuhliso e-Afrika, ukuqiniseksisa ukuba izwi leli lizwekazi kumba wolawulo lwezimali zehlabathi liyavakala, kunye nokusebenzisa eli thuba lokuba uMzantsi Afrika ungusiHlalo weGqiza lase-Afrika kunye nezinto owazifundayo ngethuba unguMongameli we-G20 ukuze kuxoxwe izinto ezibalulekileyo kwi-Afrika kunye nokubamba iindibano ne-WBG kunye ne-IMF.
1.3. INtlanganiso eKhethekileyo yeQonga lezoQoqosho lweHlabathi
1.3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNtlanganiso eKhethekileyo yeQonga lezoQoqosho lweHlabathi (i-WEF) eKapa ukususela kumhla wama-27 ukuya kowama-31 kweyoKwindla 2028, apho iza kuba kokokuqala i-WEF Spring Davos iza kubanjelwa kweli lizwe, ngolo hlobo sifumane ithuba lokuthetha ngotyalomali, urhwebo, intsebenziswano kwezoqoqosho kunye nophuhliso oluzinzileyo.
1.4. INgqungquthela ye-Africa Green Hydrogen yowama-2026
1.4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kweNgqungquthela yesi-2 ye-Africa Green Hydrogen eKapa ukususela ngomhla we-15 ukuya kowe-16 kweyoMsintsi 2026 apho kuza kugxininiswa kuqoqosho lwe-Afrika lwehaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo. Ngokusebenzisana koorhulumente, abatyalizimali kunye namahlakani akweli candelo.
1.4.2. Le ngqungquthela iza kuxhasa iinkqubo zoMzantsi Afrika zehaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo ngokukhuthaza ukwakhiwa kwamashishini, utyalomali, ukwabelana ngobuchwepheshe, ukuphuhliswa kwezakhono kunye nokufumana iindawo ekuza kuthengiswa kuyo ihaydrojini enganabungozi kokusingqongileyo.
1.5. INkomfa yeHlabathi yokuFumaneka koBulungisa kuMntu Wonke
1.5.1. IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa lweNkomfa yeHlabathi yokuFumaneka koBulungisa kuMntu Wonke kunye nokuSabela kwiZinto eziNtsha eziVelayo, phantsi komxholo othi: Ukwakha iNkqubo zoBulungisa eziSekelwe eBantwini: ukuBethelela uLawulo lweNtando yesiNinzi”. Le nkomfa iza kubanjelwa eSun City Convention Centre eMntla Ntshona ukususela ngomhla we-11 ukuya kowe-13 kweyoMqungu 2026.
1.5.2. Iza kuzinyaswa ngabaPhathiswa bezoBulungisa bamazwe e-SADC, eGermany, Spain, Canada, eNetherlands, iMbumba yeYurophu naseKenya kwakunye neengcali zomthetho, izifundiswa kunye namanye amahlakani. Le nkomfa iza kuba liqonga lokugwadla izinto ezintsha ezivelayo, ukwabelana ngeendlela ezifanelekileyo zokwenza izinto, ukubethelela intsebenziswano, ukuqulunqa izindululo ezinokwenzeka, ukuze kuqinisekiswe ukuba abantu abaninzi baya bufumana ubulungisa kulo mmandla nakwihlabathi liphela.
1.6. AmaPhulo neMisitho yeziKhumbuzo yeSizwe yeNyanga yoMsintsi
1.6.1. IKhabhinethi iqaphele ukuba ngeyoMsintsi kubhiyozelwa iNyanga yezoKhenketho, iNyanga yamaFa neNyanga yaBasebenzi bakaRhulumente. INyanga yezoKhenketho, phantsi komxholo othi “UkuKhulisa iCandelo lezoKhenketho loMzantsi Afrika kwiLixa lobuXhakaxhaka Bale Mihla”, iza kukhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba batyelele iindawo ezinomtsalane zeli lizwe ngokusebenzisa iphulo leSho’t Left kunye nokuxhamla amaxabiso afikelelekayo ezokhenketho.
1.6.2. INyanga yezaMafa, ebhiyozelwa phantsi komxholo othi “UkuBhiyozela amaFa weThu aPhilayo: uKwenza Ngqingqwa Ezi Zinto Zisidibanisayo”, ibhiyozela iintlobo zenkcubeko, amasiko namafa aphilayo ahlukeneyo oMzantsi Afrika, ngeli thuba sikhuthaza intsebenziswano kwiintlanga ezahlukeneyo futhi sibonakalisa uthando kwiintlobo zenkcubeko ezahlukeneyo zesi sizwe.
1.6.3. INyanga yabaSebenzi bakaRhulumente ihlonipha igalelo labasebenzi bakarhulumente kuphuhliso nokuhanjiswa kweenkonzo, ngeli thuba kukhuthazwa izakhono zezinga eliphezulu, ukuphendula ngomsebenzi, uyilo nokugqwesa kuye wonke uRhulumente.
1.6.4. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kule mibhiyozo nemisitho isisikhumbuzo sezinto ezibalulekileyo kuthi, abantu kunye namaziko anegalelo kumsebenzi wokwakha isizwe nenkqubela yoluntu.
1.7. USuku lweSizwe oluSisikhumbuzo se-SAPS
1.7.1. I-SAPS iza kusingatha uSuku lweSizwe oluSisikhumbuzo ngeCawe, umhla wesi-6 kweyoMsintsi 2026, ngelokuhlonipha onke amalungu e-SAPS awela edabini phakathi komhla woku-1 kuTshazimpuzi 2025 ukuya kowama-31 kweyoMsintsi 2026. Lo msitho uza kubanjelwa e-SAPS Memorial kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli
G. Imiyalezo
1. Imiyalezo yovelwano
IKhabhinethi ivakalisa uvelwano kwizihlobo nosapho:
• LukaJaji Fikile Eunice Mokgohloa, onomsebenzi ongenachaphaza kulawulo lobulungisa kweli lizwe lakuthi. Usweleke ngethuba eyiJaji kwiNkundla ePhakamileyo yeziBheno.
• KuRhulumente nabantu baseZimbabwe emva kokusweleka kwabantu abangama-93 kwingozi yesikhephe eLake Kariba;
• Kurhulumente nakubantu baseDemocratic Republic of the Congo emva kokuba kusweleka abantu abangaphezulu kwama-2 000 bebulawa lolu hlobo lutsha lwe-Ebola empuma ye-DRC.
• LukaTlotlo Tsheka, umbhali, umzobi, itshantliziyo lemfundo ebeline minyaka esixhenxe, nebelisele lipapashe iincwadi ezintathu. Usweleke xa kanye egqibezela ukubhala incwadi yakhe yesine.
• Lwalowo wayesuka ukuba nguMphathai weQela laBafana Bafana, uMnu Sipho Nkumane, odume kakhulu ngegalelo lakhe kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika; kunye
• Nolwalowo wayesakuba yiNtshatsheli yeHlabathi yamaNqindi izihlandlo ezibini, uMnu Zolani Tete, oza kukhunjulwa ngegalelo lakhe kumdlalo wamanqindi eMzantsi Afrika.
2. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana:
• KwiZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) ngokuwongwa ngePublic Sector Icon Award ngokulihlonipha ngobunkokheli, ukukhokela iziko ngokugqwesileyo kunye negalelo kurhulumente neenguqu kwisizwe.
• KuMnu Siyabulela Duda wase-GCIS ophumelele imbasa yesibini kwicandelo lokuFota kwi-2026 SADC Media Awards, kunye noMnu Seakga Relebogile Tladi weSputnik Radio Africa, ofumene imbasa yesibini kwicandelo likanomathotholo. Ezi mbasa zihlonipha ukugqwesa kwezokucholachola iindaba kunye negalelo elimandla ekudibaniseni ummandla, uphuhliso nentsebenziswano kwi-SADC.
• Icandelo lezemidlalo loMzantsi Afrika ngokuphumelela emagqabini kwi-2026 South African Sport Awards:
o UMnu Akani Simbine ngokuba sisiSport Star of the Year;
o UNks Prudence Sekgodiso ngokuba yiSportswoman of the Year;
o UMnu Pieter Coetze ngokuba yiSportsman of the Year;
o UMnu Bayanda Walaza owongwe ngeYouth/Junior Sport Star of the Year Award; kunye
o NeProtea Men’s Test Cricket Team ngokuba yiTeam of the Year.
• KwiBanyana Banyana, ngokugqithela kwiFIFA Inter-Confederation Play-Off Tournament kunye nokuhlala besethubeni elihle lokuphumelela ukuya kudlala kwi-2027 FIFA Women’s World Cup;
• KwiNational Women’s Hockey Team, ngokuphumelela okokuqala kwi-2026 FIH Hockey World Cup;
• KuLinani Potwana, othe eneminyakana nje emithandathu wawongwe nge-IPA All-Star Contest eWuhan, China, ekhuphisana nabantu abavela kumazwe angaphezulu kwama-40; kunye
• nabo bawongwe nge-2026 South African Women in Science Awards (i-SAWiSA), ngegalelo labo kumsebenzi wokuntingisela phezulu inzululwazi, ubuchwepheshe nobuchule bokuyila eMzantsi Afrika.
Contact: Terry Vandayar, Acting Director-General
Mobile: 082 444 9092

