A. Imiba engundaba-mlonyeni
1.1. I-SoNA 2026: UkuLungisa eziNyanzelekileyo Ukuze SiFunquke Sonke
1.2. IKhabhinethi iyazibophelela ekuzalisekiseni ngokukhawuleza izithembiso ezenziwe nguMongameli Ramaphosa ngethuba leNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) yowama-2026 nangethuba enika iMpendulo kwingxoxo-mpikiswano ye-SoNA.
1.3. Le SoNA yowama-2026 ikhokelise phambili ukulungisa imingeni emikhulu elisajamelene nayo eli lizwe nangona ikhona indima enkulu ebonakalayo kwezoqoqosho njengoko iboniswa zizalathisi zezoqoqosho ezikhangeleka ngcono. Le mingeni yile: (a) ingxaki yamanzi kuzwelonke, (b) isiFo soChwane neNyebethu, (c) uLwaphulo-mthetho oluqhutywa ngamaqela emigulukudu kunye necandelo lezenkundla elingenalwamvila, (d) oomasipala abaqhwalelayo, kunye (e) nentswela-misebenzi.
1.4. Malunga nale ngxaki yamanzi, uMongameli uza kuba ngusihlalo weKomiti yeNgxaki yaManzi eza kukhokela ize idibanise onke amalinge enzelwe ukusombulula ezi ngxaki zamanzi zoMzantsi Afrika. IKomiti yeNgxaki yaManzi iza kuqukumbela isiCwangciso sokuSebenza saManzi esiza kugxila kwizisombululo zethutyana, zezi nyanga zimbalwa zizayo kunye nezale minyaka izayo ezifunekayo ukuze kuqinisekiswe ukuba amanzi ayaphuma ezimpompeni. Ukuqinisekisa ukuba imeko yamanzi izinzile eGauteng, uMphathiswa wezaManzi noGutyulo uyivumile ilayisenisi engxamisekileyo yokusetyenziswa kwamanzi yokuba iRand Water itsale amanye amanzi kwi-Integrated Vaal River System isithuba seenyanga ezintathu (3), ukwenzela ukunyusa umthamo wamadama noovimba bamanzi bakamasipala.
1.5. Idabi lokulwa uLwaphulo-mthetho lwamaQela emiGulukudu kunye necandelo lezenkundla elinganalwamvila into yazo iza kulungiswa ngeendlela ezininzi. Esi sicwangciso-qhinga siquka ukuzalisekiswa kwesiCwangciso seSizwe sokuLwa uLwaphulo-mthetho lwamaQela emiGulukudu esiza kuthi naso sincediswe ngokutyalwa kwe-SANDF kwiindawo ezambethwe yingxaki yamaqela oonqevu, kunye nokukhutshwa kwabo banemikhutyana yokungaziphathi kakuhle kwicandelo lezeenkundla ngokuthi aphinde ahlolwe ngelokuqinisekisa iziqinisekiso neenkcukacha zawo amalungu akweli candelo kunye namapolisa oomasipala abambaxa. Le nkqubo yokuphandwa iza kuquka nokuthelekiswa kwemivuzo kunye nobomi obuphilwa ngumntu. IsiCwangciso sokuPhandwa kweziQinisekiso siza kungeniswa kwiKomiti esisiGxina eHlangeneyo yezobuNtlola. Ukongeza, iqela eliza kwenza umsebenzi othile kunye ne-SAPS sele lisekiwe ukuze liphande ubungqina bezenzo zolwaphulo-mthetho atyholwa ngalo amalungu azizikhulu ze-SAPS abekwa izityholo kwiKhomishini kaMadlanga.
2. UHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2026 (imali eyitriliyoni eyi-2.67 yeerandi)
2.1. IKhabhinethi iyamkele iBhajethi yowama-2026 eyimali eyitriliyoni eyi-2.67 yeerandi eza kusetyenziselwa ukuzalisekisa izithembiso ezenziwe nguMongameli kwi-SoNA.
2.2. Ukuxhasa idabi lokulwa ulwaphulo-mthetho, uMphathiswa weziMali uthe chatha imali ezibhiliyoni eziyi-2.7 zeerandi kuleya ye-MTEF kuhlahlo lwabiwo-mali lwezoKhuselo ukuze kuphuculwe amaphulo, waze waphinda wathi chatha enye ibhiliyoni yeerandi kwi-SAPS, nenye kwi-SANDF evela kwo-CARA Fund, yona eza kusetyenziselwa ukulwa ulwaphulo-mthetho lwamaqela emigulukudu.
2.3. Ukuxhasa iinguqu eziza kwenziwa koomasipala ukuqinisekisa ukuhanjiswa kweenkonzo, uMphathi wezeMali wabele imali ezibhiliyoni ezingama-27.7 zeerandi kwesi sithuba se-MTEF iinguqu eziza kusekelwa kwiziphumo kumaqumrhu oomasipala abambaxa ezombane, amanzi kunye nenkunkuma. Injongo yezi nguqu kukuqinisekisa ukuba ingeniso yamanzi igcinwa yodwa ngokunjalo neyombane ukwenzela ukuba iphinde isebenze kwizinto ezinxulumene nombane okanye namanzi phambi kokuba iye kuncedisa kwezinye iindawo.
2.4. Ukongeza, uMphathiswa ubhengeza ukuqaliswa kwenkqubo ye-Split Delivery yesibononelo seziseko ezingundoqo zikamasipala (i-MIG), apho oomasipala abanengxaki ezimandla ngokuhanjiswa kweenkonzo okanye ulawulo oluqhwalelayo beza kutshintshwa bona bangahambisi ngqo iinkonzo ngokwabo. Olu hlobo lokungahambisa ngqo iinkonzo ngokwabo luza kukhokelela ekubeni oomasipala bezithili abanezakhono kunye nezinye ii-arhente ezigunyazisiweyo ukuba zibe yinxalenye yabo baza kuhambisa iinkonzo.
2.5. Olu Hlahlo Lwabiwo-mali luze nesaphulelo serhafu kumakhaya kunye namashishini asakhasayo amaninzi ngokuphelisa la mali izibhiliyoni ezingama-20 zeerandi yavela ngokunyuswa kwerhafu okwethutyana ngoHlahlo Lwabiwo-mali likaCanzibe 2025, ngolo hlobo kwenziwa uhlenga-hlengiso kwirhafu yengeniso yobuqu yabamkela imivuzo engumyinge othile kunye nezaphulelo kwirhafu ngokuhambelana nokwehla kwamandla emali, kunye nokunyuswa komyinge omiselwe abo kufuneka babhalisele irhafu-ntengo (i-VAT) usuka kwisigidi seerandi waya kwizigidi eziyi-2.3 zeerandi.
2.6. IKhabhinethi iphinde yakugxininisa ukuzibophelela kwayo kumba wokulawula imali yombuso ngobunono, ukuthi chu kwinkqubo yeenguqu, ukuqaliswa ngokukhawuleza kwamanyathelo kunye neenkqubo zokungenelela ezibangele ukuphunguka kwetyala lombuso kunye nohlumo oluthe ngcembe elenze ukuba lwenzeke olu Hlahlo Lwabiwo-mali lowama-2026.
3. Umsebenzi oncumisayo kwidabi lokulwa iNtswela-ngqesho
3.1. IKhabhinethi izamkele iziphumo zeKota 4 yoPhando lweKota ngezemiSebenzi, ezikhutshwe liziko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-StatsSA) ezibonise ukuba izinga lentswela-misebenzi lihle ngenani lepesenti elingu-0.5 laya kutsho ku-31.4% kwikota yesine yowama-2025 lisuka ku-31.9% kwikota engaphambili.
3.2. Inani labantu abaqeshiweyo lehle ngabantu abangama-172 000 laya kutsha kwabazizigidi eziyi-7.8, ngeli thuba lona elabantu abasebenzayo linyuke ngabantu abangama-44 000 kwikota yesine laya kutsho kwabazizigidi eziyi-17.1.
3.3. Oku kubonisa ukuba lenyukile inani labantu abasebenzayo iikota ezintathu zilandelelana, kwaye kuyachulumancisa ukubona linyukile inani labantu abaqeshwe kumacandelo abalulekileyo afana nelezokwakha, elezezimali nelezolimo.
4. INguqu yezoQoqosho neziBalulekileyo kwiNkqubela
4.1.1. IKhabhinethi isixhasile isibhengezo sikaMongameli asenze kwi-SoNA sokuba ayamkelekanga into yokuba abantu abaMnyama, abeBala namaNdiya baqhubeleke benamathuba ambalwa ezoqoqosho kunabantu abaMhlophe, nokuba akwamkelanga ukuba kuthi kanti amanina asamkela imivuzo engaphantsi kweyamadoda.
4.1.2. Iinkcukacha ezivela kwi-StatsSA ziyangqina ukuba phakathi kowama-2006 nowama-2023, imivuzo yamakhaya abantu abamnyama ikhule ngo-46%, eyabantu bebala ngo-29%, ize yona eyabantu abangamaNdiya yakhula ngo-19%. Izinga lendlala kuBantu abaMnyama lehlile lisuka ku-67% ngowama-2006 laya kutsho ku-44% ngowama-2023, ngelithuba lehle ngo-43% kubantu beBala lisuka ku-25% ngeli xesha linye.
4.1.3. Nangona kunjalo, iKhabhinethi ivumile ukuba umyinge womvuzo wamakhaya abantu abamhlophe usengaphezulu kangangokuphindwe kahlanu kowamakhaya abantu abamnyama.
4.1.4. Ke ngoko, iKhabhinethi iyawamkela la malinge ezayo okuhlaziywa kwesiCwangciso-sikhokelo esiBanzi sokuXhotyiswa kwaBantu abaMnyama ngezoQoqosho ukuqinisekisa ukuba sixhasa iinguqu ezimandla nohlumo oluza kuxhanyulwa nguye wonke.
4.2 Amakhaya abantu abamnyama amkela imivuzo ephezulu anyuke ngo-41%
4.2.1 IKhabhinethi izamkele iziphumo ze-Liberty Institute of Strategic Marketing yeDyunivesiti yaseKapa ezisekelwe kwiinkcukacha ze-StatsSA, ezibonise ukuba umyinge wamakhaya abantu abamnyama owamkela imali engama-R75 000 ngenyanga unyukile waya kutsho ku-41% ngowama-2024 usuka ku-29% ngowama-2012. Inani labemi boMzantsi Afrika abaMnyama abamkela imivuzo ephakathi nephezulu, besamkela ngaphezulu kwe-R22 000 ngenyanga, linyuke ngokuphindwe kane laya kutsho kubantu abangaphezulu kwezigidi ezisi-7 ngowama-2024. Bebonke abantu abamkela le mivuzo linyukile lisuka kwaba malunga nezigidi ezine laya kutsho kwabangaphezulu kwezigidi ezili-11 phakathi kowama-2012 nowama-2024.
4.2.2 Imivuzo enyukayo yabantu abamnyama yenza ukuba abantu abamkela imivuzo ephezulu eMzantsi Afrika ingabi yeyabantu abamhlophe kuphela. Ezi ziphumo zenkqubo zokuzisa iinguqu zeminyaka engama-31 ezize nalo mbuso wentando yesininzi ezifana nolingwano ngokwengqesho kunye nokuxhotyiswa kwabantu abamnyama ngezoqoqosho. Lo msebenzi mhle wenzeke kwilizwe elalinemithetho eyayinzelwe ukukhuthaza ukungalingani, apho abantu abamnyama abasisininzi babecalulwa ngethuba lombuso wobukholoniyali nowocalucalulo, futhi imivuzo yayisekelwe kwibala lomntu, usenzeka ngenxa yeenkqubo zikarhulumente zokuzisa iinguqu kunye nezinye.
4.2.3 IKhabhinethi iyakuqonda ukuba isengabantu bohlanga oluthile bodwa futhi abaligcuntswana abasenepokotho ezifumileyo kunezabanye. Abantu abaninzi abangathathi ntweni, abamkela imivuzo ephantsi kunye nabasathwaxwa yindlala ngabantu abaMnyama.
5. UMzantsi Afrika uqalisa ukuvelisa ichiza lokugonya ukulwa ukuqhambuka kwe-FMD kunye nokubuyisela isizwe kwimeko yokungabinazifo zitshabalalisayo
5.1. I-Onderstepoort Veterinary Research (i-OVR) ye-Agricultural Research Council (i-ARC) iqalisile ukuvelisa amachiza okugonyela isiFo soChwane neNyebethu (i-FMD) emva kweminyaka engaphezulu kwengama-20. Umthwalo wokuqala wamachiza okugonya e-FMD aveliswe apha ekhaya unikezelwe ngokusesikweni ngoLwesihlanu, umhla wesi-6 kweyoMdumba 2026. Lo msebenzi uyimbali uza kuba negalelo kumanyathelo angxamisekileyo okulwa ukuqhambuka kwe-FMD, sithetha nje egqugqisa iinkomo ezingaphezulu kwezigidi ezili-14 kweli lizwe kwaye isenza umonakalo ongaphaya kumafama.
5.2. IKhabhinethi iqinisekile ukuba ukuvuselela iinkampani zalapha ekhaya ezivelisa amachiza okugonya kusetyenziswe iiNkampani kaRhulumente i-ARC ne-OBP kuza kunceda kumalinge okuzibuyisela koMzantsi Afrika kwindawo yawo yokuba lilizwe eliyinyange yaphela tu i-FMD ngokwe-World Organisation for Animal Heath (i-WOAH). IKhabhinethi ibamba ngazibini kumafama, asebenze ngokuzinikela ukuncedisa kumalinge eSebe lezoLimo ukulwa lo mjikelo mtsha wokuqhambuka kwe-FMD.
6. IiNkcukacha-manani zoLwaphulo-mthetho zibonisa umsebenzi oncumisayo kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho
6.1. I-SAPS ikhuphe iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zeKota 3 yowama-2025/26 ngomhla wama-20 kweyoMdumba 2026 ezibonisa ukuba izinga lolwaphulo-mthetho kweli lizwe lifuna sincome sibambe amazinyo kuba kusekho umsebenzi omninzi ekufuneka wenziwe.
6.2. Malunga nokubulala, izinga lokubulala liqhubekile nokuhla njengoko laliqale kwiKota 1 yowama-2023/24, kangangokuba lihle ngo-8.7%, into leyo ebonisa ukuba bangaphantsi ngama-602 abantu ababulewe kulo nyaka kwaba balo nyaka uphelileyo. Kule minyaka mibini, izinga lokubulala kule kota lihle ngo-17.6%, into leyo ethetha ukuba inani labantu ababuleweyo lehle ngabantu abali-1 359. Kumaphondo amahlanu ayiKwaZulu-Natal, Gauteng, Mpumalanga, Freyistatha, kunye neNtshona Koloni, izinga lihle ngento engaphezulu ko-10%. ENtshona Koloni naseMpuma Koloni lehle kancinci, ngeli thuba eLimpopo naseMntla Koloni lenyuke kancinci. Kwimimandla engama-30 enezinga eliphezulu lokubalawa kwamabantu, zezili-15 kuphela ezibonise ukuhla kwezinga lokubulawa kwabantu. Oku kubonisa ukuba kuzwelonke amazinga ayehla, futhi la malinge enziweyo ajolise kanye kwezi ndawo asafuneka ngamandla.
6.3. IKhabhinethi ixhalabe kakhulu kukunyuka kwamazinga okubulawa kwamapolisa kule kota. Kuba kubulelwe amapolisa angama-23, aze kuwo amalunga ne-80% abulawa esemsebenzini. UMkomishinala kaZwelonke woMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) unikwe uxanduva lokuba enze uhlolo olunzulu ukuze athintele le ntlungu.
6.4. Izenzo zolwaphulo-mthetho olunobundlobongela zizonke, zehle ngo-6.7%, into leyo ithetha ukuba izenzo ezingama-12 682 ezichazwe kwi-SAPS xa kuthelekiswa nelale kota inye kulo nyaka uphelileyo. Kwiminyaka emibini, izenzo zolwaphulo-mthetho olunobundlobongela zizonke zale kota zehle ngo-8.5% okanye ngezenzo ezingama-15 763.
6.5. Ezi ziphumo zenzeke ngenxa yokuphuculwa kwamaphulo amapolisa.
7. Ingxelo ye-SIU malunga nee-VISA ezikhutshwa liSebe leMicimbi yezeKhaya
7.1. Ngethuba uMongameli Ramaphosa etyikitya isiBhengezo esigunyazisa iCandelo lezoPhando oluLodwa (i-SIU) ukuba liphande izityholo zorhwaphilizo nobuqhetseba kwiinkqubo zokufakwa kwezicelo ze-VISA ngomhla we-16 kweyoMdumba 2024, injongo yayikukhusela isidima negama lamaxwebhu asemthethweni oMzantsi Afrika kunye nenkqubo yezemfuduko yeli lizwe.
7.2. IKhabhinethi iyothulele umnqwazi i-SIU ngomsebenzi wayo oza kunceda iSebe leMicimbi yezeKhaya ukuba livale izikhewu ezikhoyo futhi liqinisekise nokuba abenzi bobubi basiwa emthethweni.
7.3. IKhabhinethi ikwaliqhwabele izandla iSebe leMicimbi yezeKhaya ngomsebenzi esele liwenzile kumalinge okwenza ngqingqwa inkqubo yezemfuduko ukususela oko kwaziswa ngaphambili izityholo zokuqhetseba norhwaphilizo.
8. Ukubuya kwamatyendyana ali-15 kwali-17 athi alahlekiswa ukuba aye kulwa kwimfazwe yeRussia
8.1. URhulumente woMzantsi Afrika esebenzisana ngamandla norhulumente waseRussia uye wakwazi ukubuyisa amadoda aneminyaka ephakathi kwengama-20 nengama-39 ababeqhathiwe kwathiwa mabaye kuncedisa amajoni aseRussia kwimfazwe. Oku kwenzeka emva kokuba kufika isicelo soncedo samadoda oMzantsi Afrika ali-17 sokuba bona bafuna ukubuyela ekhaya.
8.2. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Cyril Ramaphosa yenza umbulelo ongazenzisiyo kuMongameli Vladimir Putin ode wasamkela isicelo sikaMongameli Ramaphosa sokuba ayixhase inkqubo yokubuyiselwa ekhaya kwala madoda oMzantsi Afrika athi alahlekiswa ukuba makaye kuncedisa kwidabi leRussia ne-Ukraine.
8.3. Onke la madoda oli-17 aye avunyelwa ukuba aziqhawule izivumelwano ebezityikitye neenkampani zomkhosi. Amadoda ali-15 kula sele ebuyele eMzantsi Afrika ngeli thuba amabini (2) asashiyeke eRussia, enye kuwo isesesibhedlela, yona eyokugqibela isalungisa izinto zayo zokuhamba.
8.4. Uphando luyaqhuba malunga nezinto ezakhokekela ukuba la matyendyana azibone sele eyinxalenye yamajoni aqeshwayo nokwaphulwa kwemithetho yoMzantsi Afrika.
9. Ingozi yase-Ekapa Mine
9.1. UMphathiswa wemiThombo yeziMbiwa nePetroliyam, uGwede Mantashe, kunye neNkulumbuso yaseMntla Koloni uZamani Saul noSodolophi waseSol Plaatje uMartha Bartlett, batyelele i-Ekapa Mineral Joint Shaft Mine eKimberley, apho kubekho ingozi yokudilika kweengqimba zodaka ngomhla we-17 kweyoMdumba 2026, ingozi leyo ethe yavalela abasebenzi abahlanu phantsi komhlaba. Ukusebenza kulo mgodi kusanqunyanyisiwe njengoko kuqhutywa iphulo elinzima lokuhlangula. Lakuba ligqityiwe eli phulo lohlangulo, iSebe liza kuqhuba uphando olusesikweni ngokoMthetho weMpilo noKhuseleko eMgodini ukuze kukhangelwe eyona nto ibangela esi siganeko.
9.2. Iqela le-DMPR elikhokelwa nguMhloli oyiNtloko wemiGodi base kule ndawo yexhwayelo ngeenjongo zokubeka iliso nokuxhasa amalinge ohlangulo. Urhulumente uziqhwabele izandla iinkampani zemigodi kunye neBhunga lezeMigodi loMzantsi Afrika ngoncedo kunye nokuxhasa iphulo lohlangulo. Iintsapho ezichaphazelekileyo ziyaqhubeleka nokwaziswa ngayo yonke into. Kananjalo, urhulumente uza kuzibeka ezintliziyweni nasemithandazweni ngoku amalinge ohlangula esaqhubayo.
10. Ezobudlelwane zaMazwe ngaMazwe
10.1. ISeshoni eQhelekileyo yama-39 yeNdibano ye-AU
10.1.1. UMongameli Cyril Ramaphosa ebekhokele igqiza eliphezulu loMzantsi Afrika ebeliye kwiSeshoni eQhelekileyo yama-39 yeNdibano ye-AU ibibanjwe ukususela ngomhla we-14 ukuya kowe-15 kweyoMdumba 2026. Ibibanjelwe ukugwadla imiba enxulumene namanzi nogutyulo phantsi komxholo othi: “Ukuqinisekisa uZinzo kuMba wokuFumaneka kwaManzi ukuze kuzalisekwe iiNjongo ze-Ajenda 2063”, umba lowo uhambelana ngqo nezi zinto zikhokeliswe phambili nguMzantsi Afrika kunye nezi zizingxaki zalapha ekhaya beziyinxanye ye-SoNA kwaye oku kuncedisa nakumalinge e-Afrika okuxhasa iinkqubo zokulwela ukufumaneka kweenkonzo zamanzi nogutyulo ezinzileyo.
10.1.2. UMongameli Ramaphosa uye wazimasa futhi wangusihlalo weNgqungquthela yeKomiti yeZinga eliPhezulu yeThutyana ye-AU ngemiBa yase-South Sudan (i-C5). I-C5 idlala indima enkulu kumba wokubeka iliso ekufekezekisweni kwesiVumelwano esiHlaziyiweyo malunga nokuSonjululwa koNgquzulwano kwiRiphabhlikhi yase-South Sudan.
10.2. UMzantsi Afrika njengoSihlalo wethutyana we-SADC ulungiselela ukusingatha iNgqungquthela ye-SADC yama-46
10.2.1. UMzantsi Afrika, njengoSihlalo oBambeleyo woMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC), sele uqalisile ngamalungiselelo eNgqungquthela ye-SADC yama-46 eza kubanjwa ngeyeThupha 2026 ngokubamba iintlanganiso zamacandelo.
10.2.2. Malunga noku, uMzantsi Afrika ubambe ngempumelelo intlanganiso ehlangeneyo yabaPhathiswa bezeMpilo kunye nabanye abaPhathiswa abajongene neNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) kunye noGawulayo (i-AIDS) kulo mmandla we-SADC ukususela ngomhla wama-23 ukuya kowama-24 kweyoMdumba 2026. Le ndibano ibikwazinyaswe zizikhulu ezimele i-WHO, UNAIDS, UNDP, UNESCO, UNFPA kunye ne-UNICEF.
10.2.3. Iingxoxo zale ntlanganiso zigwadle imiba enxulumene nezempilo kunye nendlela yokulwa izifo eziqhambukayo.
10.2.4. Ukongeza, uMzantsi Afrika uza kusingatha iiNtlanganiso yabaPhathiswa be-SADC ukususela ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kweyoKwindla 2026, eza kuzinyaswa ngabaPhathiswa abaphuma kumazwe ali-15 angamalungu e-SADC, kodwa le ntlanganiso iza kukhokelwa zintlanganiso zeKomiti esisiGxinisa yamagosa aphezulu.
9.3 IsiVumelwano seNtsebenziswano kwezoQoqoso soMzantsi Afrika ne-China
9.3.1 UMzantsi Afrika unikwe ingxelo malunga nokutyikitywa kwe-South Africa-China Economic Partnership Agreement for Shared Prosperity (i-CAEPA) njengenxalenye yeManyano yaMazwe akuMazantsi e-Afrika yokuNgenayo nokuPhumayo (i-SACU) kunye nobudlelwano bezorhwebo ne-China okuquke iingxoxo malunga ne-Early Harvest Agreement eza kuvulela amazwe ase-Afrika anobudlelwano bezozakuzo ne-China amathuba okuthengisa e-China engahlawulanga nepeni kwirhafu yezorhwebelwano.
9.3.2 Ukongeza, ngomhla wama-25 kweyoKwindla 2026, uMzantsi Afrika uza kusingatha i-South Africa – China Strategic Dialogue ye-13 eza kunika iqonga lezinga eliphezulu kuwo omabini la mazwe ukuba kuhlaziywe, kuyelelaniswe kuze kuqiniswe ubudlelwane bala mazwe mabini, kuze kugxininiswe ne-All-Round Strategic Cooperative Partnership ngokubamba iindibano zokuhlaziya ubudlelwano bezozakuzo rhoqo.
9.3.3 Ngomhla wama-26 kweyoKwindla 2026, uSekela-Mongameli uPaul Mashatile uza kuba ngusihlalo ngokubambisana we-South Africa-China Bi-National Commission (i-BNC) eneenjongo zokuhlaziya nokuqinisa intsebenziswano phakathi kwala mazwe, ukulungelelaniswa kwamacandelo abalulekileyo, kunye nokuqinisa intsebenziswano ngezopolitiko, ezoqoqosho nezobungcali phakathi kwala mazwe mabini.
B. IziGqibo zeKhabhinethi
1. Umsebenzi osele wenziwe nokuzalisekisa amaNyathelo kaMongameli kwiziphakamiso zeKhomishini yokuBanjwa koMbuso ngoBhongwane.
1.1 IKhabhinethi iyamkele indima esele ihanjiwe malunga nokuphunyezwa kwamanyathelo athatyathiweyo ukusabela kwiziPhakamiso zeKhomishini eKhokelwa yiJaji engeziTyholo zokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso, uRhwaphilizo nobuQhophololo ukuba ingeniswe ePalamente.
1.2 NgeyeNkanga 2025, iimpahla ezithinjiweyo ngokumalunga nezityholo zokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso, uRhwaphilizo noBuqhetseba bezixabisa imali ezibhiliyoni eziyi-16.432 yeerandi.
I-SIU = iibhiliyoni eziyi-2.89 zeerandi
ICandelo lokuThinjwa kweeMpahla = iibhiliyoni eziyi-8.142 zeerandi
INkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika = iibhiliyoni eziyi-5.4 zeerandi
1.3 Umsebenzi osele wenziwe malunga neenguqu uquka: uMthetho-sihlomelo oYilwayo weNkonzo kaRhulumente kunye noMthetho-siHlomelo oYilwayo woLawulo kuRhulumente ekuMongameli ngoku elindelwe ukutyikitywa ibe yimithetho, (ii) iJaji eza kubeka iliso sele ityunjiwe yeCandelo lokuLwa uRhwaphilizo (i-IDAC), (iii) uMzantsi Afrika ususiwe kuluhlu lwe-FATF labo banolawulo olugwenxa lwezimali, (iv) Ingxelo malunga neqela lokuFakana imiLomo ngeeNguqu kwezoNyulo sele ithiwe thaca ePalamente, (v) idrafti yoMthetho oYilwayo wokuKhusela ooDiz’amahlebo kungekudala uza kugqithiselwa kwiKhabhinethi ukuba iwuphicothe, kwaye (vi) iRejista kaZwelonke yamaGosa aGxothiweyo eMsebenzini iyaxoxwa ukuze kuvunyelwane ngayo.
1.4 Ukuza kuthi ga ngoku, ama-57% (angama-34 kwangama-60) yamaNyathelo sele equkunjelwe, i-18% (ali-11 kwangama-60) yamanyathelo aqhuba kakuhle, i-23% (ali-14 kwangama-60) yamanyathelo alibazisekile kodwa umsebenzi uyaqhuba, ibe yi-2% kuphela (eli-1 kwangama-60) yamanyathelo efuna ukuthathelwa ingqalelo.
2. IsiCwangciso-qhinga sokuLawula isiFo soChwane neNyebethu
2.1 IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nobunzulu bomonakalo owenziwe sisifo sochwane nenyebethu (i-FMD) eMzantsi Afrika.
2.2 IKhabhinethi isivumile isiphakamiso sokuba kuqaliswe inkqubo yokugonya umhlambi wonke wesizwe wezilwanyana ezinempuphu ezivulekileyo njengelona cebo lingundoqo lokulwa kunye nelokubuyisela isimo kwisiqhelo.
2.3 Le nkqubo yogonyo iza kungena kuwo wonke umhlambi wesizwe ozinkomo ezizigidi ezili-14, eziza kufuna izitofu eziqikelelwa kwizigidi ezingama-28 kwezi nyanga zili-12 zizayo.
2.4 La machiza okugonya aza kuthengwa endaweni enye ukwenzela ukuba amafama afumane ichiza elichanekileyo lolu hlobo lwe-FMD likhoyo kweli lizwe.
2.5 Esi sicwangciso sinika ingcaciso ngala maphondo kuza kuqalwa ngawo ngokwendlela le ahlaselwa ngayo sesi sifo.
2.6 IKhabhinethi ixelelwe ngezitofu ezizigidi ezibini ezisele zikho zokuqalisa inkqubo yokugonya.
2.7 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kumafama ukuba ayithobele imigaqo ekhoyo elawula ukuhanjiswa kwemfuyo ukuze kuthintelwe ukunwenwa kwesi sifo.
3. IsiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo weSizwe wokuVavanya sowama-2025
3.1.1 IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo weSizwe wokuVavanya sowama-2025, esihlaziya uMgaqo-nkqubo wokuVavanya ukuba uhlale ufanelekile kwaye uwenza umsebenzi wawo ofanelekileyo.
3.1.2 Lo Mgaqo-nkqubo wowama-2025 uphucula inkqubo yokubeka izinto ekujoliswe kuzo neziphumo ngelithuba ubala nomba wokuhlaziwa kovavanyo kwiziCwangciso zoMsebenzi woNyaka, futhi iqulunqa iinkqubo ezibanzi zokungenelela xa kukho ukuqhwalela emsebenzini kunye nezibonelelo zokuvuza abanomsebenzi omhle.
4. INgxelo yeSizwe yeSibini malunga nokuphunyezwa kwe-Urban Agenda entsha.
4.1 IKhabhinethi iyivumile iNgxelo yeSizwe yeSibini malunga nokuphunyezwa kwe-Urban Agenda entsha.
4.2 Le ngxelo iquka nezimvo ezikumajelo eendaba ehlabathi malunga nokuphunyezwa kwe-Urban Agenda entsha.
4.2.1 Umsebenzi osele wenziwe sisizwe kunye nemingeni enxulumene nophuhliso lweedolophi oluzinzileyo ukwenzela ukuba kuqukwe wonke ubani ngezentalo kupheliswe nendlala.
4.2.2 Imeko yesizwe malunga nobutyebi basezidolophini obuzinzileyo nobuxhanyulwa ngumntu wonke.
4.2.3 Uzinzo kwezokusingqongileyo kunye nophuhliso lwasezidolophini olukwaziyo ukumelana neengxaki kuquka ulawulo ucwangciso, izicwangciso-sikhokelo zezimali kunye nezakhono namasiko.
4.3 IKhabhinethi ivumile nokuba uMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu aqulunqe isicwangciso-qhinga sokulungisa ingxaki yokwakhiwa kwezakhiwo ezingekho mthethweni kwiindawo eziyingozi, ezithandwa zintlekele, kuquka nezisombululo zezi nyangana nale minyaka izayo malunga neziNdlu zokuHlala zeThutyana (ii-TRU)
5. ISicwangciso-qhinga Sobulungisa Kwezobuni Nokuzala (i-SRJ) sikaRhulumente soMzantsi Afrika
5.1 IKhabhinethi isivumile iSicwangciso-qhinga Sobulungisa Kwezobuni Nokuzala (i-SRJ) soMzantsi Afrika.
5.2 Esi sicwangciso-qhinga silwela isicwangciso-sikhokelo sezobulungisa kwezobuni nokuzala esisekelwe kumalungelo nesilandela uMgaqo-Siseko.
5.3 I-SRJ ineenjongo zokuqinisekisa ukuba bonke abantu, ingakumbi amanina, ulutsha kunye nabantu abahlelekileyo, banamagunya nezixhobo zokuthatha izigqibo ezikhokelisa phambili iimpilo zabo malunga nemizimba yabo, ubuni kunye nokuzala.
C. ImiThetho eYilwayo
1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNtlobo eziZodwa zemiHlala-phantsi, wowama-2026
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNtlobo eziZodwa zemiHlala-phantsi. Lo Mthetho uYilwayo uguzula uMthetho weeNtlobo eziZodwa zemiHlala-phantsi u-69 wowe-1996, ukuze unike ingcaciso malunga nokugcinwa kwezibonelelo ebekuvunyelenwe ngazo ngaphambili kokuba kuphelelwe amasolotya athile. Uvumela abantu abanelungelo lokufumana izibonelelo ezininzi ukuba banikwe esona sihle kakhulu, ukuze kuqinisekiswe ukuba akukho kudlelelwa futhi iyalingana indlela eyabiwa ngayo imihlala-phantsi eYodwa.
1.2. Lo Mthetho uYilwayo uvumela ukuba iqabane okanye umxhamli osaphilayo afumane isixa-mali salowo usaphilayo ebisesalo mntu uswelekileyo okanye uthathwa ngokuba uswelekile ngokomthetho. Ezi zilungiso zenzelwe nokuvala izikhewu kulawulo nokwenzela ukuba kube lula ukwenza utshintsho, kusenzelwa inkxamleko abantu abangena kuyo ngethuba kumiselwa lo mbuso woMzantsi Afrika ulawulwa ngokwentando yesininzi.
2. UmThetho-siHlomelo oYilwayo weMithetho yezaBasebenzi, wowama-2025
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-siHlomelo oYilwayo weMithetho yezaBasebenzi ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukwenza imithetho yezabasebenzi yoMzantsi Afrika ibe yeyale mihla ngokwenza izilungiso kuMthetho weMpathwano eMsebenzini, u-18 wowama-2018, kunye noMthetho weeMeko ezisisiSeko zeNgqesho u-7 wowama-2018, kwakunye nohlaziyo olwenziwe kuMthetho woWona Mvuzo uPhantsi weSizwe u-9 wowama-2018 kunye noMthetho wezoLingwano kwiNgqesho u-55 wowe-1998. Iinjongo zawo kukuphucula ukhuseleko lwabasebenzi, ukuqinisekisa ukuba uhambelana namalungelo akuMgaqo-siseko olingwano nesidima, ukuphucula indlela enyanzeliswa ngayo imigangatho yengqesho nokucacisa iindlela zokusombulula iimbambano.
2.2. Lo Mthetho uYilwayo uphucula umba wokukhuselwa kwabo basemngciphekweni kunye nabasebenzi abangesosigxina ngeli thuba uqinisekisa ukuba izinto ezifunekayo emsebenzini zenzeke ngokufanelekileyo. Lo Mthetho uYilwayo uzalisekisa uMgaqo-siseko ngokuthi ukhuthaze ukuba kusetyenziswe iindlela zengqesho ezingadleleliyo, ubulungisa kwezentlalo kunye nentatho-nxaxheba kuqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke.
3. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weMpathwano eMsebenzini, wowama-2025
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-siHlomelo oYilwayo weMpathwano eMsebenzini ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukwenza isicwangciso-sikhokelo sezempathwano emsebenzini sibe sesale mihla futhi singabi nazikroba ngokuthi kufakelwe imigaqo ecacileyo ngendlela yokukhethwa kombutho oza kumela abasebenzi, ukuphungulwa kweemeko apho zokwandisa ngaphandle kotshintsho kwezivumelwano zequmrhu leengxoxo kumashishini athile amatsha kunye nokulawulwa kwemali enikwa amabhunga eengxoxo kunye nokunikwa kwengxelo ngayo, imibutho yabasebenzi kunye nemibutho yabaqeshi. Izilungiso eziphakanyiswa zineenjongo zokuqinisekisa into yokuvuma kwabaqeshi ukukhupha izibonelelo ezithile iyahambelana nokukhuselwa ngamandla kwabasebenzi.
3.2. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa amanyathelo okuphucula iinkqubo zokusombulula iimbambano, ukumisela umyinge ekufuneka kungedlulwa kuwo wembuyekezo yabasebenzi abamkela imivuzo ephezulu kunye nokuvala izikhewu kwiinkqubo zokudenda.
D. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. Mnu Mpumelelo Nconco njengoMlawuli weKhomishini yoXolelanisa, uLamlo noSombululo (i-CCMA).
2. Ukuqeshwa kwabaLawuli beBhodi ye-Air Traffic Navigation Services
i. Mnu Zola Majavu (ukuqeshwa kwakhona waba uSihlalo.
ii. Nks Doris Dondur (uqeshiwe kwakhona).
iii. Nks Zandile Matilda Kabini.
iv. Nks Mapela Angelina Serote.
v. Mnu Peter Marais.
vi. Mnu Badisa Matshego.
vii. Nks Boni Patricia Beauty Dibate.
viii. Nks Teboho Nokuthula Fihla.
ix. Mnu Ashley Latchu; kunye
x. noMnu Mogamat Wasfie Ismail
3. Ukuqeshwa kwabaLawuli beBhodi ye-South African National Roads Agency Limited (i-SANRAL)
i. Mnu Potas Thamsanqa Phili (uSihlalo).
ii. Nks Refilwe Buthelezi (ukuqeshwa kwakhona).
iii. Gq Ismail Vadi.
iv. Nks Orateng Yvonne Motsoai; kunye
v. noNks Rochelle Blaauw.
4. Ukuqeshwa kwabaLawuli beBhodi be-South African Civil Aviation Authority
(i) Adv. Mpati Mmasechaba Lebakeng (uSihlalo futhi uqeshiwe kwakhona).
(ii) Mnu Mankopane Daniel Tshepo Peege (uqeshiwe kwakhona).
(iii) Nks Tshitshi Phewa (ukuqeshwa kwakhona nommeli weSebe).
(iv) Nks Lindiwe Mamashela; kunye
(v) noNks Gloria Zanele Nkosi.
D. Imisitho neeNkomfa
1. Ukusingatha umsitho we-LIV Golf South Africa e-Steyn City Golf Course: 2026 ukuya kowama-2028
1.1 IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa komsitho we-LIV Golf South Africa oza kubanjelwa kwibala legalufa laseSteyn City eRhawutini ukusukela kumhla we-19 ukuya kowama-22 kweyoKwindla 2026.
1.2 I-LIV Golf league yitumente yegalufa yabahlawulwayo yamadoda equka abadlali begalufa behlabathi apho bathi bakhuphisane kwiitumente zegalufa zehlabathi.
1.3 Ukusingatha le tumente ye-LIV Golf kulindeleke ukuba kuze nengeniso yezoqoqosho kunye neyezentlalo noqoqosho, kuqukuka ukunyuka komthamo wezokhenketho, ukudalwa kwemisebenzi, ngelithuba kuza kuba negalelo ekugqamiseni nokuphuhlisa igalufa eMzantsi Afrika ngokusebenzisa iinkqubo zokufundisa ngegalufa.
1.4 Lo msitho kuqikelelwa ukuba uza kungenisa imali ephakathi kwezigidi ezingama-500 nezingama-800 zeerandi kuqoqosho ngetumente nganye.
1.5 Inkqubo yophuhliso ye-LIV Golf eneenjongo zokuxhobisa abantu abatsha ngokuqinisekisa ukuba bayawafumana amathuba, inkuthazo noqeqesho zingcali zegalufa iza kuqhutywa ngokwezigaba ezibini. Isigaba sokuqala eSouthern Grounds Golf Club naseSteyn City Gauteng Academy, sona isiGaba sesibini siza kuya nakwezinye iindawo.
1.6 Ezinye iitumente ze-LIV Golf ziza kuqhuba ngowama-2027 nowama-2029, futhi kukho nethemba lokuba ingathi kungagqithelwa nakunyaka wama-2029 nowama-2030.
2. INyanga yamaLungelo oLuntu
2.1 UMzantsi Afrika uza kukhumbula iNyanga yamaLungelo oLuntu ngeyoKwindla phantsi komxholo othi: “IMbali yobuGorha: Ukukhusela amaLungelo, nokuLondoloza uBuntu.” Kulo nyaka iza kube iminyaka engama-30 ukususela oko kwatyikitywa uMgaqo-siseko wangumthetho.
2.2 Umsitho wokuphehlelelwa kwesiKhumbuzo seminyaka engama-30 yokwamkelwa nokutyikitywa koMgaqo-siseko wangumthetho uza kubanjwa ngomhla wesi-2 kweyoKwindla 2026 e-Apartheid Museum. Lo msitho wesikhumbuzo ulithuba lokuba sonke sikubethelele ukuba lo mbuso ulawulwa ngokwentando yesininzi kunye nenkululelo zisazinzile.
2.3 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeleke behlonipha olu xwebhu lububungqina bezithembiso esazenza sonke zokuzibophelela kumbuso olawulwa ngokwentando yesininzi osekelwe kumgaqo-siseko, amalungelo oluntu kunye namanye amalungelo, kumthetho, kunye nokuhlonipha igalelo lamaqhawe omzabalazo kwinkululeko nolawulo lwentando yesininzi.
3. Ukusingatha iNkomfa yeSizwe yezoThutho yokuQala
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kweNkomfa yeSizwe yezoThutho yokuQala ukususela ngomhla we-16 ukuya kowe-18 kweyoKwindla eRhawutini, eGallagher Estate.
3.2. Le nkomfa iza kudibanisa icandelo lezothutho loMzantsi Afrika ukuze kulungiswe imingeni kuphekwe nezisombululo. Le nkomfa kulindeleke ukuba izinyaswe ngabathunywa abangama-750 abaphuma apha eMzantsi Afrika, kwi-SADC nakumanye amazwe ehlabathi.
3.3. Le nkomfa ineenjongo zokwakha umbono ofanayo ngendima yezothutho kuphuhliso lezoqoqosho nezentlalo loMzantsi Afrika, ukudibanisa amahlakani ezothutho asengele thungeni linye. Iza kukhuthaza nokuba kwabelwane ngolwazi, kusetyenziswe ulwazi olufunyenwe kuphando lwehlabathi nolwalapha ekhaya, kuze kuphandwe nangeentlobo zobuchwepheshe zezothutho zale mihla zokuphucula indlela elisebenza ngayo icandelo lezothutho leli lizwe futhi likwazi ukumelana nokhuphiswano.
11. USuku loMkhosi woKhuselo
11.1. UMongameli Cyril Ramaphosa, njengeNkumanda eyiNtloko yoMkhosi wezoKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika (i-SANDF) uza kwenza intetho kuSuku loMkhosi woKhuselo kuMasipala wesiThili saseVhembe ngomhla wama-21 kweyoMdumba 2026.
11.2. USuku loMkhosi woKhuselo lubanjwa rhoqo ngonyaka ukukhumbula ukuzika kwe-S S Mendi, kunye nokuhlonipha onke amajoni athe awela edabini esebenzela uMzantsi Afrika ngaphaya kwemida yeli lizwe nakumaphulo alapha ngaphakathi. Lusuku lokunika imbeko kubugorha kumajoni eli, asebenzela ukukhusela isizwe sakuthi nabantu beli lizwe.
11.3. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Cyril Ramaphosa inika imbeko kumalungu eNative Labour Corps asutywa kukufa ngethuba kuzika i-S S Mendi ngomhla wama-21 kweyoMdumba 1971 ngethuba leMfazwe yokuQala yeHlabathi. Ubugorha babo, ukungab’uphondo nomanyano ngethuba bejongene nokufa yinto esavusa amadlu nanamhlanje, kwaye oku kusasinika ilunda novuselelo nangoku.
E. Imiyalezo
1. Imiyalezo yovelwano
1.1. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho:
1.1.1. Letshantliziyo lamalungelo oluntu kunye negqala elalisilwela umzabalazo ochasene nocalucalulo uMfundisi uGq Jesse Louis Jackson Sr. UMzantsi Afrika ulahlekelwe liqabane elinomqolo. Imisebenzi kaMfundisi Jackson siyayazi kwimbali yethu yedabi lokulwela inkululeko kwaye wayengomnye wabo bathi baphakama balwa ucalucalulo ngexesha abanye bengafuni ukusinceda. Ngowama-2013, lo Mzantsi Afrika ulawulwa ngokwentando yesininzi, wamwonga nge-National Order of the Companions of O.R. Tambo yeSilivere.
1.1.2. LukaGq. John Bolana, uBishophu wesihlanu weBandla likaKrestu LaBantu, obenomqolo futhi esisicaka esinemfesane sabantu necawe eMzantsi Afrika nakummandla we-SADC uphela. Ebesisisele solwazi kwaye eligxalaba lokulilela kwabaninzi kweli lizwe. Ebengumntu ebesilwela umanyano, isidima nobunkokeli obuthembekileyo kunye nentsebenziswano phakathi kwabantu abahlukeneyo, futhi ebehlonitshwa nguye wonke umntu.
1.1.3. LukaNkosi uGq. Phylia Tinyiko N’wamitwa II, inkokeli, uvulindlela kunye nenzalelwana yeli lizwe engaphikwayo obedume ngokuba yititshala, futhi ekwayinkokeli yezopolitiko ephuma izandla. Ebesilwela amalungelo amanina futhi ebuthiye kakhulu ubundlobongela obusekelwe kwisini kwaye kutsha nje uye wamkela isicelo sokuba abe lilungu leQela laBantu abaBekileyo, ebelinikwe umsebenzi wokukhokela nokucebisa kwiMbizo yeSizwe.
1.1.4. Lo ebeyimboni, uClem Sunter, obenombono othi “High Road, Low Road” obunyanzelisa uMzantsi Afrika ukuba uzibhence malunga neziphumo zenkqubo yezopolitiko neyezoqoqosho esiyikhethileyo. Umsebenzi wakhe unike eli lizwe isikhokelo ekufuneka sisetyenziswe ukuba sifuna ikamva eliqaqambileyo kwilixa apho kunzima ukwazi ukuba amangomso asiphathale ntoni na.
1.1.5. Uvulindlela kwezozakuzo ongummi wasePalestine oyinzalelwane yaseLebanon netshantliziyo uLeila Shahid owenza imbali njengonozakuzaku wokuqala obhinqileyo wasePalestine. Ngenxa yomsebenzi wakhe ongenachaphaza kwi-PLO kunye nePalestinian Authority e-Ireland, the Netherlands, naseFrance, waphela engomnye wabantu abahlonitshwa lihlabathi kwiinkokeli ezilwela ukuzimela kwePalestine.
2. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi iqhwabela izandla futhi ithumela neminqweno emihle:
2.1. Kwii-Proteas ngokugqithela kwi-Super Eight Stage kwi-ICC Men's T20 World Cup, e-India nase-Sri Lanka. Sibanqwenelela okuhle kumalinge abo okufikelela kwimidlalo eyandulela amanqam.
2.2. Ebantwini benkolo yobuKrestu njengoko beza kuhlonipha i-Lent kunye nabo benkolo yobuSilamsi njengoko beza kuhlonipha i-Ramadan. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ithumela imiqweno emihle.
Ikhutshwe egameni leKhabhinethi:
nguMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uNks, Ms Khumbudzo Ntshavheni.
Imibuzo:
Iziko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Qhagamshelana noNks Nomonde Mnukwa, uMlawuli-Jikelele oliBambela.

