Ingxelo yentlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama-25 kweyeSilimela 2025

A.    Imiba engundaba-mlonyeni

1.    Imbizo yeSizwe
1.1    Iminyaka engama-70 yoMqulu weNkululeko
1.1.1    Ngalo mhla, kwiminyaka engama-70 eyadlulayo, umhla lowo wawuwowama-26 kweyeSilimela 1955, abathunywa abangaphezulu kwama-3 000 ababezintlanga ezahlukeneyo futhi behlukene nangemeko yabo yezentlalo badibana e-Kliptown, eRhawutini beyokuqulunqa umbono woMzantsi Afrika abawufunayo, olawulwa ngokwentando yesininzi, ongacaluli ngokobuhlanga okhokelisa phambili ulingwano, ubulungisa ngokwezentlalo, amalungelo oluntu kunye nobuncwane boqoqosho okwabelwanayo ngabo.
1.1.2    UMqulu weNkululeko walusisiphumo sephulo olwaluqhutywa ngabantu abaphuma kwimibutho eyahlukeneyo eyayichasene nocalu-calulo, abantu ngobubanzi, ababekhokelwa yi-African National Congress, begwadla amaphupha wabo oMzantsi Afrika onobulungisa nokhululekileyo.
1.1.3    UMqulu weNkululeko luxwebhu osekelwe kulo uMgaqo-siseko woMzantsi Afrika ongalawulwa nguMbuso woCalu-calulo, kwaye usabalulekile nanamhlanje kumaphulo okulwa ukungalingani ngokwezentlalo nangokwezoqoqosho okusagqubayo kweli lizwe lakuthi.

1.2    INgqungquthela yeSizwe yokulungiselela iMbizo yeSizwe
1.2.1    Kwiminyaka engama-70 emva kokwamkelwa koMqulu weNkululeko futhi sibonisa ukuqonda ukuba imingeni elisajongene nayo ilizwe lakuthi ifuna ukuba singqubanisa iintloko sisonke, ngolo hlobo bonke abemi boMzantsi Afrika bayamenywa ukuba bathathe inxaxheba kwiMbizo yeSizwe eza kugwadla ikamva loMzantsi Afrika esiwufunayo. Njengokwamkelwa ngokusesikweni koMqulu weNkululeko, iMbizo yeSizwe iza kubandakanya ukufakana imilomo nabantu abaninzi kangangoko kuquka kwizithili nakumaphondo.
1.2.2    IKhabhinethi ivile ngezikhalazo ezivakaliswe luluntu malunga nemali eqikelelwayo eza kusetyenziswa kule Mbizo yeSizwe kwaye ifuna ukwazisa abantu ukuba le mali kuthethwa ngayo ayikaphicothwa ngokweenkqubo zikarhulumente zokuhlahla nokwaba imali okanye ixoxwe yiKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) osihlalo wayo inguSekela-Mongameli, u-Paul Mashatile. IKhabhinethi iziqonda kanye iingxaki zezimali esijongene nazo kwaye iyalele i-IMC ukuba iqinisekise ukuba imali eza kusetyenziswa kwiMbizo yeSizwe ibekwe phantsi kweliso elibukhali.

2.    Ezoqoqosho

2.1    IsiCwangciso esinguNdoqo soMzantsi Afrika soMbane oHlaziyekayo
2.1.1    IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa ngokusesikweni kwesiCwangciso esinguNdoqo soMzantsi Afrika soMbane oHlaziyekayo (i-SAREM) esiza kulwela ukuba kuveliswe apha ekhaya, uphuhliso lwezakhono nokudalwa kwemisebenzi kweli lizwe. I-SAREM eyamkelwa ngokusesikweni yiKhabhinethi ngeyoKwindla kulo nyaka, ineenjongo zokunyusa umthamo wokusetyenziswa kombane ohlaziyekayo kweli lizwe kunye nokukhokela amaphulo okuvula imizi-mveliso ngeli thuba iza kuqinisekisa ukuba sitshintshela kolu hlobo lombane ngendlela engazikudlelelela mntu.

2.2    IsiVumelwano seMali-mboleko yokuPhuhlisa uMgaqo-nkqubo esiyimali ezibhiliyoni zedola zase-US eziyi-1.5

IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nesiVumelwano seMali-mboleko yokuPhuhliswa uMgaqo-nkqubo esiyimali ezibhiliyoni zedola zase-US eziyi-1.5 esityikitywe ngurhulumente woMzantsi Afrika kunye neBhanki yeHlabathi esiza kusetyenziselwa ukuqinisekisa ukuba kukho uhlumo loqoqosho oluza kuxhanyulwa nguye wonke umntu nokudalwa kwemisebenzi. Le mali-mboleko iyahambelana nemigaqo kaNondyebo weSizwe eyinxalenye yamalinge abanzi karhulumente okuqalisa ngeenguqu kwaye iza kusetyenziselwa ukuncedisa kumaphulo ophuhliso lweziseko ezingundoqo ebemi ndawonye, ingakumbi kwicandelo lezamandla kunye nokuthuthwa kwemithwalo emikhulu.

2.2.1    Le mali-mboleko isekelwe kwiintsika ezintathu zenguqu ezibanzi: ukuqinisekisa ukuba kukho umbane owaneleyo; ukuphucula isakhono sokukwazi ukumelana nokhuphiswano kwiinkonzo zokuhanjiswa kwemithwalo nezothutho kunye nokuncedisa uMzantsi Afrika kumalinge wawo okutshintshela kuhlobo loqoqosho olungavelisi sisi sininzi siyingozi kokusingqongileyo, izinto ezo zixhasa kanye amaphulo aphambili karhulumente aluhlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke kunye nokudalwa kwemisebenzi.

2.3    Ukufika kwamachiza okugonyela isifo sochwane nenyebethu
2.3.1    IKhabhinethi iyakwamkela ukufika kwamachiza okugonya, avela eBotswana, okulwa isifo sochwane nenyebethu (i-FMD) esiqhambuke kwiindawo ezithile kweli lizwe. 
2.3.2    La machiza aza kunikezelwa futhi kugonywe ngawo simahla kwiindawo ezihlaselelwe sesi sifo ingakumbi kwiphondo laKwaZulu-Natal (e-KZN) naseMpuma Koloni kwakunye nakumafama akwamanye amaphondo apho kubhaqwe esi sifo. Isixa sesibini sala machiza sele yenziwe i-odolo yaso kwi-Botswana Vaccine Institute.

3.    Ezamazwe ngamazwe
3.1.    INgqungqthela ye-G7
3.1.1.    UMongameli Cyril Ramaphosa ebezimase iNgqungquthela yaMazwe asiXhenxe (i-G7), kwaye uMzantsi Afrika uthatha i-G7 njengehlakani elibalulekileyo. UMongameli Ramaphosa usebenzise eli thuba ebezimase i-G7 ukukhuthaza intsebenziswano ngamandla phakathi kwe-G7 kunye ne-G20 kwaye uye wacela inkxaso emandla kumalinge okuzisa utshintsho kwimibutho yehlabathi yolawulo lwehlabathi efana neBhunga loKhuselo le-UN kunye nenkqubo yezimali yehlabathi. Ukuthatha inxaxheba kukaMongameli kwi-G7 kubonisa ngokuphandle ukuba uMzantsi Afrika awunamigaqo-nkqubo ichasene namazwe aseNtshona, koko ukulungele ukusebenzisana nalo naliphina ilizwe ukuba nje oko kuza kukhokelisa phambili izinto ezilulutho kuMzantsi Afrika kunye neenkqubo ezibalulekileyo ze-Afrika.

3.2    Utyelelo lwaseburhulumenteni oluya e-Russia
3.2.1    USekela-Mongameli u-Paul Mashatile uqukumbele utyelelo lwaseburhulumenteni obeluse-Russia apho athe wathatha inxaxheba kwi-28 St. Petersburg International Economic Forum 2025 (i-SPIEF’20).
3.2.2    Olu tyelelo lugxile ekuphuculeni ukusebenzisana ngokwezoqoqosho phakathi kwala mazwe mabini kula macandelo alandelayo: elezolimo, elezezithuthi, elezamandla nemigodi, kwakunye nelezenzululwazi nobuchwepheshe.

3.3    Ungquzulwano lwe-Israel ne-Iran
3.3.1    IKhabhinethi ixhalabe kakhulu ngokujamelana phakathi kwe-Israel kunye ne-Islamic Republic of Iran, nangokuqhushunjiswa ngeentolo-mlilo okwenziwe yi-United States of America (i-USA). Olu hlaselo luqhubekayo lwenziwa ngala mazwe omabini lubulale laze lonzakalisa abantu kwaye latshabalalisa iimpahla. 
3.3.2    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo lokuba kubekwe phantsi izixhobo, kuthotywe izibilini futhi kuthotyelwe imithetho yehlabathi ngokugcweleyo ngabo bonke abachaphazelekayo ukuthintela ungcungcutheko lwabantu. IKhabhinethi iphinda imemelele i-USA, Israel kunye ne-Iran ukuba zivumele ithuba leengxoxo zothetha-thethwano futhi zinike ithuba neZizwe eziManyeneyo ithuba lokukhokela iingxoxo zokulamla ngoxolo ezi mbambano, kuquka nokuhlolwa kuze kuqinisekiswe ngemeko yase-Iran malunga nokuphehlwa kwe-uranium ilungele ukusetyenziswa njengenyukliya, kwakuye nezixhobo zenyukliya enazo.
3.3.3    Ihlabathi alinakuvumela ukucakacwa kwe-Iran ngenxa yokuba inabantu abaninzi, ikule ndawo ikuyo emhlabeni kunye nobutyebi bezimbiwa. Njengelizwekazi, thina e-Afrika sisenegxuba lokucakacwa kwe-Libya ekungoku nje kungunyaka we-14 emva kokuba kwabhukuqwa umbuso e-Libya, i-Afrika isajongene nengxaki yokunyuka kwezenzo zobunqolobi mbombo zone zeli lizwekazi okudineneyo nokucakacwa kwe-Libya kunye nezixholo-xholo ezisaqhuba kweliya lizwe. 
3.3.4    Simemelela uxolo kwihlabathi kwaye kufuneka sizame ukusombulula iimbambano nongquzulwano ngoxolo.

3.4    Iinkxalabo malunga nemeko yase-Haiti eya isiba maxongo
3.4.1    IKhabhinethi ixhalabile yimeko yase-Haiti eya isiba maxongo kwaye iphakamisa ukuba ifuna kungenelelwe ngeendlela ezahlukeneyo ukuze kwenziwe ngqingqwa ulawulo, kufakwe ulwamvila kwii-arhente zogcino-mthetho kuze kukhwezelwe uphuhliso loqoqosho ngokusebenzisana kwehlabathi nala ngingqi kwenziwe oko kukhokeliswa izinto ezilulutho noncedo kwi-Haiti.

3.5    Umgqaliselo weNkundla ePhakamileyo yasePitoli omisa ukungcwatywa kukaMongameli wesi-6 wase-Zambia, uMnu Edgar Lungu ongasekhoyo
3.5.1    IKhabhinethi ivile ngesigwebo seNkundla ePhakamileyo yasePitoli egqalisela ukuba umiswe umngcwabo wongasekhoyo uMongameli Lungu eMzantsi Afrika emva kokuba kuvunyelwene ngabo bonke abachaphazelekayo.
3.5.2    IKhabhinethi icela usapho lakwaLungu kunye norhulumente wase-Zambia ukuba basebenzise eli thuba balinikwe yile Nkundla iPhakamileyo bazame ukulungisa ezi ndawo bangaboni ngasonye kuzo baze baqinisekise ukuba lo Mongameli ungasekhoyo ukhatshwa ngomngcwabo ondilisekileyo nonesithozela ofanele kanye umntu owayenguMongameli.

3.6    Ukurhoxa kwe-SAMIDRC entshona ye-DRC
3.6.1    IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nokufika ngezigaba kwamajoni oMkhosi weSizwe woMzantsi Afrika wezoKhuselo (i-SANDF) esuka empuma yase-Democratic Republic of the Congo (e-DRC) emva kwesigqibo se-SADC sokurhoxisa iphulo lokungenelela le-SAMIDRC.
3.6.2    Amajoni e-SANDF amalunga ne-1 718 sele egalelekile kweli lizwe, amanye kulindeleke ukuba afike kwezi veki zimbalwa zizayo.
3.6.3    IKhabhinethi ikubethelela ukuzinikela kwayo kummandla oseMzantsi e-Afrika onoxolo, ozinzileyo kunye nonenkqubela-phambili kwaye iwothulela umnqwazi umsebenzi owenziwe ngamajoni e-SANDF ngokufaka isandla kumalinge okuzisa uxolo, ukhuseleko kunye nozinzo e-DRC.

4.    EzoBulungisa nokuLwa uLwaphulo-mthetho
4.1.    Ezokhuselo nokhuseleko
4.1.1.    Urhulumente uyawamkela umsebenzi osele wenziwe kumalinge okulwa ulwaphulo-mthetho afana ne-Operation Shanela kunye ne-Operation Vala Umgodi. Abarhanelwa abamalunga nama-239 babanjiwe kweli lizwe phakathi komhla woku-1 nowesi-5 kweyeSilimela 2025 ngenxa ye-Operation Vala Umgodi. Aba barhanelwa babanjelwe amatyala anxulumene nokomba imigodi ngokungekho mthethweni kunye nezinye iintlobo zolwaphulo-mthetho eziquka ukuzama ukubulala, ukuba nompu ongenalayisenisi, ukuba nedayimani engekacocwa ngokufanelekileyo, ukuba neziqhushumbisi ngokungekho mthethweni kunye nokwaphula uMthetho wezeMfuduko wowama-2002.
4.1.2.    I-Operation Vala Umgodi sele ibambe abarhanelwa abangaphezulu kwama-27 000 ukususela oko yaqalayo futhi yoxuthe nemimpu engaphezulu kwama-600, equka osinga-mpu kunye neembumbulu ezingama-16 000.

4.1.3.    Phakathi komhla we-16 kweyeSilimela nowama-22 kweyeSilimela 2025, uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS), usebenzisa i-Operation Shanela, ubambe abarhanelwa abangama-15 372. Abanye boongqondo-ngqondo ababanjiweyo baquka abantu abangama-2 400 abebezingelwa ngamapolisa bekrokreleka kwizenzo zolwaphulo-mthetho olunobundlobongela (ukubulala, ukuzama ukubulala, ukudlwengula kunye nokuphanga); abali-159 babanjelwe ukubulala; abali-100 babanjelwe ukudlwengula; abali-1 173 babanjelwe ukubetha ngenjongo zokonzakalisa; abangama-2 602 babanjelwe ukuba neziyobisi baze abangama-64 babanjelwe ukuqweqwedisa okanye ubusela bezithuthi.
4.1.4.    IKhabhinethi ikwamkele ukugwetywa kwamadoda amabini kwamane ebefunyaniswe enetyala kwisihelegu ebesicwangcisiwe sokugwintwa kukaNosipho ‘Nomdundu’ Mafani waKwaNokuthula (obeneminyaka engama-23 ubudala) obegula ngengqondo. Esi sibini, uMboneli Msila kunye noMonde Tshemese bobabini bagwetywe ubomi bethothoza entolongweni ngokupheka iyelenqe lokubulala kunye nokubulala abakwenza kuba bejonge ukufumana imali eyayizakuvela kwi-inshorensi kamasingcwabane eyayingama-600 000 eerandi.

4.1.5.    Idabi lokulwa uBundlobongela obuSekelwe kwiSini kunye nokuBulawa kwamaNina
IKhabhinethi iyalele iSebe lezoPhuhliso loLuntu ukuba liwukhawulezise umsebenzi wokuqukunjelwa koMthetho oyiLwayo wokuXhaswa kwamaXhoba ngenjongo zokwenza ngqingqwa idabi lokulwa i-GBVF.


5.    EzoPhuhliso loLuntu naBantu
5.1.    Uhlangulo emva kwezikhukhula  
5.1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga namalinge aqhubayo ohlangulo emva kweentlekele yesikhukhula eMpuma Koloni nase-KZN. Kurhulumente wesizwe, iKomiti eHlangeneyo yesiZwe yokuQuquzela iziKhukhula, kwakunye neKomiti yabaPhathiswa yoLawulo lweeNtlekele sele ziqalisile ngomsebenzi wazo kwaye sele zibambe iintlanganiso izihlandlo eziliqela ukuhlola imeko zize zithathe nesigqibo ngendlela eziza kuwancedisa ngayo la maphondo achaphazelekayo.

5.1.2.    Iziko leSizwe loLawulo lweeNtlekele kunye namaziko ahlukeneyo amaphondo nawoomasipala okulawula iintlekele, nawo ayaqhubeleka nokunika iingxelo malunga nakubonileyo kunye namanyathelo okungenelela.

5.1.3.    Eyona nto iphambili kufuneka yenziwe kukubonelela ngokungxamisekileyo ngendawo yokufihla intloko kunye nezinye izinto eziluncedo kwabo bachaphazelekileyo kunye nokuzisa le meko phantsi kolawulo. Umsebenzi uyaqhuba nasekubuyiseleni iinkonzo ezingundoqo ezifana namanzi, ugutyulo kunye nombane. Oku kuquka ukwenza indlela yokuba abo bachaphazelekileyo bayazifumane iincwadi-zazisi kunye noolindela ukuze bakwazi ukufumana iinkonzo ezingundoqo. Uyaqhuba umsebenzi wokuhlola umonakalo owenzekileyo kumakhaya nakwiziseko ezingundoqo kunye nowokwenza amalungiselelo okwakha. Wakuba ugqityiwe, uza kunceda kwenziwe amalungiselelo enkqubo ebanzi yokubuyisela imeko kwisimo esiqhelekileyo.

5.2    Imozulu emaxongo
5.2.1    IQumrhu loMzantsi Afrika lezeMozulu likhuphe isilumkiso sokuba kuza kuba umsinga wenkwanca okulindeleke ukuba uqalise ngoLwesithathu, umhla wama-25 kweyeSilimela, kwiindawo ezisemzantsi-ntshona zoMzantsi Afrika. 
5.2.2    Akhona namathuba eemvula ezimandla ezinokubangela izikhukhula kwiindawo ezithile kwiindawo ezisentshona yeNtshona Koloni, ingakumbi kwiindawo ezikufutshane nemifula nezinebhobho yokuhambisa amanzi engasebenzi kakuhle ngoLwesithathu ukuya ngoLwesine, umhla wama-25 nowama-26 kweyeSilimela 2025. Imimoya emikhulu nebhudla ngamandla embindini ingenza umonakalo kwizakhiwo ize iwise nemithi. Ukongeza, ingqele ilindelekile, kwakunye nekhephu kwiintaba ezisentshona ye-Ntshona Koloni, linwenwele kumbindi osemzantsi-ntshona yoMntla Koloni.

5.2.3    Umoya omandla onokwenza umonakalo ulindelekile kwiindawo ezininzi eMpuma Koloni ngoLwesine umhla wama-26 kweyeSilimela, kwakunye nokuhla kwamaqondo obushushu asemini.

6.    Ezolawulo
6.1.    Umsebenzi osele wenziwe liqela likaMongameli eliJongene noMsebenzi waseThekwini
6.1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga ngomsebenzi owenziwa liqela likaMongameli eliJongene noMsebenzi waseThekwini. Umsebenzi sele ubonakala kwezamanzi nogutyulo. Imali ezizigidi ezingama-378 zeerandi sele ifumanekile kwaye iza kuncedisa ukulwa ingxaki yokuvuza kwemibhobho yamanzi, into leyo efike kanye ngethuba kusihla nge-30% kwemisebenzi yokulungiswa kwemibhobho yamanzi neyokuhambisa ilindle ebekusele kulithuba ingenziwa. 
6.1.2.    Ukhenketho ngaphakathi eThekwini nalo luyathembisa, lunyuke ngo-33% xa kuthelekiswa unyaka nonyaka, ngolo hlobo lagalela imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-17.4 kuqoqosho. Inani labakhenkethi abavela kumazwe angaphandle lenyuke ngo-9.8%, into leyo egalele imali ezizigidi eziyi-3.3 zerandi kumasipala waseThekwini.

B.    Ezakutsha eziya kwiKhabhinethi
1.    Umsebenzi osele wenziwe malunga nokuphunyezwa kwamanyathelo kaMongameli okusabela kwiziphakamiso zeKhomishini yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso
1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nomsebenzi omkhulu osele wenziwe ngokuphunyezwa kwamanyathelo kaMongameli okusabela kwiziphakamiso zeKhomishini yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso. Izinto eziphambili ziquka:
1.1.1.    Umthamo weempahla ezithinjiweyo ezinxulumene nokuBanjwa koMbuso ngoBhongwane unyuke usuka kwimali ezibhiliyoni eziyi-2.9 zeerandi ngeyeDwarha 2022 waya kutsho kwimali ezibhiliyoni ezili-11 ngeyoKwindla 2025.
1.1.2.    Iinguqu ezimandla eziquka ukutyikitywa kwemithetho emitsha esibhozo eza kujonganga norhwaphilizo, intengo, iinkonzo zobuntlola, kunye nokuphendula kweenkampani zabucala.
1.1.3.    Uphando lolwaphulo-mthetho nokutshutshiswa kwabantu: amatyala amane anxulumene nokubanjwa ngobhongwane kombuso sele equkunjelwe baze bonke abatyholwa bafunyaniswa benetyala; amanye amatyala ali-11 aquka abantu abangama-51 kunye neenkampani ezingama-27 asenkundleni sithetha nje. 
1.1.4.    Amanyathelo anxulumene nemithetho elawulayo: ISebe lezaMashishini kaRhulumente elingasekhoyo lathe lathumela abantu abangama-71 ababesaya kuba ngabalawuli kumaQumrhu oMbuso kwi-Companies and Intellectual Property Commission (i-CIPC) bayokuxoxa ngokusilela ukwenza umsebenzi wabo ngenxa yamatyala asithoba abasawaxoxayo ezinkundleni. 
1.1.5.    Ukuphendula kweenkampani zabucala: I-CIPC iwuqukumbele umsebenzi wokuphanda iinkampani zabucala ezili-10 ezibekwa izityholo kwiNgxelo yokuBanjwa koMbuso ngoBhongwane, futhi ezintandathu zisaphandwa zize ezisibhozo zona amatyala wazo asathunyelwe kwi-SIU ukuba iwaqwalasele.
1.1.6.    UNondyebo weSizwe uvale u-Bain & Co isithuba seminyaka eli-10 (2022-2032) sokuba enzele urhulumente umsebenzi, into leyo u-Bain ayilwa ezinkundleni.
1.1.7.    Iinguqu ezahlukeneyo zokulwa ukuba kungaphinde kwenzeke ukubanjwa kombuso ngobhongwane zisaqulunqwa ngelithuba ezinye sele ziqalisile ukusebenza, phakathi kwezo sele ziqalisile zezi:
1.1.7.1.    Ukusekwa kweCandelo loPhando lokuLwa uRhwaphilizo eliqale ukusebenza ngomhla we-19 kweyeThupha 2024;
1.1.7.2.    IsiCwangciso-sikhokelo seSizwe esijolise ekuPhunyezweni koMsebenzi wokuQeqesha abaSebenzi bakaRhulumente babe ziNgcali esamkelwa ngokusesikweni yiKhabhinethi ngeyeDwarha 2022.
1.1.7.3.    IBhunga leSizwe labaCebisa ngokuChasene noRhwaphilizo sele liwuqukumbele umsebenzi wophando malunga neenguqu ekufuneka zenziwe kumaqumrhu ngokweziphakamiso zeKhomishini yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso.

2.    Amalungiselelo eNgqungquthela ye-G20
2.1.    I-G20 (iintlanganiso)
IKhabhinethi inikwe ezintsha malunga nomsebenzi owenziwayo njengoko eli lizwe lilungiselela ukusingatha iNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20, njengoko olu thotho lweentlanganiso ziqhuba:
Njengamalungiselelo okusingatha iNgqungquthela yoMzantsi Afrika ye-Y20 ekupheleni kwalo nyaka enxulumene nokuba uMzantsi Afrika unguMongameli we-G20. Indibano yaPhambi kweNgqungquthela ye-Y20 yoMzantsi Afrika ebizinyaswe ngabathunywa abaphuma kumazwe angamalungu nangengomalungu e-G20, ukuqalisa iingxoxo ngemigaqo-nkqubo eziza kuba yinxalenye yengxelo ye-Y20, ibibanjwe ngomhla we-18 ukuya kowe-19 kweyeSilimela 2025.
2.1.1.    Intlanganiso yesi-3 yeQela lokuQala eliJongene noMsebemzo: UHlumo loQoqosho oluza kuXhanyulwa nguMntu Wonke, ukuPhuhliswa kwemizi-Mveliso, iNgqesho nokuPhungula ukungaliNgani ibibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ukusuka ngomhla we-18 ukuya kowe-19 ngeyeSilimela 2025, ixoxe ukuqulunqwa kwezikhokelo-zicwangciso zokulungelelanisa imigaqo-nkqubo yezoqoqosho, yamacandelo, yezabansebenzi, yezibonelelo zentlalo kunye nezokusingqongileyo ukwenzela ukuba isengele thungeni linye elisingise ekudaleni imisebenzi ezinzileyo nokulwa ukungalingani.
2.1.2.    I-T20 South Africa Mid-Term Conference ibibanjwe ngonxibelelwano lwe-intanethi ngowama-19 ukuya kowama-20 kweyeSilimela 2025, iqwalasele umsebenzi osele wenziwe ngamaqela amahlanu, ikhuthaze intsebenziswano phakathi kwemimandla eyahlukeneyo yaze yalungisa iziphene kwimigaqo-nkqubo phambi kweNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20.
2.1.3.    I-G20 Empower Alliance Inception Meeting ibibanjwe ngowama-20 ukuya kowama-21 kweyeSilimela 2025, ixoxe ngemiXholo enguNdoqo ye-G20 Empower Alliance malunga neenkokeli ezingamanina, inkxaso yamashishini kunye nophuhliso oluzinzileyo loqoqosho.
2.1.4.    INgqungquthela ye-SAI20 ebiyindibano yabaphicothi-zincwadi abaphuma kumazwe angamalungu e-G20 ebibanjwe eRhawutini ukusuka kowama-24 ukuya kowama-25 kweyeSilimela 2025, ixoxe imiba enxulumene nokwenzela izinto elubala kunye nokuphendula kwabo baphethe izimali zikarhulumente.
2.2.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngentlananiso ze-Sherpa Track ebezisanda ukubanjwa, kwakunye namalinge okulungelelanisa nokulungiselela awenzelwa iingxoxo zokubonisana zamaxwebhu nezibhengezo ze-G20 Ministerial Outcome. IKhabhinethi ixelelwe ngeentlanganiso ezingama-69 esele zibanjiwe ngoku, kwezili-132 ezisesikweni ze-G20 ebezicetyiwe.
2.2.1.    Intlanganiso yesi-3 ye-G20 Sherpa iza kubanjelwa e-Sun City ukusuka ngowama-25 ukuya kowama-26 kweyeSilimela 2025 kwaye kulideleke ukuba ifumane ingxelo kwi-Finance Track Task Forces, ukuphononongwa kwezithembiso neenjongo ezingundoqo ze-G20 kuze kuxoxwe nangeendlela zokuqinisekisa ukuba i-G20 iyakwazi ukukhokela amanyathelo athathwa ngamazwe ehlabathi xa kuvele iingxaki.

C.    Izigqibo zeKhabhinethi
1.    Amandla Axubileyo – Ukungenelela kwamashishini ukuvuselela isaKhono sokuKhuphisana zeCandelo le-Ferrochrome loMzantsi Afrika
1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nomonakalo owenzeka kuqoqosho nentlalo ngenxa yokuwa kwecandelo le-ferrochrome kunye nokungenelela okungxamisekileyo ekufuneka kwenziwe ngurhulumente namashishini abucala ukulungisa le ngxaki. 
1.2.    IKhabhinethi ivumile ukuba iSebe lezoMbane naMandla liqukumbele isivumelwano sikarhulumente necandelo labucala sokuhlenga-hlengiswa kwerhafu njengelinge lokuxhasa icandelo le-ferrochrome, kwakunye nokuvuselelwa kwemizi-mveliso yoMzantsi Afrika kunye nesakhono sokuxhamlisa kweli candelo. 
1.3.    IKhabhinethi ikuvumile ukuba kubekwe imigqaliselo engqingqwa malunga nokuthunyelwa kumazwe angaphandle kwe-chrome ore, into leyo iza kufuna ukuba abayithumela kumazwe angaphandle bafumane i-International Trade Administration Commission eza kubanika iphepha-mvume, kwaye 
1.4.    IKhabhinethi ilivumile iphulo lokuqulunwa kwerhafu yokuthunyelwa ngaphandle kwe-chrome ore yaze yatyebisa izicwangciso-zikhokelo/imithetho elawula izibonelelo zeenkampani ezinyibilisa i-chrome ore ezikwimiMandla yezoQoqosho eKhethekileyo (i-SEZ).

2.    IsiCwangciso esinguNdoqo soQoqosho lweNkunkuma (i-WEMP) 
2.1    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwe-WEMP ukuze iphunyezwe. I-WEMP igxila ekuphunguleni inkunkuma, ukuhlaziya nokuvuselela – ingakumbi inkunkuma yecandelo lezokupakisha. Ifuna ukunyusa umthamo ongeniswa licandelo loqoqosho lwenkunkuma lwesizwe; ngelithuba iphungula umonakalo owenziwa yinkunkuma kokusingqongileyo kunye nowenziwa ngamachiza empilweni nakokusingqongileyo. 
2.2    Esi sicwangciso singundoqo siza namanyathelo aliqela okungenelela aza kuvula amathuba oqoqosho kwicandelo lezenkunkuma, ngokwandisa umthamo wokuthunyelwa kumazwe angaphandle nokudala imisebenzi. Eli candelo lixhasa imisebenzi engesosigxina emalunga nama-60 000 kwizwelonke ngabantu abathatha inxaxheba kumba wokuqokelelwa kwenkunkuma, ukuhlela nokuhlaziya amaphepha, iplastiki kunye neeglasi. Kulindeleke ukuba eminye imisebenzi ifunyanwe ngamanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo.

D.    ImiThetho eYilwayo
1.    UMthetho-siHlomelo oYilwayo woMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS), wowama-2025
1.1    IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho-siHlomelo oYilwayo we-SAPS oseluyilo. Lo mthetho uyilwayo ungekuqukunjelwa uzama ukwenza izilungiso kuMthetho we-SAPS wowe-1995 ukuze kuqulunqwe umthetho wokwenza umsebenzi wobuplisa oza kuthi uncedise kumalinge okulwa ulwaphulo-mthetho ngokuhlakaniphileyo nangempumelelo. Lo Mthetho-siHlomelo uYilwayo uqinisekisa ukuba kukho ukuhambelana noMgaqo-siseko woMzantsi Afrika wowe-1996, isiCwangciso sokuPhuhlisa iSizwe 2030, iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezobuPolisa lowama-2016, iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezoKhuselo noKhuseleko wowama-2016, uMgaqo-nkqubo wokwenza uMsebenzi wobuPolisa ngabaHlali kunye noMgaqo-nkqubo ngokuDityaniswa kwemiButho yamaPolisa.

E.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1.    Adv Mikateko Joyce Maluleke njengoMlawuli-Jikelele weSebe lezamaNina, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo (kwandiswe isivumelwano sengqesho ngeenyanga ezintlanu).
2.    Mnu Brian Monakali njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba ye-Rail Safety Regulator.

3.    Ibhodi ye-Air Traffic and Navigation Services:
        Nks Doris Dondur uza kungena kwisithuba esikwiBhodi

4.    Ibhodi yamaLungu eTrasti ye-Independent Development Trust
(a)    Nks Zimbini Hill;
(b)    Nks Lerato Makgothatso Kumalo;
(c)    Njing. Stella Motlhago Bvuma;
(d)    Mnu Wayne Stewart Manthe;
(e)    Gq Deenadayalen Konar;
(f)        Mnu Neil Jensen;
(g)    Nks Sekadi Phayane – Shakhane;
(h)    Nks Thobile Buhlebethu Maloka;
(i)        Njing. Raymond Nkando; kunye 
(j)        noNks Bongekile Zulu.

5.    Amalungue Bhodi ye-Industrial Development Corporation (i-IDC) 
(a)      Gq Gloria Tomatoe Serobe (uSihlalo);
(b)      Mnu Reon Barnard;
(c)      Mnu Sam Bhembe;
(d)      Nks Tanya Reeva Cohen;
(e)      Nks Ayanda Dlodlo;
(f)      Gq Nomusa Dube-Ncube;
(g)      Gq Keitumetse Mothibeli; kunye 
(h)      noGq Sydney Mufamadi.

Imisitho nemisitho ezayo

6.1    INgqesho yoLutsha

6.1.1    Njengoko siqukumbela imibhiyozo yeNyanga yoLutsha, iKhabhinethi iphinde yalihlaba ikhwelo elenziwa nguMongameli Cyril Ramaphosa eliya kumashishini namanye amaqumrhu ombuso ukuba asebenzise i-SAYouth.mobi ukuze anike abantu abatsha amathuba okufunda nokwamkela.
6.1.2    Ngoku bangaphezulu kwezigidi eziyi-4.7 abantu abatsha ababhalise kweli qonga nakuluhlu lwabo bafuna imisebenzi leSebe lezeNgqesho nezabaSebenzi. Ngala maqonga abantu abatsha bakwazile ukufumana amathuba okufumana imali asisigidi esiyi-1.6. 
6.1.3    IKhabhinethi imemelela amashishini ukuba anike ulutsha uncedo ngokulinika imisebenzi kunye nokutyala imali kwimfundo nophuhliso lwezakhono.

F.    Imiyalezo
1.    Imiyalezo yovelwano
IKhabhinethi ithumela imiyalezo yovelwano kwizihlobo nosapho

a)    lukaMnu Sinethemba Mpambane, uSekela-Ngqonyelwa we-Walter Sisulu University, ode wadutyulwa wabulawa esemotweni yakhe eNkululekweni.
b)    Igqala lomsasazi wezemidlalo, uPhumlani Msibi, obesaziwa ngombuzo wakhe othi “thoughts please” xa egquba udliwano-ndlebe emva kokuphela komdlalo webhola ekhatywayo.
c)    Ingcali ye-trumpet ne-flugelhorn uFezile “Feya” Faku, obeyimvumi edumileyo esaziwa kuwo onke amahlanu amazwekazi ehlabathi nowakhe wasebenzisana namanye amagqala afana no-Abdullah Ibrahim noBheki Mseleku.  

2.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:
a)    Kwi-Proteas ngokutywatyusha i-Australia kumdlalo wamanqam we-World Test Championship babe ngolo hlobo baphumelela imbasa ye-ICC World Test Championship. Ukuphumelela kwabo ebunzimeni kulichulumancisile isizwe kwaye kubonise indlela imidlalo ebadibanisa ngayo abantu futhi ikhuthazwe nentsebenziswano phakathi kwezizwe kunye nokwakha isizwe. 
b)    U-Laura Seethal odume ngelika-Tyla, ngokusingatha i-2025 Nickelodeon Kids’ Choice Awards nokuba yimvumi yokuqala engum-Afrika ukuphumelela imbasa i-Favourite Global Music Star kwi-2025 Nickelodeon Kids’ Choice Awards ebibanjelwe e-USA. 
c)    Ingcali engumlinganisi uLeleti Khumalo kunye nomdidiyeli weefilimu u-Anant Singh, ophumelele i-Golden Nymph Award kwi-Special Creation’ kwifilimu ethi Don’t Give Up kwi-64th Monte-Carlo Television Festival. Le filimi ibifotwa ngu-Darrell James Roodt.
d)    I-World Indoor Champion u-Prudence Sekgodiso, oqhuba kakuhle kule nyanga ngeyeSilimela. Ngomhla we-15 kweyeSilimela 2025, waphumelela indawo yesithuba kw-800m yamanina kwi-Diamond Leagues e-Stockholm, e-Sweden. 
e)    Ngomhla wama-24 kweyeSilimela 2025 wabaleka wophula irekhodi lakhe waze waphumelela i-800m yamanina e-Ostrava Golden Spike e-Czech Republic.

Njengoko siphawula iminyaka engama-70 yoMqulu weNkululeko, sifuna ukukhumbuza wonke umntu ukuba “UMzantsi Afrika ngowazo zonke iintlanga ezihlala kuwo, abamnyama nabamhlophe” – uMqulu weNkululeko

Imibuzo: 
Nksz Nomonde Mnukwa – iBambela leSithethi sikaRhulumente 
Umnxeba: 083 653 7485
 

Share this page

Similar categories to explore