Ingxelo yentlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu umhla wama-23 kweyoMsintsi 2026

A.     Imiba Engundaba-mlonyeni 
1. IKhabhinethi iyakugxeka ukwanda kwezehlo zobundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina 
1.1. IKhabhinethi nayo njengesizwe  iyabugxeka ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina (iGBVF), kwaye izilela ukusweleka kwamanina alithoba abulawe ngenkohlakalo kwiindawo ezahlukeneyo kuMasipala oMbhaxa wase-Ekurhuleni, eGauteng. Eli nani sele linyuke laya kutsho kwi-13.
1.2. IKhabhinethi iyakwamkela ukubanjwa kwabarhanelwa abane malunga nokubulawa kwabantu abathathu kwaba. Abarhanelwa baseluvalelweni emva kokwalelwa ibheyile kulandela ukuvela kwabo enkundleni. 
1.3. IKhabhinethi iyawuxhasa umyalelo kaMongameli uRamaphosa oya kwiQela loPhando eliquka iinkalo ezahlukeneyo nelikhokelwa yiNkonzo yaMapolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS), wokuba likhawulezise ukubanjwa nokutshutshiswa kwabenzi boku kubulala. Eli qela lisukela abantu abaliqela ekurhanelwa ukuba banolwazi okanye bayabandakanyeka.
1.4. Ukwanda kwezehlo ze-GBV – ingakumbi ukubulawa kwamanina, okukubulawa ngabom kwenina ngumntu osondeleyo kuye – kumele kukhuthaze amadoda, iintsapho, abahlali kunye noluntu ngokubanzi ukuba luthathe amanyathelo okukhusela amanina. 
1.5. Ngokunjalo, ii-arhente zogcino-mthetho kufuneka ziqinisekise ukuba abo banoxanduva lokubulala amanina bayafunyanwa baze bajongane nengalo yomthetho ngokupheleleyo; njengoko loo mithetho yahlonyelwayo ukuze kuqinisekiswe ukuba izenzo zolwaphulo-mthetho ze-GBVF ziphathwa ngokuqatha.  
1.6. URhulumente uza kuqhubeka esenza konke okusemandleni akhe ukukhuthaza ukhuseleko nentlalontle yamanina nabantwana kwiindawo esihlala kuzo. Sisonke, amadoda namanina, masithathe inyathelo eliluqilima kubundlobongela size sidlale indima yethu ekupheliseni isibetho se-GBVF.  
1.7.     IKhabhinethi ikwahlaba ikhwelo kuye nabani na onolwazi ngolwaphulomthetho ukuba aluxele emapoliseni, atsalele inombolo yasimahla yeCrime Stop ethi: 086 00 10111 okanye i-GBV Command Centre Hotline ku: 0800 428 428 esebenza ubusuku nemini. 

2. Ingqungquthela ye-BRICS 
2.1. IKhabhinethi iyamkele iNgqungquthela ye-BRICS ye-18 ebeyimpumelelo, ebibanjelwe eNew Delhi, e-India, ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kweyoMsintsi 2026, phantsi komxholo othu “Ukwakha uKomelela, uTshintsho, uManyani noKhuseleko.” Le ngqungquthela iphinde yaqinisekisa ukuzibophelela kombutho ekwakheni inkqubo yamazwe ngamazwe equka bonke abantu, nenobulungisa ingakumbi ngokumalunga nokumelwa, yaza yaqhubela phambili intsebenziswano kwimiba yorhwebo notyalomali, kwintengiselwano kusetyenziswa iimali zamazwe ngokwawo nakwintlawulo eziwela imida, kwinkxasomali yeziseko ezingundoqo nge-New Development Bank; kwintsebenziswano kwezobuchwepheshe bedijithali, kuphuhliso oluzinzikeyo; ekomelezeni ukumelana neenguqu zemozulu; nakukhuseleko lokutya.
2.2. KuMzantsi Afrika, iziphumo zale ngqungquthela zibalulekile njengoko zixhasa iinjongo zelizwe zokukhawulezisa ushishino, ukwandisa inani lamazwe esinokurhweba nawo, ukutsala utyalomali kunye nokukhuthaza ukongezwa kwexabiso kwizimbiwa ezibalulekileyo. Ezi zinto ziphambili zinokuncedisa ekomelezeni imveliso yasekhaya, ekudaleni amathuba kumashishini nakosomashishini, ekuxhaseni ukudalwa kwamathuba emisebenzi nasekuqinisekiseni ukuba ilizwe lifumana ixabiso elingakumbi kubutyebi balo bendalo.

3. Uqoqosho  
3.1.     Abavelisi beetsheri baseMzantsi Afrika baza kuthengisa imveliso yabo eChina.
3.1.1. IKhabhinethi iyakuvuyela ukuba abavelisi beetsheri baseMzantsi Afrika baza kukwazi ukuthengisa imveliso yabo eChina okokuqala ngqa, kulandela ukutyikitywa kwesivumekwano sokurhwebelana phakathi koMzantsi Afrika neChina ngomhla wesi-8 kweyoMsintsi 2026. Esi sivumelwano  sityikitywe nguMphathiswa wezoLimo, uMnu Willie Aucamp, kunye nommeli weGeneral Administration of Customs waseChina , ngethuba leNtlanganiso ye-si9 yabaPhathiswa bezoCoceko neMiba yePhytosanitary eyayibanjelwe eBeijin
3.1.2. Esi sivumelwano sivulela abavelisi baseMzantsi Afrika amathuba okuthengisa kwelinye lamazwe elisebenzisa itsheri kakhulu ehlabathini. Ngowama-2025, iChina yathenga kumazwe angaphandle iitoni ezimalunga nama-586 900 zeetsheri ezixabisa iibhiliyoni eziyi-3,3 zeedola zase-US (malunga neebhiliyoni ezingama-52,8 zeerandi). Ukuvulelwa kweenkampani zeli ukuba zithengisele i-China kulindeleke ukuba kukhuthaze utyalomali kwimveliso yeetsheri kuze kudalwe imisebenzi emitsha emalunga nama-600 
3.1.3. Olu phuhliso luyinxalenye yamalinge abanzi okwandisa urhwebo lwemveliso yezolimo yoMzantsi Afrika kumazwe angaphandle nokwahlulahlula iimarike zamazwe ngamazwe. Lukwangqamana nokuphunyezwa kwenkqubo yaseChina yokungahlawuliswa kweerhafu kwiimveliso zaseMzantsi Afrika ezifanelekileyo, eyaqala ukusebenza ngomhla woku-1 kuCanzibe 2026. 

4. Amalungiselelo oNyulo looRhulumente beeNgingqi lowama-2026 
4.1. IKhabhinethi ibongoza bonke abavoti abafanelekileyo abalahlekelwe zizazisi zabo okanye ezonakeleyo ukuba bazitshintshe ngokukhawuleza kangangoko phambi koNyulo looRhulumente beeNgingqi oluza kubanjwa ngomhla wesi-4 kweyeNkanga 2026. Abemi bangatyelela i-ofisi yeSebe leMicimbi yezeKhaya okanye nayiphi na kwiibhanki ezingaphezu kwama-450 ezithatha inxaxheba ukuze bafake izicelo zezazisi.  
4.2. Izicelo zeevoti ezizodwa zolu nyulo zivuliwe yaye ziza kuvalwa ngomhla we-12 kweyeDwarha 2026 ngentsimbi yesihlanu malanga. Ivoti eyodwa ivumela abavoti abafanelekileyo nababhalisiweyo abangakwaziyo ukuvota kwizikhululo zabo zokuvota ngosuku lonyulo ukuba bavote kwangaphambili. Iivoti ezizodwa zivulelekile kubavoti abaphila nokhubazeko, amanina akhulelweyo, abantu abadala kunye nabantu abanezibophelelo ezinxulumene nomsebenzi. 
4.3. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi ulutsha nabo baza kuvota okokuqala, ukuba basebenzise ilungelo labo lokuvota. Yonke ivoti ibalulekile yaye inceda ekugcineni idemokhrasi yethu yomelele. 
4.4. IKhabhinethi ibongoza amaqela ezopolitiko nabagqatswa abazimeleyo abathatha inxaxheba kunyulo oluzayo ukuba basoloko bethobela uMgaqo wokuZiphatha woNyulo yaye babonakalise ukunyamezelana kwezopolitiko. 

5. Amalungiselelo okugqibela eemviwo zesiQinisekiso seMatriki sikaZwelonke sowama-2026 
5.1. IKhabhinethi inqwenelela bonke abafundi okuhle njengoko belungiselela iimviwo zesiQinisekiso seMatriki sikaZwelonke sowama-2026, eziqala ngomhla we-13 kweyeDwarha 2026. Kweli nqanaba lokugqibela, izikolo zijolise ekuqhubeni uhlaziyo lwezifundo olucwangciswe kakuhle nasekuboneleleni ngenkxaso eyongezelelweyo kwezemfundo ukuqinisekisa ukuba abafundi balungiselele ngokwaneleyo. 
5.2. IKhabhinethi ibongoza abazali nabagcini babantwana ukuba babeke esweni inkqubela yabafundi abaphantsi kwenkathalo yabo, kwaye benze imeko-bume ebaxhasayo nenika abafundi ithuba lokugxila kwizifundo zabo. Abafundi bayacelwa ukuba bazenzele isicwangciso sokufunda esinokulandelwa ngokwenyani, kwaye bafune isikhokelo kootitshala okanye koontanga babo xa bengaqinisekanga ngomsebenzi wabo wesikolo. Ukuba wena okanye umfundi ofunda iMatric ophantsi kwenkathalo yakho uziva esonganyelwe luxinzelelo, uncedo lobuchwephesha lwasimahla luyafumaneka iiyure ezingama-24 ngosuku kwiSouth African Depression and Anxiety Group kule nombolo: 0800 12 13 14.

6. Ukulungela nokusabela kwiimeko zemozulu embi
6.1. Urhulumente uyaqhubeka nokubeka esweni iimeko zemozulu embi kwiindawo ezahlukeneyo kwilizwe liphela. Utshintsho lwemozulu lunegalelo ekwandeni kwamaxesha okwenzeka kweziganeko zemozulu embi, kwakunye nokwanda kobuzaza bazo. Abasemagunyeni bamaphondo naboomasipala mabahlale bephaphile kwaye bekulungele ukuthatha amanyathelo, baqinise amanyathelo okulungela ezi meko, kwaye baqinisekise ukuba izicwangciso zokusabela kwiimeko zonxunguphalo ziyasebenza apho kukho imfuneko.
6.2. Abahlali bayakhuthazwa ukuba balandele izilumkiso ezikhutshwa yiNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika, kwaye balandele izikhokelo ezinikwa ngabasemagunyeni bolawulo lweentlekele, ngakumbi kwiindawo ezisemngciphekweni wezikhukula, imimoya enamandla, isichotho kunye nezinye iimeko ezinobungozi.

B.     Izigqibo ZeKhabhinethi 
1.    Iphepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo eliHlaziyiweyo lokuGqibela elimalunga noRhulumente weNgingqi, lowama-2026
1.1.    IKhabhinethi yamkele iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo eliHlaziyiweyo lokuGqibela elimalunga noRhulumente weNgingqi, lowama-2026, njengesikhokelo sokuguqulwa nokuhlaziywa ngokutsha kwenkqubo karhulumente weengingqi. Uphononongo leli Phepha liCacisa uMgaqo-nkqubo lwenziwe ngenxa yemingeni eqhubekayo ejongene noomasipala, equka imiba yolawulo, yeziko, yezemali kunye nokubonelelwa kweenkonzo.
1.2.    Eli Phepha liCacisa uMgaqo-nkqubo liphendula ngokomeleza ukuphunyezwa, ukuphendula,  ukuhambelana kwamaqumrhu, kunye nozinzo lwezemali. 
1.3   IKhabhinethi ikuqinisekise ngakumbi ukusekwa kweQumrhu loLawulo lweNguqulelo eliza kusebenza ngexesha elimiselweyo, kwakunye nenkqubo elungelelanisiweyo, ephunyezwa ngokwezigaba, zikarhulumente wonke, eya kukhokelwa ngokudibeneyo liSebe loLawulo leNtsebenziswano, iOfisi kaMongameli kunye noNondyebo weSizwe, ngenjongo yokuqhuba ukuphunyezwa kweenguqu. 

2.    Ukwahlulwa kweTransnet National Ports Authority (iTNPA) kunye nohlaziyo olubanzi kwicandelo lezothutho nolungiselelo lokuthuthwa nokuhanjiswa kwempahla
2.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo ehlaziyiweyo malunga nokuphunyezwa kweenguqu kwezothutho nakulungiselelo lokuthuthwa nokuhanjiswa kwempahla, ejolise ekuphuculeni ukusebenza ngokukuko, ukuthembeka kweziseko ezingundoqo, kunye nokhuphiswano lwenkqubo yoMzantsi Afrika yokuthuthwa nokuhanjiswa kwempahla.
2.2.    IKhabhinethi ixhase ukwahlulwa kweTransnet National Ports Authority (iTNPA) ukuze isebenze njengequmrhu elizimeleyo, eliphethwe ngokuthe ngqo nguRhulumente
2.3.    IKhabhinethi ivumile ukuba i-TNPA yenze uphando lokukhangela ukuba ingayimpumelelo na into yokufuna inkampani enokuthenga izabelo ezingesosinizi, eza kuvela kwelinye lamaZiko ezeMali oPhuhliso (ii-DFI) elizweni.
2.4.    Imigaqo eya kuthi isetyenziswe xa kuza kutyikitywa isivumelwano esifana nesi iza kuquka intlawulo eyanelisayo eza kungena ku-Transnet emva kokuba i-TNPA ivavanywe yingcali ezimeleyo ukuqikelela ixabiso elifanelekileyo; ukuqinisekisa uzinzo lwezemali lwexesha elide; ukwabiwa ngokulinganayo kwamatyala phakathi kweTransnet Group ne-TNPA; ukukhuselwa kwabasebenzi nabathengi; ukugcina ubunini nolawulo lobuchule bukaRhulumente kwiziseko ezingundoqo zamazibuko esizwe; kwakunye nokuphucula amandla otyalomali nophuhliso lweziseko ezingundoqo.

3.    Ukwamkelwa ngokusesikweni kwesiVumelwano sokuThintelwa kweZenzo eziNgekho semthethweni eziNxulumene nezoPhapho lwaBantu lwaMazwe ngaMazwe kunye nesiVumelwano  esoNgezelelweyo kwsiVumelwano sokuThintelwa kokuThathwa ngokuNgekho semthethweni kweeNqwelomoya.
3.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa kwesiVumelwano sokuThintelwa kweZenzo eziNgekho semthethweni eziNxulumene nezoPhapho lwaBantu lwaMazwe ngaMazwe kunye nesiVumelwano esoNgezelelweyo kwisiVumelwano sokuThintelwa  kokuThathwa ngokuNgekho semthethweni kweeNqwelomoya kusiwe ePalamente, ngenjongo yokuba ziqinisekiswe.
3.2.    Esi siVumelwano siphucula imithetho yehlabathi  yokulwa izinto ezintsha eziyingozi  kwezophapho lwabantu, kwanokuqinisa ukhuseleko lwezophapho kwihlabathi jikelele.
3.3.    Esi siVumelwano senza kungabikho mthethweni ukusetyenziswa kweenqwelomoya zabantu ukubulala abantu, ukwenzakalisa umzimba ngokumasikizi okanye umonakalo omkhulu; ukusetyenziswa kweenqwelomoya njengezixhobo; ukukhutshwa kwezinto zebhayoloji, iikhemikhali okanye zenyukliya ezivela kwiinqwelomoya okanye ezijoliswe kwiinqwelomoya; kwakunye nohlaselo lwe-intanethi olujoliswe kwizibonelelo zolawulo lokuhamba kweenqwelomoya.

4.    UMgaqo-nkqubo weSizwe sokuGcinwa nokuKhunjulwa kweLifa leMveli
4.1.    IKhabhinethi iwamkele uMgaqo-nkqubo weSizwe wokuGcinwa nokuKhunjulwa kweLifa leMveli, ngenjongo yokubonelela ngenkqubo-sikhokelo elungelelanisiweyo yokucwangciswa, yolawulo nasekuphunyezweni kweeprojekthi zokugcinwa nokukhunjulwa kwelifa leMveli kuwo onke amanqanaba karhulumente.
4.2.    Lo mgaqo-nkqubo ukhuthaza iindlela ezizinzileyo nezingabizi kakhulu zokugcinwa nokukhunjulwa kwelifa leMveli, ngeli lixa usomeleza umanyano loluntu, ukwakhiwa kwesizwe, uxolelwaniso kunye nokwakhiwa kwesazisi sesizwe ekwabelwana ngaso.
4.3.    Iza kuphula kwakhona ulungelelwaniso, ukuphendula, kunye nozinzo lwexesha elide lweeprojekthi zelifa lemveli ezijolise ekugcineni nasekukhuliseni ilifa lelizwe.

5.    UMzantsi Afrika uza kuba ngusihlalo we-Dialogue Forum ye-India, Brazil, noMzantsi Afrika (i-IBSA) ukususela kowama-2026 ukuya kowama-2027
5.1.    IKhabhinethi yamkele izinto eziphambili kunye neziphumo eza kufezekiswa ngexesha lesikhundla sobuSihlalo boMzantsi Afrika be-Dialogue Forum ye-India, iBrazil kunye noMzantsi Afrika (i-IBSA) ukususela kowama-2026 ukuya kowama-2027 phantsi komxholo othi: "Uxolo, iMpumelelo noPhuhliso".
5.2.    Isikhundla sobuSihlalo soMzantsi Afrika siza kugxininisa ekomelezeni intsebenziswano phakathi kwamazwe asemazantsi wehlabathi, ukuphucula urhwebo, utyalomali kunye nentsebenziswano kwezemveliso ngelixa siqhubela phambili uphuhliso oluzinzileyo kuquka kwicandelo lamandla, ukusungula izinto ezintsha kunye nobuchwepheshe, ngelixa komelezwa ubudlelwane phakathi kwabantu ngemidlalo nenkcubeko.

6.    Ingxelo yeLizwe eya kwiKomiti yase-Afrika yeeNgcali eziJongene namaLungelo neNtlalontle yoMntwana (i-ACERWC) 
6.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa kwengxelo yeRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika kwiKomiti yeeNgcali zase-Afrika malunga namaLungelo neNtlalontle yoMntwana (i-ACERWC). 
6.2.    UMzantsi Afrika wangenisa ingxelo yawo yesibini yamaxesha athile ngoCanzibe 2023, kwaye ingxelo elandelayo kulindeleke ukuba ingeniswe ekupheleni kweyoMsintsi 2026. Le ngxelo ichaza amanyathelo athatyathiweyo malunga nomthetho, amaziko kunye nemigaqo-nkqubo ngenjongo yokukhusela nokukhuthaza amalungelo abantwana, kunye namanyathelo aphunyeziweyo ukujongana nezimvo neengcebiso zokugqibela ezenziwe yikomiti kwingxelo yowama-2023.

C.      EZA KUTSHA NJE EZIYA KWIKHABHINETHI  
1. Ingxelo yoHlalutyo lweziCwangciso zoPhuhliso oluDibeneyo kunye neModeli yoPhuhliso yeSithili soCwangciso lokuQala esivela kwiSini, uLutsha kunye nokuPhila noKhubazeko  
1.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo yohlalutyo malunga neziCwangciso zoPhuhliso eziDityanisiweyo kunye nesiCwangciso esiNye seModeli yoPhuhliso lweSithili (i-DDM), ngokwembono yamalungelo eSini, uLutsha kunye naBantu abaPhila noKhubazeko.
1.2. Uhlalutyo lwesiCwangciso esiNye se-DDM lubonisa ukuba ucwangciso lweziseko ezingundoqo kuzo zonke izithili aluziqwalaseli ngokwaneleyo izinto eziphambili zabasetyhini, ulutsha kunye nabantu abaphila nokhubazeko, ingakumbi xa kujongwa impembelelo yazo.
1.3. Uhlalutyo lukwabonisa ukuba amanyathelo ajolise ekuthinteleni i-GBV kunye nokuxhatshazwa ngokwesondo asanqongophele kwaye awalingani phakathi koomasipala.
1.4. IKhabhinethi ixhase ukuphunyezwa kweengcebiso ezivunyiweyo ngamasebe afanelekileyo kazwelonke nawephondo kunye nokubeka iliso okuqhubekayo kwinkqubela phambili liSebe labaseTyhini, uLutsha kunye naBantu abaPhila noKhubazeko.

2.    Umonakalo owenziwa yi-El Niño kumthamo wamanzi okhoyo
2.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo malunga nefuthe elinokubakho le-El Niño elindeleke ngowama-2026/27 kumthmo wamanzi okhoyo, kwakunye namanyathelo aphunyezwayo okunciphisa nokulawula imingcipheko enxulumene nayo.
2.2.    IKhabhinethi iqwalasele ukuba iimeko ze-El Niño ezilindelekileyo azisayi kwandisa kuphela umngcipheko wokufumaneka kwemithombo yamanzi, kodwa ziya kuba nefuthe elibi nakwicandelo lezolimo nakumthamo wokutya okhoyo, kuquka nakwamanye amacandelo ezoqoqosho axhomekeke kakhulu emanzini, nto leyo enokuchaphazela iindleko zokuphila esele ziphezulu, kwakunye nempilo yabemi boMzantsi Afrika.
2.3.    Urhulumente uqinisa amanyathelo okumelana nembalela kunye namanye okomeleza ukomelela koluntu ukuze anciphise ifuthe elibi elinokubangelwa yile meko elizweni. Iqela leengcali ezivela kumasebe ahlukeneyo sele lisebenza kwindlela edibeneyo nelungelelanisiweyo yokujongana nale meko.
2.4.    IKhabhinethi ibongoze bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise amanzi ngenkathalo kwaye baxhase iinzame zokulondoloza amanzi ukuze kuncitshiswe uxinzelelo kwiinkqubo zonikezelo lwamanzi ngexesha lasehlotyeni. 

D.     Imithetho Eyilwayo 
1.    UMthetho oYilwayo woLawulo lweCandelo lwezasemaJukujukwini laseMzantsi Afrika, wowama-2026
1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa koMthetho oYilwayo woLawulo lweCandelo lwezasemaJukujikwini wama-2026 ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukurhoxisa uMthetho weMicimbi yezasemaJukujukwini wowe-1993, osele uphelelwe lixesha kunye nokuseka inkqubo-sikhokelo yolawulo yale mihla eza kulawula icandelo lezoshishino lwasemajukujukwini eMzantsi Afrika. Lo Mthetho uYilwayo uza kulungelelanisa inkqubo-sikhokelo yolawulo lwasemajukujukwini yaseMzantsi Afrika kunye nemigangatho nezibophelelo zamazwe ngamazwe eziguqukayo. Uza kuxhasa ukuzimela koMzantsi Afrika kwamanye amazwe kunye nabasebenzi bawo ngokufumana idatha yasemajukujukwini efunekayo ekwenzeni izigqibo ezikhawulezileyo zomgaqo-nkqubo wokungenelela kurhulumente, ngelixa uqinisa ukuthembeka kwelizwe njengomsebenzisi onoxanduva lwamajukujuku angaphandle. Ukwajongana nezithuba ezikhoyo ekubandakanyweni kwezibophelelo eziphuma kwizivumelwano zamazwe ngamazwe eziphathelele kumthetho wasekhaya.
1.2.    Umthetho ocetywayo uza kulawula imisebenzi yorhwebo esakhulayo enxulumene necandelo lasemajukujukwini; uqinise ulongamelo kuloo mmandla; ubonelele ngemimiselo enxulumene noxanduva kunye ne-inshorensi; uze uqinisekise ukuthotyelwa kwezivumelwano zehlabathi ezityikitywe nguMzantsi Afrika. Kwakhona uza ukudala imeko efanelekileyo yotyalomali, ukusungula izinto ezintsha, uphando kunye nophuhliso lwezakhono; ngelixa uxhasa ukukhula kwezakhono zasekhaya kwicandelo lasemajukujukwini kunye namathuba orhwebo.

2.    UMthetho oYilwayo weMbuyekezo yeZifo eziFunyenwe eMsebenzini  eMigodini eLawulwayo nakwiMisebenzi eLawulwayo, wowama-2025 
2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa koMthetho oYilwayo weMbuyekezo yeZifo eziFunyenwe eMsebenzini eMigodini eLawulwayo nakwiMisebenzi eLawulwayo, wowama-2025, ukuze uluntu luhlomle kuwo.
2.2.    Lo Mthetho oYilwayo ufuna ukurhoxisa uMthetho weZifo eziFunyenweeMsebenzini eseMigodini naseMisebenzini wowe-1973, osele uphelelwe lixesha, uze useke inkqubo yale mihla, esebenza ngokukuko nefikeleleka lula, yokulawulwa kwembuyekezo yezifo ezinxulumene nomsebenzi kwicandelo lezemigodi.
2.3.    Lo mthetho ucetywayo uza komeleza iinkqubo zokuchongwa, zokulandelelwa, zovavanyo lwezonyango kunye nezembuyekezo kubasebenzi basemigodini abasebenzayo nababesakuba ngabasebenzi basemigodini abaye bafunyaniswa benezifo ezinxulumene nomsebenzi ezivumela ukufumana imbuyekezo, ngeli lixa uphucula ukufikelela kwizibonelelo nakwiinkonzo ezinxulumene noko kubasebenzi abachaphazelekayo nakubantu abaxhomekeke kubo.
2.4    Lo Mthetho uYilwayo ukwanika nengcaciso ngokusekwa kweQumrhu eliLawula iMbuyekezo yeMigodi neMisebenzi eliphantsi kolawulo lukarhulumente, eliza kuba noxanduva lokulawula amabango, iintlawulo zembuyekezo kunye neenkonzo zenkxaso ezinxulumene noko, ngaloo ndlela liphucula uxanduva kunye nokunikezelwa kweenkonzo kwinkqubo yembuyekezo. 

E.     Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1.    UMnu Zane-Udien Dangor njengoMlawuli-Jikelele weSebe loBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano (ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho).
2.    UGr Sean Douglas Phillips njengoMlawuli-Jikelele weSebe lezaManzi noGutyulo lweLindle (ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho).
3.    UMnu Milingoni Fhulufhelo Lloyd Nedohe njengoMlawuli-Jikelele weZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS). 
4.    UNks Avril Halstead njengoSekela-Mlawuli-Jikelele: uLawulo lwee-Asethi namaTyala kuNondyebo weSizwe 
5.    UNks Thandazile Francisca Mnguni njengoSekela-Mlawuli-Jikelele: iNkqubo yeMisebenzi yoLuntu kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano
6.    UNks Sibongile Mpofu njengoSekela-Mlawuli-Jikelele: iiNkonzo zeZiko kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano
7.    UGqr Nontsikelelo Ingrid Manzini-Matebula njengoSekela-Mlawuli-Jikelele: uKubeka iLiso, uVavanyo, uPhando noLungelelaniso kwiSebe laBasetyhini, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo
8.    UNks Tirhane Alinah Fosi njengeGosa eliyiNtloko eliLawulayo le-Government Printing Works 
9.    UMnu Johannes Makgokolla Moholola njengeGosa eliyiNtloko eliLawulayo leeNkonzo zoLawulo lweZithuthi zoMoya noKuhamba ngeeNqwelomoya
10.    UMnu Siphamandla Mthethwa njengeGosa eliyiNtloko eliLawulayo leNkampani yeeNqwelomoya yoMzantsi Afrika (i-ACSA)
11.    UMnu Waseem Carrim njengeGosa eliyiNtloko eliLawulayo leNgxowamali yeeNgozi zeNdlela 
12.    UMnu Alford Sifiso Nsibande njengeGosa eliyiNtloko eliLawulayo leTrasti yoPhuhliso eziMeleyo 
13.    Ukuqeshwa kwakhona kukaSihlalo weBhodi yase-Eskom:  
UGqr Mteto Nyati.

14. Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi ye-Council for Geoscience
a.    UMnu Kelepile Dintwe (ukuqeshwa kwakhona nokuba nguSihlalo); 
b.    UGqr Mayshree Singh (ukuqeshwa kwakhona); 
c.    UGqr Siyanda Mngadi (ukuqeshwa kwakhona); 
d.    UNks Thobeka Njozela (ukuqeshwa kwakhona); 
e.    UGqr Mdu Zakwe; 
f.    UMnu Lindelani Mudau (ummeli weSebe leMithombo yeziMbiwa nePetroliyam);  
g.    UGqr Patience Gwaze (ummeli weSebe lamaHlathi, ukuLoba nokusiNgqongileyo);  
h.    UNks Millicent Solomons; kunye  
i.    NoMnu Musa Mabuza (iLungu langaphambili).  

15. Ukuqeshwa kweBhodi ye-African Exploration Mining Finance Corporation 
a.    UMnu Bernad Swanepoel (ukuqeshwa kwakhona nokuba nguSihlalo); 
b.    UMnu Mzwandile Masondo (ukuqeshwa kwakhona); 
c.    UNks Pamella Mhlarhi; 
d.    UMnu Samuel Molefi; 
e.    UGqr Ntombifuthi Nxumalo; 
f.    UMnu Bonga Makhanya; 
g.    Ummeli Vhongani Masondo; kunye 
h.    NoMnu Masibulele Phesa.  

16. Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi yeBhanki yoPhuhliso yeAfrika eseMazantsi 
a.    UMnu Bongani Nqwabana (ukuqeshwa kwakhona); 
b.    UGqr Petrus Matji (ukuqeshwa kwakhona); 
c.    UNks Disebo Moephuli (ukuqeshwa kwakhona); 
d.    Umnu Joel Netshitenzhe (ukuqeshwa kwakhona); 
e.    UGqr Chantal Naidoo (ukuqeshwa kwakhona); 
f.    UNjing Edgar Pieterse (ukuqeshwa kwakhona);  
g.    UMnu Jonathan Muthige (ukuqeshwa kwakhona); 
h.    UMnu Barry Hore (ukuqeshwa kwakhona);  kunye 
i.    NoNks Mametja Moshe. 

17. Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi yeSizwe yoNgcakazo
a.    UGqr Makgathatso Charlotte Chana Pilane-Majake (uSihlalo);  
b.    UMnu Kganki Matabane (uSekela-Sihlalo); 
c.    UNks Chuma Fani; 
d.    UNks Zoleka Gloria Bula; 
e.    UNks Silochini Pillay; 
f.    UMnu Milton Ntwana (ummeli waMapolisa); 
g.    UNks Niklasina Maria Kruger (ummeli weSebe loRhwebo, uShishino noKhuphiswano); 
h.    UMnu Khayalethu Ntimbela (ummeli woNondyebo weSizwe); kunye 
i.    NoNks Sizakele Magangoe (ummeli weSebe loPhuhliso loLuntu).  

18. Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi Industrial Development Corporation.  
a.    UMnu Mabotha Authur Moloto; 
b.    UNks Dinao Modirwadi Lerutla; 
c.    UNks Victoria Ngwenya; 
d.    UMmeli Fana Joe Nalane; 
e.    UGqr Boitshoko Ntshabele;  
f.    UMnu Kgathatso Tlhakudi;  
g.    UMnu William Solomon Steenkamp; kunye
h.    NoMmeli Thandi Orleyn (ukuqeshwa kwakhona). 

19. Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi yeRand Water  
a.    UMnu Gcinumzi Qotywa (uSihlalo); 
b.    UNks Phindile Mbanjwa (uSekela-Sihlalo);  
c.    UNks Ayanda Noah; 
d.    UMnu Luvuyo Ntoyi; 
e.    UNks Lethabo Mashamaite; 
f.     UMnu Oliver Josie; 
g.    UGqr Mosidi Makgae; 
h.    UGqr Rethabile Melamu; 
i.     UNks Ayanda Mafuleka; kunye  
j.     NoNks Moleboge Bothlale Lekwane.  

20. Ukuqeshwa kwamalungu  eBhunga leBhodi yeFilm and Publication
a.    UNjing. Siyasanga Tyali (uSihlalo); 
b.    UNks Lungelo Dhladhla Nxele (uSekela Sihlalo); 
c.    UMmeli Lindelwa Ndziba; 
d.    UNks Ditaba Lucy Maraka;  
e.    UNks Zandile Gail Mpungose; 
f.     UGqr Phosa Jan Mashangoane; 
g.    UNks Miriann Maartens; 
h.    UGqr Seithati Maria Motebang; kunye
i.     NoNks Melanie Roy  

21. Ukuqeshwa kwamalungu eQumrhu leeNgcebiso kwiSebe loPhuhliso 
lwamaShishini amaNcinci
a.    UNjing Vusi Gumede; 
b.    UGqr Jabulile Msimango-Galawe; 
c.    UGqr Nomfundo Mcoyi-Zondo; 
d.    UNks Juliet Miyabo; 
e.    UMnu Sifiso Skenjana; 
f.     UMnu Jacob Gcwili; 
g.    UMnu John Jeffrey; 
h.    UKumkanikazi oHloniphekileyo uGqr Kgosi Gaboilelwe;  
i.     UMnu Siyabulela Xuza; kunye  
j.     NoMnu Anthony Frank Julies   

22. Ukuqeshwa kwamalungu angegawo awesigqeba kwiBhodi yabaLawuli be-Public Investment Corporation (iPIC) 
a.    UGqr Mugwena John Maluleke; 
b.    UNks Lindiwe Martha Motshwane; 
c.    UMnu Reuben Mpono Maleka; kunye 
d.    NoNks Bulelwa Mabasa.  

F.     Imisitho Neenkomfa  
1. INyanga yezoThutho 
1.1. UMzantsi Afrika uza kuqaphela iNyanga yezoThutho kuyo yonke inyanga yeDwarha. Le nyanga ijolise ekuqhubeleni phambili amanyathelo okhuseleko ezindleleni nasekugxininiseni iinzuzo kwezoqoqosho nakwezentlalo eziziswa yinkqubo yezothutho esebenza ngokufanelekileyo. Ikwabonelela ngethuba lokwazisa uluntu ngenkqubela phambili eyenziwayo ekwakheni ngokutsha iziseko zothutho zelizwe.

2. INyanga yoKhuseleko lwe-Intanethi 
2.1. UMzantsi Afrika uza kuqaphela iNyanga yokuFundisa ngoKhuseleko lwe-Intanethi kweyeDwarha, ngenjongo yokwandisa ulwazi nokukhuthaza ukhuseleko kunye nokomelela kwidijithali. Amalungu oluntu ayakhuthazwa ukuba ahlale ephaphile, asebenzise iindlela zokuziphatha ezinenkathalo kwi-intanethi, aze aqinise ulwazi nezakhono zawo zedijithali ukuze azikhusele, akhusele iinkcukacha zawo zobuqu kunye nezixhobo zawo kwizisongelo zeintanethi.

3. INtlanganiso ye136 yaMalungu e-Open Geospatial Consortium 
3.1. UMzantsi Afrika uza kubamba iNtlanganiso ye-136 yaMalungu e-Open Geospatial Consortium (i-OGC) eKapa ukususela kumhla we-12 ukuya kowe-15 kweyeDwarha 2026, nto leyo eya kuba sisihlandlo sokuqala ukuba lo msitho uphambili wehlabathi ojongene nobuchwepheshe beenkcukacha zendawo ubanjelwe e-Afrika.
3.2.   I-OGC iza kuzinyaswaI zinkokheli zikaRhulumente, ii-arhente zemephu, abaphandi, iinkampani zobuchwepheshe, iingcali zemigangatho, abaphuhlisi kunye nabaqulunqi bezinto ezintsha abavela kulo lonke elase-Afrika nakwihlabathi jikelele, ukuze basebenzisane ekuphuhliseni ikamva lobuchwepheshe beenkcukacha zendawo kunye nokusebenzisana ngokuhambelana phakathi kweenkqubo.
3.3.   Ukusingathwa kwalo msitho kuya komeleza isikhundla soMzantsi Afrika njengenkokheli kulawulo lweenkcukacha zendawo, kukhuthaze ukwamkelwa kwemigangatho yamazwe ngamazwe, kwaye kuqinise intsebenziswano phakathi kwamazwe ase-Afrika kunye noluntu lwehlabathi olusebenza kwicandelo leenkcukacha zendawo.

4. INkongolo yeZizwe eziManyeneyo yoThintelo loLwaphulo-mthetho noBulungisa boLwaphulo-mthetho (iNkongolo yoLwaphulomthetho) ye-15
4.1. UMzantsi Afrika uthatha inxaxheba kwiNkongolo ye-15 yeZizwe eziManyeneyo yoThintelo loLwaphulomthetho noBulungisa boLwaphulomthetho, eqhutyelwa kwi-United Arab Emirates ukususela kumhla wama-26 kweyoMsintsi ukuya kowoku-1 kweyeDwarha 2026.
4.2. Le Nkongolo iza kuqwalasela iimpendulo zehlabathi kwimingeni yolwaphulo-mthetho oluqhubekayo, kuquka leyo ibangelwa luphuhliso lobuchwepheshe, ngeli lixa ikhuthaza intsebenziswano yamazwe ngamazwe nokuqiniswa kweenkqubo zobulungisa boLwaphulomthetho.
4.3. Le nkongolo iliqonga elibalulekileyo kuMzantsi Afrika lokuba abe negalelo kuphuhliso lomthetho nomgaqo-nkqubo wamazwe ngamazwe, aze axhamle kulo, abelane ngamava esizwe kunye nezona ndlela zilungileyo zokusebenza, kwaye aqhubele phambili ulawulo lomthetho kunye nophuhliso oluzinzileyo.

4.4. INgqungquthela ye-African Green Hydrogen Summit yowama-2026   
IKhabhinethi yamkele ngovuyo impumelelo yeNgqungquthela ye-African Green Hydrogen yowama-2026, ebibanjelwe eKapa ukususela kumhla we-15 ukuya kowe-16 kweyoMsintsi 2026, phantsi komxholo othi: “Ukususa iCandelo le-African Green Hydrogen kwi-PowerPoint ukuya kwiiGigawatt.” Le ndibano iqwalasele inkqubela phambili ekuphunyezweni kweeprojekthi, kwinkxasomali, kwiziseko ezingundoqo nakuphuhliso lwemizi-mveliso eMzantsi Afrika nakwilizwekazi liphela. EMzantsi Afrika, olu phuhliso luyinxalenye yesiCwangciso esiDityanisiweyo seZibonelelo (i-Integrated Resource Plan), esi sisicwangciso esiphambili esikhokela utyalomali kunikezelo lombane, ngenjongo yokufikelela kumxube wamandla alungeleleneyo nonekhabhoni ephantsi. Le ndibano ikwabonelele ngohlaziyo malunga neqela lokuqala leeprojekthi zegreen hydrogen.
Ezi ziquka iProjekthi ye-Phelan Green Group ye-Electro-Sustainable Aviation Fuel eSaldanha Bay. I-Phelan izibophelele ekutyaleni imali engange-US$100 yezigidi, kwaye ulwakhiwo kulindeleke ukuba luqale kwikota yokuqala yowama-2027. Ezinye iiprojekthi ezikwinqanaba lokuqala ziquka iProjekthi yeCoega Green Ammonia eMpuma Koloni, egqibe umsebenzi wokuqala wokulungiselela; iProjekthi yeSaldanha Hydrogen Direct Reduced Iron kuNxweme oluseNtshona, ekwinqanaba lokuhlola ukuba kunokwenzeka na; iPrieska Power Reserve eMntla Koloni, eyiprojekthi ye-green ammonia kwinqanaba lophuhliso; iGreen e-Fuels Producers Green Methanol Corridor, ejolise kwimfuno yase-Europe kwaye ekwinqanaba lophando lokuba nokwenzeka kweprojekthi kwangaphambili; kunye neProjekthi ye-Green Hydrogen Solutions, ejolise ikakhulu eMzantsi Afrika kwaye egqibe uyilo lobunjineli olwenziwa kwinqanaba lokuqala. 


G.     Iziganeko zokudutyulwa ezenzeka emva kweNtlanganiso yeKhabhinethi 
1.    Iziganeko zokudubula eWedela, eCarltonville West Rand, eGauteng
1.1    Urhulumente udlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho nakwizihlobo zamaxhoba ali-18 abulewe kwindawo yokusela eWedela, eCarltonville, eWest Rand, nalapho amadoda asibhozo axhobileyo angaziwayo avulele ngembumbulu kubantu ababesela apho.
1.2    Abantu abalishumi elinesixhenxe babhubhele kwindawo yexhwayelo, logama omnye umntu wasweleka kamva ngenxa yokwenzakala kwakhe. Abanye abantu abali-18 benzakala baza basiwa esibhedlele. Abahlanu kubo bakwimeko emaxongo.
1.3    Ngabantu abane kuphela kwababhubhileyo asele beboniwe baza baqinisekiswa ukuba ungabo kwaye urhulumente ubongoza abantu ukuba baqhakamshelana nezalamne zabo ezihlala kule ndawo, baze baxele nabantu abalahlekileyo emapoliseni.
1.4    Iimoto ezimbini zatshiswa kwaza kwabiwa iiselula. Amapolisa alandela abarhanelwa abasibhozo abadityaniswa nezi ziganeko zodubulo.

2. Iziganeko zokudubula eLwandle, eKapa 
2.1 Urhulumente uthumela amazwi ovelwano kwiintsapho nabahlobo bamaxhoba ali-10 abulawa eLwandle, eKapa ebusuku ngoMgqibelo, nalapho amaxhoba amahlanu asweleke ngoko nangoko, logama amanye asweleka esendleleni eya esibhedlele
Amaqela ophando aquka amacandelo ngamacandelo sele esekiwe ngenjongo yokuqinisekisa ukuba abenzi bobu bugebenga bukhohlakeleyo bayabanjwa baze bajongane nobulungisa. 

H. Imiyalezo
1.    Imiyalezo yovelwano

IKhabhinethi ivakalisa uvelwano kwizihlobo nosapho: 
•    lukaMnu Enos Mafokate, umkhweli wamahashe owaziwa kwihlabathi jikelele nowaba yintshatsheli yokuqala emnyama kwi-showjumping. Wayekwangumseki we-Soweto Equestrian Centre, isikolo sokuqeqeshela ukukhwela amahashe, futhi wawongwa nge-Lifetime Achievement Award kwiiMbasa zeMidlalo zaseMzantsi Afrika. 
•    Iintsapho zabo baphulukana nobomi babo kwingozi yendlela enguhola u-N1 eNtshona Koloni, apho kwasweleka abantu abangama-21; kunye nengozi yongquzulwano eyenzeke kwindlela erhafelwayo u-N17 eMpumalanga, apho kwasweleka khona abantu abasibhozo.
•    lukaMnu Owen Ndlovu, owayengumsasazi wezemidlalo kwi-SABC nowayelwela uphuhliso lomculo, owayezinikele kushishino lwezobugcisa, losasazo nezemidlalo, ekwalwela namalungelo amagcisa.
•    lomqhubi wemidyarho yeemoto, uMnu Robert Wolk, ongomnye wabakhuphisana abaphumelele kakhulu kwimidlalo yeemoto eMzantsi Afrika, onamava omsebenzi athatha phantse amashumi amathathu eminyaka. Wayeyintshatsheli yaseMzantsi Afrika kwi-Formula Volkswagen ngowama-2013, intshatsheli kwi-Formula 1600 ngowama-2015, waba yintshatsheli ye-SA GTC iminyaka emibini ilandelelana ngowama-2021 nangowama-2022, waza waba yintshatsheli yeSA Touring Cars ngowama-2024.

2.     Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana:
•    kwiqela lamaSpringbok ngokuphumelela uthotho lwemidlalo iRugby’s Greatest Rivalry apho ibiqubisene ne-All Blacks, kunye noSiya Kolisi ngokuba ngukapteni ophumeleleyo kakhulu wamaSpringbok, enerekhodi yokuphumelela imidlalo engama-56.
•    kwiMamelodi Sundowns ngokuphumelela i-FIFA African Asian Pacific Cup emva kokoyisa iintshatsheli zase-Asia, iAl-Ahli, ngamanqaku amabini kwelinye (2–1).
•    kuMnu Bayanda Walaza ngokuphumelela ugqatso lwe-100m lwamadoda kwi-Rovereto International Meeting, apho wamisela irekhodi elitsha lalo mbaleko ngexesha lemizuzwana eli-9.91. Ukwaphumelele ugqatso lwe-100m kwi-Serbia Athletics Meeting eSmederevo, eSerbia.
•    kuMnu Sinesipho Dambile ngokugqiba kwindawo yesibini kumbaleko wamanqam we-200m yamadoda kwi-Diamond League Finals eBrussels.
•    kuMnu Xola Magwaza ngokuba ngumntu wokuqala waseMzantsi Afrika ukuphumelela iwonga le-Natural Universe Open kwi-International Natural Bodybuilding Association/Professional Natural Bodybuilding Association Natural Universe eSingapore.
•    Kwi-Kyalami Grand Prix Circuit ngokukhethwa kwayo ukuba isingathe ukhuphiswano olubalulekileyo lwe-Michelin 24H Series ukususela kumhla wesi-8 ukuya kowe-10 kweyoMqungu 2027, nto leyo ephawula imbali njengoko olu khuphiswano luza kubanjelwa okokuqala e-Afrika. Lo msitho uza kubandakanya ugqatso olude nolunzima lweeyure ezingama-24 kwibala lomdyarho elidumileyo lelizwe eMidrand.
•    kwiIqela lesizwe labasetyhini laseMzantsi Afrika lebhola yomnyazi, iSPAR Proteas, ngokugqiba njengabaphume kwindawo yesibini kwi-Africa Netball Cup yowama-2026 ebibanjelwe eKenya.
•    kwiqela lesizwe lamadoda laseMzantsi Afrika lebhola yomnyazi, iProtea Warriors, ngokugcina isithsaba salo selizwekazi kwi-Africa Netball Cup yowama-2026 ebibanjelwe eKenya.
•    kwiqela leProteas ngokoyisa i-Australia kumdlalo wesibini we-One Day International (iODI) eDP World Wanderers Stadium, laza laphumelela uthotho lwemidlalo emithathu emva kokukhokela ngesi-2 eqandeni (2-0).
•    kwimbethi manqindi yaseMzantsi Afrika, uMnu Ricardo Malajika, ngokuphumelela ubuNtshatsheli beHlabathi beWBC kudidi lweSuper Flyweight eTokyo, eJapan.
•    kuMzantsi Afrika ngokuphumelela imbasa yesilivere kudidi lwe-Aircraft Maintenance kuKhuphiswano lweZakhono lweHlabathi lowama-2026 eShanghai, kwi-People’s Republic of China. Ilizwe belimelwe ngabafundi abangama-29 abakhuphisana kwiindidi zezakhono ezingama-27, apho bebeyinxaleye yabanye abagqatshwa abamalunga ne-1 400 abavela kumazwe angaphezu kwama-90.
•    kwiqela lesizwe laseMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo labaneminyaka engaphantsi kwengama-20, Amajita, ngokuphumelela i-COSAFA U20 Championship, ngelixa kwangaxeshanye lizibekela indawo yokuthatha inxaxheba kwiNdebe yeZizwe zase-Afrika yabaneminyaka engaphantsi kweengama-20 ye-Confederation of African Football (iCAF).
•    kwiBafana Bafana, iqela lesizwe lebhola ekhatywayo ngokuphumelela ngamanqaku amabini kwelinye (2–1) xa bebedlala ne-Equatorial Guinea.

Ikhutshwe egameni leKhabhinethi: 
NguMphathiswa kwiOfisi kaMongameli, Ms Khumbudzo Ntshavheni 
Umhla: 29 kweyoMsintsi 2026 
Iziko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) 
Qhagamshelana no: Nksz. Nomonde Mnukwa: iBambela Mlawuli Jikelele 
Mobile: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore