INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama-23 kweyeDwarha neyangoLwesithathu, umhla wesi-6 kweyeNkanga 2024

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    EzoKhuselo noKhuseleko
1.1.    Ukugula kunye nokusweleka kwabantu okubangelwe kukutya
1.1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngokugula nokusweleka kwabantu okubangelwe kukutya kwiindawo ezahlukeneyo zeli lizwe. Le ngxaki iye yakhokelela ekubeni kusweleke abantwana baze abanye balaliswa ezibhedlele e-Gauteng, Mpumalanga, Mpuma Koloni, KwaZulu-Natal naseFreyistata.
1.1.2.    UMongameli uza kuthetha neSizwe asixelele ngamanyathelo okungenelela athatyathwe ngurhulumente ukulwa le ngxaki.
1.1.3.    Okwangoku, iSebe lezeMpilo licele iZiko leSizwe leziFo ezoSulelayo (i-NICD) ukuba lingenelele lilande ekhondweni lize liphonononge oyena nobangela wale tyhefu ifunyenwe ekutyeni lize licebise ukuba makuthathwe awaphi amanyathelo. 
1.1.4.    ISebe leNtsebenziswano ngokuBambisana kunye neMicimbi yeMveli lixhaswa liSebe lokuPhuhliswa kwamaShishini amaNcinci kunye neKomiti yabaPhathiswa ejongene noLawulo lweeNtlekeleo lipapashe kwigazethi uYilo oluSetyenziswayo lwemiThetho kaMasipala yoQoqosho lwaseziLokishini eyenzelwe ukuncedisa oomasipala ukuba basengele ethungeni elinye futhi bonke balwele ukuseka uqoqosho lwasekuhlaleni oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke ngolo hlobo kube lula ukulwa amashishini angekho mthethweni ezilokishini.
1.1.5.    IKhabhinethi ithumele amazwi ovelwano kwiintsapho, izihlobo kunye nabanye abafundi ababefunda naba bantwana bathe basutywa kukufa kwaye inqwenelela nabo baleli ngandletyana-nye ezibhedlele ukuchacha ngokukhawuleza.

1.2.    IDabi lokuLwa ulwaPhulo-mthetho

1.2.1.    IKhabhinethi ikugxibha kabukhali ukugetyenywa ngolunya kukaNkosikazi Thenjiwe Eunice Nogcinile Mtirara koMkhulu eMqhekezweni, eMpuma Koloni kwaye ithi akuhlanga lungehliyo kubantwana begazi bakwaDlomo kunye neSizwe sabaThembu siphela. Ii-arhente zogcino-mthetho ziza kubabamba abenzi bobubi.
1.2.2.    IKhabhinethi ikugxiba kabukhali nokudlwengulwa kwabafundi abahlanu nabo abathe baphangwa ngemipu kwaphaya eMqhekezweni.
1.2.3.    I-NATJOINTS iyalele ukuba siliwe esi sihelegu sifuna ukuthatha unyawo solwaphulo-mthetho oluquka ukubulawa kwabantu eMpuma Koloni nokuba zonke ezi zigula-mkhuba kunye noongqondo-ngqondo abaziphembelelayo zibanjwe.
1.2.4.    IKhabhinethi iliqhwabela izandla iphulo le-NATJOINTS (lokulwa imigodi engekho mthethweni kunye ne-operation vala-mgodi). ebelikhokelisa phambili ulwazi oluphandiweyo elikhokelele ekubanjweni kwabembi mgodi abangaphezulu kwe-1 000 kwimigodi eyavalwayo e-Orkney eMntla Ntshona ukususela ngala mpela-veki yomhla wesi-2 kweyeNkanga 2024.
1.2.5.    IKhabhinethi iyawamkela amalinge aqhubayo okukhulisa inani lamapolisa njengokuba kutyalwe amapolisa angama-2 800 aphuma ekholejini kwizikhululo zamapolisa ezahlukeneyo. Amanye amapolisa ongezelelweyo angama-2 000 aza kugqiba uqeqesho lwawo kwezobupolisa ngeyoMnga woma-2024 aza kuthi ephuma nje ekholejini abe sele etyalwa kumaphulo ogcino-mthetho eeholide zokuphela konyaka.
1.2.6.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane namapolisa kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho ngokuxela kwabasemagunyeni izenzo zolwaphulo-mthetho besebenzisa le nombolo: 0800 10111 nale ye-National Extortion Hotline ithi: 080 091 1011 ukuxela imikhuba yokuhlawulisa ngenkani abantu imali yokukhuselwa.

2.    Imiba yeHlabathi
2.1.    Sesibala iintsuku phambi kokuba uMzantsi Afrika uthathe isikhundla sokuba nguMongameli weQela laMazwe angama-20 (i-G20)
2.1.1.    Sele kumbovu ukuba uMzantsi Afrika uthathe isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 ukususela ngomhla woku-1 kweyoMnga 2024 ukuya kumhla wama-30 kweyeNkanga 2025 phantsi komxholo othi: “UBumbano, uLingwano noZinzo”.
2.1.2.    INgqungquthela yeeNkokeli iza kubanjelwa e-JohannesburgRhawutini, e-Gauteng kwaye i-IMC isebenzisana namanye amaPhondo aza kusingatha iintlanganiso zabaPhathiswa kunye nezamaQela aChophela imiCimbi ethile. Siza kuphehlela inkqubo yoMzantsi Afrika ye-G20 ngomhla woku-1 kweyoMnga 2024.
2.1.3.    UMzantsi Afrika uza kuthatha inxaxheba kule Ngqugquthela ye-G20 izayo, iza kuba ngomhla we-18 nowe-19 kweyeNkanga 2024 e-Rio de Janeiro, e-Brazil.

2.2.    INkundla yeHlabathi yezoBulungisa (i-ICJ)
2.2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa koXwebhu olunobuNgqina kwi-ICJ, olubonisa ukuba uRhulumente wase-Israel waphule isiVumelwano esiChasene nokuTshatyalaliswa kwaBantu ngokuthi iwaphule ngabom amasolotya esi siVumelwano nangokubulala abantu base-Palestine e-Gaza.
2.2.2.    Olu xwebhu lobungqina lunamaphepha angaphezulu kwe-1300 – aquka ubungqina nezihlomelo – lunobungqina obubonisa izenzo zokutshabalalisa abantu ezenziwe yi-Israel kunye nokusilela kwayo ekuthinteleni umkhuba wokuntyontyela ukutshatyalaliswa kwabantu kunye nokohlwaya abo babangela futhi nabenza izenzo zokutshabalalisa abantu.
2.2.3.    Ukungeniswa kolu xwebhu lobungqina kwenzeka ngexesha apho i-Israel ibulala abona bantu baninzi e-Gaza kwaye ifuna ukulandela kanye la ntshabalalo yase-Lebanon. Olu xwebhu lobungqina lukhumbuza amazwe ehlabathi ngenyhikityha yokubulawa kwabantu base-Palestine kunye nokuba kufuneka kubanjiswane kupheliswe le ntlungu. Ukungeniswa kolu xwebhu kwenzeka futhi kanye emva kwesigqibo seZizwe eziManyeneyo sokugxibha amanyathelo karhulumente wase-Israel okungcungcuthekisa abantu base-Palestine.

2.3.    Ukukhula koLawulo lweNtando yesiNinzi kwiHlabathi
2.3.1.    IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kurhulumente kunye nabantu be-Republic yase-Botswana, base-Mozambique kunye nabase-United States (e-US) ngokubamba unyulo olube yimpumelelo kutshanje. 
2.3.2.    IKhabhinethi uiwaqhwabela izandla amaqela aphantsi kwe-Umbrella for Democratic Change e-Botswana ngempumelelo yawo phantsi koMongameli ongekabekwa uDuma Boko kwaye iyakwamkela nokuqulunqwa kwezicwangciso zokulungiselela utshintsho ukusuka kulo mbuso uphetheyo ngoku kunye nalo uza kungena kaMongameli ongekaBekwa, uDuma Boko. 
2.3.3.    IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kuMongameli ongekaBekwa u-Danile Chapo kunye neqela lakhe, i-FRELIMO, ngokuphumelela unyulo oluyimbali olubanjwe emva kweminyaka engama-32 kwatyikitywa isiVumelwano esiBanzi soXolo, esaphelisa imfazwe yekhaya saze sangenisa ulawulo lwentando yesininzi oluphantsi kwamaqela ahlukeneyo e-Mozambique. Ziyaxhalabisa ezi zixholo-xholo ziqhubayo emva konyulo, ke ngoko iKhabhinethi imemelela ukuba amaqela anezikhalazo asebenzise amaqonga omthetho ukusombulula ezi zinto zinxulumene nonyulo zibangela iimbambano kwaye aqhubeleke nokusimelela ngolwa xolo lwalumiselwe sisiVumelwano sase-Maputo soXolo noXolelwaniso lweSizwe.
2.3.4.    IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana nakuMongameli ongekaBekwa, u-Donald Trump kulandela unyulo lwase-US obelubanjwe ngomhla wesi-5 kweyeNkanga 2024. UMzantsi Afrika uyazibophelela ekusebenzisaneni kakhulu ngoMongameli ongekaBekwa u-Donald Trump kwezi nyanga zingama-12 zizayo xa uMongameli Cyril Ramaphosa eza kuthatha isikhundla sokuba nguMongameli we-G20 ngomhla woku-1 kweyoMnga 2024.

3    Imiba yezoRhwebo
3.1    IziPhumo zoTyelelo lwasebuRhulumenteni kunye nokuthatha inxaxheba kwiNdibano yeNtsebenziswano ye-China ne-Afrika (i-FOCAC)
3.1.1    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngeziphumo zoTyelelo lwasebuRhulumenteni olube yimpumelelo lwakutsha nje obelusiya e-People’s Republic of China kunye nakwintlanganiso ye-FOCAC ibise-Beijing, e-China ukususela ngomhla wesi-2 ukuya kowesi-6 kweyoMsintsi. IKhabhinethi iqaphele ezi ziphumo zingundoqo zilandelayo zoMzantsi Afrika: 
3.1.2    Isivumelwano sokutshintsha indlela oluqhuba ngayo urhwebo lube lolugxile ngamandla kwiimveliso ezinexabiso, ingakumbi isivumelwano sokunika ilizwe lase-China uluhlu lweemveliso ezinengeniso ezili-100 zoMzantsi Afrika i-China eza kuziquka kwezo iza kuzithenga eMzantsi Afrika. 
3.1.3    Ukongeza, uMzantsi Afrika utyikitye isivumelwano sentsebenziswano ne-China kumacandelo orhwebo anxulumene nokuphungulwa kwesisi esiyingozi kokusingqongileyo, ukuqalisa ubuxhaka-xhaka bale mihla, kunye nelezothutho nokuthuthwa kwemithwalo. Esi sivumelwanao sentsebenziswano siza kuvula indlela yokukhuthaza utyalo-mali kwizithuthi zombane, ukuveliswa kweebhetri, ugcino lombane ohlaziyekayo, kwakunye nakwiMimandla yezoQoqosho eKhethekileyo kunye neMimandla yoPhuhliso lwamaShishini eza kuchongwa.
3.1.4    Abatyali-zimali abakhulu e-Shenzhen nase-Beijing babonise umdla ekwandiseni umthamo wabo wotyalo-mali okanye ukwakha iinkampani ezintsha eMzantsi Afrika. 
3.1.5    Ngethuba leNdibano yezoShishino, iziVumelwano zokuQondana (ii-MoU) ezithandathu zityikityiwe ezenzelwe ukukhuthaza intsebenziswano phakathi kweenkampani zase-China nezoMzantsi Afrika kunye namaZiko eziMali ezoPhuhliso ukuqinisa intsebenziswano yokukhuthaza uphuhliso lwamashishini eMzantsi Afrika, ukukhuthaza intsebenziswano ngezobuchwepheshe ukuze kuqiniswe amalinge okuphungula umthamo wesisi esiyingozi kokusingqongileyo esikhutshwa ngamacandelo angundoqo namanye amashishini arhwebayo oMzantsi Afrika kunye nokukhuthaza utyalo-mali kwicandelo lezombane ohlaziyekayo.  
3.1.6    Ezi zivumelwano zityikitywe ngoorhulumente kunye naezinkampani zabucala ziza kuba negalelo ekukhuliseni utyalo-mali ngokukhawuleza oluxhasa amaphulo okutshintshela kwiimveliso ezinganaebungozi kokusingqongile nezikhupha isisi esincinci esiyingozi kokusingqongileyo kwaye olukhuthaza ubuchule bokuyila kwimiba yezoshishini futhi zibizele utyalo-mali kwimiMandla yezoQoqosho eKhethekileyo kunye namaZiko amaShishini.

4    EzoQoqosho

4.1    INtetho yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS)

4.1.1    IKhabhinethi iyayamkela i-MTBPS yowama-2024, ezalisekisa izithembiso zikaRhulumente woBumbano kaZwelonke zokulwela uhlumo loqoqosho olukhawulezayo, oluquka wonke umntu noluzinzileyo, kunye nokudala isizwe esisekelwe kubulungisa nesinolingwano ngokulwa indlala, ukungalingani kunye nentswela-misebenzi.
4.1.2    Uzinzo kwizimali zombuso ngokulawula ngobunono inkcitho netyala likarhulumente kuza kuqinisekisa ukuba ilizwe lakuthi lingakwazi ukukhwezela uhlumo loqoqosho ngeli thuba liqinisekisa ukuba abo bangathathi ntweni kwizwe lakuthi bayaqhuba nokufumana inkxaso ngeenkqubo zezibonenelelo zezentlalo. 
4.1.3    IKhabhinethi iyazixhasa iinkqubo ezine zokuphucula uqoqosho ngokuzisa uzinzo kuqoqosho olukhulu, ukuqalisa iinkqubo zokuzisa iinguqu, ukuxhobisa urhulumente ngezakhono kunye nokunyusa umthamo wotyalo-mali olugalelwa kwiziseko ezingundoqo zikarhulumete. Futhi eli lizwe lisendleleni yokuzikhupha kuluhlu lwe-Financial Action Task Force (i-FATF) lamazwe anebatha kwindlela alawula ngayo izimali, kuba sele lizilungisile izinto ezili-16 kwezingama- 22 ekwakuthiwe mazilungiswe phambi kokuza kuhlolwa kwakhona yi-FATF ngowama-2025.
4.1.4    I-MTBPS iyinxalenye yenkqubo yesizwe evulelekileyo nephendulayo yohlahlo lwabiwo-mali evumela ukuba kwenziwe izicwangciso zezimali zesigaba esiphakathi neside ngezimali zesizwe. Ikwanika abemi boMzantsi Afrika ithuba lokuba babuze imibuzo kumasebe kunye namaqumrhu karhulumente ngenkcitho kwaye inika nabatyali-zimali isiqinisekiso sokuba uqoqosho lweli luphantsi kolawulo olululo.

4.2    EzoKhenketho
4.2.1    Ukuphehlelelwa kwePhulo loKhenketho lwaseHlotyeni kukhuthaza abemi boMzantsi Afrika kunye nabakhenkethi abaphuma mbombo zone zehlabathi ukuba batyelele iindawo zokhenketho ezingadumanga kakhulu ezikuwo olithoba amaphondo eli lizwe. 
4.2.2    IPhulo le-Gimme Summer – Sho’t Left liza kunika ingcaciso ngeendawo zolonwabo nokhenketho ukuze abemi boMzantsi Afrika bazazi futhi bakwazi ukuzindwendwela bazibonele ngokwabo.
4.2.3    Ngelinge lokuphucula icandelo lezokhenketho, iKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa kwigazethi kwe-Trusted Tour Operator Scheme (i-TTOS), eyenza lula umsebenzi wokufaka izicelo ze-visa kumaqela amakhulu abakhenkethi avela e-China nase-India. 
4.2.4    Eli phulo lenzelwe ukulungisa iingxaki yabasebenzi abangonelanga kwi-ofisi zozakuzo zeli ezikumazwe angaphandle kunye nokutsalela kweli lizwe abakhenkethi abasuka e-China, abenza i-1.8% yabo bonke abakhenkethi behlabathi abangena eMzantsi Afrika, nase-India, bona abenza i-3.9%.
4.2.5    Iinkampani zezokhenketho ezinomdla zingayinxalenye ye-TTOS ngokuthi zingene kule webhusayithi: https://touroperator.dha.gov.za:8443 okanye kule: www.dha.gov.za. 
4.2.6    Ukongeza, inkqubo ye-eVisa yeli lizwe sele iqalisile kumazwe angama-34 ukwenzela ukuvumela abakhenkethi abavela kuloo mazwe ukuba bafake izicelo ze-visa yokungena eMzantsi Afrika nge-intanethi bengakhanga baye kwii-ofisi zezozakuzo zeli.

5    Imiba yezaManzi
5.1    Amanyathelo ethutyana okunikezela ngamanzi e-Hammanskraal
5.1.1    IKhabhinethi ifumene yaze yaqwalasela ingxelo malunga nomsebenzi osele wenziwe liSebe lezaManzi noGutyulo kumalinge okubonelela ngamanzi isiXeko sase-Tshwane ukusenzela ukuba sikwazi ukunikezela ngamanzi kubantu base-Hammanskraal okwethutyana. 
5.1.2    Ezi ngxaki zamanzi ziqhubayo zithwaxa i-Hammanskraal neendawo ezikufutshane ziyaqhubeleka nokuphazamisa iimpilo zabantu kuquka nokunikezelwa kweenkonzo zezempilo kwizibhedlela ezikufutshane ezifana ne-Jubilee Hospital.
5.1.3    IsiXeko sase-Tshwane siqalise ngephulo elixabisa imali ezizigidi zeerandi ezingama-278 zokulungisa iziko lokucoca amanzi ebelingasebenzi ngaphambili, i-Rooiwal Wastewater Treatment Works (i-WWTW). 
5.1.4    Kulindeleke ukuba iphulo lokuphucula i-Rooiwal WWTW liza kutyabula imali ezibhiliyoni ezimbini zeerandi. IKhabhinethi ixelelwe ukuba ile mali isiXeko saseTshwane siza kuyikhupha kwingeniso, ngokuboleka okanye kwisabelo sayo se-Urban Settlement Development Grant esisuka kwiSebe lezokuHlaliswa koLuntu. 
5.1.5    Ngowama-2023, iSebe lezaManzi noGutyulo layalela i-Magalies Water ukuba ingenelele ngokukhawuleza ngokoMthetho weeNkonzo zaManzi, wowe-1997 (uMthetho 108 wowe-1997), ize iyile futhi yakhe iziko elitsha lokucoca amanzi e-Klipdrift Water Treatment Works cebu kuhle ne-Hammanskraal. Oku kuza kunceda ukuphungula ezi ngxaki zamanzi futhi kuzisombulule. Eli ziko lokucoca amanzi longezelelekileyo liza kugalela amanzi kwamanye amadama esiXeko okugcina amanzi ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba kukho amanzi oneleyo acocekileyo aselwayo e-Hammanskraal.
5.1.6    Urhulumente ucela abantu base-Hammanskraal neendawo ezingqongileyo ukuba banyamezele ngoku lo msebenzi usaqhubayo. Isigaba sokuqala kulindeleke ukuba sigqitywe ngomhla we-15 kweyeNkanga 2024. Oku kuza kunika isiXeko sase-Tshwane ithuba lokuba sikwazi ukunikezela ngamanzi aselwayo kwiindawo ezithile e-Hammanskraal.

5.2    Amatyala oomasipala kwiibhodi zamanzi
5.2.1    IKhabhinethi ifumene ingxelo ngeza kutsha nje malunga namatyala angekabhatalwa kwiibhodi zamanzi, anyukayo futhi nazakuphela sele engahlawuleki, ebemi kwimali ezibhiliyoni ezingama-23 zeerandi ngomhla wama-31 kweyeThupha 2024. Eli tyala liza kubeka emngciphekweni izimali zeebhodi zamanzi kunye necandelo lezamanzi liphela. UMphathiswa wezaManzi noGutyulo u-Pemmy Majodina ebesanda kudibana noomasipala abaliqela abanale ngxaki baze bamthembisa ukuba baza kuhlawula kungekudala. 
5.2.2    IKhabhinethi yayivumile ngaphambili ukuseka iKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) eza kuncedisa kwenziwe utshintsho koomasipala abaneengxaki. Le IMC iza kuwukhokelisa phambili umba wokulungisa le ngxaki yamatyala oomasipala kwiibhodi zamanzi, ingakumbi abo basecicini lokubhanga.

5.3    UkuCinya kwaManzi e-Gauteng
5.3.1    IKhabhinethi ixelelwe ngenqanaba 1 lokucinywa kwamanzi eliqhubayo e-Gauteng ngenxa yokunyuka komthamo wamanzi asetyenziswayo obangelwe kukunyuka kwamanani abantu, ukutsala amanzi ngokungekho mthethweni, ukuvuza kwawo kunye nokuwasebenzisa gwenxa. 
5.3.2    Umyinge womthamo wamanzi asetyenziswa ngumntu emnye ngosuku zilitha ezingama-279 xa kuthelekiswa nowehlabathi weelitha ezili-173 ngosuku, umntu emnye. Nangona oomasipala abambaxa base-Gauteng becinyelwa amanzi ngokwenqanaba 1, akukho malinge abonakalayo okuqinisekisa ukuba aba masipala bayayithobela ngenene imiqathango yokusetyenziswa kwamanzi ngokweli nqanaba.  
5.3.3    UMphathiswa wezaManzi noGutyulo kunye neNkulumbuso yase-Gauteng bacele oomasipala ukuba bamisele inqanaba 2 lokucinywa kwamanzi lona ke eliza kukhatshwa yimidliwo kwabo bathe abayilandela imiqathango yeli nqanaba.

5.4    Ukusekwa kweKomiti yeSizwe yokuLwa iiNgxaki zaManzi
5.4.1    IKhabhinethi isixhasile isigqibo sikaMongameli sokufaka isandla kulo msebenzi wenziwa nguSekela-Mongameli ngoku ngokunyusela ezi ngxaki zamanzi kwinqanaba elingasentla ngokuthi aseke iKomiti yeSizwe yokuLwa iiNgxaki zaManzi yona eza kuthi iqulunqe isicwangciso sezamanzi sokusebenza ize iqeshe neengcali zamanzi ukuze kungenelwe kule ngxaki yambethe oomasipala beli lizwe.

6    EzeNtlalo

6.1    UkuTyikitywa koMthetho-siHlomelo oYilwayo woQhawulo-mtshato ube nguMthetho ogcweleyo
6.1.1    IKhabhinethi iyamkele into eyimbali yokukhutshwa kwezatifiketi zomtshato ezingama-33 zabantu abanenkolo yobuSilamsi liSebe leMicimbi yeKhaya kulandela ukutyikitywa nguMongameli koMthetho-siHlomelo oYilwayo woQhawulo-mtshato ube ngumthetho ngoCanzibe kulo nyaka. Lo Mthetho uYilwayo wenze izilungiso kuMthetho woQhawulo-mtshato, wowe-1979 (uMthetho 70 wowe-1979) ukuze uhloniphe imitshato yabantu abanenkolo yobuSilamsi futhi ukhusele amanina anenkolo yobuSilamsi kunye nabantwana xa lo mitshato ithe yaphela. 
6.1.2    Olu tshintsho bekudala lilindilwe lubonisa ukuzibophelela kwezwe lakuthi ekuqinisekiseni ukuba likhuselwe ilungelo lokulingana, lesidima, lokuxhamla ubulungisa lamanina nabantwana abanenkolo yobuSilamsi kwakunye nezinye izinto ezibalulekileyo kubo njengoko kucacisiwe kuMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika, wowe-1996.
6.1.3    Oku kuza kuncedisa kumaphulo okubethelela ukuhlalisana ngoxolo ekuhlaleni, ukwakha isizwe kunye nokuqinisekisa ukuba sibantu banye kwakunye nokuhlonipha izithethe zamasiko neenkolo ezahlukeneyo.

B.    IziGqibo zeKhabhinethi
1.    IziGqibo zeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla wama-23 kweyeDwarha 2024.

1.1.    UNyulo looRhulumente beeNgingqi lowama-2026
1.1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukumiselwa kweeKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) eza kubeka iliso kumalungiselelo oNyulo looRhulumente beNgingqi lowama-2026/27.
1.1.2.    Njengoko unyulo loomasipala lwangaphambili lwalibanjwe ngomhla woku-1 kweyeNkanga 2021, oluzayo lona luza kubanjwa ngomhla wesi-2 kweyeNkanga 2026 nangomhla woku-1 kweyoMdumba 2027. Le Komiti iza kukhokelwa nguMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli kwaye iza kwakhiwa ngamasebe karhulumente abalulekileyo kumalungiselelo okuqinisekisa ukuba kubanjwa unyulo oluyimpumelelo.

1.1.3.    IKhabhinethi iyiqwalasele yaze yayivuma inkqubo yokubala inani loocebo ngokweCandelo 20 (1) (a) loMthetho wamaQumrhu angooMasipala.
1.1.4.    UNyulo looMasipala lowama-2026 iza kuba lolwesithandathu ukususela oko eli lathi lafumana inkululeko ngowe-1994. I-IMC iza kusebenzisana ne-IEC kunye namanye amaqumrhu afanelekileyo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba le ndlela iya kunyulo loomasipala ayinamagingxi-gingxi futhi inoxolo.

2.    ImiThetho eYilwayo
2.1.    UMthetho-siHlomelo oYilwayo wesiCwangciso-sikhokelo sobuDlelwane Phakathi sokuSebenzisana kooRhulumente, wowama-2024.

2.1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-siHlomelo oYilwayo wesiCwangciso-sikhokelo sobuDlelwane Phakathi kooRhulumente, wowama-2024 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukwenza izilungiso kuMthetho wesiCwangciso sobuDlelwano Phakathi kooRhulumente (uMthetho 13 wowama-2005), ukuqinisekisa ukuba amaqoqo ahlukeneyo karhulumente asebenzisana ngokubambisana. 
2.1.2.    Ezi zihlomelo ziza kwenza izilungiso kwamanye amacandelo alo Mthetho aphelelwe lixesha kwaye ziza kuqinisekisa ukuba amaqoqo amathathu karhulumente ayasebenzisana ukuze kuphuculwe indlela ezihanjiswa ngayo iinkonzo eziluncedo ebantwini.
2.1.3.    ISahluko sesi-3 soMgaqo-siseko sifuna ukuba onke amaqoqo karhulumente asebenzisane ngokuthembana nangomoya omhle ngokuthi kubekho ubudlelwano obushushu nobemvano phakathi kwabo kunye nokuxhasana. Ke ngoko, lo Mthetho-siHlomelo uYilwayo wobuDlelwane Phakathi kooRhulumente uza kukhokela umsebenzi wokulungelelanisa amalinge okuphumeza imigaqo-nkqubo kunye nemithetho karhulumente, ukuhanjiswa kweenkonzo, unokubeka iliso kumaphulo okufezekisa imigaqo-nkqubo. Ezi zilungiso zenziwe kulo mthetho ziza kuxhasa neNkqubo yoPhuhliso eKhokelwa ziziThili nayo eyaqulunqelwa ukuphucula nokuqinisa ubudlelwano phakathi kwamaqoqo karhulumente.

3.    IziGqibo zeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla we-ama-623 kweyeNkangaDwarha 2024.

3.1.    IPhulo leeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo obuchasene nobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini Nokubulawa kwamaNina (i-GBVF)
3.1.1.    IKhabhinethi iyivumile le ndlela isekelwe kwizimvo iza kulandelwa liPhulo leeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo obuchasene ne-GBVF, phantsi komxholo othi: “ImiNyaka engama-30 yokuKhokelisa amaNyathelo eNtsebenziswano okuLwa ubuNdlobongela obeNziwa kumaNina naBantwana” ogxininisa ukubaluleka kokubandakanyeka kwesizwe sonke kwidabi lokulwa i-GBVF kunye nokubaluleka kokunika uxanduva kumacandelo esizwe onke.
3.1.2.    Lo nyaka uphawula isikhumbuzo sama-26 sokuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kwiPhulo leeNtsuku ezingama-16 zobuTshantliziyo obuChasene nobuNdlobongela Obenziwa kumaNina naBantwana, eliza kuphehlelelwa ngomhla wama-25 kweyeNkanga 2024 e-Royal Bafokeng Stadium eMntla Ntshona.

3.1.3.    Oku kuxhasa iphulo lehlabathi eliza kuqhuba ukususela ngomhla wama-25 kweyeNkanga (uSuku lweHlabathi lokuPhelisa ubuNdlobongela oBenziwa kumaNina) ukuya kowe-10 kweyoMnga (uSuku lweHlabathi lamaLungelo oLuntu). Iphulo lalo nyaka liza kuqhubeleka nokugxila kakhulu kwezi zinto zinguyena nobangela we-GBVF ngeli thuba liza kukhuthaza ukuba amadoda asebenzise ubunganga bawo ngendlela eyakhayo kunye nolingwano ngokwesini ngaxeshanye kube kudalelwa amanina nabantwana amathuba ezoqoqosho. 
3.1.4.    Nangona bengaphezulu kwe-1 000 abantu ababanjelwe i-GBVF phakathi komhla woku-1 kuTshazimpunzi kunye nowama-31 kweyoMsintsi 2024, kusekuninzi ekufuneka sikwenze njengesizwe ukulwa esi sihelegu kwizwe lakuthi.

3.2.    INyanga yokuFundisa ngamaLungelo abaKhubazekileyo (i-DRAM) yowama-2024
3.2.1.    IKhabhinethi iwuvumile umongo womxholo we-DRAM yowama-2024 kunye noSuku lweSizwe lwaBantu abaKhubazekileyo, eqala ngomhla wesi-3 kweyeNkanga ukuya kowesi-3 kweyoMnga. Umxholo walo nyaka uthi: “Ukubhiyozela imiNyaka engama-30 yoLawulo lweNtando yesiNinizi; ukwakha isizwe esibaqukayo abantu abakhubazekileyo”.
3.2.2.    Lo mxholo ugxininisa ukubaluleka kokufundisa uluntu ngemingeni abajamelene nayo abantu abakhubazekileyo, ukulwela kunye nokukhusela isidima sabo kunye nokubanceda baxhamle amalungelo wabo akuMgaqo-siseko.
3.2.3.    Ukususa le miqobo ikhoyo ithintela abantu abakhubazekileyo kuquka ukudala iimeko ezinezixhobo ezifanelekileyo, ezingazikuphela sithubeni kunye nezikhuselekileyo ezenzelwe bona, kunye nokuqonda ukuba ayizizo zonke iintlobo zokukhubazeka ezibonakalayo. Le mibhiyozo iza kuqhuba inyanga yonke iza kufundisa uluntu ize ibonise nomsebenzi osele wenziwe leli lizwe kumalinge okukhusela abantu abakhubazekileyo.
3.2.4.    Urhulumente uyasibongoza sonke ukuba sisebenzisane njengamaqabane ekwakheni ikamva elizinzileyo nelingababukuliyo abantu abakhubazekileyo.

3.3.    UMgaqo-nkqubo wyokuThintela nokuNyanga iziFo eziBangelwa kukuSebenzisa iziYobisi
3.3.1.    IKhabhinethi iwamkele uMgaqo-nkqubo wokuThintela nokuNyanga iziFo eziBangelwa kukuSebenzisa iziYobisi, ofuna ukunika isikhokelo esigcweleyo sokulwa iingxaki ezibangelwa kukusetyenziswa gwenxa kobutywala kunye neziyobisi abajamelene nazo abantu bakuthi.
3.3.2.    Lo mgaqo-nkqubo uxabangela amanye amanyathelo okungenelela akhoyo afana nesiCwangciso esinguNdoqo seSizwe seziYobisi esaqaliswa ukusetyenziswa phakathi kowama-2013 nowama-2017, kwaye usabela kanye kwizikroba ezakhonjwa kuMthetho wokuThintela nokuNyanga iNgxaki yokuSetyenziswa Gwenxa kweziYobisi, wowama-2008 (uMthetho 70 wowama-2008).
3.3.3.    Lo mgaqo-nkqubo uphakamisa ukuba kubekho iinkqubo zoluntu zokuthintela ezilungisa kanye ezi ngxaki zizalwa kukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. Lo mgaqo-nkqubo usekelwe kwinkqubo ezintathu: Eyokuphungula inani labantu abasebenzisa iziyobisi – yona eneenjongo zokuthintela ukuba abantu baqalise ukusebenzisa iziyobiso gwenxa okanye baxhomekeke kuzo; eyokuPhungula inani leendawo ezithengisa iziyobisi – yona eneenjongo zokwenza kungabilula ukufumana iziyobisi ize ibe yinkqubo yokuPhungula umonakalo owenziwa ziziyobisi – yona equka ukunyanga izifo kunye nezinye izinto ezifana nazo ezibangelwa kukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. Eyona nto kugxilwe kuyo kukuphungula umonakalo owenzeka ebantwini nakwiindawo esihlala kuzolo ubangelwa kukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. Oku kungenzeka ngokuthi kusetyenziswe ukuthintela, ukungenelela kwangethuba, ukunyanga kunye namanye amanyathelo afana nala, ukunakelela abantu asele benyangiwe bephumile kwiziyobisi kunye nokubabuyisela ngokugcweleyo batsho babe yinxalenye yoluntu.
3.3.4.    Lo mgaqo-nkqubo upapashwe kwiwebhusayithi yeSebe loPhuhliso loLuntu ethi: www.dsd.gov.za.

4.    Ezakutsha nje eziya kwiKhabhinethi
4.1.    IMeko yezeMigodi eMzantsi Afrika

4.1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo engeMeko yeCandelo lezeMigodi, esekelwe kuphando obeluqhutywe ngu-Mintek.
4.1.2.    Le ngxelo inika iinkcukacha ezigcweleyo nezinolwazi olutsha ngezinto ezintsha ezenzekayo kurhwebo ngezimbiwa kwihlabathi, ezintsha ngokuveliswa kwezimbiwa eMzantsi Afrika, igalelo lecandelo lemigodi kwimveliso yesizwe iyonke (i-GDP), utyalo-mali kunye namalinge okudala imisebenzi.
4.1.3.    Le ngxelo ingumthombo wolwazi otyebe kunene obonisa imiqoqo ethintela uphuhliso kwicandelo lezemigodi, elidlala indima emandla kuhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika.
4.1.4.    Le ngxelo yeMeko yeCandelo lezeMigodi iza kunceda icandelo lezemigodi leli lizwe ukuba lizilungiselele futhi lixhaphaze la mathuba eza nokunyuka korhwebo ngezimbiwa ngokuthi inike iinkcukacha ezizeleleyo malunga neentlobo ezahlukeneyo zezimbiwa.

4.2.    INgxelo yesiGaba IV yePhulo likaMongameli lokuQesha uLutsha kwicandelo lemfundo esisiseko elibizwa ngokuba liPhulo leNgqesho kwiMfundo esisiSeko (i-BEEI)

4.2.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngezinto eziyimpumelelo ezenziwe yi-BEEI, iphulo elikhulu likarhulumente lokuqesha abantu abatsha abangaphangeliyo abaneminyaka yobudala ephakathi kweli-18 nengama-35. Eli phulo likwafuna nokuncedisa kule ngxaki yabantu abatsha abaninzi abangaphangeliyo eMzantsi Afrika.
4.2.2.    Ukususela oko yaqalayo ngeyoMnga 2020, i-BEEI sele idale izithuba zemisebenzi ezimalunga nesigidi esiyi-1.1 eziye ebantwini abatsha abaneminyaka yobudala ephakathi kweli-18 nengama-35. Eli phulo lincede nelizwe ukuba likwazi ukulungisa nokuphekuza umonakalo owenziwa kuqoqosho ngubhubhane we-COVID-19, njengenxalenye yenkqubo ebanzi karhulumente yokuvuselela uqoqosho.
4.2.3.    I-BEEI iqeshe abantu abatsha abangama-240 342 ezikolweni njengabancedisi bemfundo kunye nabancedisi abenza imisebenzi eyahlukeneyo. Aba bafundi bebeqeshiwe bebehlawulwa isibonelelo esingama-4 000 eerandi ngenyanga. IKhabhinethi isivumile isiphakamiso seSebe leMfundo esisiSeko sokuba iqhubeleke le iNkqubo yokuQeshwa koLutsha kwiMfundo esisiSeko ngonyaka-mali wama-2024/25.

5.    Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Mnu Neville Matjie njenge-CEO ye-Brand South Africa
2.    Ukuqeshwa kukaNks Khetha-okuhle Vincentia Rantao njengomlawuli ongeyonxalenye yesigqeba solawulo kwiBhodi ye-Land Bank. 
3.    Ukuqeshwa kwiQumrhu loLawulo lwe-CCMA
(a)    Gq September Cornelia Carol (uSihlalo oziMeleyo)
(b)    Nks Riefdah Ajam (Imibutho yabaSebenzi) 
(c)    Mnu Solly Phetoe
(d)    Mnu Wiseman Dinwa;
(e)    Mnu Sifiso Lukhele (ImiButho yamaShishini);
(f)    Mnu Kaizer Moyane;
(g)    Nks Siobhan Leyden;
(h)    Nks Unathi Ramabulana (omele uMbuso);
(i)    Nks Ntsoaki Mamashela; kunye 
(j)    noMnu Lucky Charles Mohalaba

6.    Imisitho ezayo

6.1.    IPhulo leeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo

6.1.1.    IPhulo leeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo obuChasene nobuNdlobongela obeNziwa kumaNina nabantwana ziza kuphehlelelwa ngomhla wama-25 kweyeNkanga 2024  e-Royal Bafokeng Stadium eMntla Ntshona phantsi komxholo othi: “ImiNyaka engama-30 yokuKhokelisa amaNyathelo eNtsebenziswano okuLwa ubuNdlobongela obeNziwa kumaNina naBantwana”.

6.2.    IPalamente ye-Afrika (i-PAP)

6.2.1.    ISeshoni eQhelekileyo yesiNe yePalamenyte yesiThandathu ye-PAP, eyindlu yowiso-mthetho yeli lizwekazi enabameli abaphuma kuwo onke amazwe ase-Afrika, iyaqhuba ukususela ngomhla wesi-4 ukuya kowe-15 kweyeNkanga 2024.
6.2.2.    Ngethuba lezi seshoni, iingxelo zeendibano zeekomiti ezahlukeneyo ziza kuthiwa thaca kunye nezindululo eziza kungeniswa kwiNgqungquthela yeeNtloko zemiBuso nooRhulumente base-Afrika ezingemigaqo-nkqubo kunye nemithetho ehambisanayo yeli lizwekazi.
6.2.3.    I-GCIS iza kubeka iliso kumba wokuphumeza izicwangciso zezonxibelelwano nezeentlanganisela, kwaye iingxelo malunga nalo msebenzi ziza kunikwa iKhabhinethi rhoqo ngenyanga njengenxalenye yengxelo yeMiba enguNdaba-mlonyeni.

7.    ImiYalezo

7.1.    Amazwi okuvuyisana
      IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:

•    kuMphathiswa wezangaPhandle wase-Ghana u-Shirley Ayorkor Botchwey ngokonyulwa njengoNobhala-Jikelele woMbutho wamaZwe ayesakuba ngamaThanga. UNks Botchwey uza kuthatha iintambo zokulawula lo mbutho wamazwe angama-56 ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2025, apho eza kuqhuba iminyaka emine esesihlalweni. 
•    kwiqela labafundi abahlanu baseMzantsi Afrika, abathwese izidanga ze-Masters in Maritime Affairs yi-World Maritime University e-Sweden. IziFundo zabo zixhaswe ngemali liQumrhu leMfundo noQeqesho leCandelo lezoThutho, elilelinye lamaqumrhu emfundo noqeqesho amacandelo ahlukeneyo agunyaziswe ukuba makaququzelele amaphulo okuphuhlisa izakhono kunye noqeqesho.
•    Kwi-Banyana Banyana, iQela leSizwe loMzantsi Afrika lamaNina leBhola eKhatywayo ngokufikelela kumdlalo wamanqam kuKhuphiswano lamaNina le-COSAFA. Eli qela lisizwe sakuthi libethwe yi-Zambia kwiipenalthi.
•    iindadi zoMzantsi Afrika u-Chad Le Clos ngokuphumelela igolide kwi-200m butterfly yamadoda kunye no-Pieter Coetzee ngokuphumelela igolide kwi-100m kuye ne-200m backstroke kwakunye nesilivere kwi-50m backstroke kwiNdebe yeHlabathi yowama-2024 ye-World Aquatics Swimming ebanjelwe e-Singapore.

7.2.    Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwizihlobo neentsapho:

•    zikaNjing Noel Chabani Manganyi (obeneminyaka yobudala engama-84), obesisifundiswa esihlonitshwe jikelele, ingcali yezophando, neyezengqondo kunye nomsebenzi karhulumente.

Imibuzo: Nks Nomonde Mnukwa – IsiThethi sikaRhulumente esiliBambela
Iselula: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore