A. Imiba enguNdaba-mlonyeni
1. EzoBulungisa, ukuThintelwa koLwaphulo-mthetho noKhuseleko
1.1. IKhomishini yoPhando eKhokelwa nguJaji Madlanga
1.1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukonyulwa kweKhomishini yoPhando eKhokelwa nguJaji Madlanga engoLwaphulo-mthetho, ukuNgenelela kooSopolitiki noRhwaphilizo kwiCandelo lezoBulungisa kunye nokupapashwa kwemiGaqo esisiKhokelo kwiGazethi.
1.1.2. Ukusekwa kwale khomishini kungqina ukuzibophelela kukaMongameli ekusebenziseni iinkqubo ezikumgaqo-siseko ukuphanda nzulu izityholo zokwenza izinto ezigwenxa, ukuqinisekisa ngokuhlonitshwa kwamaziko ethu, kokuba uluntu luyasithemba futhi baphendule abo bophula imithetho yeli lizwe lakuthi ngezenzo zabo zobubi.
1.2. UkuThintela nokuLwa uLwaphulo-mthetho
1.2.1. IKhabhinethi iwamkele amanyathelo angqingqwa okungenelela enziwe ngamapolisa nge-Operation Shanela 2, apho kuthe kwabanjwa abarhanelwa abangaphezulu kwama-17 000 kulo lonke eli phakathi komhla wama-27 kweyeKhala nowesi-2 kweyeThupha 2025. Abarhanelwa abebefunwa abamalunga nama-2 911 baye babanjelwa iintlobo zolwaphulo-mthetho ezimanyumnyezi nezinobundlobongela ezifana nokubulala, ukuzama ukubulala, ukuqweqwedisa iimoto, ukudlwengula, ukuqhekeza ezindlini nakumashishini ngelixa abali-1 763 bona bebanjelwe ukubetha, kunye nokubetha wonzakalise umzimba (i-GBH).
1.2.2. IKhabhinethi iqhubeke yakwamkela nokubanjwa kwabarhanelwa abangama-550 ngokomba imigodi ngokungekho mthethweni kumgodi oseBarberton, Mpumalanga njengenxalenye ka-Operation Vala Umgodi kwaye ivile nokuba baye bakhutshwa ngebheyile.
B. Ezintsha eziya kwiKhabhinethi
1. IsiCwangciso-sikhokelo sokuSebenzisana ne-United States of America
1.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo ngesiCwangciso-sikhokelo sokuSebenzisana ne-United States of America (i-USA) njengoko kukho lerhafu yorhwebo ingama-30% iza kuhlawulwa nguMzantsi Afrika ekulindeleke ukuba iqale ukusebenza ngomhla wesi-7 kweyeThupha 2025, kodwa enesolotyana lokuba iza kuphindwa iqwalaselwe akuba nje la mazwe mabini ekwazile ukutyikitya esinye isivumelwano.
1.2. IKhabhinethi ikubethelele ukuba urhulumente uzimisele ukukhangela isisombulo esakhayo nesexesha elide ngokuqhubeleka ebamba iindibano zokufakana umlomo ne-USA, kuquka neziphakathi kooMongameli bala mazwe mabini.
1.3. Njengoko ibitshilo i-Ofisi kaMongameli ukuba uMongameli Ramaphosa ebekhe wanxibelelana noMongameli Trump ngentsasa yayizolo njengelinge lokuphosa igade kula malinge othetha-thethwano ngezivumelwano zorhwebo.
1.4. Amalinge karhulumente asagxile kumba wohlumo loqoqosho ngeenjongo zokuqinisekisa ukugcinwa nokudalwa kwemisebenzi emitsha, kuquka ukuqinisa amalinge ohlukeneyo kunye nokomeleza ukudityaniswa kothungelwano lwehlabathi jikelele njengoko eli lizwe lisebenzela ukwandisa urhwebo lwalo lokuthumela kumazwe angaphandle ukuya e-Asia, eYurophu, kuMbindi Mpuma, nakwi-Afrika iphela ngeenjongo zokomeleza ukomelela kwethu kwezoqoqosho.
1.5. Kula macandelo achatshazelweyo kukunyuka kwale rhafu yorhwebelwano, urhulumente ugxile kakhulu ekungeneleleni kwicala lokuthengwa kweemveliso, kunye namanyathelo okungenelela aza kungqala ngqo kweli candelo ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho uzinzo kwaye nemisebenzi ayilahleki. La manyathelo aquka:
1.5.1. Ukusekwa kweDesika yeNkxaso yokuThunyelwa kwemveliso kwamanye amazwe, eza kusebenza njengendawo yoqhagamshelwano ngqo kwiinkampani ezichaphazelekayo.
1.5.2. Amanyathelo okunceda iinkampani zikwazi ukungaluva kakhulu ulwamvila lwale rhafu, kananjalo zincediswe zikwazi ukumelana nobunzima ixesha elide, kwaye kwenziwe nezicwangciso-qhinga zamacebo okuzikhulisa ngeenjongo zokuthintela ukuba imisebenzi ingapheli kwakunye nokomeleza umthamo wemveliso eMzantsi Afrika.
1.5.3. INgxowa-mali yeNkxaso yeLizwe (i-LSF)] apho iinkampani ezichaphazelekayo ziza kuphosa esivivaneni ngelokuncedisa kumalinge esizwe.
1.5.4. INkqubo yeNkxaso yokuThunyelwa kweemveliso kwamanye amazwe kunye noKhuphiswano kwimalike (i-ECSP), eza kuquka isibonelelo esiyimali yokuqala ishishini kunye neyokuthenga umzi-mveliso kwakunye nezixhobo zokusebenza ukuncedisa ekujonganeni neemfuno zexesha elifutshane ukuya kweliphakathi kuwo onke amashishini.
1.5.5. Ukusebenzisana neSebe lezeNgqesho nezabaSebenzi kumanyathelo okuthintela ukuba kungalahleki imisebenzi emininzi, kusetyenziswa ezi zibonelelo zikhoyo zikumaqumrhu eli sebe ezingakwazi ukuhlenga-hlengiswa ukuze zikwazi ukungenelela kwezi meko sijongene nazo namhlanje.
1.5.6. Emva kweendibano zokufana imilomo neKhomishini yezoKhuphiswano, kuye kwasekwa i-Block Exemption of Exported ukwenzela ukuba kubekho intsebenziswano nolungelelwaniso phakathi kweenkampani ezikhuphisanayo. Uyilo lwale nkqubo luza kupapashwa ekupheleni kwale veki ukuze le nkqubo iqukunjelwe ngokukhawuleza. Olu lwazi luzakufumaneka ku-https://www.thedtic.gov.za
2. IsiVumelwano sezoTyalo-mali noRhwebo soMzantsi Afrika ne-China 2025-2029
2.1 ISebe lezoRhwebo, uShishini nezoKhuphiswano (i-dtic) lisebenzisana nemibutho yeli candelo kunye namabhunga ezokuthumela iimpahla ngaphandle liqulunqe isiVumelwano sezoTyalo-mali noRhwebo soMzantsi Afrika ne-China esiza kuba sisikhokelo seengxoxo ne-China.
2.2 Olu xwebhu luquka urhwebo, utyalo-mali, uphuhliso lwamashishini kunye nophuhliso lwezakhono. (a) Ngezorhwebo: Izinto eziphambili kukutshintshiselana ngeemveliso eziphezulu ezili-10, ukusekwa komboniso osisigxina e-China, kunye nokusebenzisana malunga nokwenza izilungiso kwimithetho ethile. (b) Ngezotyalo-mali noPhuhliso lwamaShishini: Izinto ezikhokeliswe phambili lutyalo-mali kwisinyithi, amathayara, iintsimbi zeemoto, ukuveliswa kweebhetri izixhobo zamachiza nezonyango, ukuveliswa koololiwe kunye noqoqosho luka-intanethi. (c) Elezophuhliso lwezakhono: Lizakugxininisa kwizakhono ezihambelana namacandelo akhethiweyo aphambili aquka ukulungisa nokukhanda ngeenjongo zokugcina izinto ebezilungiswa zisemgangathweni.
2.3 Esi sivumelwano sinikiwe urhulumente we-People’s Republic of China (PRC) ngethuba lotyelelo lwaseburhulumenteni lukaSekela-Mongameli Mashatile eChina, olwalusuka kumhla we-14 ukuya kowe-18 kweyeKhala 2025. USekela-Mongameli wafakana imilomo namashishini karhulumente amakhulu ase-China kunye namaziko ezimali, futhi waye wathatha nenxaxheba kwiNgqungquthela yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika ne-China kunye ne-China International Supply Chain Expo (i-CISCE), apho waseka ngokusesikweni i-South African National Pavilion ngeenjongo zokuthengisa ilizwe lethu njengesango lokungena kumazwe ase-Afrika asemazantsi e-Sahara kwabo bafuna urhwebo, utyalo-mali kunye nentsebenziswano yamashishini.
3. Imbizo yeSizwe – Ingqungquthela yeSizwe yokuQala
3.1. IKhabhinethi ifumene yaze yaqwalasela ingxelo malunga nomsebenzi osele wenziwe ukuza kuthi ga ngoku malunga nokubanjwa kwengqungquthela yokuqala kwezimbini yeMbizo yeSizwe eza kuqhuba iintsuku ezintathu ukusuka kumhla we-15 ukuya kowe-17 kweyeThupa 2025 e-UNISA (ePitoli).
3.2. Ingqungquthela yokuqala yeyokwenzela ukuba kuvunyelwane ngemiba eza kugwadlwa kwiMbizo yeSizwe ecetyelwe ukuba iquke bonke abemi boMzantsi Afrika apho beza kudibana ndawonye babonisane ngombono weli lizwe wale minyaka ingama-30 izayo. Le Mbizo yeSizwe icetyelwe ukuba ibanjwe kwiindibano zeewadi ezingama-13 400, ukongeza kwezi ndibano ziza kukhokelwa luluntu zingama-50 000 ziza kubanjwa kwezi nyanga zili-12 zizayo ukususela kwiNgqungquthela yokuqala.
3.3. Sele bebaninzi abantu abavakalise umdla wabo ngale Ngqungquthela, kangangokuba imibutho engaphaya kwama-737 esuka kumacandelo angaphezulu kwama-30 ibhalisele ukuthatha inxaxheba into leyo ebonisa ngokuphandle ukuba abemi boMzantsi Afrika bayakulangezelela ukuba yinxalenye yeengxoxo ezingekamva leli lizwe.
3.4. IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuba le Mbizo yeSizwe ayiyondibano nje yokuxoxa, koko ilinyathelo nekhwelo lokuba sibhinqe omfutshane – simisele isiseko sokwakha uMzantsi Afrika oquka wonke umntu nomanyeneyo.
4. Isixhobo sokubeka ixabiso elifanelekileyo kwabo bavelisa umoya ococekileyo (i-CBAM)
4.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe ukujonga ifuthe le-CBAM kuqoqosho loMzantsi Afrika, kuquka nakumacandelo/nakwiimveliso eziyinxalenye yee-CBAM. IKhabhinethi ivumile ukuba kuqwalaselwe amanyathelo athile alungeleleneyo kunye neendlela ekufundiswa ngazo ukuba zibonakalise izinto ezinxulumene nohlobo lophuhliso esilufunayo, izinto ezilulutho kwisizwe, iziphumo zohlumo loqoqosho kunye nokuzinikela kwiintshukumo ezinxulumene nemozulu.
4.2. IKhabhinethi iphinde yakuvuma ukusetyenziswa kwendlela ebanzi karhulumente ebhekise kulwahlulo olubanzi neza kukhokelwa yi-dtic equka intsebenziswano nabezemfundo,icandelo labucala kunye nemibutho yabasebenzi ukuncedisa kwezi nkqubo zokuphungula isisi esiyingozi kokusingqongileyo kunye nokusetyenziswa kwamaqonga amabini, amacala amaninzi kunye namanye akhoyo ukucela uncedo nokulwa i-CBAM.
5. IiNgxelo zoMsebenzi eziKhutshwa kaBini ngoNyaka
5.1. IKhabhinethi ifumene yaze yaqwalasela iiNgxelo zeNkqubela eziKhutshwa kaBini ngoNyaka ezimalunga nokuphunyezwa kwesiCwangciso soPhuhliso seXesha eliPhakathi (i-MTDP) sowama-2024 – 2029 yesithuba esiphakathi kweyeDwarha ngowama-2024 ukuya kweyoKwindla 2025.
5.2. I-MTDP inika ingcaciso ngezinto ezingundoqo ezikhokeliswe phambili yi-GNU kwesi sithuba siphakathi konyaka wama-2024 nowama-2029 ezizezi: (i) Uhlumo oluza kuxhanyulwa nguye wonke nokudalwa kwemisebenzi, (ii) Ukuphungula intlupheko kunye nokulwa neendleko eziphezulu zokuphila kunye (iii) Nokwakha umbuso okwaziyo ukusebenza nokhokelisa phambili uphuhliso.
5.3. UMphathiswa wezoCwangciso, ukuHlola nokuVavanya, ekunye nooSihlalo bamaQela eKhabhinethi baza kunika ingxelo engamagqabantshintshi abanzi ngalo mba ngoLwesibini, umhla we-12 kweyeThupha 2025.
6. Ezintsha nge-G20
6.1. Iintlanganiso ezisesikweni ezicetyiweyo ezingama-80 kwezili-132 ze-G20 sele zibanjiwe.
6.2. Sele ziqalisile iingxoxo ngamaxwebhu/izibhengezo eziPhumo zabaPhathiswa kunye nezinye iziphumo ezikwinqanaba eliphezulu.
6.3. UMzantsi Afrika uze noPhononongo lweNgxowa-mali yoLwabiwo lweNkunzi into leyo elinyathelo elibalulekileyo kumalinge okudala inkqubo yezimali yehlabathi engadleli ndlala eza kunceda amazwe asaphuhlayo ukuba atyale imali kwiziseko ezingundoqo, kwiinkonzo zempilo, imfundo kunye nokukwazi ukumelana nokuguqu-guquka kwemozulu.
6.4. Onke amaQela oNxibelelwano e-G20 sele ezingenisile iingxelo zawo ngeenkqubo zemisebenzi kunye nezinto azikhokelise phambili. I-US itshilo ukuba iza kuthatha inxaxheba ngokugcweleyo kwiintlanganiso ze-G20 kodwa igqiza layo liza kukholelwa sisiKhulu esiPhezulu kurhulument
6.5. Ezi ntlanganiso zilandelayo bezibanjwe ngenyanga yeKhala:
6.5.1. Intlanganiso yesiNe ye-G20 yezeMali kunye namaSekela eeBhanki eziphakamileyo ngomhla we-14 kunye nowe-15 kweyeKhala 2025, ebigxile: (i) kwisiCwangciso-sikhokelo sokuBeka esweni nokuNika iNgxelo kweeBhanki zezoPhuhliso (ii) uMsebenzi wokuLinganisa amaNyathelo okuXhasa ngeMali ngexesha loBhubhane, (iii) noHlaziyo olumalunga neeNgxoxo ezingeTyala lamaZwe eHlabathi.
6.5.2. Intlanganiso yamaSekela eeMarike ezisaHlumayo noPhuhliso loQoqosho (ii-EMDE) acebise ukuba uMzantsi Afrika kufuneka uqhubeleke uququzelela iintlanganiso ze-EMDE njengoko uza kuba lilungu le-G20 Troika kulo nyaka uzayo.
6.5.3. INtlanganiso yesiThathu yabaPhathiswa kunye neeRhuluneli zeeBhanki ezinguVimba ngomhla we-17 nowe-18 kweyeKhala kowama-2025 ethe yanyathela (i) ulwakhiwo lwezimali lwamazwe ngamazwe,(ii) iziseko ezingundoqo, (iii) iindlela zehlabathi zokutsala irhafu, (iv) imiqobo ethintela uhlumo nophuhliso e-Afrika, (v) uzinzo kwezemali, kunye (vi) nemiba enxulumene necandelo lezimali nokuqukwa komntu wonke kwizimali.
6.5.4. INtlanganiso yeeNkcukacha yesi-3 yeQela eliJongene noMsebenzi woPhuhliso lwamaNina (i-EWWG) nebibanjwe ukususela ngomhla wesi-2 ukuya kowesi-4 kweyeKhala, ibigxile ekukhuthazeni iingxoxo nentsebenziswano kwihlabathi kulingwano ngokwesini kunye nokuxhotyiswa kwamanina ngezakhono kugxininiswa kakhulu ekuqhapheliseni, ekunciphiseni kunye nokwabelana ngomsebenzi wonakekelo ongahlawulwayo.
6.5.5. INtlanganiso yesi-3 yeQela eliJongene nezeMfundo ibibanjwe ukususela kumhla wesi-2 ukuya kowesi-3 kweyeKhala kowama-2025, yona ke ibigxile (i) kwingxaki engxamisekileyo yobukho beetitshala azoneleyo ukuze kuqinisekiswe ukuba imfundo esemgangathweni ixhanyulwa ngumntu wonke ngokulinganayo kunye nokuveza amathuba okufunda ebudaleni. Le ntlanganiso iye yaxoxa nangoyilo lwesiBhengezo sabaPhathiswa beMfundo be-G20.
6.5.6. INtlanganiso yesi-5 yeQela eliJongene nezeMpilo yona ibibanjwe ukususela kumhla wesi-8 ukuya kowesi-9 kweyeKhala nebigxile ekuqinisekiseni nokomelezwa kobukho beenkonzo zempilo ezaneleyo kwihlabathi ingakumbi kwimiba enxulumene nokulungela ukumelana nokusabela kubhubhane, kwakunye nemfuneko yemali ezinzileyo yokuxhasa icandelo lezempilo kunye nokufikelela ngokulinganayo kwiintlobo ezintsha zobuchwepheshe ezifana namachiza okugonyela i-TB.
6.5.7. INtlanganiso yesi-3 yeQela eliJongene nokuNcitshiswa kwemiNgcipheko yeeNtlekele, ibibanjwe ukususela ngomhla wesi-9 ukuya kowe-10 kweyeKhala ngowama-2025 ebigxile ekulungiseni le mingeni itshisa ibunzi kuLawulo lwemiNgcipheko yeeNtlekele nokwabelana ngolwazi, amacebo, kunye nezona ndlela zilungileyo zokunciphisa umonakalo onokwenziwa zintlekele.
6.5.8. INtlanganiso yesi-4 yeQela eliJongene noMsebenzi 1: Uqoqosho oluquka wonke umntu, Ukwakhiwa kwamaShishini, iNgqesho kunye nokuNciphisa ukuNgalingani. Yona ibibanjwe ngomhla wesi-9 nowe-10 kweyeKhala ngowama-2025 – ibigxile ekumiseleni amaqhinga okukhuthaza uhlumo loqoqosho oluquka wonke umntu, ukwakhiwa kwamashishini, ingqesho kunye nokuphungula ukungalingani.
6.5.9. INtlanganiso yesi-2 yeQela eliJongene noZinzo kokusiNgqongileyo nakwiMozulu, ibibanjwe ukususela ngomhla we-14 ukuya kowe-18 kweyeKhala ngowama-2025 ibigxile kwimiba enxulumene neentlobo-ntlobo zendalo kunye nolondolozo, ukuguqu-guquka kwemozulu, ukwehla kwendlela umhlaba ochuma ngayo, imbalela, ukuqokelelwa kweekhemikhali nenkunkuma, umgangatho womoya, iilwandle namanxweme.
6.5.10. INtlanganiso yesi-4 yeQela eliJongene nezoPhuhliso, ibisingathwe ukususela kumhla wama-21 ukuya kowama-23 kweyeKhala ngowama-2025, ibigxile kumba wokumiselwa kwemithetho-siseko ekwinqanaba eliphezulu lempahla zehlabathi zabantu, utyalo-mali, ukukhangela imali ethe chatha yophuhliso kunye nokuseka izibonelelo zikarhulumente eziluncedo kumntu wonke.
7. INkqubo yokuNgenelela kwezaManzi eGiyani (kwiSithili saseMopani, eLimpopo)
7.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo ehlaziyiweyo malunga nomgama osele uhanjiwe ngokuphunyezwa kweNkqubo yokuNgenelela kwezaManzi eGiyani.
7.2. IProjekthi yeeNkonzo zaManzi eGiyani equka ukufakelwa kwemibhobho yamanzi angumthamo omkhulu ozikhilomitha ezingama-325 osuka kwii-WTW zaseGiyani, equka amadama anguvimba aza kusa amanzi kwiilali ezingama-55 zaseGiyani neziphaluka. Umsebenzi owenziweyo kule projekthi ngoku uku-90.23%. Ukuhlola isantya sokuphuma kwamanzi nokusebenza kwemibhobho kume kwi-90% yalo msebenzi ushiyekileyo. Le projekthi kulindeleke ukuba igqitywe kwinyanga yoMsintsi kowama-2025.
7.3. IsiGaba soku-1 sokuFakelwa kwaManzi kwiiLali ezingama-55 zaseGiyani, esi sigaba siquka ukufakelwa kwamanzi emakhaya ankinkishwa ngokubalwa ngemitha kwiilali ezingama-24 kwezingama-55. Le projekthi sele ifakele ze yawuvula amanzi ngokupheleleyo kwiilali ezingama-23 kwezingama-24. Ilali yase-Risinga View yona esashiyekileyo iza kugqitywa ekupheleni kwenyanga yeKhala kowama-2025. IsiGaba 2a esiquka ukufakelwa kwemitha nokuvulwa kwamanzi kwiilali ezili-15, sona siza kuqaliswa kunyaka-mali wama-2025/26, ze kuthi isiGaba 2b (iilali ezili-16) siqalise kula nyaka ulandele ekupheleni kwexesha le-MTEF.
7.4. Ukuphuculwa kweGiyani WTWs isuke ku-30Ml/d iye ku-40Ml/d kunye nokuphuhliswa kwamadama aliqela ukuqinisekisa ukuba kukho amanzi aneleyo aya kwiilali ezingama-55 zaseGiyani, kusekwinqanaba locwangciso, oluza kuqaliswa kwikota yesithathu yalo nyaka-mali sikuwo yakuba i-IRS iqukunjelwe. Sinethemba lokuba eli lilinge lokugqibela lokungenelela kwesebe eGiyan, lokuzama ukuphucula amanzi kwiilali ezingama-55 zaseGiyani nedolophu yakhona.
7.5. Le nkqubela ilandela kumanyathelo amakhulu okungenelela angaphambili awayequka:
7.5.1. INandoni-Nsami Bulk Pipeline – imibhobho yamanzi angahluzwanga ezikhilomitha ezingama-40.5 esuka kwiDami laseNandoni eVhembe, igalela kumjelo oseXikukwani wenze ibe lidama elikhulu eGiyani WTWs, elaqala ukusebenza ngomhla wesi-5 kuTshazimpunzi ngowama-2023, laze lagqitywa kweyoMnga ngowama 2023, kungoku nje, ligalele amanzi angahluzwanga angumyinge oyi-15Ml/d. Ecaleni kwalo mbhobho kukho osecaleni kwawo onamanzi ahluziweyo ayi-.58 ophela KwaMsani (Greater Malamulelele) kuMasipala weNgingqi i-Collins Chabane wona owagqitywa kweyoMnga ngowama-2023.
7.5.2. Ukulungiswa kwe-Giyani WTWs ukuze kubuyiselwe umthamo wayo wakuqala owawuyi-30Ml/d ekungoku ubusele uhle wayi-13-17Ml/d, kona kwagqitywa ngeyeSilimela ngowama-2024.
7.6. Ezi projekthi zigqityiweyo zityabule imali eqikelelwe kwiibhiliyoni ezi-6 zeerandi, ephuma kwiSebe lezaManzi noGutyulo (i-DWS).
8. Intsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika ne-Nigeria kwicandelo le-oyile nerhasi
8.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngeziphumo zotyelelo lwaseburhulumenteni eNigeria obelwenziwe nguMphathiswa uGwede Mantashe ukuya kuxoxa malunga nentsebenziswano kwicandelo lezemigodi, i-oyile kunye nelerhasi njengenxalenye yeKhomishini yaMazwe amaBini (i-BNC) yoMzantsi Afrika ne-Nigeria.
8.2. I-Nigeria ifuna ukuphuhlisa icandelo layo lezemigodi ngokuphonononga kunye nokuveliswa kwemithombo yezimbiwa ezininzi kweliya lizwe kunye nokusebenzisa ulwazi loMzantsi Afrika, njengoko wona unamava amaninzi kweli candelo.
8.3. UMzantsi Afrika ufuna ukufumana i-oyile kunye nerhasi engamanzi (i-LPG) evela eNigeria, kunye nokufunda kwiNigeria njengoko yona inamava ekuphononongeni nasekuvelisweni kwe-oyile nerhasi.
8.4. IKhabhinethi yazisiwe nangesithembiso seNigeria sokuqukumbela ekupheleni kwenyanga yeThupha yowama-2025, imiqathango yorhwebo yokwabela i-oyile ekrwada kuMzantsi Afrika, neza kuvumela iinkampani zombuso waseMzantsi Afrika kunye neenkampani zabucala ezihluza i-oyile ukuba zikwazi ukufikelela ngqo kwindawo ekutsalwa kuzo i-oyile.
9. Ukuqhubela phambili umsebenzi wokuphunyezwa kohlaziyo lweenguqu kwicandelo lezemithwalo nokuhanjiswa kweempahla
9.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwenkqubo yokuchonga iBhodi yeQumrhu eliLawulayo enjongo yalo ikukuba liliso elongamela iQumrhu lezoQoqosho eliLawulo ezoThutho (i-TER) kwimiba ebalulekileyo ukuqinisekisa ukuba kukho ulawulo olusemgangathweni, kananjalo kubekwe iliso kwimiba yezimali. Ibhodi ye-TER iza kuqinisekisa ukuba kukho ukuhambelane kwimigaqo yolawulo loqoqosho kuzo zonke iintlobo zezithuthi kuquka kumazibuko, kwiziporo zika loliwe, ezindleleni nasemoyeni. Le bhodi iza kuzama ukwenza izilungiso kwimithetho ebeka amaxabiso afikelelekayo injongo zalo nto yonke ikukukhusela abo basebenzisa ezi nkonzo kunye nokukhuthaza ukhuphiswano. Ukonyulwa kwayo kuza kuqinisekisa ukuba uyenziwa umsebenzi osemthethweni webhodi ngokwendlela ethembakeleyo nekhokelisa ukuhanjiswa kweenkonzo.
9.2. Ukonyulwa kwale bhodi kungundoqo ekusekweni nasekuqaleni kokusebenza kwe-TER njengoko ezinye zezinto eziphambili zikarhulumente ikukuxhasa iinkqubo yokwenza iinguqu, eza “kuphucula uyenze lula ukwenza ushishino ngokuvala izikhewu nokwenza izilungiso emithethweni, ukwenza inkqubo yokufakwa kwezicelo zamaphepha-mvume kunye nezinye izicelo, ukunciphisa iindleko zokuzama ukuthobela imithetho”, kwaye oku kuza kwenza iqondakale ngamandla imigaqo-nkqubo, nto leyo eza kunceda ukutsala utyalo-mali olufunwayo, ingakumbi kwicandelo lezothutho.
9.3. I-TER iza kuqinisekisa ukuba imithetho esetyenziswayo inobulungisa kurhulumente kunye namaqumrhu abucala. Iza kuzamela ukuba amaxabiso angabi mabi ukuthintela ukuba kunganyuswa imali kwicandelo lezothutho, kwaye nabakhweli bafumane ixabiso lazo kanye ezi nkonzo bazibhatalele imali. Oku kuza kunceda abantu abasokolayo nabamkela imivuzo ephantsi, uninzi lwabo olusebenzisa izithuthi zikawonke-wonke. Oku kuza kunceda kuphungule imali abayisebenzisa kwezothutho ngenyanga, into leyo iza kwenza noko babenobu gcwabalalana obushiyekayo bokuchola-chola izinto abazifunayo.
9.4. IBhodi ye-TER kuza kufuneka iqinisekise ukuba ezinye iinkampani ezisebenzisa imizila kaloliwe elawulwa licandelo leziSeko ezinguNdonqo zakwa-Transnet ziyiphatha kakuhle, kwaye zikhuthazwe ukuba zithenge izabelo zazo, nto leyo eza kuqinisekisa ukuba amaxabiso okuhambisa imithwalo awatshintsha-tshintshi, oku kuzakubonakala ekutyaleni imali ixesha elide, kunye nokuthenjwa ngabatyali-zimali. Oku kuza kuncedisa kwiinjongo eziphambili zikaRhulumente zophuhliso loqoqosho nokudala amathuba emisebenzi apho imisebenzi emininzi iza kudalwa kwicandelo lezothutho.
9.5. Ukuyekwa kokuhanjiswa kwemthwalo ngezithuthi ezihamba ezindleleni ihanjiswe ngoololiwe kuza kwenzeka kwimeko apho iinkampani ihambisa imithwalo emikhulu efana namalahle, iikhonteyina ngoololiwe ngolo hlobo ke, kuphungulwe umonakalo owenzeka kokusingqongileyo, sisindise iindlela zethu, sinciphise ukugxalathelana kwezithuthi ezindleleni kunye neengozi zendlela. Le Bhodi iza kuqinisekisa ukuba imithetho ithotyelwa ngendlela efanelekileyo zizo zonke iintlobo zezithuthi xa isenza umsebenzi wayo osesikweni.
C. Izigqibo zeKhabhinethi
1. Ukutyikitywa ngokusesikweni kwesiVumelwano sokuSekwa kwe-Afreximbank
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukwamkelwa ngokusesikweni kwesiVumelwano sokuSekwa kwe-Afreximbank ukuba ube lilungu eligcweleyo, ufikelele kwizixhobo zorhwebo notyalo-mali ze-Afreximbank, amaziko enkxaso-mali kunye nezivumelwano zentsebenziswano ngelinge lokuxhasa izinto eziphambili zophuhliso zesizwe nezelizwekazi.
1.2. Ngokusebenzisa iQumrhu le-Inshurensi yokuThunyelelwa kweMveliso kwamanye amazwe (i-ECIC) uMzantsi Afrika uza kutshintshela kwisabelo sezabelo esikudidi A, into leyo eza kuvumela ukuba eli lizwe lidlale indima emandla kulawulo lwe-Afreximbank, kuquka nokuba nelizwi kwizigqibo ngekamva layo, izikhundla kunye nokuqeshwa kwabaphathi abaphezulu.
1.3. Ngokwamkela ngokusesikweni isivumelwano sokusekwa kunye nokuba lilizwe elilungu elipheleleyo, urhulumente woMzantsi Afrika uza kuphucula amandla e-Afreximbank wokunikezela ngoncedo olunzulu lwezimali xa kuthunyelwa iimpahla ngaphandle nakutyalo-mali ngokunikezela ngenkxaso-mali, iimveliso kunye neenkonzo kwiinkampani zoMzantsi Afrika, iibhanki zorhwebo kwakunye namashishini ombuso oMzantsi Afrika ngolo hlobo ixhase icandelo lokuthunyelwa kweempahla ngaphandle kunye nokuvusela amashishini oMzantsi Afrika.
1.4. Ukongeza, ukubeni lilizwe elililungu eligcweleyo kwenza ukuba ukwazi ukuxhamla kwizibonelelo zokungenelela zale banki, amaxa amaninzi ezi zibonelelo zisetyenziswa ngamazwe ase-Afrika angamalungu kunye namaziko awo abucala nanini na xa kukho ukungahambi kakuhle kweemarike, iingxaki zezimali kwihlabathi, ezoqoqosho nezepolitiko elizweni.
2. Inkqubo yoHlahlo Lwabiwo-mali yowama-2026 (imigaqo, izikhokelo kunye nekhalenda)
2.1. IKhabhinethi isiqwalasele isiphakamiso sohlaziyo lohlahlo lwabiwo-mali olujolise ekumiseleni inkqubo yokuhlahla nokwaba iimali exhasa iinjongo zophuhliso zoMzantsi Afrika ngelithuba iza kuqinisekisa ukuba kukho uzinzo lwexesha elide kwizimali zombuso, kwakhona yayamkela imiGaqo yoHlahlo Lwabiwo-mali yowama-2024-2029, iziKhokelo ze-MTEF zowama-2026 kunye nesiCwangciso sekhalenda yeNkqubo yoHlahlo Lwabiwo-mali yowama-2026.
2.2. ImiGaqo yoHlahlo Lwabiwo-mali yama-2024 – 2029
2.2.1. Urhulumente kufuneka aqulunqe inkqubo engenazikroba nezakuquka wonke umntu ukuze kuqale kuvunyelwane ngezinto ezimbalwa ekufuneka azikhokelise phambili kuhlahlo lwabiwo-mali:
a. isicwangciso-sikhokelo sezimali
b. ukutsalwa kwerhafu
c. ukubhatalwa kwetyala
d. amaphulo aphambili otyalo-mali kwiziseko ezingundoqo
e. izinto eziphambili ekufuneka imali ichithwe kuzo nezo ndawo kufuneka kucitshiswe inkcitho kuzo, kunye
f. namanyathelo okukhulisa uqoqosho.
2.2.2. Izigqibo zohlahlo lwabiwo-mali ezisekelwe kubungqina, ezigxininisa kwiziphumo neziqamele ngolwazi.
(a) Inkqubo yohlalo-lwabiwo mali enye, edibeneyo, eselubala nebanzi yokuhlahla nokwaba imali kuquka noKwabiwa kweNgeniso kuwo onke amanqanaba karhulumente.
(b) Ukusebenza ngokwecandelo 214 loMgaqo-siseko apho inkqubo yokuhlahla nokwaba imali kufuneka iwathathele ingqalelo ngokugcweleyo amagunya kunye nomthamo wemali anayo amanqanaba ahlukeneyo karhulumente.
2.2.3. Ukucwangcisa okuhlangeneyo, ukukhokelisa phambili kunye nokuhlahla imali kuquka nokuqinisekisa ukuba iingxoxo ezingemivuzo yabasebenzi bakarhuluente zithathelwa ingqalelo xa kusenziwa uhlahlo lwabiwo-mali.
2.2.4. Izigqibo zohlahlo lwabiwo-mali kufuneka zifunze phambili zize zithathele ingqalelo izinto eziza kufuneka kwixesha eliphakathi, ngoko ke i-MTEF kufuneka ibe sisixhobo esingundoqo esisetyenziswayo sokuqinisekisa ukuba izinto ezikhokeliswa phambili ziyahambelana nepokoto yombuso.
2.2.5. Inkqubo yokuhlahla nokwaba imali kufuneka ihlelwe ngendlela ethile, ibekelwe ixesha kwaye ilandele imithetho njengoko iKhalenda yoHlahlo Lwabiwo-mali imisela amaxesha esigaba ngasinye sale nkqubo ukusuka ekubekeni izinto ekufuneka zikhokeliswe phambili ukuya ekwamkelweni kwemithetho.
2.2.6. Izigqibo zohlahlo lwabiwo-mali kufuneka zilandelelane kwaye zihlonitshwe njengenxalenye yokuqinisekisa ukuba inkqubo yohlahlo lwabiwo-mali iyasebenza.
2.2.7. Izigqeba ezithatha izigqibo ngohlahlo lwabiwo-mali kufuneka zisebenze ngempumelelo, zibe nenxaxheba kwaye zenze umsebenzi ngexesha.
2.2.8. Inkqubo yohlahlo lwabiwo-mali kufuneka yenzelwe ukuqinisekisa ukuba imisebenzi iyenziwa futhi imali yombuso yabiwa ngobunono.
2.2.9. Inkqubo yohlahlo lwabiwo-mali kufuneka iyixhase indlela ekhuthaza ukuba izigqibo zingathathwa ligcuntswana kwaye kuphendulwe ngezigqibo ezithatyathiweyo.
2.3 IziKhokelo ze-MTEF ziyakubethelela ukuzimisela kukarhulumente ukuba abe nenkqubo yohlahlo lwabiwo-mali engqingqwa, eselubala kwakunye nehambelenayo ngolo hlobo exhasa iinjongo zezimali zoMzantsi Afrika zale minyaka izayo kunye nezinto eziphambili ezinxulumene nophuhliso.
3. Idrafti yesibini yoMzantsi Afrika yeGalelo eliMiselwe siSizwe (i-NDC) kumanyathelo ehlabathi okulwa uguqu-guquko lwemozulu njengoko kwakumiselwe kwisiVumelwano saseParis
3.1. IKhabhinethi ivumile ukuba iGalelo eliMiselwe siSizwe (i-NDC) lipapashwe ukuze uluntu luhlomle.
3.2. Le NDC yesibini iphakamisa ukuba umthamo wesisi seGesi eyiNgozi kokusiNgqongileyo (i-GHG) ube yi-320 – 380 mt CO2 eq ngowama-2035.
3.3. Ukuqukunjelwa kwe-NDC yesibini kuzalisekise izivumelwano nezithembiso uMzantsi Afrika ozenze kumazwe ehlabathi ngokumayelana nomonakalo owenziwa luguqu-guquko lwemozulu emhlabeni kunye nokuqinisekisa ukuba kutshintshelwa kuhlobo loqoqosho olungakhuphi isisi esininzi esiyingozi kokusingqongileyo. I-NDC iza kufumaneka kule webhusayithi: https://www.dffe.gov.za
3.4. Urhulumente wenze uhlalutyo olunzulu lwamacandelo aza kuvelisa isisi se-GHG ukuya kutsho kunyaka wama-2035, kwakunye nohlalutyo lwezibophelelo ngokomthetho uMzantsi Afrika okuzo oyamene nesiVumelwano saseParis kunye nemigaqo esetyenziswayo, amacandelo acetyiweyo aza kube esebenzisa umbane ohlaziyekayo ngowama-2035; isiCwangciso-qhinga seSizwe sokuSetyenziswa koMbane ngobuNono kunye nesiCwangciso esiHlangeneyo seziSeko eziBalulekileyo.
4. Ingxelo malunga neeNgxoxo zabaPhathiswa – iDayimani zeNdalo: imiNgeni namaThuba (30 kweyeKhala 2025)
4.1. Icandelo lezedayimani laseMzantsi Afirka lidlala indima ebaluleke kakhulu kwicandelo lezedayimani namatye anqabileyo kwihlabathi kwaye linegalelo elimandla kuqoqosho lweli lizwe. Nangona kunjalo, icandelo lezedayimani lehlabathi lijongene neengxaki ezinkulu ngenxa yemiba enxulumene noqoqosho olukhulu ke ngoko, iKhabhinethi igunyazise iSebe leMithombo yeziMbiwa nePetroliyam ukuba lithathe inxaxheba kwizivumelwano zehlabathi eziza kunceda oorhulumente abavelisa idayimani ukuba bakwazi ukuthengisa nokubhengeza iidayimani zendalo kwihlabathi. Ukuze oku kwenzeke, iKhabhinethi iphinde yalivumela icandelo ledayimani ukuba ligalele i-1% yengeniso yalo yonyaka eliyenze ngokuthengisa iidayimani ezirhabaxa, kumalinge okuxhasa ukuthengiswa kwedayimani yokwenyani nezoqobo zoMzantsi Afrika ukwenzela ukuncedisa kuhlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi.
5. Ukususwa koMthetho osaYilwayo we-SAA SOC Limited kwinkqubo yemithetho ephicothwayo ePalamente
5.1. IKhabhinethi isivumile isicelo sokungeniswa kwesicelo sokurhoxiswa koMthetho oYilwayo we-South African Airways (i-SAA) Soc Limited kuluhlu lwemithetho ephicothwa yiPalamente.
5.2. IsiVumelwano sokuThenga nokuThengisa kunye nokuguzulwa koMthetho we-SAA uNombl 5 wowama-2007 sasixhomekeke kwiSebe lamaShishini kaRhulumente esele lavalwayo ukuba lizalisekise izinto ezithile phambi kokuba esi sivumelwano siqukunjelwe. Lo Mthetho uYilwayo wawondlalwe ePalamente ngomhla wama-25 kweyoMqungu 2024; kodwa, ngomhla we-14 kweyoKwindla 2024, kwaye kwabhengezwa ukuba isivumelwano siyekiwe emva kokuba kwabakho ukungavisisani okukhulu phakathi kwamaqela ayechaphazeleka. Ngenxa yoko, ukupheliswa
kwesivumelwano kwayenza yonke imiqathango eseleyo equka ukuguzulwa koMthetho we-SAA uNombl 5 wowama-2024 kungenzeki, yiyo loo nto ke ngoku kukho esi sicelo sokurhoxiswa kwalo Mthetho uYilwayo kuluhlu lwemithetho eza kuphicothwa yiPalamente.
D. ImiThetho eyiLwayo
1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkonzo zaManzi
1.1. IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkonzo zaManzi. Lo Mthetho uYilwayo uza ukwenza ngqingqwa imithetho kunye nolawulo lweenkonzo zamanzi kwakunye nokuqinisekisa ukuba abaninzi bayawuthobela uMthetho weeNkonzo zaManzi, wangowama-1997 (uMthetho uNombl 8 wowe-1997).
1.2. Ezi zilungiso kuMthetho weeNkonzo zaManzi ziza neenguqu zokungahlulwa koLawula lweeNkonzo zaManzi (i-WSA) kunye neyeNkampani eziBonelela ngeeNkonzo zaManzi (i-WSP) ngoomasipala, ngokuthi unike ingcaciso ethe kratya malunga nemisebenzi yeqela ngalinye kula, kulungiswe ingxaki yomsebenzi ongemhlanga wee-WSP ngokufaka umgqaliselo osemthethweni wokuba ii-WSA zingaqesha kuphela ii-WSP ezinamaphepha-mvume okusebenza afuna ukuba zibonakalise izakhono ezikumgangatho omiselweyo ezikhutshwa liSebe lezaManzi noGutyulo.
1.3. Ezi zilungiso ziza kuvala nezikhewu ezibonwe licandelo lamanzi, kuquka nokumisela amatyala xa kuthe kophulwa umthetho, imimiselo nemigangatho yokungenelala kunye nemigangatho eyeyona isezantsi yee-WSP ezisebenzayo, ekufuneka inyanzeliswe zii-WSA.
2. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weSizwe wezaManzi
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo weSizwe wezaManzi. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho weSizwe wezaManzi, wango-1998 (uMthetho uNombl 26 wowe-1998). Ezi zihlomelo ziza kuphucula imimiselo, kananjalo ziza kuqinisekisa ukuba imithombo yamanzi yeli lizwe ilawulwa ngokufanelekileyo, ikhuselwe futhi iyalondolozwa. Lo Mthetho uYilwayo wenza neziphakamiso zokuba kususwe iingxaki zokungalingani zangaphambili ezinxulumene nokwabiwa kwamanzi, ze uzalisekise iCandelo 27 loMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 ngokumisela umthetho oza kuphucula indlela ekhuselwa ngayo imithombo yamanzi yesizwe.
3. Uyilo loMthetho-siHlomelo oLungisiweyo wezaBantwana
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-siHlomelo oYilwayo wezaBantwana ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukuhlaziya nokomeleza uMthetho wezaBantwana, wowama-2005 (uMthetho uNombl 38 wowama-2005), ugxila kwiindawo ezithile ezingundoqo ezifana nezikroba ezikhoyo kwinkqubo zokukhathalela nokukhusela abantwana kwiinkonzo ezahlukeneyo ezisuka ekuthinteleni, ukungenelela kwangethuba, imithetho, ezinye iindlela zokukhathalela, ukudityaniswa kwakhona kunye neenkonzo zokunakekelwa kwabantwana ukuphuma kwesikolo. Lo Mthetho uYilwayo uza kwenza ngqingqwa amanyathelo okukhusela nangakumbi abantwana kubundlobongela, ukuphathwa gadala, impatho-mbi, ukungakhathalelwa kunye nokuxhatshazwa.
E. Izikhundla
Zonke izithuba zixhomekeke ekungqinisisweni kweziqinisekiso zamabakala ezemfundo kunye nokukhutshwa kwesiqinisekiso sokhuseleko nokuziphatha okufanelekileyo.
1. Gq Cynthia Ntombifuthi Khumalo njengoMlawuli-Jikelele weSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko.
2. Gq Sipho Ngomane njengeSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DGG): uLawulo lweMisebenzi yeSebe kwiSebe lezoKhenketho.
3. Nks Yanga Ntombizodidi Tantsi njenge-DDG: ooKopolotyeni abaManyanisiweyo kunye noPhuhliso lwamaShishini amaNcinci kwiSebe lezoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci.
4. Mnu Vuyisa Africa Dayile njenge-DDG: uMgaqo-nkqubo weCandelo noPhando kwiSebe lezoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci.
5. Gq Nonhlanhla Ignatia Ndlovu njenge-DDG: HIV/AIDS, TB kunye ne-MCWH kwiSebe lezeMpilo.
6. Ukuqeshwa kwamalungu amele urhulumente kwiBhodi yeNgxowa-mali yoKwakha iTirisano
a. Njing Wellington Didibhuku Thwala;
b. Nks Allyson Lawless;
c. Gq Msizi Reginald Myeza; kunye
d. noNks Zukiswa Kimani.
7. Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi ye-National Housing Finance Corporation
(a) Mnu Khalid Desmond Golding (uSihlalo);
(b) Nks Balungile Siphumelele Dlungwane;
(c) Mnu Thulani Siyabonga Mabaso;
(d) Nks Jacqueline Ramatsimele Maisela;
(e) Nks Ayesha Seedat;
(f) Nks Alison Hickey -Tshangana;
(g) Nks Nomzamo Babhekile Hlengiwe Khumalo;
(h) Adv Mthokozisi Daluxolo Xulu;
(i) Nks Tshepiso Florah Kobile;
(j) Mnu Velile Cecil Dube;
(k) Nks Noluthando Khulukazi Mashologu; kunye
(l) noMnu Satish Roopa.
8. Ukuvalwa kwezithuba kwiBhodi ye-Schemes Ombud Service
(a) Nks Busisiwe Nwabisa Nzo (uSihlalo);
(b) Nks Sarah Madinoge Letsie;
(c) Nks Moganambal Karen Muthen; kunye
(d) noMnu Mduduzi Orville Sikhumbuzo Zungu.
9. Ukuvalwa kwezithuba kwiBhodi yoGunyaziwe waBasebenzi bePropati
(a) Nks Mmanare Evylyn Mamabolo;
(b) Nks Merriam Mapule G. Mashiteng;
(c) Mnu Leshabe Samuel Rampedi; kunye
(d) noMnu Thomas Khorommbi Sigidi.
10. Ukuvalwa kwesithuba kwiBhodi ye-Arhente yoPhuhliso lweZindlu
(a) Mnu Malesela Phineas Sebatjana.
11. Ukuqeshwa kwamalungu eBhodi ye-South African Airways (i-SAA)
(a) Nks Sedzani Faith Mudau (uSihlalo);
(b) Nks Fathima Gany (uSekela-Sihlalo);
(c) Mnu Theunis Potgieter;Mnu Mongezi India;
(d) Mnu Dennis Thokozani Dlomo;
(e) Nks Pamela Bulelwa Yako;
(f) Nks Bongiwe Pityi;
(g) Gq Salome Chiloane-Nwabueze;
(h) Gq Prittish Dala;
(i) Mnu Lisa Mangcu;
(j) Nks Bongiwe Mbovu;
(k) Nks Siphumelele Dlungwane;
(l) Adv Johannes Collen Weapond
(m) Njingalwazi John Lamola (CEO)
(n) Nks Lindsay Olitzky (CFO)
12. Ukuqeshwa kwabaLawuli abangeyoNxalenye yesiGqeba soLawulo kwiBhodi yoLawulo loQoqosho lwezoThutho (i-TER) (Ukuqeshwa kweBhodi ye-TER kuyinxalenye yokwenza uhlengahlengiso kwicandelo lothungelwano nokuthuthwa kwemithwalo emikhulu).
(a) Nks Ethel Teljeure (uSihlalo);
(b) Nks Balebebetje Zondi;
(c) Nks Fathima Bibi Sheik;
(d) Mnu Lucky Thekisho;
(e) Mnu Vincent Blennies; kunye
(f) noMnu Ravindra Nair.
13. AbaLawuli abengeyoNxalenye yesiGqeba soLawulo beBhodi yethutyala yeNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela
(a) Mnu Kenneth Brown (uSihlalo)
(b) Nks Nonhlanhla Mabusela-Aikhuere (uSekela-Sihlalo).
(c) Nks Ntswaki Kutumela;
(d) Nks Innocentia Mmule Pule;
(e) Mnu Richard Dyantyi;
(f) Mnu Mpontshane Afred Mkhipheni;
(g) Mnu Neeshan Balton;
(h) Nks Alfredina (Ntina) Themba
F. Imisitho Ezayo
1. USuku lwamaNina
1.1 UMongameli Ramaphosa uza kukhokela umsitho wesizwe osisikhumbuzo sowama-2025 soSuku lweSizwe lwamaNina ngomhla wesi-9 kweyeThupha ngowama-2025 kumabala ezemidlalo eNkowankowa, eTzaneen eLimpopo. Isikhumbuzo salo nyaka siza kubanjwa phantsi komxholo obanzi othi: “Ukwakha uQoqosho oluZimeleyo kumntu wonke” mxholo lowo ohambelana kanye nesikhundla esibanjwe nguMzantsi Afrika sokuba nguMongameli we-G20 kunye nokuzibophelela kwaso kwiNtsebenziswano, uLingwano noZinzo.
1.2 Inkqubo yalo nyaka igxininisa kumba wokulwela amanina ukuba athathe ixaxheba kubukhokeli nakwiintshukumo zoqoqosho, ukukhuthaza ukuquka wonke umntu kwezemali kunye nokulwa isihelegu sobundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina njengoko singumqobo kumalinge okuxhobisa amanina ngezakhono.
1.3 INyanga yamaNina ayingomsitho nje wokuhlonipha ukomelela kunye negalelo lamanina aphuma kwiintlanga ezahlukeneyo, koko ikwalikhwelo lokuqinisekisa ukuba amanina ayinxalenye epheleleyo yamaphulo okubumba ikamva loMzantsi Afrika.
2. Imbizo yokufundisa nokwazisa nge-JCPS GBVF
2.1 INtlanganisela yezoBulungisa, ukuThintela uLwaphulo-mthetho nezoKhuseleko (i-JCPS) iza kubamba imbizo yokufundisa nokwazisa ngobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwamaNina (i-GBVF) ngomhla wesi-8 kweyeThupha eGa-Kgapane, eLimpopo.
2.2 Eli phulo liza kudibanisa amasebe karhulumente, imibutho yoluntu, iinkokheli zemveli kunye noluntu ngeenjongo zokufundisa kunye nokuphucula amanyathelo akhokelwa luluntu okulwa nesihelegu se-GBVF.
3 INgqungquthela yoTyalo-mali yase-Afrika
3.1 IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNgqungquthela yoTyalo-mali lwaManzi yeMbumba ye-Afrika eKapa ukususela ngomhla we-13 ukuya kowe-15 kweyeThupha 2025. Le ngqungquthela iza kuzinyaswa ziNtloko zemiBuso nooRhulumente, abaPhathiswa bezaManzi base-Afrika, amazwe angamalungu e-G20, abatyali-zimali, icandelo labucala, iingcali eziqulunqa imigaqo-nkqubo, izifundiswa, imibutho yehlabathi kunye namanye amacandelo ukuza kugwadla imiba enxulumene nemingeni yokuhanjiswa kwamanzi, inkxaso-mali yeziseko ezingudoqo kunye notyalo-mali kwezamanzi kweli lizwekazi.
3.2 Le ngqungquthela iyahambelana nenjongo ye-G20 yokunyusa umthamo nomgangatho wemali yezemozulu eya kumazwe asaphuhlayo ngokuqokelela utyalo-mali oluza kuya kumalinge okuqinisekisa ukuba kukho amanzi oneleyo, kwakunye neziseko zogutyulo ezizinzileyo. Ezinye zeziphumo zale ngqungquthela iza kuba kukuchonga amanyathelo olawulo, izimali, iinkcukacha kunye nezakhono kwicandelo lezamanzi, ikakhulu ukuzingela utyalo-mali lokuncedisa kule mali ikhoyo inqongopheleyo yachazwa kwi-Afrika Water Investment Programme, nekwabizwa ngokuba yi-Mind the Gap, Invest in Water Campaign. Ukongeza, le ngqungquthela iza kubonisa nangeeprojekthi esele ziqalisiwe koongxowankulu.
4. Ukuphehlelelwa kweziko i-Zuikerbosch Water Purification Works le-Rand Water
4.1. UMongameli Ramaphosa uza kuvula ngokusesikweni iziko i-Zuikerbosch Water Purification Works le-Rand Water kufutshane nase-Vereeniging ngomhla wesi-8 kweyeThupha 2025. Eli lelona ziko likhulu lala maxesha lokuCoca Amanzi e-Afrika kwaye liza kuncedisa kula maziko akhoyo eRand Water ngolo hlobo liqinisekise ukuba kukho amanzi oneleyo e-Gauteng.
5. Imiyalezo
5.1. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kubahlobo nosapho
- lukaRhulumente waseNigeria kunye nabantu beliya lizwe emva kokuswelaka koMongameli wangaphambili, uMuhammadu Buhari. Ubunkokheli bukaMongameli Buhari benza asebenzisana nangakumbi la mazwe akuthi mabini kwaye wayenegalelo elihle kuhlumo nophuhliso lwe-Afrika iyonke.
- LukaNks Tracy Brown, umtshutshisi wasenkundleni yenqila, obesebenza kwiNkundla kaMantyi yase-New Brighton eGqeberha othe wagetyengwa ngolunya phambi kwendlu yakhe. Ukugwintwa kwakhe kufana nesenzo sokulwa umthetho kunye namalinge ethu angapheliyo okubamba izaphuli-mthetho.
- Lwentatheli edumileyo noMhleli-Jikelele wephepha-ndaba i-Sowetan, uPearl Sebolao obesele enesithuba esingaphezulu kweminyaka angama-20 eyintatheli.
- Legqala lomlinganisi nechule lomhlekisi, uMeme Ditshego, yena omisebenzi yakhe yaziwa kumabonakude, kwimidlalo yeqonga nakwimiboniso-bhanyabhanya.
- Lukasomashishini odumileyo, ingcali yomsiki-mpahla kunye nalowo wayengomnye wabo baseka inkampani yefashoni eyaphumelela imbasa, i-Sun Goddess, uVanya Mangaliso nowavuselela isinxibo sesiNtu saseMzantsi Afrika satsho saphinda sathandwa ngenene.
- KuRhulumente waseGhana, ngengozi yokuwa kwenqwelo-ntaka ibilayishe amagosa karhulumente aliqela.
1. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana neminqweno emihle:
- KwiJaji enguMongameli uDunstan Mlambo owonyulwe njengeSekela leJaji eyiNtloko yoMzantsi Afrika. UJaji Mlambo ebekade esebenza njengeJaji enguMongameli weNkundla ePhakamileyo kwiCandelo laseGauteng kwaye waziwa ngokuzimisela kwakhe ukuqinisekisa ukuba icandelo leenkundla lizimele, wonke umntu uyabufumana ubulungisa, kwaye kwenzeka iinguqu kwezomthetho.
- kuGq Mafu Rakometsi, i-CEO ye-Umalusi Council ngokonyulwa njengoMongameli we-International Association for Education Assessment
- Kwiqela loMzantsi Afrika ngokuqhuba kakuhle kakhulu kwi-2025 FISU World University Games, eGermany. Iqela loMzantsi Afrika libuye neembasa ezili-19, eziquka ezeGolide ezi-6, ezeSilivere ezi-5 kunye nezeBronzi ezisi-8.
a. UBayanda Walaza uphumelele igolide kwi-100m ne-200m.
b. Iqela loMzantsi Afrika le-4x100m relay yamadoda (Bayanda Walaza, Retshidisitswe Mlenga, Kyle Zinn, Mthi Mthimkulu) liphumelele isilivere.
c. ULythe Pillay uphumelele igolide kwi-400m yamadoda.
d. U-Aiden Smith uphumelele igolide kwi-shot put yamadoda, ngokuphosa abogqithe bonke kwilinge lakhe lesithandathu nebilelokugqibela.
e. UPieter Coetze uphumelele iimbasa zegolide ezimbini kwi-50m ne-100m backstroke yamadoda. Uphumelele nenye imbasa yegolide kunye nezinye zesilivere ezimbini kwi-World Aquatic Championships eSingapore.
- Kwiqela loMzantsi Afrka ngokuqhuba kakuhle kakhulu kwi-2025 African U18 ne-U20 Championships kwezeMbaleki, umsitho lowo ububanjelwe e-Abeokuta, eNigeria. Iqela loMzantsi Afrika liphumelele iimbasa zegolide, ezesilivere nezebronzi kwiintlobo ezahlukeneyo zemidlalo.
- KuZakithi Nene ngokuphumelela ibronzi kwi-400m kwi-London Diamond League.
- KuRetshidisitswe Mlenga ngokufikelela kwinqanaba elifanelekileyo kwi-World Championship 100m e-Austria.
- Iqela lombhoxo loMzantsi Afrika labaneminyaka engaphantsi kwama-20 (i-Junior Springboks) ngokuphumelela i-World Rugby U20 Championship, eRovigo, e-Italy.
- Ku-Aldrich Potgieter ngukuphumelela indebe yokuqala kwi-PGA Tour eneminyakana nje engama-20 ubudala, ngokuphumelela i-2025 Rocket Classic eDetroit Golf Club e-USA.
- kumaGqala eQakamba oMzantsi Afrika ngokuphumelela kumdlalo wamanqam kwi-World Championship of Legends eBirmingham, England.
- Kwi-Redhill School ngokwenza imbali ngokuba sisikolo sokuqala soMzantsi Afrika ukuphumelela i-U17 World Schools Netball Cup.
- KwiCandelo lezeeNdaba le-SABC ngokugqiba iminyaka engama-75 lisasazela isizwe.
- KuMzantsi Afrika ngokukhululelwa ukuba ube lilizwe elisesikweni eliza kusingatha i-2026 LIV Golf Tournament, umsitho wehlathi omkhulu wezemidlalo oza kubanjelwa eGauteng, eMzantsi Afrika ngenyanga kaCanzibe 2026 okokuqala ezimbalini.
Imibuzo:
Nks Nomonde Mnukwa – Ibambela leSithethi sikaRhulumente
Umnxeba: 083 653 7485