A. ImiBa engokuSingqongileyo
1. EzoQoqosho
1.1. UMzantsi Afrika: Eyona Ndawo iThandwa ngaBatyalimali
1.1.1. IKhabhinethi iye yacamngca ngoluvo oluthembisayo lwabatyalimali oluvakaliswe nguMongameli u-Cyril Ramaphosa kananjalo icamngcile nangotyelelo lukaMongameli u-Paul Mashatile e-New York e-USA nase-London e-United Kingdom (e-UK), ngokulandelelanayo.
1.1.2. Inkqubo kaMongameli, yangelixa ekwiNdibano Jikelele yama-79 yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA), iquke amathuba okwazisa uMzantsi Afrika njengeyona ndawo yotyalomali ithandwayo njengoko akwenze kwintetho yakhe kwi-New York Stock Exchange – elona ziko lonaniselwano ngezabelo likhulu ehlabathini ngokomyinge weemali ezifakwa kwiimarike.
1.1.3. Iphulo likaSekela Mongameli lotyalomali e-UK nase-Ireland likwaquke nentetho kwi-London Stock Exchange (i-LSE) malunga nesidingo sokwandisa utyalomali lwabo eMzantsi Afrika. I-LSE yayilelona ziko lonaniselwano ngezabelo ixabisekileyo eYurophu ukususela ngowama-2023.
1.1.4. Bobabini, uMongameli u-Ramaphosa noSekela Mongameli uMashatile, kunye negqiza ebelibapheleka, bayicacisile imiba ephambili kuRhulumente woManyano lweSizwe (i-GNU), owona mba uphambili ikukuphumeza ukukhula koqoqosho oluqukayo nokudalwa kwamathuba emisebenzi, kunye namalinge aqhubekayo okuphumeza loo miba iphambili imiselweyo. Ngaphezu koko bawuchazile umsebenzi oqhubekayo ngenkqubo yohlengahlengiso lolwakheko ukuze kudalwe iimeko ezilungele utyalomali. Inkqubo yohlengahlengiso lwezakheko iququzelelwa nge-Operation Vulindlela yi-Ofisi kaMongameli kunye nekaNondyebo weSizwe.
1.2. ISigaba sesi-2 soBambiswano lukaRhulumente noShishino
1.2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa kweSigaba sesi-2 soBambiswano lukaRhulumente noShishino esijolise ekufezekiseni ungenelelo oluphambili kuzo zonke iinkalo ezikhethiweyo ekugxilwe kuzo ukuze kukhawuleziswe indlela yelizwe esingise ekukhuleni koqoqosho olubandakanyayo nokudalwa kwemisebenzi, ngokwandisa ngotyalomali olwandisiweyo nokuphunyezwa ngokukhawuleza kweenguqu, ukuze kuphuculwe iimvakalelo zesizwe.
1.2.2. AmaGosa aLawulayo aziiNtloko zamashishini amakhulu aseMzantsi Afrika angaphezu kwe-130 esebenza ngokuxhasa ungenelelo lukarhulumente, ahlanganise izixhobo zokusebenza, kuquka nobuchule bokujongana nengxubakaxaka yocimicimi wombane ekungoku sele iphoswe kwelokulibala, zokuxhasa ukufezekiswa kwesicwangciso soThutho ngeNdlela, uHlaziyo lweNkqubo yokuKhupha ii-Visa, kunye nokulwa ulwaphulomthetho norhwaphilizo ngexesha leSigaba soku-1.
1.3. Inkqubo yokuHlaziywa kwee-Visa iPapashiwe kwiGazethi
1.3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa kwigazethi kwenkqubo entsha yokulawulwa kwee-visa eMzantsi Afrika njengenyathelo eliphambili lokutsalela kweli izakhono zamazwe ngamazwe notyalomali, ukukhulisa ukhenketho nokudala imisebenzi.
1.3.2. UMphathiswa weMicimbi yezeKhaya, uGqr Leon Schreiber, olo hlaziyo ulupapashile kwigazethi nto leyo iyenye yeempumelelo phantsi kuka- Operation Vulindlela.
1.4. Ukusetyenziswa kwemithetho yezabasebenzi
1.4.1. IKhabhinethi izincomile iinzame zokuhlola eziluqilima ezikhokelwe ngokubambiseneyo liSebe lezeNgqesho nezaBasebenzi (i-DEL) zokuqinisekisa ukuba abaqeshi bayayithobela imiqathango yokugaya abasebenzi.
1.4.2. Ukususela ekuqaleni koLawulo lweSixhenxe, i-DEL ikhuphele abaqeshi abaphambukayo kwishishini lokhenketho iifayini ngenxa yokuqhubekeka kwabo ngokuqesha abantu abavela kwamanye amazwe abangenamaphepha, fayini ezo ziyimali engaphezu kwe-10 lezigidi zeeRandi. Olu hlolo luyafana nolo lwenziwa kushishino lwezigadla ukuqinisekisa ukuba abaqeshi bayayithobela imiqathango yoMthetho weeMeko eziSisiseko seNgqesho, ka-1997 (uMthetho wama-75 ka-1997).
1.4.3. Olu hlolo lubeke elubala iimeko zokungathotyelwa kweMithetho yezaBasebenzi ezibandakanya ukuhlawulwa kwemivuzo enganeno, ukuxhuzulwa kwemali ngokungekho mthethweni, kunye namanyathelo angonelanga wezempilo nokhuseleko emsebenzini.
1.5. ISikimu seThutyana sokuNceda uMqeshi noMsebenzi (i-TERS)
1.5.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukonyuka kohlahlo lwabiwomali lwe-TERS ukusuka kuma-400 ezigidi zeeRandi (R400 million) ukuya kwizigidigidi ezi-2.4 zeeRandi (R2.4 billion) kulo nyakamali.
1.5.2. Oku kunyuswa yinxalenye yokusabela kwangexesha kukarhulumente ekuncedeni ukulondoloza imisebenzi ngokunceda iinkampani ezizifumana zikwingxaki yemali ngenxa yeemeko ezinzima zoqoqosho kwaye ngokwenjenjalo kuncitshiswe ukudendwa.
2. UkuLwa uLwaphulomthetho noRhwaphilizo
2.1. Ulwaphulomthetho
2.1.1. IKhabhinethi ikugxekile ukubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo (18) eLusikisiki kunye nabathandathu (6) ababejikeleza begade uluntu kuQumbu eMpuma Kapa kwiziganeko zokudutyulwa kwabantu ngobuninzi.
2.1.2. IKhabhinethi ikwamkele ukuthunyelwa ngokukhawuleza kwegqiza lamagosa aziingcali zogcinomthetho ukuba liphande ngezi ziganeko zodutyulo, msebenzi walo osele uvelisa iziqhamo, njengoko umrhanelwa omnye esayanyaniswa ngqo nokubulawa kwabo bantu bali-18 eLusikisiki kwaye sele evele enkundleni.
2.1.3. IKhabhinethi iyamkele impumelelo yamaphulo akhokelwa bubuntlola aqhutywe kwindawo yase-Verulam nase-High-Flats KwaZulu-Natal. Kwiphulo lase-Verulam, amapolisa aqubisene nongqondongqondo kunye nomnye wabona barhanelwa bafunwayo kuninzi lweziganeko zokuphanga imali kuxhotyiwe (Cash-in-Transit) kwaZulu-Natal. Umrhanelwa ubulewe kudutyulwano emva kokuba ehlwayele imbumbulu emapoliseni. Ngokunjalo, abarhanelwa ababini (2) kwityala lokubulala abantu abasixhenxe (7) kwisiganeko sase-High-Flats babulewe kudutyulwano namapolisa.
2.1.4. IKhabhinethi iyonwatyiswa yimpumelelo eqhubekayo ye-Operation Shanela. Kule veki iphelileyo, bangaphaya kwama-10 000 abarhanelwa ababanjelwe intlaninge yamatyala afana nokubulala, ukudlwengula, ukuba nemipu engekho mthethweni, ukuphangwa kwamashishini kunye neemeyile ezithutha iziyobisi ngokufunyanwa nekhokheyini (cocaine) kumazibuko ethu okungena kweli lizwe.
2.1.5. Ngokunjalo iKhabhinethi ilincomile iphulo elibanjwe ngokubambiseneyo eLimpopo eliye lakhokelela ekubhaqweni kwelebhu yeziyobisi e-Lebowakgomo, apho kuye kwafunyanwa iziyobisi ezixabisa malunga nezigidi ezi-4 zeeRandi kwaze kwabanjwa abarhanelwa abathathu (3).
2.2. Ukulwa urhwaphilizo
2.2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukubanjwa kwabalawuli beefemu zobunjineli abathandathu abatyholwa ngokuzenza inkampani elungele inkqubo yokuXhotyiswa kwabaNtsundu kwezoQoqosho kunye nobuqhophololo obungezinikimaxabiso, buqhophololo obo bulinganiswa nezigidi ezingama-400 zeeRandi kwa-Eskom nase-Sasol.
2.3. UBundlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwaBasetyhini (i-GBVF)
2.3.1. Ukuwiswa kwesigwebo esingasayi kulibaleka somdlwenguli ogqugqisileyo uNkosinathi Phakathi egwetywa ubomi bakhe bonke entilongweni izihlandlo ezingama-42 evalelwa yiNkundla ePhakamileyo yase-Gauteng sisilumkiso esiqatha kubaphulimthetho be-GBVF sokuba izenzo zabo ezimanyumnyezi aziyi kusibamba ngobhongwane isizwe sakowethu.
2.3.2. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bachaze bonke abenzi bolwaphulomthetho lwe-GBVF okanye naluphi na uhlobo lobundlobongela olujoliswe kubantu abasemngciphekweni wokuthuthumbiseka - umntwana, umntu omkhulu okanye umntu okhubazekileyo - kwisikhululo samapolisa sasekuhlaleni okanye batsalele umnxeba kule nombolo yasimahla ethi: 086 00 10111.
3. Ulawulo olululo
3.1. Ekufezekiseni ukuzibophelela okuvakaliswe ngelixa leVoti kaMongameli yoHlahlo lwabiwomali, kuzibophelela oko kumalunga nokusebenza ngokubambisana noorhulumente bamaphondo kunye noorhulumente basekhaya ukujongana nemingeni yokuziswa kweenkonzo, uMongameli u-Ramaphosa uza kukhokela igqiza lamalungu eKhabhinethi ekuyeni kuthethathethana neeNkulumbuso kunye namaLungu eeKomiti eziLawulayo zamaPhondo.
3.2. Utyelelo lokuqala luya kuba seLimpopo ngoLwesihlanu, umhla woku-1 kweyeNkanga 2024 kwaye luya kulandelwa lutyelelo lwaKwaZulu-Natal ngoLwesine, umhla wesi-7 kweyeNkanga 2024.
4. Ukhuseleko loluntu
4.1. IMo yeZulu eMaxongo
4.1.1. IKhabhinethi ikhuthaze abemi boMzantsi Afrika ukuba bahlale bephaphamile kwaye babambelele kwizilumkiso zemozulu ezivela kwiNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika. Eli lizwe lisaqhubeka ngokujamelana neemeko zemozulu eqatseleyo ukusuka kwikhephu elingaqhelekanga, izikhukula, izandyondyo zemvula, imimoya eyonakalisayo nobushushu obugqithisileyo ngenxa yefuthe lokutshintsha kwemozulu. Izilumkiso zemozulu zisasazwa kuwo onke amajelo eendaba, kubandakanywa nezikhululo zikanomathotholo zasekuhlaleni.
4.1.2. Kungekudala iKhabhinethi iza kufumana isiCwangcisoqhinga soLawulo lweeNtlekele neNdlela yokuSabela esihlaziyiweyo esiza kujongana nokuthomalalisa iintlekele nokusabela, kuquka inkxasomali yokujongana neentlekele.
4.2. UkuSungulwa kweQonga leSizwe soMzantsi Afrika laseZidolophini eliJongene neeNdawo zokuHlala neziCwangciso ezingeeDolophu
4.2.1. Isebe lokuHlaliswa koLuntu, eloLawulo ngeNtsebenziswano neleMicimbi yezeMveli ndawonye noThungelwano lweeDolophu zaseMzantsi Afrika (South African Cities Network) kunye neNkqubo yeZizwe eziManyeneyo yokuHlaliswa koLuntu (UN-Habitat), libambe iQonga lokuQala leSizwe soMzantsi Afrika elimalunga nokuHlaliswa koLuntu eHlabathini nokuCwangciswa kweeDolophu (Urban Agenda) kunye noMgaqonkqubo weeDolophu woMzantsi Afrika. Eli qonga lihlanganise amahlakani angundoqo asekuhlaleni ukuze asombulule imingeni kananjalo asebenzise amathuba okufudukela ngesantya esiphezulu kwabantu ezidolophini eMzantsi Afrika.
4.2.2. Loo foramu iqaqambise ukubaluleka kobuchule bokulawula ukufudukela kwabantu ezidolophini okuhamba ngesantya esiphezulu ngokubhekiselele ekusabeleni kwezinye izinto ezinkulu eziqhubekayo ezinjengokutshintsha kwemozulu, iindlela ezintsha zothutho nethekhnoloji.
4.3. Ukubuyiswa kwaMathambo waBalweli beNkululeko boMzantsi Afrika
4.3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukubuyiswa kwamathambo amaqhawe ethu enkululeko awayengcwatywe ngethuba eselubhacweni e-Zimbabwe nase-Zambia. Ukubuyiselwa kwamathambo abo kuMzantsi Afrika okhululekileyo nowedemokhrasi kukufezekiswa kweNtshayelelo yoMgaqosiseko weRiphabhliki yoMzantsi Afrika ka-1996, ntshayelelo leyo isiyalela ukuba 'singcibe iyantlukwano yexesha elidlulileyo size siseke uluntu olusekelwe kwiinqobo ezisemgangathweni zedemokhrasi. ubulungisa eluntwini kunye namalungelo oluntu asisiseko.’
4.3.2. Eli phulo liyinxalenye yeProjekthi yokuBuyiswa kwabo babe seluBhacweni, phulo elo lijolise ekuvumeleni eli lizwe neentsapho ukuba zikhumbule ngembeko abo babesilwela inkululeko nobulungisa, kunye nokuba urhulumente anike imbeko kananjalo abuyisele ilifa labo bancama ubomi babo ngenxa yenkululeko yelizwe.
4.3.3. UMzantsi Afrika uya kusoloko uziva unyanzelekile ukuba ukhumbule ukubambana ngezandla kwawo wonke amazwe abonelele abalweli benkululeko ngekhusi, inkxaso kunye neendawo zokuphumla okokugqibela.
4.4. Ezemidlalo
4.4.1. IKhabhinethi imemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba babonakalise inkxaso yabo kunozinti we-Mamelodi Sundowns ne-Bafana Bafana, u-Ronwen Williams, ochongwe njengomnye woonozinti abali-10 abaphambili ehlabathini kumsitho wamabhaso we-Ballon d’Or we-Yachine Trophy, ngokuvota apha: https://www.lequipe.fr/en/special/selection/ballon-dor-2024/section/the…
4.4.2. U-Williams ngumdlali wokuqala eMzantsi Afrika ukutyunjelwa i-Yachine Trophy kumsitho wamabhaso we-Ballon d’Or. Uhlelo lwama-68 lomsitho wamabhaso luya kuqhutywa ngomhla wama-28 kweyeDwarha 2024. De kube ngoko, singamvotela u-Williams nangesiNgesi nesiFrentshi.
5. ImiCimbi yeZizwe ngeZizwe
5.1. Isigqibo se-UNGA malunga noSirayeli nePalestina
5.1.1. IKhabhinethi isamkele isigqibo se-UNGA (United Nations General Assembly) esiya kuhlala sihleli ezimbalini nesibhengeze ukuba ukuzinza kukaSirayeli eMpuma ye-Jerusalem, kw-iWest Bank ne-Gaza akukho mthethweni, kananjalo sagunyazisa ukurhoxiswa ngokupheleleyo kwamasetlani namajoni akwaSirayeli.
5.1.2. Esi sigqibo asibalulekanga kuphela kwityala elifakwe nguMzantsi Afrika kwiNkundla yoBulungisa yaMazwe ngaMazwe (i-ICJ) koko namazwe aphuhlileyo afana ne-Spain, i-Belgium ne-Japan azimanyanisile namazwe amaninzi akuMzantsi weHlabathi ngenjongo yokuxhasa eso sigqibo.
5.2. Utyelelo ngoMsebenzi kuBukumkani base-Lesotho
5.2.1. IKhabhinethi iyamkele ingxelo engoTyelelo lukaMongameli u-Ramaphosa kubuKumkani base-Lesotho ngoLwesihlanu, umhla we-4 kweyeDwarha 2024, tyelelo olo aluqhube ngokomsebenzi ngokumenywa nguKumkani u-Letsie III. Kolo tyelelo, uMongameli ebezimase uSuku lwama-58 lweNkululeko yase-Lesotho kunye noMbhiyozo weMinyaka engamaKhulu amaBini (Bicentennial Celebration), kwaye wenze nentetho kuloo mbhiyozo ukukhumbula ubutyebi belifa leSizwe saBesuthu.
5.3. UNgquzulwano oluQhubekayo e-Sudan
5.3.1. IKhabhinethi iyifumene ingxelo engokwanda kongquzulwano e-Sudan yaze yahlaba ikhwelo kubo bonke abantu base-Sudan ukuba bathobele izikhokelo ze-AU kunye noGunyaziwe woPhuhliso Phakathi kooRhulumente (Intergovernmental Authority on Development) ukuze kupheliswe olo ngquzulwano. UMzantsi Afrika ukulungele ukunikezela ngobuchule bawo bokunceda amaqela, abadlalindima kunye nabanye abachaphazelekayo abafanelekileyo ukuba basebenze kunye ukuya ekufumaneni uxolo oluya kuhlala luhleli e-Sudan.
B. IiNgxelo eziJoliswe kwiKhabhinethi
1. INgxelo ngokusongwa koPhicothozincwadi lweNdlela yokuPhila kwamalungu aPhezulu eNkonzo yoLawulo (i-SMS)
1.1. IKhabhinethi ichazelwe ngenkqubela eyenziweyo malunga nokusongwa kwenkqubo yokubhengeza ngendlela ye-intanethi (e-Disclosures) indlela aphila ngayo amalungu e-SMS yaza yancoma inkqubela equka ukuthotyelwa kwemigaqo ngokupheleleyo ngamasebe ali-147 kumasebe ali-160 emaphondweni kananjalo ivile nangophando oluqhubekayo ngokubhekiselele kumalungu angayithobeliyo imigaqo.
1.2. IKhabhinethi ibongoze iSebe lezaBasebenzi bakaRhulumente noLawulo ukuba licinge ngokulinga ukunatyiselwa kwenkqubo ye-eDisclosure koomasipala.
2. Ingxelo ngokusekwa kweRejista yoLuleko eyiNtloko kuwo omathathu amanqanaba karhulumente
2.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo malunga nenkqubela eyenziwe ekusekweni kweRejista yoLuleko eyiNtloko kuwo omathathu amanqanaba karhulumente yaze yaxhasa isindululo sokunxibelelanisa iRejista yoLuleko eyiNtloko nenkqubo karhulumente ye-PERSAL kunye neenkqubo zorhulumente wasekhaya zokuhlawula imivuzo yabasebenzi, ukuze ibe nokubona okwenzekayo ekugayweni kwamagosa achaphazelekayo, ayekileyo emsebenzini okanye agxothiweyo.
C. IziGqibo zeKhabhinethi
IMithetho esaYilwayo
1. UMthetho osaYilwayo weNkampani yePetroliyam yeSizwe soMzantsi Afrika (i-SANPC)
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukwandlalwa ePalamente koMthetho osaYilwayo i-SANPC wama-2024. Lo Mthetho usaYilwayo ubonelela ngokusekwa kwenkampani karhulumente, uphumeza isigqibo seKhabhinethi somhla we-10 kweyeSilimela 2020 sokudibanisa i-PetroSA, iNkampani yoPhuhliso lweRhasi yaseMzantsi Afrika (iGas) kunye noMbutho weNgxowamali ejongene namaMafutha anguNdoqo (Strategic Fuel Fund Association).
1.2. Isakhono sokucokisa i-oli salapha eMzantsi Afrika ubukhulu becala siphantsi kweeNkampani ze-Oli zaMazwe ngaMazwe (ii-IOC), nto leyo ibeka emngciphekweni ukufumaneka kwamafutha alulwelo njengoko ii-IOC zivala amaziko azo okucokisa. Lo Mthetho usaYilwayo umisela i-SANPC njengekokeli esizweni eza kuba namalungelo okuyihlola ngokwayo i-oli nerhasi kwaye ibe nezabelo ngendlela eyenza ukuba urhulumente abenamalungelo okuba nezabelo kumashishini abucala.
2. IDrafti yoMthetho osaYilwayo weeMveliso zePetroliyam 2024
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho osaYilwayo weeMveliso zePetroliyam ukuze uluntu luhlomle. Injongo yaloo Mthetho usaYilwayo kukuqinisekisa ukhuseleko lweemveliso zepetroliyam kunye nophuhliso olucwangcisiweyo lwecandelo leemveliso zepetroliyam, kubandakanywa nokwaziswa kweemveliso zala maxesha, ezibucoceka kunye neemveliso ezivuselelekayo eziza kuphucula iintlobo ngeentlobo zamandla.
2.2. Lo Mthetho usaYilwayo uza kuba negalelo kwizinto urhulumente azibeke phambili ngokubekiselele kutshintsho lwezoqoqosho nokudalwa kwemisebenzi kulawulo lwecandelo leemveliso zepetroliyam eMzantsi Afrika kananjalo uza kuhlangabezana nokuxhalaba okuninzi okwathi kwavakaliswa malunga nolawulo loMthetho weeMveliso zePetroliyam, ka-1977 (uMthetho we-120 ka-1977).
3. UMthethosihlomelo osaYilwayo wezeMpilo noKhuseleko eMigodini
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukwandlalwa ePalamente koMthethosihlomelo osaYilwayo wezeMpilo noKhuseleko eMigodini.
3.2. Lo Mthetho usaYilwayo ujolise ekuhlomeleni uMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMigodini, ka-1996 (uMthetho wama-29 ka-1996) ngokulungelelanisa iinkqubo zolawulo, ukomeleza imimiselo yokusetyenziswa kwawo, ukuqinisa ukona nezohlwayo, kunye nokuhlomela iinkcazelo ezithile.
3.3. Lo mthetho usaYilwayo, phakathi kwezinye izinto, uya kuqinisekisa ukuba imigangatho yezempilo nokhuseleko iphunyezwa ngempumelelo, iyasetyenziswa kwaye iyaphuculwa emigodini, ngokwenjenjalo kuncitshiswe ukufa, ukonzakala kunye nezifo ezibangelwa ngumsebenzi.
D. Abatyunjiweyo
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. UMnu Nkululeko Lwazi Mahlangu njengoSekela Mlawuli-Jikelele: ULawulo ngeNdlela eYiyo, iMingcipheko noThotyelo kwiSebe leMisebenzi yoLuntu ngokuBanzi neziSeko zoPhuhliso.
2. Ukutyunjelwa kwamalungu kwibhodi yeziko i-Limpopo-Olifants Catchment Agency:
(a) U-Adv Thato Goodness Moeeng (USihlalo);
(b) UMnu Nandha Govender (USekela Sihlalo);
(c) UMnu Francois Joubert;
(d) UNksz Phathutshedzo Mudzanani;
(e) UGqr Vhahangwele Bologo Akwinekomi;
(f) UMnu Nkhangweni Lawrence Rambau;
(g) UMnu Dikgole Timothy Seroka;
(h) U-Adv Reinette Mary Rosey;
(i) No-Adv Elanie Broekman.
E. Imicimbi ezayo
1. INyanga yezoThutho
1.1. Kulo nyaka kukhunjulwa unyaka we-19 kwamiselwa iNyanga yeDwarha njenge nyanga yezoThutho kwaye oko kuza kukhunjulwa phantsi komxholo othi: “Sikunye senza nangakumbi”. Imisitho iza kugxila ekuboniseni iziseko zophuhliso zoluntu kunye nokuphuculwa okuqhubekayo kwiinkonzo zoluntu ngokusebenzisana nabo bonke abachaphazelekayo.
1.2. Kwenziwa inkqubela ebonakalayo kwimo yezothutho ukususela oko kwasekwa iNdibano yeeNgxoxo zamaQela akwa-Transnet (Transnet War Room), nto leyo yenze ukuba kube ngcono ukusebenza kwakhe u-Transnet kwimisebenzi yakhe yothutho ngoololiwe nangamazibuko.
1.3. Urhulumente uza kubhengeza neeprojekthi ezinkulu zolwakhiwo lweendlela, kuquka ukuphuculwa kwe-N2/N3 KwaZulu-Natal kunye neNdlela iMoloto, edibanisa iphondo lase-Gauteng, elaseMpumalanga nelaseLimpopo.
1.4. I-Arhente yaBakhweli bakaLoliwe yaseMzantsi Afrika nayo yenze inkqubela ebonakalayo ngokuvulwa kwakhona kwemizila ephambili equka i-Germiston-Katlehong-Kwesine Line, ekwinqanaba lovavanyo, kunye nomzila i-Cape Town Central Line okumbindi weKapa, ocwangciselwe ukuqukunjelwa ekupheleni kwalo nyakamali.
2. UNyaka woPhuhliso lwezeNtlalo
2.1. Inyanga yeDwarha ikwayiNyanga yoPhuhliso lwezeNtlalo kwaye urhulumente uzimisele ukwazisa ngeenkonzo ezibonelelwa liSebe loPhuhliso lwezeNtlalo.
2.2. Kule nyanga, kuya kutyelelwa uluntu kwimimandla eyahlukeneyo yeli lizwe ngenjongo yokuqhagamshelanisa uluntu neenkonzo zentlalo, neenkqubo zokuphuculwa komgangatho kananjalo nokuqhuba iingxoxo noluntu, ukuququzelela kunye nokusebenzisa iinkqubo zokukhuthaza ukuze kuphuculwe umgangatho wobomi boluntu oluchaphazelekayo.
3. INkomfa yoNyaka yeSizwe engeMbali eBaliswa ngoMlomo
3.1. UMzantsi Afrika uza kusingatha iNkomfa yoNyaka yeSizwe engeMbali eBaliswa ngoMlomo yowama-2024 ukususela ngomhla wesi-7 ukuya kowe11 kweyeDwarha 2024 oLundi, KwaZulu-Natal.
3.2. Kwinkomfa yalo nyaka, ingqwalasela eyodwa iya kunikwa loo miba yenkumbulo yesizwe engabhalwanga, engalondolozwanga ingagcinwanga nakoovimba besizwe nabamaphondo.
4. INyanga yoKwazisa ngeMpilo yeNgqondo
4.1. Le nyanga yeDwarha yiNyanga yoKwazisa ngeMpilo yeNgqondo, nto leyo ijolise ekufundiseni uluntu malunga nempilo yengqondo nokulukhuthaza ukuba lunakekele impilo yalo yengqondo. Sikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba bafune uncedo nenkxaso, kwaye babahloniphe abo baphethwe zizigulo zengqondo.
5. INgqungquthela ye-Brazil, i-Russia, i-India, i-China ne-South Africa (i-BRICS)
5.1. UMongameli Ramaphosa uza kuzimasa iNgqungquthela ye-BRICS yowama-2024 e-Kazan, eRashiya ukususela ngomhla wama-22 ukuya kowama-24 kweyeDwarha 2024.
5.2. Umxholo wale Ngqungquthela ye-16 uthi: “Ukomeleza ukuSebenzisana kwaMazwe ngaMazwe kuSenzelwa uBulungisa noKhuseleko eHlabathini”, kwaye iza kubonisana ngemiba emalunga norhwebo, imiba yezopolitiko lwehlabathi kunye nokuqhubela phambili intsebenziswano phakathi kwamazwe angamalungu.
6. USuku lweNkululeko yaMajelo eeNdaba
6.1. NgoMgqibelo, umhla we-19 kweyeDwarha 2024, uMzantsi Afrika uza kubhiyozela uSuku lweNkululeko yaMajelo eeNdaba ukukhumbula iziganeko zangomhla we-19 kweyeDwarha kowe-1977 (uLwesithathu oMnyama) ziganeko ezo yayizezokuvala imibutho eli-19 ye-Black Consciousness Movement kunye namaphephandaba amabini (2). UMzantsi Afrika olawulwa ngedemokhrasi wenze inkqubela phambili ebonakalayo ekuqhubeleni phambili inkululeko yamajelo eendaba nenkululeko yokuthetha utyhatyhiwe. Ilungelo lenkululeko yokuthetha utyhatyhiwe libethelelwe kuMgaqosiseko woMzantsi Afrika.
7. IMbuzo kaMongamelo engeNdlela yokuPhuhliswa kweZithili (i-DDM)
7.1. UMongameli Ramaphosa uza kukhokela iMbizo kaMongameli ye-DDM eya eMgababa kuMasipala oMbaxa waseThekwini KwaZulu-Natal ngoLwesihlanu, umhla wesi-8 kweyeNkanga 2024.
7.2. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubahlali baseMgababa nemimandla ebangqongileyo ukuba beze kuloo mbizo kananjalo bathethathethane nabameli babo boluntu malunga nezisombululo zemingeni ekhoyo kwiindawo abahlala kuzo, kwaye bafumane iindlela zokuphucula ukuziswa kweenkonzo.
8. Iimviwo zeMatriki (i-NSC)
8.1. IKhabhinethi inqwenelela iKlasi ka-2024 impumelelo ekuqaliseni iimviwo zayo zematriki ngomhla wama-21 kweyeDwarha 2024, kwaye ihlaba ikhwelo kubazali nabanakekeli babantwana ukuba babaxhase abafundi ngeli xesha linzima kangakanana kuhambo lwabo lwezemfundo.
8.2. Imatriki (i-NCS) iya kuhlala ixabisekile, kwaye ivula iindlela ezininzi ezithungela umdla wabantu bethu abatsha.
G. Imiyalezo
1. Eyokuvuyisana
IKhabhinethi idlulise amazwi ovuyisano kunye neminqweno emihle:
• kwiQela lezoMthetho loMzantsi Afrika kwi-ICJ ngokuwongwa ngeMbasa yesi-4 ka-Steve Biko/Frantz Fanon yeNkululeko ngokwaseNgqondweni. Elo wonga lelomsebenzi wabo wokuxhasa iziVumelwano zeNgqungquthela engokuThintela nokoHlwayelwa uLwaphulomthetho lokuBulawa kwaBantu ngoBuninzi e-Gaza. Amalungu elo qela ngaba: u-John Dugard SC; u-Adila Hassim SC; uTembeka Ngcukaitobi SC; u-Blinne Ní Ghrálaigh KC, u-Max du Plessis SC, u-Vaughan Lowe KC, Tshidiso Ramogale, Sarah Pudifin-Jones no-Lerato Zikalala.
• koonjingalwazi u-Salim Abdool Karim no-Quarraisha Abdool, ngokuwina iMbasa ye-Lasker edumileyo yenkonzo yoluntu ebathathelwa ngayo ingqalelo ngophando lwabo lwe-HIV olube neziphumo zokusindisa ubomi ezingazanga zalanywa ngaphambili.
• U-Relebogile Maloma, umfundi okhaliphileyo weBanga lesi-3 ofumana unyango lohlobo lwe-chemotherapy ndawonye notitshala wakhe, uNqobile Mbatha, abathe bafumana iMbasa eKhethekileyo kaMphathiswa i-# MyTeacher Award ngebali labo elikhuthazayo. Nangona ekwidabi lokulwa nomhlaza, u-Relebogile, ngenkxaso engagungqiyo kaNksz Mbatha, ukwazile ukuqhubeka nomsebenzi wakhe wesikolo ngelixa esesibhedlele. UNksz Mbatha uqinisekise ukuba u-Relebogile akasaleli ngasemva, emnceda kananjalo ekubeni ahlale enxibelelene nezifundo zakhe kunye nabo afunda nabo. Ngalo mzamo ungaqhelekanga, u-Relebogile akakwazanga nje ukungashiyekeli kuphela kwabanye koko uye wagqwesa, wagqibela engomnye kwabaphezulu kwabali-10 eklasini yakhe – konke oko kusenzeka esekwibhedi yakhe esibhedlele. Ibali labo libubungqina obunamandla befuthe eliguqulayo lokufindisa ngovelwano nangokuzinikela, nokomelela komoya wale nto umntu.
• UNks Melisa Carol Du Plessis ofumene ukuwongwa ngokugqwesa ekufundiseni iBanga-R;
• UNks Bonisiwe Happiness Maphumulo ofumene ukuwongwa ngokugqwesa ekufundiseni kwisikolo samabanga aphantsi ;
• UNks Nthabiseng Mavis Mateba ofumene ukuwongwa ngokufundisa iZakhono zokuPhila kwiBanga loku-1 ukuya kwelesi-6;
• UNksz Koliwe Doris Mbatha ofumene ukuwongwa ngokugqwesa kubunkokeli beZikolo zamaBanga aPhantsi;
• UMnu Thapelo Jacob Mthimkhulu ofumene ukuwongwa ngokufundisa kwiSikolo samaBanga aPhezulu;
• UNksz Rose Martha De Jonker ofumene ukuwongwa ngokugqwesa kubunkokeli kumaBanga aPhezulu;
• UMnu Tiisetso Daniel Chaka ofumene ukuwongwa ngokugqwesa ekufundiseni abanezidingo ezizodwa;
• UMnu Mbongiseni Cyril Dlamini ofumene ukuwongwa ngokugqwesa kubunkokeli kwabanezidingo ezizodwa;
• UMnu Itumeleng Esau Jr Komane ofumene ukuwongwa ngokugqwesa kwinkqubo yokufundisa nokufunda ngokuncediswa yithekhnoloji;
• UNks Maserole Mojela ofumene ukuwongwa ngokugqwesa ekufundiseni iiNzululwazi zeNdalo;
• UNks Motlatso Lucia Maake ofumene ukuwongwa ngokugqwesa ekufundiseni iNzululwazi yeZinto eziPhathekayo;
• UMnu Ethon Alexander ofumene ukuwongwa ngokugqwesa ekufundiseni imathemathiki;
• UMnu Sithembiso Eugene Mahlalelo ofumene ukuwongwa ngokugqwesa ekufundiseni imathemathiki;
• UMnu Derek Swart ofumene iwonga i-Kader Asmal Lifetime Achievement; kunye
• NoNks Ntombozuko Mkizwana ofumene ukuwongwa ngokuba ngoyena Titshala uFundise Kakuhle Kakhulu.
• AmaBhokobhoko, iqela lethu lomboxo lesizwe, ngokuphumelela ngaphandle kwamathandabuzo xa ebedlala ne-Argentina nangokuthweswa isithsaba sokuba ziiNtshatsheli zoMboxo zika-2024 (2024 Rugby Champions).
• IQela loMzantsi Afrika laBadlali beBhola eKhatywayo abaNgamadoda aBudala buNgaphantsi kweMinyaka engama-20, nelaziwa njengaMajita, ngenxa yokuthweswa isithsaba sobutshatsheli be-TotalEnergies CAF Under-20 Africa Cup of Nations, nokufaneka kwabo ukhuphiswano lwe-2025 U-20 Africa Cup of Nations (indebe yezizwe zase-Afrika yabadlali abaminyaka yobudala ingaphantsi kwama-20).
• I-Motorsport South Africa, ngokuthi ikwazi ukufumana ilungelo lokubamba umsitho omtsha we-World Rally-Raid Championships (i-W2RC), wona kungoku nje uza kuqhubeka eMzantsi Afrika ngowama-2025.
• U-Zoalize Jansen van Rensburg, ngokuthweswa isithsaba se-Miss World South Africa 2024. U-Zoalize uneminyaka yobudala eli-18 kwaye uza kumela eli lizwe kukhuphiswano lwama-72 lwe-Miss World Pageant 2025.
• Abo bawina kwiintlelo ngentlelo ze-SAICA South Africa in Australia Awards yokuqala. IWonga leGosa loLawulo eliyiNtloko (i-CEO Award) liye kuManana Johnson ngenxa yokubonakalisa kwakhe intlaninge yezakhono kulwakhiwo loluntu, Ubuntu, ifuthe entlalweni nokubadakanya ulutsha.
2. Amazwi ovelwano
• IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kuRhulumente nakubantu base-Democratic Republic of Congo emva kwesihelegu esehlele abebehamba ngesikhitshana sokuhamba kwi-Lake Kivu ngoMgqibelo, umhla wesi-5 kweyeDwarha 2024, nesithe sasuba imiphefumlo yabantu.
IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho nezihlobo:
• Zika-Pastor Ray McCauley owaziwa kakhulu, umseki wecawe i-Rhema Bible Church nowayesakuba nguSihlalo weBhunga leSizwe leeNkolo ngeeNkolo zoMzantsi Afrika.
• zowayesakuba yiJaji Willem Heath – owayechophele i-Heath Commission neyayiphanda ngorhwaphilizo, ubuqhophololo nolawulo olugwenxa eMpuma Kapa, waphinda wakhokela iCandelo loPhando eliKhethekileyo - ukususela ngowe-1997 ukuya kowama-2001.
• Zika-Solomon Molokoane owaziwa kakhulu kuMculo weGospile, nobesaziwa ngegama laseqongeni elingu ‘Solly Moholo’, osinike inkuthazo, ukuphiliswa nokonwatyiswa ngomculo wakhe.
• zikaSiphiwe ‘General GTZ’ Sibisi, owayelilungu lokugqibela elalisaphila kwiqela le-Kwaito, i-Chiskop, eladlala indima ebaluleke kakhulu ekuphuhliseni umculo we-Kwaito kweli.
3. ISaziso eSiya kuLuntu ngokuBanzi
a. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abantu belizwe lethu ukuba basebenzise amanzi ngononophelo njengoko uMzantsi Afrika uselilizwe elimanzi anqongopheleyo kwaye kungokunje sisajongene nokunqongophala kwamanzi. Ngokukodwa, sibongoza abahlali base-Gauteng naKwaZulu-Natal, apho kusetyenziswa kungokunje inqanaba lokuqala (1) nelesibini (2) lezithintelo zokusetyenziswa kwamanzi, ngelithi mabathobele izithintelo ezimiselweyo.
b. Amanzi bubomi, wasebenzise ngenkathalo.
Ikhutshwe: liZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Imibuzo: Nksz Nomonde Mnukwa – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485