INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebiBanjwe ngoLwesithathu, uMhla wama-28 kwekaCanzibe 2025

A.    ImiBa enguNdaba-mlonyeni
1.    Ezamazwe ngamazwe
1.1    Ubudlelane phakathi koMzantsi Afrika ne-US

1.1.1    IKhabhinethi isamkele isicwangcisoqhinga sokuvuselelwa kobudlelwane phakathi koMzantsi Afrika ne-United States(i-US) ngethuba lokutyelela kukaMongameli uCyril Ramaphosa kwelo e-US.
1.1.2    Igqiza laseMzantsi Afrika nelaseUS liya kuqukumbela iinkcukacha zesivumelwano sorhwebo phakathi koMzantsi Afrika ne-US, kambe singatsho ngelingathandabuziyo ukuba iinjongo uMzantsi Afrika obujolise kuzo kolo hambo zifezekisiwe.
1.1.3    IKhabhinethi inethemba lokuba abalawulayo e-SUa baya kuqhubeka ngokuthatha inxaxheba kwi-G20, kuquka nokuza kukaMongameli uTrump kwiNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20.
1.1.4    Ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika neFrance 
IKhabhinethi ilwamkele utyelelo lwaseburhulumenteni lukaSekela-Mongameli uShipokosa Paulus Mashatile oluye lwaqinisa ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika neFrance. USekela-Mongameli kunye negqiza loMzantsi Afrika baye bazimasa iNkomfa yoTyalomali yeSA-France ngeenjongo zokuphucula utyalomali olwenziwa ziiNkampani zaseFrance eMzantsi Afrika nolo lwenziwa ziinkampani zaseMzantsi Afrika eFrance, kananjalo nokuseka kwakhe ubambiswano ngotyalomali oludityanelweyo phantsi kwesivumelwano esingoMmandla ongaHlawulisani iRhafu yoRhwebelwano lweLizwekazi lase-Afrika (i-AfCFTA).

2.    EzoQoqosho
2.1    UHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe

2.1.1    IKhabhinethi iyalwamkela iluxhasa uHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2025 olwandlalwe nguMphathiswa wezeziMali ngoLwesithathu, umhla wama-21 kwekaCanzibe 2025, hlahlo lwabiwo-mali olo oluchaza imibandela ephambili engundoqo yenkcitho ephuma kwiimali ezimele kuhlawulwa ngurhulumente kule minyaka mithathu izayo.
2.1.2    UHlahlo Lwabiwo-mali lweSizwe lubonakalise ukuzibophelela kwethu kulawulo olululo lwezemali. Sibonakalise ukuba uqoqosho siluqhuba ngendlela ejongene nabona bantu basemngciphekweni kwisizwe sethu, ngelixa sityale imali kwizinto ezinxulumene noqoqosho ngotyalomali oluyitriliyoni yeerandi kwiziseko ezingundoqo kule minyaka mithathu izayo.
2.1.3    Olu hlahlo lwabiwo-mali lulungiselelwe abangathathi ntweni luthetha ukuba kwiRandi nganye, ama61 eesenti zenkcitho edityanisiweyo nengenanzala iya kuchithwa kwiinkonzo ezisisiseko zasimahla ezifana nombane, amanzi, imfundo, iinkonzo zempilo, izindlu ezifikelelekayo, kwakunye nezibonelelo zezentlalo zabo basweleyo.

2.2    INgqungquthela yoPhuhliso oluZinzileyo lweziSeko ezinguNdoqo (i-SIDSSA) yowama-2025

2.2.1    IKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa ngempumelelo, kwe-SIDSSA yowama-2025 leyo ebibanjelwe eKapa ukusuka ngomhla wama-25 ukuya kowama-27 kwekaCanzibe 2025, nalapho bekutyhilwa uhlelo lwesibini lweli lizwe lwencwadi yolwakhiwo: “Uluhlu lweeProjekthi zeziSeko ezinguNdoqo eziXhaswa ngeMali”.
2.2.2    Ngexesha lokuqhubeka kwale ngqungquthela, kwabhengezwa imiba ephambili yeziseko ezingundoqo ezisixhenxe (7), zikaBid Window 1 ukulungiselela iiprojekthi, ngenjongo yokuphakamisa umnqweno wesizwe sakokwethu wokusebenzisa iziseko ezingundoqo ukukhulisa uqoqosho, ukudala imisebenzi nokwakha uluntu oluzinzileyo.
2.2.3    Ixabiso lilonke leeprojekthi eziphantsi kolwakhiwo kungoku nje elizweni lingaphezulu kwemali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-313.5, ngelixa iiprojekthi ezisalindileyo zeziseko ezingundoqo zecandelo lezamandla zibandakanya imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-180 zotyalomali kumaphulo okuveliswa kombane oyinxalenye yombane wesizwe.

3.    EzoBulungisa, uThintelo loLwaphulomthetho noKhuseleko 
3.1    IiNkcukachamamani zoLwaphulomthetho

3.1.1    Ukukhutshwa kweenkcukachamanani zolwaphulomthetho zekota yesine yonyakamali wama-2024/2025 kuqinisekisa ukuba ulwaphulomthetho luhlala lungumba wentlalo yoluntu eMzantsi Afrika ochaphazela wonke umntu. Ezi nkcukachamanani zibonakalisa ukuhla kwamanye amacandelo olwaphulomthetho, kuquka ukubulala. Nangona kunjalo, lwandile ulwaphulomthetho lwezorhwebo, izenzo zolwaphulomthetho ngokwesondo, kuqukwa udlwengulo kunye nolunye ulwaphulomthetho lokwabelana ngesondo.
3.1.2    Siyayincoma iSAPS ngomsebenzi okhawulezileyo wokuphanda nokubamba abanamatyala e-GBVF. Amapolisa sele ebabambile abarhanelwa ngokubulawa kukaOlorato Mongale, umfundi weYunivesithi iWits nosidumbu sakhe sifunyenwe emva kokuba ebekhutshwe besiya konwabisana nalowo kurhanelwa ukuba ngumbulali. Singurhulumente sidlulisa amazwi ovelwano  kusapho nezihlobo zakhe.
3.1.3    Urhulumente uyasamkela isigwebo esiwiswe nguJaji uNathan Erasmus kwiNkundla ePhakamileyo yeNtshona Koloni, egwebe uKelly Smith, uJacquen Appollis, noSteveno van Rhyn ubomi bethothoza entolongweni ngokurhweba ngabantu, kunye neminyaka eli-10 eyongezelelweyo yokuxhwila, zigwebo ezo zinxulumene nokulahleka kukaJoshlin Smith oneminyaka emithandathu ubudala. Naxa esi sigwebo singathi sizisa ubulungisa noko, kodwa zona iintliziyo zisebuhlungu. Siya kuhlala sibambelele. ekuzibopheleleni kwethu ekutyhileni inyaniso kunye nokuqinisekisa ukuba umthetho uyaqhubeka nokulandela yonke into enokukhokelela ekufunyanweni kukaJoshlin.  Ukukhuselwa kwabantwana ngumba ophambili wesizwe. Siza kuqhubekeka nokwenza ngqingqwa imithetho yethu, ubambiswano, kunye neenzame zoluntu zokuqinisekisa ukuba wonke umntwana waseMzantsi Afrika ukhuselekile, uxatyisiwe kwaye uyakhuselwa ekwenzakalisweni.
3.1.4 Njengorhulumente siza kuqhubeka ngokuqinisa idabi lethu lokulwa nolwaphulomthetho ngokuqesha nokuqeqesha amagosa amatsha kunye nokubuyisela amacandelo awodwa okulwa ulwaphulomthetho. Oku kuquka ukuxhobisa ii-arhente zethu zogcino-mthetho ngezixhobo zale mihla noqeqesho olufunekayo ukuze kuliwe nemingeni enzima yanamhlanje emalunga nolwaphulomthetho..

3.2    Ukuthintela ufudukelo olungemthetho

3.2.1 Ukuphehlelelwa kwe-Operation New Broom linyathelo lamvanje eliqhutywa ngobuchwepheshe liSebe leMicimbi yezeKhaya elilungiselelwe ukulwa nofudukelo olungemthetho nto leyo ibonakalisa ukuzinikela kukarhulumente ekulweni ulwaphulomthetho nokugcina ucwangco. Eli nyathelo lisebenzisa ubuchwepheshe ukubamba, ukufumanisa ityala nokubuyisela kumazwe akubo abafudukeli abangekho mthethweni elizweni.
3.2.2 Eli phulo, kwisigaba salo sokuqala, likhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abanga-25 abathathe umhlaba ngokungekho mthethweni eDistrict 6, eKapa. Eli nyathelo lisebenzisa ubuchwepheshe bebhayometriki ukuqinisekisa imo yobufudukeli yabarhanelwa, nto leyo yenza ukuba kupheliswe umngcipheko wokubakho kwamaxwebhu obuqhophololo, nto leyo yenza kube lula ukuqukunjelwa kwamatyala ziinkundla.

4.    Ulawulo
4.1    URhulumnete woBumbano weSizwe  (i-GNU))

4.1.1    Namhlanje sigqiba unyaka ngqo emva konyulo lweSizwe nolwamaPhondo olusiphumo salo sathetha ukuba akukho qela lezopolitiko linkqenkqeze phambili ngesininzi ngokupheleleyo. Eli xesha lidale ukungaqiniseki okukhulu kuMzantsi Afrika nakubantu bawo. Namhlanje njengoRhulumente woBambuno weSizwe (i-GNU), siyazingca ngokuba sakwazi ukuseka urhulumente kwisithuba seentsuku ezili-14, impumelelo eqaqambileyo ke leyo xa kujongwa ixesha elithathwa ngamanye amazwe ehlabathi elaziwa njengelokuqala ukuseka urhulumente kwiimeko ezifanayo.
4.1.2    Esi siganeko sibonakalisa ukuzinikela ngokutsha kuzinzo, ubambiswano nolawulo olubandakanyayo. Olu bambiswano luyimbali, olusekwe ngamaqela ezopolitiko ali-10, lubonakalise amandla okubeka isizwe phambili ngokubeka phambili iimfuno zoMzantsi Afrika nabantu bawo. Ngokusebenzisa iingxoxo ezakhayo kunye nokuvumelana, amaqela asebenze kunye ukujongana nemiba engxamisekileyo, ukukhuthaza umanyano kunye nenjongo esinazo nangona iingcamango zethu zahlukile.

B.    Eza kutsha nje eziya kwiKhabinethi
1. Amalungiselelo weNgqungquthela ye-G20

1.1    Indawo yokuBambela iNgqungquthela ye-G20
INgqungquthela yeeNkokeli ze-G20 iza kuqhutyelwa kwiZiko leMiboniso iNASREC eRhawutini ngeyeNkanga 2025. I-NASREC le (iZiko leSizwe leMisitho yezoLimo, iMidlalo noLonwabo) yakhiwa ngowe-1984 ngexesha kugquba kakhulu inkqubo yoCalucalulo. Indawo emi kuyo ephakathi kweRhawuti kunye neSOWETO, yayimele umda ophakathi kwesixeko kunye nezithintelo zokuhamba kunye nokuqala kweSoweto, eyayisebenza njengendawo yokugcina abasebenzi abamnyama abaqeshwa ngemivuzo ephantsi. Urhulumente wolawulo lwentando yesininzi uyaqhubeka ngokuphuhlisa indawo yase-NASREC ukuze isebenze njengeqhagamshela elichasene nocalucalulo lokucwangciswa kwezithuba lwangexesha localucalulo olwahlula uMzantsi Afrika ophuhlisiweyo kongaphuhliswanga, nto leyo iseluphawu lokwenene lwaseMzantsi Afrika ekungathiwa ingamazwe amabini kwilizwe elinye. Namhlanje, uphuhliso olungqonge iNASREC njengesixeko sale mihla, esinayo neSoccer City (ibala lezemidlalo iFNB), ibala lemidlalo lesizwe laseMzantsi Afrika elibaluleke kakhulu. ISoccer City eyayisingethe umdlalo wokuqala weNdebe yeHlabathi yebhola ekhatywayo kumhlaba waseA-frika iphakathi kwamabala emidlalo angama-20 angawona makhulu ehlabathini. Ngoko ke, ukubanjwa kweNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20, nanjengayo yonke eminye imisitho emininzi kwindawo ye-NASREC iyaqhubeka ngokuba negalelo ekwenzeni i-NASREC ibe luphawu lokudityaniswa kweendawo ngeendawo ukuze uMzantsi Afrika ube ngonolingano.

1.2    INgqungquthela yezeNtlalo ye-G20
UMzantsi Afrika kungekudala uza kutyhila isicwangciso nenkqubo yeNgqungquthela yezeNtlalo ye-G20. Inyathelo leNgqungquthela yeNtlalo ye-G20 yinxalenye yenkqubo eyamkelwa kwi-Brazil G20 Initiatives, eyadala iqonga lemibutho yezentalo kunye nemibutho yoluntu echatshazelwa zizigqibo zepolotiki yehlabathi kunye nemo yoqoqosho ngokubanzi, zigqibo ezo zenziwe ziinkokeli zamazwe weli Qela le-G20 linobunganga.

1.3    IiNtlanagniso zamaLungiselelo eNgqungquthela ye-G20 
Njengenxalenye yamalungiselelo aqhubekayo e-G20 njengoko sisebenzela ukufikelela kwizigqibo ekufuneka ziqwalaselwe kwiNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20, kubanjwe ezi ntlanganiso ze-G20 zilandelayo: 
a)    INtlanganiso yesiBini yoBambiswano yeHlabathi yokuBandakanywa kwiZimali (ebibanjelwe eMpumalanga – yona yaxoxa ngokubaluleka kokuqhubela phambili ukubandakanywa kwezemali ngokubonelela ngenkxaso yemali kumashishini asakhasayo, amancinci naphakathi kunye nendlela engcono yokusebenzisa ubuchwepheshe ukubandakanya abantu abangabonelelwa ngokwaneleyo.
b)    Intlanganiso i-W20 Inception Meeting eyayisingethwe yi-Human Sciences Research Council (i-HSRC) namahlakani ayo eKapa - yanika ithuba amaqela ahlukeneyo ajongene nomsebenzi wokuxoxa ngemiba echaphazela abasetyhini, kuquka indima yabasetyhini kuqoqosho, i-GBVF, ukufikelela kwimfundo nobulungisa kwezempilo.
c)    INtlanganiso yesiThathu yeQela eliJongene noMsebenziweZiseko ezinguNdoqo ebibanjelwe eMpumalanga - ibigxile kwiMveliso yeziseko ezingundoqo ezinqumla imida, ukonyusa utyalomali oluzinzileyo kusetyenziswa imali exutyiweyo nokwakhiwa kweeprojekthi ezisacetywayo ekunokutyalwa kuzo imali.
d)    Intlanganiso yesiBini yePhulo le-G20 kuQoqosho lweZinto eziPhilayo  ebibanjelwe eMpumalanga - ixoxe ngokusetyenziswa koqoqosho lwezinto eziphilayo  ukujongana nokukhula koqoqosho, uphuhliso oluzinzileyo, ukukhuselwa kokusingqongileyo kunye nobulungisa kwezentlalo.
e)    Intlanganiso yeQela le-G20 eliJongene noPhando nobuChule bokuYila kunye neNtlanganiso yeQela yolukuXoxa bezibanjelwe eMpumalanga - zihlole inkqubela eyenziweyo kwizinto ezilishumi ekwakuvunyelwene ngazo kwintlanganiso yokuqala kwaza kwaxoxwa ngesiBhengezo se-G20 saBaphathiswa ngezoPhando nobuChule bokuYilwa.
f)    INtlanganiso yesiThathu yeQela eliJongene noPhuhliso ebibanjelwe KwaZulu-Natal - ibigxile kwimiba ephambili yeQela eliJongene noPhuhliso ngenjongo yokufikelela kwimvumelwano ngokujongana nemingeni yophuhliso engxamisekileyo yale mihla siphila kuyo kunye nokukhawulezisa ukufikelelwa kwee-SDG.
g)    INtlanganiso yeeNzululwazi eziPhambili kwezoLimo (i-MACS) ebibanjelwe eLimpopo - ixoxe ngezicwangcisoqhinga ezinokusetyenzwa ngendlela amazwe ehlabathi anokuqinisa ngayo ukuxhaphaka kokutya, ukulima okuzinzileyo, kunye nokutshintsha kwemozulu ngokusebenzisa izinto ezintsha nobambiswano kwezenzululwazi. 
h)    INdibano ye-G20 engoNonophelo lwaBantwana aBasakhulayo neMfundo - ixoxe ngokubeka uKhathalelo lwaBantwana aBasakhulayo kunye neMfundo phambili kwiajenda yemfundo yehlabathi.
i)    INdibano ye-G20: Ukwamkelwa kweziQinisekiso zeMfundo Ngawo oNke Amazwe eHlabathi ngokwakwiMo yeHlabathi - ixoxe ngemiba ebaluleke kakhulu ekubumbeni iinkqubo zemfundo ebandakanyayo nekhuphisanayo ehlabathini jikelele kwizinto ezifana nokufudukela kwabasebenzi kumazwe ngamazwe, ukuhamba kwezakhono kunye nendima eguqukayo yeziqinisekiso ezinzulu njenmfundo yobomi bonke kunye nokuqesheka.
j)    INtlanganiso yesiBini yeQela eliJongene nezeMfundo ebibanjelwe eMntla Ntshona yaxoxa ngokubonelela bonke abafundi ngemfundo esemgangathweni nebandakanyayo.

C.    IziGqibo zeKhabhinethi
1.    IPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weSizwe  wokuFuduka kwabaSebenzi wowa-2025

1.1.    IKhabhinethi yamkele iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weSizwe wokuFuduka kwabaSebenzi (NLMP) wowama2025 ukuba uphunyezwe. Lo mgaqo-nkqubo ujonge ukubonelela ngesicwangciso-nkqubo sokunyanzelisa intshukumo efanelekileyo nengenamaginxigingxi kunye nokuqeshwa kwabemi bamazwe angaphandle kweli lizwe. Ijolise ekuphumezeni ulungelelwaniso kuzo zonke iinkalo ezininzi, kuqukwa ukulungisa izinto ezilindelwe ngabemi boMzantsi Afrika malunga namathuba emisebenzi, ngenxa yokwanda kwentswelangqesho kunye noluvo lokuba abemi bamazwe angaphandle bathatha imisebenzi yabemi beli lizwe. 
1.2.    I-NLMP imisela umyinge wenani lilonke labemi bamazwe angaphandle ababhalisiweyo abanee-visa zokusebenza abanokuqeshwa kumacandelo amakhulu ezoqoqosho afana nezolimo, ulonwabo nokhenketho, kunye nolwakhiwo, phakathi kwezinye izinto. 
1.3.    Lo mgaqo-nkqubo uncedisana nelinye inyathelo lokungenelela elifana elinika uluhlu lwamacandelo apho abemi bamazwe angaphandle bengenako ukunikwa ii-visa zoshishino kunye nezilungiso kuMthetho wamaShishini amaNcinci weSizwe wowe-1996  (uMthetho we-102 wowe-1996), ngokokuhlonyelwa kwawo, ukucutha abemi bamazwe angaphandle abaseka amashishini amancincinane, aphakathi namancinane kakhulu, kunye norhwebo kwamanye amacandelo oqoqosho.

2.    Ukwamkelwa koMgaqo-nkqubo weSizwe wokuKhutshwa kweeLayisenisi zamaShishini

2.1.    UMgaqo-nkqubo wokuKhutshwa kweeLayisenisi zamaShishini umele inyathelo elikhulu ekufezekiseni iinkqubo zokukhutshwa kweelayisenisi kuwo wonke amanqanaba esizwe, awamaphondo, kunye nawoomasipala, ukuqinisekisa ukungabikho kwempikisano kulawulo nokuphucula ukuthotyelwa kwemithetho.
2.2.    Ngokuzisa izikhokelo ezicacileyo kunye nolawulo olukhethekileyo lonikezelo lweelayisenisi, lo mgaqo-nkqubo ukhuthaza ukubandakanywa koqoqosho lwee-MSMEs kunye namaqela awayevinjwe amathuba ngokwembali kumacandelo ekujoliswe kuwo, ngelixa kugodlwa imisebenzi ethile yoshishino ukwenzela amashishini aphantsi koMzantsi Afrika kuphela.
2.3.    Ukwenza inkqubo ibe yeyanamhlanje, lo mgaqo-nkqubo useka uluhlu lwe-intanethi lokukhupha iilayisenisi,  elingena endaweni yeenkqubo ezidlulelwe lixesha ebezingasebenzisi ubuxhaka-xhaka beekhompyutha ngezi zekhompyutha zikhawulezayo futhi zenzela izinto elubala. Lo mgaqo-nkqubo mtsha awunciphisi nje kuphela ingxaki yemisetyenzana yase-ofisini eyenziwa kwiindawo ezahlukeneyo nangona ifana koko ikwakhuthaza neendlela yokusebenza elungiselelwe kanye iimeko zamashishini,  ukuqhuba uhlumo ngokulinganayo nokuthatha inxaxheba ngokubanzi kuqoqosho.

D.    UMthetho osaYilwayo
1.    UMthetho-siHlomelo osaYilwayo weeNkonzo zeNgqesho 

1.1.    IKhabhinethi ivume uMthetho-siHlomelo osaYilwayo weeNkonzo zeNgqesho ukuba ungeniswe ePalamente. 
1.2.    Lo Mthetho usaYilwayo ubonelela ngenkqubosikhokelo yomgaqonkqubo kunye nesiseko esisemthethweni sokulawula ukuqeshwa kwabemi bamazwe angaphandle kumashishini ngelixa ukhuthaza ukhuseleko lwesizwe kunye nezinto ezilulutho kwisizwe.
1.3.    Injongo yalo Mthetho usaYilwayo kukuphakamisa ukulawulwa kweearhente eziqesha abasebenzi ukuthintela ukuxhatshazwa kwabasebenzi, okufana nokubonelelwa ngabasebenzi abamivuzo iphantsi ngokusetyenziswa kwabemi bamazwe angaphandle abangenamvume. Ukwadala ukuba kungabikho mpikiswano phakathi kwemimiselo yoMthetho woFudukelo, (uMthetho we13 wowama2002) kunye noMthetho weeMbacu (uMthetho we130 wowe1998).
1.4.    Lo Mthetho usaYilwayo uphakamisa isicwangcisonkqubo esiza kunceda uMphathiswa wezeNgqesho nezaBasebenzi ukuba amisele inani labemi bamazwe angaphandle abanokuqeshwa. Eli nani limiselweyo lingasetyenziswa kwicandelo lezoqoqosho, kuhlobo lomsebenzi othile okanye kummandla othile. UMphathiswa uza kumisela eli nani labasebenzi abanokuqeshwa kwicandelo elithile emva kokubonisana neBhodi yeeNkonzo zeNgqesho nokunika ingqwalasela kwizimvo zoluntu.
1.5.    IKhabhinethi iyalele uMphathiswa wezeNgqesho naBasebenzi ukuba aqukumbele ngokukhawuleza umsebenzi wokuqulunqa uluhlu(emva kokufakana imilomo) malunga lwezakhono ezinqongopheleyo nezibalulekileyo ukuze kuqulunqwe uluhlu lwezakhono ezikhoyo apha kweli lizwe ngolo hlobo kuvuleleke imisebenzi kwaba bantu bangaphangeliyo balapha eMzantsi Afrika.
1.6.    IKhabhinethi iphinde yayibethelela imfuneko yokuba kukhawuleziswe ukuqosheliswa kwePhepha leNgcaciso yoMgaqonkqubo wokuFudukela kwabantu abavela kwamanye amazwe ukuze kube nolawulo olusebenzayo nolawulo lokufuduka kwabasebenzi.

E.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Mnu Matsobane Themba Matlou njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba kwi-Arhente zoMzantsi Afrika yeziBonelelo zezeNtlalo (i-SASSA). 
2.    Nks Ogalaletseng Anastasia Gaarekwe njengoSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): kwi-Intergovernmental Relations ,uNondyebo weSizwe. 
3.    Mnu Christopher Charles Axelson njenge-DDG: Tax and Financial Sector kuNondyebo weSizwe. 
4.    Nks Ulrike Britton njenge-DDG: Public Finance kuNondyebo weSizwe.
5.    Amalungu weBhodi ye- Unemployment Insurnace Fund (i-UIF):
(a)    Nks Zodwa Penelope Manase (USihlalo) 
(b)    Mnu Edward Malomeje Thobejane (Iimanyano zabasebenzi);
(c)    Nks Martle Keyter (IiManyano zaBasebenzi);
(d)    Mr Malesela Moses Lekota (IiManyano zaBasebenzi);
(e)    Nks Zizile Lushaba-Nyawo (IiManyano zamaShishini);
(f)    Mnu Hillary Mac Master (IiManyano zamaShishini);
(g)    Nks Beverly Jack (IiManyano zamaShishini);
(h)    Mnu Thembinkosi Josopu (IiManyano zoLuntu);
(i)    Mnu Skhumbuzo Mpanza (IiManyano zoLuntu);  
(j)    Nks Paulet Sesedi Pelo (IiManyano zoLuntu). 
(k)    Mnu Mahuza Ngubane (Ummeli weSebe leMfundo ePhakamileyo);
(l)    Nks Ogalaletseng Anastasia Gaarekwe (Ummeli kkaNondyebo weSizwe); kunye 
(m)    noNks Ntshimi Esther Tloana (Isebe leNgqesho naBasebenzi)
6.    Amalungu weBhodi yeSentech: 
(a)    Ms Sedzani Mudau (Usihlalo);
(b)    Mnu Themba Phiri;
(c)    Mnu Mbasa Metuse;
(d)    Adv Lavandran Gopaul;
(e)    Mnu Patrick Wadula;
(f)    Mnu Peter Zimri;
(g)    Nks Alexandria Procter; and 
(h)    Nks Lwazikazi Nopece.

F.    ImiCimbi
1. Ukukhunjulwa kweenyanga eziphambili nemicimbi yesizwe yangowama-2025 

IKhabhinethi iyamkele imixholo kunye namaxwebhu ocamngco okubhiyozelwa kwemisitho yesizwe engundoqo eza kuqhutywa kwezi nyanga zimbalwa zizayo ngolu hlobo lulandelayo:  

(a) Inyanga yoLutsha
Inkqubo yeNyanga yoLutsha yowama-2025 iza kuphehlelelwa eHector Pieterson Memorial and Museum eOrlando West, eSoweto eGauteng phantsi komxholo othi: “Izakhono zehlabathi elitshintshayo – Ukuxhobisa ulutsha ukuze luthathe inxaxheba ngokufanelekileyo kwezoqoqosho.” Injongo yeNyanga yoLutsha yowama-2025 iza kuba likhwelo lokuthatha amanyathelo ukulwa intswelangqesho kulutsha kunye nokwakha uqoqosho olubeka phambili ulutsha lweli lizwe. Le nyanga iya kusetyenziselwa ukuqaqambisa amathuba emfundo  kunye nawemisebenzi akhoyo kumashishini anesakhono sokuqesha kakhulu nafunwa ngabantu abatsha.

(b)     INyanga yamaNina
IKhabhinethi iwamkele umxholo kunye nezinto eziza kwenziwa zesikhumbuzo senkqubo yeNyanga yamaNina yowama-2025; kulo nyaka siphawula isikhumbuzo seminyaka engama-30 yesiBhengezo saseBeijing sowe1995 kunye neQonga lokuSebenza, nto leyo ibalulekileyo ekubonakaliseni amalungelo abasetyhini, ekuxhotyisweni nasekuleqeni ukulingana ngokwesini. Inkqubo yowama-2025 iya kugxininisa ekuphumezeni amanyathelo abonakalayo okuthintela i-GBVF, ukukhuthaza indlela yokuziphatha esempilweni, enentlonipho nesimo sengqondo phakathi kwamadoda namakhwenkwe, nokudala iindawo zokusebenza kunye neemeko apho abafazi namantombazana baziva bekhuselekile. IKhabhinethi iphinde yahlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baphakame bajongane nesibetho seGBVF.

(c)     Iintsulu ezili-16 zobuTshantliziyo bokuLwa i-GBVF
IiNtsuku ezili-16 zobuTshantlizo bokuLwa ubuNdlobongela obuSekelwe kwiSini noKubulawa kwamaNina(i-GBVF) ziya kuqhubeka ukususela ngomhla wama-25 kweyeNkanga kude kube ngowe-10 kweyoMnga 2025 phantsi komxholo othi: “UkuXhobisa iiNguqu: Ukukhulisa, uthintelo, ukukhuthaza ubudoda obufanelekileyo, nokuqinisekisa izithuba ezikhuselekileyo neziqukayo ukuphelisa i-GBVF”. Iphulo lalo nyaka liyaqhubekeka ngokulungisa oonobangela be-GBVF ngelixa likhuthaza ubudoda obufanelekileyo kunye nokulingana ngokwesini, kunye nokudala amathuba ezoqoqosho kwabasetyhini nabantwana.

(d)     INyanga yokuFundisa ngamaLungelo wabaKhubazekileyo 
IKhabhinethi iwamkele umgaqo kunye nomxholo weNyanga yokuFundisa ngamaLungelo aBantu abaKhubazekileyo yowama-2025 (i-DRAM) eqala ngomhla wesi-3 kweyeNkanga ukuya kowesi-3 kweyoMnga. Umxholo uthi: “Ukudala intsebenziswano yamacandelo amaninzi yobuchule kuluntu olubandakanya abakhubazekileyo”. Lo mxholo ugxininisa ukubaluleka kwentsebenziswano ekukhuthazeni amalungelo kunye nokuthatha inxaxheba kwabantu abakhubazekileyo entlalweni. Le misebenzi yenyanga yonke iza kwazisa kwaye iza kubonakalisa nenkqubelaphambili esele yenziwe lilizwe ekuqinisekiseni ukuba amalungelo abantu abakhubazekileyo akhuselekile; oku kuya kuquka ukuhlonipha nokuva izimvo zabantwana abakhubazekileyo, ukuvulela abantu abakhubazekileyo amathuba kubuchwepheshe be-intanethi kunye notyalomali kubuchule bokukhuthaza imisebenzi ebandakanya ukukhubazeka.

G.    Imiyalezo
1.    EyoVelwano

Ikhabhinethi ithumela imiyalezo yovelwano kwizihlobo neentsapho zaba balandelayo:
a)    UMama uGertrude Ntiti Shope, owayesaziwa njengoMaShope, igqala lomzabalazo wethu wenkululeko nowayeyinxalenye yeqela lokuqala lamalungu ePalamente onyulwe ngokwentando yesininzi ngowe-1994. Wayekwalilungu labaneMbasa yeNkonzo eYodwa (eSilivere) (Order for Meritorious Service), awongwa ngayo ngowama-2003 ngenxa yenkonzo ekhethekileyo eburhulumenteni. Ngaphezu koko, uMaShope wayelilungu elaseka iManyano yamaNinai baseMzantsi Afrika (Federation of South African Women (FEDSAW)) eyayihlanganisa abasetyhini ukuba balwe nolawulo localucalulo olungenabulungisa, olukhohlakeleyo nolunobuhlanga. Waye wonyulwa njengoMongameli wokuqala we-ANCWL ngo1991. UMongameli Ramaphosa ubhengeze ukuba uMaShope makawongwe ngoMngcwabo oKhethekileyo oseSikweni 1 nokuba iiflegi zoMzantsi Afrika kwilizwe liphela nakuzo zonke izikhululo zethu kufuneka zithotywe kude kube yinkonzo yomngcwabo wakhe ngoMgqibelo, umhla wama31 kuCanzibe ngowama2025. 
b)    UNksz Lungi Annette Mnganga-Gcabashe owayeliLungu lePalamente kumaxesha ahlukeneyo ukususela ngowama2004 waza wasebenza njengoSihlalo weKomiti eJongenenezoKhenketho kwiPalamente yesi-7. Kwaye ebekwanguSekela-Mongameli we-ANCWL. Walwa nentswelabulungisa yocalucalulo kwaye wadlala indima ebonakalayo ekuhlanganiseni uluntu ukuba lube seluxolweni ngexesha lokugquba kakhulu kodushe lwezopolitiko KwaZulu-Natal.
c)    Umdlali owaziwa ngokuphumelela iimbasa, uPresley Chweneyagae nowaziwa ngesakhono sakhe sokudlala ngendlela engaqhelekanga kumboniso bhanyabhanya othi Tsotsi, owaphumelela i-Academy Award ye-Best Foreign Language Film ngowe-2005. Wadlala kwiifilimu ezininzi nakumdlalo kamabonakude; ngexesha lokusweleka kwakhe wayedume kwindima yakhe njengoCobrizi kumdlalo kamabonakude odumileyo i-The River. 
d)    Igqala lomsasazi uDarren Scott olizwi lakhe lahlokoma koonomathotholo eMzantsi Afrika kwiminyaka engaphezu kwamashumi amane kwaye ngowama-2024 wawongwangokuba abe kwi-Radio Awards Hall of Fame. 
e)    Umdlali wasephikweni ohlonitshwa jikelele weSpringbok uCornal Hendricks odlale imidlalo yoVavanyo eli-12 ye-Springboks phakathi kowama-2014 nowama-2015 waze wafaka iitrayi ezintlanu.
f)    f) UCharles B Rangel, owayesakuba liluntu lelePalamente yaseUS elimele iHarlem, eNew York, owathi ngowe-1987 waxhasa oko kwaziwa ngokuba yi-“Rangel Amendment” eyathi yatshintsha ikhowudi yerhafu yaseUS ngelithi iinkampani zaseUS ezatyala imali kuMzantsi Afrika wexesha lombuso wocalucalulo mazingathotyelwa rhafu. Kananjalo wasebenzisa impembelelo yakhe ekuncedeni ukuvula amathuba okurhweba phakathi kwe-US kunye nezizwe ezisaphuhlayo ngokusebenzisa i-Caribbean Basin Initiative kunye ne-African Growth and Opportunity Act (i-AGOA).
g)    UNgũgĩ wa Thiong'o, umbhali waseKenya osweleke eneminyaka engama-87 ubudala, owayeyingxilimbela yoncwadi lwaseAfrika lwale mihla – imibhalo yakhe ibonisa inguqu yelizwe laseKenya ukusuka kwimeko yobukoloniyali ukuya kulawulo lwentando yesininzi, kwaye umsebenzi wakhe usaqhubeka nokukhuthaza iAfrika neHlabathi ekuphuhliseni iLizwekazi lase-Afrika. Uya kukhunjulwa njengenye yeengxilimbela zoncwadi eziphuma kwilizwekazi laseAfrika. 
h)    UGqr, uDean Tshenuwani Simon Farisani, owayesakuba lilungu lePalamente, owayesakuba nguMphathiswa wezoThutho eLimpopo, umfundisi wezakwalizwi nomfundisi weCawa yamaLuthere aseMazantsi e-Afrika (ELCSA). Ngexesha loCalucalulo, wayengomnye wabefundisi abantsundu abadumileyo belizwe owayeshumayela imfundiso yenkolo yenkululeko yokuchasana nocalucalulo kwiDayosisi yakhe kunye neSekethe yaseDevhula-Lebowa eyayisakuba yiTransvaal. Waseka iBlack Evangelic Youth Organisation kunye noCyril Ramaphosa (onguMongameli okhoyo woMzantsi Afrika) ekuqaleni kweminyaka yoo-1970 kwaye wayekhuthele kumbutho weBlack Consciousness, ingakumbi njengoMongameli weBlack People’s Convention ukusuka ngowe-1973 ukuya kowe-1975. Wakhe wabanjwa izihlandlo eziliqela, ngokwe-Amnesty International, njengebanjwe elinovakalela yintlungu, futhi wanika ubungqina kumazwe aphesheya malunga nokungcungcuthekiswa awakufumana kumapolisa ombuso wocalucalulo. Wagxothwa waza wasiwa eludingisweni ekuqaleni kweminyaka yee-1980. Ukubuya kwakhe emva kokuvulwa umlomo kwe-ANC, ubenegalelo ekwakhiweni ngokutsha kwemibutho ye-ANC, emanyanisa iCawe ngelithi mayixhase ngokubonakalayo uxolelwaniso lwelizwe nophuhliso loluntu.

2.    Amazwi oVuyiswano
Ikhabinethi ithumela amazwi ovuyiswano neminqweno emihle kwaba balandelayo:

a)    Imbaleki uAkani Simbine, noyeyona mbaleki ibaleka kakhulu ehlabathini kungoku nje, waphumelele i-100m kwiMidlalo yesiXeko saseAtlanta ngemizuzwana eli-9.86 kunye ne-100m kwiRabat Diamond League ngemizuzwana eli-9.95.
b)    Imbaleki eselula uBayanda Walaza, oyena mntu unamendu kwicandelo lakhe leminyaka yobudala ehlabathini othe waseka irekhodi elitsha loMzantsi Afrika kwi-100m yaMadoda, ebaleka imizuzwana eli-9.94 eBoris Hanzekovic Memorial.
c)    Imbaleki yoMzantsi Afrika, uZakithi Nene ophume kwindawo yesibini kwi-400m yaMadoda, evale imizuzwana engama-44.46 kwi-Rabat Diamond League.
d)    Amajita, iqela lesizwe lebhola ekhatywayo labaminyaka yobudala ingaphantsi kwama-20, lenze imbali ngokuphumelela okokuqala iNdebe yeZizwe zaseAfrika yabaminyaka yobudala ingaphantsi kwama-20.
e)    URayno Nel ngokwenza imbali njengomntu wokuqala waseMzantsi Afrika kunye nom-Afrika owakha wafumana iwonga ngokuba yeYona Ndoda yoMeleleyo eHlabathini (World’s Strongest Man).

Imibuzo: 
Nks Nomonde Mnukwa – IsiThethi sikaRhulumente esiBambeleyo
Iselula: 083 653 7485
 

Share this page

Similar categories to explore