A. Imiba engundaba-mlonyeni
1. Ezoqoqosho
1.1 Utyalo-mali
1.1.1 IKhabhinethi ivakalise ukuluthemba uqoqosho ukuba luza kukwazi ukumelana neenzima njengoko ilizwe liqhubeleka nokusebenzisana namacandelo angundoqo kunye nokutsala amathuba amatsha otyalo-mali.
1.1.2 IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa ngokusesikweni kweziko le-cloud likaGoogle South Africa eRhawutini elizibhiliyoni zeerand eziyi-2.5 eliza kudibanisa uMzantsi Afrika kubuxhaka-xhaka bothungelwano lokugcina nokuhlalutya ulwazi behlabathi be-Google Cloud. Le projekthi yeyokuqala kaGoogle apha e-Afrika kwaye iliphulo elikhulu kutyalo-mali kwiziseko ezingundoqo zobuchwepheshwe apha eMzantsi Afrika.
1.1.3 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo ukuba afake isandla kumalinge okudala imisebenzi nokuqinisekisa ukuba kukho uqoqoqsho oluzinzileyo noluza kuxhanyulwa ngumntu wonke ngokuthi konyuswe umthamo wotyalo-mali nokusebenzisa amanye amathuba la amahle akweli lizwe.
1.2 Ukudlala indima kweCandelo labuCala kwiiProjekthi zokuHanjiswa kwemiThwalo kwimiZila kaLoliwe nakumaZibuko
1.2.1 IKhabhinethi ikwamkele ukuqaliswa kwephulo lokuCelwa kweeNkcukacha Malunga nokuDlala iNdima kweCandelo labuCala kwiiProjekthi zokuHanjiswa kwemiThwalo kwimiZila kaLoliwe nakumaZibuko, njengoko oku kuyinxalenye yeenguqu ezibalulekileyo zokuphucula icandelo lokuhanjiswa kwemithwalo loMzantsi Afrika ngolo hlobo kuphuculwe uhlumo loqoqosho ngokunyuswa komthamo weempahla zorhwebo ezithunyelwa kumazwe angaphandle.
1.2.2 IsiCwangciso seCandelo lokuHanjiswa kwemiThwalo eMzantsi Afrika sifuna ukuba kubekho ukhuphiswano olumandla kumashishini okuhanjiswa kwemithwalo kwimizila kaloliwe nasebenza emazibukweni eli, into leyo iza kubiza iinkampani zabucala ukuba zityale imali kodwa zona iziseko ezingundoqo ezibalulekileyo ezifana nemizila kaloliwe kunye namazibuko zihlale zizezikarhulumente.
1.3 EzaMandla
1.3.1 IKhabhinethi ikwamkele ukugalelwa kombane omtsha ozimegawathi ezingama-800 kwiziko lombane lesizwe emva kokuba u-Eskom ethe walungisa ngempumelelo iyunithi yokugqibela yokuphehla umbane yaseKusile. Oku kuza kuzisa uzinzo kwiziko lombane lesizwe kananjalo kuqinisekise ukuba isizwe sinombane owaneleyo kule minyaka izayo.
1.4 Iinkcukacha-manani zezeMisebenzi zeKota
1.4.1 IKhabhinethi ikwamkele ukunyuka kwenani lemisebenzi ngemisebenzi engama-12 000 into eyenze ukuba inani lezithuba zemisebenzi libe zizigidi ezili-10.64 kwicandelo elibhaliswe ngokusesikweni elingelelozolimo kwikota yesine yowama-2024. Iinkcukacha-manani zezeMisebenzi zeKota ezikhutshwe liZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA) zibonise ukuba amathuba emisebenzi enyukile kwicandelo lezorhwebo, eleenkonzo zamashishini, elezothutho kunye nelombane.
1.4.2 Nangona kukho uchatha ongephi kwinani lemisebenzi, inani labantu abaqeshwe isigxina kulo nyaka lisengaphantsi kweli lalo nyaka uphelileyo. IKhabhinethi isazimisele ukuza neenguqu ize iqalise iinkqubo eziza kugxininisa kuhlumo loqoqosho ukuze kudaleke iimeko eziza kukhuthaza ukuvulwa kwemisebenzi.
2. Ukubhengezwa ngokuSesikweni koMthetho woTshintso lweMozulu, 22 wowama-2024
2.1 IKhabhinethi ikwamkele ukubhengezwa ngokusesikweni koMhtetho woTshintsho lweMozulu, wowama-2024 (uMthetho 22 wowama-2024) nguMongameli Ramaphosa ngoMvulo, umhla we-17 kweyoKwindla 2025 into leyo evumela ukuba kuqulunqwe imigaqo-nkqubo esebenzayo yotshintsho lwemozulu kunye nezicwangciso zexesha elide zokutshintshela kuqoqosho nesizwe esingavelisi isisi esininzi esiyingozi kokusingqongileyo.
2.2 IKhabhinethi iyamkele i-International Partners Group (i-IPG), umbutho wamazwe aquka iUnited Kingdom, Germany, France kunye noMbutho wamaZwe aseYurophu (i-EU) ukuze afakele la mali ibiza kukhutshwa yi-US emva kokuba yona irhoxile kwi-Just Energy Transition Partnership.
2.3 Izithembiso zemali ezenziwe ngamazwe ehlabathi kuMzantsi Afrika ngoku ziyimali ezibhiliyoni ezili-12.8 zedola zaseUS, equka iibhiliyoni ezisi-9 zeedola zaseUS yona evela kwi-IPG kunye nezinye izixa ezivela eSpain, Switzerland naseCanada.
3. EzobuDlelwane baMazwe ngaMazwe
3.1 UbuDlelwano boMzantsi Afrika neJapan
3.1.1 IKhabhinethi iyabamkela ubudlelwane obushushu ngamandla phakathi koMzantsi Afrika neJapan kulandela utyelelo lwaseburhulumenteni likaSekela-Mongameli uPaul Mashatile obeluye eJapan ukususela ngomhla we-17 ukuya kowe-19 kweyoKwindla 2025 obeluneenjongo zokuqinisa ngamandla intsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika neJapan kumacandelo alulutho kuwo omabini la mazwe.
3.1.2 EJapan bekubanjwe iingxoxo neJapan International Cooperation Agency apho kuboniswane malunga nokusebenzisana ngezoqoqosho, ne-Association for African Economic Development apho bekuxoxwa ngorhwebo kunye namathuba otyalo-mali kwakunye neJapan Organisaiton for Metals ad Energy Security apho bekugwadlwa amathuba otyalo-mali kwicandelo lemigodi.
4. EzeMpilo
4.1 Ukurhoxiswa kweMithetho eLawula iiMveliso zokuTya ezeNziwe ngeNtsangu
4.1.1 IKhabhinethi ikwamkele ukurhoxiswa liSebe lezeMpilo kwemiThetho evala ukuthengiswa kweemveliso zokutya ezenziwe ngentsangu.
4.1.2 Nangona iwuqonda umonakalo owenziwa kukuthengiswe kweemveliso zokutya ezenziwe ngentsangu ngendlela enganalulolawulo enokuthi ikhokelele ekubeni ezo mveliso zityiwe ngabantwana, imiThetho efana nale ifuna kuqaliwe kuboniswane nomntu wonke, akufuneki ibe nxamnye nesiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko kwaye akufuneki iphikisane noMthetho wokuziSebenzisela iNtsangu buCala.
4.1.3 ISebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko likhokela umsebenzi wamasebe ahlukeneyo emiThetho esaQulunqwayo yokuphunyezwa koMthetho wokuziSebezisela iNtsangu buCala.
4.2 IsiFo soChwane neNyebethu (i-FMD)
4.2.1 IKhabhinethi inikwe eza kutsha nje malunga nokwandiswa kwemida yooMmandla oThathwa ngokuba unesiFo (i-DMA) kwiphondo laKwaZulu-Natal ngeenjongo zokulwa ukuqhambuka kwesiFo soChwane neNyebethu (iFMD).
4.2.2 I-DMA yandisiwe ukuze iquke aba masipala balandelayo: Big Five Hlabisa; Mtubatuba; Nongoma; Ulundi; Umhlabuyalingana; Jozini; Pongola; Abaqulusi; Mfolozi; uMhlathuze; Mthonjaneni; Nqutu; Nkandla; uMlalazi kunye naseMandeni.
4.2.3 Akukho zilwanyana zineempuphu (iinkomo, iigusha neebhokhwe) kunye neemveliso zazo okanye iiseli zofuzo zazo zinokuhanjiswa zisuka kwi-DMA okanye ngaphakathi kuyo kungekho phepha-mvume livela kugqirha karhulumente wemfuyo.
5. EzoBulungisa, ukuLwa uLwaphulo-mthetho kunye noKhuseleko
5.1 UkuLwa uLwaphulo-mthetho
5.1.1 IKhabhinethi ikwamkele ukubanjwa kwabarhanelwa abangama-12 892 phakathi komhla we-17 nowama-23 kweyoKwindla 2025 nguMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) njengenxalenye yephulo i-Operation Shanela.
5.1.2 Aba barhanelwa baquka abo bali-1 753 bebefunwa ngezenzo zolwaphulo-mthetho ezibi nezinobundlobongela ezifana nokubulala, ukuzama ukubulala, ukudlwengula, ukuqhekeza emashishinini nasemizini yabantu. Ukongeza, abarhanelwa abali-1 794 bona babanjelwe ukubetha bonzakalise kakhulu futhi kuye kwabanjwa nabangama-203 abarhweba ngeziyobisi. Abanye abarhanelwa abali-1 507 bona babanjelwe ukuba neziyobisi baze abali-115 bona babanjelwe ukuba nemipu engekho mthethweni.
5.2 Amaphulo Aqhubayo okuSasaza uLwazi olungeyoNyani noluLahlekisayo
5.2.1 IKhabhinethi ikuqaphele futhi inako nokuxhalaba ngamaphulo aqhubayo okusasaza ulwazi olungeyonyani nolulahlekisayo ekhokelwa yi-Solidaritiet ne-AfriForum kunye namahlakani wabo, kwaye ii-arhente zogcino-mthetho ziphanda ngokwaphulwa kwemithetho yoMzantsi Afrika.
5.2.2 Ukuthintela ukusasazwa kolwazi olungeyonyani, iSAPS iye yabamba intlanganiso ne-AfriForum ukuze kucaciselwane ngezityholo zokubulawa kutshatyalaliswe abantu abamhlophe xa kubhekiswa kubantu ababulawa ezifama.
5.2.3 Kule ntlanganiso i-AfriForum ivumile ukuba iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho ezikhutshwe nguMphathiswa wezamaPolisa zichanekile, kuquka nezo zimalunga nabantu ababulawa ezifama.
5.2.4 Sele into eyaziwayo ngumntu wonke ukuba abanye babantu ababulawa ezifama babulawa ngabantu ababaziyo abaquka amalungu eentsapho zabo.
5.2.5 IKhabhinethi ivile nangeengxelo ezingeyonyani zokuba amafama amhlophe amalunga nama-72 000 abhalise amagama wawo kuluhlu lwabo bafuna ukufudukela e-USA emva kwesimemo ebesikhutshwe nguMongameli wase-US.
5.2.6 Ngokweenkcukacha ezivela kwiAgriSA, iSebe lezoLimo kunye ne-StatsSA, uMzantsi Afrika unamafama angabarhwebi angama-41 000 kuphela.
5.3 IDabi lokuLwa uRhwaphilizo
5.3.1 IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa ngokusesikweni kwe-Border Management and Immigration Anti-Corruption Forum ngomhla wama-25 kweyoKwindla 2025, njengenxalenye yamalinge okulwa urhwaphilizo kwicandelo lokulawulwa kwemida nemfuduko.
B. Ezakutsha nje eziya kwiKhabhinethi
1.1. IINTLANGANISO ZOKULUNGISELELA INGQUNGQUTHELA YEQELA LAMAZWE ANGAMASHUMI AMABINI (I-G20)
1.1.1. UMzantsi Afrika uyaqhubeleka nokubamba uthotho lweentlanganiso ze-G20 zezikhulu eziphezulu zokulungiselela iNgqungquthela ye-G20 ngeyeNkanga 2025. Kutsha nje bekubanjwe ezi ntlanganiso zilandelayo:
1.1.2. Intlanganiso yeQela lokuQala le-G20 eliJongene noRhwebo noTyalo-mali ibibanjwe ngonxibelewano lwe-intanethi ukususela kumhla we-18 ukuya kowama-20 kweyoKwindla 2025 kwaye kuyo bekuxoxwa ngokwakhiwa koqoqosho oluquka wonke umntu, ukohlulakala kweenkqubo yorhwebo yamazwe ngamazwe kule minyaka ingama-30 idlulileyo. Le ntlanganiso ikwaxoxe ngorhwebo nohlumo oluquka wonke umntu, ukuqaliswa kwemizi-mveliso engenabungozi kokusingqongileyo, iinkqubo zorhwebo ezihambelana neemeko zale mihla kunye neengunqu kuMbutho woRhwebo weHlabathi (i-WTO).
1.1.3. IMbizo yeSizwe emalunga nendibano yokufakana imilomo neQela eliJongene nezoLimo kunye neNtlanganiso yooSonzululwazi abaziNtloko zezoLimo ye-G20 ibibanjwe ngonxibelelwano lwe-intanethi ngomhla we-18 kweyoKwindla 2025 kwaye kuxoxwe malunga nolimo oluzinzileyo olusebenzisa uyilo nolukwaziyo ukunyamezela.
1.1.4. IQela le-G20 eliJongene neCandelo lezeziMali leHlabathi belidibene ePitoli ngomhla we-18 kweyoKwindla apho ligwadle umba wengxaki letyala lase-Afrika.
1.1.5. Ngomhla wama-20 kweyoKwindla 2025 uMzantsi Afrika ububambe intlanganiso yokulungiselela i-Africa-Union-Africa Water Investment Programme Water Investment Summit yowama-2025 yona eza kuba ngeyeThupha 2025.
1.1.6. IQela le-G20 eliJongene noZinzo kokusiNgqongileyo nakwiMozulu belidibene ngomhla wama-25 kweyoKwindla 2025 kwaye lona belixoxa ngezinto ezingundoqo ekufuneka zikhokeliswe phambili ezinxulumene nokusingqongileyo kunye notshintsho lwemozulu.
1.1.7. INtlanganiso yesibini yeQela le-G20 eliJongene nezeMpilo iyaqhuba sithetha nje kwaye iza kuphela ngomhla wama-28 kweyoKwindla 2025. Le ntlanganiso igwadla imiba enxulumene nokuphucula iinkonzo zempilo kunye nokuqinisekisa ukuba ziyafikeleleka ngokulinganayo ebantwini.
1.1.8. Indibano yeQela le-G20 eliJongene noQoqosho oluQhutywa ngobuXhaka-xhaka bale Mihla neTeknoloji ekwiZinga loMntu ngokuCinga nokuQiqa iza kubanjelwa eGqeberha ukususela ngomhla wesi-7 ukuya kowe-11 kuTshazimpunzi 2025 apho kuza kugxilwa kwiinguqu kwiteknoloji kunye nezentlalo noqoqosho oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke.
1.1.9. IKhabhinethi ifumene nengxelo emalunga nokuhlolwa kwemeko kunye nolondolozo lweziza ezingaMafa akwizinga leHlabathi oMzantsi Afrika ngokwemiGangatho iyeYona iPhantsi ye-G20 ukulungisela ukubanjwa kwe-G20. IKhabhinethi iqaphele ukuba iziza ezisixhenxe kwezili-12 ezingaMafa akwizinga leHlabathi zoMzantsi Afrika zikulungele ukusingatha imisitho yeendwendwe ze-G20, kodwa ziyakufuna ukulungiswa kwiindawo ezithile ukuzenza zibukeke ngamandla kwiindwendwe.
1.2. INgqungquthela yesi-8 yoMzantsi Afrika neMbumba yaseYurophu (i-EU)
1.2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuqiniswa kobuDlelwane obuBalulekileyo phakathi koMzantsi Afrika ne-EU kwiNgqungquthela yesi-8 yoMzantsi Afrika ne-EU ibibanjelwe eMzantsi Afrika ngomhla we-13 kweyoKwindla 2025.
1.2.2. I-EU iphinde yakubethelela ukuba iyakuxhasa ukubanjwa nguMzantsi Afrika kwesikhundla sokuba nguMongameli we-20 kunye nokubaluleka kwe-G20 njengeqonga lehlabathi lokusebenzisana kwezoqoqosho kwamazwe ngamazwe.
1.2.3. I-EU ikwabhengeze ne-Global Gateway Investment Package enemali ezibhiliyoni ezingama-93.5 zeerandi ukuxhasa iiprojekthi zotyalo-mali ezibalulekileyo kumaphulo okutshintshela kumbane ongenabungozi kokusingqongileyo ngendlela enobulungisa, kwiziseko ezingundoqo zobuchwepheshe bale mihla kunye nothungelwano kunye nakwicandelo leli lamachiza.
2. Ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe malunga nokubhaliswa kweevenkile ezizikroxo nezinye iivenkile ezithengisa ukutya okuvuthiweyo kunye namanyathelo okungenelela ukulwa izigulo ezibangelwa kukutya
2.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo emalunga nomsebenzi osele wenziwe malunga nokubhaliswa kweevenkile ezizikroxo kunye nezinye iivenkile ezithengisa ukutya okuvuthiweyo kwakunye nezakutsha nje malunga nomsebenzi owenziwayo ukulwa izifo ezibangelwa kukutya.
2.2. Inkqubo yokubhaliswa kwezi venkile zizizikroxo zikhoyo sele igqityiwe ngaphandle kokuba umntu ufuna ukubhalisa ivenkile esi sikroxo entsha.
3. Ukutshintshwa kwamakhadi abantu abamkela imali-sibonelelo ye-Arhente yoMzantsi Afrika yeziBonelelo zeNtlalo (i-SASSA basebenzise awasePostbank
3.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo ngomba wokutshintshwa kwamakhadi abantu abamkela imali-sibonelelo sakwa-SASSA basebenzise amakhadi asePostbank amatsha amnyama nakhuselekileyo.
3.2. Umhla wokugqibela wokutshintsha amakhadi akwaSASSA aGold ngawasePostbank Amnyama utshintshiwe ngoku ngama-30 Tshazimpunzi 2025 ukwenzela u-SASSA neSebe loPhuhliso loLuntu bagqibezele ukutshintsha amakhadi aba bantu bangakewatshintshi.
C. Izigqibo zeKhabhinethi
1. IsiGaba sesi-2 se-Operation Vulindlela (i-VO)
1.1. IKhabhinethi izivumile ezi ndawo kufuneka igxile kuzo i-Operation Vulindlela (i-OV), eliphulo lobambiswano phakathi kwe-Ofisi kaMongameli kunye noNondyebo weSizwe lokuqhuba iinguqu kuqoqosho.
1.2. Le mimandla kuza kugxilwa kuyo iquka ukugqityezelwa komsebenzi ongekagqitywa wesiGaba 1 weenguqu kwezaMandla, Amanzi, i-Visa nezokuThuthwa kwemiThwalo kunye nemimandla emitsha yooMasipala, ukungalingani kokwabiwa komhlaba neenguqu kubuchwepheshe bale mihla.
1.3. IKhabhinethi iyalele i-OV isebenzisana namaSebe afanelekileyo ukuba aqwalasele umba weenguqu kummandla wokuVuselelwa ngokutsha kwemizi-mveliso nokusetyenziswa kweenkonzo neemveliso zalapha ekhaya ukuze kuvulwe amathuba okwakhiwa kweziseko ezingundoqo kunye necandelo le-oli nelerhasi nelokuzingelwa kobu butyebi bendalo.
1.4. IKhabhinethi iqaphele ukuba uMzantsi Afrika uselilizwe elikwindawo yesi-8 ngokobukhulu bomthamo werhasi ekuvimba kwaye le rhasi ininzi izayo ifuna eli lizwe lakhe icandelo lerhasi elingafuni zingcali zangaphandle ukuze isetyenziswe.
1.5. IKhabhinethi iza kubamba nentlanganiso ekhethekileyo eza kugxila kwisiCwangciso sokuKhulisa uQoqosho zingaphelanga ezi veki zine zizayo.
2. UMgaqo-nkqubo oHlangeneyo weSizwe wokuLawulwa koMgangatho waManzi
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuqaliswa ukusetyenziswa koMgaqo-nkqubo oHlangeneyo weSizwe wokuLawulwa koMgangatho waManzi. Lo mgaqo-nkqubo uzama ukulungisa ezi ngxaki zomgangatho wamanzi zicaciswe kwiPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weSizwe wezaManzi woMzantsi Afrika kunye noMthetho weSizwe wezaManzi,
2.2. Lo mgaqo-nkqubo ucacisa imithetho-siseko eyona ingundoqo wolawulo lomgangatho wamanzi. Wenza ukuba kubekho ukuhambelana kuyo yonke imithetho efanelekileyo enxulumene nezamanzi kwaye uzalisekisa izithembiso ezenziwe sisizwe zokuzibophelela kumba wokunikezelwa nokulondolozwa kwamanzi njengobutyebi bendalo obunqongopheleyo.
3. IsiCwangciso esingundoqo soMzantsi Afrika soMbane oHlaziyekayo (i-SAREM
3.1. IKhabhinethi iyivumile i-SAREM ukuba iqalise ukusetyenziswa.
3.2. I-SAREM ifuna ukuxhaphaza amathuba eza nokufunwa ngamandla kombane ohlaziyekayo kunye nobuchwepheshe bokuwugcina ngeenjongo zokukhuthaza ukwakhiwa kwemizi-mveliso nokusetyenziswa kweemveliso neenkonzo zalapha ekhaya.
3.3. Esi sicwangciso singundoqo sigxila kumbane wesola nowomoya, i-lithium-ion, iibetri kunye neebhetri ezisebenzisa i-vanadium yokugcina umbane kwaye ingumgaqo-nkqubo oza kutshintsha-tshintshwa.
3.4. IKhabhinethi iyalele ukuba makwenziwe umsebenzi owongezelekileyo kwesi siCwangciso singundoqo ukuze:
3.4.1. Sibe nezibonelelo eziza kufunyanwa ngabatyali-zimali eziza kubakhuthaza ukuba bafake imali kumalinge okukhulisa amashishini akwicandelo lombane ohlaziyekayo
3.4.2. Siquke ukuphuhliswa kwamafutha ezithuthi ehaydrojini engenabungozi kokusingqongoleyo ukuze sikwazi ukuzalisekisa izivumelwano zehlabathi sokuba kusetyenziswe iintlobo ezahlukeneyo ezingu-5% kwicandelo lezophapho nakwiizithuthi zaselwandle ngowama-2030.
4. IsiCwangciso sikaRhulumente seeNguqu kwiTeknoloji yale Mihla
4.1. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso sikaRhulumente seeNguqu kwiTeknoloji yale Mihla esineenjongo zokusebenzisa amathuba eza nobuchwepheshe ukuze kuphuculwe iinkonzo ezihanjiswa ngurhulumente kunye nokusebenza kukarhulumente. Imiba elungiswayo iquka: ukusebenzisana kwamasebe ahlukeneyo, iinkqubo ezidlulelwe lixesha; ukuyelelana kwemisebenzi kunye nokunqongophala kwezakhono okanye ubuchule.
4.2. Senzelwe ukuba kubekho urhulumente osebenzisa ubuchwepheshe okhokelisa phambili abantu oziqondayo izidingo zabantu, ingakumbi abantu abasokolayo, ngokuthi aqinisekise ukuba iinkqubo zokuhanjiswa kweenkonzo ziyasebenza futhi ziyakhawuleza.
D. ImiThetho eYilwayo
1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo osaQulunqwayo woMzantsi Afrika we-Arhente yeSizwe yeziSeko zemiThombo yaManzi (i-NWRIA)
1.1. IKhabhinethi ivumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo osaqulunqwayo we-NWRIA. Ezi zilungiso zinxulumene nokufakwa kwe-NWRIA kuluhlu lwamaqumrhu karhulumente anguShedyuli 2.
E. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. Mnu Fhululani Peter Netshipale njengoMlawuli-Jikelele weSebe lezoPhuhliso loLuntu.
2. Amalungu eBhunga loMzantsi Afrika lokuNgandiswa kweziXhobo ezinokuTshabalalia iHlabathi liPhela:
(a) Nks Ditebogo Kgomo (uSihlalo);
(b) Gq Kelvin Kemm;
(c) Gq Alison Lubisi;
(d) Mnu Gian Marcon ;
(e) Nks Kgaugelo Mogashoa;
(f) Nks Elsie Monale;
(g) Mnu Sandile Ndlovu;
(h) Nks Deidre Penfold;
(i) Nks Lizell Reinecke;
(j) Njing Bismark M Tyobeka; and
(k) Gq Jaqueline Weyer.
3. Amalungu eSouth African Forestry Company Limited:
(a) Njing Edward Nesamvuni (uSihlalo)
(b) Mnu Neeshan Balton (uqeshiwe kwakhona)
(c) Nks Lahlane Malema (uqeshiwe kwakhona)
(d) Mnu Norman Baloyi;
(e) Mnu Leo Long;
(f) Mnu Ndyebo Grootboom;
(g) Adv Nomazotsho Yvonne Memani;
(h) Mnu Zwintayo Madula;
(i) Nks Sharon Mkhize; kunye
(j) noNks Ntombifuthi Nkosi.
F. Imisitho ezayo
1.1. USuku lweHlabathi lwesiFo sePhepha (i-TB)
1.1.1. UMzantsi Afrika uza kukhumbula uSuku lweHlabathi lwe-TB ngomhla wama-24 kweyoKwindla 2025 phantsi komxholo othi: “Ewe! Wena Nam Singayiphelisa i-TB: Zibophelele, Tyala iMali, Hambisa iiNkonzo:.
1.1.2. IKhabhinethi ichulumancile yinto yokuba uMzantsi Afrika uliphungule ngama-57% inani labantu abane-TB ukuze ufike kulo myinge ubekwe nguMbutho weHlabathi wezeMpilo wokuphungula inani labantu abane-TB ngama-50% ukususela kuma-2015 ukuya kuma-2025. Inkqubo yethu enkulu yamachiza okuthomalalisa iNtsholongwane kaGawulayo ibe negalelo elikhulu kwezi ziphumo ze-TB, kuquka nokunyangwa iphile kunye nokuphungula inani labantu ababulawa yi-TB.
1.1.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baye kwiikliniki okanye izibhedlele ezikufutshane baye kuhlolwa i-TB.
2. I-Indaba yezaManzi noGutyulo (27-28 kweyoKwindla 2025)
2.1. I-Indaba yezaManzi noGutyulo yowama-2025 iza kubanjelwa eGallagher Estate ngomhla wama-27 nowama-28 kweyoKwindla 2025 phantsi komxholo othi: “Amanzi Oneleyo nokuNikezelwa Kwawo”.
2.2. Le Indaba iza kugwadla izithembiso ezenziwe kwisiCwangciso soPhuhliso sesiGaba esiPhakathi (i-MDTP) kunye ne-Operation Vulindlela 2.0, njengenxalenye yesicwangciso-qhinga soMbuso wesiXhenxe sokulungisa izinto kwicandelo lamanzi.
2.3. Le Indaba iza kujonga nomsebenzi osele wenziwe malunga sesiCwangciso sokuSebenza seNgqungquthela yaManzi yowama-2024 ize ihlalutye nengxelo ye-Blue Drop, eye-Green Drop kunye neye-No Drop ngeyoMnga 2023.
3. INdibano yezoQoqosho lwamaNina (i-WECONA)
3.1. I-WECONA ephakamisa ukuthatha inxaxheba ngokulinganayo kwezoqoqosho kwamanina kuqoqosho lesizwe ukuze kuliwe ingxaki yobundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina (-GBVF), iza kubanjwa ngomhla wama-28 kweyoKwindla 2025.
3.2. Eli linge lesizwe liza kudibanisa iinkampani, amasebe karhulumente, imibutho kunye nabantu kuxoxwe ngeendlela zokuvulela amathuba iinkampani zamanina ukuba zithathe inxaxheba kuqoqosho.
4. INyanga yeNkululeko
4.1. UMzantsi Afrika uza kubhiyozela iNyanga yeNkululeko ngoTshazimpunzi kunye noSuku lweNkululeki ngomhla wama-27 kuTshazimpunzi 2025.
4.2. USuku lweNkululeko kunye neNyanga yeNkululeko yimisitho ebaluleke kakhulu esizibhiyozelayo sisisizwe esinye, njengoko ilizwe lakuthi likhumbula ukusekwa kwesizwe esimanyeneyo, esingacaluli ngokwebala nangokwesini kunye nelinguMzantsi Afrika olawulwa ngokwentando yesininzi esihloniphe isidima somntu, ukungacaluli ngokobuhlanga nangokwesini nesiwuhloniphileyo umthetho ocaciswe kakuhle kuMgaqo-siseko.
4.3. Umsitho weSizwe wemibhiyozo yoSuku lweNkululeko kulo nyaka uza kubanjelwa eMpumalanga kwaye uza kube uchaza isiphelo semibhiyozo eqhube unyaka wonke yemiNyaka engama-30 yeNkululeko noLawulo lweNtando yesiNinzi.
5. INgqungquthela yase-Afrika yezaBantwana (3-7 Tshazimpunzi 2025)
5.1. UMzantsi Afrika uza kusingatha iNgqungquthela yase-Afrika yezaBantwana (i-ACS) eRhawutini ukususela ngomhla wesi-3 ukuya kowesi-7 kuTshazimpunzi 2025.
5.2. UMzantsi Afrika ukhethwe njengendawo eza kusingatha le Ngqungquthela izayo, iza kukhokelwa yi-Nelson Mandela Children’s Fund njengoMbutho woLuntu ophambili.
5.3. Abathathi-nxaxheba abaphuma mbombo zone zeli lizwekazi baza kudibana kule nkomfa iza kukhokelwa ngabantwana bakhokele iingxoxo eziphakathi kwabaqulunqi bemigaqo-nkqubo kunye nabantwana.
6. INkomfa enguNyaka-mbini ye-17 yoMbutho weHlabathi weeJaji ezingamaNina (i-IAWJ)
6.1. UMzantsi Afrika uza kusingatha iNkomfa enguNyaka-mbini ye-17 ye-IAWJ eKapa ukususela kumhla we-9 ukuya kowe-1 kuTshazimpunzi 2025 phantsi komxholo othi: UkuNyamezela: Amanina AziNkokeli ukuLwa i-GBVF.
6.2. Le nkomfa, iza kusindlekwa liCandelo loMzantsi Afrila le-IAWJ, iza kudibanisa iijaji kunye neengcali kwezomthetho eziphuma mbombo zone zehlabathi. Iza kuxoxa ngeendlela zokuphelisa i-GBVF ngokulwela amalungelo amanina, nobunkokeli. Le nkomfa iza kuzinyaswa ngoompondo-zihlanjiwe kwezomthetho abafana neJaji eyiNtloko uMandisa Maya.
7. UTyelelo likaMongameli Lokuya kuHlola kuMasipala oMbaxa waseNelson Mandela
7.1. UMongameli Ramaphosa uza kubamba uTyelelo likaMongameli Lokuya kuHlola ngomhla we-15 nowe-16 kuTshazimpuzi ukuya kujonga indima esele ihanjiwe malunga nokuhanjiswa kweenkonzo, imingeni namathuba ohlumo loqoqosho oluquka wonke umntu.
7.2. Olu Tyelelo likaMongameli Lokuya kuHlola liza kuzinyaswa zinkokeli eziphuma kumaqoqo amathathu karhulumente kwaye luza kunika ithuba urhulumente ukuba akwazi ukunxibelelana ngqo nabahlali.
4. INgqungquthela yaseAfrika yeHaydrojini engenabuNgozi kokusiNgqongileyo (12 – 13 kweyeSilimela 2025)
4.1. UMzantsi Afrika uza kusingatha iNgqungquthela yase-Afrika yeHaydrojini engenabuNgozi kokusiNgqongileyo yokuqala ukususela ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kweyeSilimela 2025.
4.2. Le Ngqungquthela yase-Afrika yeHaydrojini engenabuNgozi kokusiNgqongileyo ineenjongo zokukhuthaza intsebenziswano yeengingqi, ukuququzelela ukwabelana ngobuchwepheshe, ukuphuhlisa izakhono kunye nokunceda icandelo lehaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo lifumane iindawo elinokuthengisa kuzo le mveliso.
G. Imiyalezo
1. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana neminqweno emihle:
1.1. Kohloniphekileyo, uMongameli Netumbo Nandi-Ndaitwah ngokubekwa kwakhe ngokusesikweni njengoMongameli wokuqala obhinqileyo kwilizwe lakhe, futhi nowonyule uSekela-Mongameli oHloniphekileyo uLucia Witbooi, naye ongunmtu wokuqala olunina kwesi sikhundla, kunye neKhabhinethi enamanina aliqela.
1.2. Kumaqela oMzantsi Afrika ngokoqhuba kakuhle kakhulu kwiiMidlalo yee-Olimpikhi eziKhethekileyo zaseBusika zowama-2025 e-Italy kunye ne-World Athletics Indoor Championship eChina.
1.2.1. KwiiMidlalo yee-Olimpikhi eziKhethekileyo zaseBusika, uMzantsi Afrika uphumelele imbasa yegolide enye, ezesilivere ezintathu kunye nezebronzi ezimbini:
a) uNaledi Hlalele wuphumelele imbasa yegolide kwi-Figure Skating;
b) uBianca Basson noKenneth Mokabo baphumelele isilivere kwi-Figure Skating;
c) uShane Bentley uphumelele isilivere kwi-Short Track Speed Skating;
d) uTyrell Sykes uphumelele ibronzi kwi-Figure Skating; aze yena
e) uShirnel Swarts aphumelele ibronzi kwi-Short Track Speed Skating.
1.2.2. IQela loMzantsi Afrika kwi-World Athletics Indoor Championship eChina, liphumelele ngolu hlobo:
a) uPrudence Sekgodiso wenze imbali ngokuba linina lokuqala loMzantsi Afrika ukuphumelela imbasa yegolide kwi-800 m kwi-World Athletics Indoor Championships.
b) U-Akani Simbine ngokuphumelela imbasa yebronzi kumagqibela-kankqoyi e-60m kwi-World Athletics Indoor Championships.
c) Baqhube kakuhle kakhulu uCheswill Johnson kwi-long jump yamadoda kunye noChris van Niekerk kwi-shot put.
1.3. Ityendyana elenza ezibukwayo kumbaleko uBayanda Walaza, okwazileyo ukuthatha ixesha elingaphantsi kwemizuzwana eli-10 kwi-100 m, lo nto imenze abe kwindawo yesihlanu kwihlabathi kwi-100 m yabaselula futhi ubambe irekhodi loMzantsi Afrika kwabaneminyaka engaphantsi kwengama-20 lemizuzwana eyi-9.99 waze waphumelela imbasa yeGolide kwi-Athletics Gauteng North Championships.
1.4. URassie Erasmus ngokutyunjwa njengoMqeqeshi woNyaka wowa-2024 kwi-SA Rugby Awards.
1.5. Umdlalo weSpringbok uCheslin Kolbe ngokuba ngumdlali wokuqala wangasemva ukususela ngowama-2013 ukuphumelela i-SA Rugby Men’s Player of the Year yowama-2024.
1.6. UNadine Roos ngokuwongwa ngokuba yi-SA Rugby Women’s Player of the Year yowama-2024, isihlandlo sesibini kwisithuba seminyaka emithathu.
1.7. IBafana Bafana ngokuba kwindawo yokuqala ku-Group C kwimiDlalo eHluzela iNdebe yeHlabathi yeFIFA yowama-2026 emva kokuphumelela ngamabini eqandeni ibetha eLesotho ePeter Mokaba Stadium ebigcwele imi ngeembambo.
1.8. Imvumi yoMzantsi Afrika uTyla Laura Seethal, odume ngelikaTyla, nophumelele njenge-World Artist of the Year kwi-iHeartRadio Music Awards.
2. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwizihlobo nosapho:
2.1. lukaNks Yolanda Nyembezi, owaziwa ngelikaYallunder, obeyimvumi eneziphiwo ezininzi obesonwabisa abantu ngelizwi lakhe elingumlonji nobeligcisa lokwenene.
2.2. lukaMnu Ashwin Trikamjee, uMongameli weHindu Maha Sabha yoMzantsi Afrika kunye noSihlalo weNational Religious Leaders Forum. IGqwetha lamaLungelo oLuntu. Wayephambili ekuphuhlisweni kwebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Njengetshantliziyo elalichasene noCalucalulo, wayeyinkokeli yeNatal Indian Congress eDurban Central
2.3. Zabahlali abathandathu (6) abagadayo ekuhlaleni ababuleweyo kwaye ithumela iminqweno emihle yokuba bachache ngokukhawuleza abanye nabo abathandathu (6) abathe bonzakala kwindawo yamatyotyombe iMarry Me eSoshanguve. Abo bathi basutywa kukufa nguMpho Johannes Koko, Phelemon Seshoka, Katlego Motloutsi, Andries Moreteledi Tlhabane, Siliky Ngoeng, kunye nomnye yena ongekaziwa. Abantu ababini (2) abarhaneleka kolu lophulo-mthetho sele bebanjiwe kwaye baza kuvela eNkundleni ngoLwesithathu, umhla wama-26 kweyoKwindla 2025.
2.4. lukaMnu James O'Connell, umqhubi-nqwelomoya othe wasweleka ngethuba inqwelomoya ebeyiqhuba i-Impala Mark 1 isiwa ethatha inxaxheba kumbonisa i-West Coast Air Show e-Saldanha Airfield eNtshona Koloni.
Ikhutshwe: LiZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Imibuzo: Nks Nomonde Mnukwa – IsiThethi sikaRhulumente eziliBambela
Iselula: 083 653 7485