INgxelo yeNtlanganiso eKhethekileyo yeKhabhinethi yangoMvulo, umhla wesi-3 kweyoKwindla 2025

A.    IziGqibo zeKhabhinethi

1.    UHlahlo Lwabiwo-mali lowama-2025-2026

1.1.    Kuye kwabizwa iNtlanganiso eKhethekileyo yeKhabhinethi ngoMvulo, umhla wesi-3 kweyoKwindla 2025 ukuze kuqwalaselwe izimvo zamalungu eKhabhinethi malunga nendlela enokukhethwa kuhanjwe ngayo, phantsi kwezi meko, ukuqokelela imali yoHlahlo Lwabiwo-mali lonyaka-mali wama-2025/26 kunye nesigaba esiphakathi. Le ibilandela enye intlanganiso ekhethekileyo yeKhabhinethi yangoMvulo, umhla wama-24 kweyoMdumba, eyathi yavumela ukuba kubanjwe iingxoxo gabalala malunga neengxaki zezimali zeli lizwe kunye nemfuneko yokuba kuqaliswe ukuphunyezwa kwezinto ezikhokeliswe phambili ngulo Mbuso wesi-7, uthathe intambo ngowama-2024 phantsi koRhulumente woBumbano kaZwelonke (i-GNU). Kula ntlanganiso yomhla wama-24 kweyoMdumba 2025, uMongameli Cyril Ramaphosa waseka iqela labaPhathiswa elikhokelwa nguSekela-Mongameli ukuba lisebenze noMphathiswa weziMali kunye ne-ofisi yakhe kaNondyebo weSizwe badibanise zonke izimvo zamalungu eKhabhinethi zize ziphinde zilungiselelwe ukuqwalaselwa kwakhona.

1.2.    Eli qela likhokelwa nguSekela-Mongameli uMashatile futhi lixhaswa nguNondyebo weSizwe lithe thaca izinto ezininzi ezithe zaqwalaselwa yiKhabhinethi. Ngelokulandela icandelo 27 loMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (u-1 wowe-1999), iKhabhinethi igunyaze uMphathiswa wezeMali ukuba akhethe kwezi zinto zixoxiweyo aze aqokelele uHlahlo Lwabiwo-mali ngendlela eza kuthathela ingqalelo:

(a)    Iingxaki zezimali zesizwe
(b)    Ukukhusela abantu abangathathi ntweni kunye namakhaya amkela imivuzo ephakathi ukuba bangabetheki kakhulu; kunye,
(c)    nemiba eza kuxhasa uhlumo loqoqosho.

Emva kokuba iqoshelisiwe inkqubo yokugwadlwa kwezimvo eziligalelo kwinkqubo yokubala uHlahlo Lwabiwo-mali zamalungu eKhabhinethi, ngoku uMphathiswa wezeMali kunye noNondyebo weSizwe baza kuluqukumbela uhlahlo lwabiwo-mali balwandlale ePalamente ngoLwesithathu, umhla we-12 kweyoKwindla 2025.

Imibuzo: 
Mnu Sathasivan (Terry) Vandayar – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 082 444 9092

Share this page

Similar categories to explore