A. IMiba engundaba-mlonyeni
1. Ezempilo
1.1. UMzantsi Afrika usaqhubekeka ngokubonakalisa ubungcali bezonyango nenzululwazi obukumgangatho wehlabathi ngokwazi ukuphatha ingxaki yeHantavirus
1.1.1. IKhabhinethi iliqhwabele izandla iZiko leSizwe leZifo ezoSulelayo (i-NICD) ngenqanaba lobuchwephesha lokufumanisa abantu ababini abahlaselwe yiHantavirus kwisithuba seeyure ezingama-24 zokungeniswa kwezigulane kwisibhedlele saseGauteng.
1.1.2. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeemeko ezikhokelele ekubeni izigulane zeHantavirus zamkelwe kwisibhedlele saseMzantsi Afrika zisuka kwinqanawa yokukhenketha, iMV Hondius.
1.1.3. IKhabhinethi iphinde yaqhwabela izandla iSebe lezeMpilo ngesantya nangempumelelo yokulandela umkhondo okhokhelele ekufunyanweni kwabantu ababedibene nezigulana ezineHantavirus kwangaphambi kokuba bafunyanwe benayo le ntsholongwane.
1.1.4. IKhabhinethi inqwenela ukuthomalalisa uloyiko lolunye uqhambuko ngenxa yokuxhaphaka kweempuku kwabanye oomasipala. Izazinzulu zisiqinisekisile ukuba iHantavirus ayifumaneki kuzo naziphi na iimpuku eMzantsi Afrika okanye kwilizwekazi lase-Afrika.
1.1 Ingxowamali eyi-R1.5 yeebhiliyoni yenkxasomali yeBiovac ikhuthaza amandla okuvelisa isitofu sokugonya eMzantsi Afrika
1.1.1 IKhabhinethi iyamkele iphakheji yenkxasomali eyi-R1,5 yeebhiliyoni phakathi kweBiovac kunye neQela leBhanki yoTyalomali yaseYurophu (i-EIB) yokuseka iziko lokuqala lase-Afrika lokuvelisa amachiza ogonyo awohlukeneyo.
1.1.2 Umzimveliso, ocwangciselwe ukugqitywa ngowama-2028, uya kuvelisa amayeza okungonyela isifo sotyatyazo athathwa ngomlomo, ze ekuhambeni kwexesha oko kunatyiselwe ekuqukeni amayeza okugonyela ipoliyo, inyumoniya, kunye nemeninjayithisi. Iza kuthi yakusebenza ngokupheleleyo, loo sayithi ibe nomthamo wemveliso wamathamo anokufikelela kwizigidi ezingama-40, nto leyo iya komeleza kakhulu ezempilo zase-Afrika ndawonye nokuqinisekisa iinkqubo zobonelelo ngamachiza.
1.1.3 Le projekthi kukwalindeleke ukuba idale imisebenzi engaphezulu kwengama-340 kubantu abanezakhono kunye nemisebenzi emalunga nama-7 000 ehambelana nale projekthi, ngeli lixa ikhuthaza udluliselo lobuchwephesha, ukusungulwa kwezinto ezintsha kunye nokomelela kwezempilo kwexesha elide kweli lizwekazi liphela.
1.2 ISifo seeMpuphu neNyebethu
1.2.1 IKhabhinethi iyamkele inkqubelaphambili yenkqubo yokugonya iinkomo ezizizigidi ezingama-2.59 zizonke ezigonyelwe iSifo seeMpuphu neNyebethu (i-FMD) ukuza kuthi ga ngoku.
1.2.2 IKhabhinethi ikunike ingqalelo ukufika kwamathamo azizigidi ezibini zesitofu sokugonya i-FMD, mathamo lawo avela eTürkiye, njengenxalenye yesigaba sokuqala seoda yamathamo azizigidi ezithandathu. ISebe lezoLimo lisasaza amayeza okugonya kumaphondo lisebenzisa imodeli ejolisayo, esekelwe kulwabiwo olwenziwa ngokwenzululwazi olukhokelwa ngumngcipheko izilwanyana ezikuwo kunye nedatha engobuninzi bazo.
1.2.3 Amanye amathamo azizigidi ezihlanu a-odolwe e-Argentina ngequmrhu i-Onderstepoort Biological Products.
2 Ezoqoqosho
2.1 Urhulumente usaqhubekeka nokungenelela ekunciphiseni amaxabiso aphezulu wamafutha ezithuthi
2.1.1 IKhabhinethi isaqhubekeka nokungenelela ukuze kuncitshiswe amaxabiso aphezulu wepetroli ngenxa yemfazwe eqhubekayo yase-US/Israel e-Iran nethe yachaphazela ummandla weGulf.
2.1.2 IKhabhinethi ikuxhasile ukuxhaswa ngemali kwerhafu yamafutha ezithuthi eyi-R17.2 yeebhiliyoni njengoko ibhengezwe nguMphathiswa wezeMali, nkxaso leyo iza kusetyenziswa kwisithuba seenyanga ezintathu (3) ukusuka kuTshazimpunzi ukuya kweyeSilimela ngowama-2026 kwaye iQela labaPhathiswa eliSebenzayo liyaqhubeka nokuvavanya amanye amanyathelo okungenelela okunciphisa ifuthe lokunqongophala kwamafutha nezichumiso kwihlabathi jikelele, futhe elo linokuchaphazela abemi boMzantsi Afrika.
2.1.3 IKhabhinethi iyalele uMphathiswa weMithombo yeziMbiwa nePetroliyam exhaswa nguMphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano ukuba aququzelele ukusabela kwe-SADC ekuqinisekiseni ukubakho kwamafutha nezichumiso kunye nobonelelo ngezo zinto kulo mmandla.
3 EzoBudlelwane naMazwe ngaMazwe
3.1 Impumelelo ephawulekayo phantsi kweSigaba sesi-II seprojekthi yebhulorho yamanzi iLesotho Highlands Water Project - Senqu Bridge
3.1.1 Ukuphehlelelwa kweBhulorho yaseSenqu eMokhotlong kuBukumkani baseLesotho, kubonisa impumelelo ebalaseleyo phantsi kweSigaba sesi-II seprojekthi yamanzi iLesotho Highlands Water Project. Le bhulorho intsha iza kuqinisekisa ukungena ngendlela engenasiphazamiso eMokhotlong, eSani Pass, nakwiindawo eziyingqongileyo.
3.1.2 Le projekthi ibe negalelo elibonakalayo ekuphakamiseni uqoqosho lwaseLesotho, ngokuthi uMzantsi Afrika wakhe iindlela ezibude bungamakhulu eekhilomitha ukuze kuphuculwe indlela yokufikelela kwiindawo ezikude zamadama kunye nokubonelela ngeentlawulo zembuyekezo ezixabisa malunga ne-R3,8 yeebhiliyoni zeerandi ngonyaka kwingxowamali yeli lizwe phantsi kweprojekthi iLesotho Highlands Water Projects.
3.1.3 Le Lesotho Highlands Water Project iqinisekisa ukuba iGauteng iba namanzi amaninzi ngokusebenzisa inkqubo yamanzi iVaal Water ngelixa iLesotho yona livelisa amandla ombane kwaye lixhasa ubonelelo ngamanzi aselwayo, unkcenkceshelo, ukuloba kunye nokukhuthazwa kokhenketho.
3.2 Utyelelo lokuSebenza eSpain luqinisekisa ubuqabane obuxabisekileyo
3.2.1 IKhabhinethi ilwamkele utyelelo lwaseSpain ngokusemthethweni lukaMongameli uCyril Ramaphosa, tyelelo olo lube yimpumelelo, nolukhokelele kwizibophelelo ezingaphezulu kwe-€2.1 yeebhiliyoni ezijolise kutshintshelo olunobulungisa lwamandla ombane loMzantsi Afrika kumacandelo ehayidrojini ecocekileyo, izithuthi zamandla ombane, amandla ombane ahlaziyekayo kunye neziseko ezingundoqo zothungelwano lwamandla ombane.
3.2.2 Ngowama-2025, urhwebo lulonke phakathi koMzantsi Afrika neSpain lwafikelela malunga nakwi-€2.8 yeebhiliyoni, kwaza ukuthunyelwa kwempahla eSpain kwanyuka kwaya kuma kwi-€1.3 yeebhiliyoni. Ngaphezu koko, iinkampani ezingaphezu kwe-150 zaseSpain kungoku nje zisebenza kumhlaba waseMzantsi Afrika, nto leyo exhasa imisebenzi engaphezu kwama-20 000 kuwo wonke amacandelo asusela kumandla ombane ahlaziyekayo neziseko ezingundoqo ukuya kwiinkonzo zemali, iteknoloji nokhenketho.
4. Ukungabikho ngozini nokhuseleko
4.1 ImiNgeni yoFudukelo
4.1.1 IKhabhinethi ikugxekile ukusasazeka kweevidiyo nemifanekiso engamampunge, ezi vidiyo zithi kukho uhlaselo lwabemi bamazwe angaphandle eMzantsi Afrika. Ezo vidiyo naloo mifanekiso ayingomampunge nje kuphela, zijolise ekungcoliseni igama elihle loMzantsi Afrika kumazwe ngamazwe kwehliswe nokuzimisela koMzantsi Afrika ekwenzeni ukuba indlela ye-Afrika ikhanye nangaphezulu.
4.1.2 Abemi boMzantsi Afrika banelungelo lokuqhankqalazela umngeni wofudukelo kweli ngokungekho mthethweni, kodwa ubundlobongela obabusayanyaniswa nolo qhankqalazo kwixesha elidlulileyo abamkelekanga kwaye abezomthetho kufuneka bajongane nabaphembeleli bodushe olunjalo.
4.1.3 IKhabhinethi iwagxekile amalinge abo abafuna ukuxhaphaza elithuba ngokuthi bathathe iinkxalabo zokwenyani zabemi boMzantsi Afrika malunga nentswelangqesho ephezulu, kunye namathuba anyiniweyo ezoqoqosho, bakwenza oko ngokuhlanganisa abemi boMzantsi Afrika ukuba baphazamise eli lizwe kuquka nokugaya uhlaselo lwabemi bamazwe angaphandle kunye nendlela yokukhuthaza ucalucalulo ngokubuhlanga.
4.1.4 IKhabhinethi iphinde yaphinda yathi kukho umsebenzi oqhubekayo wokulungisa ingxaki yokufudukela kwabantu kweli lizwe ngokungekho mthethweni, nto leyo iquka ukomelezwa kolawulo lwemida ngomsebenzi we-BMA, ukukhawulezisa ukubuyiselwa kwabafudukeli abangemthetho kumazwe abo, ukujongana nolwaphulomthetho phakathi kwabantu abasuka kwamanye amazwe, kunye nokukhusela imisebenzi namathuba wabemi boMzantsi Afrika.
4.1.5 Ngokubhekiselele kumathuba wabemi boMzantsi Afrika, iKhabhinethi iyalele iSebe lezeNgqesho nezaBasebenzi ukuba liluthathele phezulu uhlolo lweendawo zokusebenza ukuqinisekisa ukuthotyelwa kwemithetho yengqesho kuwo onke amacandelo asemngciphekweni phakathi kwamanye afana nalawo okonwabisa iindwendwe, iifama, awezigadla nawolwakhiwo.
4.1.6 IKhabhinethi iphinde yayalela oomasipala ukuba baqinisekise ukunyanzeliswa kwemithetho kamasipala, kuqalwe kubekwe phambili imithetho kamasipala yorhwebo. Abemi boMzantsi Afrika kufuneka nabo badlale indima yabo ngokuthi bohlukane nokuqeshisa iilayisenisi zabo zoshishino.
4.1.7 Ngokubhekiselele kwinqanaba lomgaqonkqubo, iPhepha leNgcaciso yoMgaqonkqubo oHlaziywayo malunga nokuFudukela kweli lizwe lijongene nemiqobo kunye nemithetho yakaloku nje yokufudukela kweli lizwe, ngokusungula umgaqo ongokukhetha ilizwe lokuqala lokhuseleko, ukusondeza amaziko okwamkela iimbacu abekufutshane nasemideni, kunye negatya elivumela amaSebe atyumbe imisebenzi ethile, iiprofeshini ezithile namashishini athile zibe zizinto ezilungele abemi boMzantsi Afrika neembacu kuphela.
B. IziGqibo zeKhabhinethi
1. IPhepha leNgcaciso yoMgaqonkqubo eliHlaziyiweyo langowama-2026 elingooRhulumente beeNgingqi
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwePhepha leNgcaciso yoMgaqonkqubo elisaYilwayo eHlaziyiweyo elingooRhulumente beeNgingqi ukuze uluntu lubonisane ngalo. Eli Phepha leNgcaciso yoMgaqonkqubo eHlaziyiweyo liyinxalenye yohlaziyo loorhulumente beengingqi lokulungisa oorhulumente beengingqi ukuze kwakhiwe ngokwenkqubo yale mihla yokusebenza koorhulumente beengingqi, nkqubo leyo ilungele oko ijolise kuko nekwaziyo ukubonelela ngeenkonzo ngalo lonke ixesha.
1.2. Uphononongo lwePhepha leNgcaciso yoMgaqonkqubo lwaqaliselwa ukuze kuqinisekiswe ukuba inkqubosikhokelo yomgaqonkqubo woorhulumente beengingqi isoloko isabela kwizinto ezenzekayo ngexesha langoku, nezo eziqhubeka nokwenzeka, ezoqoqosho, izithuba nokusingqongileyo. Iinkalo eziphambili ekugxilwe kuzo ezichongiweyo lisiko mpilo lokusebenza koomasipala, ubunkokeli bezopolitiko nokuphendula, ulungelelaniso phakathi koorhulumente, ukubandakanywa kwabemi, iinguqu kwezezimali nezimali zaseburhulumenteni, ndawonye nobunkokeli bomthonyama.
1.3. Eli Phepha leNgcaciso yoMgaqonkqubo eliHlaziyiweyo lamkela indlela yophumezo enezigaba nelandelelanayo ukuqinisekisa inguqu ehambelanayo nezinzileyo kuhlaziyo loorhulumente beengigqi. Idrafti yalo iyayiqonda into yokuba iinzame zohlaziyo lwangaphambili bezisoloko zisilela kwinqanaba lokuphunyezwa, ngenxa yokungabikho kwengqwalasela eyaneleyo kulandelelwaniso nolawulo lweenguqu. Njengenyathelo lokuqala lohlaziyo, iPhepha leNgcaciso yoMgaqonkqubo eHlaziyiweyo lindulula ukusekwa kweZiko loLawulo lweeNguqu kooRhulumente beNgingqi elimiselwe ixesha elithile.
2. Isicwangcisoqhinga seXesha eLide sokuVuselelwa koMkhosi we-SANDF
2.1. IKhabhinethi isivumile iSicwangcisoqhinga seXesha elide sokuVuselelwa koMkhosi kunye neNdlela yoCwangciso ye-SANDF kunye namaxwebhu asixhasayo oMgaqonkqubo woCwangcisoqhinga.
2.2. Emva kwamashumi eminyaka enkxasomali enqongopheleyo, amaqonga amadala kunye nokungabikho kwemali yokuphuhlisa izakhono, i-SANDF iye yavelisa isicwangcisoqhinga sovuselelo lomkhosi esicwangciswe ngokwemigaqo echazwe kwisicwangciso “soHambo oluSingise kuBukhulu” (Journey to Greatness).
2.3. Esi sicwangcisoqhinga sinxulumanisa uphuculo lwezokhuselo nophuhliso lweSizwe, uzinzo lwengingqi, kunye nokukhula koqoqosho ukuze kwakhiwe uMkhosi woKhuselo okwaziyo ukunyamezela, nolungele ikamva nokwaziyo ukujongana nemingeni ekhoyo ngoku kunye nezoyikiso zexesha elide.
3. Iminyaka engama-70 yoMzabalazo wabaseTyhini kunye noXhotyiso: Isalathiso sokuxhotyiswa kwabasetyhini ngezentlalo noqoqosho
3.1. Njengenxalenye yokuzinikela kuxhotyiso oluluncedo lwabasetyhini njengoko ilizwe ligqiba iminyaka engama-70 ukususela kwimatshi yabaseTyhini yangowama-1956, iKhabhinethi iphumeze ukusungulwa kweSalathiso sokuXhotyiswa kwabaseTyhini ngezeNtlalo noQoqosho njengekhadi lamanqaku lonyaka lokulinganisa nokulandelela inkqubela phambili ekuxhotyisweni kwabasetyhini ngokwentlalo noqoqosho ekuhambeni kwexesha.
3.2. Esi salathiso sijongana nokungabikho komlinganiselo obanzi, osemgangathweni wokuxhotyiswa kwabasetyhini kwezentlalo noqoqosho kunye nokuthatha inxaxheba kwimibutho ethatha izigqibo eMzantsi Afrika. Kwinqanaba lentlalontle, esi salathiso siza kugxininisa kwimpilo nakwimfundo, kwezoqoqosho, iimarike zabasebenzi nezibonelelo, kwaye kwinqanaba lokwenza izigqibo, esi salathiso siza kugxininisa kwimeko yokwenza izigqibo kwicandelo laseburhulumenteni nakwicandelo labucala.
3.3. Isiseko sesi Salathiso sokuXhotyiswa kwabaseTyhini ngezentlalo noqoqosho sibonisa ukuthathwa kwezigqibo kwecandelo likarhulumente njengomlinganiselo ofumana amanqaku aphezulu ngokuxhotyiswa kwabasetyhini ngelixa iimarike zezemisebenzi kunye nezibonelelo zirekhoda awona manqaku aphantsi. Ezona ndawo zezalathisi zisezantsi zibandakanya iifemu ezinobunini basetyhini, isabelo samaGosa aziiNtloko zesiGqeba abhinqileyo kwiifemu ezidweliswe kwi-JSE, ukufumana imalimboleko, kunye nokuqeshwa kwizithuba eziphezulu zemisebenzi.
4. Iminyaka engama-70 yoMzabalazo wabaseTyhini kunye noXhotyiso: INgxelo yesithandathu ngokusungulwa koMnqophiso ongokubhangiswa kwazo zonke iintlobo zocalucalulo oluchasene nabasetyhini
4.1. IKhabhinethi yamkele iNgxelo yoMzantsi Afrika yeXesha leSithandathu engokusungulwa koMnqophiso wokuBhangiswa Kwazo Zonke iiNtlobo zoCalucalulo oluChasene nabaseTyhini (i-CEDAW).
4.2. Le ngxelo ibonakalisa inkqubela eyenziwe nguMzantsi Afrika ekomelezeni umgaqosiseko, umgaqonkqubo wowisomthetho kunye nesakhelo seziko lokulingana ngokwesini, ukuxhotyiswa kwabasetyhini kunye nokulingana okubonakalayo. Inkqubela ibandakanya:
- Ukuphunyezwa koCwangciso oluPhendulayo ngokweSini, uHlahlo Lwabiwomali, ukuBeka iLiso, uVavanyo kunye neNkqubosikhokelo yoPhicothozincwadi
- ISicwangcisoqhinga seSizwe kwi-GBVF yowama-2019,
- Amalinge ophuhliso lwezoqoqosho,
- Ukubandakanywa ngokwesini kwicandelo likarhulumente kunye nokumelwa kwabasetyhini kubunkokeli nasekuthatheni izigqibo.
4.3 Nangona kukho inkqubela ebonakalayo, uMzantsi Afrika usasebenza kwimingeni ethe gqolo yolwakhiwo nokuphunyezwa kwayo equka intswelangqesho ephezulu yabasetyhini, isibetho sobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini, ukuguqulelwa okubuthathaka kweenzuzo zemfundo kwiziphumo zabasebenzi, kunye nokubandakanywa ngokwesini kwicandelo labucala.
C. IiNgxelo zeKhabhinethi
1. UkuLungisa uRhulumente weNgingqi: INgxelo yenkqubo yekota yesi-2 yonyakamali wama-2025/26 yokuphunyezwa kwezicwangciso zokubuyiswa kwezimali koomasipala ngaphantsi kongenelelo lwesizwe
1.1 IKhabhinethi ifumene ingxelo malunga nokuphunyezwa kweziCwangciso zokuBuyisela iZimali (ii-FRP) koomasipala abane (4) abafakwe phantsi kongenelelo lwesizwe ngokwemigaqo yeCandelo le-139 (7) loMgaqosiseko, abamasipala beengingqi ngowaseLekwa, owaseEnoch Mgijima, owaseDitsobotla, kwakunye noMasipala oMbhaxa waseMangaung. Inkqubela phambili ekuphumezeni ii-FRP ukuze kugcinwe utshintsho kwindlela yokusebenza kwezemali neyokunikezelwa kweenkonzo ngaba masipala ishiya amehlo, ngaphandle kweDitsobotla.
1.2 IKhabhinethi iqaphele ukuba kwabanye oomasipala abathathu (3), ukusungulwa kwe-FRP kumi kwiSigaba soku-1 ebekufanele ukuba sigqitywe kwiinyanga ezili-12 zokuvunywa kwe-FRP. Eyona nto ixhalabisayo kukungazalisekiswa kwemisebenzi enefuthe lemali, uphuculo olungephi kwizalathi zezemali nemliinganiselo, kunye nolawulo olungasebenziyo kwizalathi zenkcitho ezikhokelela kuphuculo olungephi lobonelelo ngeenkonzo.
1.3 IKhabhinethi ivume ukugcinwa koomasipala abane phantsi kongenelelo lwesizwe ngokwemigaqo yeCandelo le-139 (7) elifundwa neCandelo le-139 (5)(a) loMgaqosiseko. IKhabhinethi ivume ukuba kuqulunqwe amanyathelo okunyanzela oomasipala abakwingxaki yezemali ukuba bangene kwiZivumelwano ze-Arhente yoSasazo ukuze amaqumrhu afana no-Eskom athabathele kuwo ukuhanjiswa kombane nokuqokelelwa kwengeniso.
2. Ukuchongwa koMmandla oKhethekileyo woQoqosho iFetakgomo Tubatse, kwiPhondo laseLimpopo
2.1 IKhabhinethi yazisiwe yaza yaxhasa injongo yoMphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano yokutyumba uMmandla oKhethekileyo wezoQoqosho iFetakgomo Tubatse (i-FTSEZ) ocetywayo okwiSithili saseSekhukhune kwiPhondo laseLimpopo.
2.2 I-FTSEZ licandelo lesicwangcisoqhinga sesiCwangciso soPhuhliso saseLimpopo esijolise ekukhuthazeni ushishino, ukukhuthaza ukukhula koqoqosho, kunye nokudala amathuba engqesho ngokutsala utyalomali kwimigodi, ukuxhamla kwezimbiwa, amandla, ezolimo kunye namacandelo eemoto. I-FTSEZ iza kusungulwa ngokwezigaba ezintathu.
3. AmaThuba oQoqosho anokuBakho kuMzantsi Afrika ngoMmandla oRhweba ngokuKhululekileyo weLizwekazi le-Afrika
3.1 IKhabhinethi yazisiwe ngamathuba oqoqosho asenokubakhona kuMzantsi Afrika kweli lizwekazi liphela ngokusebenzisa i-AfCFTA. I-AfCFTA yenza enye yeemarike ezinkulu zehlabathi ezinabantu abangaphezu kwebhiliyoni eyi-1.3 kunye ne-GDP edibeneyo edlula i-3.4 yeetriliyoni yeedola zaseMelika.
3.2 IsiVumelwano esibanzi se-AfCFTA sibonisa amathuba eqhinga lokuvula amandla oqoqosho, ukwandisa iimarike zempahla ethunyelwa ngaphandle, ukuqinisa unxibelelwano lweenkqubo zemizimveliso, ukukhuthaza utyalomali, nokuqhuba uhlumo oluzinzileyo.
3.3 Ukususela oko uMzantsi Afrika waphehlelela urhwebo phantsi kwemigaqo ye-AfCFTA ukusuka kweyoMqungu kowama-2024 ukuya kweyoMdumba kowama-2026, urhwebo lunyuke lwaya kutsho kwi-2.6 yeebhiliyoni zeerandi luhlanganisa uluhlu olwahlukeneyo lweemveliso ezifana nezixhobo zemigodi, izixhobo zombane, ukutya, impahla, iiplastiki noomatshini bombane.
4. Ubonelelo lwamanzi acocekileyo eHammanskraal
4.1 IKhabhinethi ifumene ingxelo yenkqubela phambili yeProjekthi yaManzi aCocekileyo eHammanskraal eqhutywa yiMagalies Water phantsi kweSebe lezaManzi noGutyulo kunye neSixeko saseTshwane Ekugqityweni kwayo, le projekthi iza kubonelela ngamanzi acocekileyo kumakhaya amalunga nama-47 550, enceda abahlali abaqikelelelwa kwi-180 679.
4.2 IKhabhinethi iqaphele ukuba zone iimodyuli kwicala leProjekthi enikezelwa phantsi kweMagalies Water sele zakhiwe zaza zavavanywa, nto leyo eyenza le nkqubo ikwazi ukuvelisa ukuya kutsho kuma-50ML zamanzi asetyenziweyo ngosuku.
4.3 UMphathiswa wezaManzi noGutyulo uza kuhlola le projekthi kamva evekini aze aqinisekise ngolongamelo lwemisebenzi eyenziwa siSixeko saseTshwane ukuqinisekisa ukufikelela ngokupheleleyo kwamanzi kuluntu lwaseHamanskraal.
4.4 ISebe liphinde lanika iKhabhinethi ingxelo ngenkqubelaphambili malunga nokususa imiqobo yeeprojekthi zamanzi kunye nobume bamatyala oomasipala kwiibhodi zamanzi, nto leyo ebeka emngciphekweni omkhulu ukhuseleko lwamanzi kunye nokuma kakuhle kwezi bhodi ngokwezimali. Ingcaciso ebanzi malunga noku iza kwenziwa emva kweWaterCom.
5. Ubonelelo lombane luhlala lukhuselekile kwaye ukucuthwa kombane sele kuza kuba yinto ephoswe kwelokulibala
5.1 IKhabhinethi iyamkele iNkangeleko yoMbane waseBusika ethiwe thaca ngu-Eskom, ebonise ukuba akunakwenzeka ukuba kubekho ucimidanya wombane phakathi kukaTshazimpuzi neyeThupha, nto leyo echaza inguqu ebalulekileyo kuhambo lwesizwe sethu kumba wamandla.
5.2 IKhabhinethi iyamkele inkqubelaphambili ejongene nokucuthwa komyinge wombane wabathengi abangama-352 968 abangasachatshazelwanga kukucuthwa komyinge wombane ngamaxesha obunzima. Ukucuthwa komyinge wombane kuphelisiwe eMntla Koloni nakwiNtshona Koloni, kwaye kumaPhondo amahlanu (5) alandelayo uza kupheliswa ngowama-2026, zekube yiGauteng ne-KZN kuphela eza kuba nemingeni yokucuthwa komyinge wombane ekujongwe ukuba icuthwe ngowama-2027.
D. Imithetho
1. UMthethosihlomelo osaYilwayo woMthetho waBantwana, wama-2026
1.1. IKhabhinethi ivume ukungeniswa koMthethosihlomelo osaYilwayo woMthetho waBantwana wowama-2026 ePalamente.
1.2. UMthethosihlomelo osaYilwayo woMthetho waBantwana ujonge ukufezekisa iinkqubo nemimiselo eneziphene yophuhliso lwabantwana abasaqalayo ukufunda eyayingazange ihoyeke phantsi kweSahluko sesi-5 salo Mthetho ngabasemagunyeni abohlukeneyo ukuya kummiselo odityanisiweyo weECD phantsi kweSahluko sesi-6 esihlaziyiweyo soMthetho osaYilwayo phantsi koxanduva olulodwa lweSebe leMfundo esiSiseko. Lo Mthethosihlomelo usaYilwayo uzisa inkqubo enye yobhaliso yamaziko e-ECD kunye neseti enye yeMimiselo neMigangatho yeNkqubo ye-ECD.
2. UYilo loMthethosihlomelo osaYilwayo waMandla eNyukliya, wowama-2025
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koYilo loMthethosihlomelo osaYilwayo waMandla eNyukliya wowama-2025 ukuze uluntu luhlomle ngawo.
2.2. Lo Mthetho usaYilwayo uhlomela uMthetho waMandla eNyukliya wowama-1999 obonelela ngesikhokelo somthetho sokuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kurhwebo lwamazwe ngamazwe lwezixhobo zenyukliya nobuchwepheshe.
2.3. Lo Mthetho usaYilwayo ujongana nezikhewu zolawulo ezivela kuphuhliso lwenkangeleko yenyukliya yehlabathi kunye neyasekhaya ngokuhlaziya isigama, ukulungelelanisa uMthetho nemigangatho yamazwe ngamazwe, nokomeleza ukongamela imathiriyeli yenyukliya, iimpahla, kunye nemisebenzi enxulumene noko kulo lonke unxibelelwano lweenkqubo.
3. UMthethosihlomelo osaYilwayo weMigaqo yeZakhiwo zeSizwe kunye neMigangatho yoKwakha, wowama-2026
3.1. IKhabhinethi ivume uMthethosihlomelo osaYilwayo weMigaqo yoKwakha yeSizwe kunye noMthethosihlomelo osaYilwayo weMigangatho yoKwakha wowama-2026 ukuba uluntu luthathe inxaxheba. Injongo yalo Mthetho osaYilwayo kukukhuthaza ukufana kwemithetho ephantsi kolawulo loomasipala nokuqinisekisa iindlela zokwakha ezikhuselekileyo kusetyenziswa inzululwazi yokwakha ecacileyo, umsebenzi omhle, kunye nemathiriyeli esemgangathweni.
3.2. Lo Mthetho uYilwayo uphendula izikhalazo ezimalunga nemingeni enxulumene nokungangqinelani kokusetyenziswa nokuchazwa kwalo Mthetho.
D. Ingqesho
Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamaphepha emfundo kunye nokungabina chaphaza ngokokhuseleko.
- UMnu Otsile Maseng njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) yoMlawuli weTysala weSizwe.
- UNksz Linda Seroka njenge-CEO yeQumrhu le-inshorensi yokuThunyelelwa kwamanye amazwe eMzantsi Afrika.
- UMnu Marcus Selepe njenge-CEO yeLimpopo-Olifants Catchment Management Agency.
- Ukuqeshwa kwabalawuli beBhodi yeLepelle Northern Water
a. UGq Ndweleni Fredirick Mphephu (uSihlalo kwaye utyunjwe ngokutsha);
b. UMnu Motalane Dewet Monakedi (uSekela Sihlalo);
c. UNksz Ayesha Hamad Laher;
d. UNksz Christine Morongoe Ramphele;
e. UMnu Makone Mack Magoele;
f. UNksz Tsakane Zwane;
g. UNksz Stepinah Mudau;
h. UAdv. Lufuno Tokyo Nevondwe;
i. UNjingalwazi Tebogo Mashifana;
j. UNjingalwazi Mabel Mphahlele-Makgwane; kunye
k. noMnu Ashley Latchu.
- Ukuqeshwa kwabalawuli kwiBhodi yeNational Water Resource Infrastructure Agency
a. UMnu Ramateu Johannes Monyokolo (uSihlalo);
b. UNksz Precious Nompumelelo Sibiya (uSekela Sihlalo);
c. UNksz Barbara Schreiner;
d. UMnu Simphiwe Khondlo;
e. UMnu Gregory Nigel Joseph White;
f. uMnu Nicholas van Rensburg Rabie; kwaye
g. UNksz Mankone Mabataung Ntsaba.
- Ukuqeshwa kweBhodi eLawulayo yeBreede-Olifants Catchment Management Agency
a. UMnu Bongani Mnisi (uSihlalo);
b. UNksz Marli Slabber (uSekela Sihlalo);
c. UNksz Eurica Scholtz;
d. UMnu Trevor Abrahams;
e. UNjing Jakobus Andries du Plessis;
f. UNksz Natasha Davis – Wolmarans;
g. UMnu Jan Pienaar;
h. UMnu Kobus Nicolas Steenkamp;
i. UNksz Hlobisile Mbali Mngadi; kunye
j. NoNksz Tswarelo Gratitude Mokoena.
- Ukuqeshwa kweBhodi ye-Arhente yeState Information Technology
a. UNjing Stella Bvuma (uSihlalo);
b. Adv Colin Weapond;
c. Nks Zimbini Hill;
d. UNksz Siphumelele Dlungwane;
e. UMnu Rendani Ramabulana;
f. UNksz Nalini Maharaj;
g. UMnu Protas Phili;
h. UMnu Willie Vukela (omele i-DPSA); kunye
i. noMnu William Mathebula (omele uNondyebo weSizwe).
- IBhunga leManyano yoNxibelelwano lwaMazwe ngaMazwe (i-ITU).
a) IKhabhinethi ivume ukuba uMzantsi Afrika ungenele unyulo kwakhona kwi-ITU kuMmandla D (e-Afrika) unyulelwa isithuba sowama-2027 ukuya kowama-2030. Unyulo luza kuqhutywa kwiNkomfa ye-ITU yePlenipotentiary ukususela ngomhla we-9 ukuya kowama-27 kweyeNkanga kowama-2026. Ubukho boMzantsi Afrika kwiBhunga le-ITU, kunye nezinye izizwe zase-Afrika, buqinisekisa ilizwi elinamandla kwilizwekazi kulawulo lwe-ICT lwamazwe ngamazwe.
E. ImiCimbi kunye neeNkomfa
9. I-Africa’s Travel Indaba
a) I-Africa’s Travel Indaba 2026 iza kuqhutywa ukususela ngomhla we-11 ukuya kowe-14 kuCanzibe kowama-2026 e-Inkosi Albert Luthuli Convention Centre (Durban ICC) KwaZulu-Natal.
b) Le Indaba iza kubanjwa ngexesha apho kuye kwakho ukwanda kwabakhenkethi abavela kumazwe ngamazwe. KweyoKwindla kulo nyaka abatyeleli abangama-911 962 bakhethe uMzantsi Afrika, nto leyo ikukunyuka nge-12,5% xa kuthelekiswa nexesha elifanayo langowama-2025.
c) Oku kulandela ixesha labakhenkethi elaphula irekhodi lowama-2025 elalinabandwendweli abazizigidi ezili-10.5. Ukususela kweyoMqungu ukuya kweyoKwindla ngowama-2026, uMzantsi Afrika sele urekhode i-2 910 029 zabahambi abeza kweli.
d) Kolunye uphuhliso oluyeleleneyo uMzantsi Afrika uqinise iwonga lawo njengeyona ndawo iphambili kwezophapho e-Afrika kulandela uphicothozincwadi lokhuseleko olwenziwe yi-International Civil Aviation Organisation umbutho weZizwe eziManyeneyo oyi-arhente eyingcali kwezophapho.
10. Amanqaku aPhambili angePhulo leNkululeko
a) Lo nyaka ubone uthotho lwemicimbi ebalulekileyo kuhambo lwedemokhrasi yaseMzantsi Afrika oluza kukhunjulwa ngePhulo leMbali yeNkululeko, eliza kuphehlelelwa kwiZakhiwo zoMdibaniso kuCanzibe ngowama-2026 phantsi komxholo othi: "Ukuhlonipha Ixesha Elidlulileyo. Ukunikezela Ngekamva."
b) Le micimbi ibalulekileyo iquka isikhumbuzo seminyaka engama-30 sokwamkelwa koMgaqosiseko; isikhumbuzo seminyaka engama-50 yoqhankqalazo lolutsha luka-1976; isikhumbuzo seminyaka engama-70 yephulo lokuchasa amapasi; kunye nesikhumbuzo seminyaka engama-60 yokufuduswa ngenkani eDistrict Six.
c) Xa ewonke, la mathuba abonisa indlela ende ehanjiweyo kuzanywa idemokhrasi nenkululeko, lo gama esikhumbuza ukuba, nangona kukho inkqubela ebonakalayo, uhambo lusaqhubeka nakwesi sizukulwana.
11. INkomfa yesi-2 yeMimandla yoQoqosho eKhethekileyo yaMazwe ngaMazwe yoMzantsi Afrika kunye noTyalo-mali
a) IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kweNkomfa yesi-2 yeMimandla yezoQoqosho eKhethekileyo yaMazwe ngaMazwe kunye notyalomali ukusuka ngomhla we-16 ukuya kowe-17 kweyeKhala kowama-2026 KwaZulu-Natal.
b) Le Nkomfa iza kudibanisa abatyalizimali bakweli nabamazwe ngamazwe abakumgangatho ophezulu kwaye iza kusebenza njengeqonga apho kucetywa khona izimvo nezisombululo ezitsha zokuququzelela nokwakha iiNdawo zoQoqosho eziKhethekileyo ezidlamkileyo kwakunye nokuqinisekisa utyalomali eMzantsi Afrika.
c) UMzantsi Afrika utyumbe ii-SEZ ezilishumi elinesibini (12) ezilithoba (9) eselezisebenza ngoku, kanti ii-SEZ ezisebenzayo sezamkela abatyalimali abasebenzayo abangama-224 ngexabiso lotyalomali eliqikelelelwa kwiibhiliyoni zeerandi ezingama-31.7 kunye nokudalwa kwemisebenzi engama-28 821.
12. INyanga yokuKhuselwa kwaBantwana
a) INyanga yoKukhuselwa kwaBantwana ikhunjulwa qho ngonyaka ngenjongo yokwazisa ngamalungelo abantwana kunye nesidingo sokubakhusela kwiingozi. Ngeli xesha, amasebe karhulumente angundoqo kunye neenkonzo zokhuseleko lwabantwana nemibutho eyahlukeneyo yoluntu ziza kuqinisa iinzame zokuhlanganisa onke amacandelo oluntu ukuze kukhuselwe abantwana, kulungiswe ubugwenxa obuzingisileyo boluntu kwaye bomeleze imimandla efuna uphuhliso olugqalileyo nokungenelela.
b) IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amalungu oluntu ukuba asebenzisane ngokumanyeneyo ukukhusela amalungelo abantwana, abeke phambili intlalontle yabo kwaye axhase uphuhliso lwabo olupheleleyo.
13. INyanga ye-Afrika
a) UMzantsi Afrika uza kuzimanya neli lizwekazi liphela ekuvuyeleni iNyanga ye-Afrika kunye noSuku lwe-Afrika ngomhla wama-25 kuCanzibe ngowama-2026. Le nyanga lithuba lokuqhubela phambili umanyano, ukwenza nzulu ukudityaniswa kommandla kunye nokuqinisekisa kwakhona ikamva ekwabelwana ngalo nge-Afrika. Eli xesha limema ukuba sicamngce kananjalo sibhiyozele ubuthina bethu obutyebileyo, ilifa lemveli nenkcubeko yethu. Likwahlaba ikhwelo kubo bonke abantu base-Afrika ukuba basebenzisane ekuqhubeleni phambili uphuhliso nenkqubela yeli lizwekazi.
b) Njengoko sikhumbula iNyanga ye-Afrika, siyaziqonda izinto esizifezikisileyo lo gama sijonga inkqubela esele yenziwe ekufezekiseni umbono we-Ajenda yeManyano ye-Afrika yowama-2063, ajenda leyo iyeyomanyano nempumelelo ye-Afrika emanyeneyo.
14. OoLwesihlanu beBhola
IKhabhinethi imemelele isizwe ukuba sixhase iBafana Bafana kwindlela eya kwiNdebe yeHlabathi ye-FIFA yowama-2026 ngokunxiba izinxibo eziluhlaza nagolide ngooLwesihlanu ukukhuthaza umoya wesizwe nokuzingca.
F. Izaziso
1. AmaWonga kaMongameli kaZwelonke e-MSME namaqela eNtsebenziswano
1.1 ISebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci liye lahlaziya amaWonga kaMongameli kaZwelonke namaqela eNtsebenziswano (Presidential MSME neCo-Operatives Awards) ukuze aquke inqanaba lamaphondo kunye neendidi ezingqamene ngqo namacandelo athile ukukhuthaza ukuqatshelwa, ukubandakanywa nefuthe.
1.2 Inqanaba lamaphondo lala maBhaso ahlaziyiweyo liqala kweyeKhala, yaye iindidi ezihlaziyiweyo zezi:
a. I-MSME yoNyaka kwiCandelo lezoLimo
b. I-MSME yoNyaka yeeNkonzo zeziMali
c. I-MSME yoNyaka kuQoqosho lweDijithali, iTekhnoloji, noYilo lokuTsha
d. I-MSMEyoNyaka yecandelo lezemveliso
e. I-MSME yoNyaka yoQoqosho oluCocekileyo
f. I-MSME yoNyaka eKhokelwe luLutsha
g. I-MSME yoNyaka ekhokelwa ngabaseTyhini
h. Ii-MSME zoNyaka eziphantsi kwaBantu abaphila nokuKhubazeka
i. Iqela leNtsebenziswano loNyaka
2. Unyulo looRhulumente beeNgingqi lowama-2026
2.1 Njengoko uMongameli uRamaphosa evakalise umhla we-4 kuyeNkanga ngowama-2026 njengomhla woNyulo looRhulumente beeNgingqi, iKhabhinethi imemelela bonke abavoti abanelungelo lokuvota ukuba babhalisele ukuvota okanye bahlaziye iinkcukacha zabo ngokusebenzisa intanethi ye-IEC ngokucofa apha: – https://registertovote.elections.org.za linki leyo isebenza imini nobusuku. Abemi banako nokutyelela i-ofisi ye-IEC yasekuhlaleni ukuya kubhalisela ukuvota kwaye abo bafake izicelo zezazisi bayakhunjuzwa ukuba bazilande kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.
2.2 Kungenjalo, abemi banokubhalisa ngexesha lempelaveki yokubhalisela ukuvota kweli lizwe ngomhla wama-20 nangowama-21 kweyeSilimela ngowama-2026, kwizikhululo zokuvota apho bajonge ukuvota khona ngomhla wonyulo.
H. Imiyalezo
1. Uvelwano
IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kubahlobo neentsapho zaba:
a. Cynthia Shange, iqhawekazi elihlonitshwayo kwezenkcubeko, nowayenegalelo elikhulu kwimiboniso bhanyabhanya nakoomabonakude eMzantsi Afrika, lafumana amawonga aphambili, aquka iLifetime Achievement Awards, mawonga lawo aligalelo lakhe elingasayi kutshitsha kushishino lolonwabo lwakweli lizwe.
b. Albert Mazibuko, ongomnye wabaseka iqela elidumileyo, iLadysmith Black Mambazo, elawina iiMbasa zeGrammy ezintlanu nelabandakanyeka kwicwecwe likaPaul Simon elaziwa ngokuba yiGraceland ngowama-1986.
c. Igqala elaziwayo le-opera laseMzantsi Afrika, uMimi Coertse, owayengomnye woonozakuzaku ababalaseleyo bezenkcubeko eMzantsi Afrika ekwa ngomnye olizwi libhiyozelwa kakhulu kweze-opera kweli lizwe. Ukhuthaze izizukulwana ngezizukulwana zeemvumi, abadlali beqonga, namagcisa aselula kwaye ilifa lakhe liza kuqhubeka ukubumba umculo nenkcubeko yaseMzantsi Afrika kwizizukulwana ngezizukulwana.
d. UMongameli weeJaji osele esidla umhlalaphantsi u-Achmat Naeem Jappie osweleke eneminyaka engama-70. Usebenze njengoMongameli weeJaji oliSekela, ze kamva waba yiJaji enguMongameli weCandelo laKwaZulu-Natal leNkundla ePhakamileyo, kukhunjulwa nomsebenzi wakhe njengeBambela leJaji kwiNkundla yoMgaqosiseko nakwiNkundla yeZibheno yezeMisebenzi.
e. MMC Thumeka Bikwana, uMMC weenkonzo zequmrhu kumasipala wesithili saseChris Hani, esafumanisa ukuba wabulawa ngomhla wesi-6 kuCanzibe kowama-2026.
2. Sithi Huntshu!
UMzantsi Afrika unezona ndawo zokuqumba ezintle kakhulu ehlabathini
a. UMzantsi Afrika usaqhubekeka ngokusoloko uyindawo ethandwa kakhulu kwezokhenketho kwihlabathi jikelele ngokwengxelo iGlobal Beach Report yowama-2026 eyenziwe yingcali yezokhenketho yamazwe ngamazwe iTravelbag, inika ingqalelo amanxweme amabini weli lizwe kolu luhlu lubalaseleyo lwehlabathi.
b. IBoulders Beach kwiSixeko saseKapa yamkelwe ngokusesikweni njengonxweme oluhamba phambili kwihlabathi jikelele, ilandelwa kakhulu kwindawo yesibini yiCape of Good Hope Beach. La manqanaba agxininisa ukuthandwa kakhulu ngamazwe ngamazwe kwelifa lethu lemveli.
IKhabhinethi ithe huntshu, yaze yadlulisa iminqweno emihle kwaba:
- KuGqr Naledi Pandor ngokutyunjelwa kwakhe kwisikhundla sobuTshansela beYunivesithi iNelson Mandela. Itshantliziyo elibalaseleyo, isifundiswa nomsebenzi karhulumente, uGqr Pandor ubonakalise ukuzinikela ubomi bakhe bonke kwimfundo eye yanceda ukubumba imeko yedemokhrasi nentlalo yoMzantsi Afrika.
- KwiBlitzboks, ngokuphumelela intshinga yazo yokuqala iHong Kong Sevens emva kokubetha iArgentina ngo-35 ku-7 kumdlalo wamagqibela kankqoyi eKai Tak Stadium.
- Kumaqela erileyi oMzantsi Afrika alwela iimbasa zamadoda aphumelele iimbasa zesilivere kugqatso lwamadoda lwe-4x100m ne-4x400m kumagqibela kankqoyi kuKhuphiswano lweeMbaleki zeHlabathi eGaborone.
Imibuzo:
INkqubo yoNxibelelwano noLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
Qhagamshelana: noNksz Nomonde Mnukwa, iBambela Mlawuli Jikelele
Iselula 083 6537485
www.gcis.gov.za; www.gov.za
#GovZAUpdates

