Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, umhla we-12 kweyoKwindla ngowama-2025

A.     Imiba  enguNdaba-mlonyeni

1.    Ezoqoqosho
1.1.    Uhlahlo-lwabiwo mali lweSizwe lowama-2025
1.1.1.     IKhabhinethi iyalwamkele uHlahlo-lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2025 olufuna ukugcina ulungelelwano phakathi kwenkqubo-sikhokelo yezemali yoMzantsi Afrika, ngokuthi lixhase ngezimali imiba ephambili ebekwe luLawulo lweSixhenxe, njengoko kucaciswe ngoBekekileyo, uMongameli uCyril Ramaphosa ngethuba esenza iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe, ekwa ngenelela   ekuthomalaliseni ifuthe eliza neemfuno zenkxaso-mali kumahlwempu nakumakhaya amkela umvuzo ophakathi.
1.1.2.    Ulwabiwo lwemali engaphezu kweetriliyoni zeRandi kuphuhliso lweziseko ezingundoqo kwi-MTEF, ukusekwa kwezinye iindlela zezibonelelo zenkxaso-mali kusetyenziswa isiqinisekiso semali-mboleko kunye nokuvulwa kwamakroba amaninzi okubhida kwiZiko loHlahlo-lwabiwo-mali lweziseko ezingundoqo, oku kubonisa ukuzinikela ekukhuliseni uqoqosho ngenkqubo eyomeleleyo eyakhiwe ngeziseko ezingundoqo ngaxeshanye ikwa phucula unikezelo lwenkonzo.
1.1.3.    Iinkqubo zokuthatha inxaxheba kwecandelo labucala, njengoko kubhengezwe kuHlahlo-lwabiwo-mali - eziyinxalenye yohlaziyo oluqhutywa ngu-Operation Vulindlela kwicandelo lezamandla, ezothutho kunye nokuhanjiswa kwempahla - zibonisa ukuzinikela kukarhulumente ekukhawuleziseni utyalo-mali kwicandelo labucala kunye nokukhula koqoqosho olubandakanyayo.
1.1.4.    Ngelokuvuma ifuthe lokunyuka kwerhafu, uHlahlo-lwabiwo-mali lubonelela ngamanyathelo okunciphisa ulwamvila, oku lukwenza ngokuchasa ukonyuka okufana noku:
1.1.4.1.    Ukungonyuswa kwerhafu yamafutha.
1.1.4.2.    Ukunyuswa kwezibonelelo zezentlalo, izibonelelo zabantu abadala nezabantu abaphila nokukhubazeka, zibe kwixabiso elingaphezu kwamaxabiso okuphila, zinyuke nge-R130 ukuya 
kwi-R2 315 ngowama-2025.
1.1.4.3.    Ulwabiwo lwenkxaso-mali olungumthamo obonakalayo kwi-Arhente yaBakhweli bakaLoliwe yaseMzantsi Afrika ukuze iphucule izithuthi zikaloliwe ezikhwelwa ngabantu, nto leyo eza kunciphisa inkcitho yekhaya echithwa kwiindleko zothutho.
1.1.5.      Okona kubalulekileyo, ukunyuswa kwerhafu kuza kuxhasa uzinzo lweli lizwe ngokwezimali, ngokugcina ootitshala abali-11 000 emagumbini okufundela, abasebenzi bezempilo abangama-9 300 emisebenzini yabo, ukuqeshwa koogqirha abangama-800 esele beqeqeshwe ngokupheleleyo kunye nokuvumela abantwana abongezelelweyo abangama-700 000 (abaneminyaka emine ubudala) ukufikelela kuhambo lwabo lwemfundo yabantwana abasaqalayo (ECD) ukuze bafumane isisekelo esibalulekileyo  sohambo olusingise kwimfundo eyimpumelelo.

1.2.    Ukukhula koQoqosho
1.2.1.    Ukunyuka nge-0.6% kwikota yesine (GDP) yowama-2024 kubonisa ukuchacha kuhle kuzo zonke iinkalo zoqoqosho, njengoko amacandelo ezolimo, ezemali, urhwebo kunye namakhaya ekhulile kwikota yokugqibela yonyaka.
1.2.2.    Ishishini lezolimo liphinde laqhama nge-17,2%, linyusa ukukhula kwe-GDP nge-0,4 yepesenti. Ishishini lezemali, izindlu nomhlaba kunye neenkonzo zamashishini zikhule isihlandlo sekota yesibhozo ngokulandelelana, kubalwa nomlamli wezezimali, imisebenzi yezindlu nomhlaba kunye nezinye iinkonzo zoshishino nazo zibe ngabona banegalelo elikhulu ekukhuleni koqoqosho.
1.2.3.    IKhabhinethi iqinisekile ukuba ukunyuka okungagungqiyo kunye nesantya sokunikezelwa kweenkonzo kuhlaziyo lweziseko zezoqoqosho, ukuphuculwa kokunikezelwa kweenkonzo kunye namandla karhulumente, nokwanda kokuthatha inxaxheba kwecandelo labucala, kuza kukukhuthaza ngakumbi ukukhula koqoqosho ngowama-2025 nangaphaya kwalo nyaka.

1.3.    Utyalo-mali

1.3.1.    IKhabhinethi isamkele isibhengezo esenziwe nguMicrosoft waseMzantsi Afrika sokutyala imali engange- 5.4 ezibhiliyoni zeerandi kwiziseko ezingundoqo zobukrelekrele obungeyonyani (i-AI) kweli lizwe.Olu tyalo-mali luza komeleza isikhundla soMzantsi Afrika njengesizinda se-AI esihamba phambili kwilizwekazi lase-Afrika kwaye yakhela kutyalo-mali lwe-Microsoft yaseMzantsi Afrika oluyi-R20.4 yeebhiliyoni kule minyaka mithathu idlulileyo.
1.3.2.    IMicrosoft yaseMzantsi Afrika ikwabhengeze igalelo layo ekuphuhliseni ulwazi lwedijithali eMzantsi Afrika ngokuthi ihlawulele isiqinisekiso sobungcaphephe kubantu abangama-50 000 abakwizakhono zedijithali ezifunwa kwakhulu.
1.3.3.    Ekuphakamiseni ngakumbi ingxowa yethu yotyalo-mali, abavelisi beemoto base-Indiya i-Mahindra batyikitye isivumelwano sokusebenzisana neQumrhu loPhuhliso lwezoShishino laseMzantsi Afrika (IDC) ukuze kujongwe ukuba usengakwaxi na ukusekwa umzi-mveliso opheleleyo wokuhlanganisa izithuthi kweli lizwe.I-Mahindra kakade sele inawo umzi-mveliso wokudityaniswa kweenqwelo-mafutha ze-Pik Up oseThekwini, lo mzi-mveliso uqhutywa yi-AIH Logistics, apho kutshanje siye sabhiyozela ukuveliswa kweemoto zabo ze-Pik Up ezingama-25 000 ezidityaniswe kweli lizwe lethu.
1.3.4.    IKhabhinethi ikhumbuze wonke ummi woMzantsi Afrika njengonezabelo ezithe ngqo kwi-South Africa Incorporated (SA Inc.) imemelela umdla wamntu wonke wokukhuthaza ilizwe lethu njengendawo yotyalo-mali kwinqanaba elikukhuphiswano lwehlabathi. Kufuneka siqhubeleke sithethe ngazwi linye sikhusela iimfuno zesizwe sethu, ukuzimela kwethu kunye nedemokhrasi yethu yomgaqo-siseko.

2.     Ubudlelwane bamazwe -ngamazwe
2.1.    UBongameli boMzantsi Afrika beQela laMashumi amabini (G20)
2.1.1.    Njengenxalenye yoBongameli be-G20, uMzantsi Afrika usingathe ngempumelelo la maqela alandelayo okusebenza kwe-G20 kunye neentlanganiso zamaqela okusebenza ebezichotshelwe ekupheleni kwenyanga yoMdumba kunye nale nyanga sigangatha phezu kwayo:
2.1.1.1.    Intlanganiso yeG20 Research and Innovation Working Group (RIWG), ebibanjelwe kwiDyunivesithi yaseFreyistata eMangaung ukusuka ngomhla wama-23 ukuya kowama-25 kweyoMdumba yowama-2025, ixoxe ngendlela abangalusebenzisa ngayo ngcono uphando kunye nokusungulwa kwezinto ezintsha ukuze kuhlangatyezwane nemingeni yehlabathi, nokukhuthaza ezobunzululwazi nobuchwepheshe. Bakwaveze nezinto eziphambili zalo nyaka uzayo, ezizezi:
(a)    Okuphambili 1: Ukuvulela ukusungulwa kwezinto ezintsha ukuze kubekho uphuhliso; 
(b)    Okuphambili 2: Izityalo nezilwanyana ezohlukeneyo ukuze kubekho uPhuhliso oluZinzileyo; kunye
(c)    Okuphambili 3: UkwaHlukana, ukuLingana, ukuBandakanya, kunye nokuFikelela kwezobuNzululwazi, iTekhnoloji kunye nokuSungulwa kwezinto ezintsha.
2.1.1.2.    INtlanganiso yokuqala yeQela lokuSebenza lokuLwa uRhwaphilizo (eKapa, ngomhla wesi-3 ukuya kowe-5 kweyoKwindla ngowama-2025) iphonononge iindlela eziluqilima zokuphucula ukuphunyezwa kwezixhobo zomthetho zokulwa urhwaphilizo.Le ntlanganiso inike abathathi-nxaxheba ithuba lokuseka i-ajenda kunye nokwakha isiseko seengxoxo zexesha elizayo, ukukhuthaza iingxoxo kunye nentsebenziswano yokuqinisa amaqhinga okulwa urhwaphilizo.Ngexesha lale ntlanganiso, abathathi-nxaxheba baxubushe baze bavumelana ngezi zinto zibalulekileyo eziphambili:
(a) Okuphambili 1: Ukomeleza ukuziphatha kakuhle kwiCandelo loLuntu; 
(b) Okuphambili 2:Ukwandisa indlela yokubuyisela ii-Asethi ngendlela ekhawulezileyo; 
(c) Okuphambili 3: Intatho-nxaxheba eBandakanyayo ; kunye 
(d) Okuphambili 4: Ukukhuselwa kwabahlaba ikhwelo. 
2.1.1.4.    INtlanganiso yokuQala yeQela lokuSebenza lezoLimo, ebibanjwe kwi-intanethi ngomhla ka-3 noka-4 kweyoNkwindla kowama-2025, ixoxe ngemiba ebalulekileyo echaphazela abachaphazelekayo kwezolimo kwihlabathi jikelele kulapho kuye kwavunyelwana ngemiba ephambili yonyaka ozayo. Eyile:
(a)    Okuphambili 1: Ukukhuthaza intatho-nxaxheba kwintengiso ebandakanyayo kunye nokhuseleko lokutya;
(b)    Okuphambili 2: Ukuxhobisa ulutsha kunye nabasetyhini kwiinkqubo zokutya kwezolimo;
(c)    Okuphambili 3: Ukukhuthaza ukusungulwa kwezinto ezintsha kunye nokudluliselwa kweteknoloji; kwakunye
(d)    Okuphambili 4: Ukwakha ukomelela kwemozulu ezakuzisa ulimo oluzinzileyo.
2.1.1.5.    INtlanganiso yokuQala yeQela lokuSebenza kwezoKhenketho ebibanjwe kwi-intanethi ngomhla wesi-5 kweyoKwindla ngowama-2025 kuxoxwe ngendlela ukhenketho olungasetyenziswa ngayo ukutshintsha ubomi babantu, uluntu kunye nehlabathi. Baphinde baxoxa bavumelana ngokusebenza kwiinkalo ezine eziphambili enyakeni, ezizezi:
(a)    Okuphambili 1: I-AI egxile eBantwini kunye nokuSungulwa kwezinto ezintsha eziza kuphucula ukuqalwa kwee- SMMEs zecandelo lezokuHamba kunye nezoKhenketho;
(b)    Okuphambili 2: INkxaso-mali kwezoKhenketho kunye noTyalo-mali ukuze kuphuculwe ukulingana nokukhuthaza uPhuhliso oluZinzileyo;
(c)    Okuphambili 3: Uqhagamshelwano kwezomoya olwenza kubelula ukuhamba; kwakunye
(d)    Okuphambili 4: Ukomelezwa okoluqilima kuPhuhliso loKhenketho oluBandakanyayo, noluZinzileyo.
2.1.1.6.    Intlanganiso yokuQala yeQela lokuSebenza elijongene nokuNcitshiswa kweNtlekele ngaphambi kwexesha, ibibanjwe kwi-Intanethi ngomhla we-5 kweyoNkwindla kowama-2025 ixubushe ukukhawuleziswa kwezilumkiso ngaphambi kwexesha kuwo onke amanyathelo, nekuyinto ephambili ekujoliswe kuyo lihlabathi nebekwe Zizizwe eziManyeneyo, yomeleza ukuphunyezwa kweSakhelo se-Sendai sokuNcitshiswa kweNtlekele i-2015-2030.UMzantsi Afrika ubona le ntlanganiso njengeqonga lezizwe ngezizwe elibalulekileyo lokuqhuba i-ajenda yoxanduva ekwabelwana ngalo ukwakha ukomelela, ukomeleza intsebenziswano yethu, nokuqhuba amanyathelo anentsingiselo afunekayo ukuze kuthintelwe ukunyuka okanye ukwandiswa komngcipheko.Intlanganiso ivumelene ngezi zinto ziphambili:
(a)    Okuphambili 1: Ukujongana nokungalingani kunye nokuNcitshiswa koMngcipheko;
(b)    Okuphambili 2: Iinkqubo eziquka ihlabathi lonke, ezikwaziyo ukuxela izilumkiso ngaphambi kwexesha;
(c)    Okuphambili 3: Iziseko ezingundoqo ezikwaziyo ukuMelana neeNtlekele
(d)    Okuphambili 4: Ukuxhasa ngezimali iphulo lokuNcitshiswa koMngcipheko weNtlekele;
(e)    Okuphambili 5: UkuHlangula kwiNtlekele, ukuBuyiselwa kwisimo sangaphambili kunye noKwakha ngokutsha; kwakunye
(f)    Okuphambili 6: Neendlela eziSekwe kwi-Ecosystems ezenzelwe i-DRR/ iziSombululo ezisekelwe kwiMvelo.
2.1.1.7.     INtlanganiso yokuQala yokuSebenza: ejongene nokhuseleko lokutya ibibanjwe kwi-Intanethi ngomhla wesi-5 kweyeNkwindla ngowama-2025, lentlanganiso ixoxe ngemigaqo-nkqubo kunye neenkqubo zokuphucula ukhuseleko lokutya.Abathathi-nxaxheba bavumelene ngokwakha inkqubo yokutya eyomeleleyo, enobulungisa nezinzileyo.Bakwazibophelele ekujonganeni nemingeni engundoqo efana nemiqobo kwezentengiso, inkxaso-mali yokuveliswa kokutya kunye nefuthe lokutshintsha kwemozulu elichaphazela amakhonkco okubonelela ngokutya. Ezinye zeziphumo eziphambili ekuxoxwe ngazo zezi zilandelayo:
(a)    Okuphambili1: Imigaqo-nkqubo eyomeleleyo yokhuseleko lokutya;
(b)    Okuphambili 2: Amaxabiso okutya azinzileyo;
(c)    Okuphambili 3: Imimiselo nemigangatho ecacileyo;
(d)    Okuphambili 4: ISicwangciso sokuSebenza se-G20 soKhuseleko lokuTya; kwakunye
(e)    Okuphambili 5: Ukuvunywa nokuphunyezwa koMphathiswa.
2.1.1.8.    INkqubo ye-G20 yokufikelela kulwazi ebibanjelwe kwiDyunivesithi yaseVenda eThohoyandou ngomhla wesi-7 kweyoKwindla ngowama-2025 ibijolise ekukhuthazeni iingxoxo ezibanzi noluntu kunye nokuthatha inxaxheba kuBongameli be-G20 boMzantsi Afrika.Le ndibano ibisetyenziselwa ukukhuthaza abantu beli ukuba bazibandakanye ekwamkeleni iindwendwe zethu kweli lizwe njengoko sithe gqolo ukubamba iintlanganiso kwiindawo ngeendawo zeli, nokukhuthaza inkcubeko namagugu. Abemi boMzantsi Afrika baye bakhuthazwa ukuba babalise ibali elimnandi ngelizwe labo.
2.1.2.    La maqela okusebenza e-G20 alandelayo kunye neentlanganiso zamaqela asebenzayo ziza kuqhubeka de kube sekupheleni kwenyanga yeNkwindla kowama-2025:
2.1.2.1    INtlanganiso yokuQala yokuSebenza: ezakubanjwa kwi-intanethi ngomhla wesi-17 kweyoNkwindla kowama-2025, izakuqwalasela uHlumo loQoqosho oluBandakanyayo, uShishino, iNgqesho, kunye nokuNcitshiswa kokungalingani.
2.1.2.2    INtlanganiso yokuQala yeQela lokuSebenza elijongene noRhwebo kunye noTyalo-mali: 18-20 kweyoNkwindla ngowama -2025 – ibanjelwa kwi-intanethi.
2.1.2.3    Intlanganiso yesiBini yeQela lokuSebenza lezeMpilo: 26-28 kweyoNkwindla ngowama- 2025 - eThekwini.
2.1.2.4    INtlanganiso yokuQala yeQela lokuSebenza loZinzo lweMozulu kunye noZinzo lokusiNgqongileyo: 25-28 kweyoNkwindla ngowama-2025 – kwi-intanethi.

2.1.3 Ulwazi ngezi ntlanganiso zahlukeneyo ze-G20 kunye neziphumo zazo zinokufunyanwa: www.g20.org OKANYE www.g20.org.za

2.2    Uncedo loBuntu olunikwa iPalestine
2.2.2    IKhabhinethi iyakugxeka ukwala kukaSirayeli ukuvumela uncedo loluntu ukuba lungene eGaza ikwagxeka nokuvalwa kwemida yokunqumla, oku kwenzeka kanye ngexesha apho abantu baseGaza bejongene nobunzima obunganyamezelekiyo, nobufuna ungenelelo olungxamisekileyo olufana nokutya, indawo yokuhlala kunye nezixhobo zonyango.
2.2.3     Esi sisenzo sakwaSirayeli sokuqhubela phambili nemfazwe besebenzisa ulwamvila lwendlala kwaSirayeli njengesixhobo semfazwe, oku kuyinxalenye yephulo eliqhubekayo letyala leNkundla yoBulungisa yaMazwe ngaMazwe eyagweba uSirayeli ngokubulala abantu basePalestina njengesenzo sokutshabalalisa isizwe sonke sasePalestine .
2.2.4    IKhabhinethi iyalibethelela ikhwelo lesizwe sethu elimemelela uluntu lwezizwe ngezizwe ukubau-Israyeli aphendule kwizenzo zakhe, kwaye kuqinisekiswe ukuhanjiswa koncedo ngokukhuselekileyo, nolungenazithintelo kuyo yonke imimandla yaseGaza.

3.    Ulwaphulo-mthetho
3.1.    Ukwamkela isiGqibo seNkundla yaseMalawi malunga nokuLandwa kukaShepherd noMary Bushiri
3.1.1.    IKhabhinethi isamkele isigwebo seNkundla kaMantyi oyiNtloko weRiphabhliki yaseMalawi sokuba uShepherd noMary Bushiri bathunyelwe eMzantsi Afrika ukuze baze kuvela enkundleni ngamatyala abo amaninzi olwaphulo-mthetho,kuqukwa ukudlwengula, ukwaphula uMthetho weeNgcebiso zokusetyenziswa kwezeziMali  uMthetho wangowama-2002 (uMthetho wama-37 wango-2002),uMthetho weBhanki, 1990 (uMthetho 94 wangowama-1990),UMthetho wokuNgena elizweni, wangowama-2002 (uMthetho we-13 kowama-2002) kunye nokwaphula imiqathango yebheyile yabo.
3.1.2.    Esi sigwebo sibonisa ukuba akukho mntu unokuwubaleka umthetho kwaye sikwaqinisekisa ukuzimela kwenkundla, intsebenziswano yamazwe ngamazwe kunye nokuthembana phakathi kwamaziko omthetho aseMzantsi Afrika nawaseMalawi.
3.1.3.    Siyazi ukuba abakwaBushiri bazibonakalisile iinjongo zabo zokufaka isibheno. Noko ke, nathi siqinisekile ukuba sinetyala eliqatha elinxamnye nabo.
3.1.4.    UMzantsi Afrika ukulungele ukusebenzisana ne-INTERPOL ukuququzelela amalungiselelo okulandwa kwabo kunye nokuqinisekisa ukuba bayaziswa eMzantsi Afrika ukuze bazoxoxa amatyala abo.

4.    Imozulu embi
4.1.    Izandyondyo zemvula zakutsha nje Kwazulu-Natal zisube imiphefumlo eliqela, zashiya amakhulu engenamakhaya, izindlu neziseko zophuhliso nazo zonakaliswe kakhulu.
4.2.    Ifuthe lemozulu embi kakhulu KwaZulu-Natal libhengezwe njengemeko yentlekele kuzwelonke, iSebe lePhondo loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli livunyelwe ukuba lihlanganise onke amaqumrhu karhulumente ukuze andise amanyathelo enkxaso, nokunciphisa ifuthe lentlekele eluntwini.
4.3.    Urhulumente usaqhubeleka nokubonelela amaxhoba ezikhukhula ngoncedo kwaye iSebe lokuHlaliswa koLuntu linesabelo se-R100 yezigidi zeerandi ezabelwe iKwaZulu-Natal ngeenjongo zokuncedisa ekulawulweni komonakalo owenziwe zezi zikhukhula. 
4.4.    IKhabhinethi imemelela bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba balumke kakhulu nanini xa kukho imozulu embi. Izantyalantyala zemvula ziza nomngcipheko wezikhukhula zasekuhlaleni, ngakumbi kwiindawo ezisemazantsi, iibhulorho kunye nasezindleleni.
4.5.    Kwiimeko zeemvula ezinkulu, uluntu luyabongozwa ukuba luziphephe iindlela ezizele zizikhukhula kwaye lulandelele usasazo lweendaba, iindaba zikanomathotholo kunye namaqonga onxibelelwano karhulumente asemthethweni ukuze lufumane indaba kunye nezilumkiso ezikhutshwa ngqo ngexesha elichanekileyo.

B.    Iizaziso zamva nje kwiKhabhinethi
1.       Ukukhuselwa kunye nophuculo loMvuzo ophantsi weSizwe (NMW)
1.1.    IKhabhinethi ifumene kwaye yaqwalasela ingxelo yeSebe lezeNgqesho nezaBasebenzi ngenkqubela esele yenziwe yokukhusela nokuphucula i-NMW.
1.2.    UMthetho we-NMW, wowama-2018 (uMthetho we-9 wowama-2018), owaphunyezwa ngeyeNkanga yowama-2018, ubeke isiseko sokunciphisa ukungalingani kwemivuzo kunye nezikhewu zemivuzo, kwaye usaqhubeka nokukhusela abasebenzi abafumana imivuzo ephantsi kweli lizwe.
1.3.    Ukususela ngomhla woku-1 kweyoKwindla ngowama-2025, i-NMW inyuke nge-4% ukusuka kwi-R27,58 ukuya kwi-R28,79 ngeyure. Lo chatha lujolise ekuboneleleni ngenkxaso yezoqoqosho eyimfuneko kunye nesiqabu esiyimfuneko enkulu kubasebenzi abazizigidi ezithandathu abafumana umvuzo ongaphakathi kwesibiyeli se-NMW.

2.    Ukukhuthaza iSiseko sokuFunda
2.1.    IKhabhinethi ivakalise inkxaso yayo kuhlengahlengiso olucwangcisiweyo lwecandelo lezeMfundo esiSiseko ngokubhekisele kwifundo yasekuqaleni.
2.2.    Ngenyanga yoMqungu kowama-2025, iSebe leMfundo esiSiseko labhengeza laze labhiyozela iqondo lokupasa imatriki yili-87.4%.Nangona kunjalo, kwinyanga nje engaphambili, isebe lalikhuphe iziphumo zovavanyo olucwangcisiweyo oluphuma kwizifundo ezintathu ezahlukeneyo ezibonisa ukuba phantse i-80% yabantwana abafika kwiminyaka elishumi (10) baseMzantsi Afrika abakwazi ukufunda ngentsingiselo, kulo naluphi na ulwimi.
2.3.    Ukusombulula lo mceli-mngeni uMphathiswa weMfundo esiSiseko uqalise uhlengahlengiso oluza kuba nala manyathelo alandelayo:
2.3.1.     Ufikelela kwamntu wonke kwi-ECD esemgangathweni ngokuthi kubhaliswe ngobuninzi amaziko e-ECD, kuqinisekisa ukuba umntwana ngamnye okwi-ECD ufumana isaphulelo, amaziko e-ECD anikwa inkxaso yeZincedisi zokuFunda nokuFundisa, kananjalo abasebenzi banikwa inkxaso yokuqeqeshelwa umsebenzi ukuze bafumane iziqinisekiso zokufundisa.Inkxaso-mali yoku yabelwe uHlahlo-lwabiwo-mali lweSizwe lowama-2025.
2.3.2.     Uphononongo lwemimiselo nemigangatho yokwandisa izithuba zootitshala kwisigaba sesiseko sokufundisa.
2.3.3.     IBhasari yeFunza Lushaka iza kuhlengahlengiswa ukuze kubekwe phambili imali ezakuncedisa abafundi abanqwenela ukufundisa kwisigaba semfundo esisiseko.
2.4.    Oku kuziqhelanisa ngokutsha nesicwangciso kuza komeleza izakhono zabafundi zokufunda, ukubhala nokubala ezisisiseko, nokuqinisekisa ukuba xa bebadala bayakwazi ukujongana nezifundo ezinzima ngakumbi ezifana neZibalo, ezobuNzulu-lwazi, izifundo zezezimali kunye nezifundo zoqoqosho, phakathi kwezinye.

3.    Ukusebenza kokuveliswa kombane
3.1.    IKhabhinethi ifumene ingxelo ngomsebenzi owenziwe ngu-Eskom wokuphucula ukuveliswa kombane kunye nokuzinzisa umbane wesizwe ukuze kuthintelwe ezinye izehlo zokucinywa kombane.
3.2.    Emva kokuba ebuyiselwe kwakhona amandla okuvelisa ngaphezulu kwama-300 eemegawathi kunye nokuzaliswa kwakhona koovimba abaneleyo, ukucinywa kombane kuye kwanqunyanyiswa ngentsimbi ye-10:00 ngeCawa, umhla wesi-9 kweyoKwindla ngowama-2025.Imisebenzi yamalahle kwiSikhululo soMbane iKusile ikumanqanaba afanelekileyo kuzo zonke iiyunithi ebezingasebenzi ukususela ngoLwesihlanu we-7 kweyoNkwindla, ngoku sele zibuyiselwe ngempumelelo ziyasebenza kwaye iYunithi yesi-2 yase-Koeberg nayo ibuyiselwe emsebenzini ngempumelelo.
3.3.    Ukusebenza okuhle kokuveliswa kombane ngokubanzi ukususela ngexesha lehlobo langowama-2024 kubonise ukuphucuka okubonakalayo kunye nozinzo, okubangele i-98% yeentsuku ebezingenawo ucimi-cimi wombane. U-Eskom usenethemba elincumisayo lokungabinazo iintsuku zika cimi-cimi kwixesha elishiyekileyo lasehlotyeni.

C.    Izigqibo zeKhabhinethi
1.    Ukusingathwa kwe-Indaba yaManzi noGutyulo
1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kwe-Indaba yaManzi noGutyulo ngomhla wama-27 nowama-28 kweyoKwindla ngowama-2025 eGauteng.
1.2.    Lo msitho usebenza njengolandelela iNgqungquthela yaManzi ebibanjwe kweyoMqungu yowama-2024, nethe yadibanisa zonke iziphathamandla zeenkonzo zamanzi ukuze kuqwalaselwe imingeni engundoqo yecandelo, emva kokukhutshwa kweeNgxelo zeDrops.
1.3.    Le ngqungquthela yaseka iSicwangciso sokuSebenza sokuqubisana nale miba, ukanti le i-Indaba iza kubonelela ngethuba lokuhlola inkqubela-phambili eyenziweyo nokujonga amanye amanyathelo afunekayo.
1.4.    Iziphumo ezilindelekileyo ze-Indaba kukuba kubekho isivumelwano esimalunga nemeko yokhuseleko lwamanzi eMzantsi Afrika, inkqubela kumanyathelo angagqitywanga asuka kwiNgqungquthela yaManzi eyayibanjwe ngowama-2024 kunye namanyathelo angundoqo afunekayo ukuze kuphuculwe ukhuseleko lwamanzi kunye nesicwangciso sokusebenza esihlaziyiweyo (esitsha).
1.5.    IKhabhinethi iyivumile imingeni yokhuseleko lwamanzi elijongene nayo eli lizwe kwaye iyakubethelela ukuzinikela kwayo ekuqinisekiseni ukuba wonke ummi waseMzantsi Afrika uyafikelela kwiinkonzo ezizinzileyo zamanzi acocekileyo, nakhuselekileyo kwakunye nogutyulo.

2.    Ingxelo yelizwe yesi-2, yesi-3 neyesi-4 ngeNgqungquthela ye-UN engamalungelo abantu abaphila nokukhubaza (UNCRPD).
2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukuba iSebe labaseTyhini, uLutsha kunye naBantu abaKhubazekileyo liyingenise kwi-UN ingxelo yamaxesha ngamaxesha ye-UNCRPD yesi-2, yesi-3 neye-4. Le ngxelo ibonelela ngohlaziyo ngenkqubela esele yenziwe nguMzantsi Afrika ukukhuthaza nokukhusela amalungelo abantu abaphila nokukhubazeka.
2.2.    IKhabhinethi iyamkele iNgxelo yeLizwe eSisiseko yokuPhunyezwa kwe-UNCRPD ngowama-2013, ze emva koko le ngxelo yafakwa ngowama-2014.
2.3.    Le ngxelo idityanisiweyo yenkqubela phambili inika amagqabantshintshi entsebenzo karhulumente ekuphumezeni iPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo wamaLungelo aBantu abaphila nokukhubazeka (White Paper on the Rights of Persons with Disabilities).Iqaqambisa uhlaziyo lwemigaqo-nkqubo nemithetho, kunye namanyathelo athatyathiweyo okukhusela nokukhuthaza amalungelo abantu abaphila nokukhubazeka.Le ngxelo icacisa iinzame kwezemfundo, ukwazisa, ezempilo, iinkonzo zentlalontle, ukufikelela kubulungisa nokuqeshwa kwabantu abaphila nokukhubazeka.Le ngxelo iza kupapashwa kwiwebhu sayithi: www.gov.za

D.    Ukuqeshwa

Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekungqinisisweni kweziqinisekiso kunye nokujongwa kolwazi oluyimfihlo lokuziphatha komgqatswa.
1.    UMnu Neil Jansen njengoSekela Mlawuli-Jikelele: uLawulo lwezaBasebenzi noPhuhliso kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.
2.    Ukuchongwa kwamalungu ebhodi yase-Alexkor

(a)       Nksk Dineo P. Peta (usihlalo);
(b)       Nksk Hilary A. Swartbooi;
(c)        U-Adj. Njin. Trevor G. Fowler;
(d)        Nksk Shinduvi Zitha; 
(e)        Nksk Bongi Ngxishe;
(f)        Nqirh Jonty Tshipa;
(g)        Umnu Nico Patrick Swart; kunye no
(h)        Umnu Freddy Raseote.

E.    Imisitho Ezayo
1.    INgqungquthela yokuQaliswa kweNkqubo yeSizwe engeNguqu yoKusungulwa kweZinto eZintsha
1.1    INgqungquthela  yokuQaliswa kweNkqubo yeSizwe engeNguqu yoKusungulwa kweZinto eZintsha iza kubanjwa ukusuka ngomhla we-13 ukuya kowe-14 kweyoKwindla yowama-2025 ukuze isebenzise amandla oMzantsi Afrika ezenzululwazi, ubuchwephesha kunye nokusungula izinto ezintsha ngendlela eququzelela ukubandakanywa.
1.2    Le ngqungquthela idibanisa amabhunga ezenzululwazi, amaziko emfundo ephakamileyo, amasebe karhulumente, icandelo lezoshishino kunye nemibutho yabasebenzi ukuze bajonge kwaye babandakanyeke kwindima yexesha langoku neyekamva emalunga neNkqubo yeSizwe yokuSungulwa kwezinto eZintsha. Iza kucebisa amanyathelo okukhawulezisa ukufezekiswa kophuhliso loqoqosho lwentlalo olubandakanyayo noluzinzileyo ukuze kuxhamle bonke abemi boMzantsi Afrika.

2.    iNgqungquthela yase Mzantsi Afrika yesi-8 - yeManyano yaseYurophu (i-EU).
2.1    INgqungquthela yase Mzantsi Afrika yesi-8 - yeManyano yaseYurophu (i-EU) iyaqhubeka eKapa (namhlanje) ngomhla we-13 kweyoKwindla yowama-2025, kwaye iza kube usihlalo wayo nguMongameli uCyril Ramaphosa, ebambisene noMongameli weBhunga laseYurophu, uMnu. António Luís Santos da Costa, kunye noMongameli weKhomishini yaseYurophu, uGq. Ursula von der Leyen yenzelwe ukuqinisa ngakumbi ubudlelwane obuphakathi koMzantsi Afrika kunye ne-EU, obusele buqinile kakade.
2.2    Le ngqungquthela iza kushukuxa imiba yorhwebo notyalo-mali, kunye nentsebenziswano enkulu phakathi kwamazwe amabini kunye nokomelezwa kobudlelwane obuphakathi koMzantsi Afrika ne-EU.
2.3    Le ngqungquthela kulindeleke ukuba ihlolisise iindlela zokusebenzisana nezokujongana nemingeni yengingqi kunye neyehlabathi jikelele, kubandakanywa utshintsho lwemozulu, ukungakhuseleki kwabantu, uxolo, ukhuseleko kunye nozinzo, inguqu yococeko lokusingqongileyo, kunye nokwakhiwa ngokutsha kwamaziko olawulo lwehlabathi.
2.4    Le ngqungquthela iza kuqinisekisa kwakhona inkxaso kuBongameli be-G20 boMzantsi Afrika nezinto eziphambili kubo, kubandakanywa umxholo othi uManyano, uLingano kunye noZinzo.

F.     Imiyalezo
1.    Imvuyiswano
IKhabhinethi idlulise amazwi emvuyiswano kunye neminqweno emihle kwaba bantu balandelayo:
•    UDylan Naidoo ngokuba ngowokuqala omnyama eMzantsi Afrika ukuphumelela i-SA Open, nekuyenye yobuntshatsheli begalufa obudala. Ukuphumelela kwakhe kumbekele indawo kwi-Open Championship eqhutywa kwinyanga yeKhala eRoyal Portrush.
•    UNcazelo Mlilo ekutyunjweni kwakhe kumacandelo amabini kumawonga abalaseleyo eWomen Changing the World Awards. La mawonga ahlonipha abasethyini kwihlabathi liphela abenza umsebenzi oncomekayo ekutshintsheni ubomi.
•     Uluntu lwamaMuslim njengoko lugcine inyanga engcwele yeRamadan.
•    UMnu Patrice Motsepe ngokonyulwa kwakhona njengoMongameli weCAF. Igalelo lakhe kuphuhliso lwebhola ekhatywayo yaseMzantsi Afrika kunye neyase-Afrika jikelele liyaqhubekeka lisenza sizingce ngaye.

2.    Uvelwano
IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kubahlobo nosapho lwaba:
•    Abakhweli abangama-31 abathe baphulukana nobomi babo kwiingozi ezintathu ezahlukeneyo zebhasi phakathi kweReddersburg neSmithfield eFreystata; kuMntla weN2, kufutshane neMandeni, KwaZulu-Natal naku-R21 Ekurhuleni, eGauteng ngokwahlukana kwabo.
•    Abafundi abane besikolo samabanga aphantsi abaphulukene nobomi babo kwingozi yendlela uN12 eDaveyton, Ekurhuleni, eGauteng.
•    Umhlabi khwelo okwa litshantliziyo lesini uPamela Mabini obemela abasetyhini abahlukunyezwa nge-GBV waze waqinisekisa ukuba abenzi bobubi be-GBVF bayagwetywa.
•    UCrystal-Donna Roberts, umdlali weqonga waseMzantsi Afrika kunye nomsasazi odlale kwifilimu efana ne-Endless River kunye ne-Krotoa, waphinda wavela nakwi-Arendsvlei, Swartwater kunye ne-7de Laan.
•    UGq. Gomolemo Mokae, itshantliziyo elichasene nocalucalulo kunye nengqiqo yabantsundu, ugqirha wezonyango nombhali owayengumkhuthazi okhutheleyo weelwimi zesiNtu.Wafumana iwonga leelwimi ezininzi, owalinikwa kwiBhodi yeeLwimi zoMzantsi Afrika ngegalelo lakhe lokukhuthaza ukusetyenziswa kweelwimi zesintu kuncwadi lwaseMzantsi Afrika.
•    UMnu Athol Fugard, umdlali weqonga owaziwayo kwihlabathi, umbhali wenoveli nombhali wemidlalo yeqonga owavunywayo apha ekhaya nakumazwe ngamazwe ngenxa yegalelo lakhe elibalaseleyo kwimidlalo yeqonga. Ngowama-2001, wangeniswa kwi-American Theatre Hall of Fame waza wafumana iwonga  lalapha eMzantsi Afrika le-Order of Ikhamanga ngowa-2005.
•    Ebenhaezer Dibakwane, iqhula eliphumelele iimbasa, umdlali weqonga kunye nombhali.
•    UKhomotso Jacob Makwetla, ummemeleli wokuxhotyiswa kwamashishini abantu abamnyama, nowaba negalelo kuphuhliso lwebhola ekhatywayo namanqindi kweli.

Ikhutshwe: liZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (GCIS)
Imibuzo: Nks Nomonde Mnukwa – ISithethi sikaRhulumente esiliBambela
Iselula: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore