A. Imiba enguNdaba-mlonyeni
1. Uqoqosho
1.1. Ukukhula koqoqosho
1.1.1 IKhabhinethi iwaqaphele amanani wesambuku semveliso yelizwe (i-GDP) njengoko ekhutshwe ngu-StatsSA nabonise ukuba uqoqosho lukhule nge-0.1% kwikota yokuqala (i-Q1) yowama-2025, kwaye oku kulandela ukunyuka nge-0.4% kwiKota yesi-4 yowama-2024.
1.1.2 Phakathi kwezinye izinto, icandelo lezolimo, amahlathi, noshishino lokuloba lenyuke nge-15.8%, ngelixa icandelo lezothutho, ukugcinwa kwezinto kunye nonxibelelwano lunyuke nge-2.4%. Ngaphaya koko, icandelo lorhwebo, ukutya kunye neshishini lokuhlalisa abantu lona lenyuke nge-0.5%.
1.1.3 IKhabhinethi isaxhalabile ngokuhla kweshishini lemveliso, ingakumbi ngoku urhulumente sele ebeke phambili ukunyuswa komgangatho wemveliso yasekhaya, ngelixa esalindele ukuqukunjelwa koMgaqo-nkqubo wezoShishino ohlaziyiweyo.
1.1.4 Urhulumente uyaliqonda ifuthe elibi eligqubayo elize nemingeni kwezothutho nolungiselelo, futhe elo eliphazamisa ukukhula koshishino lwemigodi, kwaye sigcine ingqwalasela ebukhali kumsebenzi we-Operation Vulindlela wesiSigaba sesi-2 kunye neNtsebenziswano yoShishino lukaRhulumente ekusombululeni ngokukhawuleza imingeni yolungiselelo lwelizwe.
1.1.5 Ngoko ke, iKhabhinethi iyasamkela isigqibo seNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe sokuvuma iNkqubo-sikhokelo yezeMali yowama-2025 eza kwandisa inkcitho karhulumente kutyalo-mali lweziseko ezingundoqo (itriliyoni enye yeeRandi kwisithuba seminyaka emi-3).
1.2 UPhando lwaBasebenzi oluqhutywa rhoqo ngeKota
1.2.1 IKhabhinethi iziqaphele iingxelo zamajelo eendaba eziphakamise inkxalabo ngamanani engqesho asuka kwicandelo elingekho sikweni kuPhando lwaBasebenzi oluqhutywa rhoqo ngeKota (i-QLFS).
1.2.2 Rhoqo ngekota i-QLFS iqokelela iinkcukacha ngemisebenzi yemarike yezemisebenzi yabantu abaneminyaka eli-15 nangaphezulu. Ngaphaya koko, i-StatsSA ikhupha ingxelo ebanzi rhoqo emva kweminyaka emine, equka imodyuli emiselwe uPhando lwabaqeshi kunye nabaZiqeshileyo (i-SESE). Olu phando lujolise ekunikeni ulwazi olunzulu ngeempawu nemisebenzi yamashishini angekho sikweni eMzantsi Afrika.
1.2.3 IKhabhinethi ibisaxoxa ngokuba le-SESE yenziwe ngekota okanye ngonyaka, nangona kunjalo i-StatsSA kuza kufuneka sibe nerejista yoshishino lwamashishini angekho sikweni, apho i-StatsSA siza kukwazi khona ukufumana isampuli emele lama shishini, nto leyo engekabikho okwangoku.
1.2.4 Ngaphambili sasibhengeze ukuba iKhabhinethi iwamkele uMgaqo-nkqubo weSizwe wokuLayiselwa kweeMvume zoShishino (i-NBLP) oza kwenza ukuba phakathi kokunye kubekho iimpepha-mvume ezisemgangathweni zamashishini angekho sikweni, kwithuba lokuphunyezwa kwalo Mgaqo-nkqubo, iSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci kufanele libe nako ukwenza irejista ethembekileyo yamashishini angekho sikweni aza kuphucula i-QLFS, xa kunokwenzeka kwenziwe ne-SESE yonyaka.
2. Ubulungisa noThintelo loLwaphulo-mthetho
2.1 Ukhuseleko kunye nokhuselo
2.1.1 IKhabhinethi iyiqaphele ingxoxo-mpikiswano eqhubekayo emalunga nolwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika kunye nezityholo zokuba urhulumente akanasicwangciso esibambekayo sokujongana nolwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika, oku kwenzeka nangona ngomhla wama-23 kuCanzibe 2025, uMphathiswa wamaPolisa wakhupha iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho esiqingatha sesi-4 sonyaka-mali wama-2024/5 ( ulwaphulo-mthetho olwenzeke ukusuka nge-1 kweyoMqungu – 31 kweyoKwindla 2025).
2.1.2 Ngexesha lokukhululwa kweenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho uMphathiswa wezamaPolisa wakhankanya iiNdlela eziPhambili zeSipolisa zoLawulo ngolu hlobo lulandelayo: (a) Ukunciphisa izinga lokubulala, (b) Ukunciphisa imipu engekho mthethweni kunye nokuqinisa ulawulo kwimipu esemthethweni, (c) ukulwa ne-GBVF, (d) ukudiliza ulwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo, kuquka amaqela arhweba ngeziyobisi, ukuphangwa kweemoto ezihambisa imali, ubuqhetseba, nokuxhwila, ukulwa nogonyamelo lwamaqela emigewu, kwakunye nokulwa urhwaphilizo– kwi-SAPS nakwilizwe liphela.
2.1.3 Iinkcukacha-manani zekota yesi-4 kowama-2024/25, zibonise inkqubela (ukwehla ngokubanzi) xa kuthelekiswa nexesha elifanayo kunyaka-mali odlulileyo. Umzekelo, kwizikhululo zamapolisa ezingama-30 ezinolwaphulo-mthetho oluphezulu ngokwengxelo, ezili-13 zibhale amanani asezantsi, zekwathi ezi-2 azibhalanga lutshintsho.
2.1.4 Malunga nokubulawa kwamafama, iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zibonisa uhlaselo olusekelwe kwiifama zorhwebo, kanti ngokomgaqo urhulumente akabohlukanisi abantu ngokobuhlanga, oku kuchasene nolwazi olungeyonyani lwakutsha nje, kubanini-fama ababuleweyo bobabini (2) babengama-Afrika, (2) abasebenzi basezifama abangama-Afrika babengamaxhoba, kwaye omnye wabaphathi beefama abahlanu ababuleweyo wayengumAfrika.
2.1.5 Kwimipu engekho mthethweni, i-Operation Shanela iyaqhubeka nokuzisa iziphumo ezibonakaliswe kukuhluthwa kwemipu engekho mthethweni eyi-128 kwabanjwa abangama-82.
2.1.6 ICandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhakamileyo (The Directorate for Priority Crime Investigation) nalo liyaqhuba nomsebenzi walo, okhokelele ekubeni abarhanelwa abangama-656 bavele enkundleni, kuquka abangama-364 abayanyaniswa nezenzo zolwaphulo-mthetho oluxhomileyo, abangama-220 kulwaphulo-mthetho olumandundu kwezorhwebo nama-72 urhwaphilizo olumandundu.
2.1.7 Kumba we-GBVF, i-IMC izakubamba intlanganiso ngalo Lwesihlanu, umhla we-13 kweyeSilimela 2025 kwiHolo yoLuntu yase-Atteridgeville ePitoli apho kuza kugxininiswa ekuphunyezweni kwesiCwangciso-Qhinga seSizwe nenkqubela-phambili. Kananjalo le ntlanganiso iza kuvavanya ze ibethelele impumelelo kunye nokusebenza kweenkonzo ezinikwa amaxhoba e-GBVF.
2.1.8 IKhabhinethi isamkele isicelo sokuvuma ityala esifakwe ngomnye wabathyolwa ngokubulala uCeba waseMzimkhulu kunye noSindiso Magaqa owayesakuba nguNobhala Jikelele woMbutho woLutsha
lwe-African National Congress kwisiganeko esenzeka ngenyanga yeKhala kowama-2017. IKhabhinethi ikuthathela phezulu ukubulawa kwezopolitiko, kuba ixesha elininzi amaxhoba ngabantu abazibophelele ekulweni norhwaphilizo. Sinethemba lokuba le mpumelelo iza kuzisa ukhanyo oluzakukhupha nabanye abadlali-ndima ababandakanyekayo kweli tyala.
2.2 Ukubuyiswa kwamathambo abemi boMzantsi Afrika ababeselubhacweni
2.2.1 IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kweSigaba sesi-2 seProjekthi yokuBuyiselwa kwamathambo abantu abafa beselubhacweni, aquka ukungcwatywa kwakhona kwamathambo ama-Khoi nama-San. Ngelixa ukukhangela, ukugrunjwa kunye nokubuyisela amathambo abalweli benkululeko ababhubhele elubhacweni kusenguwona mba unikwe ingqwalasela. Eli phulo lokubuyisela ekhaya kunye nokungcwatywa kwakhona kwamathambo ama-Khoi nama-San asuka ngaphandle kwelizwe libalulekile ekubhaleni ngokuchanekileyo komnombo woMzantsi Afrika. Inkqubo yokungcwatywa ngokutsha kwamathambo ookhokho abangama-58 abaziinzalelwana zaseMntla Koloni, ikwinqanaba esele liqhubele phambili kakhulu, kwaye uthethathethwano noluntu oluchaphazelekayo luyaqhuba.
2.2.2 Eli phulo lakhela phezu kwempumelelo yokubuyiswa kwabo babefudula bengabalweli benkululeko abangama-49 ngonyaka wama-2024, kwaye bubungqina bokuzibophelela kukarhulumente ekujonganeni nembali engenabulungisa kunye nokukhuthaza umoya wobunye nokuphilisana phakathi kwesizwe. Igqiza elihlanganyelweyo liza kuqalisa ngokukhawuleza iphulo lophando lokuya e-Angola, eLesotho, eZambia naseZimbabwe ukuya kuqhuba uphando, ukuhlola iirekhodi zamangcwaba kunye nokukhangelwa kwamangcwaba.
2.3 Ukubhiyozelwa kokusekwa kweNkundla yoMgaqo-siseko
2.3.1 Unyaka wama-2025 uphawula iminyaka engama-25 kususela oko kwathi kwabanjwa iseshoni yokuqala yeNkundla yoMgaqo-siseko, nekusisixhobo esibalulekileyo ekukhuseleni idemokhrasi yethu yomgaqo-siseko.
2.3.2 Kungalo moya ke iKhabhinethi yamkele uthethathethwano oluphakathi kukarhulumente neCandelo leeNkundla elikhokelwa yiJaji eyiNtloko uMandisa Maya kunye neentloko zeenkundla ebezisindlekwe nguMongameli u-Cyril Ramaphosa. Uthethathethwano lugxininise ekuxoxeni ngokuphunyezwa kwamanyathelo olawulo aseleyo ukuze kuphunyezwe amalungiselelo omgaqo-siseko okuqinisekisa ukuba abezomthetho basebenza njengengalo yombuso ezimeleyo, ngokufanayo nepalamente. Isigqeba solawulo kunye neCandelo leeNkundla ziphinde zaqinisekisa ukuzinikela okwabelwanayo ngako ekwakheni inkqubo yobulungisa eyomeleleyo, esebenza kakuhle, emiliselwe ngokuqinileyo kwiinqobo ezisemgangathweni zoMgaqo-siseko wethu.
3. UKhuseleko lweNtlalo kunye noPhuhliso loLuntu
3.1 Imozulu embi
3.1.1 IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho zabo bathe baphulukana nobomi babo ngethuba lezikhukula kwiindawo ngeendawo zaseMpuma Koloni. Ukuza kuthi ga ngoku, bebonke abantu abaphulukene nobomi bangama-57. Iintsapho ezininzi zishiyeke zingenamakhaya, nezakhiwo ezingundoqo zonakele eMpuma Koloni naKwaZulu-Natal.
3.1.2 Urhulumente ngokusebenzisa i-IMC kulawulo lweentlekele nguye oququzelela imisebenzi yokuhlangula nenkxaso ngamaZiko akhe oLawulo lweNtlekele kuZwelonke nakwiPhondo. Amaqela eenkonzo zikaxakeka asuka eGqeberha, eMonti nakwisithili sase-Chris Hani atyalwe kwiindawo ezichaphazelekayo ngeenjongo zokuxhasa abo basabelayo ekuhlaleni.
3.1.3 IKhabhinethi ilumkisa wonke umntu ukuba ahlale ethe qwa kwezi ntsuku zimbalwa zizayo ngenxa yeemeko zemozulu emaxongo ezilindelekileyo kwiindawo ezininzi zelizwe. Oku kunokubandakanya ukuhla kwamaqondo obushushu, ikhephu, imimoya ebhudla ngamandla kunye nemvula enkulu.
3.1.4 Abemi bayacetyiswa ukuba babeke iliso kwiingcebiso zemozulu yasekuhlaleni koonomathotholo, kumabonakude nakumajelo osasazo oluntu; kwaye bangahambi kwiimeko ezingakhuselekanga. Abahambi bakwakhuthazwa ukuba bahlengahlengise uhambo lwabo okanye baluhlehlise xa bejamelene neemeko zemozulu ezimbi.
4. EzeMpilo
4.1 Uhlobo olutsha lwe-COVID-19 kwimimandla ethile e-Asia
4.1.1 IKhabhinethi iyabaqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba eli lizwe, ngeSebe lezeMpilo (i-DoH), likubeke esweni elibukhali ukuvela kohlobo olutsha lwe-COVID-19, nolubizwa ngokuba yi-Nimbus okanye i-NB.1.8.1, olunxulunyaniswa nokunyuka kweziganeko ezininzi kwimimandla ethile yase-Asia.
4.1.2 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi ukuba baqinisekise ngezenzo zococeko ezisemgangathweni eziquka ukuphepha ukuxhawula izandla ngokungena mfuneko, ukuhlamba izandla ngesepha, ukuvala umlomo xa ukhohlela, ukusebenzisa isigqubuthelo somlomo xa ubani enomkhuhlane, nokuhlala ekhaya xa engaziva mnandi. Sibonise ngexesha lobhubhani we-COVID-19 ukuba ngala manyathelo alula, singakwazi ukunciphisa ukusasazeka kwezigulo zokuphefumla.
4.2 Isifo sochwane nenyebethu
4.2.1 IKhabhinethi iyakwamkela ukusabela okukhawulezileyo kweSebe lezoLimo, emva kokuqhambuka kwesifo sochwane nenyebethu. Awona maphondo achatshazelwe kakhulu yiKwaZulu-Natal (i-KZN), iMpumalanga ne-Gauteng. Isebe lithenge ngaphezulu kwe-900 000 yamaqabaza ezitofu, kwaye isikxa sokuqala kulindeleke ukuba sifike kungekudala nje.
4.2.2 Kwiindawo apho kukho ukuqhambuka okuqaphelekayo, zonke izilwanyana ezisulelekileyo zihlaliswa zodwa; akukho ntshukumo ivunyelweyo yokungena, nokuphuma, kwezi ndawo okanye iifama. Imimandla emikhulu, apho izilwanyana zingakwaziyo ukuhlaliswa zodwa, ibhengezwe njengeeNdawo zoLawulo lweSifo. Kodwa nakuzo kusebenza izithintelo ezifanayo.
4.2.3 Ukongeza koku, izicwangciso ziyaqhubeka ukuseka iBhunga lezoKhuseleko lweNdalo eliza kudibanisa iNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika, oogqirha bezilwanyana, izazinzulu, uGunyaziwe woLawulo lweMida kunye nabaphathi becandelo lezoshishino ukuze basabele ngcono kuqhambuko lwexesha elizayo nokulawula imingcipheko enxulumene noko.
4.3 Ixesha lokwaluka
4.3.1 Ixesha lolwaluko lasebusika lowama-2025 lifikile, urhulumente usaqhubeleka nokuzibophelela ekuqinisekiseni ukhuseleko lwabakhwetha, ngelixa egcina ubungcwele benkcubeko yesi sithethe.
4.3.2 Amanyathelo aliqela azakuthathwa ngeli xesha lolwaluko lowama-2025, kubandakanywa ubhaliso olusisinyanzelo nokuqinisekiswa kwamabhoma olwaluko, kunye nokuhlolwa ngokonyango olupheleleyo kwabo bonke abakhwetha. Nasiphi na isikolo solwaluko esaphula umthetho, esingahoyi imimiselo yokhuseleko okanye esibeka ubomi babantu esichengeni siza kuvalwa ngaphandle kokuthandabuza.
4.3.3 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubazali nabagcini babantwana ukuba badlale indima yabo ekuqinisekiseni ukhuseleko loonyana babo ngokusebenzisa kuphela izikolo ezigunyazisiweyo zokwaluka. Abazali bangakwazi ukuxela izikolo zolwaluko ezingekho mthethweni kwii-arhente zogcino-mthetho okanye kwisikhululo samapolisa esikufuphi nabo.
5. Ulawulo
5.1 Ingxoxo yeSizwe
5.1.1 IKhabhinethi isamkele isibhengezo esenziwe nguMongameli u-Cyril Ramaphosa somhla weNkomfa yeSizwe, ezakubanjwa ngomhla we-15 kweyeThupha 2025 njengenxalenye yenkqubo ebhekiselele kwiNgxoxo yeSizwe. Le ngqungquthela lithuba labo bonke abemi boMzantsi Afrika abasuka kuzo zonke iinkalo zobomi ukuba baxoxe ngemingeni elijongene nayo ilizwe lethu kunye nokuphakamisa izisombululo ekufuneka ziqwalaselwe ngurhulumente ukuze zibe sethubeni lokuphunyezwa.
5.1.2 UMongameli Ramaphosa unyule iKomiti yaBaphathiswa (i-IMC) eza kukhokelwa nguSekela Mongameli, u-Paulos Mashatile ukuba ilungiselele, iququzelele iNkomfa yeSizwe kunye neNgxoxo yeSizwe.
5.1.3 UMongameli Ramaphosa uphinde wonyula iqela laBantu abaHloniphekileyo abaza kunika isikhokelo kurhulumente ngokubhekisele kwiNgqungquthela yeSizwe kunye neNgxoxo yeSizwe.
5.2 Iziphumo zophicotho-zincwadi lukarhulumente wasekhaya
5.2.1 IKhabhinethi iziqaphele iziphumo zeNgxelo Jikelele yeziphumo zophicotho-zincwadi zooRhulumente baseKhaya zonyaka mali wama-2023/24, ezibonisa ukuphucuka okuthile kwiinkalo ezithile zeengxelo zemali kunye neengxelo zokusebenza.
5.2.2 Ingxelo iqaqambisa ukuba oomasipala abangama-41 bafumene uphicotho-zincwadi olungenachaphaza kunyaka-mali wama-2023/24. Ikwabonisa ukuba oomasipala abangama-59 baziphucule iziphumo zabo zophicotho-zincwadi ukusukela ngowama-2020/21, ngelixa bengama-40 kuphela abaye babuyela emva.
5.2.3 I-AGSA ikuqaphele ukonyuka kwenkcitho engaqhelekanga, eyenzeka umsebenzi sele wenziwe, le nkcitho yaphula okanye ayihambelani neemfuno ze-MFMA/PFMA kunye neminye imithetho esebenzayo, eyayikhe yaphawulwa yi-AGSA, oku kuthetha ukuba iqumrhu lasilela ukuxolela ngokuhambelana nezibonelelo ezifanelekileyo zeMithetho esebenzayo.
5.2.4 IKhabhinethi ikhuthazwa kukuzinikela koMphicothi-zincwadi Jikelele woMzantsi Afrika ekupheliseni inkcitho engenaziqhamo neyilahleko ngaphambi kokuphela kwexesha lakhe lokuphatha. Inkcitho engenaziqhamo neyilahleko ichazwa njengenkcitho eyenziwe ngelize, nengavelisanga nzuzo nexabiso kwiziko.
5.2.5 Ngokuzalisekiswa koHlaziyo loRhulumente baseKhaya olwenziwa phantsi kwe-Operation Vulindlela yeSigaba sesi-2, urhulumente uza kusebenzela ukuxhasa esi sibophelelo sibalulekileyo soMphicothi-zincwadi Jikelele kunye nokusebenzisana namaqumrhu ukulandela inkqubo emiselweyo yokulawula inkcitho engafanelekanga. Lo msebenzi nawo uncediswa kukuhlaziywa koMthetho Ngcaciso yoMgaqo-nkqubo woRhulumente weNgingqi ukuze kupheliswe ezo ndawo zine nkcitho etenxileyo ezibangelwa zizikhewu ezikuwiso-mthetho.
5.3 Iphulo leziXeko neeDolophu ezicocekileyo
5.3.1 IKhabhinethi ikwamkele ukusungulwa kwephulo leeziXeko neeDolophu eziCocekileyo, phulo elo eliphehlelelwe nguSekela Mongameli u-Paulos Mashatile. Eli phulo likhuthaza uluntu ukuba lugcine izixeko needolophu zethu zicocekile.
5.3.2 Nangona lisungulwe kwiSixeko sase-Johannesburg, eli phulo liza kunatyiselwa kwizixeko needolophu ezikwamanye amaPhondo kwezi veki zizayo.
5.3.3 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi ukuba bathathe uxanduva lokugcina iindawo zethu zoluntu zicocekile kwaye zintle, kananjalo bathathele kubo uxanduva lokulondoloza indalo esingqongileyo. Eli phulo likazwelonke lijolise ekudaleni iindawo ezicocekileyo, eziluhlaza nezibandakanya konke.
6. Imiba yamazwe ngamazwe
6.1 Ingqungquthela ye-G7
6.1.1 UMongameli Cyril Ramaphosa uza kuzimasa iNgqungquthela yeeNkokeli ze-G7 e-Kananaskis, e-Canada, ukusuka ngomhla we-15 ukuya kowe-17 kweyeSilimela 2025.
6.1.2 INgqungquthela ye-G7 ijolise ekusombululeni imingeni engxamisekileyo yehlabathi equka ukukhuthaza ukukhula koqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke, ukulwa nokutshintsha kwemozulu kunye nokujonga izinto ezintsonkothileyo zobuchwephesha obukhula ngokukhawuleza.
6.1.3 Iingxoxo kulindeleke ukuba zigxininise kwiinkxalabo zokhuseleko lwamazwe ngamazwe, ngakumbi ungquzulwano oluqhubekayo e-Ukraine kunye nokomeleza uzinzo loqoqosho lwehlabathi.
6.2 Ubudlelwane boMzantsi Afrika neRashiya
6.2.1 USekela Mongameli, u-Paulos Mashatile, uza kundwendwela i-Russian Federation phakathi komhla we-16 nowama-21 kweyeSilimela 2025, ukomeleza amakhonkco ozakuzo noqoqosho ekudala ekhona phakathi koMzantsi Afrika kunye ne-Russian Federation.
6.2.2 Olu tyelelo lunika ithuba lokuqinisa ngakumbi intsebenziswano yezoqoqosho, ukuhlola iindlela ezintsha zentsebenziswano kunye nokuqhubela phambili uxolo. UMzantsi Afrika ungumlomo wokusonjululwa kongquzulwano lwase-Russia/Ukraine ngoxolo, kwaye usaqhubeleka nokudlala indima njengomlamli ongathathi cala.
B. Izaziso kwiKhabhinethi
1. Ukuzalisekiswa kweZiphumo zeNkomfa yezaManzi noGutyulo
1.1. IKhabhinethi yazisiwe ngezicwangciso zokuphumeza iziphumo zeNkomfa yezaManzi noGutyulo ebibizelwe ukufumana izisombululo kwimingeni yamanzi nogutyulo ojongene noMzantsi Afrika.
1.2. Iziphumo ziqinisekisa ukuzinikela kukarhulumente ekoyiseni imingeni yamacandelo nokwakha icandelo lamanzi nogutyulo oluzinzileyo, elinegalelo ekuphakamiseni isidima nempilontle yabo bonke abemi boMzantsi Afrika.
1.3. IKhabhinethi iyakwamkela ukuzibophelela kwamahlakani achaphazelekayo ekuphuculeni unikezelo lweenkonzo kweli candelo ngokungenelela ngezigqibo ezingundoqo zexesha elifutshane, eliphakathi nelide ezijolise koku kulandelayo:
1.3.1. Onke amasebe karhulumente kufuneka ahlawule ii-invoyisi ezichanekileyo zoomasipala kwisithuba seenyanga ezintathu kwaye noomasipala basebenzise amanyathelo angqongqo olawulo lwetyala kumasebe karhulumente angahlawuliyo.
1.3.2. Bonke ooGunyaziwe beeNkonzo zaManzi (i-WSA) bahlawule ii-invoyisi zabo ezikhoyo ngokupheleleyo kwiiBhodi zaManzi kwangethuba, nangokukhawuleza, zonke iiBhodi zaManzi zihlawule ii-invoyisi zazo ezikhoyo ngokupheleleyo kwiSebe lezaManzi noGutyulo (i-DWS), ukususela ngoko, I-DWS kunye neebhodi zamanzi kufuneka ziphumeze indlela evunyiweyo yokucinywa kwamatyala koomasipala abafanelekileyo, ukususela ngoku, kwakhona i-DWS kufuneka uthi ubetha umhla woku-1 kuTshazimpuzi kowama-2026 ibe sele isiphumezile iSicwangciso
1.3.3. UNondyebo weSizwe kufuneka aqukumbele uphononongo lwemodeli yenkxaso-mali kurhulumente wasekhaya, ngelixa yona i-DWS kufuneka iseke umlawuli wezoqoqosho lwamanzi ozimeleyo ukuze alawule amaxabiso amanzi kulo lonke ikhonkco lexabiso lamanzi, kungaphelanga isithuba seminyaka emithathu.
1.3.4. Bonke aBaboneleli ngeNkonzo yaManzi (ii-WSP) abangekabinazo iinkqubo zamanzi ezingenzi ngeniso, mazibe sezikhona ngenyanga kaNcanzibe kowama-2025, zonke ii-WSA ezingekabiyi ngeniso ekuthengisweni kwamanzi zithathe izigqibo kumaBhunga azo malunga noku kwisithuba seenyanga ezisi-6. Kwakhona kwiminyaka emibini zonke ii-WSA zihlole ngokutsha iirejista zazo zabangathathi ntweni ukuze ziqinisekise ubonelelo simahla lwamanzi asisiseko kwabo bangathathi ntweni. Bonke abanye abasebenzisi bamanzi kufuneka bahlawuliswe kwaye ingeniso iqokelelwe kubo bonke.
2. Amalungiselelo eNgqungquthela ye-G20
2.1. Njengoko inani leentlanganiso eziqhubekayo lisanda, ikhabhinethi ifumene ingxelo malunga nomsebenzi oqhubekayo njengoko ilizwe lilungiselela ukusingatha iNgqungquthela yeeNkokheli ze-G20.
2.2. I-IMC ye-G20 inike ingxelo ngezinye zeeProjekthi zeLifa le-G20 ezicwangcisiweyo kunye nemisitho esecaleni phantsi kwebhanile yobuMongameli be-G20 boMzantsi Afrika. Oku kuquka iprojekthi yelifa lezokhenketho phantsi kobunkokeli beSebe lezoKhenketho, kunye nemisitho efana neNkomfa yoTyalo-mali loKhenketho, i-Tourism Hackathon, kwakunye nozinzo kutyelelo lweelali.
2.3. Oku kwenzelwe ukusebenzisa iqonga le-G20 ukuphakamisa nokubeka ngokutsha uMzantsi Afrika njengendawo ubani angayikhetha yotyalo-mali kwezokhenketho kunye nokhenketho buqu.
2.4. Ezi ntlanganiso ze-G20 zilandelayo zibanjwe eMzantsi Afrika ukulungiselela iNgqungquthela ye-G20:
2.4.1. Intlanganiso yesithathu yeQela eliSebenzayo loQoqosho lweDijithali (i-DEWG) ebibanjwe ngomhla we-9 ukuya kowe-11 kweyeSilimela 2025 eLimpopo, ibigxile ekuqhubeleni phambili uluhlu lwemiba ephambili ekwabelwana ngayo eyilelwe ukwenza uqoqosho lwedijithali lubandakanyeke ngakumbi, lukwazi ukuphendula kwaye luvumele uphuhliso oluzinzileyo.
2.4.2. Intlanganiso yesithathu yeQela laMazwe ngaMazwe eliSebenzayo loBume bezeMali ebibanjwe ukusuka ngomhla we-9 ukuya kowe-10 kweyeSilimela 2025 eLimpopo, ixoxe ngenkqubo-sikhokelo yokubeka iliso neyokunika ingxelo ye-G20 ebhekisa kwiiBhanki zoPhuhliso eziManyeneyo (ii-MDB) ezingcono, ezinkulu nezisebenzayo.
2.4.3. INkomfa yezeMfundo yePhondo ye-G20 ebibanjelwe e-KZN ngomhla we-10 kweyeSilimela 2025 iphonononge amathuba angenza amazwe angamalungu akwazi ukubonelela ngemfundo esemgangathweni kubantwana abasaqalayo ukufunda, kananjalo ikwazi nokuvelisa abafundi bangomso abanobuchule bexesha elizayo.
2.4.4. INkomfa ye-U20 Sherpa kunye neNdibano yooSodolophu base-Afrika ebibanjwe ukusuka ngomhla we-12 ukuya kowe-14 kweyeSilimela 2025, idibanise oosodolophu abavela kumazwe ahlukeneyo ukuze baxoxe ngezinto eziphambili ezifana namathuba ezoqoqosho, intshukumo yemozulu, ukulingana kwezentlalo kunye neenguqu kwidijithali.
2.4.5. Intlanganiso yesine yeQela eliSebenzayo lezeMpilo yona ibibanjwe e-Gauteng, ukusuka ngomhla we-10 ukuya kowe-13 kweyeSilimela 2025, nalapho bekuxoxwa ngamathuba okudluliselwa ithekhnoloji, inkxaso-mali ezinzileyo kunye nolungelelwaniso lolawulo ukuqinisekisa ukufikelela kwangethuba nangokulinganayo kwizixhobo zezempilo ezisindisa ubomi ngexesha likaxakeka.
2.4.6. Intlanganiso yesithathu yeQela elijongene noMsebenzi woBukrelekrele obungeyonyani (i-AI), uLawulo lweeNkcukacha kunye noPhuhliso oluZinzileyo lokuSungulwa kwezinto ezintsha, yona iqhutyelwe eLimpopo ukusuka ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kweyeSilimela 2025, inike iqonga kumazwe angamalungu e-G20 ukuze akwazi ukubumba ikamva lophuhliso lwe-AI nokusetyenziswa kwayo luluntu jikelele.
C. Izigqibo zeKhabhinethi
1. Ingxelo yeKomiti yabaPhathiswa ngeZigulo eziSuka ekuTyeni
1.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo ye-IMC emalunga nezigulo eziSuka ekuTyeni, le ngxelo ibigxile ngokukodwa kwizitshabalalisi ze-organophosphate.
1.2. I-IMC iye yacetyiswa liBhunga leeNgcebiso zaBaphathiswa (i-MAC) malunga nezigulo ezisuka ekutyeni njengoko yayonyulwe nguMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi. I-MAC ibandakanya iingcali ezivela kumacandelo ezempilo ahlukeneyo kwaye iza kunika isikhokelo ngothintelo loqhambuko kwixesha elizayo.
1.3. I-MAC yenze umsebenzi wophando wokujonga indlela yokufumaneka nokusetyenziswa kwe-Terbufos, (eyaziwa njenge-Galiphirimi), le yimveliso eyingozi kakhulu ebangele ukubhubha kwabantwana abathandathu eNaledi, eSoweto. Nangona zingachanekanga ncakasana iingxelo zokuba aba bantwana bafikelele njani na kule mveliso, kodwa amathuba okuba aba bantwana batye ukutya okunethyefu ye-Terbufos ebekuthengwe kwivenkile yespaza yasekuhlaleni yeyona ngcaciso iphathekayo.
1.4. IKhabhinethi ikuvumile ukuvalwa kokungeniswa kwe-Terbufos eMzantsi Afrika, le yingxubevange yemichiza ebizwa ngokuba yi-organophosphate, edla ngokusetyenziswa njengesibulali-zinambuzane nesibulali-zitshabalalisi.
1.5. ISebe lezoLimo liza kukhokela inkqubo yokubonisana malunga nokuvalwa kwale thyefu ngokuhambelana neSicwangciso salo sowama-2010 sokuphelisa izitshabalalisi ezinetyhefu kwisithuba sexesha elithile, kwaye eli sebe lizakusebenza ukujonga ezinye izibulali-zinambuzane ezikhuselekileyo kune-Terbufos.
D. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. UMnu Ndumiso Kubheka njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba kwi-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha.
2. Amalungu eBhodi yaseMzantsi Afrika ye-Inshurensi ejongele ukuThunyelelwa kwezinto kwamanye amazwe
a. Nksk Delia Ndlovu (uSihlalo);
b. UMnu Willem van der Spuy
c. UMnu Andile Mabizela;
d. UMnu Sisa Mayekiso;
e. UMnu Bheki Ishmael Mkhize;
f. UNksz Philisiwe B. Mthethwa; kunye
g. NoNksz Siobhain O’Mahony.
3. Amalungu eBhodi ye-South African National Accreditation System
(a) UGq Tshengedzeni Demana (uSihlalo);
(b) UGq Dharmarai Naicker;
(c) UGq Pulane Elsie Molokwane;
(d) UMnu Bruce Christopher Gordon;
(e) UNksz Nolitha Ntobongwana;
(f) UNksz Lebogang Ameliah Matlala;
(g) UNksz Anele Zukiswa Vutha;
(h) UGq Nandi Malumbazo;
(i) UNksz Slindile Nomathemba Ndwandwe;
(j) UMnu John Mayiwane Vusumuzi Mazibuko; kunye
(k) NoNksz Nomvula Pamella Mhlari.
4. Amalungu eBhodi ye-South African Bureau of Standards
(a) UNj. Mzubanzi Bismark Tyobeka (uSihlalo);
(b) UMnu Garfield Mario Bergstedt;
(c) UMnu Mavela Alford Velamuva Dlamini;
(d) UGq Reabetswe Kgoroeadira;
(e) UNksz Tshepiso Tinyiko Matlapeng;
(f) UNksz Kgotatso Mohulatsi;
(g) UNksz Deidre Penfold; kunye
(h) NoMnu Griffith Zabala.
E. Imisitho Ezayo
1. INkomfa yase-Afrika yeHayidrojini Ecocekileyo
1.1 IKhabhinethi iqaphele ukuba uMzantsi Afrika usindleke iNkomfa yase-Afrika yeHayidrojini Ecocekileyo eKapa ngomhla we-12 nowe-13 kweyeSilimela 2025. Le Nkomfa idibanisa abaphathiswa bezaMandla base-Afrika, abaqulunqi bemigaqo-nkqubo, kunye nabatyali-mali ukuze baphonononge amathuba okuvelisa umoya ococekileyo, uphuhliso lweziseko ezingundoqo kunye nokukwazi ukuthumela izinto kumazwe angaphandle.
1.2 Icandelo lelizwe lehayidrojini livela ngokukhawuleza njengelitye lembombo lesicwangciso sesizwe sokutshintshela kuqoqosho lwekhabhoni ephantsi, ukudala imisebenzi ezinzileyo kunye nokuzibeka njengenkokeli yehlabathi ekuphehleni amandla ombane ococekileyo.
2. Inyanga yoLutsha (uSuku lweSizwe loLutsha lwama-2025)
2.1 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi abantu abatsha ukuba bazibandakanye ekubhiyozeleni uSuku lweSizwe loLutsha ngomhla we-16 kweyeSilimela phantsi komxholo othi “Izakhono zelizwe elitshintshayo, ukuxhobisa ulutsha ukuze luthabathe inxaxheba ngokubonakalayo kwezoqoqosho”. Owona msitho walo nyaka uza kubanjelwa kumabala emidlalo e-Reckfarm eTlokwe, kuMasipala wase-JB Marks eMntla Ntshona, kwaye uza kugxila ekukhuthazeni imfundo nophuhliso lwezakhono kulutsha, nto leyo eyayanyaniswa namathuba ezoqoqosho.
2.2 USuku lweSizwe loLutsha luphawula isiganeko esiyimbali nesibalulekileyo apho abafundi abaNtsundu babesilwa norhulumente wocalucalulo ngokuchasene nokunyanzeliswa kwesiBhulu njengolwimi lokufundisa.
2.3 Kungenxa yoko ke, uMthetho woLungiso lweMithetho yeMfundo esiSiseko (i-BELA) unyanzelisa ukuqaliswa kokufundiswa kweelwimi zesintu kuzo zonke izifundo ze-STEM kunye nezinye izifundo ezingundoqo. Lo msebenzi uqale kuLawulo lweSithandathu apho kuqale khona ukufundiswa ngeelwimi zesintu (isiXhosa) eMpuma Koloni, ukanti oku kuziphucule kakhulu iziphumo zematriki zase-EC. Lo msebenzi uyanwenwiselwa nakwamanye amaphondo. Ulwimi lwesintu lwesiBhulu, lulwimi lwabantu base-Afrika abacalucalulwa ngurhulumente wengcindezelo njenga bantu bebala amakhaladi ukutsho.
F. Imiyalezo
1. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kubahlobo nosapho lwaba:
a) IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kuRhulumente weRiphabliki yase-Zambia nesizwe ngokubanzi, emva kokusweleka kowayesakuba nguMongameli, oBekekileyo u-Edgar Chagwa Lungu wase-Zambia;
b) Umfoti owaziwayo, umlweli wenkcubeko kunye nomququzeleli we-jazz, u-Rashid Lombard. U-Lombard wayelilungu elibekekileyo leMbasa yeSizwe ye-Ikhamanga (yeSilivere), awayifumana ngonyaka wama-2014 ngenxa yegalelo lakhe kubugcisa nenkcubeko nokuzinikela kwakhe ekukhuthazeni umculo we-Jazz kweli lizwe;
c) Owayesakuba yiJaji enguMongameli weCandelo leNkundla ePhakamileyo yaseMpuma Koloni, u-Justice uClement Temba Sangoni, igqwetha elikrelekrele kunye ebelibambelele ngokuqinileyo kumthetho-siseko wobulungisa, owayekwayinkokeli yemveli ephezulu yeBhunga leMveli laseQokolweni-Zimbane eMthatha.
2. Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle kwaba balandelayo:
a) UTete Dijana ngokuphumelela umdyarho we-Comrades Marathon wama-2025 ityeli lesithathu, emva kokuba wayekhe wayiphumelela ngaphambili kowama-2022 nangowama-2023;
b) U-Gerda Steyn ngokukhusela intshinga yakhe yomdyarho we-Comrades Marathon kwabaseThyini kowama-2025, nokuba yimbaleki yokuqala yaseMzantsi Afrika ukuphumelela olu gqatso izihlandlo ezine. Ngaphambili wayephumelele ngowama-2019, 2023 kunye nowama-2024.
c) Intshatsheli yesitulo esinamavili saseMzantsi Afrika, u-Kgothatso Montjane kunye neqabane lakhe lase-Japan u-Yui Kamiji, ngokuphumelela iwonga labo lesibini le-French Open Women’s Wheelchair Doubles;
d) Imbaleki yoMzantsi Afrika, uZakithi Nene, ngokuphumelela igolide kugqatso lwe-400m yaMadoda kwi-Kip Keino Classic e-Nairobi nokubeka inqanaba elitsha lehlabathi lemizuzwana engama-43.76.
e) Umyili wembonakalo-mhlaba waseMzantsi Afrika, u-Leon Kluge neqela lakhe ngokuphumelela igolide kumboniso we-RHS Chelsea Flower e-London;
f) Sithi huntshu! kwiBhodi kunye nabaLawuli bakwa-Telkom ngeziphumo zabo ezintle zezimali nekuyinto yokuqala ngqa kwiminyaka emine ukuba bakhuphe isabelo sezigidi ezingama-R500 kurhulumente, bekhokelwa ngusihlalo u-Geoff Qhena kunye nomlawuli oyintloko wenkampani uMnu uSerame Taukobong.
Imibuzo:
Nksz Nomonde Mnukwa
iBambela leSithethi sikaRhulumente
Umnxeba: 083 653 7485