UMzantsi Afrika ugutyungelwe lilifu elimnyama emva kokushiywa kwethu ngowayesakuba nguSekela Mongameli u-David Mabuza
• Owayesekuba nguSekela Mongameli u-David Mabuza usishiye eneminyaka engama-64 ubudala, esishiya ngomhla wesi-3 kweyeKhala 2025, emva kokugula ithutyana elingephi.
• Urhulumente udlulisa uvelwano lwakhe olunzulu kusapho nakubahlobo balowo wayesakuba nguSekela Mongameli u-David Mabuza.
• U-David Mabuza usebenze njengoSekela Mongameli woMzantsi Afrika ukususela ngowama-2018 ukuya kutsho kowama-2023.
• U-David Mabuza uya kukhunjulwa ngegalelo lakhe elingenambaliso langelixa kusiliwa nenkqubo yocalucalulo, ekhunjulwa nangokuba yinkokeli engumzekelo nethanda ilizwe.
• Ubomi bakhe wabunikela ekusebenzeleni isizwe kwaye ushiya imbali engayikulibaleka kwaye uya kukhunjulwa ngokuzithoba, ngokusebenza nangokuzibophelela ekufezekiseni iminqweno yokuba nale Ntando yesininzi yethu esekelwe kumgaqosiseko.
• Kulo lonke ixesha awaye kwezopolitiko ngalo, wasebenza ngeengalo ezingenamkhinkqi ngenjongo yokubanegalelo eliyangasayi kulibaleka ngokubhekiselele kwimo abantu abaphila phantsi kwayo ngokwenene.
UMongameli u-Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba owayesakuba nguSekela Mongameli weRiphabliki uza kungcwatywa ngokwenkqubo yoMngcwabo wasebuRhulumenteni woDidi lwesi-2
• INkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika yiyo eza kubonelela ngeenkqubo zokungcwaba ngokusesikweni ngelixa lokuqhutywa kwenkonzo yomngcwabo yalowo wayesakuba nguSekela Mongameli, mngcwabo lowo uza kuqhutyelwa eMpumalanga.
• UMongameli ubhengeze into yokuba iiNtsuku zokuZila kweSizwe ziza kuqala ngoMvulo womhla wesi-7 kwaye neeflegi ziza kuthotyelwa ezantsana kunesiqhelo kwilizwe liphela de kube ngokuhlwa ngoMgqibelo we-12 kweyeKhala 2025.
• USekela Mongameli u-David Mabuza wasebenzela abantu baseMpumalanga njengeNkulumbuso ukususela ngowama-2009 ukuya kowama-2018 kwaye ngaphambili phaya wayesebenza njengeLungu leSigqeba seBhunga eliLawulayo laseMpumalanga apho asebenze kwizikhundla ngezikhundla.
• Usisebenzisile isakhono sakhe sobunkokeli neso sokwazi ukuququzelela uluntu xa wayeyiNkokeli yeMicimbi kaRhulumente ePalamente ekwakhokela iBhunga leSizwe loMzantsi Afrika eliJongene noGawulayo.
• USekela Mongameli u-David Mabuza kumaxesha amaninzi waye wamela uMzantsi Afrika kumaqonga aphambili ehlabathini eququzelela ubudlelane phakathi koMzantsi Afrika namahlakani wawo aphambili.
U-David Mabuza isizwe sethu usisebenzele ngendlela engenambaliso
• Waye yinkokeli ezimilisele ngobutshantliziyo phaya ekuqaleni kwekhondo lakhe kwezopolitiko, kananjalo waza kukhokela isizwe sethu wamisela uthethathethwano phakathi koMzantsi Afrika namazwe esidlelana nawo kweli lizwekazi noluntu lwezizwe ngezizwe ngelixa ekwisikhundla sokuba nguSekela Mongameli.
• Ilizwe lethu uye walimela ngomdla omkhulu kwaye uye waba negalelo ekuqhubeleni phambili indima yoMzantsi Afrika ehlabathini.
• Sibamba ngazibini ngokuzinikela kwakhe kumzabalazo wenkululeko nasekwakheni umbuso wentando yesininzi obandakanyayo nonempumelelo.
• Lo wayesakuba nguSekela Mongameli ebethandwa kwaye wayebonakalisa inkathalo yokwenene nothando ngokunjalo kubo bonke awayekhe wadibana nabo.
U-David Mabuza ube nendima enkulu ekuqinisekiseni inkululeko yethu nentando yesininzi yethu esekelwe kumgaqosiseko
• U-David Mabuza wazalwa ngowe-1960 ePhola kude kufuphi ne-Hazyview eMpumalanga engunyana wesithathu kwabahlanu.
• Waye ngutitshala wemathemathiki owancanca ubutshantliziyo bakhe obuchasene nocalucalulo kwi-Azania Students Organisation (i-Azaso) eselityendyana kwiminyaka yowe-1980 waza ethubeni wajoyina i-Congress Movement, eyayikhokelwa yi-ANC.
• UMabuza wayengomnye woovulindlela bokuqala bentando yesininzi yethu kwaye wayengomnye wabanegalelo kwinkqubo yokwakha ukuzithemba emva kokubhanga kocalucalulo.
• Emva konyulo lokuqala lwentando yesininzi ngowe-1994, wathunyelwa eburhulumenteni ngenjongo yokuba ancedise ekufezekiseni isithembiso soMqulu weNkululeko, mqulu loqo esibhiyozela iminyaka yawo yobudala engama-70 kulo nyaka.
• Waye yinkokeli eyaziwayo eyeza nenkitha yamava emsebenzini wayo ngelixa isebenzela urhulumente.
• Ube nendima enkulu njengommanyanisi apha kweli nakweli lizwekazi ngokunjalo.
• Kwindima yakhe njengoMthunywa oKhethekileyo woMzantsi Afrika e-South Sudan, uye waphembelela into ethi amaqela ase-Sudan makamkele isivumelwano esaziwa njenge-Revitalised Transitional Government of National Unity Agreement.
• Ube nendima ebonakalayo ekunikeni iinkokeli zemveli amandla wokuqhubela phambili uphuhliso kwiPhondo laseMpumalanga.
Masibhiyozele ubomi buka-David Mabuza sizibophelele ekuphileni ngokwelifa asishiyele lona
• U-David Mabuza wayelithanda ilizwe engumlweli wenkululeko owanikela ngobomi bakhe ekukhonzeni abemi boMzantsi Afrika.
• U-David Mabuza ungomnye kwisizukulwana esasicela umngeni kwimo yokungabikho kobulungisa eyayigquba phantsi kocalucalulo kweli, kwaye bonke abemi boMzantsi Afrika baya yibulela indima yakhe ekukhululweni kwelilizwe lakowethu.
• Ukusishiya kwakhe sisimemezelo kwesi sizukwalana sanamhlanje sokuba sithathele kuso umsebenzi owawungazange ugqitywe sisizukulwana sangexesha lakhe ukuze kuhlume uqoqosho, nto leyo iya kuba yinzuzo kuye wonke ubani.
• Wakhetha iindawo zoMzantsi Afrika ezikude lee emphandleni ekwakungelula ukufikelela kuzo, eso kwakusisenzo sangabom njengoko ezo ndawo kuziindawo ezinolona luntu ludinga uncedo kakhulu.
• Wasebenzisa ubuchule bakhe bokwakha ubambiswano nokuncedisa ekumiselweni ngokusesikweni kwe-South African National AIDS Council Private Sector Forum, nto leyo yabonakalisa inguqu kwindima yamashishini kwindlela eli lizwe elisebenza ngayo kwi-HIV ne-TB.
• Ngezenzo zethu sinako ukuqhubeka ngeli lifa likhulu kangakanana esilishiyelwe ngu-David Mabuza nabanye abaninzi ngokuthi siqinisekise ukubakho koluntu olunobulungisa nolungenadolo.
• Xa sisebenza kunye singawukhulisa uMzantsi Afrika utsho ukwazi ukoyisa umgeni ontlantluntathu wentswelangqesho, wobuhlwempu, nokungalingani.
• Kufuneka siqhubeke nokuzabalazela ukubasisizwe esisebenzela wonke ubani, esakhelwe kwiimfuno zentando yesininzi, inkululeko nokulingana ngeli lixa sileqa ukuba noMzantsi Afrika ongcono nehlabathi elikwanjalo.