Intetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-23 kweyoMsintsi wama-2015

1. Ukufezekiswa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukumiselwa kohlelo lwesixhenxe lweZalathisi zoPhuhliso (zowama-2014) ngomhla wama-20 kweyoMsintsi yowama-2015, nolunikezele ngobume bophuhliso lwaseMzantsi Afrika. Ezi zalathiso zidala ukuqondakala okungcono kwempembelelo yemigaqo-nkqubo eyahlukahlukeneyo karhulumente namaphulo onikezelo-nkonzo kuphuhliso lwelizwe. 

Ezi zalathisi zikwakhuthaza ingxoxo-mpikiswano ngemingeni ilizwe lethu elijongene nayo zize zisebenze njengeziphawuli ezincedisa ukucacisa iimpumelelo ezibalulekileyo kuhambo lwethu lokuguqula intlalo. Zisebenza njengezivuseleli kuthi zokuba sisebenzisane kunye ukuphumeza iinjongo zethu eziphambili zexesha eliphakathi nelide njengoko zichazwe kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) – uMbono wama-2030 neNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi. 

1.2.  IKhabhinethi ikwamkele ukuqeshwa koomantyi bezithili abali-154 kwiinkundla zikamantyi ezahlukahlukeneyo elizweni jikelele. Okona kubalulekileyo kukuba ama-90 kubo ngabantu basetyhini, abangama-59% abo bonke aba mantyi. Into yokuba i-141 kwaba mantyi ngabantu abantsundu ize i-13 ibe ngabantu abamhlophe iza kuyiphucula ngamandla inguqu yobuhlanga nesini kwiinkundla ezisezantsi. Ukuqeshwaa kwakutsha nje kulandela ukuqeshwa koomantyi beenqila abangama-57 ngomhla we-2 kweyoMdumba wama-2015, okusibeka koomantyi abangama-211 bebonke abaqeshiweyo kulo nyaka, nokukokokuqala kwiminyaka engama-21 yolawulo lwethu lwentando yesininzi. 

1.3. IKhabhinethi ikwamkele ukubekwa koMzantsi Afrika phakathi kwamazwe amathathu aphezulu kwiSikhokelo soHlahlo lwabiwo-mali oluseLubala sowama-2015, nesikuphela komlinganiselo wohlahlo lwabiwo-mali ozimeleyo ehlabathini, othelekiseka elubalala, uthatho-nxaxheba nokubeka esweni. Oku kubeka uMzantsi Afrika njengelizwe eliphambili kuhlahlo lwabiwo-mali oluselubala. Olunye lohlaziyo oluthe lwafezekiswa leli lizwe phakathi kowama-2010 nowama-2015 luquka inkqubo-sikhokelo entsha yezicwangciso-qhinga nezicwangciso zomsebenzi owenziwa ngonyaka, nokuzinikela kukarhulumente ekuzibandakanyeni nemibutho yoluntu ukuqinisekisa ukuthatha inxaxheba okwandileyo kwiinkqubo zohlahlo lwabiwo-mali.

1.4. IKhabhinethi isamkele isibhengezo sokuba uMzantsi Afrika uzakuthathela kuwo ukuba yiNkokheli yoSihlalo woBudlelwane bobuRhulumente obuseLubala (i-OGP). I-OGP lilinge lamazwe ngamazwe lokuqinisekisa ngokuzinikela okuluqilima koorhulumente ukukhulisa ukwenza elubala, ukuxhotyiswa kwabemi, ukulwa urhwaphilizo nokuqhagamshelanisa nobuchwephetshe obutsha ukomeleza ulawulo lukarhulumente. UMzantsi Afrika, iBrazil, i-Indonesia, iMexico, iNorway, iPhillipines, i-United Kingdom neMelika ngawo amalungu aseke eli linge.     

Ngeli xesha lokuba uMzantsi Afrika uza kuba uyiNkokheli yoSihlalo uzimisele ukuphakamisa ubume bezopolitiko be-OGP ukuqinisekisa ukuthatha inxaxheba nokukwazi ukuphendula nokucacisa kwinqanaba leeNtloko zemiMibuso. UMzantsi Afrika uza kugxila nasekubekeleni phambili i-OGP kwi-ajenda yezizwe-ngezizwe kwiNdibano eNkulu yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA), kuMazwe e-G20 (i-G20) nakwamanye amaqonga. 

2. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

2.1. IKhabhinethi iyakuxhasa ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNgqungquthela yesibini yaMazwe ayeSakuba ngaMathanga ngoMsebenzi woLutsha kweyoKwindla yowama-2016, ngesicelo esivela kwiQumrhu loLawulo laMazwe ayeSakuba ngaMathanga. ISebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya liza kusebenzisana neQumrhu Lawulo laMazwe ayeSakuba ngaMathanga, iDyunivesithi yoMzantsi Afrika ne-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha (i-NYDA) ukuququzelela lengqungquthela. Le ngqungquthela iza kuba lihlumelo lophuhliso lolutsha loMzantsi Afrika olwandayo, kwaye iza kubonelela ngeqonga lokwenza ukuba abasebenzi abalulutsha babe nobugcisa lize lilukhulisele ukuba lube ngababoneleli bokuqala beenkonzo zolutsha.

2.2. IKhabhinethi iyamkele iMigaqo yokuQhuba uShishino oLuhle yeeNkampani zaseMzantsi Afrika eziSebenza e-Afrika. Le migaqo yimigomo elawulwayo ehambelana nemithetho nemigangatho evunyiweyo lihlabathi ekhuthaza indlela yokuziphatha enenkathalo kwezoshishino kwilizwekazi lase-Afrika.  Ibonelela ngenkqubo-sikhokelo esisikhokelo kwiinkampani zaseMzantsi Afrika ukuba zikhulise uphuhliso lwezoqoqosho oluzinzileyo e-Afrika. Ikwakhuthaza iinkampani zaseMzantsi Afrika ukuba ukubandakanyeka nokusebenza kwazo kuhambelane neenjongo zikarhulumente zokudibaniselana nophuhliso lwe-Afrika nokwakha ukuthembana, ithemba nokuxhamla kwenkampani noluntu olusebenza phakathi kwalo.

2. 3. IKhabhinethi ikwamkele ukuvunywa ngokusemthethweni kweNgqungquthela yeSihlomelo sokuMiselwa ngokuSesikweni koMbutho waMazwe aseMazantsi e-Afrika weRhafu yoRhwebelwano (i-SACU). Le ngqungquthela, iquka iiNtloko zoMbuso okanye zooRhulumente zelizwe ngalinye elililungu, iza kubonelela ngomkhomba-ndlela wezopolitiko nowobuchule kwi-SACU. Onke amazwe angamalungu e-SACU kufanele atyikitye isivumelwano ukuze le ngqungquthela ibe lelona qonda liphezulu lokuthatha izigqibo le-SACU. 

2.4. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kweLeta yeNkxaso eya kwiKhomishoni yeMbumba yaMazwe ase-Afrika yoMbutho wabaBoneleli-nkonzo ye-Intanethi kwinkqubo yokufaka isicelo sokusingatha iZiko eliKhulu le--Intanethi loMmandla. Oku kwenza igalelo ekudibaneni kommandla nokwakha uthungelwano olukhuselekileyo, iziseko ezingundoqo ezithembakeleyo zothungelwano ngeenkonzo ukuze zikwazi ukufikelela kwizinyanzeliso zoluntu olusekiweyo lolwazi nokwazi.

Oku kumisela intsebenziswano nobudlelwane obuluqilima phakathi kwamaqumrhu ase-Afrika kwaye kubeka uMzantsi Afrika njengenkokeli yehlabathi kuphuhliso, ukufezekiswa nokusetyenziswa kobuChwepheshe boNxibelelwano noLwazi (i-ICT). Ukugcina ezothutho zommandla ngaphakathi kwilizwekazi kuza kuhlisa iindleko zokunxibelelana nokukhulisa ukudalwa kwemisebenzi, kwakunye nokuqinisekisa ukuba i-Afrika iwulawula ngokwayo umxholo novimba weenkcukhacha wayo.

2. 5.  IKhabhinethi ikuvumile ukuba uMzantsi Afrika ube lelinye lamazwe aza kusingatha iNtlanganiso yesibini yaBaphathiswa yoPhuhliso lwezeMpilo eChina nase-Afrika phantsi komxholo othi: “Ukukhulisa ukubakho kweenkonzo zezempilo e-Afrika, Ukuphucula iNtsebenziswano phakathi kweChina ne-Afrika kwezeMpilo yoLuntu kwixesha lasemva kwe-Ebola” ukususela ngomhla we-4 ukuya kowe-6 kweyeDwarha eKapa. Eli linge lingenxa yeQonga leNtsebenziswano yeChina ne-Afrika, ebeka ezempilo njengenxalenye ebaluleke kakhulu kwintsebenziswano yeChina neAfrika.
Kutsha nje, iChina ithembise ngemithombo ebaluleke kakhulu ukuncedisa ukuncothula ukunwenwa kokuqhambuka kwe-Ebola eNtshona Afrika.    

3. Imithetho eyilwayo
3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-siHlomelo woLawulo lokusiNgqongileyo weSizwe, wama-2015 ukwenzela ukuba uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uhlomela uMthetho woLawulo lokusiNgqongileyo weSizwe, we-1998 (uMthetho 107 we-1998) kunye neminye imithetho ethe gca yolawulo lokusingqongileyo. Esi sihlomelo someleza, ulawulo lokusingqongileyo oludibeneyo, amanyathelo okuthotyelwa nokunyanzeliswa, ukwahlukana kwendalo ephilayo nezityalo nolondolozo, ulawulo lomgangatho womoya nokuqokelelwa kwenkunkuma phakathi kokunye. 

3.2. IKhabhinethi ikuvumile ukuveliswa koMthetho-siHlomelo weeMbacu, wama-2015 ePalamente. Ezi zihlomelo zandisa ukusebenza kakuhle nangokubonakalayo kwenkqubo yokufakwa kwezicelo kwinkqubo ngabo bangasabi bafuna ukukhuselwa, kwaye ziluhlaziyo olubanzi lweMigaqo-nkqubo yokuFuduka eqhubekekayo. 
3.3. IKhabhinethi ikuvumile ukuveliswa koMthetho oYilwayo weNgxowa-mali eLawulwayo yezobuLungisa, wama-2015 ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo udala inkqubo-sikhokelo yezomthetho eza kwandisa ukuphendula nokucacisa ize ihlangabezane iziphumo zophicotho-zincwadi nguMphicothi-zincwadi Jikelele ngokuxhobisa ukusebenza kakuhle kweziko nokudala inguqu kwiinkonzo zezobulungisa.

Lo Mthetho uYilwayo ukwabonelela ngokusekwa kweNgxowa-mali eLawulwayo yezobuLungisa ukuze ufezekise ukulawulwa, utyalo-mali nokusetyenziswa kwemali evela kwiNgxowa-mali yeQela lesiThathu (ezikwabizwa njengeziMali ezikwiNgxowa-mali), ezifana nemali yesondlo nemali neyebheyile. 
3.4. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-siHlomelo we-Arhente yoLawulo lweMida (i-BMA), wowama-2015 ePalamente. Injongo yalo Mthetho-sihlomelo kukuseka i-BMA, eza kuba yi-arhente esebenzela uzinzo phakathi kwabo bangabakhenkethi abanqumla imida, urhwebo kunye nemiba yezokhuseleko lwesizwe ngokwezivumelwano uMzantsi Afrika onazo nalo mmandla umi kuwo, nelizwekazi eli kunye nehlabathi liphela. I-arhente enye yokugcina umthetho nocwangco emideni iza kunceda ukunqanda iindleko ekungekho mfuneko yazo, ukhuseleko oluphucukileyo kunye nolawulo olungcono kwimida yeli.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli uJacob Zuma uza kukhokela igqiza laseMzantsi Afrika ukuya kwi-UNGA yama-70 e-New York, e-United States phantsi komxholo othi: “Umbutho weZizwe eziManyeneyo uneminyaka engama-70: indlela eya phambili yoxolo, ukhuseleko namalungelo abantu”. INgqungquthela yoPhuhliso oluZinzileyo ye-UN ukususela ngomhla wama-25 ukuya kowama-27 kweyoMsintsi yowama-2015 iya qhutywa sithetha nje phambi kwe-UNGA ukwenzela ukwamkelwa kwe-Ajenda yoPhuhliso waseMva kowama-2015.

I-agenda yophuhliso oluzinzileyo entsha iza kusebenza njengokumiselwa kwendlela yokusebenza koluntu lwezizwe ngezizwe norhulumente bezizwe ukuba bakhulise ukwabelana ngobutyebi nempilo-ntle kuMntu wonke kule minyaka ili-15 izayo. Ngomhla wama-25 kweyoMsintsi yowama-2015, Ingcwele yeeNgcwele uPope Francis uza kuba esenza intetho eyibhekisa kwi-UNGA, ize iNgxoxo-mpikiswano iqhube ukususela ngomhla wama-28 kweyoMsintsi ukuya kumhla wesi-6 kweyeDwarha yowama-2015. UMzantsi Afrika wanelisekile ukuba iinjongo eziphambili zophuhliso oluzinzileyo luzaqhubeka ukugxila ekunikeni ingqwalasela ekulweni indlala, ukungalingani nophuhliso oluzinzileyo.  

4.2. ISebe lezoThutho liza kufezekisa iphulo leNyanga yeDwarha yezoThutho (i-OTM) ukususela kumhla woku-1 ukuya kowama-31 kweyeDwarha phantsi komxholo othi: “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili”. Eli phulo le-OTM libanjwa qho ngonyaka njengenyanga yokunika ingqwalasela ejoliswe ekuboniseni ngeeprojekthi zeziseko ezingundoqo ezineenzuzo ezinkulu zezentlalo noqoqsho kwiindidi ngeendidi zezothutho ezifana nezendlela, ezomoya, ezasemanzini, ezoololiwe nezithuthi zikawonkewonke. Iiprojekthi ezingundoqo ziza kuquka ukuvulwa ngokusesikweni  kweziseko ezingundoqo zophuhliso ezifana ne-R71 Moria Projekthi (ukuphuculwa kokhuseleko kwisiphambuka); isiPhambuka Umngeni neDenneysvile Sasolburg Road eFreystata yi-Arhente yeSizwe yeeNdlela zaseMzantsi Afrika (i-SANRA Limited), ngentsebenziswano namasebe amaphondo ezendlela nezothutho.

I-OTM iza kusetyenziselwa nokuqinisa iphulo loKhuseleko eziNdleleni leentsuku ezingama-365, nelikhokelwa lisebe lize lifezekeiswe lisebe kunye namaqumrhu ezothutho ngesigunyaziso sokhuseleko ezindleleni nabecandelo labucala nemibutho engenzi nzuzo. IQumrhu loLawulo lweziThuthi eziNdleleni liza kuvelisa inkqubo yokusebenza ubusuku nemini kumagosa ezendlela ukuthintela uphalalo gazi ezindleleni. Urhulumente ukwaqulunqele amagosa endlela isiqinisekiso sebakala lezemfundo kwiNkqubo-sikhokelo yeSizwe yamaBakala eMfundo (i-NQF) le-4 ukuya kwele-6 khona ukuze akwazi ukuqhubela phambili ngokuwenza amagosa endlela abe neziqinisekiso zemfundo kumsebenzi wawo.  

INgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (i-RAF) iza kuqhubeka ukolula isandla incedise ngenako emva kwengozi  kumaxhoba eengozi zendlela neentsapho ezichaphazelekayo, kwakhona ifikelela eluntwini ngephulo lokufundisa ngeenkonzo ze-RAF.

4.3. UMzantsi Afrika uza kusingatha okokuqala iNkomfa yaseMzantsi Afrika yaMandla aHlaziywayo yeZizwe ngezizwe ukususela  ngomhla we-4 ukuya kowe-7 kweyeDwarha yowama-2015 eKapa, phantsi komxholo othi: “Vuselela amandla e-Afrika”. Le nkomfa iza kuhlalutya amathuba akhoyo wamandla ahlaziyiwayo eMzantsi Afrika nase-Afrika kubavelisi bamandla ahlaziyiweyo, njengendawo ekufanele bafikelela kuyo elandelayo yotyalo-mali.

UMzantsi Afrika, ngeNkqubo yawo yokuFumana aMandla oMbane oHalaziyiweyo kuBavelisi baMandla oMbane abaZimeleyo, uba lelinye lamazwe arhweba kakhulu ngamandla ahlaziyiweyo. Kwixesha elizayo i-biomass, amandla avela kumaphiko omoya, amandla esola namandla aphehlwa ngamanzi aza kuba negalelo eli-11.4 leegigawathi zamandla ahlaziyiweyo kwiziko lombane lesizwe.

ISebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe liyayixhasa imigaqo-nkqubo yezamandla yeli lizwe ngophando nophuhliso lwezobuchwepheshe kuhlobo lobuchwepheshe obuvelisa ikharboni encinci okanye olungenayo obusenokuthengiswa buqalise ukukhutshwa, ukuqinisekisa uzinzo nokufumaneka kwamandla ngabo bonke abemi baseMzantsi Afrika. Amanye amalinge okwahlulahlula ingqokelela yethu yamandla aquka ukuqulunqwa kobuchwepheshe obuneseli ezisebenzisa izibaso ze-hydrogen ezineenkqubo ezinokusetyenziswa njengamalalela apha kweli kunye nobonelelo lombane lokuqala, izithuthi ezisebenza ngombane – ingakumbi kwicandelo lezemigodi nelezolonwabo – izithuthi zasemigodini, ukwandiswa komgama ohanjwa zinqwelwana zegalufa nezikhululo ezigxile kunxibelelwano olungumahamba-nandlwana.

Ngoku siyakwazi ukuvelisa nokudibanisa amacandelo awohlukahlukeneyo kwizixhobo ezininzi zokuphehla amandla ombane kwezo zixhobo ziphantsi kovavanyo ngoku. Inzuzo yeNkqubo yobuchwepheshe bethu be-hydrogen neeseli zezibaso kukusetyenziswa platinamu nokuza kuvulela icandelo leemoto amathuba esidali-nguqu kurhwebo ize ikhulise ukuxhamla kwesinye sezona zimbiwa ziyinkitha. Kule meko, siye saseka ubudlelwane nabecandelo labucala kwaye siyabuqinisa ukuze sense uvavanyo lokugqibela nokulungiselela amacandelo athile urhwebo nezisombululo ezipheleleyo zezamandla. 

4.4. Urhulumente uza kubhiyozela iNyanga yoPhuhliso loluNtu kweyeDwarha ngokuqaqambisa iinkqubo zokulwa indlala nokwandisa ifuthe lazo nge-Project Mikondzo ukufikelela kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abahlelelekileyo. Ukususela ukumiselwa kwe-Project Mikondzo ngowama-2013, amagosa karhulumente atyelele ngaphezulu kwewadi ezingama-900 ezithwaxwa kunene yindlala nentswela-ngqesho ukuze aziqonde ngcono iimfuno ezahlukahlukeneyo zoluntu.  

Njengenxalenye yemisitho yenyanga yeDwarha, iSebe loPhuhliso loluNtu liza kuphawula isikhumbuzo zeminyaka eli-10 se-Arhente yeZibonelelo zezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (i-SASSA), nebonelela ngenkxaso yesibonelelo sezentlalo exhamlisa abantu abazizigidi ezili-16.8 ukuza kuthi ga ngoku, kwaye kule minyaka ilishumi idlulileyo incedise ukunciphisa indlala nokuqinisekisa ngokubakho kwento esiwa phantsi kwempumlo kumakhaya ahluphekileyo. Eli sebe likwavulele ixesha lokuba kufakwe izicelo zenkxaso-mali yokufundela ubunontlalo-ntle kwaye abantu abanomdla bayakhuthazwa ukuba bafake izicelo phambi komhla wama-31 kweyeDwarha yowama-2015. Ulwazi oluthe vetshe luyafumaneka kule webhusayithi:www.dsd.gov.za

4.5. IKhabhinethi ibothulela umnqwazi bonke ootitshala bethu ngoSuku looTitshala lweHlabathi umhla we-5 kweyeDwarha yowama-2015 kwaye ivakalisa umbulelo wayo kubo ngokuzinikela kwabo, ukuzimisela nomonde wokulungisa iingqondo ezisentsha nezisakhulayo zabafundi bethu bebalungiselela ingomso.
IKhabhinethi imema abemi boMzantsi Afrika abasebatsha abanomdla ukuba bafake izicelo kwiNkqubo yeSibonelelo seMali yokuFunda iFunza Lushaka, eyinkqubo yeminyaka emininzi ukukhuthaza ukufundela ukuba ngutitshala njengekhondo lomsebenzi, ukususela ngomhla wo-1 kweyeDwarha yowama-2015. Ulwazi oluthe vetshe luyafumaneka kwa-www.education.gov.za. IKhabhinethi imema bonke abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi ulutsha ukuba lukhe luqwalasele ubutitshala njengekhondo lomsebenzi umntu anokuzikhethela lona.

4.6. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba babhiyozele amaqhawe wethu ezemidlalo ngokuwachongela iiMbasa zezeMidlalo zowama-2015 phambi kokuphela kweyoMsintsi yowama-2015. Ulwazi oluthe vetshe luyafumaneka kwa-www.srsa.gov.za

4.7. ISebe lezeMidlalo noLonwabo lwaseMzantsi Afrika ukususela ngomhla we-5 ukuya kowe-10 kweyeDwarha yowama-2015 liza kubamba iiNdibano zoLutsha zabaminyaka ili-15 ukuya kwama-23 ubudala kuwo onke amaphondo. Iindibano zolutsha ziyinxalenye yenkqubo karhulumente ebanzi yokuphuhlisa ulutsha, luxhotyiswe ngezithethe ezifunekayo nezifanelekileyo, izakhono nolwazi olunokulunceda ukuze lube ngabemi abanenkathalo.

4.8. IKhabhinethi ibongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba baluxhase uSuku lweSizwe lwezoLonwabo lokuqala oluza kubanjwa minyaka le, noluza kuba ngomhla we-2 kweyeDwarha yowama-2015. Ngomhla we-10 kweyoMnga yowama-2015, iKhabhinethi yabhengeza ukuba uLwesihlanu wokuqala kweyeDwarha minyaka le mawube luSuku lweSizwe lezoLonwabo. Olu suku luza kunika ithuba bonke abemi boMzantsi Afrika lokuba bathathe inxaxheba kwimithambo yolonwabo eza kuphucula iimpilo nobomi babo. Abemi abasempilweni nabathatha inxaxheba kwimithambo ngundoqo ekufezekiseni iinjongo zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

4.9. IKhabhinethi inqwenelela iqela lee-Proteas ukuba liqhube kakuhle kukhenketho lwalo lweqakamba e-India ukususela ngomhla wama-29 kweyoMsintsi ukuya kumhla we-7 kweyoMnga yowama-2015, kwakunye naMabhokobhoko nawo iwanqwenelela ukuba aqhube kakuhle kumdlalo weNdebe yeHlabathi obaluleke kakhulu ajongene nawo namhlanje (ngoMgqibelo). IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba bawaxhase amaqela wethu njengoko ekhuphisana kwiintlobo zokhuphiswano ezahlukeneyo.

5. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba engundoqo yokusingqongileyo

5.1. IKhabhinethi iyalwamkela utyalo-mali lukarhulumente lwezigidi zeerandi ezingama-22 lokuqhuba olunye uphuhliso lweziko iMaropeng ukuze liquke iholo elihlalisa abantu abangama-500 kuze kulungiswe iziko lokwamkela iindwendwe ukuncedana nokugxalathela kweendwendwe ezintsha ezilindelekileyo. Oku kulandela emva kokubhaqwa kuka-Homo Naledi kwiSiza samaGugu seHalbathi i-Cradle of Humankind.
5.2. IKhabhinethi ikuqaphele okuqhubekileyo kutsha nje malunga noHlolo lweSizwe loNyaka (i-ANA) kwaye ibongoza ukuba onke amaqela mawasebenzele isisombululo esikubeka phambili ukubaluleka nokukhuselwa kwamalungelo wabafundi. I-ANA sisixhobo esibaluleke kakhulu ukubonisa imisantsa ekhoyo khona ukuze kuqinisekiswe ngamanyathelo okungenelela afanelekileyo ukwenzela uphuhliso lwabafundi nootitshala. Nangona urhulumente eziva izikhalo eziphakanyiswa ngootitshala, usamile kwelokuba imfundo mayibe ngumba ophambili ongundoqo.  

5.3. IKhabhinethi izibandakanya nabaninzi kweli lizwe ngokuhlonipha nokukhumbula ongasekhoyo oSikelelekileyo uTshimangadzo Samuel Benedict Daswa, utitshala owayeminyaka ingama-43 waseTshitanini eLimpopo, nowagetyengwa ngomhla wesi-2 kweyoMdumba we-1990 ngenxa yenkolo yakhe engagungqiyo. Oku ikwakokokuqala embalini yeNkonzo yamaKatolika ye-Afrika eseMazantsi ukuba umntu waseMzantsi Afrika ahlonitshwe njengeQhawe likaKristu eliSikelelekileyo. IKhabhinethi imema bonke abantu baseMzantsi Afrika babonise imbeko  kwiqhawe lethu lokuqala lalapha ekhaya ngokuzinikela ekuqinisekiseni ukuba sonke sihlalisana ngoxolo nemvisiswano, nokuhlonipha amalungelo omgaqo-siseko nawoluntu omntu ngamnye.

5.4. IKhabhinethi iyavuyisana neCandelo leeMamba eziMnyama lokuLwa ukuZingela okuNgekho Mthethweni (iiMamba), eliliqela loonogada bendalo elingabantu basetyhini, nabaphumelele njengeeNtshatsheli zembasa ebizwa i-Earth award, nelibhaso eliphezulu kwi-UN lokusingqongileyo. IiMamba ezi ziye zahlonitshwa ngomsebenzi eziwenzayo ekuthinteleni ukuzingela okungekho mthethweni neminye imisebenzi yobugorha. Iziphumo zalo msebenzi ziyabonakala kuba ukususela ukuqala kweli candelo ngowama-2013, eli candelo linamalungu angama-26 lincede ekubanjweni kwabazingeli abangekho mthethweni abathandathu, laza lanciphisa ukubanjiswa ngezabatha kwezilwanyana kangange--76%, laze lasusa izabatha ezingaphezulu kwe-1 000, laze laphelisa iindawo zemigulukudu ezingela ngokungekho mthethweni ezintlanu kunye nezipheka inyama yeenyamakazi ezimbini.

5.5. IKhabhinethi iyabancoma abebekhethiwe kunye nabaphumeleleyo kwiiMbasa zeMbokodo zowama-2015, ezisisiphumo sentsebenziswano phakathi kweSebe lezobuGcisa neNkcubeko nabecandelo labucala.

5.6. IKhabhinethi iyavuyisana noNksz Zanele Mxunyelwa, oyintloko yeenkonzo zophichotho olukhethekileyo kaNondyebo weSizwe, othe wawongwa ngokuba nguMphichothi oGqwesileyo woNyaka wama-2015 nguMbutho wabaPhichothi abaGqwesileyo abaPhichotha iNkohliso. Le mbasa iphezulu iyangqina ukuba urhulumente uqinise isihlahla ekulweni ubuqhetseba norhwaphilizo, kwaye abo baceba izenzo zorhwaphilizo nezobuqhetsebao balunyukisiwe ukuba bohlukane nalo mkhwa.

5.7. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano olunzulu kusapho nabahlobo bakaReggie Vandeyar, itshantliziyo lezopolitiko ebelisoloko likhokela kumaphulo amaninzi, kuquka nephulo lovukelo waza wachitha iminyaka eli-10 esiqithini se-Robben Island. Waye ngumthunywa kwiNgqungquthela yaBantu neyathi yamkela uMqulu weNkululeko kwaye ebesebenza kwiindawo ezahlukeneyo. Ubekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngeenkonzo yoMngcwabo kaRhulumente wePhondo oKhethekileyo ngeCawa umhla wama-20 kweyoMsintsi yowama-2015

5.8. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zongasekhoyo uMnu Wandile Dlamini osweleke ngomhla wama-21 kweyoMsintsi yowama-2015.
Ebesaziwa kakhulu njengo-“Quesh”, uMnu Dlamini wayelitshantliziyo lezopolitiko kwaye wayesakuba lilungu loMkhonto weSizwe. Ngexesha eselubhacweni wayezinze eLesotho waza ethubeni wabaseZambia yada yavulwa umlomo i-ANC. Ngexesha lokusweleka kwakhe ebephangela njengoMphathi Jikelele kwi-Arhente  yoKhuseleko lweLizwe.

6. Izikhundla

Bonke abaqeshwayo baxhomekeke ekuqinisekisweni kweziqinisekiso zemfundo nokunye

6.1. I-SASSA:
a. UMnu Tsakeriwa Joseph Chauke njengeGosa lezeZimali eliyiNtloko (i-CFO); 
b. noMnu Abraham Sonny-Boy Mahlangu njengoMlawuli wesiGqeba: ICT

6.2. IBhunga loMqulu we-ICT B-BBEE:
6.2.1. Icandelwana lezonxibelelwano
a. UMnu Lucky Mokgabudi Masilela (iQonga lezoNxibelelwano lwaseMzantsi Afrika)
b. noNkss Sarah-Jane Capazario (uMbutho wabaNiki-zinkonzo ze-Intanethi).

6.2.2. Icandelwana leze-elektronikhi
a. UMnu Raletlhogonolo Andile Tlhoaele (uNxibelelwano loMbutho wokuFaka iKhebhulu we- Afrika eseMazantsi)
b. noMnu  Mduduzi Odysseus Mkhonza (iQonga le-IT labaMnyama).

6.2.3. Icandelwana lobuchwepheshe bolwazi
a. UMnu Gavin Pieterse (uMbutho wobuChwepheshe boLwazi);
b. noMnu Adrian Schofield (iZiko lobuchwepheshe boLwazi amaGcisa aseMzantsi Afrika)
6.2.4. Umlawuli
a. UCeba uKatharina Pillay (uGunyaziwe wezoNxibelelwano oziMeleyo waseMzantsi Afrika).
6.2.5. Abasetyhini
a. UNksz Nokuzola Nelly Ehrens (iQonga lezoNxibelelwano lwaseMzantsi Afrika).

6.2.6. Ulutsha
a. UNksz Morwesi Ramonyai (ooSomashishini abaseLulutsha baseMzantsi Afrika).

6.2.7. IBhunga leSizwe loPhuhliso lwezoQoqosho nezabaSebenzi
a. UMnu Thulani Tshefuta.

6.2.8. Imibutho yabasebenzi okanye imifelandawonye yeemanyano zabasebenzi
a. UMnu Richard Charles Poulton (uMbutho wabaSebenzi bezoNxibelelwano);
b. noMnu Tshepang Lesiba (uMbutho wezabasebenzi bezoNxibelelwano).

6.2.9. Icandelwana lezoSasazo
a. UNksz Pheladi Gwangwa (uMbutho wamaZiko ezoSasazo weSizwe);
b. noMnu Frank Awuah (iQumrhu lezoSasazo loMzantsi Afrika).
6.2.10. Omele urhulumente
a. UNksz Petronella Linders – uSekela Mlawuli Jikelele: uPhuhliso lobuChule neMigaqo-nkqubo ye-ICT (iSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi)
6.3 UMnu Mlamli Booi njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) yase-Sentech.

6.4 UNksz Rudzani Cordelia Rasikhinya njenge-CFO kwakunye nelungu lesigqeba leBhodi ye-Arhente yobuChwepheshe boLwazi kaRhulumente.

6.5  UNksz Bongani Louisa Mathebula njengelungu elingekho kulawulo lwesigqeba kwiBhodi yeZiko le-Metrology leSizwe lwaseMzantsi Afrika.
6.6 UMnu Pascal Moloi njenge-CEO ye-Arhente yoPhuhliso lweziNdlu.
6.7  UMnu T Takalani njenge-CEO yaseSedibeng Water.
6.8 UNjing Edith Vries uMlawuli Jikelele  iSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci isivumelwano seminyaka emithathu

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yocingo: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore