Isicelo sokubuyiselwa iintlawulo zelayisensi

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokubuyiselwa umrhumo wephepha-mvume

Ukuba imoto yakho ibiwe, icinyiwe okanye ibhengezwe njengengakulungelanga ukusetyenziswa ngokusisigxina, ungafaka isicelo sokubuyiselwa umrhumo wephepha-mvume lemoto yakho.

Isicelo sakho sokubuyiselwa umrhumo kufuneka senziwe kuMphathiswa wephondo apho imoto yakho ibibhaliswe khona kwiinyanga ezintathu emva komhla wokwaziswa ngokucinywa kwemoto yakho. Umrhumo wakho obuyiswayo uya kubalwa isinye kwishumi elinesibini lomrhumo wephepha-mvume lemoto ohlawulelwe imoto yakho ngenyanga nganye iphepha-mvume lemoto yakho lisemthethweni.

Emva kokuba isicelo sakho sifunyenwe, uMphathiswa wephondo ochaphazelekayo uya kukubuyisela umrhumo wakho – kodwa ke imali engaphantsi kwe-R100 ayisayi kubuyiselwa kuwe.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwigunyabantu elibhalisayo kwiphondo apho imoto yakho ibhaliswe khona u fake la maxwebhu alandelayo:
    • isazisi sakho
    • isifungo esiqinisekisa ukuba imoto ibiwe, ayikwazi kusebenza ngokusisigxina okanye inesiqinisekiso sokucinywa.
  2. Zalisa uxwebhu lweSicelo sokuBuyiselwa iMali yePhepha-mvume - RLF.

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sichotshelwa kwangaloo mini, kodwa imali ebuyiselwayo ihlawulwa kuphela emva kweentsuku ezimbalwa ngenxa yeenkqubo zophicotho-zincwadi zangaphakathi.

Ingaba kubiza malini na

Le nkonzo isimahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Uxwebhu RLF (Isicelo sokubuyiselwa umrhumo wephepha-mvume) (Application for refund of licence fees (RLF) )

Amaxwebhu ayafumaneka kwigunyabantu lokubhalisa okanye ungawakopa kwiwebhusayithi ye-eNaTIS.

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact the relevant municipality

Share this page