Isicelo sencwadi yokugunyazisa isithuthi

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sencwadi yokugunyazisa isithuthi

Ukuba uceba ukungenisa kweli isithuthi esitsha okanye esisetyenzisiweyo, isithuthi esithutha impahla okanye esitsalwayo, esenziweyo okanye esilungiselelwe iimeko ezithile, kufuneka kuqala ufumane incwadi yokugunyazisa.

Kufuneka ube nencwadi yokugunyazisa nokuba isithuthi senziwe eMzantsi Afrika okanye kwilizwe langaphandle. Iintlobo zezithuthi ekufuneka ube nencwadi yokuzigunyazisa zezi:

  • iimoto, iibhasi kunye nezithuthuthu  
  • izithuthi zempahla (izigadla kunye nebaki) Ezitsalwayo  
  • izithuthi ezikhethekileyo ezifana nekhreyini ezihambayo, iiteletele kunye nezithuthi zokuvuna.

Zonke iimoto, nokuba zenziwe eMzantsi Afrika okanye zivela kumazwe aphesheya, kufuneka zithobele imiqathango emiselwe nguMthetho weZithuthi eziseNdleleni. Abangenisa izithuthi kufuneka bafake ubungqina bokuthobela imiGangatho yeQumrhu laseMzantsi Afrika.

Ngumntu esibhalwe ngaye isithuthi kuphela onokuzalisa uxwebhu.

Ofanele kukwenza

  1. Fumana uxwebhu lwesicelo  LoA1esivela kwiQumrhu lemiGangatho laseMzantsi Afrika okanye ulukope. (Uxwebhu: Isicelo sencwadi yokugunyazisa kwiQumrhu lemiGangatho laseMzantsi Afrika
  2. Zalisa la maxwebhu alandelayo uze uqhoboshele la alandelayo: 
    • isazisi salowo ufaka isicelo
    • isazisi salowo uza kumela kwimeko apho lowo ufaka isicelo iyinkampani
    • isifungo esingesithuthi esakhiweyo esivela kumapolisa aseMzantsi Afrika Oku kufanele kuquke inombolo yenjini kunye netshesi, iinkcukacha ezipheleleyo zomsebenzi owenziweyo kunye nendawo apho zivele khona iintsimbi (ingakumbi ezibalulekielyo kukhuseleko)
    • isiqinisekiso samapolisa aseMzantsi Afrika sokuba awubandakanyeki kulwaphulomthetho      
    • isiqinisekiso sokuba isithuthi sikulungele ukuba sendleleni 
    • isiqinisekiso sebhulorho yokulinganisa ubunzima bezithuthi   
    • iifoto ezimbini zesithuthi.    
  3. Hlawula imali efunekayo.

Ixesha elimiselweyo

Incwadi yakho yokugunyazisa kufuneka ibe seyilungile kwiintsuku ezine ukuya kwezintandathu.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ungaqhagamshela nabani

 

Sifiso Phakathi
Tel: 012 482 8865
E-mail: phakatsz@nrcs.org.za

Charlotte Makou
Tel: 012 482 8785
E-mail:makouck@nrcs.org.za

Call Centre
Tel: 012 482 8700

Share this page