Isicelo sesatifiketi somtshato

Ukungcwaliswa nokubhaliswa kwemitshato yesilungu, imitshato yesintu nemitshato yabasini sifanayo kulawulwa liSebe leMicimbi yezeKhaya. Imitshato yesilungu ilawulwa nguMthetho weMitshato (onguNombolo 25 wowe-1961). UMzantsi Afrika uyayamkela nayo imitshato yesintu phantsi koMthetho woKwamkelwa kweMitshato yeSintu, owaqala ukusebenza ukususela kweyeNkanga yowama-2000. Imitshato yabasini sifanayo, ekunokungenwa kuyo ngabantu abasini sifanayo, wamkelwa phantsi kwemimiselo yoMthetho woMtshato wabaSini siFanayo (2006).        

Umtshato wakho wesintu kufuneka ubhaliswe zingekapheli iinyanga ezintathu phambi kokuba kwenziwe umsebenzi wokuwufezekisa okanye ungene kuwo ukuwenza ube semthethweni. Inkcazelo yomtshato wesintu yeyo “thethathethwano, yenzelwa umsebenzi wokuwufezekisa okanye uqukunjelwa ngayo nayiphi na inkqubo yemithetho yesintu yemveli yase-Afrika ekhoyo eMzantsi Afrika”.

Uza kufumana isatifikethi somtshato esihambelana nomtshato wakho. Ungafaka isicelo sokufumana ikopi yesatifikethi sakho somtshato ukuba ngaba wawutshatele eMzantsi Afrika waza umtshato wakho waba ubhalisiwe. Isatifikethi somtshato sisebenze njengesiqinisekiso sokuba umtshato wakho wabhaliswa kwaye usemthethweni.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokutshata, imitshato ethintelweyo nomtshato womntwana okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

Share this page