Isicelo sokungenisa iimveliso ze-oyile eyi-petroleum

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo semvume yokungenisa okanye yokuthumela iimveliso ze-oli ekrwada

Ukuba ufuna ukungenisa okanye ukuthumela iimveliso ze-oli ekrwada eMzantsi Afrika, kufuneka kuqala ufumane igunya elivela kwiSebe leziMbiwa naMandla (DME) lokufumana imvume evela kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC).

Ukungeniswa nokuthunyelwa kweemveliso ze-oli ekrwada kuphantsi kolawulo lokungeniswa/nokuthunyelwa kwempahla kwaye ke ngoko inkampani okanye umntu oceba ukungenisa okanye athumele iimveliso ze-oli ekrwada eMzantsi Afrika kufuneka abe nemvume yokungenisa okanye yokuthumela impahla kumazwe angaphandle.

Ukukhutshwa kwemvume yokungeniswa kunye nokuthunyelwa kweemveliso ze-oli ekrwada kuphantsi kolawulo lwemiqathango yeSebe leziMbiwa naMandla (DME).

Ukuze isicelo sakho sijongwe ngeenjongo zokukunika igunya, kufuneka uqhagamshelane neSebe leziMbiwa naMandla malunga nenkqubo efunekayo.

Iimpahla ezifana ne-oli ekrwada, amafutha ezithuthi, iparafin, ii-oli zokuthambisa, iigesi ze-oli ekrwada, amafutha e-oli ekrwada, ibhitumeni, namafutha eparafin ziphantsi kolawulo lwemiqathango yokungeniswa kunye nokuthunyelwa kwempahla.

Ofanele kukwenza

  1. Cela uxwebhu lokufaka isicelo sokungenisa okanye sokuthumela impahla kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC) okanye uzikopele kwisiza solwazi seKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC).
  2. Zalisa uwebhu lokufaka isicelo uze ulufake kwiSebe leziMbiwa naMandla ukuze ufumane igunya, kunye nekopi yesiqinisekiso seVat yenkampani yakho.
  3. Xa isicelo sakho sigunyazisiwe, sithathe kwiSebe leziMbiwa naMandla uze usifake kwiKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC).
  4. IKomishoni yoLawulo lwezoRhwebo lwaMazwe ngaMazwe (ITAC) iya kusichophela isicelo sakho ize ikhuphe imvume ukuba isicelo eso sophumelele.

Qaphela: Iimvume zokungenisa impahla zisemthethweni kangangeenyanga ezili-12 ize iimvume zokuyithumela zibe semthethweni kangangeenyanga ezintandathu.

Ixesha elimiselweyo

Ixesha elithathwayo lokukhupha iimvume zokungenisa impahla evela kumazwe angaphandle ziintsuku ezintathu.

Ingaba kubiza malini na

iITAC ayijiki imali yokuhlawulela iinkonzo kodwa uzakuhlawula yempahla abaqokeleli be rhafu (SARS). Irhafu yempahla ibalwa ngomyinge wentengo yempahla leyo (ichaziwe kuluhlu lomthetho werhafu yemveliso yokuthengiswa). Malunga nolwazi malunga nerhafu yempahla yabaqokeleli be rhafu, vndwendwela iwebhu sayithi yabaqokeleli berhafu iSARS .

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ukuthumela impahla kumazwe angaphandle: 

Ukungenisa impahla evela kumazwe angaphandle:   

Ungaqhagamshela nabani

 

ITAC national office - Import and Export Control

Tel: 0861 834 384, 012 394 3590, 012 394 3591
City/town: Pretora
Province: Gauteng
Physical address: International Trade Administration Commission, 77 Meintjies Street, Block D, Sunnyside, Pretoria, 0001
Postal address: Private Bag X753 Pretoria, 0001
Web address: http://www.itac.org.za

Department of Energy

Tel: 012 406 8000
E-mail: info@energy.gov.za
City/town: Pretora
Province: Gauteng
Physical address: 192 Visagie Street, Corner Paul Kruger & Visagie Street, Pretoria, 0001
Postal address: Private Bag X96, Pretoria, 0001
Web address: https://www.energy.gov.za/

Share this page