Ukufakwa kwebango ngengozi yomsebenzi okanye isigulo kwingxowa mali

Ukuba uyenzakala, ufumana isifo okanye ufe usenza umsebenzi, Wena okanye abaxhomekeke kuwe ningafaka ibango kwingxowa mali yembuyekezo.

Ingxowa mali ihlawula imbuyekezo kubasebenzi abasisigxina abethutyana abasaqeqeshwa kunye nabo abafunda emsebenzini  xa bethe ba fumana ingozi okanye ukugula ngexesha besenza umsebenzi wabo baze baphulukane nemivuzo yabo ngenxa ya lonto.

Ungafaka ibango ukuba:

  • uqashwe ngokupheleleyo
  • umsebenzi wasendlini ohlala ekhaya  okanye uqashwe kwindawo elishishini
  • umfundi  okanye umsebenzi wase fama osaqeqeshwa
  • umsebenzi ohlawulwa yiarhente yemisebenzi.

Awulifaki ibango ukuba:

  • ungumsebenzi wasendlini osebenza kwikhaya lomntu
  • ilingu lombutho wokhuselo womzantsi Afrika eliqashwe ngokupheleleyo kwayelise msebenzini wokukhusela isizwe ukuya ngesiqendu sokuqala somthetho wokukhuselo wonyaka ka, 1957
  • ilungu lenkonzo yasemapoliseni xalisenkomeni likhusela isizwe ukuya ngesiqendu sokuqala somthetho wokhuselo wonyaka ka, 1957
  • umsebenzi ozisebenzayo ongaqashwanga umzekelo umntu ofumene ikontraka yomsebenzi kwe ikontraka.  Abasebenzi abaqashwe ngumntu wekontrka yesibini bakhuselwe
  • umnini ophethe eyedwathe
  • umsebenzi osebenze ngaphandle kweli lomzantsi Afrika iinyanga ezingaphezulu kwezi lishumi nambini ngaphandlw kwesivumelano nomlawuli jikelele kwisebe lezabasebenzi.
  • ukube ufunyaniswe unetyala lokungaziphathi kakuhle, ngaphandle kokuba ukhubazeke kakhulu okanye wa sweleka.

Qaphela: ukuba wena, njengomsebenzi uthe wafa ubulalwa sisifo sesigulo osifumene emsebenzi okanye umenzakalo, abaxhomekeke kuwe bangalifaka ibango kwingxowa mali.

Imbuyekezo ayizuhlawulwa xa:

  • Xa wazise umqeshi emva kwenyanga ezilishumi nambini ingozi yenzekile okanye ukufa , okanye emveni kokuxilonwa ngugqirha.
  • Ukuba awukwazanga ukuba semsebenzini iintsuku ezintathu nagaphantsi, apho ingxowa mali izakuhlawula iindleko zikagqirha.
  • Ukuba nguwe unobangela wengozi ngokungahoyi okanye impazamo yakho (ngaphandle kokuba ukhubazeke kakhulu okanye ufe kwingozi leyo, ingxowa mali iza kuhlawula imbuyekezo)
  • Ukuba walile ngaphadle kwezizathu okanye walile ukusela imithi.

Fumana ngokupheleleyo malunga Nokufaka ibango ngesifi esifumaneke emsebenzini okanye isifo osifumene emsebenzini okanye qhagamshela Ingxowa mali yembuyekezo.
 

 

Share this page