Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nemvume yethutyana okanye yesithuthi esikhethekileyo
Imvume yethutyana yesithuthi isemthethweni iintsuku ezingamashumi amabini ananye (21) kwaye isetyenziselwa isithuthi esibhalisiweyo, esinephephamvume nesisendleleni.
Imvume yethutyana isetyenziswa phantsi kwezi meko zilandelayo: A temporary permit is used under the following circumstances:
- Ukusa isithuthi kwiRiphabliki usisa kumnini waso
- Ukusa isithuthi kwiRiphabliki ngomnye umthengisi wezithuthi esisa komnye umthengisi, okanye
- Ngeenjongo zokubhalisa kunye nokufumana iphepha-mvume
Kukhutshwa imvume enye kuphela ngobunini besithuthi.
Imvume ekhethekileyo yesithuthi isemthethweni iintsuku ezintathu kuphela
Imvume yethutyana yesithuthi isetyenziswa phantsi kwezi meko zilandelayo:
- Ukuvavanya isithuthi;
- ukusiqhuba usisa okanye usiphuthuma kwindawo yokulungisa izithuthi;
- Ukufikelela kumhloli wezithuthi okanye kwizixhobo zokulinganisa ubunzima, okanye
- ukusixutha isithuthi komnye umntu njengokuba kubonelelwe kummiselo wama-69.
Kubalulekile ukuqaphela ukuba isithuthi esinemvume ekhethekileyo asikwazi ukuthwala umthwalo okanye abakhweli. Akukho mida imiselweyo kwinani leemvume ezinokukhutshwa ngobunini.
Ofanele kukwenza
- Yiya kwigunyabantu lokubhalisa elikufutshane nawe noku kulandelayo:
- Ikopi yesazisi sakho
- Umrhumo omiselweyo
- Zalisa uxwebhu lwesicelo semvume yethutyana/imvume yesithuthi esikhethekileyo (TSP1).
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Uxwebhu lwesicelo semvume yethutyana/Imvume yesithuthi esikhethekileyo (TSP1) olufumaneka kwigunyabantu lokubhalisa okanye kwiwebhusayithi ye-eNatis.
- City of Johannesburg
- City of Tshwane
- City of Cape Town
- Nelson Mandela Bay
- Eastern Cape municipalities
- Free State municipalities
- Gauteng municipalities
- KwaZulu-Natal municipalities
- Limpopo municipalities
- Mpumalanga municipalities
- North West municipalities
- Northern Cape municipalities
- Western Cape municipalities