Ukuvuselela ilayisensi yesithuthi

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokuhlaziya iphepha-mvume lemoto yakho

Kufuneka uhlaziye iphepha-mvume lemoto yakho rhoqo ngonyaka phambi kokuba liphelelwe lixesha. Ukuba awuphumeleli ukuhlaziya iphepha-mvume lemoto yakho, uya kuba netyala kuze kufuneke ukuba uhlawule isohlwayo kunye namanqina.

Ufumana iintsuku ezingama-21 zofefe ukuba awukalihlaziyi iphepha-mvume lemoto yakho. Ixesha lofefe libalwa ukusuka kumhla wokuphelelwa kwephepha-mvume lemoto yakho. Kufuneka uhlaziye iphepha-mvume lemoto yakho kwigunyabantu lokubhalisa elifanelekileyo okanye kwiposi ekhethiweyo ekwindawo ohlala kuyo.

Uhlaziyo lwephepha-mvume lemoto kabini ngonyaka:

Ooduladula/Iibhasi kufuneka zihlaziye iimpepha-mvume zazo rhoqo kwiinyanga ezintandathu ngenxa yokuqinisekiswa kokuba sendleleni kwazo okusemthethweni iinyanga ezintandathu (6) kuphela.

Ofanele kukwenza

  1. Ukuba isithuthi sakho sisetyenziswa njengesithuthi sikawonke-wonke okanye sisithuthi esithwala imithwalo enzima, kufuneka kwenziwe isiqinisekiso sokuba sendleleni kwaso. Ukuba asenziwanga, iphepha-mvume kunye nesiqinisekiso sokuba sendleleni aziyi kubhalwa.
  2. Yiya kwigunyabantu lokubhalisa elikufutshane nawe okanye kwiposi ekhethiweyo uze uphathe oku kulandelayo, umntu oyedwa/ozimeleyo:
    • isazisi sakho      
    • isaziso sokuhlaziya iphepha-mvume lemoto yakho, (MVL2). Ukuba akunaso isaziso sokuhlaziya iphepha-mvume, zalisa uxwebhu ALV (Isicelo sePhepha-mvume leMoto)
  3. Imibutho:
    • isiqinisekiso soshishino sombutho
    • isazisi salowo unelungelo lokuba ngummeli
    • incwadi yelungelo lokumela
    • isaziso sokuhlaziya iphepha-mvume lemoto (MVL2). Ukuba akunaso isaziso sokuhlaziya iphepha-mvume, zalisa uxwebhu ALV (Isicelo sePhepha-mvume leMoto).
  4. Hlawula umrhumo wokuhlolwa kwephepha-mvume ochazwe kwisaziso.

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sichotshelwa siphunyezwe kwangaloo mini.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni yeempephamvume ufumane ixabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Uxwebhu ALV (Isicelo sePhepha-mvume leMoto) siyafumaneka kulo naliphi na igunyabantu lokubhalisa okanye kwiposi ekhethiweyo okanye ungalukopa kwiwebhusayithi ye-eNaTIS.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page