INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-15 kuTshazimpunzi ngowe-2015

1. Uhlaselo lakutsha nje lwabemi bamazwe angaphandle

1.1 IKhabhinethi izigxeka kabukhali izenzo zobundlobongela ezijoliswe kubemi bamazwe angaphandle. Xa kulapha, iKhabhinethi ivakalisa uvelwano  olunzulu kwiintsapho zabo baphulukene nobomi babo, yaye inqwenela ukuba abo benzakeleyo bachache msinya. Akukho kutshitshiswa okanye msindo nokuba ungakanani onokuthethelela olu hlaselo nokuphangwa kweevenkile. Noxa siyiqaphele imiba evezwe ngabahlali, ubundlobongela malunga nomnye umntu ongumwenu soze buyisombulule le miba. Endaweni yoko, buthetha kakubi ngathi njengabantu, sibe ngathi siphikisana kanye nemizekelo emihle neziseko zolawulo lwentando yesininzi esiphila phantsi kwalo. UMzantsi Afrika wabulwa ubukoloniyale nolawulo localucalulo ukunye namawethu angama-Afrika ukuze lonke uluntu kweli lizwekazi lethu luhlonelwe yaye luphathwe ngesidima.

1.2 Ifuthe lolu hlaselo lubuchaphazela kakubi ubudlelwane bethu bezoqoqosho, ezentlalo kunye nebezopolitiko neli lizwekazi nehlabathi liphela. Iinkampani zaseMzantsi Afrika ezishishina ngempumelelo kweli lizwekazi nezinceda kwingeniso yethu, zizinzise noqoqosho lwethu nazo zingazibhaqa zikule meko yokuhlaselwa. Kutsha nje, abantu baseMzantsi Afrika abaphila ngokucula ababeza kutshila ngeziphiwo zabo ngaphaya kwemida yelizwe lethu, abafana noBigNuz eZimbabwe, uKelly Khumalo noCasper eLondon, iikonsathi zabo kwanyanzeleka zirhoxiswe ngenxa yolu hlaselo.. Uninzi lwabahlali kweli abaxhomekeke kwiivenkile zabemi bamazwe angaphandle ukuze batye ngoku lusengxakini.

Kungoku nje, abemi boMzantsi Afrika baxhamla ilizwe elikhululekileyo, inkululeko leyo eyeza ngenxa yegalelo lamazwe amaninzi aseAfrika. Ongumzekelo omiyo wethu, ongasekhoyo uMongameli  u-Oliver Tambo wamkelwa wahlala iminyaka esondele kuma-30 eZambia kunye nabanye abemi baseMzantsi Afrika ababeselubhacweni. Amanye amazwe ase-Afrika zange anele nje ukwamkela abantu beli, anikela nangobutyebi aze amanye abetheka kabuhlungu, abemi bawo baphulukana nobomi encedisa kwidabi lokulwela ulawulo lwentando yesininzi eMzantsi Afrika. UMzantsi Afrika soze ukhukuliseke ekulandeleni umbono we-Afrika kaWonke-wonke njengoko uqulethwe yi-Ajenda yeMbumba ye-Afrika (i-AU) ka-2063, eyathi yalandelwa ziinkonde zethu uKwame Nkrumah,uNnamdi Azikiwe, Mwalimu Julius Nyerere noNelson Mandela. 

UMongameli uZuma uthwalise uxanduva iNtlanganiselo  yezoBulungisa, uThintelo loLwaphulo-Mthetho  kunye noKhuseleko nabaPhathiswa boPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uRhwebo noShishino kunye noPhuhliso loLuntu. Olo xanduva lelokuba aba baPhathiswa basebenzisane nabo bonke abachaphazelekayo, kuziwe nesisombululo. Abaphathiswa aba baphinde banikwa noxanduva lokujongana neemeko zasekuhlaleni kunye nezoqoqosho ezingathi zingunozala wolu hlaselo ukuze lo mbandela kujongwane nawo ngokungangathizi nakabanzi. UMongameli uphinde wazisa namanyathelo athatyathwe nguMkhosi woKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika ukuba ulawule imida yethu.

IKhabhinethi imemelela bonke abahlali, imibutho nabantu ukuba babambisane kunqandwe olu hlaselo. UMzantsi Afrika asilo lizwe lithanda ubundlobongela. Ngoko ke,  abantu abambalwa abanakuvunyelwa ukuba bagrogrise ilizwe lonke. Ubundlobongela zange babasisisombululo seengxaki naphi na, yaye abusoze bube siso nalapha eMzantsi Afrika. Soze egameni lethu!

2. Imifanekiso eqingqiweyo

2.1IKhabhinethi isiqaphele isigqibo sabaphathi beyunivesithi sokususa umfanekiso oqiqingqiweyo kaRhodes kwiYunivesithi yaseKapa. UMzantsi Afrika kule minyaka ingamashumi amabini idluleyo wenze imitsi emikhulu ukuqinisekisa ukuba imiqondiso yembali yethu ibonakalisa iinkcukacha ezibalulekileyo zelizwe lethu nohlobo lolawulo lwentando yesininzi. IKhabhinethi phofu iyayivuma into yokuba uhambo lokususa imiqondiso namagama athukayo kwilizwe lethu alubanga lolukhawulezayo. IKhabhinethi iyiqaphele yaye iyayikhuthaza le ngxoxo-mpikiswano ikhoyo malunga nenguqu kuluntu lwethu. Iyayiqaphela into yokuba inguqu ayibanga yekhawuleza ngokwaneleyo. Siyakuqonda ukujijitheka nokunganeliseki kwabafundi. Kungoko ke sibakhuthaza ukuba balandele iinkqubo njengoko zichazwa yimithetho yethu.
     
2.2 IKhabhinethi imemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba bazibandakanye neenkqubo eziqhubekayo ezikhokhelwa liSebe lezoBugcisa neNkcubeko mayelana namafa nokwakha isizwe. Abemi boMzantsi Afrika bakhunjuzwa ukuba uMthetho waMafa eSizwe we-1999 uyazicacisa  iinkqubo zothethathethwano ezimelwe kukulandelwa xa kususwa okanye naxa utshintshwa indawo okuyo umfanekiso oqingqiweyo.

3. Utyelelo lweZimbabwe lasebuRhulumenteni

3.1 IKhabhinethi ivuyiswa lutyelelo lweZimbabwe lasebuRhulumenteni olube yimpumelelo nobelukhokhelwa nguMongameli uRobert Gabriel Mugabe. UMzantsi Afrika neZimbabwe  banembali ende yonxibelelwano apha engingqini namaqhina enkcubeko. Abantu baseZimbabwe banendima ebalulekileyo ngokwembali ekuxhaseni umzabalazo wenkululeko eMzantsi Afrika.

Olu tyelelo lunyusele kwinqanaba eliphezulu ubudlelwane phakathi kwethu ngokuthi kusekwe iKomishoni yala Mazwe mabini nokutyikitywa kwezivumelano ezithathu kunye neziVumelwano ezibini zeNtsebenziswano.

  • ISivumelwano sokuSekwa kweKhomishoni yala Mazwe Mabini inyusela kowona mgangatho uphezulu uthethathethwano phakathi kweeNtloko zoMbuso ezimbini xa zithe zadibana ukuhlaziya inkqubela malunga nezivumelwano zentsebenziswano phakathi kwala mazwe mabini.
  • ISivumelwano malunga neNtsebenziswano ekuLawuleni uButyebi baManzi ukusekwa nokusebenza kweKhomishoni yaManzi edibanisa la mazwe mabini kuza kuqinisa intsebenziswano ekucwangciseni ubutyebi bamanzi, uphuhliso nolawulo ngomoya wemvano noncedo. La mazwe mabini aza kudibana enze uphando lokuqonda ubutyebi bamanzi obungakho   kwimilambo yaseZimbabwe bokunika uMzantsi Afrika amanzi, adibane aseke iiprojekthi zamanzi, eziza kuba luncedo malunga nokudala imisebenzi, inguqu kwezoqoqosho uphuhliso lwezakhono nokuzidlulisela kwabanye.   
  • ISivumelwano sokuNcedana phakathi kwamaCandelo oLawulo LweRhafu yoRhwebelwano phakathi kwamazwe - Sisiseko  sendawo enye emdeni yokuchophela imicimbi ebunje. Ngumzekelo omiselweyo kumazwe ngamazwe nokhuthazwa nguMbutho weHlabathi weeRhafu zoRhwebelwano phakathi kwamazwe. Injongo kukunceda la macandelo mabini ukuba bananiselane ngolwazi, baxhasane kwezobuchwepheshe, bacuphe, batyelele baphande kunye, basebenzisane ukuze kuqine ukusebenza ngempumelelo.  
  • ISivumelwano seNtsebenziswano ngoThethathethwano ngezoZakuzo siza kuseka indlela yokuqhuba rhoqo iintetho ngozakuzo  malunga nemiba ye-Afrika neminye  echaphazela la mazwe mabini. Injongo engundoqo yeSivumelwano seNtsebenziswano kukuseka indlela yothethathethwano rhoqo ngozakuzo malunga nemiba yokuqinisa ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini, ukhuseleko nentsebenziswano e-Afrika.
  • ISivumelwano seNtsebenziswano ngoRhwebo injongo yaso kukuseka iqonga lala mazwe mabini lokuthethathethana nokwabelana ngamava ukuze kunyuke uphuhliso loqoqosho. La mazwe mabini avuma ukusebenzisana ngokukhuthaza urhwebo,ukusombulula izithintelo zorhwebo nokwakha izakhono zobuchwepheshe kwiindawo ngeendawo eziboniweyo kwakunye nokuphuhlisa izakhono jikelele. 

4. ISefako Makgatho Health Sciences University

4.1 IKhabhinethi yamkela ukuvulwa ngokusesikweni kweSefako Makgatho Health Sciences University (i-SMU) nguMongameli uJacob Zuma eGa-Rankuwa, eGauteng ngomhla we-14 kuTshazimpunzi ngowama-2015. Le yunivesithi nebandakanya icandelo elalisakuba lelase-Medunsa le Yunivesithi yaseLimpopo. IYUnivesithi le iqale ukufundisa ngo-2015 ngabafundi abangama-5 000.

Ukusekwa kweYunivesithi iSefako Makgatho ibonelela ngethuba elihle kakhulu lokuphuhlisa nokuqeqesha iincutshe ezintsha kwezempilo eziza kuba negalelo elihle kwimpilo nobomi boninzi labemi boMzantsi Afrika abangahoyekanga nangoku ngenxa yentlupheko nokungabi nako ukufikelela kwiinkonzo zonyango. ISefako Makgatho Health Sciences University yiyunivesiti yokuqala ezimeleyo kwezobunzululwazi  bezempilo nethe yavulwa kweli lizwe. URhulumente uya kusoloko eyixhasa imfundo nokuphuhliswa kwezakhono njengezinto ezingundoqo ekuqhubeni ukukhula nokuphuhliswa koqoqosho.

5. Iveki eGxila kwiiMbizo

5.1 IKhabhinethi ibulela bonke abemi boMzantsi Afrika abaphuma ngendlu ukuza kuthatha inxaxheba ekuthetheni ngqo nabameli boluntu ngexesha kubanjwe Iveki yeSizwe yokuGxila kwiiMbizo enesihloko esithi “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika Phambili”. Le nto ibonisa  ukuvuthwa kolawulo lwentanddo yesininzi apho abemi bathatha inxaxheba ngamandla kumalinge ajonge ekwenzeni urhulumente aziphendulele njengoko loo nto ingumbono wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso. Iintloko zezopolitiko zanxibelelana nabahlali zachaza izinto ezathethwa nguMongameli uJacob Zuma xa wayesenza iNtetho ngoBume beSizwe yowama-2015.

5.2 Iimbizo zaphinda zanika iintloko zezopolitiko ithuba lokuba zabelane ngezicwangciso zikarhulumente zokuphucula ukunikezelwa keenkonzo nokumamela izinto ezidla umzi. Ngaphaya kweembizo ezi- 70 zabakho ukususela ngomhla we-7 kuTshazimpunzi ukuya kowe-12 kuTshazimpunzi kowe-2015. Ezi mbizo ziye zaqukunjelwa ngomhla we-12 kuTshazimpunzi , apho kwabakho into entsha  ebizwa “Imbizo Lounge”, eyayisingathwe ngaxesha nye ziintloko zezopolitiko kumaphondo amathathu.

6. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

6.1 IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zophando olwenziwa ngezikhalazo nemibuzo engama-161 091  efunyenwe kwiNombolo ye-Ofisi kaMongameli oko yathi yasungulwa ukuza kuthi ga ekupheleni kweyoKwindla ngowama-2013. Uphando lwayibonisa imo yemiba abemi abatsalela ngayo umnxeba, lalatha nezihloko ezivelayo kunye nemiba engaphakathi kurhulumente ewonke.

Iziphumo zolu phando ziza kunceda amasebe ayiqonde ngcono imiba edla umzi kubahlali, nolwazi olufanelekileyo olufunwa ngabahlali. Ukungenelela kuza kuphucula indlela esisebenzela ngayo abahlali.

6.2 IKhabhinethi ifumene ingxelo ngezakutsha nje ngohlalutyo ngokubhatalwa kweenkampani ezizimeleyo ezisebenzela urhulumente zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ukususela mhla kwafakwa i-invoyisi esemthethweni . IKhabhinethi iyiqaphele inkqubela eyenziweyo, kodwa yavakalisa unxunguphalo lwayo ngamasebe athile asenemingeni.

Uthelekiso lohlahlelo lwamaSebe kaZwelonke phakathi kweyoMqungu wowama-2013 ukuya kweyeDwarha wowama-2014 ubonise ukuphucuka okuyi-39% kumyinge wee-invoyisi ezibhatelweyo iintsuku ezingama-30 zingadlulanga kunye nokuphucuka okuyi-32% kumyinye wee-invoyisi ezabhatalwa emva kweentsuku ezingama-30.

Amasebe kazwelonke axela ii-invoyisi ezingama-155 572 ezixabisa iibhiliyoni zeerandi ezi-3,8 ezabhatalwa emva kweentsuku ezingama-30 ngaxesha nye, neeinvoyisi ezingama-62 887 ezixabisa iibhiliyoni zeerandi ezi-2,1 ezingaphaya kweentsuku ezingama-30 ezingekabhatalwa. 

Kwangeli xesha linye amasebe amaphondo abonisa ukuphucuka okuncinci okuyi- 5% kumyinge wee-invoyisi ezibhatelwe iintsuku ezingama-30 zingadlulanga.  Amaphondo axela ii-invoyisi ezingama-241 332 ezixabisa iibhiliyoni zeerandi ezili-13,4 ezabhatalwa emva kweentsuku ezingama-30 kunye nee-invoyisi ezingama-356 079 ezixabisa iibhiliyoni zeerandi ezingama21,8 ezingaphaya kweentsuku ezingama-30 ezingabhatalwanga.

Oku kubonisa ukuphunguka okungama-52% kumyinge wee-invoyisi ezineentsuku ezingaphezulu kwezingama-30 zingahlawulwanga.

Ukunceda amasebe asatsala nzima, iKhabhinethi yavuma ukusekwa kwecandelo elilodwa  kwiSebe lokuCwangcisa, ukuHlolwa kokuSebenza noVavanyo ukuze lilandelele amasebe asoloko etsala nzima.  Eli Candelo liza kusebenzisana noNondyebo weSizwe  kunye neSebe lezaBasebenzi  bakaRhulumente noLawulo (i-DPSA).

Ngaphezu koko, umnxeba kazwelonke wemibuzo uza kupapashwa yaye uza kufumaneka kwiinkampani ezizimeleyo ezisebenzela urhulumente ukuze zifake imiba yokungabhatalwa msinya. Loo miba iza kubhekiswa kwelo sebe lifanelekileyo kunikwe nengxelo yeempendulo.

6.3 IKhabhinethi iyiqaphele ingxelo yokuHlolwa kokuQaliswa kweNkqubo yeziBonelelo zeNgxowa-mali yokuThengisa iiMpahla kuMazwe angaphandle  (i-EMIA) yaza yaphinda yamkela isicwangciso sokuphucula seSebe lezoRhwebo noShishino. Le yaba yinxalenye yesiCwangciso sokuVavanya seSizwe  sowama-2013/2014 sokuhlola ukusebenza kwale Nkqubo ekuxhaseni abarhwebi boMzantsi Afrika abathumela iimpahla kwamanye amazwe.

I-EMIA incede amashishini athumela iimpahla kwamanye amazwe angama-6 766 kuwo onke amaphondo yaza yabhatala amabango axabisa izigidi zeerandi ezingama-510  ukususela ngowama- 2009/10 ukuya kowama-2012/13. Loo mashishini axhaswayo adale imisebenzi engama-24 802. Uvavanyo lwabathathi-nxaxheba be-EMIA lubonisa ukusetyenziswa okubalulekileyo kwezikhuthazi ze-EMIA ikakhulu ngabantu abesakuhleleleka ngaphambili yalapha kunye namashishini oomama.

6.4 IKhabhinethi ivumile ukuba idrafti yoXwebhu loMgaqo-nkqubo seSizwe wokuNgcakaza ipapashwe kwiphephandaba li lakwaRhulumente ukuze uluntu luhlomle kulo. Olu xwebhu lujonge ukuphucula ukusebenza kolawulo lokungcakaza ngemali, ukuphucula ukuthungelelana nentsebenziswano namaphondo yaye ibeka iBhodi yokuNgcakaza kaZwelonke kwimeko yobulawuli ukuze ijongane ngokucacileyo nokungcakaza okungekho mthethweni.

6.5 IKhabhinethi ivume ukupapashwa kwedrafti yoMgaqo-nkqubo woTywala ukuze uluntu luhlomle kuyoLe drafti iza kuphucula ukusebenza kokulawula ishishini lokushishina ngotywala yaye lulwe ukushishina okungekho mthethweni. Phakathi kweminye imiba izindululo ziza kujonga ifuthe lotywala entlalweni nakuqoqosho kunye neendleko zokusebenzisa gwenxa utywala kunye nenguqu kushishino ngotywala.

6.6 IKhabhinethi yanikwa amagqabantshintshi ngeziphumo zovavanyo oluphengululayo loPhuhliso lwaBantwana abaNcinane apho iimvavanyo ezinenkcukacha zenziweyo kwiBanga R kunye namanyathelo okungenelela ngokutya okunesondlo kubantwana abaneminyaka engaphantsi kwemihlanu.

IKhabhinethi ikuphumezile ukuphuhliswa kwesiCwangciso seSondlo sikaZwelonke esihlanganisiweyo, esijongene nesondlo ngokupheleleyo, kubandakanya ixesha lokukhawula, iintsuku zokuqala ebomini ezili-1 000, uphuhliso lwabantwana abancinane kunye neBanga R. Inkqubo yophuculo kuvavanyo “Lwempembelelo yokuqalisa iBanga R kwiziPhumo zokuFunda” igxininisa ukuphucula uhlobo lweBanga R ukwandisa kangangoko impembelelo yeli banga kubantwana abahlelelekileyo nakumaphondo angenaziphumo zihle.Oku kuquka uqeqesho nophuhliso lweetitshala zeBanga R, nengqwalasela ekuqeshweni kwabantu abaneziqinisekiso zemfundo ephakamileyo ezizizo (isigaba 5 se-NQF) kulo msebenzi.

7. Imithetho esaYilwayo

7.1 IKhabhinethi ikuphumezile ukukhutshwa koMthetho oyiLwayo we-Inshorensi, wowama-2015 ukuze uluntu luhlomle kuwo.

Lo Mthetho usaYilwayo uhambelana neNkqubo yoPhuhliso yeSizwe (i-NDP), uqinisekisa icandelo le-inshorensi equlunqwe ngokukuko, ze ukhuthaze uzinzo kwezezimali oluxhasa uqoqosho olukhulayo oluzinzileyo ngokunika isiphumo kumazinga aphakamileyo anobulumko aveliswe kujongwe umbhodamo kuqoqosho lwehlabathi ngowama-2008. Inika isiphumo kuqulunqo olunobulumko kwicandelo lwe-inshorensi.

Uvavanyo lokuba neMali eyaneleyo nenkqubo yoLawulo, lujonge ukuvelisa indlela entsha ejonge phambili nengajongana nokungaphumeleli xa kushokoxeke izimali ngokungqamanisa iimfuno zezimali kunye nokuthatha amathuba komnini we-inshorensi. Ikwanika inkuthazo kubanini be-inshorensi bafumane izixhobo ezinqabileyo zokujonga zilawule oku kuthathwa kwamathuba. La manyathelo ajonge ukuqinisekisa ukhuseleko olungcono lwabanini be-inshorensi kunye nabancedakala ngenxa yabo aze abe negalelo kuzinzo kwezezimali. 

7.2 IKhabhinethi iphumeze upapasho lwedrafti yoMthetho-sihlomelo osaYilwayo  weZiko lobuNtloli kwezezi- Mali lowama-2014 ukuze uluntu luphawule. Umthetho-sihlomelo usaYilwayo uphakamisa imibandela yofakelelo kuMthetho weZiko lobuNtloli kwezeZimali (uMthetho we-38 wowama-2001). Oku kukujongana nemiceli-mngeni kuzinzo lwendlela yethu yezimali eyenziwa kukwenza imali ngokubolekisa kunye nogrogriso ngokuqinisekisa ukuthobela amanyathelo namazinga ezizwe, ngokwendlela yemithetho yaseMzantsi Afrika.

8. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo

8.1 IKhabhinethi iqaphele ngenkxalabo ukunyuka ngamandla kokufa ezindleleni ngempela-veki yePasika, apho kwabakho iingozi ezingama-208 ezikhokhelele kukufa kwabantu abagama-287, xa uthelekisa nenani labantu abaphulukana nobomi kunyaka ophelileyo, elalikwi-193 kwiingozi ezili-148.

Ukhuseleko ezindleleni luxanduva lomntu wonke waseMzantsi Afrika nempumelelo yamaphulo  okhuseleko ezindleleni ixhomekeke kubasebenzisi bendlela bonke, umntu edlala indima yakhe. Abaqhubi mabathobele imithetho yendlela, bangaseli baze baqhube, bagcine isantya esilindelekileyo baze baqinisekise ukuba izithuthi zabo zikulungele ukuba sendleleni.

8.2 Egameni labantu boMzantsi Afrika, iKhabhinethi ivakalisa uvelwano olunzulu kuRhulumente  kunye nabantu beRiphabliki yaseKenya, ngakumbi iintsapho zamaxhoba asweleke kuhlaselo olunobudenge kwiKholeji yeDyunivesithi yaseGarissa ngomhla we-2 kuTshazimpunzi kowama-2015.

IKhabhinethi ikunye noMongameli uJacob Zuma ekugxekeni esi senzo sobugrogriso, yaye igxininisa ukuba uMzantsi Afrika uyayixhasa iKenya kunye neenzame zamazwe angaphandle ekudaleni uxolo, uzinzo, ulawulo lwentando yesininzi kunye nokwakheka kobuzwe eSomalia.

8.3 IKhabhinethi iyavuyisana nabantu baseNigeria ngokubamba unyulo olunoxolo, olungenamfihlo, oluthembekileyo, olukhululekileyo nolunobulungisa ngomhla wama-28 kweyoKwindla ngowama-2015, ngokubhengezwa yiKomishoni yoNyulo kaZwelonke ezimeleyo yaseNigeria. Egameni labantu baseMzantsi Afrika, iKhabhinethi ivuyisana noNjengele uMuhammad Buhari ngokunyulwa abe nguMongameli weRiphabliki yobuFederali yaseNigeria.

8.4 IKhabhinethi  iyavuyisana noMarlene Van Niekerk  ngokuba abe ngowokuqala eMzantsi Afrika ukuba kuluhlu oluncitshisiweyo lwabaviwa beBhaso leMan Booker  International. Wavunywa ngenxa yempumelelo yakhe ebalasele ngokugqithisileyo kwiintsomi, oku kuquka iincwadi zakhe ezinjengo-Triomf no-Agaat. Kwakhona wafumana i-Order of iKhamanga ngowama-2011 ngenxa “yegalelo lakhe lengqondo elibalaseleyo kuncwadi lobugcisa nenkcubeko”.

9. Imisitho ezayo

9.1 IKhabhinethi yaqwalasela ukuba  uMongameli  uJacob Zuma uya kuba ephendula imibuzo ePalamente ngoLwesine, umhla we-16 kuTshazimpunzi  ngowama-2015.

9.2 IKhabhinethi  iyalwamkela utyelelo lasebuRhulumenteni lukaMongameliuJacob Zuma oluya eJakarta, e-Indonesia ukusukela ngomhla we-19 ukuya ku-21 kuTshazimpunzi ngowama-2015. Olu hambo luya kuhlaziya ubume bemicimbi yonxulumano lwamacala omabini ukuqinisekisa uphumezo ‘lwesiCwangciso sokuSebenza’ seminyaka emihlanu, njengoko kuxoxiwe ngamacala amabini ePitoli ngeyeNkanga kowama- 2014.

UMongameli uJacob Zuma, kwakhona uza kubakho  kwintlanganiso yeenkokeli zamazwe ase-Asia nawaseAfrika ukusukela kumhla wama-22  ukuya kuma-23 kuTshazimpunzi eJakarta. Le ntlanganiso yeenkokeli zamazwe iza kuqinisa intsebenziswano yamazwe asemazantsi e-Ikhweyitha ngokubhekisele  ekukhuleni  kwentlalo noqoqosho kula mazwekazi omabini.

Utyelelo luya kuphetha ngesikhumbuzo seminyaka engama-60 seNkomfa  yaseBandug yangonyaka we-1955 kunye nesikhumbuzo seminyaka eli-10 ye-New Asian-African Strategic Partenership (i-NAASP) ngomhla wama-24 kuTshazimpunzi ngowama-2015, esiya kuqhubeka eBandug,  eWest Java. KwakuseBandug apho iinkokheli zombutho wethu ezinguMoses Kotane noMaulvi Cachalia zeza nemithetho-siseko yokungabandlululi ngokobuhlanga kunye nokuzimela kwi-ajenda yehlabathi.

9.3 IKhabhinethi  imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazibandakanye nemibhiyozo yeNyanga yeNkululeko, esisikhokelo nepheleka ukuqala kwendlela eya kwiminyaka engamashumi amathathu yenkululeko   ngokukhulisa isidima somntu nokulandela i-ajenda  yomntu wonke kazwelonke eya ekwakheni uMzantsi  Afrika omanyeneyo nonempumelelo.

Imibhiyozo yethu kazwelonke iza kuphelela kuSuku lweNkululeko, umhla wama-27 kuTshazimpunzi ngowama-2015 phantsi kwesihloko esithi:  “Ukuvuyisana nesiQalo semiNyaka eliShumi  yesiThathu yeNkululeko yethu  ngokunyusa isantya seNguqu eGqibeleleyo yezoQoqosho”.

Abemi boMzantsi Afrika kwakhona bayakhunjuzwa  ngokuzincama kaninzi kwenzalelwane  zeli lizwe kunye noomama ekulweni nenkqubo yocalucalulo olunobungonyama ukuze sikwazi ukuxhamla le nkululeko sinayo namhlanje.

Ukunika imbeko kuBemi boMzantsi-Afrika  ababanegalelo ekunyusweni nakwinkqubela-phambili yolawulo lwethu lwentando yesininzi, uMongameli uJacob Zuma, ngoSuku lweNkululeko uya kunika iiMbasa zeSizwe kwinkonzo eyodwa kwiZakhiwo zoMdibaniso. IKhabhinethi  ivuyisana kangangoko nabo bonke abaza kuwongwa  kwaye yenza umbulelo ngegalelo labo.

9.4 IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika ubambe iSeshoni yesiQhelo yama-25 yeMbumba ye-Afrika (i-AU) kwii-ofisi zeSebe loBudlewane  baMazwe ngamazwe neNtsebenziswano kunye naseSandton International Convention Centre eRhawutini ukususela kumhla we-7 -15 kweyeSilimela ngowama-2015. UMzantsi Afrika  wavuma ukubamba   oku emva kokuba iRiphabliki yaseChad irhoxile.

Eyona njongo ephambili neyokuqala yale ngqungquthela  iya kuba kukuhlaziya inkqubela-phambili eyenziweyo ekufikeleleni kwiinjongo zelizwekazi   ngokubhekiselele, ingakumbi kumxholo wonyaka wowama-2015, “Unyaka wokuXhobisa nokuPhuhlisa abaseTyhini ngokubhekisele kwi-Ajenda ye-Afrika, yowama-2063”. Eminye imiba ephambili iya kuba yimo yoxolo nokhuseleko e-Afrika,  ukulwa  isifo i-Ebola, kunye nefuthe kwezentlalo noqoqosho kwilizwekazi, eminye imithombo yokufumana imali yeMbumba ye-Afrika,  ukwamkelwa  kwesiCwangciso sokuSebenza semiNyaka yokuQala eliShumi ye-Ajenda ye-AU, yowama-2063 kunye neenguqu kwiZizwe eziManyeneyo kwiSikhumbuzo sayo semiNyaka engama-70.

10. Izikhundla

Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kwezifundo kunye nokuba msulwa okufaneleyo.

10.1 UGqiruDianne Cecile Parker njengeSekela-Mlawuli Jikelele : Imfundo yaseYunivesithi  kwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho.

10.2 UMnu u-Abel Makalene Mawela, njengoMlawuli ongekho kwiSigqeba soLawulo kwi-Export Credit Insurance Corporation Board.

10.3 UMnu uTefetso Bernard Phitsane njengeMlawuli ongekho kwiSigqeba soLawulo kwiBhodi ye- Passenger Rail Agency of South Africa

10.4 IBhodi yoLawulo  ezimeleyo yabaPhicothi-ziincwadi zemali:
a) Uksz Lise Keech;
b) Unu  Abel Dlamini;
c) UMnu Thiru Pillay;
d) UMnu Zola Luxolo Fihlani;
e) UNksz  Amanda Lethukuthula Mazibuko;
f) UNksz Noluphumzo Leonora Noxaka;
g) UNksz Rene Aloise Kenosi (uqeshiwe kwakhona);
h) UMnu Alexander Van der Walt (uqeshiwe kwakhona);
i) UMnu Michael Sass (uqeshiwe kwakhona).

10.5 I-South African Council on International Relations (SACOIR).

(a) UNjing Max Schoeman (wezeMfundo);
(b) UNjing Anthoni Van Nieuwkerk(wezeMfundo)
(c) UGq Siphamandla Zondi (wezeMfundo )
(d) UNjing Shamil Jeppie (wezeMfundo)
(e) UNjing Sekgothe Mokgoatsana(wezeMfundo)
(f) UNksz  Chichi Maponya (wezoShishino)
(g) UNksz Danisa Baloyi (wezoShishino)
(h) UNksz Thandi Cynthia Ndlovu (wezoShishino)
(i) UNksz Nonhlanhla Mjoli-Mncube (wezoShishino)
(j) UMnu Billy Masetla(wezoShishino)
(k) UMnu Dennis George (wezeMisebenzi)
(l) UMnu Joel Mfingwana (wezeMisebenzi)
(m) UMnu Somadoda Fikeni (wezoLuntu);
(n) UNjengele uMoyo Mudau(wezoLuntu)
(o) UMnu Aziz Pahad (wezoLuntu)
(p) UMnu Tshepo Mashiane(wezoLuntu)
(q) UNozakuzaku uGriffiths Mandlenkosi Memela(wezoLuntu)
(r) UMnu Jimmy Gotyana  (wezoLuntu) kunye
(s) noMnu Kenny  Morolong (wezoLuntu);

10.6 IKhomishini yeNkonzo yezoKhuselo
a) UNksz.  Sebina Hlapolosa
b) UNjing Malegapuru William Makgoba; kunye no
c) Mnu Joseph Maselele Jongile

10.7 UMnu Kevin Wakeford  njengeGosa loLawulu eliPhezulu le-Armaments Corporation of South Africa (i-Armscor).

10.8 UNjing Ntomb’fikile Mazibuko njengoSihlalo weSebe leBhunga eliLawulayo lePrivate Security Industry Regualtory Authority.

Imibuzo: UNksz Phumla Williams (isiThethi seKhabhinethi esiliBambela)
083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore