INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-22 kweyeDwarha kowama-2014

1. Izigqibo zeKhabhinethi nezinguNdoqo

1.1 IKhabhinethi iphumeze ukupapashwa koMgaqo-nkqubo weSizwe wokuThuthwa kwaBafundi osayilwayo kwiphephandaba lakwarhulumente iintsuku ezingama-21 ukuze uluntu luphefumle ngawo.

Lo mgaqo-nkqubo uphucula ukufikelela kwimfundo esemgangathweni ngokubonelelwa kwabafundi ngezithuthi ezikhuselekileyo, ezisezingeni elamkelekileyo, ezihamba kakuhle, ezilungiselelwe iimeko ezahlukeneyo nezingazikumana zinqumama okanye ziyeke phakathi, ingakumbi kuluntu lwasemaphandleni apho imingeni kwezothutho ingumqobo ekufikeleleni kwimfundo.

Lo mgaqo-nkqubo ushukuxa imingeni yobume nolwakhiwo lweendawo kunye nokuhlengahlengiswa kwemisebenzi ethi ibe nefuthe kumgangatho wezithuthi zikawonke-wonke. Ukwabonelela ngenkqubo ehlangeneyo yesicwangciso kunye nemigangatho efanayo yolawulo.

Ukuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo kuza kuza neemeko zokuthuthwa kwabafundi ezikhuselekileyo ngentsebenziswano kunye nokubambisana nabogcino-mthetho.

1.2 IKhabhinethi iphumeze uMgaqo woPhuhliso olusiSinyanzelo, iiNtsuku zoQeqesho eziGunyazisiweyo kunye nobuNcinane beeMfuneko zokuNgena kwinqanaba leeNkonzo zoLawulo oluPhezulu njengokuba zimiselwe kwiCandelo 3(2) loMthetho weeNkonzo zaBasebenzi bakaRhulumente we-1994.

Oku kukhuthaza uphuhliso lwezakhono ukuze luphumeze injongo yesiCwangciso soPhuhliso seSizwe yokwakha isizwe esikwaziyo ukusebenza nesikhulayo ukuze inzuzo yoko ibe kukuziswa kweenkonzo okuphucukileyo.

Lo mgaqo yindlela yobuchule bophuhliso bexesha elide neza kuphucula umgangatho wabasebenzi obaluleke kakhulu xa kufikelela kumthamo negunya likarhulumente lokuzisa iinkonzo.

Onke amasebe kaRhulumente kuza kufuneka amkele indlela efanayo yokuxhasa uphuhliso lwezakhono olufanelekileyo nolusisinyanzelo kwiiNkonzo zabaLawuli abaPhezulu.

1.3 IKhabhinethi iphumeze ukuba iSebe lokuHlolwa kokuSebenza noVavanyo lithi thaca uyilo loXwebhu lweeNgxoxo ngeMithetho-siseko neNdlela yenkqubo yokuHlolwa kokuSebenza noVavanyo kwiKomiti yasePalamente yeMicimbi yeSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo kunye noCwangciso loHlolo noVavanyo.

Olu xwebhu luphakamisa uluhlu lwemithetho-siseko engundoqo kunye nendlela yokuHlolwa kokuSebenza noVavanyo (i-M&E)  olumiselwe ukuze lube lukhokelele kukuphucuka okuqhubekayo kumsebenzi karhulumente kunye nokwandisa ukuphendula kwakhe. Eyona njongo ibalulekileyo kukusebenzela ukuba kuvunyelwane  ngeenjongo ze-M&E kunye nendlela enokuphunyezwa ngayo. 

Oku kunegalelo ekuphumezeni isiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) ngokuphathelele kukwakha isizwe esisebenzayo nesikhulayo kwakunye nokukhuthaza ukuba abantu babe ngabemi abakhutheleyo  kunye neenkokeli ezinomqolo. Ubuchule nezakhono ze-M&E ziyinxalenye yobuchule nezakhono zolawulo olungundoqo nolufunekayo kwisizwe esikwaziyo ukusebenza nesikhulayo.

1.4 IKhabhinethi iwaphumezile amanqaku uMzantsi Afrika oza kuxolela phezu kwawo kwiNkomfa yaMazwe ngaMazwe engoLondolozo lweZilwanyana zaseNdle eziFudukayo eza kubanjelwa eQuinto, Ecuador, ukususela ngomhla we-4 ukuya kowe-9 kweyeNkanga wama-2014.

Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika ekushukuxeni imingeni yotshintsho lwemozulu kunye nolondolozo lwendalo nezilwanyana ezinxulumene noko kusekwe kumthetho-siseko wophuhliso oluzinzileyo kunye nozinzo lokusingqongileyo, kwaye kuhambelana neemfuneko zeCandelo 24 loMqulu wamaLungelo oLuntu.

1.5 IKhabhinethi iphumeze imiba uMzantsi Afrika oza kuxoxela phezu kwayo kwiseshoni yama-20 yeNkomfa yaMazwe ngaMazwe kwi-UNFCCC (i-COP 20), kunye neNkomfa yaMazwe ngaMazwe ye-10 eza kusebenza njengentlanganiso yaMazwe ngaMazwe kwi-Kyoto Protocol (i-CMP 10), ukususela kumhla woku-1 ukuya kowe-12 kweyoMnga wama-2014, eLima, ePeru.

Uluvo loMzantsi Afrika luhambelana neemfuno zesizwe, kunye nokuthethwa kukubandakanyeka koMzantsi Afrika kwiingxoxo ezingotshintsho lwemozulu zamazwe ngamazwe kunjengoko kuchaziwe kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe.

1.6 IKhabhinethi iphumeze ukufakwa kweSivumelwano saseKapa sowama-2012 sokuphunyezwa kwezibonelelo zeTorremolinos Protocol yowe-1993 esinxulumene neNgqungquthela yaMazwe ngaMazwe engoKhuseleko lweziKhephe zokuLoba, sowe-1977 ukuze sivunywe ngokusesikweni yiPalamente.

INgqungquthela yaseTorremonilos neSivumelwano sowama-1993 zimisela imiqathango yokhuseleko, efana nezixhobo zokusindisa ubomi, unxibelelwano ngonomathotholo, ukhuseleko emlilweni, oomatshini kunye nokufakwa kombane, kwakunye neemfuneko zezikhephe eziloba elwandle ezibude bungangeemitha ezingama-24 nangaphezulu.

Le miqathango ibophelelayo yokhuseleko yamazwe ngamazwe iza kuba negalelo ekuphuculeni imigangatho yokhuseleko ukuze inciphise inani labantu abasweleka elwandle, eliqikelelwa kuma-24 000 ngonyaka kwihlabathi liphela. Izikhephe zaseMzantsi Afrika ziza kuba phantsi kolawulo lwemiqathango yesivumelwano xa ziloba kumanzi esizwe esiyinxalenye yesivumelwano saseTorremolinos.

Oku kuhambelana neenjongo ze-Operation Phakisa zokuphuhlisa inkqubo-sikhokelo yamaziko olawulo lommandla wolwandle, ukuphucula ukukhuseleka kweelwandle zaseMzantsi Afrika, ingakumbi ezingqonge iinkqubo zokusingqongileyo ezisemngciphekweni wokutshabalala, kunye nokushukuxa ukusilela kwezakhono, phakathi kwezinye.

1.7 IKhabinethi iphumeze ukuba uMzantsi Afrika uvume ukuba yinxalenye yeNgqungquthela yaMazwe ngaMazwe yeMigangatho yoQeqesho, iZiqinisekiso kunye nokuba nguKhala wabaSebenzi kwiMikhumbi yokuLoba, ngowama-1995 (STCWF).  

Eli lilinge lokuqala lokuseka imigangatho enyanzeliswayo yoqeqesho yamazwe ngamazwe yabasebenzi kwimikhumbi yokuloba elwandle ebude buzimitha ezingama-24 okanye ngaphezulu. Oku kuza kuphucula ukhuseleko lobomi kunye nempahla elwandle, kwakunye nokuthintela ungcoliseko lolwandle ngabezoshishino lokuloba.

Kwixesha elidlulileyo, ukusebenza elwandle ixesha elide kwakubonwa njengendlela yokufumana amava nezakhono ezifanelekileyo. Le nkqubo yoqeqesho usemsebenzini ayivelisanga isiphumo esingabasebenzi abanezakhono ezisemgangathweni.

Le nkqubo intsha yakhiwe ngokudibanisa uqeqesho oluncitshisiweyo ngokufumana amava kunye nemfundo ephuculwe ngaphezulu nelandela imigaqo yokwandisa ulwazi. Oku kuza kwenza ukuba abalobi bakwazi ukuqhubela phambili baze emva kwexesha bayeke ukusebenza kwimikhumbi emincinane bagqithele ekusebenzeni kwemikhumbi yokuloba emikhulu baze ekugqibeleni basebenze kwimikhumbi yorhwebo yamazwe ngamazwe. 

1.8 IKhabhinethi iphumeze uyilo lwezi ngqekembe zisisikhumbuzo zilandelayo kowama-2015 ziyilwa yiNkampani yoKwenza iMali yaseMzantsi Afrika, ukuba zibe semthethweni ngokupapashwa kwiphephandaba likarhulumente.

  1. Uthotho lweengqekembe ezineSiqwane: “Ubomi beNgqanga: uN R Mandela”
  2.  UThotho lweengqekembe zeNdalo “Izilwanyana ezizingela ebusuku – uDyakalashe onoMqolo oMnyama”
  3.  UThotho lweengqekembe ze-R1 zeGolide: “Izirhubuluzi zaseMzantsi Afrika – iNgwenya yoMlambo i-Nile”
  4.  UThotho lweengqekembe ze-R2 zeGolide: “iProjekthi ye-UNESCO: uMntu neNdalo”
  5.  UThotho lweengqekembe zeSilivere zesiThsaba neTiki: “Oololiwe baseMzantsi Afrika”, kunye   
  6. NoThotho lweeNgqekembe zeSilivere yohlobo lwe-Sterling: “Imimandla yaseLwandle eKhuselweyo yaseMzantsi Afrika”

1.9 IKhabhinethi ichazelwe ngokufutshane ngoHlengahlengiso lweZithili zooMantyi kunye nemimandla yoLawulo lwezoBulungisa kumaCandelo kunye neziHlalo zaseKhaya kwiNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika.

Iprojekthi yokuhlengahlengiswa kweenkundla ibuyisela umva imbali yokungalingani kunye nokungabikho kobulungisa. Iseka iqalelo eliza kukhokela onke amasebe achaphazelekayo, ii-arhente ezinyanzelisa ukuthotyelwa komthetho kunye namaziko ezobulungisa ukuze ahambelane nendlela olusebenza ngayo ngokufanelekileyo.

Uluntu olwaluhlelelekile ngaphambili oluhlala kwindawo ezazingamaphandle, amazwe ayengozimele-geqe kunye neelali ziza kuzuza kwiziphumo zale nkqubo yohlengahlengiso. Ziza kukwazi ukufikelela ezinkundleni ngeendleko ezincitshisiweyo.  

Xa kubonelelwa ngokufikelela ezinkundleni, kubalulekile ukuhlengahlengiswa kwemimandla yolawulo lwazo zonke iinkundla ezazimiselwe ngurhulumente wengcinezelo, kuquka nokwakhiwa kwazo kunye nezakhiwo zazo. Inkqubo yohlengahlengiso iqinisekisa ukuba kukho ukusasazwa okulinganayo kweenkundla kulo lonke eli, ukomeleza ukufikelela ezinkundleni, okulilungelo loluntu elisisiseko neligcinwe kwiCandelo lama-34 loMqulu wamaLungelo oLuntu kuMgaqo-siseko.

2. IMithetho esaYilwayo

2.1 IKhabhinethi iphumeze ukwaziswa koMthetho siHlomelo weSondlo, wama-2014 ePalamente.

Lo Mthetho usaYilwayo ulungisa uMthetho weSondlo, wama-1998 (uMthetho 99 wama-1998) ukuze uphucule inkqubo yesondlo kunye nokomeleza ukufikelela kwezobulungisa kwabasetyhini kunye nabantwana.

Ezi zihlomelo zinciphisa imingeni, yezomthetho nolawulo, abahlangabezana nayo abo bazuza imali yesondlo, uninzi lwabo ingabasetyhini nabantwana.

Oku kuqhagamshelana ngqo nokujoliswe kuko nokubalulekileyo kwesiCwangciso soPhuhliso seSizwe kwinguqu kwezoqoqosho kunye nokhuseleko kwezentlalo.

Ezinye izibonelelo zalo Mthetho Sihlomelo ziquka: ukuthintela abo basilelayo ekuhlawuleni imali yesondlo ukuze bangaqhubeki bekwazi ukuthenga ngetyala lo gama benetyala lesondlo, ukubophelela iinkampani zeeselula ukuba zinikezele ngeenkcukacha zoqhagamshelwano kwinkundla zesondlo zabo kufuneka bephendule kumatyala okungondli nabo basilelayo kwisondlo ukuba inkundla yonelisiwe ukuba kwenziwe zonke iinzame ezifanelekileyo ukubafumana kwaye abafumaneki, kunye nokwenza lowo mntu uphunyelwe ngumyalelo wenkundla wesondlo, ahlawule imali asemva ngayo kwisondlo. 

2.2 IKhabhinethi iphumeze ukufakwa koMthetho osaYilwayo we-Agrément yoMzantsi Afrika kunye neMemorandam ngeeNjongo zoMthetho osaYilwayo ePalamente.

Ukusekwa kwe-Agrément yoMzantsi Afrika, njengokuba kucetywa kuMthetho osaYilwayo woMzantsi Afrika, wama-2014 kuza kuba negalelo lokudala icandelo lezokwakha elishukumisa ngamandla nelakha izinto ezintsha neliza kuba nefuthe elakhayo ekudaleni imisebenzi lo gama linegalelo kwizicwangciso zeziseko zophuhliso nezingundoqo zikaRhulumente.

Ukongezwa kwexabiso kuza kuquka ukususela kuphando ukuya ekungenisweni kwezinto ezintsha, imisebenzi eyandileyo yokwenza iimveliso, ukudala imisebenzi kunye nokunciphisa intlupheko.

2.3 IKhabhinethi iphumeze ukwaziswa koyilo loMthetho siHlomelo woMsebenzi wobuNgcali kuPhicotho-zincwadi ePalamente.

Lo Mthetho Sihlomelo uceba izilungiso zoMthetho woMsebenzi wobuNgcali kuPhicotho-zincwadi, wama-2005, ukulawula abaphicothi-zincwadi abangabafundi ukuba bahlaziye abantu ekunokubuzwa kubo ngomsebenzi wabo ngokubhekiselele kuMthetho weeNkampani, we-1973 ukuze uhambelane noMthetho woMsebenzi wobuNgcali kuPhicotho-zincwadi, wama-2008 (uMthetho Nombolo 71 wama-2008).

Injongo kukuzisa abaphicothi-zincwadi (abafundi abafundela ukuba ngabaphicothi-zincwadi), phambi kokuba babhalise, phantsi koMthetho woMsebenzi wobuNgcali kuPhicotho-zincwadi wama-2005 ukuze balawulwe yiBhodi yoLawulo eziMeleyo yabaPhicothi-zincwadi, ngendlela efanayo naleyo abaphicothi-zincwadi ababhalisiweyo balawulwa ngayo, kunye nokwenza izilungiso ezibalulekileyo neziyimfuneko kuMthetho weeNkampani wama-2008. Oku kuza kukhusela noluntu emsebenzini owenziwa ngabo bafundela ukuba ngabaphicothi-zincwadi.

2.4 IKhabhinethi iphumeze ukwaziswa ngokuBhangiswa kweMithetho yoKhuselo kunye noMthetho Sihlomelo, wama-2014 ePalamente.

Oku kujolise ekubhangiseni nasekulungiseni imithetho ethile yokhuselo ebonwa njengengasasetyenziswayo nengafunekiyo njengokuba ichongwe yiKomishoni yoHlengahlengiso loMthetho yaseMzantsi Afrika.

IKomishoni yayalelwa ukuba iqhube uphicotho-zincwadi lwayo yonke imithetho yaseMzantsi Afrika ukuze icebise ngokubhangiswa kwengasasetyenziswayo, engeyomfuneko okanye enezibonelelo ezingahambelaniyo noMgaqo-siseko. Lo Mthetho osaYilwayo ujolise ekuzalisekiseni lo msebenzi kwezokhuseleko.

Lo Mthetho usaYilwayo ubhangisa imithetho yokhuselo eli-16 engasasetyenziswayo kwaye uceba ukulungisa uMthetho omnye, ongalithobeliyo iCandelo le-9 loMgaqo-siseko (igatya lokulingana). Oku kuza kuzisa imithetho yokhuselo ehambelana nomoya woMgaqo-siseko ngokususa izibonelelo zocalucalulo ezikwincwadi yomthetho. 

3. Ukufezekiswa kweeNkqubo ezinguNdoqo zikaRhulumente

3.1 IKhabhinethi izimanya nabemi baseMzantsi Afrika ekubhiyozeleni uSuku lweNkululeko yamaJelo eeNdaba ngomhla we-19 kweyeDwarha wama-2014 xa uMongameli uJacob Zuma ethe wabamba intlanganiso namagqala eentatheli kunye nabahleli njengenxalenye yokubhiyozela iminyaka engama-20 yenkululeko yamajelo eendaba eMzantsi Afrika. USuku lweNkululeko yamaJelo eeNdaba lubhiyozela ukuthetha ngokukhululekileyo nenkululeko yamajelo eendaba njengoko iqinisekisiwe kuMgaqo-siseko wethu.

3.2 UMongameli Zuma, ekhatshwa ngamalungu eKhabhinethi, iNkulumbuso yaKwaZulu-Natal kunye naBaphathiswa bamaPhondo baqhube Imbizo kaMongameli ngempumelelo kuMasipala waseMsunduzi nowaseMgungundlovu ngomhla wama-31 kweyoMsintsi wama-2014. 

Njengenxalenye yonxibelelwano oluqhubekayo noluthe ngqo noluntu lwaseMzantsi Afrika, uMongameli uJacob Zuma uza kuqhuba inkqubo kaMongameli iSiyahlola eGiyani, eLimpopo, ngomhla wama-31 kweyeDwarha wama-2014. 

3.3 IKhabhinethi yamkele ingxelo yenkqubela yokufezekiswa kweNkqubo-sikhokelo neSivumelwano soShishino lwezeMigodi oluZinzileyo ethiwe thaca kwiqumrhu loThethathethwano lukaZwelonke leCandelo leMigodi.

Eli qumrhu libonakalisa ukuzinikela kwabo bonke abachaphazelekayo ngokumanyeneyo kwikamva lemigodi eMzantsi Afrika, kunye nokudala nokugcina ukulingana phakathi kwemiyalelo yezentlalo noqoqosho kunye neenjongo zotyalo-mali.

IKhabhinethi yamkela ukuzinikela kwakhona kwabachaphazelekayo kwiSivumelwano seNkqubo-sikhokelo soShishino lweMigodi oluZinzileyo kunye nokufumana izisombululo zexesha elide kwimingeni ejongene nolu shishino.

3.4 IKhabhinethi yamkele isibhengezo sikaMongameli uJacob Zuma ngenkqubela eyenziwa yinkqubo ebizwa ngokuthi yi-Operation Phakisa yokuvula amandla ezoqoqosho lweelwandle zaseMzantsi Afrika ngendlela ezinzileyo.

Isicwangciso sokuziswa kweenkonzo esenziwe nguMongameli uJacob Zuma sisisondeza ekuqondeni iinzuzo zoqoqosho lwezaselwandle, olunokuba negalelo leebhiliyoni ezili-R177 kwisambuku semveliso yelizwe kwaye ludale ngaphezulu nje kwesigidi semisebenzi. 

Iprojekthi yesibini yenkqubo ebizwa ngokuthi yi-Operation Phakisa yaqalisa ngomhla we-13 kweyeDwarha wama-2014 kwaye iza kugxininisa kwiikliniki ezisebenza kakuhle kwinkqubo yethu yezempilo. Uluhlu lwemisebenzi luza kuphonononga eli candelo lize liphuhlise izicwangciso zokuziswa kweenkonzo eziza kubhengezwa kuluntu xa zigqityiwe.

3.5 IKhabhinethi ifumene iNtetho ngoMqago-nkqubo woHlahlo-lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS), ebonelela ngesishwankathelo senkqubo-sikhokelo senkcitho ekuthi kulungiselelwe ngayo uhlahlo-lwabiwo-mali lwesizwe kunye nolwamaphondo.  

IKhabhinethi yamkela amanyathelo abhengezwe ngexesha le-MTBPS okunqanda inkcitho kuRhulumente.

IKhabhinethi iqinisekisa abemi baseMzantsi Afrika ukuba nangona sikwimeko yoqoqosho enzima urhulumente uza kuqhubeka efaka imali kwiinkqubo zakhe zezentlalo, kutyalo-mali lweziseko zophuhliso nezingundoqo kunye namaqithi-qithi okuxhasa amashishini abalulekileyo.

4. Uluvo lweKhabhinethi kwiMiba eGqubayo

4.1 IKhabhinethi yamkele amanyathelo athathwe liSebe lezaMandla okuphucula ukhuseleko lwamandla, ukusabela kwiimfuno zoqoqosho kunye nokudala imisebenzi efunekayo. Ukutyikitywa kwezivumelwano zentsebenziswano phakathi koorhulumente linyathelo elilungileyo lokukhusela iimfuno zamandla zelizwe.

Ezi zivumelwano zityikityiweyo zongeza kwelo nani lababoneleli ngenukliya ilizwe elinokukhetha phakathi kwabo kwinkqubo yalo yokuthenga inukliya kwaye ziphawula isiganeko esibalulekileyo sokubekwa kokhuseleko lwamandla kwindawo ephambili kweli.

Le nkqubo ithatha ilizwe ilibeke kufutshane nokuba lihlelwe njengesikhululo esigqwesileyo esikhoyo samandla enukliya ngesikhululo iKoeberg lize lifikelele kushishino ngokubanzi lwenukliya oluzibonelayo nekulindeleke ukuba lube negalelo kumandla ombane ozigigawati (i-GW) ezi-9.6 kumbane welizwe uphela.

IsiCwangciso soPhuhliso seSizwe sinikela ilizwe ukuba liphonononge zonke iindlela zokuvelisa amandla ezikhoyo ukuze zikhusele ukufumana kwethu amandla kwixesha elizayo. IKhabhinethi ithemba ukuba umxube wamandla oMzantsi Afrika, oquka amalahle, ilanga, umoya, amanzi, igesi kunye namandla enukliya – uza kuqinisekisa umthombo othembekileyo wamandla ukuhlangabezana neemfuno zokukhula kwelizwe, kuvumele ukulingana phakathi kwemithombo yamandla kuze kusincede sifikelele kwesijolise kuko ekunciphiseni ikhabhoni.

4.3 IKhabhinethi yamkela kwaye ivuyisana nawo onke amaqela ezopolitiko ngokuhlanganisa kwakhona nangempumelelo iPalamente yaseLesotho kwiveki ephelileyo ngokuhambelana neSibhengezo soQuquzelelo saseMaseru ngokuququzelelwa nguSekela Mongameli uCyril Ramaphosa.

4.4 IKhabhinethi iyaphinda ukuthi uMzantsi Afrika uthathe amanyathelo abalulekileyo okuthintela isifo se-Ebola ekubeni sisasazeke kweli lizwe.

Ukugadwa kwawo onke amazibuko okungena komeleziwe ukuze kuchongwe imikhuhlane yeentsholongwane ezophisayo, ingakumbi i-Ebola. Urhulumente useke iqela lesizwe lokusabela xa kungakho imeko yokuqhambuka kwesi sifo kwaye zizibhedlele ezili-11 ezilungiselelwe ukuba ngamaziko onyango lwe-Ebola.   

IKhabhinethi ixhasa iinzame zoMbutho wezeMpilo weHlabathi ekusekeni amaziko okunyanga i-Ebola kunye nokomeleza umthamo weelebhu zokuvavanya, ukulandelela ukuba isigulane besihlangene nabani na, ukufundisa uluntu, imingcwabo ekhuselekileyo yababulewe sesi sifo kunye nokukhathalelwa kwezempilo yabo bangenaso isifo se-Ebola eNtshona Afrika.

IKhabhinethi ibongoza abantu kunye nabezoshishino kwihlabathi liphela ukuba babe negalelo kwiNgxowamali yokuSabela kwisifo se-Ebola eyasekwa ukuncedisa onke amazwe aseNtshona Afrika achaphazelekayo ekulweni nesi sifo sitshabalalisayo.

IKhabhinethi yamkele ukubanjwa kwabantu abathandathu abayanyaniswa nobusela beentambo zombane obuye banesiphumo sokungabikho kwamanzi kwinxalenye yephondo laseGauteng. Aba bantu bayinxalenye yeqela lemigulukudu ekukholelwa ukuba amapolisa ayaphazamise kakhulu imisebenzi yawo ngokubamba aba bophuli-mthetho. IKhabhinethi ivakalise uluvo lokuba ubusela beentambo zombane nezinye izenzo ezinxulumene noko – ukubiwa kweziciko zemingxuma abangena kuyo abasebenzi xa belungisa umonakalo, iintsimbi zokhuselo ezibhulorhweni, iintsimbi ezixhasa iingcingo zombane, iingcingo zokubiya, njalo njalo, zifana nokonakalisa ngabom inkqubo yelizwe yeziseko eziluncedo nezingundoqo. Urhulumente uza kuqinisekisa ukuba abenzi bobubi ababanjelwe ubusela ngokuthenga iintambo zombane ezibiweyo bafumana ezona zigwebo ziqatha umthetho onazo. Urhulumente uxhalabile ngulo mba kwaye akazi kuthandabuza ukuthatha amanyathelo aqatha ukuwuphelisa lo mkhwa. 

4.5 Icandelo leSebe lezoRhwebo noShishino elibizwa ngokuthi luRhwebo noTyalo-mali lwaseMzantsi Afrika (i-TISA), lifumene imbasa kwiveki ephelileyo kwiNkomfa yeZizwe eziManyeneyo engoRhwebo noPhuhliso lweQumrhu loTyalo-mali lweHlabathi eGeneva ngokuxhasa utyalo-mali oluzinzileyo. Le mbasa yeyomsebenzi owenziwe yiTISA wokuxhasa ukusekwa komzimveliso we-Unilever Indonesia eThekwini, ovulwe nguMphathiswa wezoRhwebo noShishino ngexesha uMzantsi Afrika ubusindleke iNkomfa yaMazwe ngaMazwe ye-17 (i-COP 17).

4.6 IKhabhinethi ifumene iinkcukacha ezintsha ngokudilika kwesakhiwo eNigeria. Enye ingxelo iza kunikwa emva kwale ntlanganiso.

5. Imisitho esendleleni

5.1 UMongameli uJacob Zuma uza kuba sisithethi sembeko xa esenza intetho yakhe phantsi komxholo othi “IHlabathi njengeMarike enye esaKhasayo”, kwiNkomfa ye-innovaBRICS & Beyond eLondon ngomhla wama-27 kweyeDwarha wama-2014. 

Le nkomfa idibanisa iinkokeli zikarhulumente nabezoshishino abasebenza okanye abanomdla kwimarike ezisakhasayo, ukuba baphonononge kwaye baxoxe ngamathuba otyalo-mali kunye nemingeni ekhoyo kwezi marike.

IKhabhinethi yamkele iNkomfa ye-iinnovaBRICS & Beyond njengethuba lokubeka uMzantsi Afrika njengelizwe lotyalo-mali eliphambili kumashishini ase-United Kingdom kunye nezinye iimarike ezisakhasayo.

5.2 UMongameli uJacob Zuma uza kwamkela uMongameli uPierre Nkurunziza waseBurundi ngomhla we-4 kweyeNkanga eKapa. Olu tyelelo luza komeleza ubudlelwane obukhoyo nobusele bomelele phakathi kwala mazwe mabini luze luqhubele phambili ukurhwebelwana phakathi kwamazwe elizwekazi.

5.3 ISebe lezaManzi noGutyulo lweLindle, ngentsebenziswano neBhunga laBaphathiswa base-Afrika bezaManzi (i-AMCOW), iKomishoni yoPhando ngezaManzi yoMzantsi Afrika, i-SADC kunye noMbutho wabaseTyhini weNtsebenziswano ngezaManzi, baza kusingatha iNkomfa yeSini, aManzi kunye noPhuhliso eMonti ukususela kumhla we-3 ukuya kowe-7 kweyeNkanga wama-2014 phantsi komxholo othi “ISini, aManzi noPhuhliso – ukuhlangana okungekabhaqwa”.

I-ajenda yale nkomfa iza kumiselwa nguMgaqo-nkqubo kunye neNkqubo-sikhokelo yoHlengahlengiso lweSini kwiCandelo lezaManzi e-Afrika ze-AMCOW, eneenjongo ezisixhenxe ezigxininisa kumgaqo-nkqubo, imithombo, ubuchule bophando, ukwakha umthamo, intsebenziswano kunye nokovavanya nokuhlola, ukuze zifikelele kweyona njongo ibanzi ekukulingana ngesini kumgaqo-nkqubo wezamanzi. 

5.4 IKhabhinethi inqwenelela bonke abafundi impumelelo njengokuba belungiselela iimviwo zokuphela konyaka. Ezi mviwo zisisixhobo esisebenzayo sokulinganisa ukungenelela kwethu kwezemfundo okufana noHlolo loNyaka likaZwelonke (i-ANA) kunye neNkcazelo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam nokuHlola (i-CAPS).

IKhabhinethi ikwamkele ukuqinisekiswa liqumrhu Umalusi ukuba eli lizwe likulungele ukuqhuba iimviwo zeBanga le-12 phakathi kwama-27 kweyeDwarha kunye nama-28 kweyeNkanga kowama-2014.

Bonke abazali, kunye noluntu bayakhuthazwa ukuba baxhase abafundi njengokuba belungiselela iimviwo zabo.

IKhabhinethi isekwanqwenelela iklasi yematriki yowama-2014 impumelelo kwiimviwo zabo ezizayo. IKhabhinethi ibongoza abazali ukuba baxhase uNyulo lweQumrhu eliLawulayo eSikolweni lowama-2015 ukususela ngomhla we-6 ukuya kowama-28 kweyoKwindla ngokuthi babe ngabagqatswa okanye ngokuvota.  

5.5 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba baxhase iNyanga yeSizwe yokuQonda amaLungelo abaKhubazekileyo phakathi komhla we-3 kweyeNkanga ukuya kowe-3 kweyoMnga wama-2014 phantsi komxholo othi “Ukubhiyozela iminyaka engama-20 yamalungelo abantu abakhubazekileyo phantsi kolawulo lwethu lwentando yesininzi”.

Ukususela ngowe-1994 senze imitsi ebonakalayo ekuqhubeleni phambili amalungelo nomgangatho wobomi babantu abakhubazekileyo ngokuwisa imithetho, ngemiqago-nkqubo kunye nokungenelela kwezentlalo. NgokoHlaziyo lwemiNyaka engamaShumi amaBini 1994- 2014, kwasekwa i-Ofisi yeWonga laBantu abaKhubazekileyo, kwamkelwa iNkqubo-sikhokelo eHlangeneyo yeSizwe yabaKhubazekileyo, kwabakho ukukhathalelwa kwezempilo simahla, ukuncediswa kwezentlalo kunye nemfundo equkayo ababonelelwa ngayo abantu abakhubazekileyo. 

IsiCwangciso soPhuhliso seSizwe sizinikele ukuba njengesizwe senze ngaphezulu ukwandisa ukufikelela kwiinkonzo, ingakumbi umgangatho wezemfundo kunye nengqesho yabantu abakhubazekileyo.

5.6 Ngomoya weNyanga yezoThutho, iKhabhinethi ibongoza bonke abasebenzisa iindlela ukuba babenenkathalo ezindleleni zethu ngokugcina isantya esimiselweyo kunye nokuqinisekisa ukuba izithuthi zikwisimo esilungele ukuhamba endleleni. Urhulumente uhlaba ikhwelo kubahambi ngeenyawo ukuba basebenzise iindlela ngononophelo kwakunye nokuba bonke abasebenzisa iindlela bahloniphane omnye nomnye.   

6. Izikhundla

6.1 IKhabhinethi yamkele ukuqeshwa kwaba balandelayo kwiBhodi yoMbutho weSizwe woPhando:

  1. UNjing Mala Singh (uqeshiwe kwakhona);
  2. UNjing Mamokgethi Phakeng;
  3. UNjing Ari Sitas;
  4. U-Adv Louisa Zondo;
  5. UNjing Tinyiko Maluleke;
  6. UGqr Vathiswa Papu-Zamxaka;
  7. UNksz Gail Campbell
  8. UMnu Mashangu Lubisi
  9. UNjing Tyobeka (uqeshiwe kwakhona);
  10. UNjing Sunil Maharaj (uqeshiwe kwakhona)
  11. UGqr Peter Clayton (uqeshiwe kwakhona);
  12. UNjing Loyiso Nongxa (Sihlalo);
  13. UNksz Joanne Yawitch; kunye
  14. NoNjing Murray Leibbrandt (uqeshiwe kwakhona).

6.2 IKhabhinethi yamkele ukuqeshwa kwaba balandelayo kwiBhodi yokuVavanya ubuNini bokuQamba

  1. UNksz Elena Mihail Zdravkova;
  2. UNjing Christiena Maria van der Bank (uqeshiwe kwakhona);
  3. UNksz Shanaaz Tiry (uqeshiwe kwakhona);
  4. UNksz Sandra Clelland (uqeshiwe kwakhona); kunye
  5. NoMnu Paul Sibisi (uqeshiwe kwakhona).

6.3 IKhabhinethi yamkele ukuqeshwa kwamaLungu eNkundla yamaTyala kwiNkundla yamaTyala eeNkampani  

  1. UNjing Kasturi Moodaliyar;
  2. U-Adv Lizelle Dominique Haskins;
  3. UMnu Mmoledi Fairhope Malokane; kunye
  4. NoMnu Peter John Veldhuizen.

6.4 IKhabhinethi yamkele ukuqeshwa kwaba balandelayo kwiBhodi kaGunyaziwe wezoPhapho lwaBantu waseMzantsi Afrika. 

  1. UMnu Smunda Mokoena (Sihlalo);
  2. UNjing Ntombizozuko Dyani-Mhango;
  3. UNjengele Nhlanhla Lucky Job Ngema;
  4. UNksz Lizeka Dlephu;
  5. U-Adv Roshan Dehal (uqeshiwe kwakhona);
  6. UNksz Doris Dondur (uqeshiwe kwakhona); kunye
  7. NoMnu Mongezi India.

6.5 IKhabhinethi yamkele ukuqeshwa kwaba balandelayo njengabaLawuli beeNgxowamali abangekho kwiSigqeba soLawulo kwiBhodi yeNgxowamali yezokuXhobisa yeSizwe.

  1. UMnu R Garach;
  2. UMnu A Raiz;
  3. UNksz Z Ntlangula;
  4. UNksz N Mosala;
  5. UNksz A Makwetla; kunye
  6. NoNksz J Williams.

6.6 IKhabhinethi yamkele ukuqeshwa kukaMnu Fundisile Mketeni njengeGosa eliyiNtloko yeSigqeba (i-CEO) leMiyezo yeSizwe yaseMzantsi Afrika (i-SANParks) phantsi kwesivumelwano nomqeshi seminyaka emihlanu.

6.7 IKhabhinethi yandise ixesha lesivumelwano nomqeshi sikaNksz Thuli Radebe njengeGosa eliyiNtloko yeSigqeba leZiko lokuNgenisa izinto eziNtsha laBasebenzi bakaRhulumente (CPSI) ngeminye iminyaka emithathu.

6.8 IKhabhinethi iphumeze ukuqeshwa kukaNksz Lakela Kaunda njengeGosa eliyiNtloko lemiSebenzi kwi-Ofisi kaMongameli.

Imibuzo:  Mnu Donald Liphoko, Inombolo yeselula: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore