Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesine, umhla we-16 kweyeNkanga 2023

A.  Imiba engundaba-mlonyeni
UVuselelo noHlumo loQoqosho

1.  UPhando lweKota lwezeMisebenzi (i-QLFS)
1.1.  IKhabhinethi iyazamkela iziphumo ze-QLFS, zekota yesithathu yowama-2023 ezikhutshwe liziko lezeeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-StatsSA) ezibonise ukuba inani labantu abaphangelayo lingaphezulu kwelo labo babephangela phambi kokufika kwe-COVID-19. 
1.2.  IKhabhinethi iyavuyiswa zindaba zokuba linye nje kuphela iphondo elingakhange libe negalelo kweli nani lingama-399 000 lilinani elinyuke ngalo inani labantu abaphangelayo laya kutsho kwizigidi ezili-16.7 kwikota yesithathu, xa lithelekiswa nabo bazizigidi ezili-16.3 bekota yesibini yowama-2023. Amaphondo abe nabantu abaninzi abathe bafumana imisebenzi yiKwaZulu-Natal (ebenabantu abangama-152 000), iLimpopo (abangama-70 000), uMntla Ntshona (abangama-61 000) kunye neMpumalanga, abonisa ukuba ziya zizalisekiseka iinjongo zesiCwangciso zokuVuselelwa nokuHlaziywa koQoqosho zokwakha ngokutsha ngcono, ngqingqwa nangokuquka wonke umntu.
1.3.  IKhabhinethi iyalibulela igalelo elenziwe ngala macandelo kumalinge okudala imisebenzi:
1.3.1.1.  Inani labantu abafumene imisebenzi kwicandelo lamashishini abhaliswe ngokusesikweni ngama-287 000 lize lona eli linamashishini angabhaliswanga ngokusesikweni libe ngama-29 000.
1.3.1.2.  Icandelo lezimali (eliquka iinkonzo zamashishini) lidale imisebenzi engama-237 000.
1.3.1.3.  Icandelo leenkonzo zoluntu nezentlalo lidale imisebenzi engama-119 000 lize lona elezolimo lidale engama-61 000.
1.4.  IKhabhinethi iqaphele nomonakalo owenziwa zingxaki zombane nokuthuthwa kwemithwalo kwimizi-mveliso, kwicandelo lemigodi, elezothutho kunye nelezeenkonzo. IKhabhinethi inethemba lokuba ziza kubonakala kungekudala iziphumo zalo msebenzi wenziwayo wokuphelisa ingxaki kacimi-cimi wombane kunye neyothutho okanye ukuhanjiswa kwemithwalo. 
1.5.  IKhabhinethi ichulumancile kuba nangona nje kukho iingxaki inani labantu abatsha abangaphangeliyo lithe ngcembe lisihla (lehle ngo-1.9% kule kota ingaphambili), laze elabantu abatsha abafumene imisebenzi lenyuka ngama-237 000, laya kutsho kwizigidi ezithandathu zabantu abatsha bebonke.

2.  Amaphulo otyalo-mali

3.  Ezi ndaba zincumisayo azibonakali nje kuphela kumba wokuvuseleleka kunye nokuhluma koqoqosho, koko iKhabhinethi iphinde yavuyiswa lolunye utyalo-mali oluxabise imali ezibhiliyoni ezintlanu zerandi ngu-Ford Motor Company lokwenza imoto yabo eluhlobo lwe-Ford Ranger ehamba ngombane namafutha, eyenzelwe ukuba ithunyelwe kumazwe angaphandle ase-Europe kwakunye nase-New Zealand nase-Australia. Le nkampani kungoku nje iqeshe abantu abangama-5 200 eMzantsi Afrika. 
3.1.  IKhabhinethi iyalwamkela notyalo-mali olwenziwa ngabakwa-Procter & Gamble (u-P&G) kumzi-mveliso wale nkampani wale mihla ose-Ekurhuleni e-Gauteng oza kuvelisa i-Pampers Premium Care. Imali esele ityalwe ngu-P&G iyonke ukususela kowama-2018 ngoku izizigidi ezingama-900 zeerandi kwaye iqeshe abantu abasebenza kuyo ngqo kunye nakwamanye amashishini asebenzisana naye abangaphezulu kuma-4 000. 
3.2.  Olu tyalo-mali lwenziwe zezi nkampani zimbini, u-Ford Motor Company no-P&G, lububungqina obubonisa igalelo olwenziwa liphulo likaMongameli Cyril Ramaphonsa lokutsalela utyalo-mali kweli lizwe esebenzisa iNkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika, futhi lubonakalisa nokuba uMzantsi Afrika ngenene unamathuba otyalo-mali amahle.

4.  Inyama ebomvu yoMzantsi Afrika iza kuthunyelwa e-Kingdom of Saudi Arabia
4.1.  IKhabhinethi iyakwamkela ukutyikitywa kwesivumelwano senyama ebomvu kunye ne-Kingdom of Saudi Arabia, ngethuba leNgqugquthela yoTyalo-mali ye-Afrika ne-Saudi Arabia. Esi sivumelwano silinyathelo elibalulekileyo lokuqinisekisa ukuba iimveliso ezenziwe ngenyama ebomvu zoMzantsi Afrika zithunyelwa kweliya lizwe, size futhi siphucule nangakumbi igalelo lecandelo lezolimo kuhlumo loqoqosho nakumalinge okudala imisebenzi. 
4.2.  IKhabhinethi imqhwabele izandla uMphathiswa uThoko Didiza kunye noMphathiswa u-Ebrahim Patel ngomsebenzi omhle abawenzileyo wokuqinisekisa ukuba inyama ebomvu yoMzantsi Afrika ngoku iza kukwazi ukuya kuthengiswa kweliya lizwe. 

5.  Iingxelo zangabom ezingeyonyani malunga nezinto ezifunwayo kwiCandelo lezoLimo ngokuMgaqo-nkqubo wokuXhotyiswa kwabaNtsundu ngezoQoqosho (i-Agri-BEE) xa kuthunyelwa iimveliso zolimo kumazwe angaphandle
 
5.1.  IKhabhinethi izigxibha kabukhali iindaba zangabom ezingeyonyani ezisasazwe ngamajelo eendaba athile zokuba izinto ezifunwayo ngokwe-Agri-BEE xa kuthunyelwa iimveliso zolimo kumazwe angaphandle ngeenjongo zokuthelekisa iintlanga ezahlukeneyo zeli, futhi ifuna nokukhumbuza amajelo eendaba ukuba amalungelo ayo nawo ahamba noxanduva.
5.2.  IKhabhinethi ilibulela kakhulu icandelo lezolimo, ingakumbi i-SA Wine kunye ne-Agricultural Chamber of Business, ebizwa ngokuba yi-Agbiz, ngokuwakhaba la malinge okudala ujamelwano phakathi kweentlanga ezahlukeneyo zeli ngokuthi lize ngaphambili libuphikise obu buxoki lakububona bupapashwe kumajelo eendaba. Ngokuthatha eli nyathelo eli candelo lilandelele kanye lo moya ububethelwa liqela lesizwe loMboxo leli, i-Springboks, lokuba uManyano ngenene ngaMandla (Stronger Together).

6.  Ezokhenketho
6.1.  IKhabhinethi isiqaphele isivumelwano sentsebenziswano esikhoyo phakathi kweSebe lezoKhenketho kunye no-Google futhi ithi siza kunceda kakhulu ukuthengisa uMzantsi Afrika njengelizwe elinomtsalane kakhulu kubakhenkethi.
6.2.  Esi sivumelwano sineenjongo, phakathi kwezinye izinto, zokukhuthaza ukuba kusetyenziswe ubuxhaka-xhaka bale mihla kuze kuphuculwe icandelo lezokhenketho futhi kuze nozinzo kulo, kuquka nesithembiso esenziweyo sokuba u-Google Maps, uza kusebenzisa ubuxhaka-xhaka bakhe akhombe iindawo ezinamazinga aphezulu olwaphulo-mthetho.

IDabi lokuLwa uLwaphulo-mthetho noRhwaphilizo

7.  Idabi eliHlangeneyo lokuLwa uLwaphulo-mthetho
7.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukutyalwa kwamalungu angama-3 300 oMkhosi wezoKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika (i-SANDF), ukususela ngomhla wama-28 kweyeDwarha 2023 ukuya kutsho kumhla wama-28 kuTshazimpunzi 2024, apho eza kuncedisa uMbutho wamaPolisa woMzantsi Afrika (i-SAPS) kunye nezinye ii-arhente zogcino-mthetho ukulwa ingxaki yokwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni kweli lizwe. 
7.2.  Ukutyalwa kwala majoni kungqina ukuzibophelela kukarhulumente kwidabi lokulwa umkhuba wokombiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni kunye nokudalwa kweemeko eziza kukhuthaza uhlumo oluza kuxhanyulwa nguye wonke umntu kunye nokwenza iinguqu kuqoqosho.
7.3.  AbaPhathiswa abayinxalenye yeNtlanganisela yezoBulungisa, ukuLwa uLwaphulo-mthetho noKhuseleko banike ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe ukuza kuthi ga ngoku kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho, waze yena uMphathiswa wezamaPolisa wanika ingxelo ngeenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zakutsha nje.

8.  INgqungquthela ye-National Anti-Corruption Advisory Council’s (NACAC) National Dialogue
8.1.  IKhabhinethi iyakwamkela ukusingathwa ngempumelelo kwe-Ngqugquthela yeSizwe ye-NACAC, ebigwadla umsebenzi osele wenziwe malunga nokuphunyezwa kwesiCwangciso-qhinga seSizwe sokuLwa uRhwaphilizo kunye nezindululo zeKhomishini eKhokelwa yiJaji yokuPhanda iziTyholo zokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso.
8.2.  Lo msebenzi sele wenziwe uquka imithetho esibhozo kweli-16 ecetywayo ukusabela kanye kwizindululo zeKhomishini yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso ekungoku nje esele ithiwe thaca ePalamente. Le Mithetho iYilwayo inyathela imiba efana nentengo karhulumente, utshintsho kulawulo, indlela yokuziphatha yabasebenzi bakarhulumente, utshintsho kwiinkonzo zobuntlola, ukuthutyeleziswa kwemali kunye neenguqu kwimithetho yezonyulo.
8.3.  ICandelo lokuThinjwa kweMpahla likhutshelwe imiyalelo yokuthimba kumatyala anxulumene nokubanjwa ngobhongwane kombuso axabisa imali ezibhiliyoni zerandi ezili-14 kwaye sele likwazile nokubuyisela kurhulumente imali efunyenwe ngondlela mnyana ezibhiliyoni zeerandi eziyi-5.4. Ukongeza, iCandelo lezophando sele lise ezinkundleni amatyala angama-34 anxulumene nokubanjwa ngobhongwane kombuso, la matyala abandakanya abantu abatyholwayo abangama-205.

9.  Idabi lokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina
9.1.  IKhabhinethi ikugxibhe kabukhali ukuhlatywa komfundi wase-Cape Peninsula University of Technology ngumyeni wakhe.
9.2.  IKhabhinethi icela isizwe ukuba sisebenzisane norhulumente ukusiphula neengcambu ubundlobongela obusekelwe kwisini ngelithuba ii-arhente zogcino-mthetho ziza kubamba abenzi bale mikhuba mibi.

10.  Ukusweleka kwabantwana ngenxa yokungondleki
10.1.  IKhabhinethi ikhathazekile zingxelo zeKhomishini yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika (i-SAHRC) ezingokusweleka kwabantwana ngenxa yokungondleki.
10.2.  IKhabhinethi ifuna ukukhumbuza uluntu ngeenkqubo zenkxaso zikarhulumente ezifana nesiBonelelo-mali saBantwana esineenjongo zokunceda iintsapho zikwazi ukufunela abantwana izinto ezingundoqo. Oku kongeza kwiNkqubo yeziBonelelo zeNtlalo athi urhulumente aqinisekise ukuba amakhaya asokolayo afumana ukutya okuya egazini ngeNkqubo yeSizwe yokuTyiswa kwaBantwana eziKolweni kunye neNkqubo yoLuntu yokuTya kunye namaziko ophuhliso.

11.  Ukubhalisela uNyulo
11.1.  IKhabhinethi ibongoza kwakhona abantu abanelungelo lokuvota ukuba bayekubhalisela unyulo kwizitishi zokuvota ezikufutshane kubo, kuquka nokunikezela ngeenkcukacha zabo ezintsha ngeMpelaveki yokuBhalisela uVoto ukususela ngomhla we-18 ukuya kowe-19 kweyeNkanga 2023.
11.2.  Ukuncedisa abavoti abafuna ukuya kuthatha iincwadi-zasizi zabo ababezifakele isicelo okanye abafakele isicelo sikaLindela, iSebe leMicimbi yezeKhaya liza kuvula ngamaxesha afanayo nalawo e-IEC ngala mpelaveki yokubhalisela ukuvota.
11.3.  IKhabhinethi ikhumbuza abemi beli ukuba bangakubhalisela ukuvota naku-intanethi kule webhusayithi ithi: (https://registertovote.elections.org.za/Welcome) neyaqala ukusebenza ngeyoMdumba 2023, babhalise okanye bahlaziye iinkcukacha zabo.

Uphuhliso lweziSeko ezinguNdoqo

12.  Ezamandla

12.1.  UMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli ojongene nezoMbane unike ingxelo egcweleyo ngeza kutsha nje malunga nemeko kunye nomsebenzi osele wenziwe ngombane. 

13.  Ukufumaneka kwamanzi oneleyo
13.1.  IKhabhinethi iyavuyiswa zingxelo zokuba iimbambano eyayikhokelele ekubeni kubekho ulibaziseko kwi-Mzimvubu Dam zisonjululwe kwaye umsebenzi wokukhomba indawo ekuza kusetyenzelwa kuyo uqale ekuqaleni kule nyanga yeNkanga, ngeli thuba zisaqhubayo iindibano zokufakana imilomo neenkokeli zemveli ngemiba yezentlalo.
13.2.  IKhabhinethi inikwe ingxelo ngezakutsha nje ngokuba uyaqhuba umsebenzi wokunyuswa kodonga le-Clanwilliam Dam ukuze eli dama likwazi ukugcina amanzi azizigidi ezingama-344 zetyhubhikhi mitha ukwenzela abantu boMasipala wesiThili wase-West Coast, uMasipala weNgingqi wase-Cederberg kunye noMasipala weNgingqi waseMatzikama.
13.3.  IKhabhinethi inikwe ingxelo ngokuba umsebenzi wokwakhiwa kwe-Tzaneen Dam waqala ngeyeSilimela 2023 kwaye kulindeleke ukuba eli dama ligqitywe ngoTshazimpunzi 2025.
13.4.  IKhabhinethi ichazelwe ukuba igqiza elibambiseneyo loomasipala abambaxa abathathu (owase-Ekurhuleni, owaseRhawutini nowaseTshwane) kunye ne-Rand Water liza kuqhubeleka lidibana yonke imihla ukuze kulungiswe ezi zinto zingoonobangela beengxaki zamanzi. Into engundoqo kwezi ngxaki zamanzi e-Gauteng kukuvuza kwamanzi okubangelwa ziziseko ezingundoqo zikamasipala ezindala kunye nokuqhwalela kwindlela ehlolwa ngayo imibhobho yamanzi evuzayo kunye nokungalungiswa komonakalo kwezi ziseko.

14.  IsiGaba sesiBini se-SA Connect
14.1.  IKhabhinethi ifumene yaze yaqwalasela ingxelo ngezakutsha nje malunga nokuphunyezwa kwesiGaba sesi-2 seProjekthi ye-SA Connect. I-SA Connect yinkqubo ephambili karhulumente efuna ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyafikelela kwiinkonzo ze-intanethi ngokufakela i-Wi-Fi emakhaya nakumaziko karhulumente kulo lonke eli.
14.2.  Malunga nomsebenzi osele wenziwe wesiGaba 2 sale projekthi, iKhabhinethi ivuyiswe kakhulu ukuba amakhaya ali-1 000 afakelwe ubuxhaka-xhaka be-intanethi ehamba ngesantya esiphezulu nokuba kucetywa ukufakelwa i-Wi-Fi kwezinye iindawo ezili-1 000 ngethuba kufika inyanga yoMnga yowama-2023.
14.3.  Ukongeza, le projekthi ifakele ubuxhaka-xhaka bokuhambisa i-intanethi into leyo iza kunceda amakhaya atsho akwazi ukuba ne-intanethi engatyabuli kakhulu. Ngokuhlawula nje i-R249 ngenyanga, ikhaya ngalinye lingakwazi ukufumana i-intanethi ehamba ngesantya esiphezulu, futhi ixabiso le-data liza kuba phantsi kakhulu nge-R5 nje kuphela nge-gig ngosuku.
14.4.  Kuqikelelwa ukuba le projekthi iza kuba negalelo elikhulu ekuncedeni abantu bathathe inxaxheba kuqoqosho ngokuthi inike amathuba emisebenzi abantu abangenazakhono zigqibeleleyo abangama-4 505 kunye nabali-169 abanezakhono, kwaye iza kuxhasa iinkampani ezincinci ukuya kweziphakathi ezingama-75.
14.5.  Ukongeza, i-intanethi ehamba ngesantya esiphezulu iza kufakelwa kwizikolo ezingama-18 000, amathala eencwadi angama-943, amaziko empilo angama-5 731 kunye neenqila zeenkokeli zemveli ezingama-8 241 kwezi nyanga zizayo ngoncedo lwamaphulo ophuhliso oluntu eenkampani zeziseko zonxibelelwano.
14.6.  Kulindeleke ukuba le projekthi iza kufakela iintambo ze-intanethi kumakhaya azizigidi ezihlanu kunye namaziko oluntu aza kuba ne-Wi-Fi angama-32 000 mbombo zone zeli kwezi nyanga zingama-36 zizayo.

15.  UkuFudukela kuSasazo oluDijithali
15.1.  IKhabhinethi iwuqaphele umsebenzi osele wenziwe malunga nokufudukela kuhlobo losasazo oludijithali usuka kolu-analogue. Ukususela ngomhla wama-23 kweyeKhala 2023, zonke izixhotyana ezili-123 zosasazo olu-analogue ezingaphezulu kwe-694 Megahertz zacinywa kula maphondo mane ashiyekileyo, angala: iMpuma Koloni, KwaZulu-Natal, Ntshona Koloni ne-Gauteng. Oku kuza kukhupha amaza osasazo afunekayo kunxibelelwano lweeselula, nakobunye ubuxhaka-xhaka bolwazi nonxibelelwano. 
15.2.  IKhabhinethi ixelelwe ukuba uMphathiswa wezoNxibelelwano neeNtlobo zobuXhaka-xhaka Bale Mihla umisele eyoMnga yowama-2024 njengenyanga ekumiselwa ukucinywa bonke ubuxhaka-xhaka bosasazo olu-analogue, nokuba umsebenzi usahamba kakuhle ngokwangoku ukuqinisekisa ukuba oku kuza kwenzeka ngenene ngale nyanga imiselweyo.

16.  INkqubo yokuCoca nokuTyala iMithi kooMasipala
16.1.    IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba babe yinxalenye yephulo lokucoca izwe lakuthi lihlale lingenankunkuma ngokuthi bathabathe inxaxheba kumaphulo okucoca nokutyala imithi oomasipala aqhuba kulo lonke eli lizwe. Le nkqubo esele idale amathuba emisebenzi engama-37 000 yenzelwe ukususa iinkunkuma kwiindawo ezingama-7 251 ekulahlwa kuzo iinkunkuma ngokungekho mthethweni kweli lizwe. 
16.2.    Eli phulo liquka ukucoca izitalato mihla le, ukuthutha iinkunkuma kwiindawo ekulahlwa kuzo inkunkuma ngokungekho mthethweni, ukucoca imimandla engasenxwemeni kunye nokuhlaziya iipaki.

Isakhono soMbuso

17.  IziPhumo eziNcumisayo zoPhicotho-zincwadi zikaZwelonke nezamaPhondo (unyaka-mali wama-2022/23)
17.1.  IKhabhinethi inikwe ingxelo nguMphicothi-zicwandi-Jikelele woMzantsi Afrika (i-AGSA) ngeziphumo zophicotho-zincwadi zikazwelonke nezamaphondo zonyaka-mali wama-2022/23.
17.2.  I-AGSA ichaze ukuba iziphumo zophicotho-zincwadi ziyanelisa into leyo ethetha ukuba iya iphucuka indlela ekuqhutywa ngayo malunga nokuphendula ngomsebenzi wakho, ukwenza izinto elubala, ukusebenza ngobunono nangokuhlakaniphileyo.
17.3.  Amasebe kunye namaqumrhu afumene iziphumo zophicotho-zincwadi ezincumisayo nezingenamakhwiniba anyukile ukusuka kwangama-94 ngonyaka-mali wama-2018/2019 aya kutsho kwali-147 ngonyaka-mali wama-2022/23, ziphumo ezo zibonise ukuphucuka kweziphumo zophicotho-zincwadi iminyaka ilandelelana.
17.4.  Amasebe namaqumrhu afumene iziphumo zophicotho-zincwadi ezingenamakhwiniba kodwa ezikhomba imiba efuna ingqwalasela ali-161, into ethetha ukuba ayi-39% yawo onke la enziwe uphicotho-zincwadi.
17.5.  Inani lamaqumrhu namasebe afumene iziphumo zophicotho-zincwadi ezikhwinisayo lehlile lisuka kuma-25 ngonyaka-mali wama-2018/2019 laya kutsho kwisihlanu ngonyaka-mali wama-2022/2023, into leyo ethetha ukuba yi-1% kuphela yamaqumrhu enziwe uphicotho-zincwadi.
17.6.  Nangona uMphicothi-ziNcwadi-Jikelele esithi imali elahlekileyo zibhiliyoni zeerandi ezili-14, amanyathelo athatyathiweyo ukulungisa ezi ndawo zingundoqo bezikhwinisa abonakalisa ukusebenza.
17.7.  Nangona isekhona imingeni, iziphumo zophicotho-zincwadi zowama-2022/23 zikazwelonke namaphondo zichaza ukuba alinyanisanga olu luvo luthi kuRhulumente kukwavula-zibhuqe, akukho kwanto isebenzayo kuba uhlolo olwenziwa ngamaziko azimeleyo afana ne-AGSA lubonakalisa ukuba izinto ziya zisiba ngcono kakhulu.

18.  Ezobudlelwano namaZwe ngamaZwe – uTyelelo lwasebuRhulumenteni oluya e-Qatar
18.1.  Kule veki iphelileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa uqukumbele utyelelo lwakhe lwasebuRhulumenteni e-Qatar emva kokuba emenywe ngoHloniphekileyo u-Sheikh Tamim bin Hamad Al Thani, iKumkani yeLizwe lase-Qatar. Olu tyelelo liqinise ubudlelwano obuneminyaka engaphaya kwamashumi amathathu buqhuba.
18.2.  UMongameli ebehamba negqiza eliphezulu loosomashishini kwaye babambe iindibano zokufakana imilomo noosomashishini belizwe lase-Qatar abaphuma kumacandelo ahlukeneyo ngeenjongo zokuphucula ubudlelwano bezorhwebo.
18.3.  UMongameli Ramaphosa kunye nale Kumkani bavumelene ukuba baseke amaqela aza kuphicotha imiba ethile eza kuqwalasela umba wokunyuswa komthamo wotyalo-mali olusuka e-Qatar lusiza eMzantsi Afrika lulingane nobudlelwano bentsebenziswano obukhoyo phakathi kwala mazwe mabini. 

19.  Imiba yeHlabathi
19.1.  IKhabhinethi iyaliphinda elokuba mayiphele imfazwe egquba e-Gaza elalithethwe zinkokeli zase-Afrika ngethuba kubanjwe iNgqungquthela ye-Afrika ne-Saudi e-Riyadh eyayibizwe nguMntwana weGazi, iNkosana u-Mohammed Bin Salman. Kule ngqungquthela wagxijwa kabukhali umba wokubulawa kwabantu kunye nokwaphulwa kwemithetho yehlabathi nguRhulumente wase-Israel.
19.2.  IKhabhinethi ixhalabile yindyikityha eyenziwa nguRhulumente wase-Israel kubantu base-Palestine, kuquka nokuhlaselwa ngabom kwesiKolo seZizwe eziManyeneyo (i-UN) esise-Gaza kunye nokubulawa ngolunya kwamakhulu abantwana ababencathame kwesi sikolo. Le ndyikitya yongeza kule iqhubekayo yokuhlaselwa kwabasebenzi besibhedlela, izigulane kunye neziseko zesibhedlele. 
19.3.  Kungenxa yezi zenzo zibonisa inkohlakalo egqithisileyo zenziwa nguRhulumente wase-Israel kuba engoyiki bani futhi exhaswa aze amelwe ngamazwe anobunganga, lento ngomhla we-17 kweyeNkanga 2023, uMzantsi Afrika – kunye ne-Comoros, i-Djibouti, i-Bolivia ne-Bangladesh – uthe ngokubambisana nala mazwe wathumela lo mba we-Palestine ne-Israel kwiNkundla yoLwaphulo-mthetho yeHlabathi (i-ICC).
19.4.  Nangona uRhulumente wase-Palestine wayeyicelile i-ICC ngowama-2018 ukuba iphande izenzo zolwaphulo-mthetho enegunya lokuziphanda, uMzantsi Afrika ukholelwa ukuba le ndyikitya iqhubekayo ngoku ingakumbi e-Gaza ifuna ukukhe inikwe ingqwalasela futhi isicelo soku ngoku sixhaswe ngokupheleleyo ngamanye amazwe. Unozakuzaku wethu e-The Hague usifake ngokwakhe buqu esi sicelo sokuba i-ICC iphande izenzo zolwaphulo-mthetho zexesha lemfazwe, izenzo zolwaphulo-mthetho ezenziwa ebantwini abaninzi nokutshatyalaliswa kwesizwe sonke ngeenjongo zokuba abenzi bobubi baziswe ngaphambili, bazokuphendula. Ngenxa yokuba uninzi lwabantu kwihlabathi luzibonela ngawalo amehlo le ndyikitya, kuquka neentetho ezikhuthaza ukutshatyaliswa kwesizwe sonke ezenziwa zinkokeli zase-Israel, sinethemba lokuba iza kukhutshwa kungekudala imiyalelo yokuba mazibanjwe ezi nkokeli, ziquka neNkulumbuso u-Netanyahu.
19.5.  I-ICC yayikhe yawuphanda lo mba wase-Palestine ngowama-2021 ngethuba kusonjululwa umba onxulumene nemida. Kodwa ngoku siqaphele ukuba i-Ofisi yoMtshutshisi ihamba ngonyawo lwelovane nangona nje lo ingumba onobuzaza. Le ndyikitya siyibonayo ngoku ngeyingekho ukuba uphando lwaluqhutywe kanye ngela thuba amagosa asemagunyeni elizwe lase-Palestine ayewuthumele kwi-ICC lo mba.
19.6.  Siyathemba ukuba njengokuba ke ngoku namazwe athe nawo alixhasa ilizwi lokuba i-Israel iyeke ukuzenzela unothanda, futhi bukhona nobungqina obuninzi, imiyalelo yokubanjwa iza kuba sele ikhutshiwe ngethuba iNkomfa yaMazwe angamaLungu iza kudibana e-New York phakathi kwinyanga yoMnga. Ukuba oku akwenzekanga lo nto iza kuthetha ukuba i-ICC ayifuni nje qha ukuthatha amanyathelo futhi ibonise phandle ukuba iinkqubo zolawulo zehlabathi azikwazi ukwenza umsebenzi wazo ke ngoko kufuneka kumiselwe iinkqubo ezintsha.
19.7.  Inani labantwana ababulewe kule nyanga iphelileyo lingaphezulu kwalabantwana abebebulawa ngonyaka kuzo zonke iindawo ezinongquzulwazo kule minyaka mithathu idlulileyo. Abasebenzi abaninzi be-UN ababulelwe e-Gaza bangaphezulu kubo bonke abasebenzi be-UN ababuleweyo ukususela oko yasekwayo. Inani leentatheli ezibulewe nalo liphezulu kakhulu. Bonke abantu babulewe ngenxa yezenzo zikaRhulumente wase-Israel, hayi kuba ezikhusela, koko befuna ukukhupha wonke umntu welizwe lase-Palestine e-Gaza aze ayithathele kuye i-Gaza, ngokobungqina obuvela kwiintetho ezenziwa zinkokeli zase-Israel.
19.8.  Alikwazi ihlabathi ukuhlala nje lisonge izandla, malifunquke ngoku linqande le ndyhikitya yokutshatyalaliswa kwesizwe sonke.

B.  IziGqibo zeKhabhinethi – kuquka nezo zeNtlanganiso eKhethekileyo yeKhabhinethi, yangomhla wesi-9 kweyeNkanga 2023
1. ImiBhiyozo yesiKhumbuzo semiNyaka engama-20 ye-African Peer Review Mechanism (i-APRM) 

1.1.  IKhabhinethi isiqwalasele yaze yasixhasa isicelo sokuba uMzantsi Afrika usingathe imibhiyozo yesiKhumbuzo semiNyaka engama-20 ye-APRM ukususela ngomhla wama-23 ukuya kowama-30 kweyeNkanga 2023. UMzantsi Afrika uyawuxhasa umsebenzi we-APRM wokukhuthaza ulawulo lwentando yesininzi kunye nophuhliso oluquka wonke umntu kweli lizwekazi.
1.2.  Kule mibhiyozo yeMinyaka engama-20 ziza kuthatha inxaxheba iinkokeli zoorhulumente nemibuso eziphetheyo ngoku nezangaphambili kunye neKhomishini ye-AU.

2.  Ukusetyenziswa kwemali ekwi-Criminal Assets Recovery Account (i-CARA)
2.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukusetyenziswa kwemali ekwi-CARA ukulwa ingxaki yemigodi engekho mthethweni kunye nezinye izenzo zolwaphulo-mthetho.
2.2.  Imali eyi-R2 172 359 ibekelwe bucala ukulwa ukwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni eqhubelekayo nokubeka uqoqosho loMzantsi Afrika emngciphekweni. Le mali inikwe i-SAPS, i-SANDF, iSebe leMicimbi yezeKhaya kunye ne-Arhente yoLawulo lweMida. I-SAPS le mali iza kuyisebenzisela ukuthenga iimoto, iinqwelo-ntaka, iimoto ezibizwa ngokuba ziNyala kwaye iza kutyala amanye amapolisa angama-4 000 iinyanga ezili-18.
2.3.  Imigodi engekho mthethweni kunye nezinye izenzo zolwaphulo-mthetho eziqhutywa yimigulukudu zityabula uMzantsi Afrika imali ezibhiliyoni zeerandi ngonyaka, kwaye ezi zenzo ziyalingcolisa igama lethu njengelizwe elithandwa kakhulu ngabatyali-zimali.

3.  IsiCwangciso sokuPhunyezwa kwePhulo lokuTshintsha uHlobo lwaMandla esiwaSebenzisayo ngobuNono (i-JET-IP)
3.1.  IKhabhinethi iyivumile i-JET-IP, eza kukhokela amaphulo oMzantsi Afrika okutshintshela kuhlobo loqoqosho olusebenzisa ikhabhoni encinci ngokuthi kuveliswe ngesantya esifanelekileyo amandla ahlaziyekayo.
3.2.  I-JET-IP imisela amanyathelo aliqela kunye notyalo-mali olufunekayo eMzantsi Afrika ukuze ilizwe likwazi ukutshintshela kuhlobo loqoqosho olungavelisi ikhabhoni eninzi nolukwaziyo ukumelana nemozulu eguquguqukayo ngokweMilinganiselo eMiselweyo yeLizwe ngalinye eyayichazwe kwi-UN. IKhabhinethi inoluvo lokuba i-JET-IP ibonisa ukuzibophelela koMzantsi Afrika kwinkqubo yokutshintsha uhlobo lwamandla olusetyenziswayo ngobunono ngendlela eza kuhambisana nomthamo wamandla esiwafunayo.
3.3.  I-JET-IP iza kuthi ize isebenze kuqale kwenziwe iinguqu ezithile kwicandelo lezamandla kunye ne-Mpumalanga Just Transition, i-New Energy Vehicles kunye ne-Green Hydrogen, phakathi kwezinye izinto. Esi sicwangciso sihambelana kanye nezithembiso ezazenziwe nguMzantsi Afrika kwisiVumelwano sase-Paris kunye nesiVumelwano sesiCwangciso-qhinga se-UN esiMalunga noGuquguquko lweMozulu kwaye nezithembiso ezikwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP). I-JET-IP iza kunceda uMzantsi Afrika ukwazi ukuzalisekisa izithembiso owawuzenzile malunga nokuphungula umthamo wekhabhoni ngeli xesha uqinisekisa ukuba kukho uhlumo oluqukwa wonke umntu, umbane owaneleyo futhi kudaleka nemisebenzi.

4.  UMgaqo-nkqubo weSizwe osayilwayo wesiBonelelo seziThuthi zikaWonke-wonke
4.1.  IKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe kwigazethi uMgaqo-nkqubo weSizwe osayilwayo wesiBonelelo seziThuthi zikaWonke-wonke ukuze uluntu luhlomle. Lo mgaqo-nkqubo uphakamisa ukuba imali exhasa izithuthi zikawonke-wonke kufuneka itshintshe ukuba sisibonelelo esiya kuhlobo oluthile lwesithuthi koko sibe sesiya ngqo ebantwini abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke.
4.2.  Urhulumente uyayiqonda into yokuba icandelo lezothutho libaluleke kakhulu kuphuhliso lweli lizwe, kuba amakhaya amaninzi axhomekeke kuphela kwizithuthi zikawonke-wonke ukuze bakwazi ukuhamba-hamba. 

5.  Iingxelo zomsebenzi eziphuma kabini ngonyaka zesiCwangciso-qhinga esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) sowama-2019-2024
5.1.  IKhabhinethi ifumene yaze yaqwalaselwa iingxelo zomsebenzi eziphuma kabini ngonyaka ze-MTSF zexesha elisuka kumhla woku-1 kuTshazimpunzi ukuya kowama-30 kweyoMsintsi 2023. Ezi ngxelo ziyinxalenye yezinto ezikhokeliswa phambili ezidityanisiweyo eziza kunceda ukuba kufezekiswe iinjongo ze-NDP.
5.2.  Ezi ngxelo zigxile kwizinto ezisixhenxe ezikhokeliswa phambili zikarhulumente ezikhonjwe ngulo rhulumente wathatha intambo zolawulo ngowama-2019, ezizezi:

  • Umba oPhambili wokuQala: Ukwakha urhulumente onesakhono, othembekileyo nokhokelisa phambili uphuhliso;
  • Umba oPhambili wesiBini: Izakhono zemfundo nezempilo;
  • Umba oPhambili wesiThathu: Ukuphucula imali-sibonelelo sezentlalo ngokusebenzisa iinkonzo ezisiseko ezithembekileyo nezisemgangathweni;
  • Umba oPhambili wesiNe: Ukuhlaliswa kwabantu abahlukeneyo kwindawo enye, ukuhlaliswa koluntu kunye norhulumente wengingqi;
  • Umba oPhambili wesiHlanu: Ukuhlalisana ngoxolo
  • Umba oPhambili wesiThandathu: Iinguqu kuqoqosho nokudalwa kwemisebenzi;
  • Umba oPhambili wesiXhenxe: I-Afrika engcono nehlabathi elingcono.

5.3.  UMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli ojongene noCwangciso, uHlolo noVavanyo uza kuchophela iintlanganiso noonondaba apho eza kube ehamba neentlanganisela ngeNkqubo yokuSebenza.

C.  ImiThetho eYilwayo

1.  UMthetho oYilwayo weNkampani yeSizwe yoMzantsi Afrika yePetroliyam (i-SANPC)
1.1.  IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo we-SANPC ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uzalisekisa isigqibo seKhabhinethi sokudibanisa u-PetroSA, i-South African Gas Development Company (i-iGas) kunye ne-Strategic Fuel Fund.
1.2.  Lo Mthetho uYilwayo uvumela ukuba kusekwe inkampani yombuso eza kuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika uthatha inxaxheba ngokugcweleyo kumaphulo okukhangela irhasi ne-oli. Uza kuqinisekisa ukuba eli lizwe linamandla oneleyo aza kunceda kuphuhliso nohlumo loqoqosho. 
1.3.  I-SANPC iza kuba liliso elikhokela ucwangciso, ukulawula nokuphathwa kweemveliso zepetroliyamu zelizwe, kwaye iza kufaka isandla kumalinge ophuhliso nawokudala imisebenzi.

D.  Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1.  Ukuqeshwa kwakhona kukaGq Molefi Motuku njengoGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) kwi-Council for Mineral Technology (i-MINTEK) (ukuqeshwa kwakhona);
2.  Ukuqeshwa kukaMnu Siyabulela Koyo njenge-CEO ye-Amatola Water;
3.  Ukuqeshwa kwakhona kukaNkzs Poppy Khoza njengoMphathi oMkhulu we-South African Civil Aviation Authority (ukuhlaziywa kwesivumelwano sengqesho);
4.  Amalungu eBhodi ye-Phongolo – Umzimkhulu Catchment Management Agency.
(a)  Gq Thava Kelly (uSihlalo);
(b)  Mnu Sibusiso Makhanya (uSekela-Sihlalo);
(c)  Nksz Hlengiwe Ndlovu;
(d)  Mnu Bhekumuzi Gumbi;
(e)  Gq Lembi William Mngoma;
(f)   Nksz Snenhlanhla Mngadi;
(g)  Njing Purshottama Reddy;
(h)  Mnu Mdandla Myeni; kunye 
(i)   noNksz Nokuthula Khanyile
5.  Amalungu eBhodi ye-Vaal Orange - Catchment Management Agency. 
(a)  Mnu Desmond Solomon Fransman (uSihlalo);
(b)  Nksz Tsakane Zwane (uSekela-Sihlalo);
(c)  Mnu Hubert Thompson;
(d)  Nksz Nontuthuzelo Njeza;
(e)  Mnu Nakana Lazarous Masoka;
(f)   Nksz Ponatshego Lizzy Mothibi
(g)   Nksz Doris Liana Theresia Dondur;
(h)   Nksz Dichikane Rachel Mashego; kunye 
(i)   noMnu Louis Van Oudtshoorn.

E.  Imisitho ezayo

1.  INtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo obuChasene nobuNdlobongela Obenziwa kumaNina naBantwana (25 kweyeNkanga ukuya kumhla we-10 kweyoMnga)
1.1.   Lo nguNyaka wama-25 ukususela uMzantsi Afrika waqala iphulo leeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo obuChasene nobuNdlobongela oBenziwa kumaNina naBantwana. Eli liphulo liza kuphehlelelwa eMpumalanga eNsikazi Stadium, kwisiXeko saseMbombela phantsi komxholo othi: “Ukukhawulezisa amanyathelo okulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina: asishiyi namnye ngasemva” Umxholo osekele kulo wona uthi: “Amanina afumane ngokukhuselekileyo amanzi acocekileyo: ilungelo loluntu elisisiseko, lingomba wemiqobo ethintela amanina ukuba akwazi ukufumana amanzi ngendlela ekhuselekileyo kunye neenkonzo zogutyulo. 
1.2.  UMzantsi Afrika kunye ne-Union of Comoros baza kusingatha ngokubambisana i-3rd AU Men’s Conference on Positive Masculinity in Leadership to End Violence against Women and Girls ngomhla wama-27 nowama-28 kweyeNkanga 2023 ePitoli phantsi komxholo othi: “UkuZalisekisa iziThembiso Eziza kuSisa kwisiVumelwano seMbumba ye-Afrika sokuPhelisa ubuNdlobongela oBenziwa kumaNina namaNtombazana.”

F.  Imiyalezo

1.  Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:

  • kuNjing Dire Tladi, owasekuba ngoweDyunivesiti yasePitoli, ngokuthi achongwe yi-UN njengejaji yeNkundla yeHlabathi yezoBulungisa. UNjing Tladi sisifundiswa esihlonitshwa kakhulu, incutshe kwimicimbi yezozakuzo kwaye ungummi woMzantsi Afrika wokuqala ezimbalini ukuba atyunjwe kule Nkundla kule minyaka yayo ingama-78, kwaye uyijaji yesibini ephuma kulo mmandla we-Afrika eseMazantsi kunye nejaji yesibini eyiyona incinci ezimbalini ukutyunjwa yile nkundla.
  • kwi-AGSA ngokuba ityunjwe njengequmrhu lophicotho-zincwadi langaphandle loMbutho wezeMfundo, ezeNzululwazi nezeNkcubeko we-UN (i-UNESCO). Oku kungqina ukuba amaqumrhu oMzantsi Afrika angoompondo-zihlanjiwe abakwaziyo ukukhuphisana nehlabathi. Ngaphambili, i-AGSA yayiliqumrhu elingumphicothi-zincwadi wangaphandle le-UN, iminyaka eli-10.
  • kwi-Mamelodi Sundowns ngokuphakamisela phezulu igama leli lizwe ngokuthi yenze imbali ngokuphumelela itumente yokuqala ye-African Football League. Le mpumelelo ingomnye umzekelo obonisa ukuba imidlalo yenza ubumbano, into leyo incedayo kumalinge okwakha isizwe nokudibanisa imihlambi eyalanayo.
  • kwi-Mamelodi Sundowns Ladies ngokuthi iphumelele umdlalo wamanqam we-CAF Women’s Champions League apho ibethe i-Sporting Club Casablanca. 
  • kwi-Proteas ngokubonisa ukuzimisela nesibindi ngethuba bebethwa yi-Australia kumdlalo owandulela owamanqam we-Cricket World Cup kwaye iyavuyisana ne-Australia ngokuphumelela i-ICC 2023 World Cup.
  • kumakhwekhwetha womdlali nombhali wemidlalo yeqonga uGq John Kani, owongwe njenge-Officer of the Most Excellent Order of the British Empire (i-OBE) ngenxa yemisebenzi yakho kwimidlalo yeqonga. I-OBE liwonga lase-Britain lezidwangube ezingamanene eliwonga umntu ngegalelo lakhe elimandla kwikhondo lakhe.
  • kuMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, ezeNzululwazi noYilo, Gq Blade Nzimande, owongwe ngesikhundla sokuba yinjangalwazi ngegama yi-Beijing Jiaotong University e-China. Eli wonga ulifumene ngenxa yegalelo lakhe, kwaye libonisa ubudlelwano obukhulayo phakathi koMzantsi Afrika ne-China. 
  • kuGq Kogie Naidoo, owongwe nge-Outstanding Female Scientist Prize ebikhutshwa yi-European and Developing Countries Clinical Trials Partnership – inkqubo yophando-nzulu ye-European Union.
  • kwi-InvestSA yoMzantsi, elicandelo leSebe lezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano (i-dtic) ephumelele i-UN Investment Promotion Award kwi-World Investment Forum yesi-8, ngokubabaza kunye nokuququzela iprojekthi enkulu yezamandla equka utyalo-mali oluvela kumazwe angaphandle oluza kusetyenziselwa ukwakha eyona projekthi inkulu kweli lizwe yombane ohlaziyekayo, ekulindeleke ukuba ibonelele amakhaya angama-200 000 ngombane ongenabungozi kokusingqongileyo.
  • UMzantsi Afrika ububekwa kwindawo yokuqala yi-GBS World Competitiveness Index, ngenxa yenkxaso oyinika amaziko eminxeba nemibuzo kwicandelo le-Global Customer Lifecycle Management waze wabekwa kwindawo yesibini kwicandelo le-Global Customer Service and Support Services. 

2.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho nezihlobo:

  • zemvumi edumileyo yoMzantsi Afrika u-Marc Rantseli, owayelilungu leqela lomculo i-Marc Alex owaliseka nomntakwabo u-Alex Rantseli.
  • kwigqala nalowo wasekuba yintatheli nomhleli weendaba zemidlalo u-Sello Rabothata. Udume ngokuthanda ibhola ekhatywayo, futhi wayeyinxalenye yabo baqamba igama elithi Bafana-Bafana leQela leSizwe leBhola eKhatywayo loMzantsi Afrika.
  • kumsasazi kanomathotholo oyintandane u-Irvin Sihlophe, owayengumsasazi futhi nomdidiyeli weenkqubo zemidlalo ze-Ukhozi FM ka-SABC.
  • kummi wase-Palestine kodwa ebeyiNtloko ye-Gift of the Givers kwi-ofisi ese-Gaza, u-Ahmed Abbasi, obulewe kule mfazwe iqhubayo iphakathi kwe-Israel ne-Hamas.

Imibuzo: Nksz Nomonde Mnukwa – isiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485
 

Share this page

Similar categories to explore