INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-15 kweyoMdumba yowama-2017

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente

1.1. IKhabhinethi iyayamkela iNthetho engoBume beSizwe (i-SoNA) yowama-2017 kaMongameli uJacob Zuma phantsi komxholo othi “iNguqu eGqibeleleyo yezoQoqosho”. Ibe kwisigaba esisiqingatha sexesha lolawulo lwalo Rhulumente wathatha intambo zolawulo ngowama-2014 nobhengeze unyaka wama-2017 njengoNyaka ka-Oliver Reginald Tambo nonyaka wokuqinisa umanyano. 

UMongameli uJacob Zuma uyicacisile inkqubela esiyenzayo ekuphumezeni umbono weSizwe esiLawulwa ngokweNtando yeSininzi namanyathelo angundoqo okusisondeza kufutshane nangokukhawuleza kwisizwe esimanyeneyo, esingenabuhlanga, esingacaluli ngokwesini, esilawulwa ngokwentando yesininzi nesinekamva eliqaqambileyo. 

UMongameli uthethile ngokufezekiswa kwenkqubo kaRhulumente wavakalisa nangezicwangciso ezifezekisekayo eziluqilima ukwenzela ukufezekiswa okubonakalayo kwesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP), nesixhasa iNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) yowama-2014 ukuya kowama-2019.

I-SoNA yowama-2017 ibonakalisa ngokucacileyo ukuba amalinge adibeneyo karhulumente, abezoshishino nemibutho yabasebenzi ayaqalisa ukwenza umahluko obonakalayo ekuphunyezweni kwesiCwangciso esimaNqaku aliThoba.

IKhabhinethi yoleka umsundulu kwisimemo sikaMongameli sokuba makomelezwe amalinge agxile ekuqhubeni inguqu egqibeleleyo yezoqoqosho namalinge okukhawulezisa ukufezekiswa kwayo.

AbaPhathiswa abangamalungu eeNtlanganisela ezahlukeneyo baxakeke ngamalungiselelo okubamba iintlanganiso namajelo eendaba zasemva kwe-SoNA apho baza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngeNkqubo yokuSebenza kaRhulumente yowama-2017/18. INtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali iza kunika ingcaciso egcweleyo ngesabelo semali esiza kuya kweiinkqubo zukarhulumente ezahlukeneyo njengoko bekukhankanywe nguMongameli.

1.2. Iziphumo zeNgqungquthela engokuTyala-imali kwiMigodi yase-Afrika ebibanjelwe eKapa zibonakalisa ukukhokela kweli kukhuphiswano kwicandelo lezemigodi neminye kunye namanye amacandelo ahambelana nalo.

Icandelo lezemigodi lohlala liyintsika yoqoqosho loMzantsi Afrika ngegalelo eliyi-8% kwisambuku semveliso yelizwe (i-GDP), liqesha abantu abamalunga nama-460 000 kwaye lisenza imali kurhwebo namazwe angaphandle.

UMzantsi Afrika usahleli ulilizwe elinomvuzo nelibenzela imali abatyali-mali kwezemigodi, elinezimbiwa ezingavelisi mandla ezisahleli njengoko zinjalo emathunjini omhlaba eziqikelelwa ukuba zizitriliyoni eziyi-$2.5 ukuya kwezintathu.

Izilungiso eziza kwenziwa kuMthetho ongokuPhuhliswa kweZimbiwa neMithombo yePetroliyamu ngenyanga yeSilimela yowama-2017 nokupapashwa kwiphephandaba lombuso koMqulu wezeMigodi ohlaziyiweyo ngeyoKwindla yowama-2017 kwenza igalelo ekudalweni kwemeko yezolawulo esebenzekayo nekhuthaza utyalo-mali, urhwebo nophuhliso lwamashishini amancinci ngendlela elinganayo nelungele ezentlalo.

1.3. Le Indaba yomelezwe ngu-Invest Africa noliqonga leenkokheli zezoshishino, abatyali-mali noosomashishini ukuba bafumane ukuqonda nolwazi ngamathuba ase-Afrika.

1.4. IKhabhinethi iyasamkela isiVumelwano sokuHlawulwa kweTyala ekufikelelwe kuso licandelo lezokwakha norhulumente, elikwabizwa njengeNkqubo yoKwakha ngoKutsha ngokuziThandela (i-VRP).

Esi siVumelwano simisela iinjongo eziphambili zenguqu eziza kwenziwa zinkampani, nokuba kungokuthengiselwa kwabantu baseMzantsi Afrika abantsundu izabelo ezingama-40% ubuncinane okanye nokuba kungokwakha ubudlelwane bokusebenzisana neenkampani zokwakha ezincinci zabantsundu, ukunceda ukwandisa ingeniso yazo ifikele kuma-25% yengeniso yenkampani erhweba kumaZiko aRhweba ngeZabelo, njeli liseRhawutini (i-JSE), isithuba esingangeminyaka esixhenxe.

Esi sesona sivumelwano sineziphumo ezininzi secandelo kwakhe kwafikelelwa kuso norhulumente malunga nenguqu ukuza kutsho ngoku kwaye singanceda ukunika intsingiselo kumbono kaRhulumente wenguqu egqibeleleyo yezoqoqosho. Ikwayindlela enokusetyenziswa njengomzekelo nakwamanye amacandelo malunga nenguqu.

IKhabhinethi iyavuyisana nezo nkampani zokwakha ziyinxalenye yesi sivumelwano kwaye ibongoza zonke ezinye iinkampani zokwakha kweli candelo ezingekazibandakanyi nesi sivumelwano ngokwangoku, ukuba nazo mazizeke mzekweni zityikitye esi sivumelwano sobudlelwane sakhiwayo, ngokwenza izibophelelo ezifanayo khona ukuze ziphakamise inguqu kweli candelo. 

1.5. IKhabhinethi iwaqhwabela izandla onke amahlakani ezentlalo kwiBhunga leSizwe loPhuhliso lwezoQoqosho nezabaSebenzi (i-Nedlac) ngesivumelwano esiyimbali sokumiselwa koWona Mvuzo Mncinci uMiseleyo weSizwe wama-R20 ngeyure ukususela ngomhla ongekho ngaphaya kwekaCanzibe yowama-2018.

Esi sivumelwano soWona Mvuzo Mncinci uMiseleyo weSizwe namanye amanyathelo okomeleza uzinzo kwezabasebenzi kunye nokuxoxa imiba etya abasebenzi ngokubambisana linyathelo elibalulekileyo ekudaleni isizwe esilinganayo, esinobulungisa nesinekamva eliqaqambileyo njengoko kulindelekile ngokwe-NDP.

Owona mvuzo mncinci umiselweyo wesizwe, nongumlinganiselo apho kungafanelakanga ukuba kubekho nawuphi na umphangeli ohlawulwa ngaphantsi kwawo, uza kuphucula ngokuncomekayo ubomi bezigidi zabasebenzi abahlawulwa imivuzo emincinci uze uqalise ukulungisa imingeni yokungalingani kwemivuzo.

Umvuzo umiswe kwinqanaba elilelokukuqala eliza kwenza umahluko obonakalayo kubomi babantu baseMzantsi Afrika ngeli xesha uza kwenza kangangoko ukuqinisekisa ukuba oku akunafuthe libi kwezengqesho.

Amashishini angakwaziyo ukuhlawula owona mvuzo mncinci umiselweyo wesizwe angafaka izicelo zoxolelo lwexeshana, ngeli xesha kusaqwalaselwa amanyathelo okuncedana namacandelo abuthathaka kwezoqoqosho.

1.6. Umngeni wentswela-ngqesho uhleli ungowona mba uphambili karhulumente kwaye zonke iinkqubo namanyathelo okungenelela ajongiswe ekuguqulweni kwale meko, ingakumbi kule meko imaxongo yezoqoqosho.

IKhabhinethi iyakwamkela ukwanda kwemisebenzi ngekota yesine yowama-2016 xa kuthe kwadalwa izithuba zomsebenzi ezingama-235 000, ngokutsho koPhando lwezabaSebenzi lweKota. Ezi zithuba zomsebenzi zidalekileyo zivele ikakhulu kwicandelo leenkonzo, lize lilandelwe lelezothutho nelemizi-mveliso yeli.

Ezi zithuba zomsebenzi zidalekileyo ngale kota zithobe kancinci izinga lentswela-ngqesho laya kuma kuma-26.5%.

1.7. IKhabhinethi ibulela bonke abazali, ootitshala, abahlohli nabasebenzi abakwicandelo lezokubhalisa ngokuqalisa unyaka wokufunda wowama-2017 ngokuyimpumelelo. Imfundo ngomnye wemiba yethu engundoqo ephambili neyintsika yokufezekisa kwethu uMbono wowama-2030.

1.8. IKhabhinethi iyakuncoma ukuzinikela kwabaFundi beBanga le-12 bowama-2016 njengoko sibhiyozela ukwanda kwezinga labo baphumeleleyo ukusuka kuma-70.7% ngowama-2015 ukuya kuma-72.5% ngowama-2016. IKhabhinethi inqwenela bonke abafundi okuhle kodwa kwaye ilindele ukuba linyuke inani labo baza kuphumelela kubaFundi beBanga le-12 bowama-2017.  

IKhabhinethi iyabancoma abafundi abazakuhlalela ukubhala iimviwo zematriki zoxabangelo phakathi komhla we-11 kweyoMdumba ukuya kowe-18 kweyoKwindla yowama-2017 ngokuzingisa kwabo.

1.9. Njengenxalenye yamalinge karhulumente okuvuselela uluntu ukuba lukhusele ilungelo lemfundo, iSebe lezokuCwangciso, ukuHlola nokuVavanya liza kubamba IiMbizo zokuBuyela eSkolweni zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso ngomhla wama-25 kweyoMdumba yowama-2017 kuwo onke amaphondo. Imfundo sisiseko sazo zonke iinkqubo zikarhulumente kwaye onke amaLungu eKhabhinethi azakube ethatha inxaxheba.

Uluntu luyamenywa ukuba nalo lihambe namalungu eKhabhinethi, amaLungu ePalamente, iiNkulumbuso neenkokeli zoorhulumente bengingqi xa zityelela izikolo, amaziko emfundo ephakamileyo namanye amaziko emfundo.

1.10. Ngokuhambelana nemimiselo yoMqulu weNkululeko othi “imfundo ephakamileyo noqeqesho lwezobugcisa luya kuvuleleka kumntu wonke ngezibonelelo nangenkxaso-mali yokufunda karhulumente eziza kunikwa abo bafanelikeyo”.

Urhulumente ubonelela abafundi abatsha abangaphezu kwama-20 000 kwiidyunivesithi ezingama-23 ngenkxaso-mali yeSkimu seSizwe soNcedo lwezeZimali yabaFundi (NSFAS). Aba bongeza kubafundi abasaqhubayo nezifundo zabo abangama-107 000 abakwiidyunivesithi ezingama-25 kunye nabafundi abangama-737 747 abasaqhubekayo kwiikholeji zeMfundo noQeqesho lobuGcisa ezingama-35. 

1.11. Urhulumente wethu usaqhuba ukukhangela iindlela ezahlukeneyo zokufumana isisombululo senkxaso-mali eyakuhlala ihleli nesokuvulela abahluphekileyo amathuba nabo bamkela imivuzo ephakathi baqhubeleke nemfundo yamabanga aphezulu noqeqesho.  INkqubo yeNkxaso yezeZimali yaBafundi Ikusasa (i-ISFAP) isisivumelwano esisesokuqala  phakathi kukarhulumente nabezoshishino kwaye ikhokelwa liSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (DHET) futhi iinjongo zayo kukunceda abafundi ekuthiwa ‘ngabafundi abalenga-lengayo’, oko kukuthi, abo baphuma kumakhaya anemivuzo engaphezulu komyinge omiselwe yi-NSFAS, ongama-122 000 eerandi ngonyaka, kodwa bengenayo imali yokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo noxa kunjalo”.

Le projekthi isalingwa kwiidyunivesithi ezintandathu nekholeji enye ye-TVET kwaye iza kuxhasa ngezimali abafundi abamalunga ne-1 500 abafunda kuninzi lwezidanga ezikhoyo jikelele, kwakunye namabakala emfundo okufundela umsebenzi othile asixhenxe nesinye samabakala ezobugcisa kwixesha lonke lokulifundela ibakala elo.

Kwakhona bazakufumana nenkxaso yezokufunda, nenkxaso yezentlalo, uqeqesho kwizakhono zobomi, umcebisi ngenkxaso yezonyango apho kukho imfuneko khona. Kuza kudingeka imali engaphezu kwezigidi ezingama-200 eerandi ukuze le projekthi yokulinga iphumelele kwaye uninzi lwayo iza kuvela kwicandelo lezoshishino.

1.12. UKhuphiswano lwezaKhono lweHlabathi laseMzantsi Afrika lesibini nelisingathwe liSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho kwiZiko leNgqungquthela leZizwe ngezizwe Inkosi Albert Luthuli eDurban ukususela ngomhla we-13 ukuya kowe-17 kweyoMdumba yowama-2017, luza kuqhayisa ngezakhono zamagcisa azindidi asematsha kweli lizwe.

Lukwasebenza njengenkqubo enguvulindlela ukubalula nokufundisa ngokubaluleka kwecandelo lezobugcisa kuqoqosho lweli lizwe. Abaphumeleleyo bayegqitha baye kumela uMzantsi Afrika kuKhuphiswano lweZizwe ngezizwe lwezaKhono lweHlabathi oluza kubanjelwe e-Abu Dhabi e-United Arab Emirates kweyeDwarha yowama-2017.

1.13. Ukutyelela kukaMongamemi uJacob Zuma kwiSikhululo samaPolisa saseNyanga eKapa engachazanga kwenzeke ngexesha elinye nokukhutshwa kweziPhumo zoPhando ngaMaxhoba olwaPhulo-mthetho lowama-2015/16 liziko lezeeNkcukhacha-manani zoMzantsi Afrika.

Ukuya kukaMongameli kwesi sikhululo, okuhambe kakuhle kakhulu futhi nokuyinxalenye yenkqubo yokuHlola kaMongameli, iSiyahlola, lenze ukuba aziboneea ngawakhe amehlo umsebenzi owenziwayo ukulwa ulwaphulo-mthetho kulo mmandla.

Amasebe aphantsi kweNtlanganisela yezobuLungisa, uThintelo lolwaPhulo-mthetho noKhuseleko amanxada-nxada sithetha nje azama ukusabela kwimingeni esijongene nayo esi Sikhululo samaPolisa.

1.14. UPhando lwamaXhoba olwaPhulo-mthetho lubalulekile kuba lunika urhulumente isikhokelo sokuqulunqa imigaqo-nkqubo yokulwa ulwaphulo-mthetho. Oku kuhambelana nomnye wemiba ephambili karhulumente wokuba Bonke Abantu eMzantsi Afrika Abaziva nje beKhuselekile koko baKhuselekile ngenene.

Iziphumo zolu phando zinceda ekukhokeleni omnye umsebenzi osadinga ukwenziwa, ukuhambelana neendaba ezimnandi zemisebenzi ebe yimpumelelo eyenziweyo kule minyaka mihlanu idlulileyo, kunye noko kucingelwa namava wabemi.

2. Izigqibo zeKhabhinethi

2.1. UkuFezekiswa koVavanyo lokuSebenza koLawulo lokusiNgqongileyo kwiCandelo lezeMigodi, kuqukwe kwimpendulo yabalawuli nesicwangciso sokuphuculwa liSebe leMicimbi yezokusiNgqongileyo.

UMthetho weSizwe woLawulo lwezokusiNgqongileyo, we-1998 uyayicacisa indlela emalwenziwe ngayo ulawulo lokusingqongileyo ekufanele luqukwe kuwo onke amacandelo, kuquka necandelo lezemigodi. Injongo kukuqinisekisa ukuba impembelelo yemisebenzi yezokusingqongileyo ithonyalaliswa okanye ilawulwa ngokubonakalayo.

Uvavanyo luhlole ukuphathelela nokusebenza komthetho nokufezekiswa kwawo ukuze kuphunyezwe le njongo.

IKhabhinethi iyayixhasa “iNkqubo eNye yezokusiNgqongileyo” njengoko icetyiswe kwisiCwangciso sokuPhucula nesigunyaziso sokuqwalasela amanyathelo awongezelelekileyo okufezekiswa afana nokwenza ahambelane ngakumbi noMthetho woLawulo lokusiNgqongileyo oNgqalileyo.

IKhabhinethi iyazixhasa iingxoxo ezingokuvalwa kwemigodi ukuqinisekisa ngokukhuselwa kokusingqongileyo nokunciphisa imingcipheko yezentlalo noqoqosho kuluntu oluhlala kufutshane nayo. 

2.2. INgxelo yoNyaka yowama-2015/16 yeSibonelelo seRhafu soPhando-nzulu noPhuhliso (i-R&D) yowama-2015/16 enikezelwa ePalamente, ibonakalisa ukuba inkqubo yeSibonelelo seRhafu se-R&D ikukhuthaza njani ukwanda kotyalo-mali licandelo labucala kwi-R&D.

Oku kuyafuneka ukwandisa isakhono soqoqosho ukuze lukwazi ukudala imisebenzi, kwakunye nokwanda kokuphuphuma okuhle okufana nokudluliselwa kolwazi nophuhliso lwezakhono.   

Ukususela kweyoKwindla yowama-2015 ukuya KweyoMdumba yowama-2016, iSebe lezeNzululwazi nobuChwephetshe lifumene izicelo zesiboneleloserhafu ye-R&D ezili-189 kwiinkampani ezili-147. Oku kwandisa inani leenkampani ezithatha inxaxheba kule nkqubo yesibonelelo serhafu ukususela ukuqala kwayo ngowama-2006, layokufikelela kuma-962.

Ngeli xesha uNondyebo weSizwe uthelekelela ukuba yimali engaphezu kweebhiliyoni ezintandathu zeerandi sengeniso yerhafu aphulukene nayo ngenxa yesibonelelo serhafu ye-R&D. Kwangaxesha nye esi sibonelelo sixhase malunga nama-36.1 seebhiliyoni zeerandi kwinkcitho ye-R&D. 

Kwezi nkampani zingama-962, ama-47% ngamaShishini amaNcinci naPhakathi, i-12% ngamashishini amakhulu (anengeniso ezizigidi ezinga-41 eerandi ukuya kwizigidi ezili-100 zeerandi); ama-32% ngamashishini amakhulu kakhulu (anengeniso ezizigidi ezingaphezulu kwe-100 leerandi nangaphezulu) ize i-8% ibe zinkampani eziyingazichazanga ingeniso yazo.

2.3. IKhabhinethi ikwamkele ukuqaliswa kwenkqubo yokudityaniswa kohlahlo-lwabiwo mali lukarhulumente lube phantsi kwemisebenzi yoPhando-nzulu noPhuhliso (R&D).

I-NDP iphawula ukuba i-R&D nobuchule zinendima enkulu ekufuneka ziyidlalile ekuphuculeni isakhonosoqoqosho loMzantsi Afrika lokukwazi ukumelana nokhuphiswano nokuxhasa uphuhliso lwezentlalo noqoqosho nemisebenzi.

Iziseko ezingundoqo ezibalulekileyo zezenzululwazi zesizwe zaseMzantsi Afika zidala kwaye zidinga ukuvuselelwa kwezobuchwepheshe okungxamisekileyo nokuphuculwa okuhambela namaxesha ukuze zikwazi ukunikezela inkonzo ebonakalayo ngokuzinzileyo. Iziseko ezingundoqo ezinjalo zikhulu kwaye zibiza kakhulu, ziza kufuna utyalo-mali oludibeneyo oluvela kuwo onke amasebe.
Olu hlahlo-lwabiwo mali ludibeneyo lucetyiswayo luza kufakwa ngesigaba esiphakathi sowama-2016/17 nesowama-2019/20.

2.4. IKhabhinethi yazisiwe ngenkqubela esele yenziwe kwiiprojekthi yeSizwa esiKhilomitha uBude nobuBanzi (i-SKA) neye-MeerKAT, nokusekwa okucetywayo kokudibanisa i-South African Radio Astronomy Observatory, nokusingathwa  kweteleskopu ye-Hydrogen Epoch of Re-ionisation Array (i-HERA) kwisiza se-SKA.

I-SKA ne-MeerKAT zenza enye yeeProjekthi zeziSeko ezinguNdoqo zobuChule ezilishumi elinesibhozo zeKhomishini yokuQuquzelela iziSeko ezinguNdoqo kaMongameli. Ezi projekthi zeziseko ezingundoqo zinkulukazi zenza igalelo kwi-NDP ngamandla wazo wokukhuthaza uphuhliso lwezoqoqosho, ukuvulela amathuba ezoqoqosho nokukhuthaza ukudalwa kwemisebenzi.

Intle inkqubela esele isenziwa kumalungiselelo we-SKA-1 eMzantsi Afrika kuquka nokufumaneka komhlaba nothethathethwano kwisivumelwano sehlabathi nenkqubo yokuthenga.

Kule minyaka ilishumi yayo iNkqubo yoPhuhliso lwabaSebenzi nezaKhono yaseMzantsi Afrika ye-SKA ikhuphe inkxaso-mali yokufunda yabantu abangaphezulu kwama-800, nenkxaso enkulu kwizikolo zase-Carnarvon. 

Kwi-MeerKAT umfanekiso wamaza wokuqala wezinto ezikude kakhulu esibhakabhakeni oveliswe ngee-eriyeli ezili-16 kuphela ubonisa iintlobo zeminyele yesibhaka-bhaka (ii-galaxy)  ezahlukeneyo ezingaphezulu kwe-13003 ezikude kakhulu ubonakalisa ukuba iyeyona teleskopu yerediyo inamandla  kwisiQingatha soMhlaba saseZantsi kwaye kulindeleke ukuba iza kuba yeyona teleskopu inamandla ehlabathini jikele yohlobo lwayo, xa sele igqityiwe.

Inani elipheleleyo lee-eriyeli ezingama-64 liyakube selifakiwe lisebenza kweyoKwindla yowama-2018, kwaye ama-75% ezixhobo nobuxhaka-xhaka eyakhiwe ngazo buveliswa kweli ukulungiselela ukuba amashishini alapha ekhaya ukuba athathe inkxaxheba ngamandla.

I-HERA ngumfuniselo onzulu wezenzululwazi oza ukwenza sikuqonde  ukuqulunqeka nokuzalwa kwee-galaxy kwaye ixhaswe ngezimali ikakhulu yiNgxowa-mali yezeNzululwazi yeSizwe yase-United States ngokusebenzisana neDyunivesithi yase-Cambridge.

Iziko lokulolonga isibhaka-bhaka neenkwenkwezi sisebenzisa amaza, eliza kubizwa nge njengeZiko loMzantsi Afrika lokuLolonga isiBhaka-bhaka neeNkwenkwezi ngaMaza (i-South African Radio Astronomy Observatory) liza kudibanisa iiprojekthi ezahlukeneyo nemisebenzi yacandelo lezenzululwazi ngokulolonga iinkwenkwezi kusetyenziswa amaza. Kukho iinzuzo ezikhuthazayo ekufanele zenziwe ngeZiko elinye leSizwe eliphantsi kweNgxowa-mali yoPhando-nzulu yeSizwe (i-NEF).

2.5. IPhepha loMgaqo-nkqubo lezeeNqwelo-moya nezoPhapho, elikhuthaza lize lixhobise ukhuseleko lweenqwelo-moya nezophapho, ukuthotyelwa kokhuseleko ngokusingqongileyo, kuye kwaphunyezwa. Ukwakhuthaza imfuno yesizwe yaseMzantsi Afrika ikwaququzelela nokwandiswa korhwebo nokhenketho.

Ukongeza apho ikwakhuthaza uphuhliso loshishino lweenqwelo-moya nezophapho lobuchule nolunemveliso, nolukwaziyo ukumelana nokhuphiswano lwalapha ekhaya nolwehlabathi.

2.6. IKhabhinethi ikwaphumeze isiCwangciso soPhuhliso seziKhululo zeeNqwelo-moya zeSizwe nesaqaliswa liPhepha loMgaqo-nkqubo lezeeNqwelo-moya nezoPhapho ukuncedisa kwizinto ezisilelayo kwezi zikhululo zeenqwelo-moya zikhoyo kunye nesimo esilindelekileyo sexesha elizayo.

Iza kukhokela ize ixhase ucwangciso lothungelwano oluthe gabalala nophuhliso lwesikhululo senqwelo-moya ngasinye sidityaniswe ngaphantsi komxholo obanzi wesithuba esikhoyo nesithuthi, ngothethathethwano nabadlali-ndima ebalulekileyo abangundoqo kwisikhululo seenqwelo-moya.

Iziseko ezingundoqo zezikhululo zeenqwelo-moya ziyinxalenye ebaluleke kakhulu kwinkqubo yezothutho yaseMzantsi Afrika kwaye zinegalelo kuphuhliso lwezentlalo noqoqosho lweli lizwe ngokuququzelela urhwebo nokhenketho lwasekhaya nolwezizwe-ngezizwe.

2.7. Uyilo loMgaqo-nkqubo wezoThutho lwaseLwandle oDibeneyo wama-2016 , uphunyeziwe, ukwenzela ukuba uluntu luhlomle.

Oku kubonelela ngenkqubo-sikhokelo yesizwe yokukhokela ulawulo oludibeneyo, uhlumo, uphuhliso nenguqu yecandelo lwezaselwandle, ngeenjongo zokuvulela amandla apheleleyo ecandelo laselwandle nokomeleza igalelo lalo kwiinjongo zophuhliso lwezentlalo noqoqosho lweli lizwe, ngeli xesha lisenza igalelo kurhwebo lwehlabathi.

Oku kuhambelana nemiba ephambili kaRhulumente ngokumalunga nephulo u-Operation Phakisa malunga nokukhulisa uQoqosho lwaseLwandle neenjongo ezibanzi ezivela kwi-NDP yowama-2030 nesiCwangciso seziSeko ezinguNdoqo seSizwe ukukhuthaza uhlumo lwezoqoqosho nokukhulisa ukudalwa kwemisebenzi.
3. ImiThetho esaYilwayo
3.1. Ukungeniswa koYilo lomThetho osaYilwayo wokuCwangciswa koMhlaba oseLwandle, wowama-2016 ePalamente. Lo mThetho usaYilwayo ubonelela ngenkqubo-sikhokelo yezomthetho ngokumalunga nophuhliso lwenkqubo yocwangciso lomhlaba oselwandle esiza kukhuthaza uhlumo lwezoqoqosho; kwaye siququzelelwa ngokudibanisa ucwangciso oluquka amacandelo amaninzi.

Uza kukhuthaza ulawulo oluhle lolwandle ngokuqinisekisa ngokubandakanyeka kwawo onke amacandelo kulawulo nocwangciso lomhlaba waselwandle. Uza kuququzelela: nokusonjululwa kweembambano (phakathi kwabo basebenzisa umhlaba waselwandle kunye noogunyaziwe abalawulayo); ukutyetyiswa kolwazi; ukuqonda nolawulo lomhlaba sommandla wolwandle eMzantsi Afrika.

Lo mThetho usaYilwayo uza kusebenzela uphuhliso oluzinzileyo, kunokuba usebenzele nje kuphela ulondolozo okanye ukukhuselwa kokusingqongileyo, ngenjongo yokwenza igalelo kwiinjongo ezongezelelekileyo zezentlalo nezoqoqosho jikelele.

Ikwa liphulo elingundoqo le-a-Operation Phakisa (uQoqosho lwaseLwandle) wokuqala ukuvulela amandla woqoqosho lwethu.

3.2. Ukungeniswa komThetho-siHlomelo weMigangatho yeeMveliso zezoLimo ePalamente. Lo mThetho usaYilwayo uhlomela umThetho weMigangatho yeeMveliso zezoLimo, we-1990 (umThetho onguNombolo 119 we-1990)

Lo mThetho usaYilwayo ugxile ekomelezeni inkqubo-sikhokelo yezolawulo ekuveliseni kwezolimo, ezempilo nokukhuseleka kokutya kwiimveliso ezithile zezolimo. Inkqubo-sikhokelo yolawulo ekumila kunje ikhuthaza ukukhuseleka kokutya kwaye idala nemeko eyenza ukuba ukuvelisa kwande kuze kuzinze. Oku kuza kwandisa iindlela zorhwebo ezingenamkhethe nokhuseleko lwabathengi.
3.3. Ukupapashwa koYilo loMthetho osaYilwayo weNkqubo yokuBhaliswa kweTayitile ngobuChwepheshe beKhompyutha, wowama-2016, ukwenzela ukuba uluntu luhlomle.

Lo mThetho usaYilwayo uququzelela uphuhliso, ukusekwa nokulungiswa kwenkqubo yokubhaliswa kwetayitile ngobuchwepheshe bekhompyutha eza kubonelela, ngobhaliso oluhle lwemithamo emikhulu yeetayitile ngenxa yamanyathelo obuyiselo mhlaba kaRhulumente wethu, ukuphucuka  kwexesha lokubonelela ngeetayitile ezibhalisiweyo namaxwebhu kubathengi; ukubonelela ilizwe jikelele ngofikelelo kwiinkonzo zobhaliselo lwetayitile; ukuchaneka okuxhotyisiwe kwimviwo nobhaliso; ukufumaneka kolwazi kuluntu; neempawu zokhuseleko kuquka nobumfihlo, phakathi kokunye.

Oku kukwaxhasa isimemo se-NDP sokuba kufezekiswe amanyathelo okulawula ulwazi ngokubonakalayo nobuchwepheshe bokuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika awuzibhaqi ushiyeka ngasemva ekuxhamleni imisebenzi emihle eyenziwa bubuxhaka-xhaka bobuchwepheshe bale mihla.

4. Imiba engundaba mlonyeni

4.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli uJacob Zuma, idlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho nabahlobo bezigulana ebezigula ngengqondo nezithe zasweleka eGauteng. URhulumente, nesizwe ngokubanzi, banoxanduva lokukhusela bakhathalele abo basemngciphekweni wokuba ngamaxhoba okuxhatshazwa.

IKhabhinethi imothulela umnqwazi uMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi ngokuchonga uNozikhalazo wezeMpilo ukuba makaphande bonke ubugwenxa obuthe benziwa ngamaziko ezempilo namagosa ezempilo. Amanye amanyathelo athe athathwa yiNkulumbuso yaseGauteng uDavid Makhura, nasukela kwingxelo kaNozikhalazo wezeMpilo, ayabuleleka.

Ukongeza apho iKhabhinethi icela iNkulumbuso uMakhura ukuba iqinisekise ukuba kuthathwa amanyathelo afanelekileyo ezoluleko kubo bonke abo bathe baziphatha ngendlela engafanelekanga okanye ngendlela engenankathalo.    

4.2. IKhabhinethi ibinokuxhalaba malunga nokuziphatha ngendlela engafanelekanga okuthe kwabonakaliswa kuVulo lwePalamente okungonelanga nje kukuphazamisa amalungelo wabanye ePalamente, kodwa namalungelo wabo bonke abemi boMzantsi Afrika.

IPalamente lelinye lamaziko aseMzantsi Afrika asekwa emva kokuba sifumanele ulawulo lwentando yesininzi, nelimiselwe ngokoMgaqo-siseko, ukuba ligcine uMqulu wamaLungelo oLuntu lize liphendule kubantu baseMzantsi Afrika – bonke abo bathe basithwalisa uxanduva lokuba sibakhokelele kubomi obungcono.

AmaLungu ePalamente, njengabameli babantu kufuneka bakhokelise iimfuno zabo bonke abantu baseMzantsi Afrika kuqala baze bayimele indima yeli ziko libalulekileyo. 

4.3. IKhabhinethi ithe yaziswa ngeNkanyamba uDineo, uMzantsi Afrika kulindeleke ukuba uza kufikelwa sisaqhwithi esinzima nezantyalantyala zemvula ukususela namhlanje, uLwesine, umhla we-16 kweyoMdumba yowama-2017 kude kufike impela-veki – ngeCawa umhla we-19 kweyoMdumba yowama-2017.

Le Nkanyamba iza kuchaphazela iphondo laseMpumalanga, neendawo ezisencamini yomntla waKwaZulu-Natal neLimpopo. Oku kuza kuchaphazela ikakhulu – i-Kruger national Park, Enhlanzeni, eVhembe, eMopani nakuMasipala wesithili wase-Waterberg. Imimandla yasempuma yeLimpopo nayo ingafumana izandyondyo zemvula ngoLwesihlanu, ethelekelelwa ngaphezulu kwama-200 mm kwixesha leeyure ezingama-24. 

IZiko loLawulo lweNtlekele leSizwe (i-NDMC) neZiko leMisebenzi eDibeneyo leSizwe (i-NATJOC) elenziwe ngamasebe namaziko karhulumente awohlukeneyo ayihlolile le meko aze avundlisa amaZiko emiSebenzi eDibeneyo wamaPhondo amathathu (i-PROVJOC) eLimpopo, eMpumalanga naKwaZulu-Natal. Le ndlela yokusebenza yamacandelo awohlukeneyo iza kunceda apho kuthe kwavela khona imfuneko ukuqinisekisa ngokhuseleko loluntu nokunciphisa umonakalo.

Urhulumente ubongoza lonke uluntu oluthe lwachaphazeleka ukuba lube nenkathalo ethe chatha njengokuba kulindeleke le nkanyamba izayo. Uluntu luyacetyiswa ukuba lunganqumli iindlela, iibhulorho nemilambo ephuphumayo. Sikwakhuthaza abazali, abagadi babantwana nabalondolozi babantwana ukuba baqinisekise ngokhuseleko lwabantwana babo ngexesha lale nkanyamba. Uluntu kufuneka lusebenzisane ukuqinisekisa ngokhuseleko lwabantu.

Nincede niphulaphule izilumkiso ngolwazi malunga neNkanyamba uDineo eziza kusasazwa kuzo zonke izikhululo zoonomathotholo zasekuhlaleni.

4.4. IKhabhinethi iwaxhasa ngokupheleleyo amalinge okungenelela kunye neendibano zokufakana imilomo noluntu eziqhutywa ligqiza likarhulumente, likhokelwa nguMphathiswa wemiCimbi yezeKhaya, uMalusi Gigaba, kunye noMphathiswa wePhondo wezoKhuseleko loLuntu (u-MEC) eGauteng, uSizakele Nkosi-Malobane ukuba bazixakekise ngemiba echaphazela uluntu kulo mmandla, ngokukodwa imiba enokwenza nomsebenzi wezobupolisa kunye nezityholo zezenzo ezingekho mthethweni ezenziwa ngabantu abavela kumazwe angaphandle.  

IKhabhinethi iyalixhasa ikhwelo loMphathiswa sokuba urhulumente wonke  abandakanyeke kule miba ivakalayo iphakanyiswe luluntu, nezakulungiswa ngolu hlobo: ukusekwa kweQumrhu loLawulo lweMida eliza kunceda ulawulo olungcono lwemida yethu, kubhaliswe bonke abantu abahlala eMzantsi Afrika, ukwenziwa ngcono komsebenzi wamapolisa nokuqinisekiswa ngokuthotyelwa kwemithetho noMgaqo-siseko weRhiphabliki ngabemi beli nabemi bamazwe angaphandle.

IKhabhinethi iyixhasa ngokupheleleyo intlanganisela yamasebe ezokhuseleko, ukuba iqinisekise ukuba le miba isonjululwa ngendlela eza kuluxolisa wonke umnntu waseMzantsi Afrika. Oku kuza kufunisa ukuba kubekho iindibano zokubonisana ezinika ithuba wonke umntu malunga nemiba yezobupolisa phakathi koluntu nabasemagunyeni. IKhabhinethi icela ukuba zonke iinkokheli nabameli boluntu ukuba bayihluze into abayithethayo xa bethetha esidlangalaleni, iingxaki kufuneka ziphathwe ngobunono nocoselelo.

4.5. Kwisehlo esahukileyo, iKhabhinethi iyakugxeka ukuhlaselwa kwabalandeli, abadlali namagosa ngexesha lomdlalo we-Absa Premiership obuphakathi kweMamelodi Sundowns ne-Orlando Pirates e-Loftus Versfeld nokuthe kwashiya kungxwelerheke abantu abali-13.

Olu hlobo lokuziphatha nezenzo zobundlavini zibeka ezemidlalo ehlazweni, zinika ilizwe lethu igama elibi kwaye zifuna ukuba abasemagunyeni bebhola ekhatywayo bathathe amanyathelo angqwabalala ekufuneka ethathwe ngokukhawuleza ukuqinisekisa ukuba izenzo ezilolu hlobo aziphinde zenzeke.

5. Imiyalezo yovelwano neyokuvuyisana

5.1. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho, izihlobo nabathandi bebhola yomboxo ngokushiywa ngowayesakuba ngukapteni wamaBhokobhoko u-Joost van der Westhuizen. UMongameli uJacob Zuma uye wavakalisa umngcwabo wakhe njengoMngcwabo oseSikweni ngokuKhethekileyo wePhondo ukuhlonipha eli gqala lebhola yomboxo loMzantsi Afrika.

5.2. IKhabhinethi iyakwamkela ukonyulwa koMphathiswa wezangaPhandle wase-Chad, uMoussa Faki Mahamat, njengoSihlalo omtsha weKhomishini yeMbumba ye-Afrika, engena ezihlangwini zikaGq Nkosazana Dlamini-Zuma waseMzantsi Afrika.

5.3. IKhabhienthi iyakwamkela ukuchongwa koMphathiswa uJeff Radebe, njengonozakuzaku woMzantsi Afrika kuBemi beHlabathi (i-Global Citizen), kwaye uza kuba yinxalenye yombutho wezigidi ezisibhozo zaBemi beHlabathi kwihlabathi jikelele.

Eli liqela loosaziwayo abaphezulu, abaqulunqi bemigaqo-nkqubo, iinkokheli zezoshishino, amatsha-ntliziyo nabadlali-ndima abalulekileyo abazinikeleyo ekulweni neyona mingeni mikhulu yehlabathi nokuphelisa indlala egqithisileyo. Umsebenzi weli qela uhambelana neenjongo ze-NDP zokuphelisa indlala nokunciphisa ukungalingani, kwaye kuxhamlisa inkqubo-sikhokelo yophuhliso yelizwekazi – i-Ajenda 2063.

5.4. UMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe, uNaledi Pandor, uza kuwongwa yi-American Association for the Advancement of Science ngenxa yendima yakhe kwezenzululwazi e-Boston, e-United States namhlanje.

5.5. IKhabhinethi ivuyisana nabaphumelele kwiiMbasa ze-Ubuntu zonyaka, nezisingathwe liSebe lezobuDlelwane baMazwe ngamazwe neNtsebenziswano ukubhiyozela abemi boMzantsi Afrika abadlale indima ebonakalayo ekunikeni uMzantsi Afrika igama elihle kwihlabathi.

Abo baquka: uWinnie Madikizela-Mandela; uSiyabulela Xuza; uPretty Yende; u-Esther Mahlangu; uGertrude Shope; noNozakuzaku waseChina u-Tian Xuejun. uSasol, iBabies Behind Bars kunye ne-Desmond Tutu HIV Foundation nayo iye yawongwa.

5.6. IKhabhinethi ikwaqhwabela izandla neqela le-South African Sevens elikwabizwa ii-Blitzboke ngokuphumelela itumentee ye-Rugby Sevens World Series e-Sydney. Kokwesibini eli qela liphumelela ukususela ekuqaleni konyaka emva kokuba ii-Blitzboke zaphumelela i-HSBC Wellington Sevens kweyoMqungu.

6. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

6.1. Nksz. Claire Busetti kwiBhodi yeNgxowa-mali yezoPhando-nzulu yeSizwe.
6.2. Mnu. KW Vukela njengeSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): uNikezelo-nkonzo kwiSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo (i-DPSA).
6.3. Nksz. JL Meyer njengeGosa lezeZimali eliyiNtloko e-Government Printing Works.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Inombolo yomnxeba: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore