INgxelo yeNtlanganiso yeKhabinethi yomhla wama-29 kweyoKwindla yowama-2017

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente

1.1. UMongameli Jacob Zuma uza kubiza Ingqungquthela kaMongameli yesithathu yooRhulumente beMimandla ukusuka ngomhla wesi-6 ukuya kowesi-7 kwekaTshazimpunzi wama-2017 phantsi komxholo othi “Ukuguqula uMhlaba kaMasipala kulungiselelwe uPhuhliso oluBonakalayo lwezeNtlalo nezoQoqosho”.

Le Ngqungquthela iza kugxininisa ekomelezeni oorhulumente bemimmandla njengenxalenye yesigaba sesibini senkqubo yokuBuyela kuNdalashe. Ukongeza, iza kuxovula umba wokusetyenziswa komhlaba ngendlela engenabulungisa kwakunye nokususwa kwabantu emhlabeni into leyo esaqhubayo nanamhlanje ukuchaphazela ubomi babantu bakuthi.

Eminye imiba iquka: ukwakha iindawo zokuhlala uluntu ezikwaziyo ukumelana neenzima ukuze kuthintelwe futhi kuphungulwe ulwamvila lweentlekele; kunye nokungena kwizivumelwano namaqoqo onke karhulumente ngeenjongo zokuzisa iinguqu zezentlalo nezoqoqosho koomasipala.

Urhulumente wemimandla ngowethu sonke – iKhabhinethi icela amahlakani abucala nakarhulumente, imibutho yoluntu kunye nabezoshishino ngobubanzi ukuba bazixhase iinkqubo ezijolise ekuxhaseni oomasipala.

1.2. INkomfa yesiThathu yezoKhenketho kooMasipala iza kubanjwa ukusuka ngomhla wesi-3 ukuya kowesi-4 kuTshazimpunzi wowama-2017 e-Emperors Palace, eGauteng phantsi komxholo othi: “Ukucwangcisa kwezokhenketho kuyingxaki yethu sonke”. Le nkomfa iza kugxila kwiindlela zokukhulisa ezokhenketho kweli lizwe ngokuzibandakanya kuzo zonke izicwangciso-qhinga zamaphondo noomasipala zohlumo nophuhliso.

1.3. ImiYezo yeSizwe yoMzantsi Afrika (i-SANParks) iza kusingatha iNgqungquthela yoTyalo-mali kwezoKhenketho ngomhla wesi-4 kuTshazimpunzi, eza kugxininisa kumathuba amatsha otyalo-mali angama-55. Kule minyaka ili-15 idlulileyo, i-SANParks izinyuse ngokuthe ngcembe izivumelwano zokuSebenzisana phakathi kukaRhulumente neCandelo labuCala, eziquka amaphulo ahlukeneyo, aquka iindawo zokuhlala, iindawo zokutya, iivenkile ezinkulu, imidlalo, isikhululo seenqwelo-moya saseSkukuza kunye ne-Table Mountain Aerial Cableway.

1.4. UMongameli Jacob Zuma, njengoSihlalo weKomiti yeeNtloko zemiMbuso yeSigqeba esiPhezulu saManzi seZizwe eziManyeneyo (i-UN), uvule ngokusesikweni iNgqungquthela noMboniso weZizwe eziManyeneyo woSuku lweHlabathi lwaManzi waza waphehlelela ushicilelo lwe-17 lweNgxelo ye-UN yezoPhuhliso lwaManzi, egxininisa kwindima ebalulekileyo edlalwa yindlela yokusebenzisa amanzi amdaka kumazwe anoqoqosho olukhulayo, akwaziyo ukumelana neenzima nokugcinwa kokusingqongileyo kukwimeko efanelekileyo kwihlabathi liphela.

IKhabhinethi iyasamkela isithembiso esenziwe liGqiza eliPhezulu laManzi lokuba liza kusebenzisana nawo onke amahlakani ukuqinisekisa ukuba imibono ekujoliswe kuyo yamanzi ye-Ajenda yowama-2030 nangaphaya konyaka wama-2030 iyafezekiswa.

IiNjongo zezoPhuhliso oluZinzileyo, ziquka injongo yokuqinisekisa ukuba wonke umntu uyawafumana amanzi ngowama-2030, into leyo eyenza ukuba amanzi abe ngumba obalulekileyo kwidabi lokulwa indlala egqithisileyo. Amanzi nogutyulo angundoqo kuphuhliso oluzinzileyo, futhi abalulekile kubomi nokuphila kwabantu kunye nokusingqongileyo.

1.5. Iziko likaRhulumente leSizwe Elinakho Konke, i-National One Stop Shop, livulwe ngokusesikweni nguMongameli Zuma ngomhla we-17 kweyoKwindla kowama-2017, kungoku nje liyasebenza kwaye livuliwe ukuze lincede bonke abatyali-zimali. Lisebenza njengeziko eliphambili nelemibuzo lamasebe ahlukeneyo lokunika uncedo olungqalileyo nolukumgangatho ophezulu kwabo bafuna ukuqalisa amashishini okanye ukutyala imali eMzantsi Afrika. Zonke ngoku ezi nkonzo zifumaneka endaweni enye.

1.6. UMongameli Jacob Zuma ulandisile inani lamalungu eKomiti yabaPhathiswa abaHlukeneyo (i-IMC) ngezoFuduko ngokuquka neeNkulumbuso zamaPhondo kunye noMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-Salga) nabo njengamalungu.

Oku kuza kuqinisekisa ukuba kutsalwa ngamxhelo-mnye kuyo yonke imiba ephathelene nofuduko kuquka nomgaqo-nkqubo wezofuduko woMzantsi Afrika, iindlela amacandelo ahlukeneyo anokuthi asebenzisane ngayo norhulumente ukuze kukhuthazwe indlela yokufuduka ehleleke ngokufanelekileyo nokubethelela umoya omhle wokuhlalisana nokusebenzisana phakathi kwabemi beli kunye nabamazwe angaphandle.

1.7. Njengoko siqukumbela iNyanga yamaLungelo oLuntu, iKhabhinethi ibamba ngazibini kubemi boMzantsi Afrika abathe bathatha inxaxheba kwimibhiyozo yesizwe ngoSuku lwamaLungelo oLuntu, ebihlonipha amagorha namagorhakazi omzabalazo alwela ngegazi neenyembezi la malungelo maninzi siwaxhamlayo namhlanje. Le mibhiyozo iquke ukukhunjulwa kweminyaka engama-40 yokusweleka kukaBantu Steve Biko.

Ukuhlonitshwa kwamagorha namagorhakazi eli kuqinisekisa ukuba abantu abatsha kunye nesizukulwana esizayo seli lizwe bayayazi futhi bayayiqonda indima yabo kunye nezinto ababezilwela.

1.8. Sibone ukwanda ngokumangalisayo kweziganeko zobuhlanga, eziphazamisa kakhulu kulo msebenzi mkhulu mhle sele siwenzile njengesizwe esilawulwa ngentando yesininzi.
Kufuneka sihlale sikubeke ezingqondweni ukuba siphila kwilizwe elisixabise ngaphezu kwento yonke isidima namalungelo oluntu. Abantu bancama izinto ezininzi besilwela bonke obu buncwane sibuxhamlayo. Kwawa amagorha namagorhakazi. Singaze silibale ukuba abantu bancama konke bezenza amadini ukuze sixhamhle le nkululeko kunye nalo mbuso ulawulwa ngokwentando yesininzi. Kufuneka siqhubeleke nokwakha uMzantsi Afrika oxabise amalungelo omntu wonke, kungajongwanga kufuma kwepokotho, buni nokuba umntu lowo uhlala kweyiphi na indawo.

1.9. IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kwimibhiyozo yoSuku leSizwe leNkululeko neyeNyanga yeNkululeko. INyanga yeNkululeko kunye noSuku leSizwe leNkululeko ziphawula ukuqala kwenkululeko nolawulo lwentando yesininzi kweli lizwe, kunye nendlela esiyihambileyo sisuka kwilizwe elaligcwele intiyo neyantlukwano ukuya kwisizwe apho sakha ikamva nengomso eliqaqambileyo lomntu wonke.

Imibhiyozo yeNyanga yeNkululeko igxininisa isiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) njengombono wentsebenziswano wethu wexesha elide wokufikelela kuMzantsi Afrika njengoko kucacisiwe kuMgaqo-siseko, kuMqulu wethu wamaLungelo oLuntu kunye noMqulu weNkululeko oyimbali wowe-1955.

1.10. IKhabhinethi icela bonke abantwana besikolo ukuba bathathe inxaxheba kuKhuphiswano lowama-2017 le-SADC (uMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika) lweziNcoko leziKolo zamaBanga aPhezulu, elivulelekileyo kubo bonke abafundi bezikolo zamabanga aphezulu kummandla we-SADC.

Isihloko soKhuphiswano lweziNcoko leziKolo zamaBanga aPhezulu sowama-2017 sithi: “Ukuqokelela Amandla Azinzileyo kulungiselelwa uPhuhliso loQoqosho lweNgingqi”
ISebe leMfundo esiSiseko liza kubanceda abafundi abafuna ukungenela olu khuphiswano lwezincoko. Izincoko ezithathu ezikhethiweyo ezivela kwiphondo ngalinye ziza kuthunyelwa kwiSebe leMfundo esiSiseko ngomhla wesi-5 kuCanzibe ngowama-2017. Izincoko ezithathu eziphumeleleyo kwisizwe sonke ziza kuthunyelwa kwiQumrhu loLawulo lwe-SADC ngomhla wama-31 kuCanzibe wowama-2017.

2. Izigqibo zeKhabhinethi

2.1. Amalungu esiGqeba soLawulo kuwo onke amaqoqo karhulumente aza kudibana nabemi boMzantsi Afrika mbombo zone zeli ngethuba leVeki yeSizwe yokuGxininisa kwiiMbizo ukusuka ngomhla we-17 ukuya kowama-23 kuTshazimpunzi kowama-2017 phantsi komxholo othi: Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili”.

IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babe ngabemi abathatha inxaxheba nabanenkathalo, bazipheke bezophula ngemibuzo futhi bazincina iinkokeli zikarhulumente ngeenkqubo eziqaliswayo zokuphucula ubomi babantu. Iziko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) liza kubhala inkqubo yale Veki yeeMbizo, iinkcukacha zayo ziza kufumaneka ku-www.gov.za.

2.2. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa okwesithoba kwesiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP) wowama-2017/18 ukuya kuwoma-2019/20 esisabela kwimingeni engundoqo yohlumo lwamashishini noqoqosho kunye nendlala ethwaxa abantu bebala elithile kuphela, ukungalingani kunye nentswela-ngqesho.  I-IPAP iyinkqubo ebalulekileyo yesiCwangciso esiManqaku aliThoba sikaMongameli Jacob Zuma kwaye ihambelana nomgaqo-nkqubo weeNguqu eziBonakalayo zezoQoqosho.

I-IPAP yenze umsebenzi oncomeka kakhulu kumacandelo abalulekileyo amaninzi: ukunceda iifemu ezininzi nokusindisa imisebenzi, ukuxhasa amacandelo abaluleke kakhulu kumathuba esicwangciso sethuba elide lokwandisa amashishini kunye nokuvula amacandelo amatsha aza kunceda kuhlumo loqoqosho sisebenzisa iziseko esele sinazo kakade sakhe amashishini aza kukwazi ukumelana nokhuphiswano kwihlabathi.

Amacandelo aza kuqhuba i-IPAP 2017-2020 aquka: ukuqinisa amalinge eenNguqu eziBonakalayo kwezoQoqosho; amalinge aqhubayo okwenza ukuba uhlumo luxhanyulwe ngumntu wonke; ukukhawulezisa iNkqubo yooSomashini abaMnyama, kunye nokugxininisa ngokuqhubekekayo kumacebo okuqinisekisa ukuba imisebenzi eqasha abantu abaninzi kuwo onke amacandelwana adibanisa amacandelo aphambili oqoqosho namacandelo emizi-mveliso naweenkonzo adibane namalinge okunyusa iimpahla neenkonzo ezithunyelwa kumazwe angaphandle.

2.3. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeziphumo zoPhando lweSizwe ngoPhando-nzulu noPhuhliso oluLingayo (i-R&D Survey) lowama-2014/15.

ISambuku seNkcitho kwi-R&D (i-GERD) yoMzantsi Afrika ibiyimali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-29, 345 ngowama-2014/15. Eli lizinga elingephi lokunyuka elili-14% kusukwa kwimali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-R25, 661 ngowama-2013/14. Ngunyaka wesine ilandelelana apho i-GERD inyukayo emva kokuhla ngowama-2009/10 nowama-2010/11. I-GERD njengepesenti yeMveliso yeLizwe yoNyaka (i-GDP), isilinganisi esingundoqo sokuxatyiswa nokusetyenziswa kwe-R&D kuqoqosho, inyuke ngo-0,77% ngowama-2014/15.
Utyalo-mali olufanelekileyo nolwaneleyo kwi-R&D luyafuneka ukuze sizalisekise iinjongo ze-NDP.

2.4. IKhabhinethi iyayixhasa ingxelo yokuqala ekhutshwa rhoqo emva kweminyaka emibini ngeNzululwazi noboChwepheshe beMeko yoGuquko lweMozulu eMzantsi Afrika.

Le Ngxelo, iza kupapashwa, iza kunika iinkcukacha zovavanyo oluhlaba amadlala kunye namagqabantshintshi aluhlalutyo lophando olunzulu ngoguquko lwemozulu kunye nezinye nemisebenzi emitsha yezobuchwepheshe. Le ngxelo inika izindululo ezisibhozo zokuphucula ubume benzululwazi nobuchwepheshe boguquko lwemozulu eMzantsi Afrika lize libeke eli lizwe njengelizwe elidlala indima emandla kweli lizwekazi nakwihlabathi kwezobuchwepheshe nezenzululwazi kuguquko lwemozulu. Oku kuza kusetyenziselwa ukuqinisa amaqhinga okungenelela nokuziqhelanisa neemeko zokuguquka kwemozulu.

2.5. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesiCwangciso-qhinga sokuXhasa amaShishini amaNcinci, aPhakathi namaNcinane (ii-SMME) obuChwepheshe boLwazi noNxibelelwano (i-ICT) ukuze uluntu luhlomle ngaso. Injongo yesi siCwangciso-qhinga kukuqulunqa amanyathelo ahlakaniphileyo okungenelela ukukhawulezisa uphuhliso nohlumo lwamashishini asakhasayo kwicandelo le-ICT, kunye nokuncedisa ekunyuseni amazinga okuthathwa nokusetyenziswa kwe-ICT licandelo lamashishini asakhasayo ngokubanzi.

2.6. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesiCwangciso seSizwe se-Intanethi ukuze uluntu luhlomle ngaso.

Esi siCwangciso-qhinga se-Intanethi sicacisa umbono wokwakhiwa kwesizwe esiphila ngolwazi lwe-intanethi noqoqosho oluxhomekeke kulwazi oluxhanyulwa ngumntu wonke esisekelwe kwiimfuno zabantu, amashishini norhulumente. Oku kuza kunika amathuba okuba bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba benze ubuchwepheshe inxalenye yezinto abazenza kubomi babo bemihla ngemihla ngendlela eza kwenza isizwe siphela naso sifumane.

Injongo kukwakha isizwe esisebenzisa ulwazi esigxininisa kwiimfuno zabantu, nokuphucula isizwe soMzantsi Afrika kunye noqoqosho ngendlela esekelwe ekufikelelekeni nasekusetyenzisweni kobuxhakaxhaka bobuchwepheshe bolwazi lonxibelelwano bale mihla.

2.7. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesiCwangciso-qhinga nesiCwangciso seSizwe se-Intanethi kaRhulumente ukuze uluntu luhlomle ngaso.

Esi siCwangciso-qhinga sinika isikhokelo ngendlela zokuguqula urhulumente ngezobuxhakaxhaka be-intanethi abe liqumrhu elisebenzisa i-intanethi exhanyulwa ngumntu wonke, ukuze akwazi ukunceda abemi beli ukuba bawaxhamle amathuba eza nobuxhakaxhaka be-intanethi ukuze baphucule ubomi babo.

Oku kuza kunceda ukuzalisekisa iinjongo nemibono ye-NDP kwakunye nokuphakamisa izicwangciso neenkqubo zikaRhulumente ukuze kuhanjiswe iinkonzo zikarhulumente ngendlela ephucukileyo.

2.8. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga seSizwe soKhuseleko eziNdleleni sowama-2016-2030. Esi siCwangciso siza kusabela kwimiceli-mngeni kunye nezikroba ezibonwe liSebe lezoThutho kumalinge okuphumeza izicwangciso-qhinga zangaphimbili, kuquka nesiCwangciso-qhinga seSizwe sezoKhuseleko eziNdleleni sowama-2016.
Oku kuza kuba negalelo elimandla ekufezekiseni injongo ye-NDP yokunciphisa umonzakalo, iingozi kunye nobundlobongela ngama-50% kumazinga angowama-2010”.

Sikwasabela kwingxaki yokufuna ukudala iziseko ezingundoqo zezoqoqosho ezisebenzayo, ezikwaziyo ukumelana nokhuphiswano kunye nezisabelayo kwiingxaki zeli ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho iindlela ezikhuselekileyo.

Iingozi zendlela zenza umonakalo omkhulu kumakhaya noluntu njengoko zikhokelela ekuswelekeni kwabantu into leyo iye yandise inani labantu abaxhomekeke kwizibonelelo zikarhulumente.

2.9. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kweDrafti yesiCwangciso-qhinga seSizwe seCandelo lezoKhenketho ukuze uluntu luhlomle ngayo. Esi sicwangciso-sikhokelo sohlumo nophuhliso lwezokhenketho.

Esi siCwangciso-qhinga sineenjongo zokunyusa igalelo elivela kwicandelo lezokhenketho kuqoqosho lisuke kwimali ezibhiliyoni zeerandi ezili-118 liye kwiibhiliyoni zeerandi ezingama-302 ngowama-2026 ngokucwangcisa ngokusebenzisana kunye nokuqaliswa kweenkqubo eziphambili ekuvunyelwene ngazo.

Ukuqaliswa kokusetyenziswa kwesi siCwangciso-qhinga seSizwe seCandelo lezoKhenketho sikhoyo ngoku kube negalelo ekunyukeni ngamandla kwenani labakhenkethi, igalelo kwiSambuku seMveliso yeLizwe (i-GDP) kwakunye nokuqhuba kakuhle kurhwebo nokudalwa kwemisebenzi. Isigaba esilandelayo sohlumo siza kugxininisa kuhlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke kunye neenguqu kweli candelo.

2.10. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga seSizwe (i-NSP) seNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV), isiFo sePhepha (i-TB) kunye neZifo ezoSulelana ngokuLalana (ii-STI) sowama-2017-2022.

Amanyathelo athathwe nguMzantsi Afrika ukulwa ubhubhane we-HIV ne-TB enze ukuba abantu abaninzi eMzantsi Afrika bakwazi ukuphila iminyaka engaphezulu ngelishumi kunaleyo babeyiphila ngowama-2004. Inani labantu abosulelwa yi-HIV lehlile kananjalo nelabo babulawa yi-TB.

Le NSP yesine ineenjongo zokuthathela kule misebenzi iyimpumelelo sele yenziwe ngeli thuba iqalisa ngamacebo amatsha okuthintela ukuba kungabikho abantu abatsha abosulelekayo, kubonwe abantu abosulelekileyo kwangethuba baze banyangwe ngoko nangoko futhi banakekelwe. Icacisa isicwangciso-sikhokelo esiqiqisisiweyo sesivumelwano sentsebenziswana phakathi kwamacandelo ahlukeneyo ukukhawulezisa umsebenzi wokunciphisa ukugula nokufa okubangwa yi-HIV, i-TB, nee-STI. Oku kuhambelana ne-NDP ezivumayo iziphumo ze-HIV ne-TB ekuthothiseni isantya sophuhliso lesizwe.

2.11. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeNgxelo yeKomiti yabaPhathiswa ngedrafti yesiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo wezokuKhubazeka kwiMfundo ePhezulu noQeqesho, esenza izindululo eziza kunceda ukuqulunqa isiCwangciso-sikhokelo esiQiqiqisiweyo soMgaqo-nkqubo wokuKhubazeka.

Oku kuhambelana ngqo noMgaqo-siseko malunga nokususwa kwemiqobo ethintela ukuba abantu abakhubazekileyo babe yinxalenye yabantu ekuhlaleni ngokugcweleyo, oko kukuthi, bangabukulwa.

2.12. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwesiVumelwano esiHlaziyiweyo ngokuVunywa kweziFundo, iZatifiketi, iiDiploma, iziDanga kunye neziNye iziQinisekiso zeMfundo ePhakamileyo eziPhunyelelwe kuMazwe ase-Afrika ukuze siphunyezwe. UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho uza kusingenisa esi sivumelwano kuMbutho wezeMfundo, ezeNzululwazi nezeNkcubeko weZizwe eManyeneyo (i-UNESCO).

Esi siVumelwano siHlaziyiweyo sineenjongo zokudala iimeko ezivumayo ukuba zamkelwe iziqinisekiso zemfundo ephakamileyo ezifana nezatifiketi, iidiploma, izidanga kunye nezinye iziqinisekiso zemfundo eziphunyelelwe kuwo onke amaZwe ase-Afrika, ngolo hlobo sibe sivumela abafundi, izifundiswa kunye nabasebenzi ukuba basebenze nokuba kukwiliphi na iziko lemfundo ephakamileyo kweli lizwekazi.

2.13. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMgaqo-nkqubo weSizwe weNkqubo yoMzantsi Afrika eHlangeneyo yokuCebisa ngamaKhondo, ukuze uluntu luhlomle ngawo.
Lo Mgaqo-nkqubo sisixhobo esifanelekileyo esiza kunika ithuba lokuba iiNkonzo zokuCebisa ngamaKhondo ngokusebenzisa imigaqo-nkqubo, izikhokelo, izivumelwano, izixhobo, amaqumrhu, uxanduva okwabelwanayo ngalo kunye nentsebenziswano. Oku kuza kunceda kakhulu ukuqinisekisa ukuba bonke abemi beli, abadala nabancinci, baza kufumana ulwazi olutyebileyo ngamakhondo ngendlela efanayo kwakunye neenkonzo zeengcebiso ngamakhondo ubomi babo bonke, ukuze bakwazi ukukhetha amakhondo nokuthatha ezinye izigqibo ngobomi  aza kukhokelela ekubeni kunyuke amazinga okuqeshwa kwabantu kuncede nokukhulisa izinga lohlumo oluzinzileyo loqoqosho kweli lizwe kukhokelele nasekubeni abantu bathathe inxaxheba ngokupheleleyo kuphuhliso loMzantsi Afrika.

Oku kuhambelana ne-NDP egxininisa uhlumo loqoqosho nezinga lengqesho, ukufunela abantu abangasebenziyo imisebenzi, ukwandisa amaphulo ophuhliso lwamakhono kunye nenani labafundi abanezidanga zasedyunivesiti.

2.14. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngomgama osele uhanjiwe malunga nokuPhononongwa kweNkqubo yokuLwa uLwaphulo-mthetho kunye namalinge okwenza iNkqubo yokuLwa uLwaphulo-mthetho ibe yeyale mihla ngokusebenzisa iNkqubo eHlangeneyo yokuLwa uLwaphulo-mthetho.

IKhabhinethi isivumile isicwangciso-sikhokelo esibanzi sokuqulunqwa kweNkqubo eHlangeneyo yokuLwa uLwaphulo-mthetho eza kusabela kwimingeni neengxaki ezikhoyo kuwo onke amacandelo namaqumrhu enkqubo yokulwa ulwaphulo-mthetho.

INkqubo eHlangeneyo yokuLwa uLwaphulo-mthetho ilungiselelwe ukuqinisa intsebenziswano kunye nokudibanisa ii-arhente zogcino-mthetho ukuze kuzalisekiswe injongo ebalulekileyo ye-NDP – yokwakha iindawo ezihlala uluntu ezikhuselekileyo nokudala iNkqubo yokuLwa uLwaphulo-mthetho elunyevulelayo ilikhaba okweshologu urhwaphilizo. Oku kuza kuba negalelo kumbono wesiPhumo esithi Bonke Abantu eMzantsi Afrika Abaziva nje Bekhuselekile, koko Bakhuselekile Ngenene.

2.15. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa koXwebhu leNgxoxo ukwenzela ukuba uluntu luluhlabe amadlala into leyo eza kukhokelela ekubeni kuqulunqwe isiCwangciso-qhinga seSizwe sokuLwa uRhwaphilizo esiza kusetyenziswa ngurhulumente nesizwe sonke.

Esi siCwangciso-qhinga silungiselelwe ukulwa urhwaphilizo kurhulumente nakumashishini abucala njengoko kutshiwo kwi-NDP. Amalinge aqalisiweyo alungiselelwe ukwakha urhulumente ochaseneyo norhwaphilizo nokhuthaza intsebenziswano phakathi kwamacandelo ahlukeneyo.

2.16. IKhabhinethi ilivumile iphepha elitsha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezoFuduko lweHlabathi. Lo ngumgaqo-nkqubo uza kusetyenziswa njengesikhokelo xa kuhlaziywa ezofuduko kunye neminye imithetho ehambelana nako.

Eli Phepha lokuCacisa uMgaqo-nkqubo lingqina ilungelo loMzantsi Afrika lokuba ulilizwe elizimeleyo nelinegunya lokugqiba ngemiqathango emiselwa abemi bangaphandle abangena kweli kunye nokuba baza kuhlala kweli lizwe njengabantu abanamalungelo namagunya anjani ngokwezinto ezifunwa lilizwe. Licacisa umbono obonakalisa inkqubela yoMzantsi Afrika ukuba uxhamle kangangoko kwizinto ezizalwa yinkqubo ehleleke kakuhle yezofuduko lwamazwe ngamazwe ngeli thuba liqinisekisa ukuba oku akubeki eli lizwe emingciphekweni nasengozini ehambelana noku. Ufuduko lwamazwe ngamazwe kufanele lwamkelwe kodwa kuhlonitshwe uxolo, ukhuseleko kunye negama loMzantsi Afrika.

2.17. IKhabhinethi iyawuxhasa uMsitho woKwenziwa uMmi oGcweleyo oza kuqhutywa liSebe leMicimbi yezeKhaya kwaye iyavuma ukuba kufanele ibe sisinyanzelo ebantwini abanikwe ilungelo lokuba ngabemi ngokuba benziwe abemi abagcweleyo ngokomthetho ukuba bazimase umsitho wokwenziwa ummi ogcweleyo. IKhabhinethi ivumile nokuba iinkundla zikamantyi, phakathi kwamanye amaziko, mazisetyenziswe nazo ziqhube imisitho yokwenziwa ummi ogcweleyo.

Lo Msitho unika ithuba lokuba abo bantu bafumene ilungelo lokuba ngabemi bafundiswe ngamalungelo kunye noxanduva lwabo futhi bathathe nesifungo sokuzibophelela phambi koMphathiswa. Oku kuza kuba negalelo kumba wokuhlalisana ngoxolo kwabemi ngokuthi kuqaqambise ukubaluleka kokuba abemi boMzantsi Afrika bamkele ngezandla ezishushu abemi bamazwe angaphandle abafumene ilungelo lokuba ngabemi boMzantsi Afrika.

2.18. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngomsebenzi owenziwe liQela likaMongameli eliThwaliswe uXanduva lamaSekela-Baphathiswa leCandelo lezobuGcisa. Eli Qela linosihlalo onguSekela-Mphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli liza kuba liqonga elibalulekileyo leenkokeli nabaphathi kurhulumente, imibutho yoluntu kunye nakwicandelo labucala lokuba kuxoxwe ngamanyathelo aza kuthathwa ngokubambisana aza kukhawulezisa ukuzisa iinguqu kwicandelo lezobugcisa. Imiba eza kuxovulwa iquka: ukusetyenziswa kwemisebenzi yobugcisa ngaphandle kwemvume, ukukhuselwa kwelungelo lobunini-kushicilela kunye nokulwa ukubhuqiswa kwala malungelo, imisebenzi yobugcisa yalapha ekhaya kunye nokudlalwa kwemisebenzi yobugcisa yeli koonomathotholo, izibonelelo zikarhulumente kuquka nokunkinkishwa komvuzo nengeniso ngezavenge, ukuqinisekisa ukuba eli candelo libhaliswe ngokusesikweni ingakumbi amagcisa ngokwawo, iinguqu kweli candelo kunye nophuhliso lwezakhono.

Umsebenzi weli Qela uxhasa i-Mzansi Golden Economy karhulumente, encedisa ekudaleni imisebenzi, ukunika amathuba alinganayo kumagcisa kunye nokukwazi ukumelana nokhuphiswano nokukhuthaza ukuba kutyalwe imali kumaphulo aza kudala ingqesho esisigxina. Lisebenza namaqela ahlukeneyo kweli candelo kunye namasebe ahlukeneyo karhulumente eli Qela liqalise ngamanyathelo okungenelela ukuze livulele amathuba icandelo lezobugcisa kuwo onke amaqoqo alo into leyo iquka ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weLungelo loBunini-kushicilela kunye noMthetho oYilwayo wamaGcisa, ukunyuswa kwaphulo ogqogqo okulwa nokusetyenziswa kwemisebenzi yobugcisa ngokungekho mthethweni, njl njl.  

2.19. IKhabhinethi isivumile isithembiso esihlaziyiweyo kwiiNtlanganiso zoThetha-thethwano zoRhwebo ngeeNkonzo zoMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) esimayelana necandelo lezokwakha nelezothutho.

Oku kuza kukhuthaza uhlumo lwangaphakathi kumacandelo abalulekileyo kuquka nokwandisa iindawo namaqumrhu ekunokurhwetywa nawo ngeenkonzo zoMzantsi Afrika.
Ukuphungulwa kwemithetho nobunye ubucukubhede obungeyomfuneko obulawula ezeenkonzo kulinyathelo elibalulekileyo lokuqinisekisa ukuba amazwe angamalungu e-SADC ayahlangana kwaye kuza kunceda ekudaleni amaqumrhu nabo baza kuthenga iinkonzo kule ngingqi ye-SADC into leyo iza kunceda ukuba kuvele amashishini kulo mmandla we-SADC aza kubonelela ngeenkonzo abantu namaqumrhu amaninzi kule ngingqi ye-SADC. Oku kuza kufaka isandla kwiinjongo ze-NDP zokukhuthaza ukuhlanganiswa koqoqosho lwengingqi kunye nokuphuhliswa kweli lizwekazi le-Afrika.

2.20. IKhabhinethi ivumile ukuba kuthiwe thaca ePalamente isihlomelo sesiVumelwano esiLungisiweyo saseNairobi sokuKhuselwa, ukuLawulwa kunye nokuPhuhliswa koLwandle noNxweme lwe-Indian Ocean engaseNtshona.

Oku kuza kunika ithuba lokusebenzisana kommandla oseMpuma noseMazantsi e-Afrika. Oku kuza kuvumela amaZwe aTyikitye esi siVumelwano ukuba asebenzise ubutyebi nabantu abanezakhono ngobunono abaphuma kumahlakani ahlukeneyo kunye namaqela abalulekileyo nachaphazelekayo kumalinge okuzama ukusombulula iingxaki ezihambisanayo eziselunxwemeni naselwandle kuquka nemiba ebalulekileyo echaphazela amazwe ewodwa kunye nangaphaya kwemida yawo.

Esi sihlomelo siza kunceda ekulweni ungcoliseko nokuqinisekisa ubutyebi bolwandle nonxweme buphathwe ngendlela enobunono into leyo ichaphazela umba wokutya okwaneleyo, ezempilo kunye namathuba ohlumo loqoqosho.

2.21. IKhabhinethi ixelelwe ngeziphumo zeSeshoni yama-22 yeNkomfa yamaZwe angamaLungu (i-COP22) esiVumelwano seZizwe eziManyeneyo ngoGuquko lweMozulu (i-UNFCCC), kunye neSeshoni ye-12 yeNkomfa yamaZwe angamaLungu esebenza njengeNtlanganiso yamaZwe angamaLungu esiVumelwano saseKyoto (i-CMP 12), eyayibanjelwe eMarrakech, eMorroco ngomhla wesi-7 ukuya kowesi-8 kweyeNkanga ngowama-2016.

IMarrakesh COP22 ibiyindibano ebalulekileyo yokutshintsha kwiintlanganiso zothetha-thwano eziqhube iminyaka zade zazala isiVumelwano saseParis nokuphunyezwa kwamanyathelo okuziqhelanisa nokuphungula ulwamvila lomonakalo. Iinjongo ze-COP22 uninzi lwazo zazalisekiswa ngokweminqweno nombono woMzantsi Afrika.

2.22. IKhabhinethi izivumile izimvo ekuza kuxoxelwa phezu kwazo kwiNkomfa yamaZwe atyikitya isiVumelwano saseBasel, esaseRotterdam nesaseStockholm, eza kubanjelwa eGeneva ngomhla wama-24 kuTshazimpunzi ukuya kumhla wesi-5 kuCanzibe.

Iinjongo zale ndibano kukuba kusetyenzelwe ukuba kuziwe neendlela ezakhayo zokulawula amachiza nenkunkuma ukuze kuqinisekiswe ukuba impilo yabantu nendalo ziyakhuselwa.

2.23. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kweNgxelo yeLizwe yokuQala engesiVumelwano seHlabathi samaLungelo ezoQoqosho, ezeNtlalo nawezeNkcubeko kwiKomiti yeZizwe eziManyeneyo yamaLungelo ezoQoqosho, ezeNtlalo nezeNkcubeko.

Ukufunyanwa kwamalungelo ezentlalo nawezoqoqosho kungumba obaluleke kakhulu kuMgaqo-siseko nakwi-NDP. Mkhulu umsebenzi owenziwe nguMzantsi Afrika ekuzalisekiseni amalungelo abemi beli ezentlalo nawezoqoqosho ukususela oko kwathi kwalawula urhulumente wentando yesininzi. Kule minyaka ili-18 idlulileyo, simisele amaziko axhasa ulawulo lwentando yesininzi, senza iinguqu kurhulumente, sazandisa izibonelelo ezisisiseko, sazisa uzinzo kuqoqosho saze nathi salilizwe elihlonitshwayo lihlabathi liphela. Nangona kukho le misebenzi mihle iyimpumelelo, indlala, ukungalingani kunye nentswela-ngqesho zisezingxaki ezinkulu.

3. ImiThetho eYilwayo

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo wesiKimu seziBonelelo zeeNgozi zeNdlela wama-2017. Lo Mthetho uYilwayo usisikimu esisisibonelelo sezentlalo samaxhoba eengozi zendlela ngokumisela isikimu esitsha sezibonelelo zeengozi zemoto ezindleleni esibizwa ngokuba siSikimu seziBonelelo zeeNgozi zeNdlela, esiza kungena endaweni yeNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela.

3.2. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kokuGuzulwa koMthetho oYilwayo weNkampami i-Overvaal Resorts wowama-2017 ukuze uluntu luhlomle kuwo. Oku kuguzula uMthetho weNkampani i-Overvaal Resort wowe-1997 (UNombolo 123 wowe-1997) ongumthetho owaseka i-Aventura. Oku kuqukumbela umsebenzi wokubhangiswa nokuthengiswa kwe-Aventura.

IKhabhinethi yathatha isigqibo ngomhla wama-22 kweyeThupha wowama-2001 ukuba ibhangiswe i-Aventura Resort kuba yayingeyonkampani kaRhulumente idlala indima engundoqo.

3.3. IIKhabhinethi ikuvumile ukungenisa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo wezoKhuselo wowama-2017. Lo Mthetho uYilwayo wayamanisa uMthetho wezoKhuselo, wowe-2002 (uNombolo 42 wowama-200) kunye nezinto ezibalulekileyo ngoku zeSebe eziza kunceda iSebe lezoKhuselo lisebenze ngokuhlakanipha. Ezi zilungiso zichaphazela imeko yesebe kwaye zinento yokwenza nemiba echaphazela iSebe lezoKhuselo ngaphakathi.

3.4.  IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo wemiSebenzi yobuGqwetha wowama-2017.

Lo Mthetho uYilwayo ulungisa uMthetho wemiSebenzi yobuGqwetha, wowama-2014 (uNombolo 28 wowama-2014) ukuze kusonjululwe imiba ebambekayo nentsokothileyo kodwa engaxoxisiyo.

Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukumisela imithetho eza kulawula imimandla anamagunya kuyo amaBhunga amaPhondo, ucacise nokuba ngamagqwetha abhaliswe ngokusesikweni yaye asele esebenza kuphela anelungelo lokwenza imisebenzi ethile okanye anikezele ngeenkonzo ezithile, ukucacisa nangakumbi imithetho ecacisa indima yeebhanki kwimiba yee-akhawunti zetrasti, ukumisela imithetho eza kucacisa ixesha eliza kuthathwa liQumrhu leSizwe lobuGqwetha futhi inike nomhla wokubhangiswa kwemibutho yezamagqwetha.

4. Imiba enguNdaba-mlonyeni

4.1. URhulumente uyasamkela isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko esingokuhlawulwa kwezibonelolo-mali. IKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) ngeNkqubo eGcweleyo yeziBonelelo zikaRhulumente, enosihlalo wayo onguMongameli Jacob Zuma ayilali buhlayo, iyasebenza kuba ifuna ukuqinisekisa ukuba uRhulumente uyaqhubeleka nokubhatala abantu abazizigidi ezili-17 abafanelekileyo ukuba bafumane izibonelelo-mali zezentlalo zikarhulumente ukusuka ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi wama-2017.

Abantu abamkela izibonelelo-mali zezentlalo ezivenkileni nasezibhankini baza kubhatalwa ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2017, bona abo bamkela ngqo kwiindawo zokwamkelisa ze-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (u-Sassa) baza kubhatalwa ngomhla wesi-3 kuTshazimpuzi wama-2017. Abantu abafumana izibonelelo-mali zezentlalo kufuneka bazikhumbule ezi ntsuku zokwamkela izibonelelo-mali zezentlalo, ezibhaliweyo nakwiziliphu ababezinikwe ngala mhla wokugqibela wokurhola izibonelelo-mali, ngeyoKwindla yowama-2017. Inombolo engahlawulelwayo yeziko lemibuzo lika-Sassa eyile: 0800 60 10 11 iza kube isebenza ukuze incede abantu abamkela izibonelo-mali xa benemibuzo. Sele enziwe amalungiselo okuqinisekisa ukuba i-SOCPEN iza kube isebenza ukuphanda nokuqinisekisa amanqanaba ezikuwo izicelo zezibonelelo-mali zentlalo zikarhulumente.

Inkqubo yezibonelelo-mali zezentlalo zikaRhulumente yinkqubo yezibonelelo karhulumente ebaluleke kakhulu kwizigidi zabemi boMzantsi Afrika futhi yiyo ephambili kwidabi lokulwa indlala, kwaye incedisa ekubuyiseleni isidima sabantu bakuthi. Singurhulumente onenkathalo kwaye senza konke esinako ukuzama ukuphucula iimeko abaphila phantsi kwazo abemi boMzantsi Afrika abangathathi ntweni, abasokolayo nabasemngciphekweni wokuba ngamaxhoba okuthwaxwa yindlala nentsokolo.

4.2. IKhabhinethi iyakubethelela ukuba amalungelo kunye nokhuseleko lwabafazi kweli lizwe kufuneka zilwelwe. Iziganeko zakutsha nje zokudlwengulwa kwabafazi, ingakumbi ngabaqhubi beeteksi zixhalabisa kakhulu.

IKhabhinethi ibothulela umnqwazi abantu basetyhini abathe basesibindi sokuza ngaphambili baxele kwabasemagunyeni ezi ziganeko kwaye uyalucela uluntu ukuba luncedise kwiphulo lokukhangela aba nqali-ntloko benza ubundlobongela koomama nabantwana.

4.3. IKhabhinethi iyazibethelela izithembiso ezenziwe nguMongameli Jacob Zuma ngethuba esenza intetho kuMsitho we-17 weeMbasa zeSizwe zooTitshala: zokuba baza kuthathelwa amaNyathelo ootitshala abaqhubekayo nokubetha abantwana ezikolweni, oku akukho mthethweni kwaye baza kuthathelwa amanyathelo aqatha ootitshala abathuka nabathoba isidima kunye nokhuseleko lwabantwana. Ingxaki yokukhulelwa kwamantombazana aselula asaqalisa ukufikisa kunye neziganeko zolwaphulo-mthetho kwezinye izikolo, ezifana nobundlobongela obuza namaqela emigulukudu, iziyobisi, utywala kunye nokuvuyelela yimiba nayo eza kuthathelwa ingqalelo ngamandla.

4.4. IKhabhinethi ikhathazekile zizidube-dube eziteksini kwiindawo ezithile kweli lizwe. Bonke abachaphazelekayo kwishishini leeteksi bayabongozwa ukuba babuyele etafileni bafune izisombululo kule miba ibangela ukujongana ngezikhondo zamehlo nokungavisisani ukuze bangaphazamisi abakhweli abaxhomekeke eziteksini. IKhabhinethi icela icandelo lezothutho kunye nee-arhente zogcino-mthetho ukuba basebenzisane kuliwe ezi zidube-dube zisaqalisayo kwakhona eziteksini.

4.5. IIKhabhinethi ikhathazeke kakhulu ngokuqhekezwa kwii-ofisi yeJaji eyiNtloko apho kuthe kwabiwa iikhompyutha eziliqela. Izenzo zolwaphulo-mthetho ezifana nezi zithuka futhi zibonisa ukungawuhloniphi lo mbuso wolawulo lwentando yesininzi olusekelwe kumgaqo-siseko kwaye azamkelekanga kweli lizwe.

INtlanganisela yobuLungisa noKhuseleko kunye nokuLwa uLwaphulo-mthetho, ekhokelwa nguMongameli Jacob Zuma iyakubethelela kwakhona ukuba izibophelele ekulweni ulwaphulo-mthetho kwaye icela noluntu ukuba luzixele kwabasemagunyeni izenzo nemikhutyana engaqondakaliyo.

4.6. IKhabhinethi iyalwamkela uphando lweKomishini yezoKhuphiswano lezityholo zendlela zokurhweba ezaphula umthetho kwicandelo leziqhamo nemifuno kwaye ilindele ukuba olu phando luqukunjelwe ngokukhawuleza. Indlela yokurhweba edlelela ezinye iinkampani ekukhutshiswana nazo ichaphazela amakhaya asokola kakhulu kwaye inxamnye namaphulo ethu sisisizwe okuzama ukwandisa inani lamafama antsundu athatha inxaxheba kweli candelo lorhwebo.

Siyiqhwabela izandla iKhomishini kumalinge ayo okukhusela nokulwela amalungelo abathengi, nawabantu bakuthi.  

4.7. ISebe lezokuLima, amaHlathi nezokuLoba licele urhulumente waseBrazil ukuba alinike ulwazi oluphuma kurhulumente ngqo kunye noluhlu lweenkampani ezikrokrelekayo kumba wenyama engekhuselekanga ukuba ingatyiwa ethunyelwa kumazwe ahlukeneyo, anokuquka noMzantsi Afrika.

Urhulumente waseBrazil uceliwe ukuba akuvale ukuthunyelwa kwenyama evela kwezi nkampani ude lo mba ube kanti usonjululwe ngendlela eza kulanelisa neQumrhu lezeMfuyo loMzantsi Afrika.

4.8. UMongameli uJacob Zuma ubhengeze uMngcwabo oKhethekileyo wasebuRhulumenteni wongasekhoyo nongomnye wabaGwetywayo kwiTyala lokuNgcatsha uMbuso laseRivonia kunye negqala lomzabalazo wokulelwa uMzantsi Afrika okhululekileyo nolawulo lwentando yesininzi, uMnu Ahmed “Kathy” Kathrada.

IKhabhinethi nayo njengoMongameli Zuma iyangqukruleka futhi ithumela amazwi ovelwano kwiqabane lakhe, nowayesakuba nguMphathiswa wezaMashishini kaRhulumente uNksz Barbara Hogan, usapho lakwaKathrada kunye nombutho wakhe wezopolitiko, i-African National Congress (i-ANC), le ngqanga yakwaKathrada ewusebenzele ngokuzinikela ubomi bayo bonke.

Kuza kwenziwa amalungiselelo enkonzo ekhethekileyo yesikhumbuzo yaseburhulumenteni, iinkcukacha ziza kwaziswa kwalapha ekuhambeni kwexesha.

4.9. IKhabhinethi ivakalisa intlungu namazwi ayo ovelwano kusapho nezihlobo zalowo waseka iqela lebhola iBloemfontein Celtic uGq Petrus Rantlai Molemela. Imisebenzi yakhe ehloniphekileyo nengenachaphaza kulawulo lwebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika ibe negalelo kwezemidlalo kunye nophuhliso lwabantu bakuthi.

4.10. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano nodandatheko kusapho nezihlobo zegqala lomdlali kunye nomdidiyeli wemiboniso-bhanyanya uMnu Joe Mafela, odume ngegama likaSdumo. Uya kukhunjulwa ngegalelo lakhe elingenakulinganiswa kwezenkcubeko nobugcisa kweli.

5. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
5.1. IBhodi ye-Arhente yemiSebenzi yoYilo yezobuChwepheshe:
a) UMnu Edward Christian Kieswetter (uSihlalo);
b) UGq Steven Lennon;
c) UNksz Joy Sebenzile Matsebula;
d) UMnu Thabiso Ramasike;
e) UNksz Fuzlin Levy-Hassen;
f) UNksz Patience Lethabo Mlengana;
g) UMnu Mzwandile Madikizela;
h) UGq Jan van de Loosdrecht;
i) UGq Judy Coates; kunye
j) NoNjing Roy Marcus.

5.2. IBhodi yabaLawuli yePostbank:
a) UNksz Boitumelo Mothelesi;
b) UMnu Edward Netshivhulana;
c) UNksz Leonora Noluphumzo Noxaka;
d) UMnu Ashley Cavel Seymour; kunye
e) noMnu Mark Barnes.

5.3. Ukuqeshwa kwakhona kukaNksz Nomsa Motshegare njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawulo (i-CEO) leNational Credit Regulator.

5.4. UNksz Zodwa Ntuli njengeMkomishinala weKhomishini yoPhuhliso oluBanzi lwabaMnyama ngezoQoqosho.

5.5. INkundla yeeNkampani:
a) U-Adv Mohammed Alli Chicktay (uSihlalo);
b) UNksz Bongekile Zulu;
c) UNksz Ishara Kamini Bodasing;
d) UMnu Lindelani Daniel Sikhitha;
e) UNjing Petrus Albertus Delport (ukuqeshwa kwakhona);
f) UMnu Maake Francis Kganyago (ukuqeshwa kwakhona);
g) UMnu Khashane Manamela (ukuqeshwa kwakhona);
h) UNksz Lucia Glass (ukuqeshwa kwakhona);
i) UNksz Khatija Tootla (ukuqeshwa kwakhona); kunye
j) noNksz Matshego Jacqueline Ramagaga.

5.6. IBhodi yeKhomishini yeSizwe yeLotteries:
a) UNjing Ntshengedzeni Alfred Nevhutanda;
b) U-Adv William Elias Huma;
c) UNksz Doris Dondur;
d) UMnu Muthuhadini Alfred Madzivhandila;
e) UMnu Yaswant Narotham Gordhan; kunye
f) noNksz Zandile Nkonyane (omelet i-dti)

5.7. I-Arhente yokwaBela imiButho yeSisa yeBhodi yeKhomishini yeSizwe yeLotteries:

a) UNksz Ndileka Eumera Portia Loyilane;
b) UNksz Iveda V Kayser Smith;
c) UNksz Chickey Silvy Mofet-Mubu; kunye
d) noMnu Jeffrey Du Preez.

5.8. UMnu Jeremiah Lengoasa njenge-CEO yeQumrhu lezeMozulu loMzantsi Afrika.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Inombolo yoqhagamshelwano: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore