Faka isicelo sokumilisela iqonga labasebenzi

Iqonga labasebenzi yikomiti yabasebenzi ekhethwe ngabasebenzi emsebenzini. Badibana nabasebenzi rhoqo ukubonisana ngeendaba zomsebenzi.

Iqonga labasebenzi alithathi indawo yengxoxo mboniswano, kodwa libhekana nemiba engasombululwa ngothethwano kunokuya kwisithebe seengxoxo. Oku kuquka imiba enga xoxisi ngemivuzo, njengoku zisa ubuciko obutsha.

Amaqonga ase msebenzini amiselwa ukuze:

  • Ukukhusela izimvo zabasebenzi bonke, nabo abangengo malungu emibutho yabasebenzi.
  • Ukukhuthaza ukusebenza kakuhle kwindawo zokusebenza.
  • Adibane nabasebenzi kwimiba ethile.
  • Aquke abasebenzi ekuthatheni izigqibo.

Fumana ngokupheleleyo malunga nokumilisela iqonga labasebenzi  okanye qhagamshela kwikomishoni yothethwano, ukubonisana nokuthatha izigqibo (CCMA).

 

Share this page