I-Central Application Service (CAS)

I-Central Application Service (CAS) inika ulwazi kunye nenkxaso kubabunfi abangekayifumani indawo yokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo noqeqesho, kwakunye nakwabo bakhangela amathuba akhoyo kula maziko.

Kulo nyaka wama-2026 nale izayo, i-Central Application Clearing House (i-CACH) ivaliwe kwaze kwangena i-Central Application Service (i-CAS) endaweni yayo.

I-CAS liziko lenkxaso elihlanginisiweyo elenza ukuba kube lula ukubona amathuba akhoyo kumaziko emfundo ephakamileyo noqeqesho, aquka iidyunivesiti, iikholeji kunye namanye amathuba. Ikwanceda nokuba abafundi abafake izicelo bakwazi ukuthatha izigqibo benolwazi olugcweleyo futhi bangafaki izicelo kumaziko omgunyathi.

ISebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho lifuna ukuqinisekisa ukuba ukuba wonke umntu omtsha unalo ulwazi olufunekayo, uyayifumana inkxaso neengcebiso xa ekhangela amathuba akumaziko emfundo ephakamileyo. 

Abafundi abasakhangela iindawo bayakhuthazwa ukuba baqhakamshelane ne-Central Application Service ngo-WhatsApp kule nombolo: 081 308 4196.
 

Share this page