Isicelo sokukhutshwa kwezatifiketi zeQumrhu leHlabathi lokuVavanya iMbewu

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Faka isicelo sesiqinisekiso soBudlelwane sokuVavanya iMbewu yaMazwe ngaMazwe  

Ukuze ukwazi ukuthumela imbewu usebenzisa isiqinisekiso soBudlelwane bokuVavanya iMbewu yaMazwe ngaMazwe (Orenji kunye/okanye Zuba) kufuneka ufake isicelo kwindlu esetyenziselwa uphando lwenzululwazi esemthethweni  yoBudlelwane bokuVavanya iMbewu yaMazwe ngaMazwe.
Faka isicelo sesiqinisekiso soBudlelwane bokuVavanya iMbewu yaMazwe ngaMazwe kwiNdlu yoPhando lwenzululwazi yoVavanyo lweMbewu ngokusemthethweni.

INdlu yoPhando lwenzululwazi yokuVavanya iMbewu ngokuseMthethweni lilungu elisemthethweni loMbutho woBudlelwane waMazwe ngaMazwe wokuVavanya iMbewu (inombolo esemthethweni ZA01). INdlu ezisetyenziselwa uPhando lwenzululwzi ngokusemthethweni lokuVavavnya iMbewu yaMazwe ngaMazwe igunyaziswa ukuba ikhuphe iZiqinisekiso sokuHlalutya iMbewu yaMazwe NgaMazwe.

Ungafaka isicelo sesiqinisekiso seMbewu (Orenji) okanye iSiqinisekiso seSampulu yeMbewu (Blue).

  • ISiqinisekiso esi-Orenji sikhutshwa xa isampulu ithathwe ngokusemthethweni kwimbewu kwaye iimvavanyo zenziwe phantsi koxanduva lwendlu esetyenziselwa uphando lwenzululwazi esemthethweni. Isiqinisekiso sikhutshelwa imbewu leyo isampulu ithathwe kuyo.
  • Isiqinisekiso esiZuba sikhutshwa xa isampulu ingekho phantsi koxanduva lwendlu esetyenziselwa uphando lwenzululwazi esemthethweni kwaye loo ndlu yophando inoxanduva kuphela lokuvavanya isampulu. Esi siqinisekiso sibhekiselele kuphela kwisampulu efunyenwe ukuze ivavanywe.

Ofanele kukwenza

Ngokuphathelele kwisiqinisekiso esi-orenji saMazwe ngaMazwe:

  1. Kopa uxwebhu okanye uqhagamshelane ne-OSTL uze uzalise uxwebhu lwesicelo seSiqinisekiso saMazwe ngaMazwe esi-Orenji.
  2. Cela ukwabelwa iinombolo ezisemthethweni zembewu. 
  3. Thumela ifeksi kwi-OSTL kule nombolo (012) 8085383 kwaye /okanye uthumele i-imeyili kule dilesi SeedTesting@daff.gov.za
  4. Xa isicelo sakho sifunyenwe, uya kwabelwa iinombolo ezizezakho kuphela zembewu kunye nesicelo sakho sibuyiselwe kuwe ngefeksi okanye nge-imeyilie. Siya kuthunyelwa ngefeksi okanye nge-imeyili nakumhloli weesampulu kwi-ofisi yengqingi ekufutshane nendawo apho uhlalutyo lwesampulu lwenziwa khona. 
  5. Lungisa imbewu ekuza kuthathwa kuyo isampulu. Oku kuquka ukuphawulwa kwembewu ngeenombolo ezabelwe yona. Kufuneka uphawule isiphatho ngasinye (ngokufundeka lula) okanye ubhale ezo nombolo wabelwe zona. 
  6. Xa imbewu ikulungele ukuthathwa isampulu, yazisa lowo uthatha isampulu ukuba aze kuthathaiisampulu. 
  7. Othatha iisampulu unoxanduva lokuthatha iisampulu ngokusemthethweni aze avale imbewu.
  8. Iisampulu zifakwa kwi-OSTL kwaye zivavanyelwe  ubulunga nomgangatho kwaye isiqinisekiso esifanelekileyo siyakhutshwa.
  9. Emva kokufaka isampulu yakho, uya kufumana iphetshana loludwe lwamaxabiso.  
  10. Hlawula umrhumo wokuvavanywa kwembewu uze uthumele ubungqina bentalwulo kwi-OSTL ngefeksi okanye nge-imeyili ukuze kukhululwe isiqinisekiso.

Ngokuphathelele kwiSiqinisekiso esiZuba saMazwe ngaMazwe:

  1. Faka isicelo sesiqinisekiso esiZuba kunye neleta ebhalwe kwiphepha elinophawu lombutho wakho, kuba uphawu lwembewu kunye nohlalutyo ngokusemthethweni lwesampulu alwamkelekanga.
  2. Hlawula umrhumo wokuvavanywa kwembewu uze uthumele ubungqina bentalwulo kwi-OSTL ngefeksi okanye nge-imeyili ukuze kukhululwe isiqinisekiso.

Iinkcukacha zebhanki zazo zombini iZiqinisekiso esi-Orenji nesiZuba 

IBhanki: Standard Bank
Igama lesebe: Arcadia
Inombolo yesebe: 01-08-45
Inombolo ye-akhawunti: 011244887
Igama le-akhawunti: NDA Seed Testing Services

Ungahlawula ngekhompyutha okanye kwikhawuntala.
Khumbula ukuquka inombolo yoludwe lwamaxabiso ngeenjongo zokuba kwaziwe ukuba ifakwe ngubani na.

Ixesha elimiselweyo

INdlu yoPhando lwenzululwazi esemthethweni yokuVavanya iMbewu  inika ingqwalasela ephambili uvavanyo lweesampulu zembewu ngeenjongo zokuyithumela kumazwe angaphandle. Iintlobo zezityalo ezahlukileyo zineemeko ezahlukileyo zovavanyo kwaye ubude bovavanyo buyohluka ukusuka kwiintsuku ezimbalwa ukuya kwiiveki ezimbalwa.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama- 2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application for the issuance of an Orange International Certificate (OIC) Isicelo sokukhutshelwa iSiqinisekiso esi-Orenji saMazwe ngaMazwe.

Ungaqhagamshela nabani

 

Tel: 012 3196262/6311
Fax: 012  319 6372 
E-mail: BeckyM@daff.gov.za / AngelMab@daff.gov.za

Physical address: Official Seed Testing Station, Directorate Plant Production,
Plant Genetic Resources Centre, KwaMhalanga Road, Roodeplaat,
Pretoria

Postal address: Official Seed Testing Centre, Directorate Plant Production,
Private Bag X250,
Pretoria,
0001

Share this page