Isicelo samalungelo okumilisa izityalo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga namalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo

Ilungelo lokukhulisa nokuphucula izityalo luxwebhu lwelungelo lobunini bobukrelekrele elinikwa abo bakhulisa baphucule iintlobo zezityalo ezintsha. Abakhulisa baphucule iintlobo zezityalo ezintsha banikwa amalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo ukukhusela iintlobo zabo zezityalo zingaxhatshazwa ngaphandle kwemvume yabo.
                                              
Ukuba ukhulisa uphucule iintlobo zesityalo kwaye ungathanda ukuba ubuyekezwe ngeenzame zakho, kufuneka uzibhalise ezo ntlobo kwigosa lobhaliso lwamaLungelo abaKhulisa baPhucule iziTyalo. Xa ubhalise uhlobo lwesityalo, uba ngumnini wobukrelekrele. Nabani na okhulisa aphucule izityalo okanye iziko elikhulisa izityalo lingafaka isicelo samalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo. Abakhulisa izityalo bamazwe angaphandle bangafaka isicelo kuphela ngokusebenzisa i-agente ehlala eMzantsi Afrika.
                                           
Abakhulisa izityalo banikwa amalungelo kuphela ngeentlobo zezityalo ezibhengezwe ngokwemiqathango yoMthetho wamaLungelo abaKhulisa iziTyalo, we-1976 (Act No. 15 of 1976). Ezi zidweliswe kwisicwangciso 1 semiQathango.
                                   
Iimfuneko zokunikezelwa kwamaLungelo abaKhulisa baPhucule iziTyalo
 
Ukuze unikwe amalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo, iintlobo zezityalo kufuneka zibe ntsha, zoHluke, ziFane, ziZinze kwaye zibe negama elamkelekileyo (igama lesityalo). Uhlobo luthathwa ngokuba:

  • Lutsha  ukuba:
    • Izakhi zokusasaza (imbewu okanye isetyana elisikwe kwisityalo) zohlobo lwesityalo azithengiswanga eMzantsi Afrika ngaphezu konyaka.     
    • Izakhi zokusasaza zohlobo lomthi okanye umdiliya azikhange zithengiswe ngolunye uhlobo ngaphezu kweminyaka emithandathu, okanye kwimeko yesinye isityalo ngaphezu kweminyaka emine.
  • LoHlukile ukuba linomahluko ocacileyo kuzo naziphi na ezinye iintlobo zodidi olufanayo     .
  • ZiyaFana ukuba izityalo ezizintlobo ntlobo zikhangeleka zifana kwaye zineempawu ezifanayo ngokwanelisayo. 
  • ZiZinzile ukuba izityalo zohlobo oluthile, emva kokukhiwa amaxesha amaninzi zisakhangeleka njengezityalo zoqobo.                      

Ixesha lamalungelo abo bakhulisa baphucule izityalo   
Xa uhlobo lwesityalo luphunyeziwe, uya kukhutshelwa isiqinisekiso samalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo.

Amalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo asemthethweni iminyaka engama-25 ukuba ngawemithi okanye isidiliya, nama-20 eminyaka kwezinye zonke iintlobo zezityalo, ibalwe ukusuka kumhla wokukhutshwa kwesiqinisekiso sokubhalisa.
                     
Nceda qaphela: Njengomnini wamalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo, kufuneka ukhusele umdla wakho kwaye uqinisekise ukuba uhlobo aluxhatshazwa ngokungekho mthethweni nguye nawuphi na umntu ongenagunya.
                                 
Ukhuseleko olubambisileyo
 
Ungafaka isicelo kwiGosa loBhaliso lwamaLungelo okuKhulisa nokuPhucula iziTyalo sokhuselo olubambisileyo weentlobo kude kube lugqityiwe uvavanyo kwaye nawe ube uwafumene amalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo. Ukhuselo olubambisileyo luyacetyiswa kwizityalo apho uvavanyo luthatha ngaphezu konyaka ukuba lugqitywe.
                           
Luyintoni uxanduva lwakho?
                              
Ngexesha usenamalungelo kufuneka:

  • Ugcine uhlobo kwaye uqinisekise ukuba oko ukusebenzisileyo ukukhulisa nokuphucula isityalo kusoloko kufumaneka.
  • Uhlawule umrhumo omiselweyo.                         

Ukuba awuphumeleli ukwenza oku, igosa lobhaliso lingawacima amalungelo akho okukhulisa nokuphucula izityalo.

Ofanele kukwenza

  1. Jonga kwisicwangciso 1 soMthetho wamaLungelo okuKhulisa nokuphucula iziTyalo ukufumana ukuba ingaba uhlobo lwesityalo lubhengeziwe na.                                                   
  2. Ukuba uhlobo lwesityalo alukho kwisicwangciso, faka isicelo sokubhengezwa esixhaswe kokubhaliweyo kwigosa lobhaliso lwamaLungelo okuKhulisa iziTyalo. 
  3. Ukuba uhlobo lwesityalo lukhona kwisicwangciso, zalisa uxwebhu lwesicelo ngezi nkcukacha zilandelayo:
    • Iinkcukacha zakho, kuquka amagama, idilesi kunye nobuzwe    
    • Isigunyaziso esibhaliweyo esivela kumnini, ukuba awukhange ukhulise uphucule, ukhethe okanye uphuhlise uhlobo                
    • Igama elicetywayo, ekufuneka lithobele iCandelo 10 loMthetho 
    • Ilizwe apho uhlobo likhuliswe khona okanye lafunyanwa khona                   
    • Iinkcukacha zezicelo zangaphambili zokukhulisa nokuphucula izityalo kwamanye amazwe okanye ukuqukwa kuludwe lweentlobo zezityalo ezifanayo, kuquka umhla wokufaka isicelo, iinombolo zesicelo, amanyathelo akubhaliswa, kunye nomhla wentlawulo nobungakanani obusetyenzisiweyo   
    • Ukuba izinto zokusasaza kunye/okanye zokuvunwa kohlobo sele zithengiswa okanye sele zithengisiweyo, iinkcukacha zelizwe, imihla kunye nobungakanani oko kwenzeka phantsi kwazo  
    • Uludwe lwemibuzo oluzalisiweyo. Bonisa ngokucacileyo kuludwe lwemibuzo ukuba uhlobo olutsha lungathelekiswa neziphi na iintlobo ukuze kubonakale umahluko
    • Igunya lokuba ngummeli 
    • umrhumo weemviwo 
  4. izinto zokusasaza:  Imihla kunye nobungakanani bezinto ezisasaziweyo ekufuneka uzifakile ziyafumaneka xa ziceliwe kwigosa lobhaliso.

Ixesha elimiselweyo

  • Inkqubo yokuhlalutya amalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo ithatha ixesha lokulima elinye ukuya kumaxesha okulima amabini.          

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Amaxwebhu okufaka isicelo kunye noludwe lwemibuzo olufanelekileyo zingafumaneka kwi-ofisi yegosa lobhaliso kwaye ziyafumaneka nakwiwebhusayithi yesebe: http://agriculture%2C%20land%20reform%20and%20rurual%20development/  : amacandelo/ izixhobo eziluncedo zemvelo nemfuzo/ amalungelo okukhulisa nokuphucula izityalo.

Ungaqhagamshela nabani

1. I-ofisi yeGosa loBhaliso:

Igosa lobhaliso: AmaLungelo okuKhulisa nokuPhucula iziTyalo
Directorate Genetic Resources
Private Bag X973
PRETORIA
0001
253 Harvest House
30 Hamilton Street
Arcadia
Pretoria

IGosa loBhaliso lwamaLungelo okukhulisa nokuPhucula iziTyalo: 
Noluthando Netnou Nkoana
Umnxeba: +27 12 319 6183
Ifeksi:+27 12 319 6385
I-imeyili: NoluthandoN@daff.gov.za

IGosa lokuBhalisa iiNtlobo zeziTyalo: Izihombiso kunye neZiqhamo
Marcini Govender
Umnxeba: +27 12 319 6226
Fax: +27 12 319 6385
I-imeyili: MarciniG@daff.gov.za

IGosa lokuBhalisa iiNtlobo zeziTyalo: Ezolimo kunye nemifuno
Elna de Bruyn (CJ)
Umnxeba: +27 12 319 6096
Ifeksi: +27 12 319 6385 /0866923788
I-imeyili:  ElnaDB@daff.gov.za

2. Amaziko ovavanyo lokwahluka, ukufana nokuzinza

Amaziko okuhlalutya ukoHluka, ukuFana nokuZinza:

Roodeplaat - ezolimo, imifuno kunye nezihombiso
Heléne Nel
Division Variety Control
Private Bag X11
GEZINA
0031
Tel: 083 230 4806 / 083 230 4791 / 082 656 3689/90/91/92
Ifeksi: 083 235 9378
I-imeyili: HeleneN@daff.gov.za

Stellenbosch – iziqhamo ezivuthulukayo, amaqunube, umdiliya, imifuno yetonele neziqwane
Robyn Hierse or Carensa Petzer
Division Variety Control
Private Bag X5044
STELLENBOSCH
7599
Umnxeba: (021) 809 1648 / 1650 / 1653 / 1655
Ifeksi: (021) 887 2264
I-imeyili: RobynH@daff.gov.za/CarensaP@daff.gov.za

Nelspruit – Iziqhamo zesitrasi kunye nezivela kwingingqi ephakathi kwemimandla eyohlukileyo
Mark Schaffner
Division Variety Control
Private bag X11208
NELSPRUIT
1200
Umnxeba: (013) 753 7099 / 7100
Ifeksi: (013) 752 3854
I-imeyili: MarkS@arc.agric.za

 

 

Office of the Registrar:

Registrar: Plant Breeders’ Rights
Postal address: Directorate: Genetic Resources,
Private Bag X973,
Pretoria,
0001.

253 Harvest House,
30 Hamilton Street,
Arcadia,
Pretoria.

Noluthando Netnou Nkoana
Tel: +27 12 319 6183
Fax:+27 12 319 6385
E-mail: NoluthandoN@daff.gov.za

Plant Variety Registration Officer: Ornamental and Fruit crops
Marcini Govender
Tel: +27 12 319 6226
Fax: +27 12 319 6385
E-mail: MarciniG@daff.gov.za

Plant Variety Registration Officer: Agricultural and Vegetable crops
Elna de Bruyn (CJ)
Tel: 012 319 6096
Fax: 012 319 6385 /0866923788
E-mail: ElnaDB@daff.gov.za

2. DUS Evaluation centres:

Roodeplaat: Agricultural crops, vegetables and ornamental crops
Heléne Nel
Postal address: Division Variety Control,
Private Bag X11,
Gezina,
0031.

Tel: 083 230 4806 / 083 230 4791 / 082 656 3689/90/91/92
Fax: 083 235 9378
E-mail: HeleneN@daff.gov.za

Stellenbosch: Deciduous fruit, strawberries, grapes, tunnel vegetables and proteas
Robyn Hierse or Carensa Petzer
Division Variety Control,
Private Bag X5044,
Stellenbosch,
7599.

Tel: 021 809 1648 / 1650 / 1653 / 1655
Fax: 021 887 2264
E-mail: RobynH@daff.gov.za/CarensaP@daff.gov.za

Mbombela: Citrus and Subtropical fruits
Mark Schaffner
Division Variety Control,
Private bag X11208,
Mbombela,
1200.

Tel: 013 753 7099 / 7100
Fax: 013 752 3854
E-mail: MarkS@arc.agric.za

Share this page