Ukuvavanywa kweesampuli ezigunyazisiweyo zembewu

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga novavanyo lweesampulu zembewu ngokusemthethweni

Ukuze kuvavanywe ngokusemthethweni iisampulu zembewu ukuba zisulungekile na ngenkangeleko, ukukhula kunye/okanye zikulungele na ukutyalwa, abahlalutyi beesampulu beSebe lezoLimo, amaHlathi kunye nokuLoba kufuneka bathathe iisampulu.

Iisampulu zembewu ngokusemthethweni kufuneka zithobele imigangatho yoMthetho wokuPhuculwa kweziTyalo (PIA). Ukuba imbewu ayiyithobelanga imigangatho yoMthetho, kufuneka irhoxiswe ingathengiswa okanye ibhalwe elinye igama.

Ofanele kukwenza

  1. Abahlalutyi beesampulu bengqingi abaphuma kwii-ofisi zeSebe lezoLimo, amaHlathi kunye nokuLoba baya kuthatha iisampulu nanjani na ezivela kulawulo loshishino kunye nembewu engeniswe kweli kubantu, oko kukuthi imibutho, amaziko, iinkampani, ookopolotyeni kunye namafama athengisa imbewu.
  2. Zonke iintlobo zembewu ezifumanekayo, zoshishino kunye neziqinisekisiweyo, zithathelwa ingqalelo.
  3. Iintlobo zembewu ekuza kuthathwa kuzo iisampulu zikhethwa ngolu hlobo:
    • Ukukhethwa kweentlobo zembewu nanjani na
    • Iintlobo zembewu erhanelekayo
    • Iintlobo zezityalo ezinika ingxaki.
  4. Iisampulu zivavanywa ukuze zithobele imiqathango yoMthetho wokuPhuculwa kweziTyalo.

Qaphela:

Iingxelo ngeemvavanyo ezenziweyo zithunyelwa kumhlalutyi wesampulu lowo ebethathe isampulu. Ukuba uyazifuna ezi ngxelo, iNgxelo yokuHlalutywa kwembewu iya kukhutshwa kwaye ixabiso elifunekayo liya kuhlawulwa.

Iinkcukacha zebhanki zezi:
IBhanki: Standard Bank
Igama lesebe: Arcadia
Inombolo yesebe: 01-08-45
Inombolo ye-akhawunti: 011244887
Igama le-akhawunti: NDA- Seed Testing Services.

Khumbula ukufaka inombolo yoluhlu lwamaxabiso ngeenjongo zokuba kwaziwe ukuba ifakwe ngubani na imali.

Hlawula umrhumo wokuvavanya imbewu uze uthumele ubungqina bentlawulo ku-OSTL ngefeksi okanye nge-imeyili ukuze kukhululwe ingxelo.

Ixesha elimiselweyo

Iintlobo zezityalo zivavanywa phantsi kweemeko ezahlukileyo kwaye ubude bovavanyo bungohluka ukusuka kwiintsuku ezimbalwa ukuya kwiiveki ezimbalwa.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama- 2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Akukho maxwebhu azaliswayo.

Ungaqhagamshela nabani

 

Tel: 012 3196262/6311
Fax: 012  319 6372 
E-mail: BeckyM@daff.gov.za / AngelMab@daff.gov.za

Physical address: Official Seed Testing Laboratory, Directorate: Plant Production, Plant genetic Resource Centre, Kwamhlanga Road

Postal Address: Private Bag x250, Pretoria 0001

Share this page