Isicelo sephepha-mvume lokuqhuba

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nemfuneko zokufaka isicelo sephepha-mvume lokuqhuba     

Kufuneka ube nephepha-mvume lokuquba ukuze uqhube kwiindlela zaseMzantsi Afrika ngokusemthethweni. Phambi kokuba ufake isicelo sephephamvume lokuqhuba, kufuneka ube nephephamvume lokufunda ukuqhuba.

Amaphepha-mvume ohlukileyo ayakhutshwa ekhutshelwa iintlobo zezithuthi ezohlukileyo:

  • Ikhowudi A1: Eli phephamvume lelesithuthuthu esinendawo yokufaka imithwano esecaleni kwaye injini yaso ingedluli kuma-25cc. Kufuneka ube neminyaka eli-17 ngomhla wovavanyo. This is for a motor cycle with or without a sidecar and with an engine not exceeding 125 cc.
  • Ikhowudi A: Eli phaphamvume lelesithuthuthu esinendawo yokufaka imithwalo esecaleni esinenjini edlulileyo kwi-125cc. Kufuneka ube neminyaka eli-18 okanye ngaphezulu ukuze ufake isicelo.  This is for a motor cycle with or without a sidecar and with an engine that exceeds 125 cc.
  • Ikhowudi B: Eli phephamvume lelemoto, kuquka iminibus, ibhasi kunye nesithuthi esithutha impahla, ubunzima besithuthi eso buphelele bungadluli kuma-3 000kg. Kufuneka ube neminyaka eli-18 okanye ngaphezulu ukuze ufake isicelo. 
  • Ikhowudi C1: Eli phephamvume lelemoto, ibhasi, iminibhasi enobunzima obupheleleyo obuphakathi kwama-3 500kg kunye nama-16 000kg. Kufuneka ube neminyaka eli-18 okanye ngaphezulu ukuze ufake isicelo.
  • Ikhowudi C: Eli lelemoto, ibhasi okanye isithuthi esithutha impahla ezinobunzima obupheleleyo obugqithileyo kuma-16 000kg.
  • Ikhowudi EB: Eli phephamvume lele:
    • Moto encinane etsala inqwelwana (imoto encinane etsala inqwelana) enobunzima budibene nobenqwelwana obungadlulanga kuma-3 500kg. Kufuneka ube neminyaka eli-18 okanye ngaphezulu ubudala ukuze ufake isicelo.
    • Ukudityaniswa kwesithuthi esinobunzima obungadlulanga kuma-3 500 kg kunye neminibhasi, ibhasi okanye isithuthi sokuthutha imithwalo esingadlulanga kuma-3 500 kg. Kufuneka ube neminyaka eli-18 ubudala nangaphezulu ukuze ufake isicelo.
  • Ikhowudi EC1: Eli lele:
    • Sithuthi esinzima esitsala inqwelwana (isithuthi esinzima esitsala inqwelwana [iinqwelwana]) ezinobunzima obuphakathi kwama-3 500 kg nama-16 000 kg ubunizma zidibene. Kufuneka ube neminyaka eli-18 ubudala ukuze ufake isicelo. 
    • Isithuthi esinobunzima obuphakathi kwama-3 500 kg nama-16 000 kg kunye neminibhasi, imidibhasi, ibhasi okanye isithuthi sokuthutha imithwalo esinobunzima obuphakathi kwama-3 500 kg nama-16 000 kg xa zidibene. Kufuneka ube neminyaka eli-18 ubudala okanye ngaphezulu ukuze ufake isicelo.   
  • Ikhowudi EC: Eli lelesithuthi esinzima esitsala inqwelwana (isithuthi esinzima esithwala inqwelana [iinqwelwana]) esinobunzima obugqithileyo kuma-16 000 kg zidibene. Kufuneka ube neminyaka eli-18 ubudala okanye ngaphezulu ukuze ufake isicelo. 

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwiziko lovavanyo lwelayisenisi yokuqhuba (i-DLTC) elikufuphi nawe uyokubhalisela umhla wovavanyo. Phatha oku kulandelayo xa usiya khona:
    • ilayisenisi yakho yokufunda ukuqhuba.
    • incwadi yakho yesazisi (i-ID).
    • iifoto zakho ezine ezifanayo ezimbala umnyama namhlophe. Kufuneka uqale ngokuqinisekisa kwiziko elo (i-DLTC) ukuba bafuna iifoto ezingaphi phambi kokuthatha iifoto.
    • Isiqinisekiso sedilesi yeposi nesendawo ohlala kuyo umz., ileta ye-akhawunti kamasipala. Ukuba ngaba i-akhawunti ayibhaliswanga ngegama lakho, lo mntu ibhaliswe ngaye kufuneka enze inkcazelo efungelweyo echaza ukuba uhlala kulo dilesi ize ileta leyo ye-akhawunti ihambe nale nkcazelo ifungelweyo.  
    • Ukuba ngaba uhlala endaweni engamatyotyombe, kufuneka uze nencwadi engqina idilesi yakho yeposi nendawo ohlala kuyo enestampu esisesikweni esigximfizwe nguceba wewadi.
    • Intlawulo yokubhalisela umhla. 
  2. Gcwalisa ifomu (i-DL1) yokuFaka isiCelo selayisenisi yokuqhuba kwiziko (i-DLTC).
  3. Gcina irisiti njengesiqinisekiso sokuba uhlawulile nanjegesiqinisekiso somhla nexesha lovavanyo.
  4. Ngomhla wovavanyo, kufuneka ube kwiziko i-DLTC ngexesha elichaziweyo. Irisiti nelayisenisi yakho yokufunda ukuqhuba ziza kukhangelwa ziqinisekiswe phambi kokuba udlulele kuvavanyo.
  5. Uza kuhlolwa ligosa lohlolo elifanelekileyo.
  6. Ukuba ngaba uluphumelele uvavanyo, uza kuthathwa iminwe uze wenziwe uvavanyo lwamehlo kwiziko i-DLTC. Kungenjalo, usenokwenza uvavanyo lwamehlo kugqirha wamehlo ofanelekileyo uze ufake ifomu kwiziko i-DLTC.
  7. Ukuba ngaba uluphumelele uvavanyo lwelayisenisi yokuqhuba yethutyana, kuza kufuneka uhlawule umrhumo wokuyikhupha ukuze uyifumane ilayisenisi yokuqhuba yethutyana. Le yethutyana uza kuyisebenzisa ngeli xesha usalindele ilayisenisi yokuqhuba elikhadi esaceliweyo.
  8. Uza kwaziswa xa ilayisenisi yakho yokuqhuba elikhadi ilungele ukuphuthunywa. Kuza kufuneka uyilande kwiziko i-DLTC apho ubusenze khona isicelo sakho.

Ixesha elimiselweyo

  • Iphephamvume lakho liza kuba selilungile kwiiveki ezine ukuya kwezintandathu.   Your driving licence should be ready within four to six weeks.
  • Iphephamvume lokuqhuba lethutyana likhutshwa kwangoko.

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Gcwalisa ifomu (DL1) endaweni yovavanyo lwa maphepha-mvume okuqhuba.

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact your local department of transport

Share this page