Imali echithwa ngurhulumente kwizibhengezo ezipapashwa kumajelo ezosasazo ahlukeneyo, isaziso esikhutshwe nguMphathiswa uFaith Muthambi

NjengoMphathiswa wezoNxibelelwano, ndifuna ukucacisa la mampunge asasazwa ephindwa-phindwa yi-Democratic Alliance (i-DA) iwenza ngathi ngumbuzo wasepalamente wokwenyani minyaka le kule minyaka mithathu idlulileyo. La mampunge angemali ephantsi kweSebe lezoNxibelelwano echithwa ngurhulumente ukupapasha izibhengezo. I-DA ityhola ngelithi uRhulumente unedolo kumajelo osasazo angekho rhabaxa kuye. NgoLwesine umhla wama-29 kweyoMqungu, emva kokuba ndikhuphe iinkcukacha ngemali echithwa nguRhulumente kwizibhengezo, esebenzisa iSebe lezoNxibelelwano, la mampunge aphinde abuya kwakhona, kwaye ephindwa kwangolaa hlobo lunye kodwa kwesi sihlandlo ephekwe nguGavin Davis.

Kucacile ukuba oHloniphekileyo, uMnu Davis, oliLungu lePalamente (oyi-MP) akanalwazi lunzulu ngezokupapasha izibhengezo kumajelo ezosasazo kwaye ufuna isebe lokusithela ukuze angaduli ukuba uyithiyile imizi yamajelo osasazo abanikazi bayo engabantu abantsundu. Ulwazana nje oluncinci ngeendlela amaphepha-ndaba athengiswa nahanjiswa ngazo, amanani abafundi bawo kunye nokwazi umongo neendaba, konke oku bekunokulinceda eli lungu lihloniphekileyo libone ukuba ezi zityholo lizibekayo azinamhluzi.

Okuyinene kukuba izimvo nendlela ebhala ngayo i-The New Age ibabufana nezimvo kunye nendlela i-Business Day ebhala ngayo. Uphando oluqhutywe yinkampani ehlonitshwe kwihlabathi liphela, i-Media Tenor, lukhuphe ingxelo ehlalutya indlela amaphepha-ndaba abebhala ngayo ngoMongameli Zuma phakathi kweyeKhala ngowama-2014 neyoMqungu ngowama-2015. Le ngxelo ibonakalisa ukuba amanqaku ali-10% e-The New Age abhala kamnandi ngoMongameli Zuma, aze amanqaku ali-9% e-Business Day nawo abhale kwangoluhlobo lunye ngoMongameli. Ingaba ke ngoku siza kuthi i-Business Day ingumlomo kaMongameli Zuma okanye inedolo ngakuye?

Ukuthatha izigqibo kummandla onamajelo eendaba ezosasazo ahlukeneyo, abasebenzi becandelo lokuthenga izithuba zokupapasha izibhengezo kwiSebe lezoNxibelelwano basebenzisa iprogram yekhompyutha yakwa-Telmar Media ehlonitshiwe nephambili kwihlabathi liphela kwezokupapashwa kwezibhengezo esetyenziselwa ukuba izibhengezo zifikelele kubantu abaninzi kangangoko, zihlale zisemehleweni kwaye iziphumo zokubhengeza nazo zibonakale. Abo basebenzisa abakwa-Telmar Media bangama-10 000 kumazwe angama-85 baquka ii-arhente zokupapasha izibhengezo ezaziwayo nezihlonitshiweyo kwihlabathi jikelele, abapapashi abapapasha ngokusebenzisa amaphepha-ndaba ne-intanethi, amaziko kamabonakude nonomathotholo kunye nababhengezi. Abasebenzi becandelo lezokuthengwa kwezithuba zokupapasha izibhengezo bathatha inxaxheba rhoqo kuqeqesho lwe-SAARF kunye nolo luqinisekiswe ngabakwa-Telmar Media, kwaye bangamalungu oMbutho wamaJelo oSasazo aBhengezayo waseMzantsi Afrika.

I-The New Age – eliphepha-ndaba elithengiswa kwizwe lonke lithelekiswa ngendlela engeyiyo namaphepha-ndaba athengiswa kwizixeko ezikhulu kuphela (i-The Herald, eNelson Mandela Bay, i-The Mercury, e-Durban, i-Pretoria News – ePitoli) ethengisela abantu bale mimandla kuphela. Ukuba ke singalandela oku kuthethwa ngoHloniphekileyo uMnu Davis, oyi-MP, urhulumente kungafuneka apapashe izibhengezo zakhe kumaphepha-ndaba amaninzi athengiswa kwizixeko ezikhulu kuphela – kuwo onke amaphondo, ukuze akwazi ukufikelela kwinani labantu abafikelelwa yi-The New Age, futhi ahlawule imali ethe xhaxhe kunaleyo ayihlawulayo xa esebenzisa i-The New Age. Okuyinene kukuba i-The New Age iyafumaneka kuwo onke amaphondo, ize futhi iphinde ibe namaphepha-ndaba amathandathu abhalwe alungiselelwe imimandla ethile kuphela. Iphepha-ndaba ngalinye le-The New Age linephepha elibhala iindaba ezingephondo ngalinye kula asithoba ngaphandle kwaloo manqaku angeendaba zelizwe nehlabathi jikelele.

URhulumente usebenzisa uhlobo lonxibelelwano olufikelela kubantu abaninzi ukuzalisekisa umsebenzi wakhe wokunxibelelana nabemi boMzantsi Afrika abaninzi kangangoko. OHloniphekileyo uMnu Davis naye uyavuma ukuba urhulumente usebenzisa amaphepha-ndaba angama-248 ukwazisa uluntu ngeenkqubo zakhe, kodwa akayiphathi eyokuba urhulumente nguyena uwaxhasa kakhulu amaphepha-ndaba ahlukeneyo ngokusebenzisa wona xa epapasha izibhengezo. Asiyazi ukuba kutheni le nto eli lungu lihloniphekileyo liqhubeka lithetha izinto ezingebobunyani ngenani labantu abafunda i-The New Age. Inani labayifundayo elingama-153 000 alibabali ababukeli abangama-621 000 ababalwe yi-AMPS ababukela iinkqubo kamabonakude i-TNA Briefings – eyinkqubo esasazwa ngqo equka ukunxibelelana kwamahlakani, abo bafunda iphepha-ndaba i-The New Age kunye nabo basebenzisa amajelo oluntu onxibelelwano kunye nababukela le nkqubo kumabonakude kwilizwe liphela.

Ndiyammema oHloniphekileyo uMnu Davis, oyi-MP, ukuba akhe atyelele eTshedimosetso House; oligama leSetswana elithetha ukuqonda, ukufunda, ulwazi, okanye ukufunda kakhulu (mhlawumbi intsingiselo yeli gama uyilibele) aye kufundiswa zingcali eziphekwe apha ekhaya zecandelo lezokuthengwa kwezithuba zokupapasha izibhengezo kwiSebe lezoNxibelelwano. Mhlawumbi kungamnceda oku atsho avuleke ingqondo ayibone engayixelelwanga into engeyonyani.

Imibuzo:
Ayanda Hollow
Inombolo yeselula: 061 488 0634

Share this page

Similar categories to explore