Amagqabantshintshi entetho kwintlanganiso noonondaba ngokuphunyezwa kwezithembiso zeNtetho engoBume Besizwe yesiGaba esiPhakathi soNyaka

UMongameli Jacob Zuma unike oonondaba ingxelo ngokuphunyezwa kwezithembiso zeNtetho engoBume beSizwe yesiGaba esiPhakathi soNyaka kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli ngoLwesibini, umhla we-11 kweyeThupha ngowama-2015.  Le ntetho ibigxile kumsebenzi owenziwe ngurhulumente ekufezekiseni unyaka wokuqala weNkqubo-sikhokelo yoBuchule yeSigaba esiPhakathi (i-MTSF) yowama-2014-2019, njengoko kuphawuliwe kwi-SoNA kweyoMdumba yowama-2015.

I-MTSF, esiyinkqubo yokuSebenza kaRhulumente, isekelwe kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP), esiluyilo esisikhokelo sezoqoqosho nentlalo yeli lizwe lokuqubisana nemingeni entlandlo-ntathu yendlala, intswela-ngqesho nokungalingani ngowama-2030.

Ezakutsha ngesiCwangciso esimaNqaku aliThoba

Kwi-SoNA yakhe yeyoMdumba yowama-2015, uMongameli uZuma wazise ngesiCwangciso esimaNqaku aliThoba sokunyusa uhlumo lwezoqoqosho nokudala imisebenzi edingeka kakhulu. Esi siCwangciso simaNqaku aliThoba sisebenza njengempendulo yokuhlangabezana nomgeni wohlumo olungonelanga kuqoqosho loMzantsi Afrika.

Ukongeza kuhlumo oluthelekelelweyo lwe-2% ngowama-2015, esi siCwangciso simaNqaku aliThoba sisenokusandisa isantya sohlumo lwezoqoqosho nge-0,8% kwixesha elifutsha ne-1% kwixesha eliphakathi ukuya kwelide.

Amacandelo esi sicwangciso ngala alandelandelayo:
1. Ukusombulula umngeni wamandla ombane
2. Ukuvuselela ezolimo nokubandakanyeka kwinkqubo yokucola nokuhlela iimveliso zezolimo.
3. Ukuqhubela phambili iphulo lokuxhamlisa nokunika ixabiso kubutyebi bezimbiwa zeli lizwe.
4. Ukuphunyezwa ngokungqingqwa kwempembelelo yesiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP).
5. Ukukhuthaza utyalo-mali ngabecandelo lamashishini abucala.
6. Ukuzama ukuthibaza izinga lengxabano emisebenzini.
7. Ukunikezela ngamathuba kangangoko kumashishini amancinci, aphakathi namakhulu (ii-SMMEs), ookopolotyeni, amashishini asezilokishini nawasemaphandleni.
8. Ukudala inguqu kumbuso nokomeleza indima edlalwa ziinkampani eziphantsi korhulumente, iziseko ezingundoqo zobuchwephetshe bolwazi nonxibelelwano okanye ukuqaliswa kobuxhakaxhaka bokusebenza ngesantya sothungelwano-lwazi, amanzi, ugutyulo neziseko ezingundoqo zezothutho.
9. Iphulo elibizwa i-Operation Phakisa, elinjongo zalo ikukukhulisa uqoqosho lwaselwandle nolwamanye amacandelo.

EZEMVELISO

Utyalo-mali nokudala imisebenzi

Inkxaso karhulumente incede icandelo lokuvelisa iimoto lavelisa ngaphezulu kwezingama-566 000 ngowama-2014 zikususela kwezingama-356 800 ngowama-2000.

Le nkxaso iphucule ukurhwebo lokuthunyelwa kweemoto namazwe angaphandle ukususela kwi-11 000 ngowe-1995 ukuya ngaphezulu kwezingama-270 000 ngowama-2014. Kangangokuba, kudaleke imisebenzi engama-300 000 kwicandelo leemoto.

Utyalo-mali oluncomekayo lwenziwe nakumacandelo angundoqo wezokuvelisa afana necandelo leemoto, elenkqubo yokucolwa nokuhlelwa kweemveliso zezolimo nelezixhobo zombane.

Oku kuquka imali ezibhiliyoni ezintlanu zeerandi  ngabakwa-Mercedes Benz, iibhiliyoni ezintathu zeerandi  ngabakwa-Ford, iibhiliyoni ezine zeerandi ngabakwa-Unilever kwizikhululo ezine kule minyaka mine idlulileyo kunye nezigidi ezingama-228 zeerandi ngabakwa-Samsung.

Ngowama-2014, urhwebo lokuthunyelwa kweemoto kumazwe angaphandle lufikelele kwiibhiliyoni ezili-115 zeerandi, ezili-12,7% zorhwebo lokuthunyelwa kwemveliso kumazwe angaphandle.luphela kweli lizwe.

Ungenelelo lukarhulumente lugxile ekunqandeni ukwehla kwecandelo leempahla, elempahla elukiweyo, elezikhumba nezihlangu lukhokelele ekugcinweni kwemisebenzi engama-68 000 kweli candelo.

Ekupheleni kweyoKwindla yowama-2015, kuphunyezwe inkxaso ezibhiliyoni eziyi-3,7 zeerandi iphelele ukuxhasa icandelo lamashishini abucala ukususela ukuqaliswa kwenkqubo yokuKhuphisana kwezeMpahla neMphala eluKiweyo ngowama-2010.

Ukususela ngawama-2009, urhulumente uye waxhasa amashishini wenkqubo yokucola nokuhlela iimveliso zezolimo - ngokusebenzisa iSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti) – ngemali efikelela kwibhiliyoni eyi-1,2 yeerandi ngezikimu ezahlukahlukeneyo.

Uphuhliso lwamashishini

Ukunyuza ngakumbi izinga lophuhliso lwamashishini kweli lizwe urhulumente, uye wavelisa iNkqubo yooSomashishini abaMnyama, phakathi kwamanye amangenelelo, eyilelwe ukwenza inguqu icandelo lezokuvelisa lize linike kangangoko oosomashishini abasakhasayo abamnyama.

Inkxaso-mali yokuqala yonyaka-mali 2015/16 eyibhiliyoni yeerandi iye yafunyanwa kwi-dti kunye neebhiliyoni ezingama-23 zeerandi yale minyaka mithathu ilandelayo kwiQumrhu loPhuhliso lwaMashishini.  

IZISEKO ZOPHUHLISO

Ii-arhente zikarhulumente nezoluntu ziye zatyala imali engaphezulu kwetriliyoni yeerandi kwiziseko zophuhliso phakathi kowama-2009 nama-2014.
 
Olu tyalo-mali lukuphehlo lwamandla ombane, ezendlela, imizila yoololiwe, kumazibuko, izithuthi zikawonkewonke, amanzi azizixa ezikhulu nogutyulo, izibhedlele, iziseko zophuhliso zezemfundo esiSiseko nephakamileyo kunye neeprojekthi zeemveliso ezintsha ezifana neSiza esiyiKhilomitha uBude noBubanzi (i-SKA) nesibonakude i-Meerkat.
 
Ukuqaliswa kobuxhakxhaka bokusebenza ngesantya sothungelwano-lwazi

KweyeThupha yowama-2015, kuqaliswe ukukhutshwa kwama-41 351 yeekhilomitha zeentambo zombane ezinesigqubuthelo seplastiki ukubonelela ukusebenza kobuxhakaxhaka bokusebenza ngesantya sothungelwano-lwazi.

UkuFudukela kuSasazo lweDijithali

KweyoKwindla yowama-2015, iKhabhinethi iziphumeze izihlomelo zokugqibela zoMgaqo-nkqubo wokuFudukela kuSasazo lweDijithali, okuvumela ukufezekiswa kwale projekthi. Ngaphezu koko iKhabhinethi iphumeze ukuba urhulumente abonelele amakhaya azizigidi ezihlanu ahluphekayo anoomabona-kude ngeebhokisi zasimahla ezibizwa njengee-set-top-boxes.  

Nangona eli lizwe lingakwazanga ukufikelela ekuyicimeni i-analogu ngomhla we-17 kweyeSilimela yowama-2015 obumiselwe yiManyano yoNxibelelwano oluquka ooMabonwakude, mninzi umsebenzi othe wenziwa kule nkqubo ikhokelele ekucinyweni kwe-analogu okukufuphi.

ISebe lezoNxibelelwano ukususela ngoku seliqukumbele laza latyikitya izivumelwano eziphakathi kwelizwe lethu namazwe asebumelwaneni – iBotswana, iNamibia, iMozambique, iLesotho neSwaziland – khona ukuze kunciphe ukuphazamiseka kwamaza oonomathotholo okunabileyo ekuwelweni kwemida.  

AMANDLA OMBANE

Ukususela oko kwathi kwaqalwa isiCwangciso sezaMandla oMbane esiManqaku Mahlanu kweyoMnga yowama-2014 sekwenziwe inkqubela encomekayo ukusombulula imingeni yamandla ombane eMzantsi Afrika.

Inkqubo yokusebenza neyokulungisa kwa-Eskom iyaqhubekeka ukuphucuka ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba izikhululo zombane zihlala zilungiswa zibonelela nagombane ngokufanelekileyo ngokuhambelana namandla wazo.
 
U-Eskom utyikitye isivumelwano seXesha eliFutshane sokuThenga uMbane owongeza ubonelela lombane ukulungiselela ukungoneli kwawo ngenxa yokulungiswa kwezikhululo nokumelana nokufuneka kwawo ngexesha osetyenziswa ngalo kakhulu.

Kuzokongezwa ezinye iimegawati (ii-MW) ezingama-800 kuthungelwano lombane wesizwe ngokuphehlwa okuncedisayo.
 
Iinkqubo zokusetyenziswa kakuhle kombane zikhokelele ekubeni kongiwe ama-450 MW nokuncitshiswa kokukhutshwa kwegesi engcolisa umoya.
 
Ziprojekthi eziliqela zeNkqubo yabaVelisi boMbane abaZimeleyo boMbane oHlaziywayo ezibonelela uthungelwano lombane wesizwe nge-1 800 MW.
 
Kule minyaka mibini inesiqingatha izayo, ezi projekthi zingama-92 zombane ohlaziywayo zizakuzisa ama-6 327 MW zombane uphelele kuthungelwano lombane wesizwe

Ukuhlola kokukhangela ezinye iindlela ezahlukahlukeneyo zokuveliswa kombane kuyaqhubeka, kuquka neeprojekthi ezingaphaya kwemida ngaphakathi kommandla woMbutho woPhuhliso laMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) oku kuquka ezisebenza ngamanzi, igesi nezamalahle.
 
Ubonelelo lombane lwexesha eliphakathi ukuya kwelide, ukwakhiwa kwenkqubo yenyukliya sele ikwisigaba esiphambili kakhulu sokucwangcisa kwaye ukuthenga kufanale ukuba kuqukunjelwe kwakulo nyaka-mali wama-2015/16.  
 
IsiCwangciso esinguNdoqo sokusetyenziswa kweGesi, esiza kuvuselela uphuhliso notyalo-mali kushishino lwegesi, sizakushicilelwa.
 
Urhulumente uza kuqhubekeka ukulandela umsebenzi wokukhangela ingxubevange yombane ukuqinisekisa ngokubakho kombane ngoku nakwixesha elizayo.

UQOQOSHO

Uqoqosho lwaseMzantsi Afrika, njengalo naluphi na uqoqosho kumazwe amaninzi ehlabathini, luyaqhubekeka ukusokola ukubuyela kwindawo olwalukuyo ngaphambi kombhodamo wokudodobala kohlumo lwezezimali.

UMzantsi Afrika uzibophelele kwizinga lohlumo lwe-5% ngowama-2019, kodwa izinga lohlumo olufunyenwe ngowama-2014 lwe-1,5% lukude kummiselo wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

Kodwa ke, nangona uhlumo lucotha ehlabathini jikelele, uhlumo lwezoqoqosho lulindeleke ukuba lunyuke luye kwi-3% ubuncinane kule minyaka mithathu izayo, kuba iingxaki zombane – ezingumqobo omkhulu – zilindeleke ukuba zinike umnyenyevu.   
 
Inkxaso yotyalo-mali

Ngomhla we-7 kweyeThupha, kwintlanganiso yeQela eliSebenzayo lezoShishino likaMongameli kuxoxwe, imfuno yokuphucula ukusebenza kakuhle kolawulo kunye namaxesha okudala inguqu yokuxhasa utyalo-mali. Ngoko ke, ukuqhutywa kwenkqubo yoMmandla wezoQoqosho oKhethekileyo kuzakuqhuba.

Ukusekwa kweziko lokuququzelela utyalo-mali okanye indawo engunto-zonke iyafezekiswa ukwenzela ukuxhasa utyalo-mali lwalapha ekhaya nolwamazwe angaphandle. Kumiselwe indawo yokulinga kwa-dti.

Eli ziko lizakuphucula ubume botyalo-mali lize lixhobise ukunyenyiswa kokwenziwa koshishino ngokuchonga imiqobo, lisuse imiqobo kwezolawulo, linciphise ukungasebenzi kakuhle kwezolawulo, limisele izithethe nemigangatho, liphucule ixesha lokuphendula, liququzelele lize likhawulezise ukuphendula yonke imibuzo engotyalo-mali.
 
Imithetho emitsha ye-Visa

Ngenxa yezikhalazo ezimalunga nemithetho emitsha ye-Visa, urhulumente umisele iKomiti yabaPhathiswa yeMimiselo yokuNgena kweli

I-IMC iza kuhlangabezana nemiphumela ebekungajoliswanga kuyo ngale mimiselo mitsha yokungena kweli kumacandelo awohlukahlukeneyo, kuquka elokhenketho notyalo-mali.

I-IMC usihlalo wayo nguSekela Mongameli uRamaphosa ibe nabaPhathiswa wezoKhenketho, weMicimbi yezeKhaya, wezoRhwebo noShishino, woPhuhliso loLuntu nowoPhuhliso lwamaShishini amaNcinane.

UPHUHLISO LWAMASHISHINI AMANCINCI

Ungenelo oluphambili kukunikezela ngamathuba kangangoko kumashishini amancinci (i-SMMEs), ookopolotyeni namashishini asezilokishini nawasezilalini luyaqhubekeka. Luquka ukusebenzela ukufezekiswa komgaqo-nkqubo wama-30% abekelwe bucala ukwenzela ukuxhasa ii-SMME nookopolotyeni.

Amashishini amancinci abaluleke njengala makhulu

Ii-SMME zizakuxhaswa ngokufikelela okongeziweyo kurhwebo nezimali. Imiqobo kwii-SMME iza kuncitshiswa, kuquka nokuhlaziywa komthetho okhoyo wamashishini amancinci.

Ukuhlawulwa kwababoneleli-nkonzo

Kumiselwe icandelo elilodwa kwiSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya ukuba liphande iimeko zokuhlawulwa emva kwexesha okanye bangahlawulwa, nangona ifakiwe i-invoysi efanelekileyo zingadlulanga iintsuku ezingama-30.

UBUDLELWANE BEZABASEBENZI

USekela Mongameli uCyril Ramaphosa ukhokela uthethathethwano phakathi kwabezoshishino nabasebenzi ukulungisa ubudlelwane bezabasebenzi

Kuye kwafikelelwa kwisivumelwano ngengcaciso esebenzayo yoWona Mvuzo Mncinci uMiselweyo weSizwe kwiBhunga labaSebenzi noPhuhliso lwezoQoqosho leSizwe (i-Nedlac)

Ezinye zendlela zokunciphisa ukulwa emsebenzini ziquka isivumelwano sokuqulunqa uMgaqo wokuziPhatha kuqhankqalazo, ukuvalelwa ngaphandle nolamlo olunyanzelekileyo lusenziwa yiKhomishini yoXolelwaniso, uLamlo nokwaHlulela (i-CCMA).

EZOLIMO

Ininzi inkqubela eseyenziwe ekuphuhliseni iiPaka zezoLimo, apho sekuchongwe khona iziza ezingama-43 kwezingama-44. Enye iPaka yezoLimo iza kumiselwa eMntla Ntshona.

Urhulumente usaqhuba ukufezekisa amanye amaphulo esiCwangciso esiSebenzayo soMgaqo-nkqubo wezoLimo ukuxhasa uhlumo nemisebenzi kwezolimo kunye nenkqubo yokucola nokuhlela iimveliso zezolimo.
 
Esi sicwangciso siquka ukwanda kwenkxaso kumafama angabaninimhlaba emincinane nokukhangela iindlela zokwandisa kakhulu inani labavelisi bezolimo.

Amanzi nogutyulo

Urhulumente uye wabona amanzi njengomthombo obaluleke kakhulu kuphuhliso lwezoqoqosho kwaye umsebenzi wokufezekisa isicwangciso esimanqaku mahlanu kumanzi nogutyulo uyaqhuba.

Esi sicwangciso siqulathe:

  • ukulungisa nokuphucula iziseko ezingundoqo zamanzi nogutyulo
  • ukwakha amadama amatsha nokuphuhlisa amanzi aphantsi komhlaba
  • ukuphucula umgangatho wamanzi
  • ukuphuhliswa kobuchwepheshe obuhle bolawulo lolwazi lwamanzi nogutyulo
  • ukuqinisekisa ngolawulo oluxhotysiweyo noludibeneyo olufana nelayisenisi yokusetyenziswa kwamanzi.

Kuza kwenziwe uhlaziyo lwayo yomibini uMthetho weeNkonzo zaManzi, we-1997, (uMthetho 108 we-1997) noMthetho waManzi weSizwe, we-1998 uMthetho 36 we-1998).
 
Urhulumente ungenelela ekunqandeni ukuvuza kwamanzi okudla iindleko ezizibhiliyoni ezisixhenxe zeerandi ngonyaka.

Inkqubo karhulumente, iza kuqeqesha amagcisa ali-15 000 nabatywini ukuze balungise iimpompo ezivuzayo kwiindawo abahlala kuzo,  ngeSebe lezaManzi noGutyulo, iza kumiselwa ngokusesikweni eBhayi, eMpuma Koloni, ngomhla wama-28 kweyeThupha. Umthamo wokuqala oza kuthathwa ongama-3 000 usagaywa kunyaka-mali yowama-2015/16.

Ezemfundo esisiseko

Iziphumo zoHlolo lweSizwe loNyaka lowama-2014 zibonisa ukuba ummiselo weBanga 3 ekufundeni nokubhala kwakunye nakwizibalo zidlulile kummiselo ubumiselwe, kuquka neBanga 6 uLwimi lwaseKhaya.

Noxa kunjalo, ukusebenza kweBanga 6 nele-9 iZibalo noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo kusesezantsi.

Ukufezekiswa kweZibalo, iNzulu-lwazi nobuChule bobuChwepheshe kuza kuqiniswa kuzo zonke izikolo. Urhulumente uza kuqinisekisa nangokuphulwa kobonelelo lweetitshala, uqeqesho nophuhliso.

Ukuphuculwa kwamabakala emfundo wabo basebenza ngeBanga R nalo luyaqhuba njengenxalenye yotyalo-mali lwexesha elide kwimfundo esemgangathweni.

EZEMPILO

INkqubo kaGawulayo yeZizwe eziManyeneyo iwuncomile uMzantsi Afrika ngokusabela ngokuyimpumelelo kwiNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS.

Le mpumelelo iquka ukufikelela okwandisiweyo kunyango lwamachiza okuthomalalisa intsholongwane kaGawulayo (ii-ARV) kubantu abaphila ne-HIV ne-AIDS. Ukuza kutsho ngoku ngabantu abakwi-3.1 sezigidi abafumana unyango lwee-ARV, bagqithisile kummiselo wezigidi ezithathu ngowama-2014/15.

Ukuhlolelwa isifo sephepha (i-TB) kwandisiwe kwaye kufikelela kubantu abali-15.2 lezigidi, ligqithisile kumlinganiselo omiselweyo wezigidi ezithandathu.

Idabi lokulwa i-HIV ne-AIDS liyaqhuba, kuquka nomlo wokulwa umdintsi owayanywanisa nesi sifo ukuze abo baphila  nale ntsholongwane babe nokuphila ubomi obunenkqubela.

UMgaqo-nkqubo weSizwe woLutsha (i-NYP)

IKhabhinethi iyamkele kwinyanga kuCanzibe yowama-2015 i-NYP. Kuye kwasekwa iQela eliSebenzayo loLutsha lukaMongameli (i-PYWG), luquka imibutho yolutsha norhulumente ikhokelwa liSekela Mphathiswa wezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya kwi-Ofisi kaMongameli, uMnu Bhuti Manamela. I-PYWG incedisa ukuququzelela ukufezekiswa kwe-NYP.  

Le nkqubo ifezekiswayo iquka:

  • ukuqeqeshwa nokufundiswa kolutsha olungoosomashishini nookopolotyeni;
  • ukuhlengahlengisa nokuhlaziywa kweSkimu seSizwe soNcedo lwezeZimali sabaFundi (I-NSFAS);
  • ukwandisa ukubhaliswa kwabafundi ezidyunivesithi nakwiikholeji zoqeqesho kumakhondo;
  • ukufezekiswa kweenkqubo zokuqeshwa kolutsha ezifana nokufakelwa kweegiza zamanzi zesola kunye neebhokisi ezibizwa ii-set-top boxes; kunye
  • nokufezekiswa kweenkqubo zokuqeshwa koluntu nokubethelela izithethe zokuqulunqwa kommi ofanelekileyo.

EZEMIGODI

Imigodi zezinye zeentsika ezibaluleke kakhulu kuqoqosho lwaseMzantsi Afrika. Urhulumente uxhalabile ukuba isoyikiso sokulahlekelwa kwabantu yimisebenzi  kwicandelo lezemigodi nelesinyithi singanempembelelo engentle kwiintsapho ezininzi, uluntu nakuqoqosho.

Ukuhlangabezana nokuphelelwa kwabantu yimisebenzi okuqhubekayo kwicandelo lezemigodi, uMphathiswa weMithombo yezeziMbiwa, u-Adv. Ngoako Ramatlhodi, ubize intlanganiso yabadlali-ndima ababalulekileyo kwezoshishino nezabasebenzi kwicandelo lezemigodi ngomhla we-5 kweyeThupha yowama-2015.

Le ntlanganiso ibonisene ngenkitha yezinye iindlela zokusindisa imisebenzi nokunye okunokubhenelwa kuko kunokuba abantu baphelelwe yimisebenzi. Kuye kwasekwa iqela lokujongana nalo laza lanikwa igunya lokuba liqulunqe iziphakamiso ezineenkcukacha.

Ngomahla we-7 kweyeThupha, iQela lokuSebenza lezoShishino likaMongameli linike urhulumente neBhunga lezeMigodi isigunyaziso sokufuna isisombululo esinobuhlobo ngaphandle kweenkundla, phantsi kwengqiqo ethi “ukuba uxhotyiswe kanye, uyakusoloko uxhotyisiwe’ ingqiqo ekuMqulu wezeMigodi leyo.  

UMthetho-siHlomelo woPhuhliso lweMithombo yezeZimbiwa nePetroliyamu wabuyiselwa emva ePalamente ukuba kuhoywe, ukufakana imilomo neBhunga leSizwe laMaphondo, olubonwe lungonelanga, phakathi kokunye.

ISebe leMithombo yezeZimbiwa liqhubekeke ngokukhuphela iinkampani ezingawuthobeliyo umthetho imiyalelo. Ukurhoxiswa kwelayisenisi yenkampani i-Optimum Coal kumisiwe yaza le nkampani yayalelwa ukuba ilungise imiba emayela nokungathobeli umthetho.

Iphulo i-Operation Phakisa

Urhulumente umisele inkqubo ekhawulezisayo ukuveza iziphumo, eliphulo i-Operation Phakisa, kumacandelo ezempilo neloqoqosho laselwandle ngowama-2014.

I-Mining Phakisa, igxile ekuxhamliseni kwezezimbiwa, iza kumiselwa ekupheleni kowama-2015.

Inkxaso yoorhulumente basekhaya

Urhulumente ebesoloko ebaxhasa oomasipala kwimimandla eliqela ukuba bafezekise inkqubo yokuBuyela kuNdalashe neyasekwa kweyoMsintsi yowama-2014 ukuvuselela oorhulumente basekhaya.

Amaqumrhu karhulumente necandelo labucala abongoziwe ukuba ahlawule amatyala wawo ukwenzela ukuba oomasipala bakwazi ukusebenza kakuhle.

Ukuza kutsho ngoku, imali etyalwa oomasipala iphantse ibe zibhiliyoni ezili-100 zeerandi, ephantse yayiphindaphinda eyangowama-2009.

UKHUSELO NOKHUSELEKO

Amacandelo amaninzi eNkonzo yezobuPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS) – kuquka elokuqokelela ulwazi ngolwaphulo-mthetho oluqhubekayo, iqela lokuqwalasela iindlela zokulwa ulwaphulo-mthetho, ukubonakala kwamapolisa, ooKhetshe, kunye noShishino oluChasene noLwaphulo-mthetho, iivenkile zeemfonomfono zeselula, iZiko loLwazi loMngcipheko wokuBhanka laseMzantsi Afrika kunye neenkampani zokhuseleko zabucala – abe nempumelelo ekusebenzeni kakuhle ngokukhuthuzwa kodederhu lweevenkile.
  

Amapolisa afumanise ukuba esona sizathu sokuba uninzi lodederhu lweevenkile lwenziwe amaxhoba okuhlaselwa kukukhuthazwa kweevenkile zeemfonomfono zeselula. Iimfonomfono zeselula nezinye izixhobo zombane ezibiweyo bekusiyiwa nazo kumazwe angaphandle koMzantsi Afrika. Baliqela abarhanelwa ababanjiweyo, kuquka nabo bababiza iinkosi zabo.

Ukugetyengwa kwamapolisa

Emva kokugetyengwa kwamapolisa angama-55 ukusuka kweyoMqungu kulo nyaka, uMphathiswa wezobuPolisa uNathi Nhleko uye wacelwa ukuba ahlole ngokutsha isicwangciso sobuchulo sokhuseleko  lwamapolisa ukwenzela ukuba amapolisa akwazi ukuziphendulela ngokuvakalayo xa ehlaselwa.
 
Ukuhlaselwa kwepolisa kukuhlaselwa kwegunya likaRhulumente nokwesizwe.
 
Abemi boMzantsi Afrika babongoziwe ukuba badlale indima ebonakalayo ukunqanda olu hlaselo ngokubakhomba abo bagebenga amapolisa kuba bahlala phakathi koluntu. Abantu kwakhona mababonelele amapolisa ngolwazi malunga nabo babandakanyeka kwizenzo zolwaphulo-mthetho khona ukuze sakhe uluntu olukhuselekileyo.
 
Ngomhla we-6 kweyoMsintsi, kuza kubanjwa inkonzo yaminyaka le yokukhumbula onke amapolisa awathi awa iza kubanjelwa kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli.
 
Intlekele yaseMarikana

Ukufezekiswa kwengxelo engesehlo sentlekele yaseMarikana, eMntla Ntshona, nesakhokelela ekubulaweni kwabantu abangaphezulu kwama-44, kufumana ingqwalasela ekukwizinga eliphezulu.
 
Impendulo yoMkomishinala weSizwe wezobuPolisa uNjengele uRiah Phiyega, kwizindululo zeKhomishoni ka-Farlam malunga nokungakulungeli kwakhe ukuba kwesi sikhundla, isafumana ukuqwalaselwa.
 
Ingxoxo zisaqhuba kunye nabaPhathiswa amasebe wabo achatshazelwayo yingxelo yaseMarikana, afana nelozobuPolisa, elezabaSebenzi, elemiThombo yeziMbiwa, nelezobuLungisa neeNkonzo zezoLuleko.
 
Isizwe siza kwazisa kungekudala malunga nenkqubela eyenzekayo ngokufezekiswa kwezi zindululo. Onke amangenelo enziwayo agxile ekuqinisekiseni ukuba isehlo esikumila kunje asiphindi senzeke eMzantsi Afrika.

Ukuhlaselwa kwabemi bamazwe angaphandle

Ngenxa yokuhlaselwa kwabemi abasuka kumazwe angaphandle kweyoMsintsi kulo nyaka, i-IMC yoFuduko izimisele ukwenza konke okusemandleni ukuthintela ukuba luphinde lwenzeke uhlaselo olukumila kunje.

Amanyathelo athathwayo aquka uhlengahlengiso lwemithetho nolwemimiselo, umsebenzi wobupolisa uphuculiweyo ngephulo u-Operation Fiela-Reclaim, nokukhuthaza ukuhlalisa ngoxolo nobunye phakathi kwabemi nabemi bamanye amazwe.

I-IMC yoFuduko iza kudibana nemibutho emele abemi bamazwe angaphandle nabase-Afrika ukuqhubela phambili ingxoxo uMongameli uZuma ebenayo kunye nabo kwekaTshazimpunzi yowama-2015.

I-AFRIKA ENGCONO

Uhlumo olukhawulezileyo kwilizwekazi lwe-Afrika lubonelela ngethuba lemveliso ebanzi neenkonzo zorhwebo. Uhlumo kummandla osemazantsi weSahara lulindeleke ukuba lufikelele kwi-4,5% ngowama-2015.

Kule meko, i-SADC ixakekile izama ukuqukumbela umgaqo-nkqubo wezoshishono walo mmandla.

UMzantsi Afrika uza kuqhubeka ukusebenza ngaphakathi kwiMbumba yamaZwe ase-Afrika ne-SADC ukuthatha inxaxheba ekusekeni imimandla yorhwebo lwasimahla yelizwekazi nokukhulisa ubuchule bokuvulwa kwemizi-mveliso emininzi yase-Afrika.

Share this page

Similar categories to explore