INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-4 kweyeKhala yowama-2018

IKhabhinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla wesi-4 kweyeKhala yowama-2018, kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli.

A. Imiba EnguNdaba-mlonyeni

1. INyanga kaMandela
IKhabhinethi imema bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba babe “Yiba Ngumzekelo Wemisebenzi Yakhe” njengokuba sisondela kuSuku lukaMandela lweHlabathi ngomhla we-18 kweyeKhala yowama-2018. IZizwe eziManyeneyo (i-UN) zalwamkela ngokusemthethweni olu suku, oluthi luvumele abemi baseMzantsi Afrika nehlabathi jikelele ukuba bahloniphe owayesakuba nguMongameli wethu nohlonitshwa lihlabathi jikelele, uNelson Rolihlahla Mandela.

URhulumente wabhengeza inyanga yeKhala njengeNyanga kaMandela, neyinyanga awazalwa ngayo. Njengenxalenye yokubhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kwakhe amacandelo awohlukeneyo azibandakanye kumaphulo awohlukeneyo ukubonakalisa imbeko kumsebenzi negama likaMadiba. NgoLwesihlanu, kuza kubanjwa umsitho owodwa ojoliswe kumaphulo okulwa ingxaki eyayimkhathaza kakhulu uMadiba yokunqongophala kwemisebenzi kunye nolutsha olungasebenziyo, xa iphulo elikhuthaza ukunxitywa kweempahla eziveliswe kweli loMzantsi Afrika, i-Wear South African, libambisene neNelson Mandela Foundation (i-NMF) kunye neSouth African Clothing and Textile Workers Union (i-SACTWU), liza kuphehlelela izikipa zikaNelson Mandela  eDurban.

Ezi zikipa zenziwe apha ekhaya ziyafumaneka kwiivenkile eziliqela eziphambili kwaye ingeniso efumaneke ekuthengisweni kwazo iza kuya kwingxowa-mali ye-NMF ukuxhasa ngezimali imisebenzi ehambelana nombono nobomi bakhe. UMphathiswa woPhuhliso lwezoQoqosho, uMnu Ebrahim Patel, uza kwenza intetho eya kwabo baza kube bezimase lo msitho egameni likarhulumente. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba balixhase iphulo elikhuthaza ukuthengwa kweemveliso zeli, i-Buy Local, nokuzinxiba ngebhongo iimpahla eziveliswe apha ekhaya.

IKhabhinethi imema bonke abantu ukuba babe yinxalenye yamalinge okuzisa utshintsho. Ngokusebenzisana njengesizwe esimanyeneyo, esingenacalucalulo ngokobuhlanga nangokwesini, singakwazi ukuligcina igama likaMadiba kunye nemisebenzi yakhe. IKhabhinethi imema bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba ngomhla we-18 kweyeKhala banikezele imizuzu engama-67 yexesha labo ekwenzeni igalelo ekutshintsheni ubomi babo basweleyo.

2. Utyalo-mali
IKhabhinethi iyakwamkela ukubhaliswa kutsha nje kuka-Old Mutual kuluhlu lweenkampani ezirhweba kwiZiko laseRhawutini lokuRhweba ngeZabelo (i-JSE). Olu bhaliso e-JSE yinkampani enemali eyinkunzi kurhwebo ebetha kwiibhiliyoni ezilishumi zeedola zaseMelika,i-US$10bn,(iibhiliyoni ezili- 130 zeerandi) lubonakalisa ukuthembeka koMzantsi Afrika kunye norhwebo lwezezimali lwalapha ekhaya.

IKhabhinethi iyakuvuyela ukubhalisa kuka-Old Mutual eMzantsi Afrika kuba oku kuyibuyisela kwiingcambu zayo zase-Afrika le nkampani kwaye kuthetha ukuphela kwexesha lokuba le nkampani uninzi lwezabelo zayo kurhwetywe ngazo kwiziko elirhweba ngezabelo laseLondon. Ukuzinikela kuka-old Mutual ekudaleni ingxowa-mali enemali engama-500 ezigidi zeerandi ukukhulisa uphuhliso lwezoqoqosho lwasekhaya, ingakumbi kumashishini amancinci wabanstundu, kuza kunyusa amalinge eli lizwe okwakha uqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke. Simema namanye amashishini akwicandelo lezezimali ukuba aseke inkqubo yenkxaso-mali efanayo ngokuthethana norhulumente.

INdibano yeQumrhu lezoQoqosho lweHlabathi engoTyalo-mali yakutsha nje isebenze njengethuba lokubonakalisa amandla oMzantsi Afrika njengendawo yotyalo-mali olwandileyo nolutsha. Le Ndibano ibizinyaswe ligqiza elikhulu lwamagosa azintloko zezigqeba zeenkampani zalapha ekhaya nezehlabathi, abedibene noMongameli uCyril Ramaphosa kunye negqiza labaPhathiswa beKhabhinethi. Ezi ngxoxo zibe luncedo ekuchongeni amanyathelo okwandisa amanqanaba otyalo-mali kwaye alinyathelo elibaluleke kakhulu ngokubhekisele kwiNkomfa yoTyalo-mali eza kuququzelelwa nguMongameli apha ekuhambeni kwalo nyaka.

3. Ukuthathwa komhlaba
IKhabhinethi iyakwamkela ukuqalisa kwePalamente ngenkqubo yokuthatha inxaxheba koluntu engokuhlaziywa kweCandelo 25 loMgaqo-siseko weRhiphabliki yoMzantsi Afrika wowe-1996, okuza kuvumela ukuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo. IPalamente emva kokuphumeza isiphakamiso sokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo iye yamisela iKomiti engokuHlaziywa koMgaqo-siseko ukuba ibambe iingxoxo zovakaliso-zimvo kweli lizwe jikelele. Ezi ngxoxo zovakaliso-zimvo ziza kubanjwa kuwo olithoba amaphondo kude kube yinyanga yeThupha yowama-2018.

IKhabinethi imema onke amaqela anomdla ukuba athathe inxaxheba ngoxolo kwezi ngxoxo zovakaliso-zimvo kwaye ekwacela noluntu ukuba luzimamele iimbono nezimvo ezahlukahlukeneyo eziza kuvakaliswa, khona ukuze kuqinisekiswe ukuba wonke umntu ufumana ithuba elifanelekileyo lokuthatha inxaxheba kwezi ngxoxo.

IKhabinethi ikwathethe nangeenkxalabo ezivakaliswe ziinkokheli zemveli kumba womhlaba. Kangangokuba, ichonge iqela labaPhathiswa ukuba libambe iindibano zokubonisananeenkokheli zemveli ukuba lixoxe lize lifune isisombulo esiza kusabela kanye kwiinkxalabo zazo. UMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano nezeMicimbi yeMveli, uGq Zweli Mkhize, ngumququzeleli aze axhaswe nguMphathiswa wezoLimo, amaHlathi nezokuLoba, uSenzeni Zokwana, uMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba, uMaite Nkoana-Mashabane kunye noMphathiswa wezoNxibelelwano, uNomvula Mokonyane.

4. Ixesha lokungeniswa kweengxelo zerhafu
IKhabhinethi ikhuthaza bonke abahlawuli berhafu ukuba bangenise amaxwebhu wabo engxelo yerhafu yonyaka wama-2017/18, avulelwe ukuba angeniswe ukususela ngomhla wo-1 kweyeKhala yowama-2018. Ukuqokelelwa kwerhafu ngokufanelekileyo nangobuchule kuqinisekisa uzinzo kwizimali zikarhulumente, kwaye ukungeniswa kwamaxwebhu engxelo yerhafu ngexesha elifanelekileyo nangokuchanekileyo kuqinisekisa ukuba abahlawuli berhafu bahlala bethobela umthetho. Imali yerhafu inceda urhulumente ukuba akwazi ukuxhasa iiprojekthi zonikezelo-nkonzo kunye nezinye inkqubo zophuhliso loqoqosho nezentlalo.

5. Ukunyuka kwexabiso lamafutha ezithuthi
IKhabhinethi ikuqaphele ukunyuka kwamaxabiso amafutha ezithuthi kutsha nje, okulandela okunye ukunyuka kwinyanga edlulileyo. Kusalindeleke okunye ukunyuka kwamaxabiso kule nyanga izayo. Ixabiso le-Oli eKrwada yakwa-Brent elibekwa ngokweDola yaseMelika lichaphazele ukunyuka kwamaxabiso epetroli, idizili neparafin. Izinga lamandla emali yethu xa lithelekiswa nedola yaseMelika lihle ngaphezulu kwe-1% ukususela ekuqaleni kwenyanga kaCanzibe kulo nyaka.

Oku kutshintsha kwamandla emali, okubangela ukungazinzi kwamaxabiso, kubachaphazele kakubi abathengi, ingakumbi abahluphekileyo. Ukunyuka kwamaxabiso epetroli kuzichaphazela nqo iindleko zezothutho namaxabiso okutya, ingakumbi ukutya okungundoqo namayeza.

IKhabhinethi iyabaqinisekisa abemi baseMzantsi Afrika ukuba urhulumente wenza konke okusemandleni ukulwa imingeni abantu abahluphekileyo abajongene nayo. UNondyebo weSizwe umisele iqela elimalungu alithoba azingcaphephe ukuba lihlole uluhlu olukhoyo lwezinto ezingahlawulelwa rhafu-ntengo (i-VAT) ngoku elizizinto ezikukutya okungundoqo ezili-19. UMongameli Ramaphosa ukhokela iqela, elinabantu abasuka kurhulumente nabakwezoshishino, ukuba batsalele abatyali-zimali kweli lizwe ukuze kukhule uqoqosho lwethu kuze kudaleke nemisebenzi edingeka kakhulu, ukwenzela ulutsha olungasebenziyo.

IKhabhinethi ibongoza abezoshishino ukuba bafake isandla, ngokulibazisa ukuwudlulisela kubathengi umthwalo wokunyuka kwamaxabiso amafutha ezithuthi. Oku kuzawudlala indima ebalulekileyo ukukhusela abahluphekileyo, abayakuchatshazelwa ngqo koku kungazinzi kwamaxabiso. Ukukhulisa uqoqosho lwethu kuza kunceda kakhulu ekuzinziseni uqoqosho lwethu. IKhabhinethi ikwabongoza abezoshishino ukuba basebenzisane norhulumente ukunceda bonke abemi baseMzantsi Afrika abachaphazelekayo, ingakumbi abahluphekileyo.

6. Ukuhlawulwa kwezibonelelo zezentlalo
IKhabhinethi yazisiwe nguMpathiswa woPhuhliso loluNtuo, uNksz Susan Shabangu, ngokulibaziseka okwenzeke kwiindawo ezininzi ekuhlawulweni kwezibonelelo zezentlalo (imali yenkam-nkam). IKhabinethi iyakuqonda ukuba izibonelelo zezentlalo zibubomi kwabona bahlelelekileyo kwiindawo ezininzi zeli ngoko ke ukuphoxeka okulolu hlobo akwamkeleki tu kwaphela. Ixolisa ngokungazenzisiyo kubo bonke abantu abamkela imali yenkam-nkam ngale nkxamleko.

UMphathiswa uShabangu uyiqinisekisile iKhabhinethi ukuba ezi mpazamo zibangelwe lolu tshintsho lwenziwayo lokusuka kwinkqubo endala ukuya kwinkqubo entsha yokuhlawula ye-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo yaseMzantsi Afrika/iPosi laseMzantsi Afrika. Uyiqinisekisile iKhabhinethi ukuba uninzi lwabantu abamkela inkam-nkam abachaphazelekayo sele beyihlawuliwe imali yabo. Kwangaxesha nye, amaqela akhutheleyo asebenza ngokuzinikela ukuzinzisa le nkqubo ukuthintela ukuba ulibaziseko olukumila kunje lungaphinde lwenzeke kwixesha elizayo.

7. Uphando Lwezempilo
IKhabhinethi iyakwamkela ukukhutshwa kwengxelo yethutyana luPhando loKhuphiswano lwezoRhwebo kushishino lwenkathalelo yezempilo labucala namhlanje. Olu phando beluchotshelwe ngowayesakuba yiJaji eyiNtloko uSandile Ngcobo kwaye iphulaphule ubungqina obuphuma kwiqela labadlali-ndlima ebalulekileyo kule minyaka mithathu idlulileyo. Le ngxelo yethutyana iza kuvuleleka ukuba uluntu luhlomle ixesha elingangeenyanga ezimbini. Ingxelo yokugqibela iza kunikezelwa kuMphathiswa woPhuhliso lwezoQoqosho ekupheleni kowama-2018 kwaye iza kuthiwe thaca ePalamente.

8. IsiVumelwano sase-Khartoum
IKhabhinethi iyasamkela isivumelwano sokubekwa phantsi kwezixhobo ngokusisigxina phakathi koMongameli waseSouth Sudan uSalva Kiir noRiek Machar, nokutyikitywa kwesiVumelwano saseKhartoum. Oku kukhulisa amathemba esivumelwano sokupheliswa kwemfazwe eyenza umonakalo ongaphaya kwengqondo kwilizwe labo.

Esi sivumelwano siyalela ukuba amalungiselelo okubekwa phantsi kwezixhobo aquka ukuyekwa kokulwa, ukohlulwa kwemikhosi esondeleleneyo ngokomgama, ukurhoxiswa kwemikhosi karhulumente, ukuvulwa kwamaziko abonelela ngoncedo lwezentlalontle nokukhululwa kwamabanjwa emfazwe kunye nawezopolitiko. Esi sivumelwano sikwavumela ukuba amalungu eMbumba yamaZwe ase-Afrika (i-AU) kunye noGunyaziwe wooRhulumente kwezoPhuhliso ukuba bangatyala imikhosi yokubeka esweni le nkqubo yokubekwa phantsi kwezixhobo.

9.IKhabhinethi ikhuthaza ukuba onke amaqela asebenzisane ukuqinisekisa ukuba ukubekwa phantsi kwezixhobo kukhokelela ekupheleni kwemfazwe ekugqibeleni nokuqinisekisa ukubuyela koxolo nophuhliso loqoqosho lweSouth Sudan. UMmandla weliZwekazi lase-Afrika ongaHlawulisani Rhafu yoRhwebelwano (i-AfCFTA)

IKhabhinethi iyakwamkela ukutyikitya koMzantsi Afrika isivumelwano soMmandla weLizwekazi lase-Afrika ongaHlawulisani Rhafu yoRhwebelwano (i-AfCFTA) ne-AU. Ukutyikitywa kwesi sivumelwano nguMzantsi Afrika kuwabeka kumazwe angama-49 amazwe asele etyikityile. 

Esi sivumelwano se-AfCFTA sisondeza eli lizwekazi ekudalweni kowona mmandla mkhulu ungawuhlawulisani rhafu yorhwebelwano. Kulindeleke ukuba uvelise ezona zibonelelo zikhulu zezoqoqosho nezentlalo kuwo onke amazwe akweli lizwekazi.

Ngokutsho kwe-UN, kuthelekelelwa ukuba isivumelwano se-AfCFTA siza kukhulisa urhwebo phakathi kwaMazwe ase-Afrika ngama-53% ngokuphelisa iirhafu yorhwebelwano kunye neminye imiqobo engeyorhafu. Esi sivumelwano siza kudala umandla worhwebo e-Afrika onabantu abangaphezulu kwebhiliyoni eyi-1.2 onemali exabisa iidola zaseMelika ezizitriliyoni eziyi-2.5.

UMphathiswa wezoRhwebo noShishino, uGq Rob Davies, uza kuqalisa inkqubo yokuqinisekisa ukuba esi sivumelwano siyaphunyezwa yiPalamente.

10. I-Ajenda ye-Afrika
IKhabhinethi iyayamkela iNgqungquthela yesi-6 yoMbutho weRhafu yoRhwebo waMazantsi e-Afrika (i-SACU) ebibanjwe ngomhla wama-29 kweyeSilimela yowama-2018 eBotswana, ebizinyaswe nguMongameli uRamaphosa. Le ngqungquthela igxininisa ukubaluleka kwe-ajenda yokudibana kommandla okukhulisa indibaniselwano yezoqoqosho, uphuhliso lwamashishini nokwanda koqoqsho olundidi-ndidi kumazwe angamalungu e-SACU.

UMongameli uRamaphosa ukwakhokele igqiza eliya e-Islamic Republic of Mauritiana) kwiSeshoni yesiQhelo yama-31 yeNdibano zeeNtloko zeMibuso nooRhulumente ze-AU. Le ngqungquthela ibiqhubeke ukususela ngomhla woku-1 ukuya kowesi-2 kweyeKhala yowama-2018 phantsi komxholo othi: “Ukoyisa iDabi Lokulwa noRhwaphilizo: Indlela eZinzileyo eya kuTshintsho lwe-Afrika”. Inikezele ngethuba elilodwa lokuqwalasela nokubonisana ngemingeni egqalileyo enxulumene nokulwa urhwaphilizo e-Afrika.   

UMongameli uRamaphosa ngoku undwendwelwe ngugxa wakhe waseGhana, uNana Addo Dankwa Akufo-Addo, okweli lizwe kuTyelelo lwasebuRhulumenteni, ukususela ngomhla we-4 ukuya kowe-5 kweyeKhala yowama-2018, ukuqinisa ngakumbi ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini. UMzantsi Afrika neGhana zisaqhubeka ukuba nobudlelwane obushushu bobuhlobo nokusebenzisana ekudala bukhona phakathi kwala mazwe. Intsebenziswano yorhwebo notyalo-mali phakathi kwala mazwe mabini iquka ezemigodi, iivenkile ezinkulu, iinkampani ze-inshorensi, inzululwazi nobuchwepheshe, ezothutho, ukhenketho, ezebhanka, unxibelelwano lwezeminxeba, ezokwakha, iinkonzo, ukunika imvume, ukuvelisa, ukuloba, ezentengiso, iihambo zomoya nezamandla.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

11. IKhabhinethi ilwamkele iphepha loyilo nesicwangciso soSuku neNyanga yabaseTyhini yeSizwe yabo kweyeThupha yowama-2018. Umxholo walo nyaka uthi “Iminyaka eli-100 ka-Albertina Sisulu: Abasetyhini baManyene ekuQhubeleni uMzantsi Afrika Phambili”. Inkqubo yalo nyaka ingqamana neminyaka elikhulu yokuzalwa kukaTata uNelson Mandela, uMama u-Albertina Sisulu kunye nokusekwa kweBantu Women’s League. 

Imibhiyozo yeNyanga yabaseTyhini izakuvuselela uluntu ize yakhe nobudlelwane bokusombulula ngamandla imiba engundoqo abajongane nayo abasetyhini namantombazana, ingakumbi ubundlobongela obugxile ngokwesini, ukuxhotyiswa kwabasetyhini kwezoqoqosho, ufikelelo kumhlaba, izenzo ezinobungozi nemiba yamacandelo ahlukeneyo ngokomxholo wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) kunye nezivumelwano uMzantsi Afrika ozityikitye nehlabathi.

UMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli ojongene nemiba yabaseTyhini, uNksz Bathabile Dlamini, uza kuyicacisa le nkqubo ekuhambeni kwexesha.

C. ImiThetho esaYilwayo

12. IKhabhinethi ikuphumezile ukungeniswa komThetho-siHlomelo wokuNgcakaza weSizwe wowama-2018 ePalamente. Lo mThetho usaYilwayo sele udlulile kuvakaliso-zimvo zoluntu lwabo bonke abadlali-ndima ababalulekileyo.

Lo mThetho usaYilwayo ulilinge lokungenelela kungcakazo lwekhompyutha, upapasho longcakazo kunye neendawo akuyo amaziko ongcakazo.  Ukwathatha indawo yeBhodi yezoNgcakazo yeSizwe yangoku kunye noGunyaziwe woNgcakazo weSizwe (i-NGR). Ngokusebenzisana nabasemagunyeni kumaphondo, i-NGR iza kuqulunqa ummiselo womgangatho wokusebenza oza kusebenza njengomgaqwana wokulawula iibhodi ezizilawula ngokwazo ezifana necandelo lemidyarho yamahashe.

13. IKhabhinethi ikuphumezile ukungeniswa komThetho-siHlomelo woKhuphiswano wowama-2018 ePalamente. Esi sihlomelo sandisa amagunya oogunyaziwe sokhuphiswano kunye neSigqeba ukusombulula ingxaki enkulu yokubutyebi obuninzi obusezandleni zegcuntswana, iinguqu ezihamba ngesantya solovane kuqoqosho lwaseMzantsi Afrika nokusetyenziswa kobunganga namandla zinkampani ezinkulu zenze unothanda.

Lo mThetho usaYilwayo sele upapashiwe kwiphephandaba lombuso ukwenzela uluntu luhlomle kwaye sele uxoxiwe kunye nabo bonke abadlali-ndima ababalulekileyo.

D. IMisitho ezayo

14. I-100 Men March
Phantsi kwephulo u-“Send Me – Thuma Mina” elikhokelwa liZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS), umngcelele oyimbali obizwa “Iminyaka eli-100 kaNelson Mandela no-Albertina Sisulu: uMngcelele waMadoda oChasene noBundlobongela oBubhekisele kwabaseTyhini naBantwana” iza kuqhubeka ngoLwesibini, umhla we-10 kweyeKhala yowama-2018.

Lo mngcelele, uququzelelwa yi-GCIS, uza kuqala ngentsimbi ye-10:00, usuke e-Church Square uye kuphela kumabala eZakhiwo zoMdibaniso ePitoli.

IKhabhinethi imema onke amadoda namakhwenkwe ukuba asabele ku-“Send Me – Thuma Mina” olikhwelo lokuba wonke ubani athathe inxaxheba kulo mngcelele, nokuthatha inyathelo ngokuchasa ingxaki enkulu yobundlobongela obunziwa kwabasetyhini nabantwana. Amadoda asuka kumacandelo ankalo zonke, ezintlanga ngeentlanga, futhi ephuma kwimibutho yezopolitiko eyahlukeneyo neemvaba ngeemvaba aza kuba esitsho ngazwi-nye esithi phantsi ngobundlobongela obenziwa kubantu basetyhini nabantwana.

15. IVeki yeSizwe yokuGxila kwiMbizo
Urhulumente uza kuqalisa iVeki yeSizwe yokuGxila kwiMbizo ukususela ngomhla we-9 ukuya kowe-15 kweyeKhala yowama-2018, apho amalungu eKhabhinethi aza kuthetha ngqo nabemi kweli lizwe jikelele.  

Esinye seziseko zolawulo lwentando yesininzi yoMzantsi Afrika kukuzibophelela kukarhulumente kwiinkqubo zokuthatha inxaxheba koluntu rhoqo nokuzibandakanya koluntu okuphendulayo ekuqulunqweni kwemigaqo-nkqubo nezicwangciso zikarhulumente.

IKhabhinethi ikhuthaza lonke uluntu ukuba luthathe inxaxheba kwiimbizo namagosa karhulumente luze lusebenzise eli thuba ukuhlangabezana nemingeni yonikezelo-nkonzo ngomoya ka-“Thuma Mina”.

16. INgqungquthela ye-10 ye-BRICS
UMzantsi Afrika ukulungele ukusingatha, ingqungquthela ye-10 yeBrazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika (i-BRICS) ukususela ngomhla wama-25 ukuya kowama-27 kweyeKhala yowama-2018, ngomoya woBuntu , kwiziko lengqungquthela lase-Sandton, i-Sandton Convention Centre, eGauteng. NgoLwesihlanu, umhla wesi-6 kweyeKhala yowama-2018, uMongameli uRamaphosa kulindeleke ukuba athethe neQela loMzantsi Afrika ngexesha lesidlo sakusasa ukuva ngendlela aqhuba ngayo amalungiselelo okusingatha iNgqungquthela ye-10 ye-BRICS.

Umxholo othi “I-BRICS e-Afrika: INtesbenziswano kuHlumo neKamva eliQaqambileyo eliXhanyulwa Nguye Wonke kwiXesha eliXhomekeke kubuXhaka-xhaka beKhompyutha Bale Mihla”, uhambelana nemiba ephambili engundoqo yamalungu e-BRICS, ngokukodwa ukuzamela ukudalwa kwehlabathi elingenamkhethe nobudlelwane behlabathi jikelele obuzakuzisa ukuhluma kwabo bonke abantu. Lo mxholo ukwahambelana nesikhundla sokuba ngusihlalo koMzantsi Afrika woMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika kunye ne-Indian Ocean Rim Association.

UMzantsi Afrika uza kusebenzisa isikhundla sokuba ngusihlalo ukuqinisekisa ukuqhubela phambili kwe-BRICS uze ugxininise nangakumbi kumathuba eza neli Xesha liXhomekeke okanye liKhokelisa Phambili ubuXhaka-xhaka beKhompyutha Bale Mihla.

17. IGqugula labaPhathiswa bezobuGcisa neNkcubeko base-Afrika
Ukususela ngomhla we-5 ukuya kowe-6 kweyeKhala yowama-2018 iSebe lezobuGcisa neNkcubeko lizakusingatha iGqugula labaPhathiswa bezobuGcisa neNkcubeko eDurban. Lo msitho ujongise ekufakeni ingxelo ngokufikelela kulwazi ukuze kucwangciswe impembelelo yethala leencwadi neenkonzo zolwazi phantsi komxholo we-Ajenda yowama-2063 ye-AU, eyinkqubo-sikhokelo yobuchule yenguqu yezentlalo noqoqosho ye-Afrika kule minyaka ingama-50 izayo.

18. Isibona-kude seMeerKAT/iSiza esiyiKhilomitha Ubude nobuBanzi (i-SKA)
UMongameli uRamaphosa kulindeleke ukuba aphehlelele isibonakude esisebenza ngamaza esineedishi ezingama-64, esaziwa njenge-MeerKAT, njengonozala wesibona-kude se-SKA. I-MeerKAT imi kumgama ongama-90 ekilomitha ngaphandle kwedolophana yaseCarnavon eMntla Koloni.

Isibona-kude se-MeerKAT sizakuba luncedo ekwandiseni ulwazi lokuba laqulunqwa njani iHlabathi neNdalo Yonke, lisebenza njani kwaye izintoni ezinokudlala indima kwindlela eliza kuba yiyo ngomso. Ukugqitywa kweli ziko ngumsebenzi oyimpumelelo enkulu ekufanele ukuba ubhiyozelwe nguMzantsi Afrika ne-Afrika ngokubanzi.

E. Imiyalezo

Uvelwano

19. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kowayesakuba nguMongameli uJacob Zuma, usapho lwakhe nezihlobo ngokusweleka konyana wakhe, uVusi Nhlakanipho Zuma, phaya ekuqaleni kwale veki.

20. IKhabhinethi ithi tutuni kusapho nezihlobo zongasekhoyo nobengumfoti odumileyo, uDavid Goldblatt. Ilizwe lethu liyakuhlala lizingca ngomsebenzi wakhe wokudiza ubhentsise imphatho-mbi nenkohlakalo yocalucalulo.

21. IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehliyo kusapho nezihlobo zomsebenzi-mgodini osweleke kuMgodi iKhomonani waseSibanye-Stilwater e-Driefontein eMpumalanga kwaye isahleli ixhalabile ngokhuseleko labasebenzi-mgodini emigodini.

Ukuvuyisana

22. IKhabhinethi iyavuyisana neThala leeNcwadi laseMzantsi Afrika (i-NLSA), elibhiyozela iminyaka engama-200 likhona. Phaya phambili kulo nyaka, i-NLSA iphawule esi siganeko siyimbali ngokusingatha umboniso ovuleleke kuye wonke umntu obizwa “Xabisa iNdlu yoLwazi”.

23. IKhabhinethi iyasamkela isigqibo esithathwe nguMbutho wezeMfundo, ezeNzululwazi neNkcubeko we-UN (i-Unesco), sokuvakalisa iiNtaba zaseMakhonjwa eMpumalanga, ezikwaziwa njenge-Barberton Greenstone Belt, njengeSiza saMafa seHlabathi. Esi sisiza se-10 soMzantsi Afrika esisiSiza saMafa seHlabathi.

IKhabhinethi imema bonke abadlali-ndima ababalulekileyo kwicandelo lezokhenketho ukuba bazise ngazo zonke iziza zamafa zaseMzantsi Afrika njengoko ukhenketho ilelinye lamacandelo akhawulezisayo ekuphuhliseni uqoqosho lwethu nokudalela abantu balapha imisebenzi.

24. IKhabhinethi ibhiyozela ngokuzingca isikhumbuzo seminyaka engama-63 yokwamkelwa ngokuyimbali koMqulu weNkululeko obe sisiseko soMgaqo-siseko weRhiphabliki yoMzantsi Afrika.

Namhlanje imigomo yayo engundoqo ibonakele kwimigomo yombutho owawusakubizwa njengoMbutho weManyano ye-Afrika (i-OAU) (obizwa iMbumba yamaZwe ase-Afrika ngoku (i-AU)) zaza neZizwe eziManyeneyo (UN) zalungelelanisa isiBhengezo sayo seHlabathi samaLungelo oLuntu ukuba sihambelane nale migomo.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

25. UMnu Sibusiso E Bukhosini njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) le-iSimangaliso Wetland Park Authority.

26. U-Adv Mmadikeledi Suzan Malebe njengoSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): kwiCandelo loLawulo lwezeziMbiwa, kwiSebe leMithombo yeziMbiwa (i-DMR).

27. UNksz Buyisiwe Faith Ntokozo Ngcwabe njengo-DDG: KuMgaqo-nkqubo nokuKhuliswa kwezeZimbiwa, e-DMR.

IKhabhinethi iqeshe abantu kula maqumrhu alandelayo:

27.1 Ibhunga i-Financial Reporting Standards Council.

27.2  IBhodi ye-South African National Biodiversity Institute (i-SANBI).

27.3 IPaka yeSizwe yaseMzantsi Afrika (i-SANParks).

27.4  INgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (i-RAF).

Ukwandiswa kwexesha lamalungu ebhunga i-Financial Reporting Standards Council:
a. UMnu Garth Dennis Coppin;
b. UNksz Dumisani Manana;
c. UNksz Christine Ramon (uSekela-Sihlalo);
d. UNksz Dawn Earp;
e. UMnu Khaya Dludla;
f. UMnu Bruce Mackenzie;
g. UNksz Tania Wimberley;
h. UGq Suresh P Kana (uSihlalo); kunye
i. No-Adv. Rory Wayne Voller.

IBhodi ye-SANBI:
a. UGq Lesley Thulani Luthuli;
b. UNksz Thandiwe Godongwana;
c. UNjing Brian William van Wilgen;
d. UGq Crispian Garth Olver;
e. UNksz Ntsoaki Mngomezulu;
f. UNksz Venete Jarlene Klein;
g. UNksz Beryl Ferguson;
h. UNksz Judy Hermans;
i. Ummeli weSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe;
j. UNksz Skumsa Mancotywa (ummeli weSebe lemiCimbi yezeNdalo (DEA); kunye
k. noGq Moshibudi Rampedi.

Amalungu eBhodi ye-SANParks:
a. UNksz Joanne Yawitch;
b. UGq Kungeka Njobe;
c. UNksz Sophie Molokoane;
d. UNksz Tanya Abrahamse;
e. U-Adv Tshepiso Mphahlane;
f. UNksz Tasneem Essop;
g. UGq Urshanie Govender;
h. UNjing Elizabeth Mokotong;
i. UMnu Tale Daniel Motsepe;
j. UMnu Lourence Benard Mokgakane (Ummeli wabantu neePaka);
k. UMnu Shonisani Munzhedzi (Ummeli we-DEA); kunye
l. noMnu Fundisile Mketeni.

AbaLawuli abaNgengomaLungu esiGqeba soLawulo kwiBhodi yeNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela:
a. UGq Peter Mathebula – uSihlalo;
b. UNksz Koko Mashigo;
c. UGq Fanie Bale;
d. UMnu Moses Nyama;
e. UGq Nomonde Mabuya-Moloele;
f. UMnu Thulani Tshabalala;
g. UNksz Dineo Molefe;
h. UGq Mohamed Fazel Randera;
i. UMnu Khotso Mothobi (uphinde waqeshwa kwakhona); kunye
j. noGq Maria Peenze (uphinde waqeshwa kwakhona).

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – Isithethi seKhabhinethi eiliBambela  
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore