INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-4 kweyoKwindla ngowama-2015

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo ezinguNdoqo zikaRhulumente

1.1. IKhabhinethi ilwamkele uHlahlo lwabiwo-mali leSizwe lowama-2015 oluza kunceda xa kufezekiswa isicwangciso esinamanqaku alithoba ebesithiwe thaca nguMongameli ngethuba esenza iNtetho yakhe engoBume beSizwe (i-SoNA). Olu hlahlo lwabiwo-mali lunika ithemba, uzinzo kunye nolawulo lwezezimali olubonakalisa ubulumko nokuhlakanipha olufunekayo ukuze luthantamise uqoqosho loMzantsi Afrika luphumele kwezi meko zigqubayo zinzima zoqoqosho.

IKhabhinethi iyakubethelela kwakhona ukuba amanyathelo ochatha kwirhafu aziswe kuHlahlo lwabiwo-mali leSizwe lowama-2015 ayafuneka ukuncedisa kwizimali zeli kulo nyaka siya kuwo. Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba basebenzisane norhulumente ukulwa ezi meko zikhoyo zezoqoqosho ukuze bancedise ukukhuthaza uhlumo kuqoqosho.

1.2 IKhabhinethi iyawubulela umsebenzi omhle owenziwe nguSekela Mongameli uCyril Ramaphosa ngokuququzelela olunyulo olukhululekileyo nolungenamakhwiniba eLesotho kwindima yakhe njengoMxolelanisi woMbutho wezoPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC). IKhabhinethi iliqhwabela izandla iBhunga labaCebisi bezoloNyulo (i-EAC) be-SADC, iKomishini yoloNyulo yaseLesotho, imiKhosi yezoKhuselo kunye nabantu baseLesotho ngokubamba ulonyulo olunoxolo, olukhululekileyo nolungenamakhwiniba. UMzantsi Afrika uza kusebenzisana norhulumente osandula ukwanyulwa waseLesotho baphuhlise uqoqosho lwala mazwe mabini, eloMmandla waMazantsi e-Afrika kunye noweli  Lizwekazi lonke.
 
1.3 IKhabhinethi iyazi kwaye iyakwamkela ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika ekuphawuleni uSuku lweziLwanyana zaseNdle ngomhla wesi-3 kweyoKwindla ngowama-2015. UMzantsi Afrika, ukhokelwa nguMphathiswa uMolewa, uyaqhubeleka usiza neenkqubo ezikhusela okusingqongileyo sisisizwe kunye nedabi lokulwa nokuzingelwa ngaphandle kwemvume. Iphulo eliphambili kweli dabi kukubekwa koonogada, beGreen Scorpions, kwisiKhululo seeNqwelo-moya saMazwe ngamazwe i-OR Tambo.  Sikwenza oku kuba sifuna ukuqinisekisa ukuba siyayithobela imiMiselo yeziDalwa eziseMgciphekweni okanye eziKhuselweyo, imiMiselo ye-CITES, ukukhangelwa kwezinto zendalo, imiMiselo yokuFikelela nokwaBelana ngeNzuzo kunye nemiMiselo yeziDalwa eziyiMiduka nezingezozaMveli kulo ndawo. UMzantsi Afrika ukwadlale indima ebalulekileyo ngokusebenzisana ne-Interpol, ingakumbi kwiBhodi yabaCebisi beKomiti yokuThobela ezokusiNgqongileyo nokuNyanzelisa ukuthotyelwa komthetho, kwakunye nakumaqela amathathu asebenza ngolwaphulo-mthetho e-Interpol angala: iQela eliSebenza ngoLwaphulo-mthetho kwiziLwanyana zasendle, iQela eliSebenza ngoLwaphulo-mthetho kwezokuLoba kunye neQela eliSebenza ngoLwaphulo-mthetho kwezoNgcoliseko.

1.4 IKhabhinethi ikuqaphele ukuba i-Durban iliphakamisile igama layo ukuba ifuna ukusingatha imiDlalo yamaZwe aye saya kuba ngamaThanga yowama-2022, oku ikwenze ngokusesikweni eLondon ngomhla wesi-2 kweyoKwindla kowama-2015. Ukusingatha le midlalo kungadala imisebenzi emalunga nama-11 650 kuxume uqoqosho ngemali eqikelelwa kwibhiliyoni zeerandi ezingama-20. Okunye okuza kuzuzwa ngokusingatha le miDlalo kukuphucuka kweendlela nezithuthi zikawonke-wonke eDurban, ezicwangciso sazo esele zivunyiwe.

2. Izigqibo zeKhabinethi ezingundoqo

2.1 IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo oHlonyelweyo wokuTshintshela kuHlobo lokuSasaza lweDijithali ngokuqukwa kweeBhokisana ezineziTishi zikaMabonakude (ii-STB), eziza kucaciswa kakuhle xa lo mgaqo-nkqubo upapashwa. URhulumente uzakunika amakhaya anomabonakude angaphezulu kwezigidi ezihlanu angathathi ntweni ii-STB simahla. Amakhaya ekuza kuqalwa ngawo ngalawo akwimimandla emelene nemida yeli. UMphathiswa wezoNxibelelwano uza kwazisa kungekudala umhla wokuqalisa ukusebenza kohlobo losasazo lwedijithali kunye nowokucinywa kohlobo losasazo lwe-analogue.

2.2 IKhabhinethi iyivumile iNkqubo-sikhokelo eQiqisiweyo yezoLimo, ezamaHlathi nezokuLoba yeminyaka emihlanu kunye nesiCwangciso sokuSebenza soMgaqo-nkqubo wezoLimo. Le Nkqubo-sikhokelo icacisa iingxaki ezine la macandelo mathathu ajamelene nazo kwaye iphakamisa namanyathelo okungenelela kwimimandla emine, eyile: uLingwano, iinguqu, uhlumo olulinganayo kunye nokukwazi ukumelana nokhuphiswano, uzinzo kokusingqongileyo kunye nolawulo.  Le nkqubo-sikhokelo kunye nesicwangciso sokusebenza ziza kuhlaziywa rhoqo ngonyaka. Ukwabiwa komhlaba yenye yeenkqubo zikarhulumente ekhuthaza ulingwano, kodwa uza kuthi ga ngoku ayiqhubi kakuhle kumbandela wokuzisa iinguqu. Nangona inkqubo yophuhliso nokwakhiwa ngokutsha yathi injongo yokubuyekezwa komhlaba yayikukutshintsha indlela icandelo lezoLimo loMzantsi Afrika elime ngayo, ikwafuna nokuxhasa amacandelo ukuze akhulise uqoqosho adale nemisebenzi.

2.3 IKhabhinethi ikuvumile ukuba iNkongolo yama-40 yeziBhedlele zeHlabathi yoMfelandawonye weziBhedlele zeHlabathi isingathelwe eDurban ekupheleni kowama-2016. UMfelandawonye weziBhedlele zeHlabathi ngumbutho wehlabathi oquka imibutho yoonompilo neyezibhedlela, ozimeleyo, ongenzi nzuzo nongekho phantsi kukarhulumente. Le nkongolo ibanjwa rhoqo minyaka le inika abo basebenze kwicandelo lezempilo ithuba lokuba babelane ngeendlela ezikumgangatho ophezulu zokusebenza ukuphucula iziphumo zezeenkonzo zempilo.

2.4 IKhabhinethi imemelela abazali ukuba bathathe inxaxheba  kulo nyulo lowama-2015 lweQumrhu eliLawula isiKolo (i-SGB) oluza kuqhutywa kuzo zonke izikolo zikarhulumente ukusuka ngomhla wesi-6 ukuya kowesi-8 kweyoKwindla ngowama-2015. Ii-SGB zinceda ukuba abantu ekuhlaleni bazive ukuba isikolo nabo sesabo. Indlela eziqhuba ngayo izikolo ingakumbi ezifundweni iyathanda ukubonakalisa ukuphucuka xa abazali bethatha inxaxheba kangangoko kwaye bezikhathaze ngemiba yesikolo. Amalungu e-SGB angaphezulu kwama-250 000 akhethwa rhoqo emva kweminyaka emithathu ukuze asebenzele izikolo zikarhulumente edityaniswa yinto enye, ukwenza imfundo ibe ngumba wokuhlala ngokwenene.

3. ImiThetho esaYilwayo

3.1 IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwemiThetho esaYilwayo emibini ePalamente, yomibini ilungisa uMthetho wezaBantwana, wama-2005 (uMthetho uNombolo 38 wama-2005) njengoko ulungiswe nguMthetho wama-41 wama-2007. Ezi zilungiso zisusela kwizigwebo zenkundla, ezigwebe ukuba amacandelo athile alo Mthetho awahambelani nomgaqo-siseko.

UMthetho-sihlomelo oYilwayo wezaBantwana, wama-2015, (uMthetho osaYilwayo wecandelo lama-75) -  Ezi zilungiso zicacisa inkcaza “yamatyala ezesondo” kwaye ziyilungelelanisa noMthetho-sihlomelo  uNombolo 32 wowama-2007 woMthetho wezoLwaphulo-mthetho (amatyala ezesondo kunye neminye imiba ehambelana nawo). Ezi zilungiso zikwacacisa nomba wokuvumela abo benze imikhuba yolwaphulo-mthetho olujoliswe ebantwaneni ukuba ukuba baze kuzingxengxezela phambi kokuba amagama wabo afakwe kuLuhlu Lwabo Baxhaphaze Abantwana. Ezi zilungiso ziphakanyisiweyo zikwacacisa nezinto ezifunekayo ukuze umntwana asiwe kwiziko logcino-bantwana kwaye zongeze nezinye iindidi zabantwana abanokuthathwa bakhuliswe ngabanye abazali abangebabo.

UMthetho-sihlomelo oYilwayo weSibini, wama-2015 (uMthetho osaYilwayo wecandelo lama-76) – ufuna ukuqinisekisa ukuba bonke abantwana bayazixhamla iinkonzo namanye amaqithi-qithi alungiselelwe ukubenza ukuba bakwazi ukufumana iinkonzo zezentlalo-ntle nokuba bakhuseleke kunye nokudala inkqubo yezentlalo-ntle esebenzayo. Iinjongo zayo ikwakukubonelela ngeendawo ekhuselekileyo yokugcinwa kwabantwana abangenabani abafuna ukukhathelelwa nokukhuselwa.

4. Uluvo lweKhabhinethi kwiMiba eGqubayo

4.1. IKhabhinethi ikugxeka kabukhali ukukhutshwa ngokungekho mthethweni kwamaxwebhu anokubeka ukhuseleko leli lizwe emngciphekweni. Nangona nje inguqhelekileyo kwihlabathi ukuba amazwe abelana ngolwazi lobuntlola, kwimiba ewachapahzela ngokufana  ingakumbi enxulumene namathuba ezoqoqosho nokhuseleko, phakathi kweminye, kodwa oku kukhutshwa kwamaxwebhu aneenkcukacha ngemisebenzi ye-Arhente yoKhuseleko lweLizwe ngaphandle kokugunyaziswa akukho mthethweni.

IKhabhinethi iyalwamkela uphando olugcweleyo oluqhutywa yi-Arhente yoKhuseleko lweLizwe ngalo mba kwaye iyabaqinisekisa abemi beli ukuba i-Arhente yoKhuseleko lweLizwe iza kuqhubeka nomsebenzi wayo wokukhusela igama, abemi kunye nezisiseko zophuhliso zeli lizwe.

IKhabhinethi iyawuphinda umyalezo woMphathiswa woKhuseleko lweLizwe, uDavid Mahlobo, othi oku kuphazamisana nomsebenzi wokukhusela eli lizwe kunye nemida yalo.

4.2 IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe ngu-Eskom sokuba uYunithi 6 weZiko lokuPhehla uMbane, iMedupi, livelise umbane okokuqala kule veki, into eyenze ukuba ibe yiyunithi yokuqala ukusebenza kweli Ziko. Oku kuthetha ukuba ngoku idityanisiwe kuthungelwano lombane lesizwe. Nangona siqhubeka sisebenzela ukunyusa umthamo wombane esinawo sisisizwe, iKhabhinethi iyalucela uluntu ukuba luqhubeleke lusebenzisa umbane ngobunono. Uluntu luyakhuthazwa ukuba lungasebenzisi umbane kakhulu ngoku sisaqhuba sizama ukuqalisa eminye imithombo yamandla.

4.3 IKhabhinethi ibamba ngazibini ‘kumaqobo namaqobokazana’ asebenze nzima ngokuzilahlela nokuzinikela esindisa abantu, ethintela umonakalo empahleni, kwimfuyo nakwindalo ecwengileyo ibihlaselwe ngumlilo wamadlelo eKapa.

IKhabhinethi ibulela ngokungazenzisiyo kuluntu ngokubonakalisa ubuntu, besebenzisana norhulumente ukuvula amaziko amakhulu okugcina abo baphulukene namakhaya abo kungoku nje bangcucalazayo ngenxa yalo mlilo. Umoya omhle wokufuna ukuncedisa nokufaka isandla ngokuzithandela oboniswe ngabantu abebenceda amaxhoba alo mlilo ukhuthaza ngenene.

4.4 IKhabhinethi isaxhalabile ngeziganeko zokuhlaselwa kwabemi bamazwe angaphandle kwaye ithembisa ukuba ii-arhente zogcino-mthetho ziza kuqhubeka ngokuyibeka phantsi kweliso le mimandla ichaphazelekileyo, kwaye ityityimbisela umnwe abo baphula umthetho ibalumkisa ukuba baza kujongana nengalo yomthetho. Iingxaki yobundlobongela obujoliswe kubemi bamazwe angaphandle inikwa ingqwalasela ngamacandelo kaRhulumente afanelekileyo.

4.5 IKhabhinethi iliqhwabela izandla iqela lebhola loMzantsi Afrika labaneminyaka engaphantsi kwe-17, Amajimbos, ngokuza nodumo kweli lizwe ngokuthi liphumelela ukuya kudlala kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwiMidlalo ye-Afrika yowama-2015 yabaneminyaka engaphantsi kwe-17 eNiamey, eNiger. Indlela abadlale ngayo kwiMidlalo ye-Afrika yoLutsha ibenze bafumana indawo yokuya kudlala kwimidlalo yeNdebe yeHlabathi i-FIFA U17 eChile emaphelweni alo nyaka.

4.6 IKhabhinethi inxubile kukusweleka kwenye yeengqanga zomculo zoMzantsi Afrika uZayn Adam, imvumi ephambili eyaziwayo yeqela elalidumile kwisithuba seminyaka yowe-1970, i-Pacific Express. U-Adam lo ebeyimvumi isithuba seminyaka engaphezulu kwengama-50. Imbali yezomculo yommandla waseKapa ayinakuphelela igama lakhe lingakhankanywanga.

4.7 IKhabhinethi ichulumance kakhulu, njengorhulumente onenkathalo novelwano, kukuba isigaba sokugqibela sokubuyiswa kwemizimba yabemi boMzantsi Afrika abaphulukana nobomi babo kwindlu yeendwendwe eSynagogue Church of All Nations (i-SCOAN) eLagos siqukunjelwe. Iintliziyo zethu zilila nezo ntsapho zihlakelwe ngabantu bazo kwakunye nabo bathi bonzakela kule ntlekele.

5. Imisitho ezayo

5.1 UMongameli Jacob Zuma uza kwenza intetho yokuvulwa kweNdlu yeSizwe yeeNkokeli zoMthonyama ePalamente, eKapa ngomhla wesi-5 kweyoKwindla ngowama-2015. Ubudlelwano phakathi kukarhulumente neenkokeli zomthonyama bubalulekile ukuqinisekisa ukuba sakha amaphandle alinganayo, angalelanga nazinzileyo.

5.2 IKhabhinethi iyakwamkela ukubuyiselwa kwamathambo amaqhawe omzabalazo u-JB Marks noMoses Kotane eMzantsi Afrika esuka eRussia apho ayengcwatywelwe khona kwiminyaka engama-42 eyadlulayo. Ezi nkokeli zazizinikele, zithathwa njengeenkokeli zokuqala zomzabalazo wenkululeko weli kwaye zaziwa njengezo zaqeqesha zakhulisa amagqala afana noNelson Mandela, u-Oliver Tambo noWalter Sisulu. La maqhawe aza kukhatshwa ngemingcwabo ekhethekileyo karhulumente. UMongameli Jacob Zuma ucele ukuba iflegi yesizwe ithotywe ukusuka ngomhla wesi-9 kweyoKwindla ukuya ngorhatya lwangomhla wama-22 kweyoKwindla kowama-2015. Amathambo kaMoses Kotane aza kungcwatywa kwakhona engcwatyelwa ePella, eMntla Ntshona ngomhla we-14 kweyoKwindla aka-JB Marks wona aza kubekwa eVentersdorp, eMntla Ntshona ngomhla wama-22 kweyoKwindla ngowama-2015. Ukubuyiswa kwamathambo abo kuyinxalenye yesibhambathiso sikarhulumente sokubuyisa amathambo awo onke amaqhawe awela kumazwe angaphandle. Kulo nyaka uphelileyo amathambo entatheli eyaziwayo eyayichasene nocalu-calulo uNat Nakasa abuyiswa ngempumelelo esuka eNew York aza kungcwatywa kwakhona eHeroes Acre eChesterville, eDurban.

5.3 IKhabhinethi iyalamkela iphulo elikhulu lokuvavanya nokuhlola isifo sephepha (i-TB) eliza kuphehlelelwa nguSekela Mongamemi uCyril Ramaphosa ngomhla wama-24 kweyoKwindla ngowama-2015, oliSuku lwe-TB lweHlabathi, kwisiThili sase-Dr Kenneth Kaunda kwiPhondo laseMntla-Ntshona – phantsi komxholo othi “Ukuphelisa uBhubhane we-TB eMzantsi Afrika: Ukukhawulezisa indlela esisabela ngayo kuBantu abaseMngciphekweni oMkhulu wokuSuleleka”. Eli phulo liza kuqhuba ubomi bonke likhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ingakumbi abo bahlala kwimimandla ekufutshane nemigodi, amabanjwa kumaziko oluleko kunye nabo bakwizikolo-mpeleso baza kuhlolwa bavavanywe i-TB. Kule minyaka mihlanu idlulileyo mde umgama ohanjiweyo ukuqinisa amacebo karhulumente okulawula i-TB ngokunyusa amaphulo okuvavanya nokuhlola ingakumbi iphulo lokuCebisa nokuVavanyela iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV). Ukuhlola nokuVavanya kukhuthazwa kakhulu ngokuqaliswa kokuhlolela i-TB okukhawulezayo ne-TB ewalayo amayeza.

5.4 IKhabhinethi ibaqhwabela izandla ootitshala beli abasebenza ngokuzinikela nokuzimisela, nesingenakukwazi ukuzifezekisa iinjongo zesizwe ngaphandle koncedo lwabo. Ukukhethwa kwamagama abo baza kuba sethubeni lokufumana iiMbasa zeSizwe zokuFundisa kuhlonipha umsebenzi ogqwesileyo owenziwa ngootitshala kuphuhliso lweli lizwe; umsitho wezi Mbasa uza kubanjwa ngomhla wesi-7 kweyoKwindla ngowama-2015 ubanjelwa eGallagher Estate, eMidrand. ISebe leMfundo esiSiseko lilo elisingatha lo msitho waminyaka le wokuhlonipha ootitshala abasebenza nzima ngokuzinikela, ngokuzimisela nangobuchule.

5.5 UMphathiswa wezaManzi noGutyulo uNomvula Mokonyane uza kuphehlelela iVeki yeSizwe yaManzi kummandla othwaxwa yimbalela waKwaDukuza KwaZulu-Natal ngomhla we-16 kweyoKwindla ngowama-2015 phantsi komxholo othi: “Akukho Nto Inokuthatha Indawo Yamanzi”. Le veki ibekelwe bucala sisizwe iza kuqukunjelwa ngoSuku lwaManzi lweHlabathi ngomhla wama-22 kweyoKwindla ngowama-2015. Eli phulo liza kufundisa abemi boMzantsi Afrika ngokubaluleka kwamanzi nokuba kufuneka asetyenziswe ngobunono nobulumko kuba anqongophele. IKhabhinethi iyabakhumbuza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba siphila kwilizwe elinamanzi anqongopheleyo kwaye ihlaba ikhwelo kubo bonke abantu ukuba bawonge ngokutywina imibhobho evuzayo kwakunye nokuba bawasebenzise ngobunono.

5.6 ICawe, umhla wesi-8 kweyoKwindla, luSuku lwabaseTyhini lweHlabathi (i-IWD), olu lusuku olusetyenziswa minyaka le kwihlabathi liphela ukuhlalutya inkqubela eyenziweyo, ukukhuthaza utshintsho kunye nokubhiyozela izenzo zobugorha nokuzimisela ezenziwa ngoomama basekuhlaleni abadlala indima enkulu kwimbali yeendawo abahlala kuzo kunye neyamazwe abo. ISebe labaseTyhini liza kukhokela imisitho yemibhiyozo yesizwe ye-IWD eLanga High School eKapa phantsi komxholo othi: Amalungelo ooMama ngamaLungelo oLuntu: Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika ongenabuNdlobongela Phambili. Lo mxholo uhambelana noweZizwe eziManyeneyo othi: Amalungelo oLingwana abaseTyhini yinkqubela kubo bonke! Isibhambathiso seMbumba ye-Afrika sona sonyaka wama-2015 sithi: “UNyaka wokuXhotyiswa nokuPhuhliswa kwabaseTyhini kulungisela i-Ajenda ye-Afrika yowama-2063”. Olu suku luza kusetyenziselwa ukuphehlelela inkqubo yeSizwe neyamaPhondo yeendibano eza kuqala ukusuka kule nyanga iye kuma ngeyeSilimela. Oku kuza kukhokelela kwingxelo ngeemeko yabasetyhini eza kuphehlelelwa nguMongamemi ngomhla we-9 kweyeThupha.

5.7 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kooNondaba boMzantsi Afrika ukuba bangenise amagama abo ukulungiselela ukhuphiswano lweeMbasa zooNondaba be-SADC zowama-2015. Usuku lokuvala ngumhla wama-31 kweyoKwindla kowama-2015 yaye ulwazi oluthe vetshe luyafumaneka kwiwebhusayithi yeSebe lezoNxibelelwano i-www.doc.gov.za. Ezi mbasa zidibanisa imibutho esesikweni yoorhulumente, imibutho yoluntu, izifundiswa, imibutho yabasebenzi kunye noonondaba bommandla we-SADC. Zixhasa intsebenziswano nobumbano ngokukhuthaza oonondaba kumazwe angamalungu e-SADC babhale basasaze ngemiba echaphazela lo mmandla. Olu khuphiswano liquka iiMbasa zooNondaba bezaManzi ezihlonipha amanqaku akhuthaza uLawulo lwaManzi oluHlanganisiweyo kummandla we-SADC.
 
6 Izikhundla

Zonke ezi zikhundla ziza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kobunyani beziqinisekiso zemfundo nobunye ubucukubhede obufuna ukuqondisiswa.

6.1 UMnu Mayihlome Tshwete njengeSekela Mlawuli-Jikelele: iiNkonzo zezoNxibelelwano kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.
6.2 UNksz CM Mogotsi njengeSekela Mlawuli-Jikele kwiSebe lezobuGcisa neNkcubeko
6.3 UMnu Vusimuzi Philemon Madonsela Ukwandiswa kwesiVumelwano seNgqesho njengoMlawuli-Jikelele kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano.

7 AmaLungu angekho kwisiGqeba soLawulo kwiBhodi kaGunyaziwe woPhawu lweli ku-intanethi u-ZA (i-ZADNA)

7.1 UNksz N Dhevcharran  (uSihlalo)
7.2 UGq NYH Mzizana
7.3 UMnu AM Brooks
7.4 UMnu NM Msibi
7.5 U-Adv MJ Ralefatane
7.6 UMnu MR Khumalo
7.8 UGq YKN Mohutsioa-Mathabathe
7.9 UNksz MO Morata
7.10 UMnu J Tshipa

8. AmaLungu angekho kwisiGqeba soLawulo kwiBhodi ye-BroadBand Infraco
8.1 UMnu BMC Ngcobo (uSihlalo)
8.2 UNksz MM Maponya
8.3 UGq A Githiari
8.4 UNksz N Selamolela

9. AmaLungu angekho kwisiGqeba soLawulo kwiBhodi ye-SENTECH
9.1 UMnu MA Mello (uSihlalo)
9.2 UMnu SM Radebe
9.3 UMnu LC Mtimde

10. IBhodi yeziko i-South African National Biodiversity Institute (i-SANBI)
10.1 UNksz MNE Magomola (uSihlalo)
10.2 UGq ST Cornelius
10.3 UGq JM Matjila
10.4 UNksz BD Ngidi
10.5 UMnu S Gounden
10.6 UNksz NN Mnqeta
10.7 UNksz T Godongwana
10.8 UNjing BW van Wilgen
10.9 UGq YN Seleti
10.10 UNksz S Mancotywa
10.11 UNksz TE Abrahamse

11 IBhodi yeMiyezo yesiZwe yoMzantsi Afrika (i-SANParks)
11.1 UNksz J Yawitch (uSihlalo)
11.2 UGq K Njobe
11.3 UMnu ET Khumalo
11.4 UGq CG Olver
11.5 UMnu F Futwa
11.6 UNksz BD Ferguson
11.7 UMnu M India
11.8 UMnu L Zitha
11.9 UGq M Matlou
11.10 UMnu MT Mokono
11.11 UGq N Mzilikazi
11.12 UNksz T Semane
11.13 UNksz JE McCourt
11.14 UMnu FG Mketeni

12 AmaLungu angekho kwisiGqeba soLawulo kwiBhodi yeNkampani yee-Arhente zoMzantsi Afrika zezeeNdlela (i-SANRAL)
12.1 UMnu R Morar (uSihlalo)
12.2 UNksz A Lawless
12.3 UNksz ZJ Kganyago
12.4 UMnu M Matete
12.5 UNksz D Mashile-Nkosi

13. AmaLungu angekho kwisiGqeba soLawulo kwiBhodi yeNkampani yeziKhululo zeeNqwelomoya zoMzantsi Afrika (i-ACSA)
13.1 UMnu SD Macozoma (uSihlalo)
13.2 UGq MS Mabela
13.3 UNksz S Simelane
13.4 UNksz MK Matlou

Imibuzo:
UNksz Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore