INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wesi-5 kweyoMsintsi 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wesi-5 kweyoMsintsi 2018 eTuynhuys, eKapa.                                                                                          

A. Imiba engundaba-mlonyeni

1.  Imiba yezoqoqosho  

1.1 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amacandelo aseMzantsi Afrika ukuba axhase amaphulo akhokelwa ngurhulumente okukhwezela uhlumo loqoqosho emva kokuba kukhutshwe iinkcukacha-manani ezibonisa ukuba uqoqosho lweli lwehle nge-0.7% kwikota yesibini lisuka ku-0.2.6% ohlaziweyo wekota yokuqala.

1.2  Nangona amanye amacandelo oqoqosho lweli, afana necandelo lezemigodi, elezokwakha nelezezimali abonakalise ukukhula, umthamo akhule ngawo khange wanele ukunceda amanye amacadelo, ingakumbi icandelo lezolimo. 

1.3  Kwicala lezenkcitho, umthamo uwonke weempahla ezithunyelwa kumazwe angaphandle wona wongezekile, kodwa nawo uphinde wathotywa lizinga lenkcitho yamakhaya elehlileyo kwakunye nokuphunguka kweemveliso ezilungele ukuthengiswa. Umthamo wemali etyalwe zinkampani zabucala unyukile, ngelithuba otyalwe ngurhulumente wehlile.

1.4  Imeko efuna ukuba mbana kuqoqosho lwehlabathi kunye neziphumo zemveliso yelizwe yonyaka (i-GDP) zifuna ukuba urhulumente akhawulezise ukususa imiqobo ethintela ukuhluma koqoqosho abe ngaxeshanye enika inkxaso kubantu namakhaya angathathi ntweni.

1.5  Uqoqosho luhlume ngesantya solovane kule minyaka mine idlulileyo. Oku kubonakalisa indima edlalwe zimeko ezingaphezu kwamandla ethu ezifana nembalela ebithwaxe icandelo lezolimo kunye namaxabiso aphantsi eemveliso zorhwebo kwakunye nendlela olumi ngayo uqoqosho lweli, izinto ezo zithe zathibaza amaphulo otyalo-mali nawokudala imisebenzi.

1.6  Urhulumente uzimisele ukutshintsha inkqubo yokukhutshwa nokunikezelwa kwee-visa ukuze kuncedakale incadelo lezokhenketho, ukuqukunjelwa kwemithetho ebalulekileyo yezemigodi nezimbiwa ukuze kuxhaswe icandelo lezemigodi futhi kulungiswe nemeko engazinzanga yezimali kumashishini karhulumente.  

1.7  Ezi ngqungquthela zizayo, eyezemisebenzi neyotyalo-mali, kwakunye noncedo lwezezimali oluvela kurhulumente, ziza kunika iinkcukacha ezicacileyo ngotshintsho ekufuneka lwenziwe ukuze kukhwezelwe uqoqosho.

1.8  IKhabhinethi iyamxhasa urhulumente kwiphulo lakhe lokuqinisekisa ukuba imali zakhe zisetyenziswa ngobunono futhi isicwangciso-sikhokelo sezimali zikarhulumente siza kunikezelwa kwiNtetho yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS).

2.  Utyelelo lwelizwe lase-United Kingdom (e-UK)

2.1 IKhabhinethi nayo njengoMongameli Cyril Ramaphosa iyalwamkela utyelelo lwaseburhulumenteni oluqhube kakuhle yiNkulumbuso uTheresa May yase-UK, equka iGreat Britain kunye neNorthern Ireland. Olu tyelelo luza kuza neziphumo ezincumisayo eMzantsi Afrika ngokuthi kuqiniswe ubudlelwano borhwebo phakathi kwala mazwe kunye notyalo-mali. I-UK lelinye lamazwe angaphandle atyala imali eninzi eMzantsi Afrika. Iinkampani zaseBritain ezikweli lizwe zingama-650. Ngethuba kubanjwe iindibano phakathi kwala mazwe, kuye kwagadlwa nezivumelwano ekunokungenwa kuzo kunye namanye amaphulo alulutho kula mazwe omabini.

2.2 INkulumbuso uMay waye wanikezela ngeNtsimbi ye-SS Mendi kwiNkumanda ePhethe imiKhosi Jikelele, uMongameli Ramaphosa nakubantu boMzantsi Afrika, njengesikhumbuzo sabemi beli loMzantsi Afrika abanikezela ngobomi babo basweleka ngethuba i-SS Mendi izika e-English Channel kwisithuba seminyaka engaphaya kwe-100 eyadlulayo 

3.  INgqungquthela yeNtsebenziswano Phakathi kwe-China ne-Afrika (i-FOCAC)

3.1  IKhabhinethi isiqwalasele isiCwangciso sokuSebenza saseBeijing (sowama-2019-2021), esicacisa iziphumo zeNgqungquthela ye-FOCAC apho uMongameli Ramaphosa noMongameli Xi Jinping waseChina bebebambisene njengoosihlalo.

3.2  Ukuze kwakhiwe izivumelwano ezigcweleyo zentsebenziswano neziqiqisisiweyo phakathi kwe-China ne-Afrika, ilizwe laseChina lizibophelele ekuphumezeni izicwangciso zokusebenzisana ezili-10 nelizwekazi le-Afrika. La ngamacandelo ekufuneka kuphuhliswe amashishini kuwo: ukuphuculwa kwezolimo; iziseko ezingundoqo zophuhliso; iinkonzo zezimali; uphuhliso olungeyongozi kokusingqongileyo; ukuqaliswa korhwebo notyalo-mali; ukuliwa kwendlala kunye neenkonzo zoluntu zezentlalontle; iinkonzo zoluntu zezempilo; izivumelwano zokwabelana ngezimvo nokunye phakathi kwabantu baseChina nabeli lizwekazi, kunye noxolo nokhuseleko. Ngokuhamba kwexesha, intsebenziswano phakathi kweChina neli lizwekazi iza kusekelwa phantsi komxholo othi: iChina ne-Afrika: Sisebenzela intsebenziswano emandla phakathi kwale mimandla apho sinamaphupha nekamva elinye ngokusebenzisa izivumelwano zentsebenziswano ezilulutho kuyo yomibini le mimandla.

4.  Ixabiso lamafutha ezithuthi

4.1  IKhabhinethi iyavuyiswa kukungenyuki kwexabiso lamafutha ezithuthi kule nyanga, into leyo enike abantu abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke, abaqhubi-zithuthi kunye nabathengi umtyhi wokuphefumla wethutyana, ngethuba iSebe lezeMandla (i-DoE) lisagwadla amanye amacebo.

4.2  Imiba yezehlabathi efana nokunyuka kwexabiso le-oli ekrwada kunye nemeko engentlanga kumazwe asahlumayo zibangele ukuba ixabiso lamafutha ezithuthi linyuke ngokukhawuleza eMzantsi Afrika ukusukela ngekaTshazimpunzi kulo nyaka.

4.3 IKhabhinethi ixhalabile kukunyuka kwamaxabiso kunye neziphumo ezibi zoku kubathengi ngokubanzi, kuquka nemeko yokunyuka kwamaxabiso njengoko abavelisi nabo benyusa amaxabiso into leyo ethi ichaphazele namaxabiso abekwa zivenkile ezinkulu, phakathi kwezinye izinto.

4.4 Emva kokuba ethathele le miba ingqalelo, uMphathiswa wezaMandla uMnu Jeff Radebe, uye wathatha inyathelo lokungenelela egameni likarhulumente ezama ukukhusela uluntu ekuthwaxweni yingxaki yokunyuka kakhulu kwamaxabiso amafutha ezithuthi. Uchatha owongeziweyo kwixabiso lamafutha ezithuthi ziisenti eziyi-4.9 ngelitha kulungiselelwa ukuba ikwazi ukwenyuka imali eyenziwa zigaraji zize zona zikwazi ukunyusa imivuzo yabasebenzi, abafana nabasebenzi abatha ipetroli ezigaraji.

4.5 Ngexesha apha uqoqoqsho lweli luthwaxwa ngumbhodamo owenzeka kwiqoqosho lwehlabathi, iKhabhinethi iyavuyiswa zindaba zokuba eli linge lenziwe nguMphathiswa uRadebe alizikuchaphazela ipokotho karhulumente njengoko esebenzise imali ibisele egciniwe ilalisele ukunyuka kwexabiso lamafutha ezithuthi.

5.  Ukubuyiswa komhlaba 

5.1 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise ezi ngxoxo-mpikiswano ziqhhubayo zingeenguqu kwezemihlaba ukuze bancedise kumaphulo okwakha isizwe nokukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo phakathi kweentlanga ezahlukeneyo. Le nkqubo iqhutywa yipalamente iza kuza nengcaciso egcweleyo ize isincede sisisizwe sitsho sazi ukuba sibheka ngaphi na. Inkqubo eselubala, esekelwe emithethweni nakumgaqo-siseko ihambelana nombono wethu sisonke wokukhangela isisombululo esiza kwenza ngcono eli lizwe.

5.2 IKhabhinethi ikholelwa ukuba le nkqubo iza kusinceda sitsho silandele inkqubo yokubuyiswa komhlaba eza kusanezisa sonke.   

5.3 Ngokusebenzisana, singakha isizwe esingcono apho amaphupha ethu sisonke eza kufezekiswa. 

6. Ezamanzi

6.1 IKhabhinethi iyavuyiswa zindaba zokuba iSebe lezaManzi noGutyulo ligqibile ukwakha i-Cornelis River Dam eFreyistatha. Eli dama liza kunceda amakhaya angama-2 690 anabantu abaqikelelwa kwabangama-10 674, liza kunceda kwingxaki yokunqongophala kwamanzi eWarden nase-Ezenzeleni kuMasipala weNgingqi yasePhumelela.

6.2 UMzantsi Afrika usenengxaki yokunqongophala kwamanzi ebangelwe yimbalela ke ngoko iKhabhinethi icela abantu ukuba basebenzise amanzi ngononophelo nangobunono.

7. Ezemfundo

7.1 IKhabhinethi iliqhwabela izandla iSebe leMfundo esiSiseko (i-DBE) ngokuvula ngokusesikweni -Delft South Primary School, cebu kuhle neKapa eNtshona Koloni.

7.2 Esi sikolo sakhiwe ngePhulo lesebe lokuKhawulezisa uKwakhiwa kweziSeko ezinguNdoqo zeZikolo (i-ASIDI) kwaye sityabule imali ezizigidi ezingama-75 zerandi. Sinamagumbi okufundela angama-45, iziko leekhompyutha nelebhu yezobunzulwazi, ithala leencwadi kunye neziko lokutyela. Esi sikolo sinobuxhaka-xhaka bale mihla sinazo zonke izixhobo ezifunekayo zokufunda nokufundisa abantwana besikolo baseDelft abamalunga ne-1 578.

7.3 Esi sisikolo sokugqibela kwezingama-25 ebezinikezelwa ngokusesikweni eNtshona Koloni ezakhiwe nge-ASIDI ye-DBE. Ukuza kuthi ga ngoku, inkqubo ye-ASIDI sele yakhe izikolo zale mihla ezingama-205 kuzwelonke. Izikolo ezingama-685 zifakelwe amanzi, zaze ezingama-486 zafakelwa iziseko zogutyulo ezindilisekileyo. Zona ezingama-372 zifakelwe umbane okokuqala.

8. Izicelo ezithunyelwe kwiSkimu seSizwe sokuNcedisa ngeMali yokuFunda (i-NSFAS) zonyaka wama-2019.

8.1 IKhabhinethi ivuyiswa kakhulu ngabafundi abathe bafaka izicelo zenkxaso-mali ngobuninzi babo emva kokuba ixesha lokufaka izicelo ze-NSFAS livulwe ngokusesikweni ngomhla wesi-03 kweyoMsintsi. Ngabafundi abasafunda iBanga 12 nabafunda kumaziko emfundo ephakamileyo abangaphezulu kwama-45 000 abangene kwiwebhusayithi ye-NSFAS ngosuku lokuqala ixesha lokufaka izicelo livuliwe. Mninzi umsebenzi osele wenziwe kumalinge okubhatala abafundi abebengekabhataleki.

8.2 Inkqubo yokufaka izicelo isekelwe kwinkqubo entsha eqwalasela izicelo zenkxaso-mali ngokukhawuleza futhi neyenze indlela yokugcwaliswa kwezicelo ngabafundi yalula nokuba umfundi uphi na.  

9. I-Listeriosis

9.1 IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziweyo sokuba isifo i-Listeriosis asisekho kwinqanaba likabhubhane. Oku kubonisa iziphumo zesicwangciso sentsebenziswano esingxamisekileyo seSebe lezeMpilo (i-DoH) kunye neZiko leSizwe leZifo ezoSulelayo, exhaswa nguMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO), sokulwa nokuphelisa esi sifo.  

9.2 I-DoH isebenzisa inkqubo yokugada ukuze esi sifo singaphindi siqhambuke. Zonke iifektri ezenza ukutya osele kuvuthiwe okwenziwa ngenyama ebomvu neyenkukhu kufuneka zibe neenkqubo zokugada ukuba ukutya kungabiyongozi, njengoko usitsho uMthetho R607 owapapashwa ngomhla we-14 kweyeSilimela 2018. Amaphulo okuhlola iifetri aza kuqhuba, njengoko imithetho yezococeko yakutsha nje isitsho.

10. Izityholo zokutya okungafanelekanga nokuphelelwe lixesha

10.1 IKhabhinethi iyambulela uMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi ngokungalibazisi aqwalasele ngokukhawuleza izityholo ebezenziwe ngokutya okwenziwe ngezithako ezingezizo nokudlulelwe lixesha eMzantsi Afrika. I-DoH ifumene izikhalazo ezininzi futhi izibonile neevidiyo ezingaqinisekiswanga ezingokutya ezisasazwa kumakhasi ezonxibelelwano loluntu.

10.2 Ukususela ngenyanga yeThupha, bekuqhutywa amaphulo ogqogqo aliqubuliso kwiindawo ezithengisa ukutya futhi aza kuqhuba nakwiindawo ezahlukeneyo kweli lizwe.

10.3 Ukongeza koko, icandelo lezokutya liceliwe ukuba liqinisekise ukuba ingaba ziyinyani na izityholo zokutya okwenziwa ngezithako ezingezizo ngeli thuba ezinye ii-arhente zomthetho zikarhalulumente eziphuma kwisebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba, elezoRhwebo noShishino, kunye neKomishinni yeSizwe yabaThengi (i-NCC), nazo zincedisa kumalinge okuqinisekisa ezi zityholo zenziwe luluntu zokuba kubekho izenzo zokuvelisa ukutya okungekho mgangathweni. 

10.4 IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kuluntu ukuba luhlale lubaze iindlebe luqwalasele zonke izinto ezingaqondakaliyo ekutyeni.

  • Umbhalo othi 'best-before' kwiimveliso ezithengiswayo ubhekisa kwixesha elinokuhlalwa zimveliso ezisetotini nezingenamanzi, aluthethi nto ngakulungela ukutyiwa kwemveliso.
  • Umbhalo othi 'sell-by’ ubhekiswa kukudla okonakala ngokukhawuleza kona ekugcinwa efrijini. Ukusuka kwinyanga yeKhala kulo nyaka, awusazikuphinda usetyenziswe lo mbhalo, ngokwee-arhente zehlabathi.
  • Umbhalo othi 'use-by' okanye i'-expiry date' uchaza umhla obekiweyo wokuphelelwa kwaye uthetha ukuba ukutya okubhalwe lo mbhalo akusakulungelanga ukutyiwa emva kwalo mhla. Ekutyeni okonakalayo, lo mhla uthetha ukuba oku kutya akusakulungelanga ukutyiwa emva kwayo.
  • 'Iimveliso zomgunyathi' zibhekisa kwiimveliso ezithengiswa ngegama lenye inkampani ngaphandle kwemvume kuze kona 'ukutya okungagqibanga' okuthethwa ngako kumakhasi ezonxibelelwano kubhekise kukutya okungenazithako zifanelekileyo zokutya.
     

10.5 nIKhabhinethi iyaphinda iyabacela abantu ukuba beze ngaphambili nobungqina obubambekayo bokutya obenziwa ngezithako namachiza anganobungozi.

10.6 Ngaphezu koku, iKhabhinethi izigxeka kabukhali izenzo zohlaselo nokutyhuthulwa kweevenkile ngenxa yezityholo zokuthengiswa kokutya okukrokrelekayo. Izenzo zolwaphulo-mthetho ezifana nezi azizukunyanyezelwa futhi ii-arhente zogcino-mthetho ziza kubabamba futhi zibatshutshise abantu abafunyaniswe ukuba ngabo abakhokela okanye abenza ezi zenzo zolwaphulo-mthetho. IKhabhinethi icela abantu abanolwazi ngoku kutya kukrokrelekayo ukuba batsalele umxeba kwiziko loncedo le-DoH ku-011 386 2003/6 kunye ne-NCC ku-012 428 7000.

11. Ukuhlawulwa kwezibonelelo zezentlalo

11.1 IKhabhinethi iyayamkela ingxelo enika iinkcukacha ngomsebenzi osele wenziwe yoMphathiswa wezoPhuhliso loluNtu uSusan Shabangu, malunga nesivumelwano sentsebenziswano phakathi kwe-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) kunye nePosi yoMzantsi Afrika (i-SAPO) apho la maqumrhu eza kuthatha umsebenzi wokuhlawula imali yendodla ku-Cash Paymaster Services ukusukela ngomhla woku-1 eyeDwarha 2018.   

11.2 Ukuza kuthi ga ngoku u-SASSA sele etshintshe amakhadi amadala asisigidi esinesiqingatha ngamakhadi akwa-SASSA amatsha agolide. Nangona kunjalo asekhona amakhadi angamawaka ekusafuneka etshintshiweyo. IKhabhinethi icela bonke abantu abasasebenzisa amakhadi amadala ukuba bawatshintshe.

11.3 I-SAPO iza kuqalisa ukuhlawula ngokwayo imali ebantwini abangakhange bakwazi ukutsala imali yabo kwii-ATM okanye ezivenkileni. Abantu abamkela imali yendodla abafuna iinkcukacha ezithe vetshe bangatsalela le nombolo ingahlawulelwayo yakwa-SASSA ithi 0800 60 10 11 ngamaxesha omsebenzi.

12. Iingozi zikaloliwe

12.1 IKhabhinethi inqwenelela ukuchacha ngokukhawuleza abakhweli abafumene umonzakalo ngethuba oololiwe ababini bakwaMetrolrail betshayisana e-Eloff Extension eSelby, emazantsi eRhawuti kwaye ifuna ukuba uphando likanobangela wale ngozi lwenziwe ngokukhawuleza ukunqanda ukuba ingaphinde yenzeke ingozi efana nale. 

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IKhabhinethi ivumile ukuba zikhutshwe iiNkcukacha-manani zeSizwe zoLwaphulo-mthetho nguMbutho wezamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS).

1.1 Ezi nkcukacha-manani zonyaka zolwaphulo-mthetho zinceda urhulumente azibone indlela aqhuba ngayo kwiinjongo eziphambili azibekele zona, ingakumbi umba wokuphungulwa kwezenzo zolwaphulo-mthetho oluhambisa umzimba oluxeliweyo kwabasemagunyeni, njengoko kucacisiwe kwisiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) sowama-2014-2019. Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zingasetyenziswa njengezixhobo zokubona umonakalo kwangethuba ukuze kuphuculwe amaphulo namaqhinga amasebe ahlukeneyo karhulumente okuthintela ulwaphulo-mthetho.

2. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngomsebenzi osele wenziwe kumba wokuziphatha kwabasebenzi bakarhulumente abaqhuba ushishino namaqumrhu ombuso. Ukukhuthaza ukuthathwa kwamanyathelo asekelwe kubulungisa nangadleleleliyo ngamagosa aphezulu karhulumente kubaluleke kakhulu kumalinge okwakha umbuso owenza izinto elubala nophendulayo ngemisebenzi yakhe, njengoko usitsho uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 kunye nokwakha umbuso ekubhekiswa kuwo kuMbono wowama-2030 wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP).

2.1 Mhle umgama osele uhanjiwe malunga nokuphunyenzwa koMthetho 13(c) weMithetho yeeNkonzo zikaRhulumente (i-PSR) wowama-2016 othintela abasebenzi bakarhulumente ukuba baqhube ushishino namaqumrhu ombuso, kwakunye noMthetho 18 we-PSR yowama-2016, onyanzelisa ukuba abasebenzi abayinxalenye yabaPhathi abaPhezulu (i-SMS) bayichaze imvelaphi yengeniso eyimali neyeyabucala.

2.2 IKhabhinethi iphinde yavuma ukuba iGosa elinamaGunya afanelekileyo kumasebe karhulumente kufuneka liwubeke phantsi kweliso umba wokuphunyezwa koMthetho 13(c) we-PSR yowama-2016, lithathe amanyathelo oluleko afanalekileyo lize lingenise ingxelo ngako konke oku kuMphathiswa wezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo (i-MPSA) ekupheleni konyaka-mali ngamnye. Ingxelo yokuqala ifanele ukungeniswa ku-MPSA ngomhla wama-31 kweyoKwindla 2019.

2.3 Ngonyaka wama-2016 nowama-2017, iSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo liye labona abasebenzi bakarhulumente ababhaliswe kuLuhlu lukaZwelonke lwabaBoneleki-zinkonzo (i-CSB), lona ebelukhutshwe nguNondyebo weSizwe. Amasebe aye acelwa ukuba afundise abasebenzi ngalo mba, aqinisekise iinkcukacha aze anike ingxelo ngomsebenzi osele wenziwe malunga namanyathelo athatyathelwe abo bophule umthetho.

2.4 Ekupheleni kwenyanga kaTshazimpunzi ngowama-2018, amalungu e-SMS ayi-96% ebesele ewangenisile amaxwebhu awo aneenkcukacha zengeniso esebenzisa inkqubo i-eDisclosure System.

3. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngomsebenzi oselwe wenziwe malunga neNkqubo yokuXhasa ngeMali yokuFunda yeSikolo sikaRhulumenete seSizwe (i-NSG).

3.1 IKhabhinethi ilwamkele uluhlu lwezifundo zoqeqesho ezinyanzelekileyo nezinganyanzelekanga eziza kulingwa yi-NSG eziza kunceda kuqeqesho nophuhliso lwezakhono olukhawulezileyo nelokwenza iinkonzo zikarhulumente icandelo elinazakhono ezisemgangathweni ophezulu. Umba wokuba izifundo zoqeqesho ezinyanzelekileyo zihlawulwe ngqo ngamasebe aqeshe abasebenzi abo kwibhajethi yawo yoqeqesho nophuhliso lwabasebenzi nawo uvunyiwe.

3.2 Oku kuza kukhokelela ekubeni sibe nombuso okhokelisa uphuhliso futhi othatha amanyathelo asingisele ekuzalisekiseni uMbono wama-2010 we-NDP ngokuthi "wakhe isizwe esinezakhono nesikhokelisa uphuhliso, esithi ngokusebenzisana nabemi abathatha inxaxheba, sikhokele iphulo elizingileyo lokulwa indlala, intswela-ngqesho nokungalingani."

4. IKhabhinethi ivumile ukuba kupapashwe iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezeNzulwazi, ezobuChwepheshe nezoYilo wowama-2018 ukuze uluntu luhlomle kuwo. UMphathiswa wezeNzulwazi nobuChwepheshe, uNksk Mmamoloko Kubayi-Ngubane uza kunika iinkcukcha ezigcweleyo kwalapho ekuhambeni kwexesha.

5. IKhabhinethi ivumile ukuba kupapashwe isiCwangciso-qhinga seSizwe soKwandiswa kweeNdawo eziKhuselweyo (i-NPAES) ukuze uluntu luhlomle.

5.1 I-NPAES sisicwangciso esiqiqisisiweyo seminyaka engama-20 esihambelana ne-NDP, esigxile ekwandiseni iindawo ezikhuselweyo, kugxininiswa kakhulu kuhlumo loqoqosho, iinguqu kunye nozinzo.

5.2 I-NPAES igxininisa indlela imali kunye nabasebenzi abanezakhono ezinqongopheleyo ekufuneka basetyenziswa ngayo ukuze kuqinisekiswe ukuba indlela eyandiswa ngayo imimandla ekhuselweyo ayidli mali kakhulu, kwaye ayinabungozi kokusingqongileyo kwaye iyakwazi nokumelana nengxaki yokutshintsha kwemozulu.

5.3 Iindawo ezikhuselweyo zoMzantsi Afrika ziquka iziza ezingamafa, imiyezo yesizwe, imiyezo yolondolozo lwendalo, imiyezo yolondolozo ekhethekileyo, imimandla yokusingqongileyo ekhuselweyo, iindawo zaselwandle ezikhuselweyo, iintlambo nemithombo ehlala amanzi asuka ezintabeni, amahlathi akhuselwe ngokukodwa kunye namahlathi olondolozo lwendalo.

6. IKhabhinethi iyivumile iMiba uMzantsi Afrika oza kuXoxa Phezu Kwayo kwiNgqungquthela ye-13 yamaZwe Atyikitye isiVumelwano saseRamsar esingemiMandla eliJojo (i-Ramsar COP 13) eza kubanjelwa eDubai, e-United Arab Emirates, ukusuka ngomhla wama-21 kuya kowama-29 kweyeDwarha ngowama-2018.

6.1 Iinjongo ezibanzi zesiVumelwano saseRamsar kukuqinisekisa ukuba imihlaba elijojo iyalondolozwa futhi isetyenziswa ngononophelo. EMzantsi Afrika, imihlaba elijojo yiyona isemngciphekweni yokuphazamiseka kuyo yonke indalo esingqongileyo, kangangokuba ama-45% ale mihlaba asemngciphekweni wokuphazamiseka.

6.2 Oku kudlala indima enkulu kumba wolondolozo lwamanzi njengenxalenye yamalinge okukhawulela umonakalo onokwenziwa zimbalela.

C. ImiThetho esaYilwayo

1. IKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe uMthetho-sihlomelo oYilwayo weMbuyekezo yokoNzakala nokuFumana iziFo eMsebenzini wowama-2018 ukuze uluntu luhlomle.

1.1 Lo Mthetho-sihlomelo, ulungisa uMthetho weMbuyekezo yokoNzakala nokuFumana iziFo eMsebenzini wowe-1993, (uMthetho uNombolo 130 wowe-1993) uyababala abasebenzi abancedisa emakhaya, ababengabalwa kulo Mthetho wangaphambili, ukuba nabo ngabasebenzi ukwenzela ukuba nabo baxhamle kumalungelo axhanyulwa ngabasebenzi, kunye nokuba aphaculwe la malungelo axhanyulwa ngabasebenzi.

1.2 Ezi zilungiso ziza kuphucula izibonelelo ezibhatalwa kubasebenzi nabantu abaxhomekeke kubo, kwaye ulungiselelwe ukunceda abasebenzi abonzakeleyo okanye abaswelekileyo ukuba bancediswe ngonyango belungiselelwa ukuba babuyele emsebenzini naphakathi koluntu.

2. IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamene uMthetho-sihlomelo oYilwayo wezoBulungisa baBantwana wowama-2018.

2.1 Lo Mthetho-sihlomelo wenza izilungiso kuMthetho woBulungisa baBantwana wowama-2008 (uMthetho uNombolo 75 wowama-2008) ukuze kutshintshwe eyona minyaka yobudala imiselweyo yokuba umntwana abe angakwazi ukubekwa ityala inyuke isuka kwiminyaka eli-10 iye kweli-12. Lo Mthetho-sihlomelo awupheleli nje apho uyaqhubeleka ugxininisa nomba wokubaluleka kokuhlonitshwa kwamalungelo abantwana abenza izinto ezinxamnye nomthetho.

2.2 Lo Mthetho-sihlomelo uzama nokwahlukanisa umba wesakhono somntu sokukwazi ukwenza isenzo solwaphulo-mthetho nowokuba umntu afumene isohlwayo esingesinye endaweni yokuba avelelwe ejele, ngokuthi umba wesakhono somntu sokukwazi ukwenza isenzo solwaphulo-mthetho njengento ekuqala kujongwe yona xa umntu eza kunikwa esinye isohlwayo esingesokuvalelwa ejele naxa kusenziwa uphando lwaphambi kokuchotshelwa kwetyala.

3. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe ePalamente uMthetho-sihlomelo oYilwayo wezoPhapho lwaBantu wowama-2018.

3.1 Lo Mthetho-sihlomelo, owenza izilungiso kuMthetho wezoPhapho lwaBantu wowama-2009 (uMthetho uNombolo 13 wowama-2009), uza kuphucula ukhuseleko nokhuselo kwezophapho kunye nemithetho yokukhuselwa kokusingqongileyo kwezophapho ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho uzinzo kwicandelo lezophapho loluntu.

3.2 Oku kuza kuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika uyaqhubeleka nokuthobela izivumelwano zehlabathi ozityikileyo ezinxulumene necandelo lezophapho, into leyo eza kuba negalelo elimandla kuphuhliso loqoqosho kwaye esisixhobo esinokusetyenziswa ukukhulisa urhwebo, ezokhenketho kunye nesantya sokudalwa kwemisebenzi.

3.3 Lo Mthetho uYilwayo ukwanamasolotya avumela ukuba uphando lweengozi zeenqwelomoya kunye nezinye iziganekwana ezenzeka kwiinqwelo-moya lwenziwe zi-arhente ezizimeleyo, ukuze kulungiswe ingxaki yokungasetyenziswa kwemithetho neendlela ezifanayo kunye nezinye izinto ezibangela umsebenzi ube nebatha.

D. Imisitho ezayo

1. IVeki yeeThusong Service Centre

1.1 Njengoko ibanjwe kanye ngeNyanga yeeNkonzo zikaRhulumente iVeki yonyaka yeeThusong Service Centre eza kubanjwa ukusuka ngomhla we-17 ukuya kowama-21 kweyoMsintsi 2018 phantsi komxholo othi: "Thuma Mina: Sisa iiNkonzo zikaRhulumente eBantwini", ilelinye iqonga likarhulumente lokusa iinkonzo zikarhulumente ebantwini.

1.2 Ii-Thusong Service Centre ngamaziko angoontozonke aneenkonzo kunye nolwazi lukarhulumente, kwaye ezi Thusong Service Centre zili-133 zifumaneka mbombo zone zeli zingamaziko ethemba, okufumana ulwazi, okulungisa umonakalo wangaphambili, olingwano nawokuphuhlisa abantu ababehlelelekile ngaphambili bengavumelekanga ukuba bathathe inxaxheba kuphuhliso loqoqosho nolwezentlalo lwezwelonke.

1.3 Urhulumente wenza iindlela zokufakela iNkqubo yokuLawula imiGca Emide kula maziko, nkqubo leyo iza kukwazi ukulawula indlela ekufolwa ngayo kunye nesantya abantu abancedwa ngaso ukuze kuphungulwe ixesha elichithwa ngabantu belinde uncedo emigceni. Le nkqubo yokulawula imigca iza kufakelwa kuwo onke amaziko kulo lonke eli kugxininiswa kakhulu kumba wokufakelwa kobuxhaka-xhaka bobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano, bona obubaluleke kakhulu kumaphulo okuhambisa iinkonzo.

2. 2018 INkomfa yeHlabathi ye-Telecom ye-ITU yowama-2018 ye-ITU

2.1 IKhabhinethi iyayamkela iNkomfa yeHlabathi yeTelecom yowama-2010 yoMbutho weHlabathi weziSeko zoNxibelelwano (i-ITU) eza kubanjelwa eDurban ukusuka ngomhla wesi-9 ukuya kowe-13 kweyoMsintsi 2018 phantsi komxholo othi "Ukuqamba kusenzelwa uPhuhliso lobuXhaka-xhaka be-Intanethi bale Mihla". Lo msitho, uza kubanjelwa kweli lizwekazi le-Afrika okokuqala, uza kunika ithuba lokuba amazwe ase-Afrika athathe inxaxheba ngamandla kumaphulo okuphuhlisa i-ICT e-Afrika, esesinye sezixhobo zophuhliso nokuqamba izinto ezintsha.

2.2 Le nkomfa ibanjwa minyaka le iza kuzinyaswa ngabathunywa abangaphezulu kwama-9 000 abaphuma mbombo zone leli limiweyo, apho abaphathi abaphezulu kwicandelo likarhulumente nele-ICT baza kucweya bekhangela amathuba otyalo-mali kunye neendlela ezizezona zifanelekileyo zophuhliso loqoqosho nezentlalo kusetyenziswa i-ICT. Imiba ephambili eza kugwadlwa iquka: i-5G yophuhliso lobuxha-xhaka be-intanethi bale mihla, ukusebenzisana kwimiba yokhuseleko kweze-intanethi, iinkonzo zezimali eziqhutywa nge-intanethi kunye neesathelayithi zokuncedisa kumaphulo ophuhliso lobuxhaka-xhaka be-intanethi bale mihla.

2.3 INkomfa yeHlabathi yeTelecom yowama-2018 ye-ITU ibanjwe kanye ngexesha apho uMzantsi Afrika uqalisa iiprojekthi zesizwe eziphambili eziquka isiCwangciso-qhinga seSizwe se-Intanethi sikaRhulumente esigxininisa kumba wokutshintsha iinkonzo zikarhulumente zisebenzise ubuxha-xhaka be-intanethi kunye nesiCwangciso-qhinga seSizwe se-ICT sokuXhasa amaShishini amaNcinci, aPhakathi namaNcinane (ii-SMME), sona esilungiselelwe ukuvulela amathuba icandelo le-ICT kwii-SMME zoMzantsi Afrika. Ezi zixhobo zidala iimeko ezikhuthazayo nezivumayo ukuba eli candelo likhule futhi lizinze.

E. Imiyalezo

1. Amazwi ovelwano

1.1 IKhabhinethi ithi tutuni:

  • kusapho eliphantsi kwelifu elimnyama kunye neDyunivesiti yobuChwepheshe yaseTshwane (i-TUT) emva kokusweleka kukaKatlego Monareng. IKhabhinethi icela ukuba kuzolwe ngeli thuba amapolisa aqhuba uphando ukuze aqinisekise ukuba abo babe nesandla kwintlungu yokusweleka kukaKatlego baziswa ngaphambili.
  • kwintsapho nezihlobo zabantu abasibhozo abasweleka kuqhambuko-dubulo olwenzeka kwifektri yakwaDenel yokwenza iimbumbulu nezixhobo eseSomerset West eNtshona Koloni.
  • izihlobo nezalamane zabo bathe basweleka kumlilo obusitsha kwisakhiwo esisetyenziswa nangala masebe kaRhulumente wePhondo laseGauteng: elezeMpilo, elezokuHlaliswa koLuntu kunye neloLawulo lweNtsebenziswano. 

 

2. Amazwi okuvuyisana

2.1 IKhabhinethi ithumele amazwi okuvuyisana kubantu baseZimbabwe abathe batshintshela kumbuso omtsha okhokelwa nguMongameli Emmerson Mnangagwa ngaphandle kwamagingxi-gingxi, yena obekwe ngokusesikweni ngomhla wama-26 eyeThupha 2018. UMongameli Ramaphona naye njengeenkokeli zeli lizwekazi ebeye eHarare eyekuzimasa lo msitho. IKhabhinethi iyawaxhasa amalinge nemizamo kaMongameli Ramaphosa okusebenzisana ngokumandla neZimbabwe ukuze la mazwe aqinise amaqhina entsebenziswano ezopolitiko nawobuhlobo aqala kudala, egxininisa ikakhulu kumba wokomoleza intsebenziswano kwimiba yezoqoqsho phakathi kwala mazwe mabini.

2.2 IKhabhinethi iliqhwabela izandla iBhunga lezoPhando lezeNzululwazi nezoShishino (i-CSIR), ingakumbi iingcali zophando-nzulu zasetyhini zeli Bhunga, ngophando-nzulu ngezempilo eliqhutywayo kulungiselelwa ukuphucula inkqubo yeenkonzo zezempilo zeli. Olu phando luquka: (i) isixhotyana sesifo seswekile sokubona iqondo leswekile egazini ngokuphonononga umphefumlo; (ii) ukuveliswa kohlobo lwebhakteriya elilungileyo eza kusetyenziselwa ukukhulisa iinkukhu zenyama, uhlobo lwentlanzi olubizwa nge-dusky-cob kunye namangquba. Oku kuza kunceda kutsho kwenziwa iimveliso zezilwanyana ezingaxutywanga nanto, ezingenazibulala-ntsholongwane, iikhemikhali kunye namachiza okukhulisa; (iii) kunye nokuqhubela phambili uphando-nzulu nge-stem cell.

2.3 IKhabhinethi imothulela umnqwazi uGr Evodia Setati, ingcali yezophando-nzulu ephezulu kwiCandelo leze-Viticulture ne-Oenology kwiDyunivesiti yaseStellenbosch, othe waphumela iwonga lokuba yenye yeengcali ezibhinqileyo zezenzululwazi ezigqwesileyo i-Distinguished Women Scientists Awards kumsitho wonyaka wembasa zabantu basetyhini i-South African Women in Science Awards, obubanjelwe Polokwane ngomhla wama-23 kweyeThupha 2018.

2.4 IKhabhinethi ithi huntshu kuCaster Semenya ngokuqhuba kakuhle kakhulu ngethuba ephumelela umdyarho wesithathu wamagqibela kankqoyi wombaleko ongumgama oyi-800 metre we-Diamond League obubanjelwe eSwitzerland.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. UMnu Jacob Ganny Mbele njengeSekela-Mlawuli-Jikele (i-DDG): IiNkqubo neeProjekthi zezaMandla e-DoE.
2. UNksz Hilda Dikeledi Mhlongo njenge-DDG: IiNkonzo zokuXhasa ukuPhathwa kwemiSebenzi yeQumrhu e-DoE.
3. Abalawuli abangengomalungu esigqeba solawulo kwiBhodi yeLand and Agricultural Development Bank:

  • U-Adv Sandra Coetzee (uqashiwe kwakhona); kunye
  • noNksz Mathane Eveline Makgatho.


Imibuzo:
ksz Phumla Williams, IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore