INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-10 kweyeDwarha wowama- 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla we-10 kweyeDwarha ngowama-2018 eTuynhuys, eKapa.

A.  Imiba engundaba-mlonyeni
1.  Ezoqoqosho nephulo lotyalo-mali

1.1.  IKhabhinethi iyawamkela amanyathelo okungenelela abonakalayo afana nokuzibophelela ekuthengeni iimveliso zeli, kuzanywe ngamandla ukunyusa umthamo weempahla ezithunyelwa kumazwe angaphandle, ukungenelela kumacandelo asebenza ngeemveliso zezolimo kunye nokuxhasa amashishini amancinci naphakathi. La manyathelo aza kuthathwa aphakanyiswe kwiNgqungquthela yemiSebenzi eentsuku-mbini ibisanda kubanjwa, ebibizwe liBhunga leSizwe loPhuhliso loQoqoqsho nezaBasebenzi (i-Nedlac).

1.2.  Isiphumo seNgqungquthela yemiSebenzi silandele ukwaziswa kwesiCwangciso sokuVuselela nokuHlumisa uQoqosho, esineenjongo zokubuyisela uqoqosho kuhlumo nokudala imisebenzi efunwa ngabomvu. UMqulu wezeMigodi omtsha - obhalwe ngokusebenzisana kunye necandelo lezemigodi, abasebenzi, abantu bemimandla echaphazelekayo kunye namanye amahlakani - ucacisa imiba enxulumene nohlumo, uzinzo neenguqu. 

1.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amahlakani ukuba awuhlalutye uMqulu wezeMigodi ukuze uqukunjelwe kuze kubekho uzinzo kwicandelo lezemigodi.  

2.  I-ofisi yeSebe leMicimbi yezeKhaya yaseKokstad kunye nokunikezelwa kweetayitile zezindlu

2.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Cyril Ramaphosa iliqhwabela izandla iSebe leMicimbi yezeKhaya ngokuvula enye i-ofisi eKokstad kwiphondo laKwaZulu-Natal. UMongameli uvule ngokusesikweni le ofisi yeSebe leMicimbi yezeKhaya njengenxalenye yenkqubo karhulumente yokwandisa amaziko ahambisa iinkonzo zeSebe leMicimbi yezeKhaya ukuze kuncedakale abemi beli batsho bafumane amaKhadi-sazisi kunye namanye amaxwebhu.

2.2. Ngaphezu koku, uMongameli Ramaphosa unikezele nangeetayitile zezindlu ezingama-443 ebantwini abaza kufumana izindlu kwiphulo lokwakha izindlu, i-Franklin Housing Project. Oku kuyinxalenye yenkqubo yokubuyisela abantu izidima zabo ukuze kuqinisekiswe ukuba abo bafumene izindlu bawaxhamla onke amaqithi-qithi ahambelana nokuba nendlu kwaye bayakwazi ukuba nendlu enexabiso enokuthengiseka.

2.3. IKhabhinethi ifuna nokuthatha eli thuba ikhuthaze ebemi kangangoko ukuba baye kuthatha iincwadi-zasizi zabo ngokukhawuleza emva kokuba befumene imbalelwano ethi zikhona.

3. Isivumelwano malunga namaza osasazo 

3.1. IKhabhinethi iyasamkela isivumelwano ekufikelelwe kuso kumba omalunga nokuba kuVulelekile ukuFaka iziCelo zokuba kukhutshwe amaza osasazo asetyenziswa kakhulu. Oku kuwenza utsho ucace umgaqo-nkqubo weli kulo mba wecandelo lezobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano (i-ICT).  

3.2. Esi sivumelwano sihambelana nesicelo ebesenziwe nguMongameli Ramaphosa sokuba kuqaliswa ngenkqubo yokukhutshwa kweelayisenisi zamaza osasaso asetyenziswa kakhulu. 

3.3. Ngelinge lokuzama ukufaka igalelo kwiphulo lokuphumeza iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weSizwe oHlanganisiweyo we-ICT, abo banomdla banikwe kude kube ngumhla wesi-8 kweyeNkanga ngowama-2018 ukuba bangenise kwabasemagunyeni izimvo zabo ezibhalwe phantsi ngalo mgaqo-nkqubo ucetywayo kunye nendlela ekufuneka usebenze ngayo. 

4. Ookopolotyeni boMzantsi Afrika bokuqala abancinci becandelo lezokuloba  

4.1.  IKhabhinethi iyabamkela ookopolotyeni bokuqala abancinci becandelo lezokuloba eMzantsi Afrika. Aba kopolotyeni ngaba: owasePort Nolloth nowaseHondeklipbaar eMntla Koloni, ophehlelelwe nguMphathiswa wezoLimo, amaHlathi nezokuLoba, uMnu Senzeni Zokwana.  

4.2.  Ukusekwa kwaba kopolotyeni kukuqala kokuphunyezwa komgaqo-nkqubo wamaqumrhu amancinci ezokuloba. Amalungelo okuloba abuyisela isidima sabalobi bezi ndawo ebebekade beloba ngokungekho mthethweni, kuba ngoku bakhuselwe ngumthetho okokuqala ezimbalini.   

4.3.  Ezi ndawo zimbini zinabalobi aboloba umthamo omncinci ziza kuxhamla kulo mgaqo-nkqubo zifumene uqoqosho olusisiseko ngeendlela zokuqhuba ookopolotyeni kwaye ziza kuncedwa ukuba zibhalise ookopolotyeni ukuze zikwazi ukufaka izicelo zelungelo lokuloba eliza kuqhuba iminyaka eli-15.

5.  Ixesha lokungeniswa kweengxelo zerhafu

5.1. IKhabhinethi iyababulela abahlawuli berhafu abamalunga nezigidi ezithathu abasele bezingenisile iingxelo zabo zerhafu, oninzi lwabo bazingenise ngokusebenzisa i-intanethi, i-e-Filing. Ngomhla wama-31 kweyeDwarha, ixesha lokungenisa iingxelo zerhafu lowama-2018 liyavala kwabo bamkela umvuzo endaweni enye kwakunye nabo banemithombo emininzi yengeniso bakhetha ukungenisa iingxelo zabo zerhafu kwii-ofisi zeQumrhu leRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS). Abo baneminye imithombo yengeniso bakhethe ukungenisa iingxelo zabo zerhafu besebenzisa i-intanethi bavumelekile kude kube ngumhla wama-31 kweyoMqungu ngowama-2019 ukuba benze oko.

5.2. Ukuqokelela irhafu ngendlela efanelekileyo nangobuchule kuqinisekisa ukuba eli lizwe liyakwazi ukuqokelela irhafu ngendlela ezimeleyo, kwaye ukungeniswa kwamaxwebhu engxelo yexesha elifanelekileyo nangokuchanekileyo kuqinisekisa ukuba abahlawuli-rhafu bathobela umthethho. Imali yerhafu inceda urhulumente ukuba akwazi ukuxhasa iiprojekthi zonikezelo-nkonzo kunye nezinye inkqubo zophuhliso loqoqosho nezentlalo.

6. Izibonelelo zezentlalo zikarhululumente

6.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo yiKomiti yabaPhathiswa abaHlukeneyo: yeziBonelelo zezeNtlalo zikaRhulumente, usihlalo wayo onguMphathiswa uNkosazana Dlamini-Zuma. Ukusukela ngomhla woku-1 kweyeDwarha 2008, abantu abamkela inkam-nkam abangaphezulu kwizigidi ezili-10 bafumene imali yabo kwezi ndawo zilandelayo: ePosini yoMzantsi Afrika/Postbank; eGrindrod Bank kwakunye nakwivenkile ezinkulu ezifana noBoxer, Shoprite kunye noPick n Pay.

6.2. Urhulumente uyithathile inkqubo yokuhlawulwa kwemali yenkam-nkam kwaCash Paymaster Services (u-CPS) njengoko isiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko sasitshilo. Bonke abantu abebesamkela imali yabo kwa-CPS ngoku batshintshiwe kwaye u-CPS ebesithunyelwe isaziso sokuba isivumelwano siyaphela ngomhla wama-30 kweyoMsintsi 2018.

6.3. IKhabhinethi ibamba ngazibini kumsebenzi omhle kakhulu wokuba liliso obukhokelwe yiKomiti yabaPhathiswa abaHlukeneyo ixhaswa liQela leeNgcali labaLawuli-Jikelele. IKhabhinethi ikwabulela nomsebenzi owenziwe ngamagosa asePosini, i-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo noMhlala-phantsi yaseMzantsi Afrika (u-Sassa) kunye neSebe lezoPhuhliso loLuntu, eleziSeko zoPhuhliso zezoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, elezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya, uNondyebo weSizwe; uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) kunye neZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS).  

6.4. IKhabhinethi iyababulela nabantu abamkela imali yenkam-nkam ngokusebenzisana norhulumente ngethuba kutshintshwe le ndlela yokuhlawula imali yabo.

7. UMbhiyozo weMinyaka eliKhulu ka-Albertina Sisulu 

7.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo ngamalungiselo ombhiyozo weminyaka elikhulu yokuzalwa kukaMama Albertina Sisulu oza kubanjwa kule nyanga yeDwarha, eyinyanga yakhe yokuzalwa. UMama Sisulu wazalwa ngomhla wama-21 kweyeDwarha ngowe-1918. USihlalo we-IMC yeMibhiyozo yeMinyaka eliKhulu, uMphathiswa Jeff Radebe ukhona apha phakathi kwethu, kwaye uza kunika ingcaciso ngemisitho eza kubanjwa enxulumene nemibhiyozo yeminyaka elikhulu.

8. Ukugwetywa kwendonda yaseSprings

8.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukugwetywa kwendoda ibixhaphaza abantu, ebizwa ngokuba sisiGebenga saseSprings. Ugwetywe iminyaka engama-35 ethothoza kwesimnyama isisele ngenxa yokufuna ukubulala unyana wakhe, ukuxhaphaza abantwana nokungakhathaleli abantwana, kwakunye nokuthengisa iziyobisi. Ubundlobongela obujoliswe kwabesini esithile kuseyingxaki embi kakhulu kweli lizwe lethu njengoko sibone inyala lokudlwengulwa komntwana eDros eSilverton.   

8.2. IKhabhinethi iyaliphinda ikhwelo layo lokuba ii-arhente zogcino-mthetho zenze konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba abenzi bezi zenzo zolwaphulo-mthetho zihambisa umzimba bayatshutshiswa. Iyaphinda iyasibongoza thina sisonke ukuba sisebenzisana size siphelise umkhuba wokunyhashwa kwamalungelo abantwana kunye nabo basesichengeni sokuba ngamaxhoba okuxhatshazwa.

9. Uqhankqalazo lwaseWestbury

9.1. IKhabhinethi iyakubulela ukungenelela koMphathiswa wezaMapolisa uBheki Cele, okuyinxalenye yesicwangciso esibanzi sokulwa ingxaki yeziyobisi nobundlobongela obunxulumene namaqela emigulukudu obuqhutywa kule ndawo. 

9.2. Ukungenelela apha kuquka ukutyalwa kweCandelo lamaPolisa eliQeqeshwe laGqibelela (TRT — amaBharethe) kunye nokuqinisekisa ukuba amapolisa ayabonakala ezitalatweni kule ndawo. Kodwa okubalulekileyo kukuba kufuneka ziphandwe izityholo zorhwaphilizo kwiSikhululo samaPolisa saseWestbury.  

9.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubantu baseWestbury kunye nakubo bonke abantu ukuba basebenzisane namapolisa ukuze baqinisekise ukuba isitshulwa neengcambu ingxaki yolwaphulo-mthetho, iziyobisi kunye neyamaqela emigulukudu noonqevu.   

10. Ulwaphulo-mthetho 

10.1.  IKhabhinethi iziqhwabela izandla ii-arhente zogcino-mthetho ngokuqhuba uphando lwamacandelo amaninzi olunxulumente nezenzo kumaziko anodederhu lweevenkile, ezivenkileni ezinkulu nakwii-mosque, uphando olo lukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abali-19. Olu phando luquke iNtlanganisela yezobuLungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho noKhuseleko. Abanye abarhanelwa abathathu baye babanjelwa izityholo ezimayelana neziqhushumbisi kummandla waseDurban, oquka i-Verulam Mosque. Bonke abarhanelwa kulindeleke ukuba babekwe amatyala aquka ukubulala kunye nokuzama ukubulala kunye nokwaphula uMthetho weziQhushumbisi. 

10.2. IKhabhinethi iyabaqinisekisa kwakhona abemi boMzantsi Afrika ukuba umba wokulwa ulwaphulo-mthetho ukhokeliswa phambili kwaye urhulumente uza kuqhubeleka ethatha amanyathelo afunekayo ukuqinisekisa ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika bakhuselekile.

11. Ukutshintshwa kwegama: eMakhanda 

11.1.  IKhabhinethi iyakwamkela ukutshintshwa kwegama elithi 'Grahamstown', ledolophana yaseMpuma Koloni, langu-'Makhanda', ukuhlonipha inkuntsela yemboni, isisele netsili lolwazi kunye negorha leemfazwe ezazisilwa inkqubo yobukholoniyali.

11.2. Ukutshintshwa kwamagama kubalulekile kakhulu kolu hambo siluhambayo lwenkululeko kwaye kuza kunceda ukukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo phakathi kweentlanga ezahlukeneyo size sonke siyazi futhi siyithakazelele imbali yethu.

B. Izigqibo zeKhabhinethi
1.    IKhabhinethi iyivumile indlela entsha etshintshiweyo yokuqalisa iProjekthi yokuFudukela kuSasazo lweDijithali. Le ndlela intsha iza kuqhutywa zivenkile nabathengisi boomabonakude apho icandelo labucala liza kusebenzisana nemizi-mveliso evelisa ii-set-top-boxes. Ngokusebenzisa le ndlela, ngoku urhulumente akasazikuthenga zi-set-top-boxes, afune indawo yokuzigcina, azihambise aze azifake ngokwakhe.  

Oku kuza kunceda uMzantsi Afrika ukuba ukhawulezise ukugqibezela le projekthi ngendlela eza kuquka wonke umntu, efikelelekayo nengasokolisiyo, kwaye iphungula uxanduva emagxeni karhulumente. Oku kuza kunyusa inani labantu abafudukele kusasazo lwedijithali lifikele kumyinge obekiweyo we-85% nangaphezulu, into leyo eza kusisondeza kwilixa apho kungasekho mntu usebenzisa usasazo lwe-analogu. 

2. IKhabhinethi iluvumile uXwebhu lweNgcaciso loMzantsi Afrika, eliza kungeniswa kwiZizwe eziManyeneyo (i-UN). Olu xwebhu lunika ingcaciso ngomsebenzi osele wenziwe oquka iinkcukacha ezibanzi, ezicacileyo nezingamanani ngendlela uMzantsi Afrika uyithobela ngayo imithetho nemiqathango ehamba nezivumelwano ezilithoba ze-UN ozityikityileyo. 

C. Imisitho ezayo

1. UHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS)

1.1. UMphathiswa wezeMali uTito Mboweni uza kunikezela intetho ngoHlahlo Lwabiwo-Mali lwesiGaba esiPhakathi ngoLwesithathu, umhla wama-24 kweyeDwarha 2018, oluza kunika iinkcukacha ngohlenga-hlengiso olwenziweyo kuhlahlo lwabiwo-mali lwesizwe ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho uzinzo kwezezimali. 

2. INyanga yezoThutho 

2.1. Inkqubo yeNyanga yezoThutho kulo nyaka iza kugxininisa umba wokubaluleka kweziseko zophuhliso zezothutho, njengokuba icandelo laselwandle, lezophapho, lezololiwe kunye nelezendlela ebaluleke kakhulu kuhlumo loqoqosho. 

2.2. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo ebantwini abasebenzisa izithutho zikawonke-wonke ukuba bawathobele amaphulo okhuseleko ezindleleni unyaka wonke. Masisebenzise le nyanga sibuyele kumba wokukhwelisana ezimotweni xa sisiya emisebenzini ukuze siphungule ugxalathelwano nokugcwala kwezithuthi ezindleleni. Ukhuseleko ezindleleni kwiindlela zeli lusengumba ongumngeni, kwaye abaqhubi kunye nabantu abahamba ngeenyawo bayacelwa ukuba basebenzise iindlela zikawonke-wonke ngenkathalo. 

D. Imiyalezo
1. Amazwi okuvuyisana

1.1. Isibonakude samaza soMzantsi Afrika, i-MeerKAT, siza kuba yinxalenye ye-Breakthrough Listen, eliphulo lehlabathi elikhangela ukuba ayikho na enye indawo enezidalwa eziphilayo, ngaphandle komhlaba, kwindalo yonke. Oku kubonisa ukuba siyahlonitshwa lihlabathi liphela ngobuchule nangeziseko ezingundoqo. I-MeerKAT yoMzantsi Afrika enezibonakude zamaza ezingama-64, evulwe ngokusesikweni ngenyanga yeKhala kulo nyaka, sesona sibonakude sinamandla kakhulu kwihlabathi esinobuxhakaxhaka bokumamela obubukhali ngaphezu kwazo zonke ezikhoyo kwihlabathi. 

1.2. IKhabhinethi iziqhwabela izandla iingcali zophando-nzulu zeDyunivesiti yaseWits eziqhube uqhaqho-fakelo lwesibindi esithathwe kumama oneNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) safakelwa kumntwana ongenayo i-HIV. Ezi ngcungela zoogqirha ziquka uNjingalwazi uJean Botha, uGq Francesca Conradie, uGq Harriet Etheredge, uGq June Fabian kunye noNjing Caroline Tiemessen.

1.3. IKhabhinethi iyavuyisana nabantu base-Equatorial Guinea ngomsitho wabo wokubhiyozela iminyaka engama-50 yenkululeko.  UMzantsi Afrika une-ofisi yozakuzo egcweleyo eRiphablikhi of Equatorial Guinea eyavulwa ngomhla wesi-5 kuCanzibe ngowe-1993.

2. Amazwi ovelwano 

2.1. IKhabhinethi ithi ukufa kwadalwa kwasendalweni ke ngoko lungaqumbi lude luqalekise, usapho izihlobo nabo bebesebenza nongasekhoyo uMphathiswa wezeNdalo uBoma Edna Molewa. UMphathiswa Molewa wazibalula ngemisebenzi emininzi nakumaphulo ebawaxhasa, ukusuka kwigalelo elimandla kwidabi lokulwela amalungelo olingwano oomama kwesi sizwe. Ebelitshantliziyo lesizwe nelikwahlonitshwa lihlabathi jikelele elilwela ukukhuselwa kwendalo ukuze kungabikho intshabalalo emhlabeni, ube likhaya lethu sonke. 

2.2. IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehliyo kurhulumente nakubantu base-Indonesia. Urhulumente sele eyithumele inkxaso, kwezo ndawo ifuneka kuzo, neKhabhinethi iyababulela abasebenzi bezohlangulo boMzantsi Afrika abafake isandla kumaphulo oncedo kwisiqithi sase-Indonesia, iSulawesi, esithe sahlaselwa yinyikima kunye ne-tsunami. 

2.3. IKhabhinethi ithi malilale ngenxeba usapho kunye nabo bebesebenza noNksz Rowena Baird olandulele eli phakade kule veki. UNksz Baird ebengumsasazi kanomathotholo nosaziwayo ohlonitshwayo.

E. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1.    IKhomishini yoLawulo loRhwebo lweHlabathi:
a.    UGq F Ismail (USihlalo);
b.    UMnu B Mokgatle;
c.    UNksz T van Meelis;
d.    UMnu ED Vlok;
e.    UNksz P Mbiko;
f.    UMnu JC de Beer;
g.    UNksz VNN Ncwaiba;
h.    UMnu W Sihlobo; and
i.    UNksz AV Hlatshwayo.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore