Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, wama-21 kweyeThupha 2024

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    Ukwakha uMzantsi Afrika okhuselekileyo
1.1.    Idabi lokuLwa uLwaphulo-mthetho 
1.2.    IKhabhinethi ikwamkele ukubanjwa komtyholwa oneminyaka yobudala engama-40 ekukholelwa ukuba ungomnye wongqondo-ngqondo bemigulukudu exhwilwa abantu baze bakhululwe ngemali, amaxhoba amaninzi alo mkhuba ngabantu abangoosomashishini eMzantsi Afrika. Ukwakrokrelwa nokuba ebephambili kwiziyobisi eziyi-crystal meth ezixabisa imali ezizigidi zeerandi ezingama-300 ebezisandula ukubhaqwa e-Fourways nase-Bruma, eRhawutini. Ukubanjwa kwalo mrhanelwa kubonakalisa indlela azimisele ngayo urhulumente ukulwa ulwaphulo-mthetho oluqhutywa ngamaqela emigulukudu.
1.3.    IKhabhinethi iyakuxhasa ukutyalwa kwamaqela aphuma kwii-arhente ezahlukeneyo zogcino-mthetho ukwenzela ukulwa ingxaki yezinga eliphezulu lolwaphulo-mthetho eMpuma Koloni. La maqela enza izinto ezahlukeneyo aquka ukulwa ulwaphulo-mthetho lwamaqela emigulukudu, amaphulo akhethekileyo kunye neengcali zobuntlola. IKhabhinethi ibethelele kwii-arhente zogcino-mthetho ukuba abantu abanakungcungcuthekiswa yimigulukudu ezizaphuli-mthetho.
1.4.    IKhabhinethi ikwamkele nokubanjwa komrhanelwa ofunyenwe eneencwadi zokundwendwela ezingama-34 liQumrhu loLawulo lweMida kwiZibuko laseLibombo elingena e-Mozambique. Oku kuyinxalenye yamalinge aqhubayo okulwa amaqela emigulukudu asebenza ngemfuduko engekho mthethweni efuna ukwaphula imithetho yeli lizwe elawula imida nemfuduko.
1.5.    Ukulwa ulwaphulo-mthetho luxanduva lwethu sonke, kuquka amapolisa, uluntu kunye nawo onke amanye amacandelo kwaye iKhabhinethi ibongoza abemi beli ukuba basebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho ukulwa ulwaphulo-mthetho kwiindawo abahlala kuzo.

1.2.    Idabi lokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina (i-GBVF)
1.2.1.    IKhabhinethi icela amadoda eli lizwe ukuba abe yinxalenye yeli phulo likaMongameli Cyril Ramaphosa lokuba achase i-GBVF ngokutyikitya isibambathiso esikwi-intanethi kule webhusayithi: www.stateofthenation.gov.za/endGBVF.
1.2.2.    Ngokutyikitya esi sivumelwano, amadoda ayazibophelela ekubeni aza kuncedisa ngokuthi aziphathe ngendlela eyakhayo nangokukhokelisa iingcinga ezakhayo, futhi athathe uxanduva ngezenzo zawo. Sikwabophelela amadoda ukuba angaze ase isandla kumanina, ukuba athathe amanina njengokuba alingana nawo, ahloniphe amalungelo wawo aze awaphathe ngendlela enesidima. Ukulwa i-GBVF ngokubambisana kuza kuzala isizwe esiphilileyo, esikhuselekileyo kunye nesinoxolo apho amanina nabantwana beza kukwazi ukuqhubela phambili.
1.2.3.    Ukongeza, iKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kweziko lama-65 lokuxhasa amaxhoba e-GBVF kwisiBhedlela sase-Mitchells Plain eKapa ekuqaleni kwale veki. Iphulo likarhulumente lokuvula ii-Thuthuzela Care Centre kulo lonke eli lizwe lisabela kule ngxaki ingxamisekileyo yokuthintela, ukulwa kunye nokuxhasa amaxhoba obundlobongela, ingakumbi amanina nabantwana.
1.2.4.    IKhabhinethi ivakalise inkxalabo ngengxaki yenani eliphezulu lamantombazana asaqalisa ukufikisa akhulelweyo apho abantwana, abanye abaneminyakana nje eli-10, bezibona sele bengabazali phambi kwexesha. 
1.2.5.    IKhabhinethi ibongoza isizwe kunye nabazali ukuba bancedise kuliwe le ngxaki ngokuthi babaxele abo babelana ngesondo nabantwana (umntwana oneminyaka yobudala engaphantsi kweli-16) njengoko kulityala ukwenza oko.
1.2.6.    Ukuba asisebenzisani ukulwa le ngxaki yokukhulelwa kwamantombazana aselula, amanina kunye namantombazana amancinci bangazibona bengamaxhoba endlala, bengafumani mfundo futhi bangaze bakwazi ukuzenzela nemali.

1.3.    Ukukhutshwa kwesicwangciso saphambi kwexesha sokupapashwa kweenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekota 
1.3.1.     IKhabhinethi isiqaphele isaziso esikhutshwe phambi kokupapashwa kweenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekota zonyaka-mali wama-2024/25. Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho ziza kukhutshwa ngenyanga yeThupha nangeyeNkanga 2024, nangeyoMdumba nekaCanzibe 2025. Ukukhutshwa kweenkcukacha-manani rhoqo kubalulekile ukuze kubonwe iindlela oluqhuba ngayo ulwaphulo-mthetho kuze kubelula ukupheka amaqhinga okulwa ulwaphulo-mthetho.

1.4    ULawulo lweeNtlekele

1.4.1    IKhabhinethi ikwamkele ukungenelela ngokukhawuleza okwenziwe liSebe lezokuHlaliswa koLuntu ukunceda iintsapho ezikhukhuliselwe amakhaya wazo ngethuba kudilika iindonga zedami ngomhla wesi-8 kweyeThupha 2024 kuMasipala wase-Swartland eNtshona Koloni.
1.4.2    Ziyaqhubeleka nokufumana iinkxaso iintsapho ezichaphazelekileyo ngethuba kudilika iindonga kumadami amathathu ase-Riverlands kwaze kwenzeka umonakalo omkhulu kwizindlu nakwiziseko ezingundoqo. Amanzi ngoku ehlile ke ngoko abahlali – abo bebehlangulwe   - bangakwazi ukubuyela kumakhaya wabo. Noko kunjalo, usaphendlwa umonakalo uwonke owenzekileyo, kwaye neeholo zoluntu ezimbini zivuliwe ukunceda abahlali abangafuni ukubuyela kumakhaya wabo ngoku.
1.4.3    Njengoko kuza kufika ixesha leemvula zehlobo kwiindawo ezisemantla zeli lizwe, iKhabhinethi icela oomasipala ukuba baqinisekise ukuba imibhobho yamanzi ezikhukhula icociweyo kwaye ayinazinto zivalileyo ukuqinisekisa ukuba amanzi ayahamba xa kunetha.

2.    Ezoqoqosho
2.1    Iinkcukacha-manani zezemisebenzi zekota
2.1.1    Izinga elisesikweni lentswela-misebenzi lale kota yesibini yowama-2024 ngu-33.5%, linyuke ngo-0.6% kweli lekota yokuqala (elekota yokuqala ibingu-32.9%). Inani labantu abasebenzayo lehle ngabantu abangama-92 000 laya kutsho kwizigidi ezili-16.7 kwikota yesibini yowama-2024. Inani labantu abangaphangeliyo lenyuke ngabantu abangama-158 000 laya kutsho kwabazizigidi eziyi-8.4 kwikota yesibini. 
2.1.2    Uhlalutyo lwecandelo ngalinye lubonisa ukuba inani labantu abasebenzayo lehlile kumacandelo amahlanu kula macandelo ali-10 phakathi kwekota yokuqala yowama-2024 kunye nekota yesibini yowama-2024. Inani labantu abangasebenziyo lehle kakhulu kwiCandelo lezoRhwebo (110 000), elezoLimo (45 000) kunye nelabo basebenza ezindlini emakhaya (18 000).
2.1.3    Nangona kunjalo, abantu abaninzi baqeshwe kwiCandelo lezeMizi-mveliso (49 000) kunye neleeNkonzo zoLuntu nezeNtlalo (36 000). Ukunyuka ngokuthe gqolo kwenani labantu abaqeshwe kwicandelo lezemizi-mveliso nathi kuyasomeleza ukuba sakhe uqoqosho olukhokelisa ukuvelisa. Urhulumente usamile ekugxininiseni kumba awukhokelise phambili wokuba noqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke oludala imisebenzi. 

2.2.    Ukunyuka kwamaxabiso
2.2.1.    Izinga lonyaka lokunyuka kwamaxabiso okutya ibingu-4.6% ngeyeKhala 2024, lehlile lisuka ku-5.1% ngeyeSilimela ngowama-2024. Amaxabiso okutya enyuke ngo-0.4% xa kuthelekiswa inyanga nenyanga ngeyaKhala 2024.
2.2.2.    Ezona zinto zibe negalelo kweli zinga lonyaka lokunyuka kwamaxabiso lingu-4.6% zezi: 
•    Izindlu kunye neerhafu (zinyuke ngo-5.3% xa kuthelekiswa unyaka nonyaka kwaye oku kwenze igalelo eliyi-1.3%)
•    Ezinye iimpahla neenkonzo (zenyuke nge-7.0% xa kuthelekiswa unyaka nonyaka kwaye zenze igalelo eliyi-1.0%),
•    Ukutya neziselo ezinganxilisiyo (zenyuke ngo-4.5% xa kuthelekiswa unyaka nonyaka kwaye zenze igalelo eliyi-0.8%), ize
•    Ibe zezoThuthu (zenyuke ngo-4.2% xa kuthelekiswa unyaka nonyaka kwaye zenze igalelo eliyi-0.6%).

NgeyeKhala 2024, izinga lokunyuka kwamaxabiso belimi ngolu hlobo:
•    Iimpahla bezingu-4.6%, zehlile zisuka ku-5.5% ngeyeSilimela 2024, zaze 
•    iiNkonzo zayi-4.7%, oko kukuthi zenyukile zisuka ku-4.6% ngeyeSilimela 2024.

2.3.    Ezamandla
2.3.1.    Ukutyikitywa koMthetho-siHlomelo wokuLawulwa koMbane nguMongameli Ramaphosa ukuba ube ngumthetho ogcweleyo kuza kunceda ukuba sibe necandelo lezombane elizinzileyo nelinamaxabiso afikelelekayo futhi neliza kukwazi ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika unombane owaneleyo.
2.3.2.    Ezi zilungiso ziza kwenza ukuba sibe nombane owaneleyo ngokuthi zivumele ukuba nezinye iinkampani zivelise umbane. 
2.3.3.    Umthamo okhoyo wombane weli lizwe uza kuphindwa wongezwe ngomnye umbane ozimegawathi ezingama-2 500 oza kugalelwa kwiziko lombane wesizwe ekupheleni kwenyanga yoMsintsi 2024. Lo mbane uza kuvela e-Medupi Unit 4, Kusile Unit 6 nase-Koeberg Unit 2 uza kuqinisekisa ukuba sigqiba iintsuku ezingama-150 singakhange sihlaselwe yingxaki kacimi-cimi wombane. Sithe sakwazi ukufikelela kwiintsuku ezingama-148 singenangxaki kacimi-cimi wombane ngokuthi sinciphise ukusebenzisa oomatshini bokuphehla umbane abasebenzisa idizili kakhulu into leyo esincede ukuba sikwazi ukonga nemali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-10.21 kwiindleko zedizili xa kuthelekiswa neli xesha linye kulo nyaka uphelileyo.
2.3.4.    IKhabhinethi ivile nangokurhoxiswa kwesicwangciso sokwakhiwa kweziko lokuphehla umbane lenyukliya nguMphathiswa wezoMbane naMandla, uGq Kgosientsho Ramokgopa, ukwenzela ukuvulela amathuba okufakana imilomo noluntu. IKhabhinethi iyakubethelela ukuba umbane wenyukliya useyinxalenye yeentlobo zombane eziza kusetyenziswa kweli lizwe njengoko wona ongakhuphi isisi esininzi esiyingozi kokusingqongileyo, uzinzile kwaye ungaluncedo elikhulu kumalinge eli lizwe okuqinisekisa ukuba sinombane owaneleyo nanxulumene nokugugu-guquka kwemozulu.

2.4.    Iziseko ezingundoqo zamazibuko
2.4.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukungena emsebenzini koodokolwane abahlanu, kwabasixhenxe, njengenxalenye yokuhlaziya imikhumbi ye-Transnet National Ports Authority ukulwa ingxaki yokugcwala kumazibuko eli lizwe ngokuhambelana nesiCwangciso soThuthwa kweMithwalo ukuze kwenziwe amazibuko noololiwe beli lizwe basebenze ngokufanelekileyo futhi bakwazi ukumelana nokhuphiswano.
2.4.2.    Aba dokolwane banobuxhaka-xhaka bale mihla kwaye banamandla athe chatha into leyo iza kunceda ukuba imithwalo neenqanawa ezinkulu ezifikayo zothulwe ziphinde zilayishwe ngokukhawuleza kumazibuko weli amakhulu. Aba dokolwana baza kunceda nakumba wokhuseleko ngolo hlobo bathintele iingozi ngokuthi bakhokele iinqanawa kwiindawo ezinogxalathelwano lweenqanawa.

3.    Imiba enxulumene nezempilo
3.2.1.    I-Mpox
3.2.2.    IKhabhinethi ifuna ukuqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba ukuqhambuka kwesifo i-Mpox, ngoku esele sibhengezwe njenge-Public Health Emergency of International Concern nguMbutho weHlabathi wezeMpilo (i-WHO) nanjenge-Public Health Emergency of Continental Security yi-Africa Centres for Disease Control and Prevention (i-Africa CDC) akukabi yingxaki engalawulekiyo eMzantsi Afrika. 
3.2.3.    Okwangoku, abantu abafunyaniswe benesi sifo bangama-20 bebonke kwaye sele bebathathu asele bebulewe siso, bona abali-19 sele besinyange saphela kwaye ababini bona basabanjwe siso kangangokuba bazivalele ngendlu bodwa. Kwaba bantu, abali-12 base-Gauteng, abali-11 bakwiphondo laKwaZulu-Natal aze omnye yena abe ngowaseNtshona Koloni.
3.2.4.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo ebantwini ukuba badlale indima yabo ukuxhasa amalinge karhulumente okuthintela ukunwenwa kwe-Mpox ngokuthi bahlale bevundlile benze nezinto ezingafuni mayeza ezifana nokuzicoca baze bathintela ukosulelwa sesi sifo.
3.2.5.    IKhabhinethi iyalixhasa ikhwelo likaMongameli Ramaphosa alenze njengenkokeli echongwe njengeTshantliziyo leMbumba ye-Afrika (i-AU) lokuThintela, ukuLungiselela nokuLwa ooBhubhane lokuba onke amahlakani kufuneka asebenzisane ngamandla ne-Africa CDC ukuqinisekisa ukuba amazwe ehlabathi anika inkxaso efanelekileyo, ukwenzela ukuba amacebo ezonyango afana nezixhobo zokuxilonga, ezokunyanga kunye namachiza okugonya kwabelwane ngazo ngokulinganayo.
3.3.    Isifo sochwane nenyebethu (i-FMD)
3.3.1.    Mkhulu umsebenzi osele wenziwe ukulwa ne-FMD koomasipala wengingqi wase-Kouga nowase-Kou-Kama eMpuma Koloni. Isilwanyana sokugqibela esinesi sifo sigqityelwe phakathi kwinyanga yeKhala.
3.3.2.    Ukuhamba-hamba kwezilwanyana ziphuma ezinye zingena kwezi ndawo zichatshazelweyo kubekwe phantsi kweliso elibukhali ukunqanda ukunwenwa kwesi sifo siye kwiindawo ezingachatshazelwanga siso ngokoLawulo loMmandla oneSifo kwaye ukuthuthwa kwemfuyo isuka kwenye indawo iye kwenye kufuna iPhepha-mvume lokuThutha elivela kugqirha wemfuyo karhulumente ukuthintela ukunwenwa kwesi sifo.
3.3.3.    Iifama ezingama-30 zeenkomo ezifunyaniswe zine sifo zisavaliwe ngoku ukuzigada kwaye uyaqhuba umsebenzi wokugonya ukuthintela ukunwenwa kwesi sifo kuze kuphungulwe nomonokalo esiwenzayo. Ukongeza, sele kugonyiwe njengelinge lokuthintela kwezinye iifama ezingama-37 ezichazwe njengokuba zisemngciphekweni ophezulu ngenxa yokuba zikufutshane kwezi fama zinesi sifo. Zizonke zingaphezulu kwama-92 000 iinkomo ezigonyiweyo, zize zona iigusha ezigonyiweyo zibe malunga nama-600 kwiifama ezingama-37.

3.4    Inkqubo yokutyiswa kwabantwana ezikolweni
3.4.1    IKhabhinethi isiqaphele isicwangciso esicetywayo sokwenza inkqubo yeSizwe yokuTyiswa kwaBantwana eziKolweni ibe yeyale mihla kwaye iyawuxhasa lo msebenzi uqhubayo wokuqinisekisa ukuba kwenziwa uphando olufanelekileyo ngale ndlela icetywayo ukuqinisekisa abantwana abazizigidi ezili-9.7 abaxhamla kule nkqubo bakhokeliswa phambili.

4.    Imibhiyozo yeNyanga yamaNina
4.2.1.    I-National Aviation Gender Summit (i-NAGS)
4.2.2.    I-South African Civil Aviation Authority (i-SACAA) eliqumrhu leSebe lezoThutho ibisingathe ngempumelelo i-National Aviation Gender Summit (i-NAGS) kwiphondo laKwaZulu-Natal ngoLwesithathu, umhla wama-21 kweyeThupha 2024 ngeenjongo zokukhuthaza ukuba amanina athathe inxaxheba kwicandelo lezophapho lehlabathi, kwakunye nokulwela amalungelo amanina kweli candelo.

4.3.    I-Southern African Regional Webinar on the Economic Empowerment of Women
4.3.1.    ISebe lamaNina, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo libambe indibano yeentsuku ezimbini eza kuqhutywa nge-intanethi emalunga nokuxhotyiswa kwamanina ngezakhono kuMmandla wamaZantsi e-Afrika eqale ngomhla wama-21 nowama-22 kweyeThupha 2024.  
4.3.2.    Le ngqungquthela iza kugwadla imiba ebalulekileyo enxulumene nokuxhotyiswa kwamanina ngezoqoqosho kugxininiswa kakhulu kumaphulo ezorhwebo nawoqoqosho, izicwangciso nezivumelwano kwinqanaba lezwelonke nakwiinqila kunye negalelo lazo kumaphulo okuxhotyiswa ngezoqoqosho kwamanina, ulutsha nabantu abakhubazekileyo.

5.    Imiba yezamazwe ngamazwe 
5.1     INgqungquthela yama-44 eQhelekileyo yoMbutho woPhuhliso lwaMazwe amaZantsi e-Afrika (i-SADC)
5.1.1    IKhabhinethi izamkele iziphumo zeNgqungquthela yama-44 eQhelekileyo ye-SADC yeeNtloko zeMibuso nooRhulumente ebanjelwe eHarare, eZimbabwe ngomhla wesi-17 kweyeThupha 2024. 
5.1.2    Le Ngqungquthela icele amazwe angamalungu wayo ukuba aphumeze iziCwangciso zeNtlalo-ntle yoLuntu ze-SADC zokulwa imbalela nezikhukhula ezibangwa yi-El Niño futhi aqhubeleke nokuzibeka phantsi kweliso izinto eziyingozi ezinokubangelwa yimozulu kuquka nomonakalo oqikelelweyo onokwenziwa yi-La Niña aze aqulunqe amacebo okulalelisela ukwenza ukuba lo monakalo ungabi nalwamvila lingako.
5.1.3    Le Ngqugquthela iwuthathele ingqalelo umba wokuqala ukusebenza kwesiVumelwano seMimandla eMithathu engaHlawulisani iRhafu yoRhwebo enguMbutho weNtsebenziswano yamaZwe aseMpuma naseMazantsi e-Afrika (i-COMESA), ibe nguMbutho waMazwe eMpuma ye-Afrika (i-EAC) kunye ne-SADC into leyo iza kunika ithuba amazwe angamalungu e-SADC ukuba akwazi ukurhweba namazwe angama-26 anabantu abazizigidi ezingama-700 kunye nemveliso yonyaka (i-GDP) eyitriliyoni yeedola zase-US.
5.1.4    Kumba wemfazwe ye-Israel ihlasela abantu base-Palestine, le Ngqungquthela ivakalise ukuxhalaba yinto yokuhlaselwa kwabantu base-Palestine ubusuku nemini okukhokelela kwintlungu yokubhubha kwabantu, ukutshatyalaliswa kwezakhiwo futhi nemeko yabantu iya isiba maxongo nangakumbi. Le Ngqungquthela imemezele ukuba kubekwe phantsi izixhobo, kukhululewa amabanjwa kuze kuqalise iindibano zothetha-thethwano ukuze olu ngquzulwano luphele.

5.2    INkomfa ye-Southern African Railways Association (i-SARA) 
5.2.1    IKhabhinethi izamkele iingxongxo ebezibanjwe kwiNkomfa ye-13 ye-SARA ezingokuphucula icandelo lezoololiwe kummandla we-SADC ngeenjongo zokukhuthaza ukuba kubekho urhwebo olumandla kulo mmandla kunye nokusebenzisana kangangoko kula mathuba aza kuvela noMmandla we-Afrika ongaHlawulisani iRhafu yoRhwebo (i-AfCFTA).
5.2.2    Icandelo loololiwe le-SADC eliqhuba kakuhle lifuna kutyalwe imali eninzi kulo futhi kubekho intsebenziswano kummandla we-SADC ukuze kuliwe ezi ngxaki zininzi sijamelene nazo. Icandelo lezoololiwe sele kuyiminyaka ngokuba lithaxwa zizinto ezifana nolwaphulo-mthetho, ubusela nokonakaliswa kwempahla. 
5.2.3    UMzantsi Afrika uzimisele ukuba uza kuyidlala eyawo indima ukwakha icandelo lezoololiwe elisebenza kakuhle nelilela maxesha kwaye uqalisile ukusebenzisa imigaqo-nkqubo kunye namanye amanyathelo okungenelela, afana nesiCwangciso sezokuThuthwa kweMithwalo, ngeenjongo zokuhlaziya, ukuxhasa nokuphucula imizila yoololiwe yeli.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi
(i)    IBhodi yezeeNgcebiso ekwiSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci (i-DSBD)
(a)    IKhabhinethi ikuvumile ukusekwa kwebhodi yeengcebiso ekwi-DSDB njengoko kumiselwe kuMthetho weSizwe wamaShishini amaNcinci, wowe-1996 (uMthetho 102 wowama-1996), njengoko uhlonyelwe.
(b)    Ukusekwa kwebhodi yeengcebiso kukuqinisekisa ukuba liyavakala ilizwi lamashishini amancinci futhi ayaphuhliswa njengoko kucacisiwe kwisiCwangciso seSizwe sokuPhuhliswa nokuPhuculwa kwamaShishini amaNcinci eMzantsi Afrika. 
(c)    Umsebenzi ongundoqo wale bhodi yeengcebiso iza kuba kukucebisa uMphathiswa ngemiba ebanzi echaphazela ukukhula kwamashishini amancinci, kuquka nemigangatho yesizwe enxulumene nokuphuhliswa kwamashishini amancinci kunye nemithetho ewalawulayo.
(d)    Le bhodi yeengcebiso iza kunika urhulumente iingcebiso eziqiqisiweyo nezisekelwe kubungqina ngendlela esebenza ngayo imiba ethile yokuxhasa amashishini amancinci ukuze kube lula ukuqulunqa imigaqo-nkqubo esebenzayo, kwenziwe izilungiso kwimithetho ekhoyo, kuze kuqulunqwe amanyathelo okungenelela okuxhasa amashishini amancinci, amancinane naphakathi kunye nookopolotyeni.

C.    Eza kutsha ezixelelwe iKhabhinethi

(i)    Iziphumo zeNdibano yama-35 yamaZwe aTyikitya isiVumelwano sase-Montreal (i-MOP) esingeeNtlobo zeziSi eziTya uLwaleko oluKhusele uMhlaba kwiMitha yeLanga eNqashayo 
(a)    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngeziphumo zeNdibano yama-35 yamaZwe aTyikitya i-MOP engeeNtlobo zesiSi eziTya uLwaleko oluKhusele uMhlaba kwiMitha yeLanga eNqashayo ebibanjelwe e-Nairobi, e-Kenya ngeyeDwarha 2023.
(b)    Kule ndibano, abathunywa baye bazibophelela ukuba baza kuzilwa ezi zinto zibeka emngciphekweni ulwaleko olukhusele umhlaba kunye nemozulu yehlabathi. UMzantsi Afrika watyikitya isiVumelwano sase-Montreal kwaye ngokuthatha inxaxheba kwi-MOP yama-35 ubufuna ukuqinisekisa ukuba ayakhuselwa amalungelo abemi boMzantsi Afrika okuba nendalo ekhuselekileyo abethelelwe kuMgaqo-siseko kunye nezinye izinto ezilulutho njengokuba ezinye iikhemikhali ebekuxoxwa ngazo ngokuba zingabeka ukhuseleko lwabantu emngciphekweni, nangona zinegalelo elihle kuhlumo loqoqosho, zisetyenziswa kweli lizwe xa kusenziwa izikhenkcezisi, kwezolimo, ngabacimi-mlilo, koomatshini bokukhupha umoya wokupholisa obandayo.

(ii)    Iziphumo seNkomfa yesiHlanu yamaZwe (i-COP5) aTyikitya isiVumelwano sase-Minamata
(a)    IKhabhinethi iziqaphele iziphumo ze-COP5 eyayibanjelwe e-Geneva, e-Switzerland ngeyeNkanga 2023. IsiVumelwano sase-Minamata sibalulekile kumalinge okukhusela impilo yabantu kunye nokusingqongileyo kumonakalo owenziwa yimetyhuri. 
(b)    Izigqibo ezithatyathiweyo kule ngqungquthela ziquka (i) ukumiselwa kwemihla emitsha yokuphelisa iimveliso ezinemetyhuri kuquka nezinto zokuthambisa, (ii) ukuphucula intsebenziswano phakathi kwabantu bomthonyama, (iii) isivumelwano sokuba umlinganiselo wemetyhuri umiselwe ukuba ube yi-15m/kg kwizinto ezilahlawayo ezinemetyhuri
(c)    Ezinye izigqibo bezimalunga nokwamkelwa ngokusesikweni kwesikhokelo esiza kusetyenziswa sokulawula umyinge wemetyhuri onokulahlwa emhlabeni nasemanzini ukuthintela umsi okhutshwa yimetyhuri ukuba ungene kwi-atmosfera.

(iii)    Iziphumo zeNkomfa yama-28 yamaZwe aTyikitya isiVumelwano (i-COP28) sesiCwangciso se-UN soGuqu-guquko lweMozulu (i-UNFCCC) 
(a)    IKhabhinethi inikwe ingxelo ngeziphumo ze-COP28 ebibanjelwe eDubai e-United Arab Emirates ngeyoMnga 2023.
(b)    Izigqibo ze-COP28 zezokuphungula umthamo wesisi esiyingozi kokusingqongileyo ngokuphungula amaqondo obushushu ngo-20C njengoko kwakuvunyelenwe kwisiVumelwano sase-Paris kunye nokunceda amazwe asahlumayo ayinxalenye ye-COP28 ukuba akwazi ukumelana nomonakalo owenziwa kukuguqu-guquka kwemozulu.
(d)    IKhabhinethi iphinde yaqaphela izinto ezibonakalayo esele zenziwe yi-COP28 kwimiba engundoqo ezifana nokutyikitywa kwenkqubo yokusebenza i-Glasgow-Sharm el-Sheikh, (ii) ukwamkelwa ngokusesikweni kwe-UAE Just Transition Work Programme ukuze kuxoxwe ngeendlela ezahlukeneyo ekuza kwenziwa ngazo utshintsho – izigqibo ezo zichaphazela ukubaluleka kwemali, uphuhliso lobuchwepheshe kunye nokuqeqeshwa nokuxhotyiswa ngezakhono ukuze kwenzeke iinguqu ezingazikudlelela amanye amazwe, (iii) ukuqalisa ukusebenza kweNgxowa-mali ye-Loss and Damage.  
(e)    La mazwe avakalise udano kuba khange iqokeleleke imali ezibhiliyoni ze-US$ ezili-100 ngowama-2021, kwaye ukuba akukho mali yaneleyo, amazwe asahlumayo awazi kukwazi ukuphumeza ezi zivumelwano.
(f)    UMzantsi Afrika usazibophelele ekuphumezeni izithembiso owawuzenzile kwi-UNFCCC nakwisiVumelwano sase-Paris.

D.    IMithetho eYilwayo
(i)    UMthetho oYilwayo wezokuKhangela nokuHlangula eMoyeni naseLwandle wowama-2024 (i-AMSAR)
(a)    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo we-AMSAR ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uzama ukwenza izilungiso kuMthetho woMzantsi Afrika wezaManzi nezoMoya, wowama-2022 (uMthetho 44 wowama-2022), osele udlulelwe lixesha.
(b)    Lo Mthetho uYilwayo uza kuqinisekisa ukuba bakhuselekile abantu xa kunokuthi kwenzeke ingxaki eza kufuna ukukhangelwa nokuhlangulwa elwandle nasemoyeni. Lo Mthetho uzama ukwenza ukuba ubuxhaka-xhaka be-AMSAR buhambelane neentlobo zobuxhaka-xhaka obusetyenziswa kwihlabathi. Lo Mthetho uYilwayo uza kubenza ngqingqwa ubuxhaka-xhaka be-AMSAR ukwenzela uhlumo kwicandelo lezomoya nelezamanzi kwaye oku kuza kufaka isandla kumalinge okukhulisa uqoqosho.
E.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

(a)     Amalungu okuqala ebhodi ye-Arhente yokuPhuhliswa kwamaShishini amaNcinci:

(i)    Nks Nonzuzo Makhanda (uSihlalo).
(ii)    Nks Dorah Mosili.
(iii)    Nks Xolisa Daku.
(iv)    Nks Nontobeko Lubisi.
(v)    Mnu Luyanda Ntuane.
(vi)    Nks Cingashe Motale.
(vii)    Mnu Pat Makape.
(viii)    Nks Hilda Tsoadi.
(ix)    Mnu Avuyile Xabadiya.
(x)    Mnu Sinovuyo Mpakama.
(xi)    Mnu Waseem Carrim.
(xii)    Mnu Thembinkosi Bonakele; kunye 
(xiii)    noNks Keabetwe Mogorosi

F.    Imisitho Ezayo

1.    Imbizo kaMongameli yeNkqubo yoPhuhliso  lweziThili (i-DDM) e-Ekurhuleni
1.1.    UMongameli Ramaphosa uza kubamba iMbizo kaMongameli ye-DDM kuMasipala oMbaxa wase-Ekurhuleni ngoLwesihlanu, umhla wama-23 kweyeThupha 2024 eTsakane Stadium, ukuya kuhlola umsebenzi osele wenziwe malunga nezithembiso zokuhambisa iinkonzo.
1.2.    Le Mbizo kaMongameli ye-DDM iza kuzinyaswa zinkokeli eziphuma kuwo omathathu amaqoqo karhulumente aza kuphendula imibuzo ngeengxaki ezinxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo abajamelene nazo abantu, izicwangciso zophuhliso zalo masipala umbaxa njengoko sisitsho isicwangciso esinesihloko esithi: uRhulumente oMnye, isiCwangciso esiNye, uHlahlo Lwabiwo-mali oluNye.
1.3.    Le Mbizo ye-DDM yindibano yokufakana imilomo ebanjwa apha eMzantsi Afrika kuphela, loo nto isenze ukuba sibe lelinye lamazwe ambalwa akwazi ukuthetha nabemi balo ngqo.
1.4.    Abahlali base-Ekurhuleni bayamenywa ukuba baphume ngobuninzi ukuze bakwazi ukubuza imibuzo ngezicwangciso ezikhoyo zokusombulula ingxaki yokunqongophala kwamanzi kunye namanyathelo ekufuneka abahlali, besebenzisana no-Eskom, bawathathe ukunqanda le ngxaki ithe gqolo yokucinywa kombane kule ngingqi yabo.

2.    Ukusingatha iNgqungquthela noMboniso wezoPhapho e-Afrika
2.1    IKhabhinethi ikuqwalasele yaze yakuvuma kuba uMzantsi Afrika usingathe iNgqungquthela noMboniso wezoPhapho e-Afrika eRhawutini ukususela ngomhla we-16 ukuya kowe-17 kweyoMsintsi 2024. Le ngqungquthela nomboniso ziyimisitho emikhulu yezorhwebo yecandelo lezophapho. 
2.2    Ukongeza, lo msitho uza kuveza uMzantsi Afrika njengelizwe lezokhenketho uze unike nethuba lokuba uMzantsi Afrika ubonise ngeemveliso zawo kwabo baza kuthatha inxaxheba kuwo.

3.    INkomfa engezoFuduko
3.1    IKomishini yeSizwe yezoCwangciso, uMbutho weHlabathi wezoFuduko kunye neNkqubo yezoPhuhliso ye-UN baza kubamba iNkomfa engezoFuduko eRhawutini ukususela ngomhla wama-20 ukuya kowama-23 kweyeThupha 2024. 
3.2    Le nkomfa iza kugwadla ize ixoxe ngofuduko njengesixhobo esinokukhokela uphuhliso, ize igxininise kakhulu kwaba bazinzalelwane ze-Afrika abakumazwe angaphandle nakumathuba okusebenzisana namazwe ehlabathi.

4.    INyanga yezoKhenketho
4.1    INkqubo yowama-2023 yeNyanga yezoKhenketho, eza kuqhuba ukususela kumhla woku-1 ukuya kowama-30 kweyoMsintsi, iphehlelwe eMntla Koloni ngenxa yokubona imfuneko yokuba ivangeli yezokhenketho kufuneka ihanjiswe mbombo zone zeli lizwe. 
4.2    Njengoko isizwe simema iindwendwe zalapha ekhaya nezangaphandle ukuba zityelele iindawo ezinomtsalane ogqithisileyo apha eMzantsi Afrika, zibone iintlobo-ntlobo zenkcubeko namasiko ambeje-mbeje eli urhulumente umanxada-nxada wenza konke okusemandleni ukukhulisa icandelo lezokhenketho leli ngokuthi azame ukuvumbula iindawo ezitsala umdla kunene emaphandleni, ezilokishini nakwiidolophana ezincinci. Ngokwenza oko, siyakulikhulisa icandelo lezokhenketho ngokuthi sibe neendawo ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika ezingumtsalane kubakhenkethi.

5.    UTyelelo lwasebuRhulumenteni oluya e-People’s Republic of China (i-PRC) 
5.1    Ohloniphekileyo, uMongameli Ramaphosa, uza kuba nohambo, oluluTyelelo lwasebuRhulumenteni, oluya e-PRC ukususela ngomhla wesi-2 ukuya kowesi-5 kweyeSilimela 2024 oluza kuqinisa nangakumbi ubudlelwano bezozakuzo norhwebo phakathi kwala mazwe mabini. Olu tyelelo lulandela uTyelelo lwasebuRhulumenteni obelwenziwe nguMongameli Xi Jinping esiza eMzantsi Afrika ngowama-2023.
5.2    I-China linowona mthamo mkhulu wezorhwebo ongena eMzantsi Afrika, kangangoku urhwebo phakathi kwala mazwe belumi kwiibhiliyoni ze-US$ ezingama-34 ngowama-2023. Kule mali iibhiliyoni ezili-12 ze-US$ zimpahla zorhwebo ezithunyelwa leli ize imali ezibhiliyoni ezingama-22 ze-US$ yona ibe zezingena kweli. Ilizwe lase-China inegalelo elikhulu kumaphulo otyalo-mali oMzantsi Afirka kwaye isixa esisesona sikhuu sotyalo-mali oluvela ngaphandle sivela e-China. 
5.3    Kulindeleke ukuba kutyikitywe izivumelwano ezibalulekileyo ezininzi ngeli thuba lolu Tyelelo lwasebuRhulumenteni, kuquka nesiCwangciso sesiVumelwano sokuSebenzisana kuPhuhliso, ukunyuswa komthamo weempahla arhwebelana ngazo la mazwe, kunye nokwandisa amathuba okuthengiswa kweemveliso zeli kweliya lizwe. 
5.4    Igqiza loMzantsi Afrika liza kuthatha inxaxheba nakwiNgqungquthela yokuSebenzisana kwe-Afrika ne-China (i-FOCAC) yona eza kubanjwa ukususela ngomhla wesi-4 ukuya kowesi-6 kweyoMsintsi 2024.
5.5    I-FOCAC liqumrhu lokusebenzisana phakathi kwe-China kunye namazwe ase-Afrika, kwaye ithathwa ngokuba iliqonga lokubambisana nokuxhamla kwi-Belt and Road Initiative yaseChina, eliphulo leliya lizwe lokuphuhlisa iziseko ezingundoqo kwihlabathi.

G.    Imiyalezo

1.    Isizwe seentshatsheli
1..1.    Abadlali beli lizwe baliphakamisela phezulu igama leli lizwe kwiintlobo ezahlukeneyo zemidlalo abathatha inxaxheba kuzo kwihlabathi liphela ngolo hlobo basenze imbumba thina njengesizwe. 
1..2.    Iqela leli elizintshatsheli zehlabathi zebhola yombhoxo, i-Springboks, lzitywatyushe i-Australia isihlandlo sesibini ngolo hlobo laba alikabethwa kukhuphiswano lwe-Rugby Championship.
1..3.    E-Perth, kwelase-Australia eli lizwe liphinde lenza ezibukwayo ngethuba u-Dricus du Plessis ekhuseleka isithsaba sakhe sobuntshatsheli kudidi lwabaphakathi le-UFC ngokubetha u-Israel Adesanya wase-Nigeria.
1..4.    I-Proteas, iqela leli leqakamba, liqhubekile nokuphumelela ngokubetha i-West Indies kumdlalo wesibini weqakamba wovavanyo e-Guyana ngolo hlobo liphumelela le midlalo yovavanyo ngo-1 eqandeni. 
1..5.    Iqela loMzantsi Afrika liphumelele indebe enye yegolide, ezintathu zesilivere kunye nezimbini zebronzi kwiMidlalo ye-Olimpikhi yowama-2024 ebibanjelwe e-Paris, ngolo hlobo liphinda kabini inani leembasa kwezo laliziphumelele kwimidlalo yee-Olimpikhi yowama-2021 eyayibanjelwe e-Tokyo. Lo msebenzi mhle kangaka uya kuhlala naphakade ezintliziyweni zethu. 
1..6.    Njengesizwe asiwuvali umlomo ngenxa yeqela loMzantsi Afrika le-relay elinoBayanda Walaza, Bradley Nkoana, Shaun Maswanganyi kunye no-Akani Simbine ngokuphumelela imbasa yesilivere kumdyarho wamanqam wamadoda we-4x100m relay. Benze irekhodi elitsha le-Afrika eliyimizuzwana engama-37.57. Ukongeza, u-Jo-Ane van Dyk uphumelele imbasa yesilivere kwi-javelin.
1..7.    Le mpumelelo ingaka isibonise ukuba imidlalo iyakwazi ukusimanya thina sonke nokuba siphuma kweyiphi na ikona. IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisa eli thuba bazame ukwangana size sakhe isizwe sonke esisinqwenelayo.

2.    Amazwi okuvuyisana
IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:
•    Kwimbalasane kanobuhle esandula ukuwongwa njengo-Miss South Africa 2024, uNks Mia le Roux, kwaye imothulela umnqwazi ngokukwazi ukuzingisa. U-Mia le Roux ungumzekelo omhle womoya wokunganikezeli woMzantsi Afrika ude uphumelele nokuba iimeko zithini njengoko engumntu wokuqala okhubazekileyo (akeva kakuhle ngeendlebe) ukuba awongwe ngokuba ngu-Miss South Africa. IKhabhinethi imnqwenelela okuhle kodwa kwimisebenzi yakhe emitsha njengomntu oza kumela uMzantsi Afrika. 
 
•    KwiJaji eyiNtloko uRaymond Zondo ophuma esikhundleni kuba ethatha umhlalaphantsi ekupheleni kweyeThupha 2024 emva kokusebenza njengengcali yezomthetho iminyaka engama-27.
•    uNks Fikile Marakalla, uphume kwindawo yesibini kwicandelo lezokufota kwi-SADC Media Awards 2024. Waqala ukusebenza kwiZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) njengomfundi oqeqeshwayo kwaye ngoku usebenza njengenxaleye yeengcali zokufota zikaSekela-Mongameli.
•    kuMnu Benjamin Moshatama we-Chanel Africa Radio, ophume kwindawo yesibini kwicandelo likanomathotholo kwi-SADC Media Awards 2024.
•    Kwiqela lomdaniso lase-Durban, i-Wu Tang Cru, ngokuphumelela igolide nesilivere kwi-UDO World Street Dance Championships. Eli qela liphumelele igolide kwicandelo le-nder-14 Intermediate category kwaye ngoku lizintshatsheli ze-Intermediate World Champions.
•    uMnu Dada Morero, usodolophi omtsha osandula ukwenyulwa waseRhawutini, kwaye imnqwenelela okuhle njengoko eza kuqalisa umsebenzi wokukhokela owona masipala umbaxa mkhulu eMzantsi Afrika.

3.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwizihlobo neentsapho zaba balandelayo:
•    UNjing Muxe Nkondo, obesisifundiswa esihlonitshwa jikelele kwicandelo lezomgaqo-nkqubo wentlalo nezamafa. Waba negalelo elikhulu kumsebenzi wokuqulunqwa komgaqo-nkqubo karhulumente osuka kowezokhenketho, ezokuhlaliswa koluntu kunye nolawulo lukarhulumente ukuya kowezenzulwazi, ubuchwepheshe, kunye nobugcisa nenkcubeko. 
•    uMnu William Smith, ingcali yezifundo zeMathematika nezenzululwazi nowayewongwe ngembasa yesizwe, i-National Order of the Baobab. U-William wanceda abafundi abaninzi ngokwenza lula izifundo ze-Maths, ezeNzululwazi, Biology nesiNgesi kwinkqubo ka-SABC i-Learning Channel – yingcali eyaqalisa ukufundisa isebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla phambi kokuba bubekhona bona. 
•    uNks Zanele Mbokazi-Nkambule, obengumsasazi kwi-Ukhozi FM nomseki we-Crown Gospel Awards.

Imibuzo: Nks Nomonde Mnukwa – IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore