Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe kusetyenziswa unxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla wama-23 kweyoMsintsi 2020 

A.    Imiba engundaba mlonyeni yokusiNgqongileyo
1.    Ukwazisa ngeSifo seNtsholongwane i-Corona (i-COVID-19)


1.1.    Kwintetho yakhe ebhekisa kwisizwe ngoLwesithathu, umhla we-16 kweyoMsintsi 2020, uMongameli Cyril Ramaphosa wazise ngokuguqukela kwiNqanaba loku-1 lesiLumkiso lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kazwelonke ukususela ngoMvulo, umhla wama-21 kweyoMsintsi 2020. Oku kuvulele ngakumbi iintshukumo zoqoqosho ezongezelelekileyo kweli lizwe, nokuza okuza kuba negalelo elincomekayo ekwakheni uqoqosho, ukubuyisela uhlumo nokudala imisebenzi edingeka kakhulu. 

1.2.    Ezi zibhengezo zenziwe nguMongameli zamkelwe ngomoya omhle ngawo onke amacandelo oluntu lwaseMzantsi Afrika – kuquka imibutho yezabasebenzi, abezoshishino, uluntu nemibutho yezopolitiko.

1.3.    Imigaqo yemo yentlekele kazwelonke efezekisa izibhengezo ezenziwe nguMongameli, ipapashwe kwiphepha-ndaba lombuso ngoLwesihlanu, umhla we-18 kweyoMsintsi 2020. Le migaqo mitsha inyenyisa imiqathango ethile ebifezekiswe ukususela kweyoKwindla yowama-2020 ukuthintela ukunwenwa kwale ntsholongwane. Phakathi kokunye, iquka, inani labantu abavumelekileyo kwiindibano zasesidlangalaleni, kwimisitho nemingcwabo, kwakunye nokuvulwa kwemida yokuhamba ngaphakathi kwilizwekazi i-Afrika nakwihlabathi, eza kuqala ukusebenza ukususela ngomhla woku-1 kweyeDwarha 2020. 

1.4.    IKhabhinethi ikhuthaza olunye uthetha-thethwano kunye neenkokheli zemveli ukushukuxa imiba emalunga nokuya esuthwini kunye nemisebenzi yolwaluko, nesathintelweyo ngeli xesha leNqanaba loku-1 lesiLumkiso. Ulwazi oluthe vetshe malunga nemimiselo eshicilelwe kwiphepha-ndaba lombuso iyafumaneka kwiwebhusayithi karhulumente (www.gov.za).

1.5.    IKhabhinethi ibongoza bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokuthobela iinkqubo zezempilo ye-COVID-19 ezifana nokungasondelelani, ukunxitywa kwezigqubuthelo-buso esidlangalaleni nokuhlanjwa rhoqo kwezandla ngamanzi nesepha okanye kusetyenziswa isibulala-ntsholongwane esine-alkhoholi kuso ezandleni.

1.6.    IKhabhinethi ikwakhuthaza uluntu ukuba lukhuphele kwiselula yalo i-app   ebizwa ngokuba yi-COVID Alert ku-Apple App Store okanye ku-Google Play Store. Le app – nengahlawulwayo kuzo zonke iinkampani zeselula kwaye ingakhutshelwa nokuba awunayo idatha – iza kuphucula ukulandelwa komkhondo ngokwazisa abasebenzisi  ukuba bebedibene nomnye umntu oyisebenzisayo ebefumaniseke ukuba une-COVID-19 kwiintsuku ezili-14 ezidlulileyo. Le app ayizithathi iinkcukacha zomntu, kwaye ayiyichazi nendawo umntu akuyo.

2.    Ubundlobongela obubhekiselwe kwisini nokubulawa kwamanina (i-GBVF)

2.1.    IKhabhinethi izimisele ekulweni isibetho sobundlobongela obubhekiselwe kwisini nokubulawa kwamanina (i-GBVF) ngokuthi iqinise iziseko zamacandelo ezokhuseleko; inkqubo-sikhokelo yezomthetho; ukubonelela ngenkxaso yasengqondweni neyezentlalo kunye neenkqubo zokuxhasa ezingaphakathi eluntwini. 

2.2.    Ngenxa yeenkcukacha ezifumaneke kwiNkonzo yaMapolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS), urhulumente ulusizi ukufumanisa ukuba kukho iindawo ezingama-30 apho i-GBVF ibalasele khona kwilizwe jikelele. IKhabhinethi iluqinisekisile uluntu oluchaphazelekileyo ukuba ngokusebenzisana namapolisa, amanyathelo ongenelelo aya kuqiniswa ukuqinisekisa ngokhuselo nokhuseleko lwamanina nabantwana. 

2.3.    IKhabhinethi iwamkele futhi iyawuvuyela  kananjalo umnikelo wezigidi ezingama-50 eerandi ovela e-United Kingdom nozakwandisa iinzame eziqhubekayo ze-Solidarity Fund ukulwa nentshabalalo yezoqoqosho ebangelwe ngubhubhane we-COVID-19. Le ngxowa-mali iza kujolisa kwiiprojekthi ezixhasa zikhuthaze amanina.

2.4.    IKhabhinethi kwakhona ikwavakalise inkxalabo ngeengxelo eziphazamisayo zezehlo zokushishina ngabantu ezibandakanya amanina nabantwana kweli lizwe. Amapolisa alandela ekwaphanda onke amatyala abikiweyo anxulumene nokushishina ngabantu neziyobisi.

2.5.    IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba lulubike emapoliseni ngoko nangoko olu lwaphulo-mthetho lukhohlakele kangaka endaweni yokusebenzisa amaqonga ezonxibelelwano, into leyo eyenza ukuba kube nzima ukuba abezonyanzeliso-mthetho bakwazi ukuhlangabezana noko ngokukhawuleza nangokwaneleyo. Uluntu luyalunyukiswa kwakhona ukuba maluyeke ukuhambisa iindaba zobuxoki, okunokudala ukuphaphazela okungafunekiyo, ukuvusa ukuchukumiseka nokuphembelela ubundlobongela kuluntu lwethu.
2.6.    Nabani na onolwazi makaqhagamshelane ne-SAPS kwinombolo yokuNqanda uLwaphulo-mthetho (i-Crime Stop) kwa-08600 10111 okanye usebenzise i-MySAPS Application yasimahla, enokukhutshelwa kuyo nayiphi na iPhone okanye i-smartphone.

3.    Ukutshatyalaliswa nobusela beziseko ezingundoqo zoluntu 

3.1.    IKhabhinethi iyakwamkela ukubanjwa kwakutsha nje kwabarhanelwa ababandakanyeka kubusela bokuba iintambo zobhedu (i-copper) neentambo zokunikezela imiyalelo koololiwe eRhawutini naseKapa. Amapolisa kwakhona asebenze ngokukhawuleza ekubambeni abantu ababandakanyeka ekutshabalaliseni isitalato esikhulu eMsinga, KwaZulu-Natala.
3.2.    IKhabhinethi iyayincoma impumelelo enkulu eyenziwe ngamapolisa kubusela nokutshatyalaliswa kweziseko ezingundoqo zoololiwe; ulwaphulo-mthetho olubi noluthe kwezinye iimeko lwakhokelela ekuswelekeni kwabantu abamsulwa ngenxa yokungquzulana koololiwe. 
3.3.    Iziseko ezingundoqo zoluntu zihleli zisisiseko sokuvuselela uqoqosho lwethu. Zihleli ziyinxalenye ebaluleke kakhulu kwiphulo lethu lokukhulisa uqoqosho nokudala imisebenzi edingeka kakhulu. IKhabhinethi imema bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazibike emapoliseni ezi zenzo zolwaphulo-mthetho. 

4.    Inkonzo ye-intanethi ye-Arhente yoKhuseleko loLuntu yaseMzantsi Afrika (i-SASSA) 

4.1.    IKhabhinethi iyakwamkelwa ukundululwa kwenkqubo yesango lokufaka izicelo zesibonelelo kwi-intanethi ngu-SASSA, evumela ukuba izicelo zifakwe kule webhusayithi https://services.sassa.gov.za. Eli sango – liza kuqala ngokuthi lilingwe kwiNkxaso yaBantwana, kuBantu abaDala kunye nezibonelelo zokuba nguMlondolozi woMntwana – liza kongela abo bafaka izicelo iindleko zemali yokukhwela kunye nembulaleko yokuma kwimingcelele emide.
4.2.    IKhabhinethi ikhuthaza ukuba abafaki-zicelo abatsha ukuba basebenzise le nkonzo yokuzinceda njengokuba inceda ukushenxisa umngcipheko onokwenzeka wokosulelwa yi-COVID-19 kwiindawo zikawonke-wonke ezixineneyo.

5.    INdibano yoNyaka yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA)

5.1.    UMongameli uRamaphosa uthathe inxaxheba kwiNgxoxo-mpikiswano ye-UNGA ebibanjwe kusetyenziswa unxibelelwano lwevidiyo  yeSeshoni yama-75 ye-UNGA ngoLwesibini, umhla wama-22 kweyoMsintsi 2020 phantsi komxholo othi: “IKamva esiliFunayo, i-UN esiyiDingayo: ukuQinisekisa kwakhona isiBophelelo sethu ngokuDibeneyo seNtatho-nxaxheba ngaMazwe amaNinzi” (“The Future We Want, the UN We Need: Reaffirming our Collective Commitment to Multilateralism”).
5.2.    IKhabhinethi ikhuthaza ukuba esi sikhumbuzo sonyaka sisetyenziswe njengethuba lokufezekisa iinguqu ezidingeka kakhulu kwiBhunga loKhuselo leZizwe eziManyeneyo (i-UNSC) ukubonakalisa imbonakalo yobunyani bexesha langoku ehlabathini.
5.3.    UMzantsi Afrika uza kongamela i-UNSC isihlandlo sesibini kweyoMnga 2020 njengoko ugqibezela ikota yawo yesithathu njengelungu elonyuliweyo le-UNSC.

6.    INtlanganiso yabaPhathiswa engoRhwebo noTyalo-mali laMazwe e-G20 

6.1.    IKhabhinethi izamkele iziphumo zeNtlanganiso yabaPhathiswa engoRhwebo noTyalo-mali laMazwe e-G20 ebisingathwe kusetyenziswa unxibelelwano lwevidiyo yi-Saudi Arabia ngoLwesibini, umhla wama-22 kweyoMsintsi 2020. Le ntlanganiso ibidibanise abaPhathiswa bezoRhwebo abasuka kumazwe anoqoqosho olungundoqo, aquka i-Melika, i-China, i-Japani, i-Indiya, i-Brazili neJamani. UMzantsi Afrika ubumelwe nguMphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano u-Ebrahim Patel. 

6.2.    Kwingxelo yayo, le ntlanganiso icacise ukubaluleka kokwahluka koqoqosho, okubeka isiseko senkxaso yokwakha  amandla emveliso yeli lizwe kumacandelo angundoqo, aquka elamachiza nelokutya. 

6.3.    Le ntlanganiso kwakhona ikwaxhasa amanyathelo okukhuthaza ukuxhotyiswa kwamanina kwezoqoqosho namashishini asakhulayo, amancinci naphakathi futhi iyiqonda imingcipheko yorhwebo olungekho mthethweni.

7.    INtlanganiso yeBhunga labaPhathiswa yoMbutho we-Afrika eseMazantsi ongaHlawulisani Rhafu yoRhwebo (i-SACU)

7.1.    IKhabhinethi izamkele iziphumo zeNtlanganiso yeBhunga labaPhathiswa ye-SACU ebibanjwe ngoMvulo, umhla wama-21 kweyoMsintsi 2020. AbaPhathiswa bezeZimali noRhwebo baseNamibia, baseBotswana, bas-Eswatini, base-Lesotho naseMzantsi Afrika bebeyizimasile le ntlanganiso, nebichotshelwe nguMphathiswa wezeZimali uTito Mboweni waza uMzantsi Afrika wamelwa nguMphathiswa uPatel.
7.2.    Ibhunga liyithathele ingqalelo indima ye-SACU phantsi komxholo wesiVumelwano esitsha esiKhululekileyo soRhwebo seLizwekazi i-Afrika. Ibhunga ligqibe kwelokuba umsebenzi walo wexesha elizayo webhunga uza kugxila ekwakheni nasekuphuhliseni amazwe e-SACU ukuba abe ngumbindi owomeleleyo nangaphezulu kwezokuvelisa nobuchule onokubonelela ngempahla neenkonzo kwilizwekazi jikelele.    


B.   Izigqibo zeKhabhinethi 
1.    IKhomishini kaMongameli ngeNgxelo yeNguquko yeSine engokuGuqukela kubuChwepheshe (i-PC4IR) 
1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukushicilelwa kweNgxelo ye-PC4IR kwiPhepha-ndaba loMbuso. Le ngxelo yenza iziphakamiso ezivuselela iminqweno yoshishino yeli lizwe kunye nokuphucula ukukhuphisana kwethu kwezoqoqosho nehlabathi jikelele nakwilizwekazi k ukuze kukhuthazwe uhlumo oludibeneyo. 
1.2.    Obona buchule bungundoqo kwisiCwangciso-Qhinga se-PC4IR buquka ukhuphiswano kwezoqoqosho, ukusabela kwimiceli-mngeni yokuhanjiswa kweenkonzo, utyalo-mali ngokuxhotyiswa kwabantu nokusabela kwi-COVID-19.
1.3.    Oku kufezekisa iNtetho kaMongameli engoBume beSizwe yowama-2018, eyanikezela umyalelo wokuba iKhomishini yeNguquko yoShishino yeDijithali iza kusabela kwinkqubela phambili yezobuchwepheshe kwaye iqinisekise impumelelo yesizwe.

2.    IPhulo leNyanga yezoThutho yowama-2020

2.1.    IKhabhinethi iyamkele inkqubo yephulo leNyanga yezoThutho yoweDwarha 2020 phantsi komxholo othi: “Sikunye siXongxa iNgomso lezoThutho”. Ngowama-2005 iKhabhinethi yamkela ukuba inyanga yeDwarha ibekelwe bucala ukukhulisa ulwazi ngezothutho njengomnye wonobangela wezoqoqosho obaluleke kakhulu.
2.2.    Eyalo nyaka inkqubo iza kugxila kwiindawo ezintathu ezizezi (1) uphuhliso lwecandelo lwezothutho, ekuvulweni ngokutsha koqoqosho ngokujongene ne-COVID-19; (2) ukhuseleko kuzo zonke iintlobo zezothutho, kunye (3) nenguqu, ukuxhotyiswa nokwenza ishishini leeteksi libe sesikweni.
2.3.    Le nkqubo ibude bungangenyanga yesizwe iza kugxila kumacandelo ahlukeneyo oshishino lwezothutho. Iza kuqukunjelwa ngokubanjwa kwe-Teksi Lekgotla yeSizwe ekupheleni kweyeDwarha 2020, neza kudibanisa amagalelo avela kwiTeksi Makgotla yamaPhondo.

C.   Imithetho eyilwayo 
1.    UMthetho-siHlomelo oYilwayo wowama-2020 weeNkonzo zezoLuleko 


1.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa koMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkonzo zezoLuleko wama-2020 ePalamente. Ezi zihlomelo ikakhulu kukuphendula kwisigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko esawiswa kwiSigwebo sikaPhaahla ngomhla somhla wesi-3 kuCanzibe 2019.

1.2.    Ezi zihlomelo ziqinisa ilungelo lokuxoxwa kwetyala ngokungenamkhethe njengoko kulindelekile kwiCandelo 35(3)(n) loMgaqo-siseko weRiphabhliki yoMzantsi Afrika wowe-1996 xa kusetyenziswa iCandelo 136(1) loMthetho weeNkonzo zezoLuleko, wowe-1998 (uMthetho onguNombl 111 wowe-1998).

2.    UMthetho-siHlomelo oYilwayo wowama-2020 weNkonzo zaMapolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) 

2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukushicilelwa kwalo Mthetho uYilwayo kwiPhepha-ndaba loMbuso ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ulungise uMthetho we-SAPS, wowe-1995 (uMthetho onguNombl 68 wowe-1995), ukuwenza uhambelane noMgaqo-siseko weRiphabhliki yoMzantsi Afrika wowe-1996 nokuqinisekisa ubupolisa obulungileyo.

2.2.    Ibonelela, phakathi kwezinye, inkqubo-sikhokelo yezomthetho kulawulo lweenkonzo zezobupolisa nokusekwa kwamaqonga obummelwane asekuhlaleni. Lo Mthetho uYilwayo ukwathathele ingqalelo iziphakamiso ezaziphuma kwiKhomishini yoPhando yaseMarikana eyayikhokelwa yiJaji edla umhlala-phantsi u-Ian Farlam. 

D.    Imisitho ezayo
1.    USuku lwaMafa 


1.1.    USuku lwaMafa lubhiyozelwa namhlanje, umhla wama-24 kweyoMsintsi 2020 phantsi komxholo weNyanga yaMafa: “UkuBhiyozela ubuNcwane baBantu abaSaphilayo boMzantsi Afrika”. UMongameli Ramaphosa uza kwenza intetho eza kukhutshwa kumabonakude ebhekisa kwisizwe.

1.2.    Abantu boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba basebenzise iNyanga yaMafa ukubhiyozela ubutyebi benkcubeko yethu namafa, baze bazibandakanye kwimisebenzi yokwakha isizwe nentlalo-ntle. UMongameli Ramaphosa ukhuthaze abantu baseMzantsi Afrika ukuba bazibandakanye nesenzo sembalasane kwihlabathi jikelele bangenelele kumngeni womdaniso i-Jerusalema ngolu Suku lwaMafa.

1.3.    IKhabhinethi iyibulele indlela u-Master KG (nozelwe enguKgaogelo Moagi) abonakalise ngayo ubuchule bakhe ngokuvelisa ingoma eyaziwa ngokuba nguJerusalema, ingoma eyindumasi eyazisa imvumi nombhali wengoma onguNomcebo Zikode. IKhabhinethi iyababulela ngokuzisa ngaphambili ubugcisa besakhono somculo nesiphiwo seli lizwe, kule ngoma ethe yaba yahlokomisa ihlabathi liphela. BangooNozakuzaku bethu bezobuGcisa neNkcubeko abasesikweni kwiHlabathi.  

E.    Imiyalezo

1.    Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithumele amazwi ovelwano kusapho nabahlobo be:
1.1.    gqala lomcuphi, u-Lieutenant-Colonel Charl Kinnear, obulewe ngaphandle kwekhaya lakhe eliseBishop Lavis eKapa. Wanikezela iminyaka engamashumi amathathu yobomi bakhe kwi-SAPS kwaye ebephanda amatyala ahleliweyo kweli lizwe.

1.2.    USajini Thabile Mapoma, obulewe ngokumasikizi eKhayelitsha eNtshona Koloni.

1.3.    Ilungu leBhunga lesiGqeba lebhola yoMboxo yaseMzantsi Afrika (i-SA Rugby), uMnu Monde Tabata, ominyaka ingama-60. UMnu Tabata ebenentumekelelo malunga nekamva lebhola yomboxo ebandakanya wonke umntu  nenempumelelo eMzantsi Afrika.

1.4.    UMfundisi Emmanuel Motolla we-Zion Christian Church (i-ZCC). IKhabhinethi kwakhona ikwadlulisela uvelwano olunzulu kumalungu ase-ZCC kwaye iwanqwenela amandla nokomelela ngeli xesha linzima kangaka.

F.    Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo

1.    I-Arhente yezeMali yamaShishini amaNcinci (i-sefa):
a.    UMnu Mxolisi Dalukhanyo Matshamba njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawulo (i-CEO);
b.    UNks Sedzani Mudau (uMlawuli ongeloLungu lesiGqeba kwiBhodi ye-sefa);
c.    UNks Ziyanda Buthelezi-Ngcobo (uMlawuli ongeloLungu lesiGqeba kwiBhodi ye-sefa); kunye 
d.    noNks Hilda-Marie Tsoadi (ummeli weQumrhu loPhuhliso lwezoShishino (i-IDC) kwiBhodi ye-sefa). 
2.    I-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci (i-Seda):
a.    UGq Joy Ndlovu njengoSihlalo weBhodi ye-Seda; kunye
b.    noGq Stella Bvuma (uMlawuli ongeloLungu lesiGqeba kwiBhodi ye-Seda). 
3.    Ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho yexesha elimisiweyo sikaMnu Ian van Niekerk njengeGosa eliyiNtloko kwezeZimali (i-CFO) ye-Broadband Infraco.
4.    UMnu Molatlhegi Khunou Kgauwe njenge-CFO ye-Arhente yobuChwepheshe boLwazi loMbuso. 
5.    UNks Marelize Potgieter njengoSekela Mlawuli Jikelele (u-DDG): weeNkonzo zezoLawulo lweNkundla kwi-Ofisi yeJaji eyiNtloko. 
6.    UMnu Brightboy Nhlakanipho Nkontwana njengo-DDG: uThetha-thethwano, uBudlelwane bezabaSebenzi neMivuzo kwiSebe leeNkonzo zikaRhulumente nezoLawulo 

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore