Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe kusetyenziswa unxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, mhla wesi-4 kweyeNkanga 2020

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. Uqoqosho
1.1. INtetho yoHlahlo lwaBiwo-mali yesiGaba esiPhakathi yowama-2020 enikezelwe nguMphathiswa wezeZimali uTito Mboweni ngoLwesithathu, umhla wama-28 kweyeDwarha yowama-2020, imisela indlela enqanda inkcitho yokusebenza kwezimali zikarhulumente. Ikwaxhasa uhlumo lwezoqoqosho ukukhulisa ukudalwa kwemisebenzi edingeka kakhulu. Esi sabelo sixhasa iphulo lethu lokuvuselela uqoqosho ukusuka kwintshabalalo yobhubhane weSifo seNtsholongwane i-Corona (i-COVID-19) nokutsala utyalo-mali.
1.2. IKhabhinethi iyalamkela iphulo le-Operation Vulindlela, neza kuxhasa ukufezekiswa kwesiCwangciso soKwakhiwa ngokuTsha koQoqosho nokuluBuyisela ngokukhawulezisa uhlaziyo lweziseko ezingumba ophambili.  
1.3. IKhabhinethi ayigungqi kwisibophelelo sayo sokwenza ukuba uqoqosho lukhule kwakhona kwaye ngoko ke amanyathelo wethu angqwabalala aza kukhawulezisa amalinge wethu okwakha uqoqosho oluthe chatha ngokomelela.

2. I-COVID-19
2.1. IKhabhinethi ixhalabile kuba abanye abantu baziphethe ngokungakhathali nangendlela ebonakalisa ukungagqibeleli ukukhula ngokungathi i-COVID-19 ayisekho. IKhabhinethi imema bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba baqhubeke ukuthobela imimiselo yezempilo yokugcina umgama wokuqelelana, ukunxiba isigqubuthelo sobuso kwiindawo zikawonkewonke nokuhlanjwa kwezandla ngamanzi nesepha okanye isibulali zintsholongwane esine-alcohol, nokuziphepha iindibano ezinkulu.
2.2. Olu hlobo lokuziphatha ngenkathalo lungaguqukiyo luhleli lulelona khuselo lukhulu ekuzikhuseleni kwethu kunye nabanye kule ntsholongwane. Amanyathelo wethu abonakalisa inkathalo ngawo aza kuqinisekisa ukuba siyalinciphisa izinga losuleleko ngeli xesha siqhubeka ukwakha ngokutsha uqoqosho lwethu.  
2.3. IKhabhinethi iyaqhubeka ukusikhuthaza sonke ukuba sikhuphele i-app yomnxeba ophathwayo ye-COVID-19 Alert SA esimahla kwi-Apple App Store okanye ku-Google Play Store. Le-app – nengahlawuliswayo luthungelwano lweminxeba ephathwayo kwaye ingakhutshelwa ngaphandle kweendleko zayo nayiphi na i-data – iza kuphucula ukulandela umkhondo wokudibana nomntu owosulelekileyo ngokwazisa lowo uyisebenzisayo ukuba ebekhe wakufutshane kunye nabanye abasebenzisi bayo abafunyaniswe benayo intsholongwane ye-COVID-19 kwintsuku ezili-14 ezidlulileyo.
2.4. IKhabhinethi iza kuxoxa ngeziphumo zeBhunga loLawulo lweNtsholongwane i-Corona leSizwe neza kubanjwa kule veki izayo. UMongameli u-Cyril Ramaphosa uza kuthi emva koko azise isizwe ngezintsha kwisicwangciso-qhinga esihlengahlengisiweyo somngcipheko soMzantsi Afrika ukulawula ukunwenwa kwe-COVID-19.

3. Uphuhliso lweziseko ezingundoqo
3.1. UThethathethwano lwamaLungiselelo eProjekthi yeZiseko ezinguNdoqo yaseMzantsi Afrika neQonga loRhwebo ebelubanjelwe eMidrand, eGauteng ukususela ngomhla wesi-3 ukuya kowe-4 kweyeNkanga yowama-2020 iqhubela phambili inkqubo yokumiselwa kweziseko ezingundoqo.
3.2. Lo msitho wenze umboniso weeprojekthi zeziseko ezingundoqo ezikhulu ezingama-27 ezinexabiso elidibeneyo elingamakhulu amabini aneshumi leebhiliyoni zeerandi (ama-R210 eebhiliyoni) kubatyali-mali baseMzantsi Afrika nabamazwe-ngamazwe, kuquka nabathunywa bamaziko ezezimali ophuhliso kunye neebhanki zophuhliso kumacala amaninzi.
3.3. Uthethathethwano lwamalungiselelo eprojekthi aqinisekisa ukuba iprojekthi idlula kuhlolo olunzulu lokuba nokwenzeka kunye nenkxaso yengcebiso yentengiselwano eza kuzenza zilungele utyalo-mali.
3.4. Phakathi kweeprojekthi ezazisiweyo kubatyali-mali kukho itheminali yegesi yendalo eyenziwe yalulwelo yaseNgqura-Coega eMpuma Koloni; iNkqubo yeZindlu zoLuntu kaGunyaziwe oLawula iZindlu zoLuntu; imibhobho yokutha amafutha eenqwelo-moya kwiSikhululo seeNqwelo-moya seZizwe-ngezizwe saseKapa; umbindi oxakeke kakhulu weziseko ezingundoqo zasesibhakabhakeni ozakusekwa yi-Arhente eJongene neSibhakabhaka yaseMzantsi Afrika yeSizwe, kunye nepaka yezenzululwazi nobuchwepheshe eLimpopo.
3.5. Ezi projekthi zinamandla okuqesha inani elivisayo labantu baseMzantsi Afrika zize zibe licandelo elibaluleke kakhulu lamandla okuqhubela phambili ukudalwa kwemisebenzi yesiCwangciso soKwakhiwa ngokuTsha koQoqosho nokuluBuyisela soMzantsi Afrika seSizwe esisanda kutyhilwa nguMongameli uRamaphosa kutsha nje.
3.6. IKhabhinethi iyalibulela igalelo elenziwe licandelo labucala, nelenze igalelo lobuchule bolwazi nezakhono ngendleko zalo.
3.7. IKhabhinethi iyakwamkela ukubolekwa iingcaphephe ezingama-25 licandelo labucala eziza kuncedisa iziko leZiseko ezinguNdoqo laseMzantsi Afrika ukuba lifikelelise iiprojekthi ezicwangcisiweyo ekuvezeni iziqhamo.  
3.8. Ukongeza apho, iKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe nguMphathiswa weMisebenzi yoLuntu neZiseko ezinguNdoqo u-Patricia de Lille sokuba icandelo eligxile ekulweni urhwaphilizo kwiziseko ezingundoqo liza kuqinisekisa ngokulawulwa ngendlela esesikweni nefanelekileyo kwezivumelwano zeziseko ezingundoqo.
3.9. IGosa leZiseko ezinguNdoqo noTyalo-mali kwi-Ofisi kaMongameli kwezi ntsuku zizayo liza kunikezela ngeenkcukacha zesibophelelo esenziwe ngabatyali-mali kuthethathethwano lwale veki neqonga lorhwebo.

1. INgqungquthela yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika (i-SAIC)
1.1. UMzantsi Afrika uza kusingatha i-SAIC yayo yesithathu ngomhla we-17 nowe-18 kweyeNkanga yowama-2020, igxile kutyalo-mali phantsi kwemeko yokuqhambuka kwe-COVID-19, ukumanya nokwakha.
1.2. Ingqungquthela yalo nyaka iza kugxila kunikezelo lwezibophelelo esezikho ukufezekisa ukudalwa kwemisebenzi nophuhliso lwezoqoqosho. Ukongeza apho, urhulumente uza kucwangcisa amanyathelo asele ethathiwe ukudala imeko yotyalo-mali efanelekileyo, ngokugxila ekwakhiweni koqoqosho ngokutsha nokuluvuselela.
1.3. Le ngqungquthela yakhela phezu kweempumelelo zeengqungquthela ezimbini zokugqibela ezazibanjwe ngowama-2018 nowama-2019 ngokulandelelanayo, nezathi zenza amakhulu amathandathu anamashumi amathandathu anesine eebhiliyoni zeerandi (ama-R664 eebhiliyoni), ibeke isiseko sotyalo-mali nohlumo lwezoqoqosho olukhawulezileyo.

2. Ezamandla
2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukugunyaziswa kwenjini yomoya yokugqibela kwi-140 lee-megawatt (MW) kwiNxuba Wind Farm, eMpuma Koloni, neyinxalenye yomjikelo wesine weNkqubo yokuFumana aMandla aHlaziyekayo kuBavelisi boMbane abaziMeleyo yeli lizwe. Xa zonke ezi njini zomoya sezigunyazisiwe, ziza kuvelisa iiyure ezingama-460 zee-gigawatt ngonyaka kuvimba wothungelwano lombane zize ziphucule ngokuncomekayo isibophelelo sethu kukuguquka kwesimo sezulu.  
2.2. Ukusebenzela ushishino ngokupheleleyo kweCandelo lesi-2 lika-Eskom kwiSikhululo soMbane saseKusile eMpumalanga kwenza igalelo elingama-800 MW kuvimba wothungelwano lombane. IKusile sisikhululo sokuqala e-Afrika ukufakela ubuchwepheshe bokususa umxube wegesi ezimdaka i-flue gas desulphurisation – ubuchwepheshe obukumgangatho wehlabathi obusetyenziselwa ukususa iigesi ezimdaka zesalfure, ezifana nembumba yomongomoya onesinyithi kwisalfure i-sulphur dioxide, esuka kwigesi emdaka ekhutshwa zizikhululo zombane ezitshisa amalahle okanye i-oli – nokuhambelanayo nemimiselo yezizwe-ngezizwe yomgangatho womoya.
2.3. IKhabhinethi yamkele nesibhengezo esenziwe ngabakwa-Total SA sokuba bafumene umthamo omkhulu wegesi okude nonxweme lwasemazantsi laseMossel Bay eNtshona Koloni. Oku kuza kwenza igalelo kumalinge eli lizwe okwandisa ukuphehlwa kwamandla ombane ukwenzela ukuba uqoqosho lukhule luze lutsale utyalo-mali oluninzi.

3. ILekgotla yeeTeksi yeSizwe
3.1. IsiBhengezo esamkelwe kwiLekgotla yeeTeksi yeSizwe ngundoqo wokwakha icandelo lezothutho likawonkewonke elisebenza kakuhle nelikhuselekileyo. Iziphumo zisondeza eli lizwe ekwenzeni ibe sesikweni indlela yokuxhotyiswa koshishino lweeteksi kwaye ziza kulubeke kwindlela yohlumo oluzinzileyo.  
3.2. IKhabhinethi iyasamkela isibophelelo sokuzimisa kwecandelo loshishino lweeteksi, esiqinisekisa ukuthobelana nemithetho yezabasebenzi yelizwe kwaye yomeleza indlela yolawulo lolu shishino.

4. Inyanga yokwaZisa ngaMalungelo waBantu abaKhubazekileyo
4.1. Urhulumente usebenzisana namacandelo awohlukeneyo oluntu ukuqinisekisa ngokuxhotyiswa ngokupheleleyo kwabantu abakhubazekileyo. INyanga yoKwazisa ngamaLungelo waBantu abaKhubazekileyo, neqale ngomhla wesi-3 kweyeNkanga nezakuphela ngomhla wesi-3 kweyoMnga yowama-2020, iqatshelwe phantsi komxholo othi: “Sisonke saKha uLuntu oluQuka waBantu abaKhubazekileyo.”  
4.2. Eli xesha libonelela ngexesha lokuvuselela ukwazisa ngamalungelo wabantu abakhubazekileyo. Le nyanga yokuthethelela ukwazisa igxile ekumemeni omabini amacandelo karhulumente nelabucala ukuba anyuse izinga lokuqesha, ukugcina nokuhlangabezana nabantu abakhubazekileyo emsebenzini.

5. Uthintelo loLwaphulo-mthetho
5.1. IKhabhinethi iyakugxeka ukubulawa ngokungenalusini navelwano kwamapolisa anikezele ngobomi bawo ukukhonza nokukhusela. Ukubulawa nokuhlaselwa kwamagosa esipolisa luhlaselo oluthe ngqo kulawulo lomthetho noMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika yowe-1996.
5.2. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano olunzulu kwiintsapho nezihlobo zawo onke amagosa asesipoliseni athe asweleka esemsebenzini afana noSajini uMzoxolo Gxotani weQela lokuPhendula ngobuChule bokuLwa i-Tactical Response Team laseMonti eMpuma Koloni, uMphathi weStishi saMapolisa sase-Groblersdal eLimpopo u-Colonel Jeffrey Seroka, iGosa lezobuNtlola kuLwaphulo-mthetho u-Ofentse Mokgadinyane noSajini wabeCuphi u-Billy Mahooe eFreystata; kunye noSajini uSibongile Teka no-Constable u-Kganyisa Sitofile eNtshona Koloni.  
5.3. Kwakhona iKhabhinethi iyakugxeka ukudutyulwa nokubulawa kwabantu abasibhozo abaphakathi kweminyaka engama-30 nama-40 ngamadoda angaziwayo eGugulethu eNtshona Koloni ngoMvulo, umhla we-2 kweyeNkanga yowama-2020.
5.4. IKhabhinethi iyasiqinisekisa isizwe ukuba amapolisa ngokusebenzisana noluntu aza kuqinisekisa ukuba abo babandakanyekayo kwezi zenzo zolwaphulo-mthetho bayabanjwa baze bajongane nengqumbo epheleleyo yomthetho.

6. IiMbasa zaMajelo eeNdaba ommandla woLuntu oluPhuhlileyo lwe-Afrika eseMazantsi (i-SADC)
6.1. IKhabhinethi imema onke amajelo eendaba aseMzantsi Afrika ukuba afake amangenelo wawo kukhuphiswano lweeMbasa zaMajelo eeNdaba ze-SADC zowama-2021. Iintatheli zamazwe angamalungu ommandla we-SADC ziyamenywa ukuba zingenele okanye zifake abachongwa kwezi mbasa.
6.2. IiMbasa zaMajelo eeNdaba ze-SADC zikhuthaza iinjongo ze-SADC zokufezekiswa kophuhliso lwezoqoqosho, uxolo nokhuseleko, nohlumo, ukulwa indlala, kwakunye nokomeleza izinga nomgangatho wobomi babantu be-Afrika eseMazantsi.
6.3. IiMbasa zaMajelo eeNdaba ze-SADC sisixhobo esinamadla ukufezekisa iphupha le-Afrika entsha, enamandla angenakulinganiswa kunye nokuvuseleleka kwethemba lengomso elingcono.

7. Iimviwo zowama-2020 zeSatifikethi esiPhezulu seSizwe (NSC)
7.1. IKhabhinethi izibandakanya noMongameli uRamaphosa ekunqweneleni abafundi bematriki bowama-2020 amathamsanqa kwiimviwo zabo ze-NSC neziqale namhlanje, umhla we-5 kweyeNkanga neziza kugqitywa ngomhla we-15 kweyoMnga yowama-2020. Sibongoza bonke abazali, abalondolozi kunye noluntu ngokubanzi ukuba luxhase luze lukhuthaze abafundi njengokuba begqibezela iminyaka yabo eli-12 yokufunda.
7.2. Ubhubhane we-COVID-19 ukuphazamisile ukuhanjwa kwesikolo namalungiselelo okubhalwa kweemviwo zeBanga le-12 kulo nyaka. Noxa kunjalo, iSebe lezeMfundo esiSiseko nezikolo ziqalise inkqubo yokuleqisa ukulungiselela abafundi. IKhabhinethi inethemba lokuba aba bafundi banawo amandla okuvelisa ezona ziphumo zingcono.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. INkqubo yeMisebenzi kaRhulumente (i-PoA)

1.1. IKhabhinethi iyamkele iNgxelo yokuqala yeMisebenzi kaRhulumente eyenziwa kabini ngonyaka yexesha elisukela kweyoMqungu ukuya kweyeSilimela yowama-2020. Umsebenzi owenziwe ngeli xesha unika intsingiselo kwiNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi sowama-2019 – 2024.
1.2. Eli xesha lihloliweyo lingqama nqo kunye nemiphumela ephazamisayo yobhubhane we-COVID-19 ehlabathini jikelele, eye yabangela ukuba imithombo neenkqubo zikarhulumente zibhekiswe ekukhuseleni iimpilo neendlela ekuphilwa ngazo.
1.3. Noxa kunjalo iKhabhinethi ixolile yinkqubela ethe yenziwa ekufezekiseni ukunikezelwa kweenkonzo eziphathekayo nezibalulekileyo ezingundoqo ebezilindelekile. Nangona ezinye zezi nkonzo ziphathekayo zibalulekileyo ziye zaphazanyiswa nje, iKhabhinethi ixolile ziinkqubo zokubuyisa ezimiselweyo kumacandelo achaphazelekayo. Iinkcukacha zezi ngxelo ziza kucaciswa ngexesha lendibano ecetywayo yecandelo yokwazisa amajelo eendaba.

C. Umsitho Ozayo

1. UMzantsi Afrika uyavumelana neMvumelwano yobuHlobo neNtsebenziswano (i-TAC) neZizwe zaseMzantsi Mpuma Ashiya (i-ASEAN)

1.1. UMphathiswa weSebe lezobuDlelwane bamaZwe-ngamazwe neNtsebenziswano, uGq Naledi Pandor, uza kumela uRhulumente woMzantsi Afrika kumcimbi wokufikelela koMzantsi Afrika kwiMvumelwano yobuHlobo neNtsebenziswano (i-TAC) neZizwe zaseMzantsi Mpuma Ashiya (i-ASEAN).
1.2. Inkonzo eyodwa yokutyikitya ebanjwa ngonxibelelwano lwevidiyo iza kubanjwa ngoLwesibini, umhla we-10 kweyeNkanga yowama-2020. UMphathiswa uPandor uza kuthatha inxaxheba kulo msitho eseKapa, apho ezakuba eqhagamshelana nezinye iiNtloko zabaThunywa beKomiti ye-ASEAN esePitoli.
1.3. UMzantsi Afrika unobudlelwane bezozakuzo nobezoqoqosho kunye nelungu ngalinye kumazwe e-ASEAN njengembumba.
1.4. Ukufikelela koMzantsi Afrika kwi-TAC ikwa lithuba lokukhulisa intsebenziswano yezopolitiko neyezoqoqosho kunye nalo mbutho wezizwe-ngezizwe ubalulekileyo nokhulayo.

D. Imiyalezo

1. Ukuvuyisana

1.1. IKhabhinethi izibandakanya noMongameli uRamaphosa ukuvuyisana noGq John Pombe Magufuli ekuchongweni kwakhe ukuba abe ngumgqatswa wokonyulelwe ukuba nguMongameli weRiphabliki eManyeneyo yaseTanzania. Sijonge phambili ekusebenzeni noGq Magufuli ukomeleza ubudlelwane obuliqilima phakathi kwala mazwe mabini, kwakunye nemiba ebaluleke ngokufanayo kummandla woLuntu oluPhuhlileyo lwe-Afrika eseMazantsi (i-SADC), kwakunye nelizwekazi le-Afrika nehlabathi.
1.2. IKhabhinethi ivuyisana noNksz Shudufhadzo Musida ngokuthweswa isithsaba sokuba nguNobuhle waseMzantsi Afrika wonyaka wama-2020 kwaye imnqwenela okuhle kodwa kwindima yakhe njengommeli we-Brand South Africa. Uzibandakanya nesininzi sabemi boMzantsi Afrika abaphakamisela phezulu ibhanile yoMzantsi Afrika ukwenzela ilizwe lethu igama kwihlabathi jikelele.
1.3. IKhabhinethi ivuyisana neBanyana Banyana, ethe yaqalisa ukukhusela isithsaba sayo seNdebe ye-COSAFA ngokuphumelela ngamanqaku ama-2-0 xa ibiqubisana ne-Angola eBhayi, eMpuma Koloni ngoLwesibini.

2. Uvelwano
IKhabhinethi ithumele imiyalezo yovelwano kusapho nezihlobo zika:
2.1. Mnu Enuga Sreenivasulu Reddy, othe wasweleka eminyaka ingama-96. Uyinzalelwano yosapho oluzizitshovutshovu zezopolitiko eMzantsi Indiya. Wakhokela iphulo leZizwe eziManyeneyo ukuchasa ucalucalulo waze waxhasa ngokubonakalayo iintshukumo zenkululeko zaseMzantsi Afrika isithuba esingaphezu kwesiqingatha sekhulu leminyaka, waze wadlala nendima engundoqo ekukhuthazeni ukwenziwa ikheswa kweli lizwe ngamazwe-ngamazwe.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139
Umhla: NgoLwesine, 5 kweyeNkanga 2020
Ikhutshwe: Liziko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
www.gcis.gov.za; www.gov.za

Share this page

Similar categories to explore