A. Imiba enguNdaba-mlonyeni
1. Ezoqoqosho
1.1. Irhafu eqokelelweyo
1.1.1. IKhabhinethi ibamba ngazibini kwizigidi zabahlawuli berhafu abawagcwalisileyo amaxwebhu abo erhafu ngolo hlobo banceda iCandelo lezeRhafu loMzantsi Afrika ukuba liqokelele imali yerhafu ezitriliyoni zeerandi eziyi-2.155 ngonyaka-mali wama-2023/24.
1.1.2. Le mali ingaphezulu ngeebhiliyoni zeerandi ezingama-52 kule ibiqokelelwe kulo nyaka ungaphambili kwaye ibonisa ukuba uqoqosho lweli lizwe luqhuba kakuhle nangona zikhona iimeko zalapha ekhaya nezehlabathi eziyimingeni.
1.1.3. Le mali yerhafu ithe xhaxhe inceda urhulumente ukuba akwazi ukubhatalela iiprojekthi zokuhanjiswa kweenkonzo zelizwe kunye nezinye iinkqubo zophuhliso lwezoqoqosho nentlalo.
1.2. Utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo
1.2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kwe-Newlyn Park Bayhead Rail Terminal exabisa iimali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-3.4 kwiziBuko laseThekwini. Lo mzi uzimitha eziphindwe kabini ezingama-640 000 ubukhulu unendawo yokugcina iimpahla ezingekasetyenzwa, imizila yokuhamba uloliwe wemithwalo nendawo yokugcinwa kweempahla.
1.2.2. Eli zibuko litsha liza kwenza kube lula ukuhanjiswa kwemithwalo elwandle, kwimizila kaloliwe nasezindleleni eziya kwiziBuko laseThekwini, lincede nokulungisa ezi ngxaki bezikhe zehlela icandelo lokuhanjiswa kwemithwalo, iziseko ezingundoqo kunye neleendlela.
1.2.3. Olu tyalo-mali luzele imisebenzi yezokwakha engama-4 013 ngqo kulo kunye nemisebenzi esisigxina engaphezulu kwe-1 000, futhi kulindeleke ukuba eli nani linyuke ngokuye imithwalo emininzi ingena kweli ziko.
1.2.4. Ngelokuvuselela imizila yoololiwe yeli lizwe, iKhabhinethi ikwamkele ukulungiswa kweenkonzo ezintlanu ze-Metrorail yi-Arhete yoMzantsi Afrika yooLoliwe Abakhwelisa Abantu (i-PRASA) e-Gauteng, KwaZulu-Natal naseNtshona Koloni.
1.2.5. Ngamafutshane u-PRASA uvule imizila yakhe yoololiwe engama-31 kwengama-40 yatsho yasebenza kodwa hayi ngokugcweleyo kwaye umanxada-nxada ngoku uzama ukuba le mizila isebenze ngokugcweleyo. Lo msebenzi ungaka ubonisa ukuzimisela kukarhulumente ekuvuseleleni oololiwe abakhwelisa abantu kuze kubekho inkqubo yezothutho esebenzayo eza kuxhanyulwa ngabemi boMzantsi Afrika.
1.2.6. Komnye umsebenzi ofana nalo, iKhabhinethi isamkele isibhengezo esenziwe yi-Arhente yoMzantsi Afrika yooHola beNdlela (i-SANRAL) sokuba izakugalela imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-50 kuphuhliso lweendlela eMpuma Koloni. Olu tyalo-mali kwiziseko ezingundoqo luza kuncedisa ekwakhiweni kwamaziko amatsha, kuhlaziyo lweendlela kunye nasekuphuculeni nasekulungisweni koohola bendlela abakweli phondo.
1.3. Utyalo-mali
1.3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kweziko elitsha lakwa-Tetra Pak kwiphondo laKwaZulu-Natal nguMongameli Cyril Ramaphosa, olungenise utyalo-mali oluzizigidi ezingama-500 eerandi.
1.3.2. Olu tyalo-mali luyinxalenye yePhulo likaMongameli lokuZingelwa koTyalo-mali, apho urhulumente ngowama-2018 wayezibekele ukuba uza kubizela kweli utyalo-mali oluzitriliyoni zeerandi eziyi-1.2 kwisithuba seminyaka emihlanu.
1.3.3. Kulo nyaka uphelileyo kwiNkomfa yesihlanu yoMzantsi Afrika yoTyalo-mali, ubungunyaka wokugqibela weli phulo lokuzingela utyalo-mali, kwenziwe izithembiso zotyalo-mali oluyitriliyoni eyi-1.5 yerandi.
1.3.4. Olu tyalo-mali luza kuzala iifektri ezintsha, imisebenzi yoluntu luze lube negalelo kuqoqosho lweli lizwe lakuthi. IKhabhinethi iqinisekile ukuba eli phulo lokuzingelwa kotyalo-mali luza kuvuselela uqoqosho luze luphucule noqoqosho lweli lizwe.
1.4. INkqubo yokuDala imiSebenzi (i-LAP) yeNgxowa-mali ye-Inshorensi yabaPhelelwe yiMisebenzi (i-UIF).
1.4.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa kwe-UIF-LAP, eyinkqubo yokuqeqeshwa kwizakhono nezoshishino enjongo zayo ikukuxhamlisa ulutsha kunye nabantu abangasebenziyo kweli lizwe. Le nkqubo iza kuqinisekisa ukuba abantu abatsha nabo bafuna imisebenzi banezakhono ezifanelekileyo eziza kubenza ukuba baqesheke lula futhi bakwazi ukuziqalela awabo amashishini.
1.4.2. I-UIF-LAP, eza kuqaliswa mbombo zone zeli lizwe, kulindeleke ukuba idale amathuba emisebenzi angaphezulu kwama-704 000 aza kuxhanyulwa ngabantu abangasebenziyo. Iza kwenza oku ngokunikezela ngoqeqesho kunye nenkxaso kumashishini asakhasayo kwiiprojekthi ezingama-333 ezikulo lonke eli lizwe. Imali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezingama-23.8 ibekelwe bucala ukuqalisa esi sicwangciso futhi wona amathuba emisebenzi aza kuqhuba isithuba esiphakathi kweenyanga ezili-12 nezingama-36.
2. ImiNyaka engama-30 yeNkululeko noLawulo lweNtando yesiNinzi
2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuphehlelelwa kwemibhiyozo yesikhumbuzo seminyaka engama-30 yeNkululeko noLawulo lweNtando yesiNinzi, ebanjwe phantsi komxholo othi: “Iminyaka engama-30 yoLawulo lweNtando yesiNinzi, uBambiswano noHlumo.”
2.2. Ngethuba kuphehlelelwa le mibhiyozo kuye kwatyhilwa ne-logo yeMinyaka engama-30 yeNkululeko, eluphawu oluza kusidibanisa xa sibhiyozela esi siganeko sibaluleke kangaka kwimbali yelizwe lethu.
2.3. IKhabhinethi icela wonke umntu ukuba asebenzise le logo isesikweni ifumanekayo ngeentlobo ezahlukeneyo ukwenzela ukuba kube lula ukuyisebenzisa. Le logo ikwiwebhusayithi ka-GCIS eyile: https://www.gcis.gov.za/30-years-of-freedom-toolkit
2.4. Lo msitho wokuphehlelela ubusisiqalo semibhiyozo eza kuqhuba unyaka wonke kubhiyozelwa le misebenzi mihle sele siyenzile ukususela ngowe-1994 yokuseka isizwe esilawulwa ngokwentando yesininzi esixhathise ngoMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 kunye noMqulu wamaLungelo. Lo msitho mngaka ukwalithuba lokuba sikhe sihlalutye le mingeni sisajongene nayo sigwadle amacebo okuyilwa size siqhubele phambili izwe lakowethu.
2.5. Ukususela ngowe-1994 sisebenze nzima sisakha isizwe esikhokelisa ubumbano nomanyano, kwaye nangona zisekhona iingxaki esisajamelene nazo, iimeko ziya ziphucuka nangakumbi ngokuhamba kwexesha. Le misebenzi mihle sesiyenzileyo ukususela ngowe-1994 icacisiwe kuBalo-bantu lowama-2022 kunye noPhicotho lwemiNyaka engama-30. Zombini ezi ngxelo ziyangqina ukuba ngenene isizwe sethu siqhubela phambili into leyo ebonisa ukuba zonke izalathisi zichaza ukuba uyabonakala umsebenzi osele wenziwe. Iziphumo zophando loBalo-bantu kunye noPhicotho lweMinyaka engama-30 zibonisa ngokuphandle ukuba uphuhliso olwenzeka kweli lizwe alwenzekanga ngebhaqo, koko lucwangciswe ngononophelo kwiinkqubo zikarhulumente ukususela ngowe-1994.
2.6. IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika kunye namacandelo ahlukeneyo oluntu ukuba bathathe inxaxheba kwimibhiyozo yeMinyaka engama-30 yeNkululeko noLawulo lweNtando yesiNinzi. Abemi boMzantsi Afrika bangathatha inxaxheba ngokubalisa ukuba babunjani na ubomi ngethuba uMzantsi Afrika wawuphantsi korhulumente wocalu-calulo basincede sakhele kule misebenzi mihle sele siyenzile ukuza kuthi ga ngoku.
3. IsiGqibo seBhunga laMalungelo oLuntu leZizwe eziManyeneyo (i-UN)
3.1. IKhabhinethi iyasamkela isigqibo seBhunga lamaLungelo oLuntu le-UN esimelelela ukuba ilizwe lase-Israel libekwe ityala ngolwaphulo-mthetho olwenzeka kwimfazwe kunye nolwaphulo-mthetho olwenziwa eluntwini izinto ezo zenzeka eGaza. Esi sigqibo siphinda “siyalele ukuba onke amazwe ayeke ukuthengisa, ukukhuphela nokugqithisa izixhobo, imipu kunye nezinye izixhobo zomkhosi e-Israel”.
3.2. Ukwamkelwa kwesi sigqibo kuyimbali njengoko ikokokuqala ukuba iBhunga lamaLungelo oLuntu lithabathe amanyathelo ngale nyhikityha ingazange ibonwe ezimbalini yenzeka eGaza, apho abantu basePalestine abangama-32 975 sele bebulewe, abaquka abantwana abangama-14 500, ukususela oko i-Israel yathi yaqalisa uhlaselo kwintsuku ezingaphezulwana kwezingama-180 ezidlulileyo.
4. UNyulo-Jikelele lowama-2024
4.1. Onke amalungiselelo sele egqityiwe oNyulo lukaZwelonke nolwamaPhondo lowama-2024, kulandela ukutyikitywa kwemiGaqo yokuziPhatha yeKhomishoni yoNyulo ngamaqela ezopolitiko kunye nabagqatswa abazimeleyo.
4.2. UNyulo-Jikelele luza kubanjwa ngomhla wama-29 kuCanzibe 2024 futhi amaqela ezopolitiko aza kuthatha inxaxheba kunyulo lwalo nyaka angama-325. ImiGaqo yokuziPhatha yoNyulo ibophelela bonke abo baza kuzigqatsa kunyulo ukuba balandele imithetho ethile eyenzelwe ukuqinisekisa ukuba unyulo lukhululekile futhi alunamkhethe.
4.3. IKhabhinethi iqinisekile ukuba isizwe sakuthi siza kuphinda sakhele kule ndlela siqhele ukuqhuba ngayo yokubamba unyulo lukazwelonke nolwamaphondo olungenamakhwiniba, olukhululekileyo nolungenamkhethe ukususela ngowe-1994. Njengoko isizwe sibhiyozela imiNyaka engama-30 yeNkululeko, abemi bayakhuthazwa ukuba baxhamle ilungelo labo lolawulo lwentando yesininzi baze bavote.
5. INgqungquthela yeSizwe kaRhulumente yeTeknoloji eneZakhono eziFana nezaBantu (i-AI)
5.1. Sonke sithe phithi yi-AI kwaye i-AI yenza utshintsho olumandla ehlabathini, into leyo yenza kufuneke ukuba amazwe alungiselele utshintsho oluza kwenziwa yi-AI ebantwini nakwinkqubo zolawulo.
5.2. Le Ngqungquthela yeSizwe kaRhulumente ye-AI iza kubanjelwa eRhawutini ngomhla wesi-5 kuTshazimpunzi 2024 ukuze urhulumente kunye neli candelo bakwazi ukugwadla imigaqo-nkqubo kunye nemithetho eza kusebenza njengesikhokelo yenze sixhamle izinto ezintsha eziza ne-AI ukunceda uluntu. Imigaqo-nkqubo ye-AI ingundoqo ekwakhiweni kwecandelo lezobuchwepheshe bale mihla apho oorhulumente, amashishini kunye nabantu baza kuthi baxhamle.
5.3. Le ngqungquthela ilinyathelo lokuqala elisisa phambili esiza kuthi sixhamle ngalo kwizinto ezintsha eziza ne-AI ukulwa ezi ngxaki zoqoqosho nezentlalo uMzantsi Afrika ujongene nazo.
6. ULwaphulo-mthetho norhwaphilizo
6.1. IKhabhinethi ikwamkele ukutyikitywa ube ngumthetho osesikweni koMthetho-siHlomelo wemiBa yezoBulungisa, wowama-2023 (uMthetho 15 wowama-2023). Lo mthetho uzalisekisa izindululo ezazenziwe kwiKhomishoni yokuBanjwa ngoBhongwana koMbuso uze wongeze elinye ityala ekufuneka liqukwe kuMthetho wokuThintela nokuLwa iZenzo zoRhwaphilizo, wowama-2004 (uMthetho u-12 wowama-2004) ngokuthi babekwe ityala abantu abangakwazanga ukuthintela urhwaphilizo.
6.2. Lo Mthetho ukwafuna nokwenza izilungiso kwiMithetho emininzi ephantsi kweSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko kuquka namagunya kunye nemisebenzi yoMabi-mafa oMkhulu. Olu tshintsho luza kuvumela ukuba uMabi-mafa oMkhulu adlale indima yokuphatha Ababi-mafa beNkundla ePhakamileyo kwaye oku kuza kukhokelela ekubeni kuhanjiswe ngcono iinkonzo eziya eluntwini nasemagqwetheni.
B. Ezintsha eziya kwiKhabhinethi
1. Imeko yeNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (i-RAF)
1.1. IKhabhinethi inikwe ingxelo malunga nokusetyenziswa kwesicwangciso-qhinga sokubuyisela u-RAF kwisimo esifanelekileyo, esineenjongo sokuzenza lula iinkqubo zezimali ngeli thuba kuphuculwa indlela ezilawulwa ngayo izibonelelo neentlawulo eziya kumaxhoba eengozi.
1.2. Elona nyathelo lingundoqo ibe kukuvulwa ngokusesikweni kweziko lemibuzo lika-RAF, eliliqonga lokuba abafaki-mabango baka-RAF bakwazi ukufumana ulwazi ngendlela ahamba ngayo amabango abo bengakhange baxhomekeke kuphela kumagqwetha abo. Eli qonga liza kunika abafaki-mabango ithuba lokuqinisekisa iintlawulo ezenziwe ngu-RAF kumagqwetha abo.
1.3. Esi sicwangciso sokubuyisela u-RAF kwisimo esifanelekileyo sibangele ukuba lenyuke kakhulu inani lamabango ahlawulweyo kwisithuba esingaphantsi kweentsuku ezili-120, saphungula iindleko zamagqwetha nge-75% kwaye neendleko zonyango zehle zisuka kwimali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-3.6 ngonyaka-mali wowama-2019/20 zaya kutsho kwimali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-2.1 ngonyaka-mali wama-2023/24. La manyathelo okungenelela akwakhokelele ekubeni iindleko zeminyaka zamagqwetha zihle ngemali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezingama-23 kule minyaka yokuqaliswa kokusetyenziswa kwesi sicwangciso. Ukongeza, la manyathelo okungenelela akhokelele ekubeni iphunguke imali yamabango ebhatelwe kubafaki-mabango/ amatyala ethutyana iye kutsho kwimali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-9.3 ngalo nyaka-mali uphela ngomhla wama-31 kweyoKwindla 2023.
1.4. IKhabhinethi ikwanikwe nengxelo ngezilungiso ezenziwe kulo Mthetho we-RAF ukhoyo ngoku, ezisele zisiya ekuqukunjelweni. UMthetho-siHlomelo oYilwayo we-RAF uza kuqwalaselwa ngulo rhulumente uza kuthatha intambo zolawulo emva konyulo-jikelele lowama-2024. Lo mthetho uyilwayo uzama ukucacisa kangangoko izibonelelo kunye nentlawulo zeentlobo ezithile zemali yomhlala-phantsi futhi nokuyenza ukuba ibe nolingwano.
C. IziGqibo zeKhabhinethi
1. IPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo woBumi, iMfuduko nokuKhuselwa kweeMbacu
1.1. IKhabhinethi ilamkele iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo woBumi, iMfuduko nokuKhuselwa kweeMbacu ukuba liqaliswe ukusetyenziswa, kulandela iinkqubo zokufakana imilomo ebeziqhutywa liSebe leMicimbi yezeKhaya kuwo olithoba amaphondo eli.
1.2. Lo mgaqo-nkqubo uzama ukunika isicwangciso esiza kucacisa imiba enxulumene nobumi, imfuduko nokukhuselwa kweembacu, apho kuza kuthathelwa ingqalelo imiba enxulumene nokhuseleko lwesizwe kunye neyokuthotyelwa kwezivumelwano nemigaqo yehlabathi emalunga nofuduko ozityikityileyo uMzantsi Afrika. Uza kukhokelisa phambili izinto ezilulutho zoqoqosho zoMzantsi Afrika, iinguqu kunye namalinge okudala imisebenzi.
2. Sisingise kuHlaziyo lweMinyaka engama-30 yoLawulo lweNtando yesiNinzi loMzantsi Afrika (1994-2024)
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwengxelo ethi “Sisingise kuHlaziyo lweMinyaka engama-30 yoLawulo lweNtando yesiNinzi lo Mzantsi Afrika (1994-2024).
2.2. Le ngxelo yokuhlaziya ibalisa ngebali lokutshintsha koMzantsi Afrika wali lizwe elilawulwa ngokwentando yesininzi ukususela kunyulo oluyimbali lomhla wama-27 kuTshazimpunzi 1994. Ibali loMzantsi Afrika lokutshintshela kulawulo lwentando yesininzi libali elinika ithemba nelivuselela abantu abaninzi kwihlabathi, le ngxelo yohlaziyo igxila kwizinto ezibalulekileyo ezifundiweyo kwiindlela olukhula ngayo ulawulo lwentando yesininzi lwesi sizwe. Kule minyaka ingama-30, eli lizwe likwazile ukuba norhulumente olawulwa ngokwentando yesininzi ozinzileyo, futhi onamaziko angqingqwa kwaye nohlonitshwayo lihlabathi jikelele.
2.3. Le Ngxelo yoHlaziyo lweMinyaka engama-30 yahlulwe ngokwemixholo emine ebhekisa kule miba ibalulekileyo (1) iNkqubo yoKwakha ngokuTsha nokuPhuhlisa yowe-1994 kunye neenjongo zayo ezintlanu; (2) ukwamkelwa ngokusesikweni koMgaqo-siseko ngowe-1996; (3) isiCwangciso soPhuhliso lweSizwe sowama-2012; kunye (4) nesiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo seSigaba esiPhakathi sowama-2019-2024 sona esigxila kwizinto ezintandathu ezikhokeliswe phambili ngulo rhulumente wathatha iintambo zolawulo ngowama-2019. Le ngxelo yohlaziyo iza kupapashwa liSebe lezoCwangciso, uHlolo noVavanyo futhi noluntu ngokubanzi luza kukwazi ukuzifundela le ngxelo.
D. Imisitho Ezayo
1. INkomfa yesi-6 ye-Commonwealth Red Cross and Red Crescent engoMthetho weHlabathi wezeNtlalontle yoLuntu
1.1 UMzantsi Afrika uza kusingatha ngobambisana neKomiti yeHlabathi ye-Red Cross iNkomfa yesi-6 ye-Commonwealth Red Cross and Red Crescent engoMthetho weHlabathi wezeNtlalontle yoLuntu eMzantsi Afrika ukususela ngomhla we-15 ukuya kowe-19 kuTshazimpunzi 2024 e-Irene Country Lodge ePitoli. Le nkomfa iza kuzinyaswa ngabameli abaphuma kuMazwe ayasekuba ngamaThanga, ngamalungu ombutho we-Red Cross and Red Crescent, namanye amahlakani aphambili apho kuza kuthi kuxoxwe ngoMthetho weHlabathi wezeNtlalontle yoLuntu.
1.2 Le nkomfa ifuna ukuvuselela le mithetho ikhoyo yamalungelo oluntu ize ityebise nolwazi lwethu malunga nokubaluleka koMthetho weHlabathi wezeNtlalontle yoLuntu kule mihla ikhulelwa zingxaki zongquzulwano ngezikhali kwakunye noguqu-guquko lwemozulu, ukunqongophala kokutya kunye nengxaki ekhulayo yokususwa kwabantu kumakhaya wabo.
E. Imiyalezo
1. Imiyalezo yokuvuyisana
IKhabhinethi ivuyisana futhi ithumela neminqweno emihle:
• KuMphathiswa wezeMpilo uGq Joe Phaahla ngokonyulwa kwiBhodi yeNgxowa-mali yeHlabathi apho aza kuqala ukusebenza ngomhla woku-1 kuCanzibe 2024. UGq Phaahla uza kumela ummandla oseMpuma naseMazantsi e-Afrika.
• Kubemi boMzantsi Afrika abanenkolo yobu-Islam kunye nabanye bale nkolo kwihlabathi, ingakumbi abase-Palestine, ngethuba bebhiyozela i-Eid al-Fitr. I-Ramadan lixesha lokuba umntu ngamnye azifune, abonakalise ububele aze azinikele ngokomoya ngethuba abantu abankolo yobu-Islam bezama ukukhula ngokwasemphefumlweni nokukwazi ukuzilawula. Lo mbhiyozo we-Eid al-Fitr usisiphelo senyanga engcwele ye-Ramadan, apho abantu abankolo yobu-Islam bathe bazila yonke imihla, phantsi kweemeko ezibuhlungu kakhulu e-Palestine.
• KwiKhomishoni yezoKhuphiswano yoMzantsi Afrika ngokuphumelela iimbasa ezimbini kwi-Antitrust Writing Awards zowama-2024, umsitho lowo ububanjelwe e-Washington DC nangokuhlonitshwa nge-Online Intermediation Platforms Market Inquiry. Iphumelele le mbasa kwingxelo yayo yokugqibela ngelithuba enye imbasa iyeyenqaku elibhalwe zizifundiswa malunga nemeko zokhuphiswano eMzantsi Afrika kwicandelo lezobuchwepheshe kwezokhenketho nohambo.
2. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kwizihlobo nosapho:
• lukaMnu Tony Heard (obeneminyaka engama-86) owayelitshantliziyo lamalungelo oluntu, ukungacaluli ngokobuhlanga, eyintatheli ephume izandla, umhleli odumileyo kunye nomntu owayengumcebisi okhethekileyo kwi-Ofisi kaMongameli.
• IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ithumela amazwi ovelwano kurhulumente kunye nabantu baseBotswana emva kwengozi yebhasi ibimbi kakhulu ebilayishe abantu abaya kwicawe yePasika e-Moria. NgoLwesine, umhla we-11 kuTshazimpunzi 2024, uMongameli Cyril Ramaphosa nogxa wakhe waseBotswana, uMongameli Mokgweetsi Masisi batyelele indawo yexhwayelo apho le bhasi ibiwe khona eLimpopo, ingozi leyo ibulele abantu abangama-45, kwaze kwasinda imveku eneminyaka esibhozo.
• lukaMnu Luke Fleurs (obeneminyaka engama-24), ityendyana ebelisakhula elingumdlali wangasemva we-Kaizer Chiefs, nowayesakudlalela neqela lesizwe labaneminyaka yobudala ephantsi, othe wabulawa ngethuba kuxhonyiswa imoto yakhe. IKhabhinethi iyakubulela nokubanjwa kwabantu abathandathu abarhanelwa ngokubulala u-Luke Fleurs.
• IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ithumela amazwi ovelwano kurhulumente kunye nabantu beRiphabhlikhi yase-Mozambique ngentlekele eyenzeke elwandle apho kuye kwasweleka abantu abamalunga ne-100.
Imibuzo: Nks Nomonde Mnukwa – IsiThethi sikaRhulumente esiliBambela
Iselula: 083 653 7485