INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla we-11 kuCanzibe 2022

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    Ulawulo lweentlekele emva kwezikhukhula
1.1.    IKhabhinethi ithi mabalale ngenxeba bonke abantu abaswelekelwe zizihlobo zabo kwezi zikhukhula zakutsha nje zenze umonakalo omkhulu bezithwaxe iindawo ezithile kweli lizwe lethu, ingakumbi kwiphondo laKwaZulu-Natal.
1.2.    Ukubhengezwa kweMeko yeNtlekele kwiZwelonke kunye namanyathelo oncedo kwezentlalo nakwezoqoqosho abhengezwe nguMongameli Cyril Ramaphosa, kuneenjongo zokuqinisekisa ukuba kukho intsebenziswano emandla nebambeneyo kuwo onke amaqoqo karhulumente, ngokusebenzisa iZiko leSizwe loLawulo lweeNtlekele.
1.3.    Le mali iyibhiliyoni yeerandi ikhutshwe ngurhulumente iza kusetyenziselwa ukuncedisa kumaphulo oncedo nawohlangulo, ukubuyisela iinkonzo ezisisiseko kunye nokunikezela uncedo olunxulumene nentlalontle yabantu olufana nokutya, amanzi, iindawo zokufihla intloko, ugutyulo kunye neempahla zokunxiba.
1.4.    Inkqubo yokwakha kwakhona iindawo ebezichaphazelekile sele iqalile njengoko abantu belizwe lakuthi bathe bafunquka ngobuninzi babo bafaka isandla kwabo amakhaya abo adilizwe zizikhukhula baze futhi balahlekelwa nazizinto zabo.

2.    Ezakutsha malunga nesiFo seNtsholongwana ye-Corona (i-COVID-19)
2.1.    IKhabhinethi ixhalatyisiwe kukunyuka kwenani labantu abosulelwe yi-COVID-19 kutsha nje kwiindawo ezithile kweli lizwe kwaye ibongoza bonke abantu ukuba bathathe amanyathelo okuzikhusela kule ntsholongwana ingubhubhane, ingakumbi ngeli xesha lasebusika.
2.2.    Le ntsholongwane iseyingxaki kuthi sonke kwaye inye indlela yokuyilwa nokuzikhusela kuyo, kukugonya. IKhabhinethi ichulumancile kukubona abantu abaninzi beqhubeleka besebenzisa amachiza okugonya njengezona zixhobo zokuzikhusela kwi-COVID-19 njengoko iingxelo zakutsha nje zichaza ukuba kumaphondo amahlanu ngabantu abadala abangaphezulu kwe-50% asele begonyiwe.
2.3.    IKhabhinethi icela abo bangekagonyi ukuba baye kugonya ukuze bakhusele bona kunye nezihlobo zabo. Kufuneka futhi siqhubeleke nokuthobela imiqathango yokuthintela i-COVID-19, equka ukunxiba isifonyo esigquma impumlo nomlomo, ukuhlamba izandla ngamanzi anesepha okanye ukusebenzisa isibulala-ntsholongwane esine-alkhoholi eyi-70%, kunye nokuqinisekisa ukuba kukho umgama oyimitha enye phakathi kwethu.

3.    IsiBonelelo sezeNtlalo soNcedo (i-SRD) 
3.1.    IKhabhinethi ikhuthaza abemi beli abafumana isiBonelelo se-SRD esiyi-R350 ukuba baphinde bafake izicelo kwakhona kulandela ukuqaliswa kwemigaqo emitsha eza kulandelwa xa kuphicothwa izicelo kujongwa ukuba umntu ufanelekile na ukuba afumane esi sibonelelo.
3.2.    Izicelo kufuneka zifakwe kwiwebhusayithi ye-Arhente yoMzantsi Afrika yeziBonelelo zeNtlalo (i-SASSA) ethi: https://srd.sassa.gov.za/. Inkqubo yokungenisa izicelo yavulwa ngomhla wama-23 kuTshazimpunzi 2022 kwaye yonke iqhutywa ngobuxhaka-xhaka be-intanethi into leyo iza kwenza ukuba ikhawuleze. 
3.3.    Isibonelelo soncedo sibalulekile ukunceda amakhaya angathathi ntweni engethwaxwa kanobom yindlala nentswela-msebenzi ukuba besingekho. Urhulumente uzimisele ukunikezela ngezibonelelo kubantu abangathathi ntweni ukuba bakwazi ukufumana izinto ezisisiseko zokuziphilisa. 

4.    Ukhuselo nokhuseleko
4.1.    IKhabhinethi iyaqhubeleka nokugxeka kabukhali umkhuba wokubulawa kwamabhinqa ngolunya kwaye iyawubulela umsebenzi owenziwe ngamagosa olwaphulo-mthetho athe abamba ngokukhawuleza abarhanelwa abakrokrelwa ngokubulala uNksz Hillary Gardee (obeneminyaka engama-28 ubudala), waKamagugu eMpumalanga. IKhabhinethi iyakugxeka kunye nokubulawa kwabantu abathandathu eKhayelitsha. Lo mkhuba wokubulawa kwabantu ngolunya usikhumbuza ukuba kusekuninzi ekufuneka sikwenzile sisisizwe ukulwa ubundlobongela ngokubanzi kunye nobo busekelwe kwisini kunye nokubulawa kwamanina (i-GBVF).
4.2.    IKhabhinethi ibongoza bonke abantu elizweni ukuba basebenzisane norhulumente kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho ne-GBVF. Xa sibambisene singaqinisekisa ukuba bakhuselekile abantu kunye neendawo abahlala kuzo, abo bantu baquka abantu abadala, amanina kunye nabantwana. 

5.    Ezoqoqosho
5.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa ngokusesikweni komzi-mveliso wokwenza izitena wakwa-Kwastina Corobrik ose-Driefontein e-Gauteng nguMongameli Ramaphosa ngoLwesithathu, umhla wesi-4 kuCanzibe 2022. Lo mzi-mveliso wale mihla uyinxalenye yotyalo-mali oluxabisa izigidi zeerandi ezingama-800, oluhambisana nolunye lwezigidi zeerandi ezingama-200 ezibekelwe ukwandisa umzi-mveliso wakwa-Corobrik oKwaZulu-Natal. U-Corobrik yenye yeenkampani eziliqela zeli ezithe zasabela ikhwelo elahlatywa nguMongameli Ramaphosa kwinkampani zoMzantsi Afrika nezehlabathi ukuba zityale imali kuqoqosho lweli lizwe. 
5.2.    IKhabhinethi ithethile nangomba wecandelo lehaydrojini elikhulayo elithe lahlutshezwa nayiloli ehamba ngehaydrojini yakwa-Anglo American. Le loli – ebikade ihamba ngedizili yaza yatshintshwa yayesebenzisa ihaydrojini futhi isebenzisa neebhetri ze-lithium-ion – yeyokuqala elolu hlobo ehlabathini. Icandelo lehaydrojini lityuntywe njengalamanye abalulekileyo ekufuneka akhokeliswe phambili kuqoqosho lweli olungenabungozi kokusingqongileyo, kunye nokukhokela kumaphulo okukhulisa uqoqosho nawokudala imisebenzi. 
5.3.    IKhabhinethi iphinde yalubulela notyalo-mali olwenziwe yinkampani yase-Ireland, i-Kerry Group, evule umzi-mveliso oxabisa imali ezizigidi zeerandi ezingama-650 e-Hammersdale, kwiphondo laKwaZulu-Natal, inkampani leyo iza kuvelisela eli lizwekazi ukutya ngendlela engazikwenza monakalo kokusingqongileyo. Lo mzi-mveliso ufana wodwa kuba usebenzisa iintlobo zobuxhaka-xhaka obungenzi monakalo kokusingqongileyo obuquka izixhobo ezingatyi mbane kakhulu, ukuvelisa umbane ngemitha yelanga ukuze ungatyi kakhulu umbane oveliswa liziko lombane leli, ukuvelisa amandla okuzifudumeza kusetyenziswa inkunkuma, ukuqokelelwa, ukusetyenziswa kwakhona kunye nokuphungulwa kwamanzi asetyenziswayo ngendlela ehlakaniphileyo. Le nkampani yakwa-Kerry Group yaqala ukusebenza eMzantsi Afrika ngowama-2011, futhi ukutyala kwayo enye imali kubonakalisa ukuba uMzantsi Afrika lilizwe elithandwayo ngabatyali-mali.
5.4.    La maphulo otyalo-mali alandela kanye emva kokuba kuveliswe i-bakkie eluhlobo lwe-Isuzu D-Max eGqebera eMpuma Koloni kule nyanga iphelileyo. Olu hlobo lutsha lwebakkie luyi-D-MAX lubonisa phandle ukuba abakwa-Isuzu bazimisele ukuzinza eMzantsi Afrika kwaye luyeminye yemisebenzi emihle ezelwe yiNkqubo yokuPhuhlisa iMizi-mveliso yeziThuthi (i-APDP). I-APDP sisibonelelo secandelo lezithuthi esenzelwe ukunyusa umthamo wezithuthi eziveliswayo , into leyo eza kukhwezela necandelo leentsimbi zeemoto ngolo hlobo kudaleke imisebenzi kuwo onke amashishini achaphazelekayo kwicandelo lezithuthi. Imali eqikelelwa kwiibhiliyoni zeerandi eziyi-2,8 iza kwenziwa kumashishini avelisa iintsimbi zeemoto alapha ekhaya ngoku isaqhubeka ukusebenza i-APDP. Olu tyalo-mali luza kudala imisebenzi engaphezulu kwe-1 000 eza kuvela ngqo kulo mzi-mveliso luze ludale neminye engama-24 000 kwamanye amacandelo asebenzisana neli, into leyo iza kuphelisa intsokolo kubantu balo mmandla. 
 
6.    Ingqungquthela yezeMigodi

6.1.    INgqungquthela yokuTyala iMali kwezeMigodi e-Afrika yowama-2022 ibibanjelwe kwiZiko laseKapa leNgqungquthela zeHlabathi ukususela ngomhla wesi-9 ukuya kowe-12 kuCanzibe 2022, yenye yeendibano ezinkulu yokudibana nokusebenzisana phakathi kwawo onke amahlakani akwicandelo lemigodi. Umxholo wale ngqungquthela ubusithi: “Ukutshintsha kweMigodi e-Afrika: Ukutyala imali kwiMithombo eMitsha yaMandla, i-ESG kunye noQoqosho”.
6.2.    IKhabhinethi iqinisekile ukuba le Ngqungquthela yezeMigodi iza kubonisa futhi ithengise noMzantsi Afrika njengelizwe eliphambili elinamathuba otyalo-mali.
6.3.    UMzantsi Afrika uyawamkela amaphulo otyalo-mali eza kweli kwaye uyathembisa ukuba uza kudala iimeko ezifanelekileyo eziza kukhuthaza uhlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke kunye neenguqu kuqoqosho lweli lizwe. 

7.    Ubudlelwane namazwe ehlabathi nawengingqi
7.1.    IKhabhinethi iyalwamkela uqhakamshelwano uMongameli Ramaphosa abenalo noMongameli Joe Biden wase-United States, uMongameli Emmanuel Macron wase-France kunye noMongameli Hakainde Hichilema wase-Zambia esebenzisa amaqonga awahlukeneyo.
7.2.    Olu qhakamshelwano lunike uMongameli ithuba lokuqinisa ubudlelwane nentsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika nala mazwe angamahlakani wawo kwimiba engundoqo etya le ngingqi nehlabathi, equka ukusombulula ungquzulwano oluse-Ukraine.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    IiVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali
1.1.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi beli ukuba bamamele iintetho zeVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali lwamasebe esizwe karhulumente kunye nolwe-Ofisi kaMongameli ukuze bakwazi ukuqinisekisa ukuba urhulumente bambeke phantsi kweliso ngenene. 
1.2.    Ngethuba kuqhutywa ezi ntetho zoHlahlo Lwabiwo-mali, onke amasebe aza kunika iinkcukacha ezigcweleyo ngezicwangciso zawo kunye nezinto aza kuzikhokelisa phambili kulo nyaka. IiNtetho zoHlahlo Lwabiwo-mali zenzelwe ukuqinisekisa ukuba imali yombuso isetyenziswa ngobunono kwizinto ezifunwa luluntu.
1.3.    Zikwanika ithuba nabaPhathiswa ukuba bacacise ngokupheleleyo umsebenzi karhulumente, kuquka izinto ezenziwe ngempumelelo kunye nezo ziseyimingeni.

2.    IsiCwangciso-qhinga sokuZisa iRhasi Elulwelo (i-LPG)
2.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba siqalise ukusebenza isiCwangciso-qhinga sokuZisa i-LPG, esasipapashwe ngenyanga yoKwindla yowama-2022 ukuba uluntu luhlomle kuso. Esi sicwangciso-qhinga sineenjongo zokwandisa icandelo le-LPG kweli lizwe. I-LPG iza kunceda kakhulu kwiphulo lokuqinisekisa ukuba sineentlobo ezahlukeneyo zamandla. 
2.2.    Esi sicwangciso-qhinga siza kubeka imithetho eza kulawula ukubekwa kwamaxabiso kumashishini akweli candelo size sixhase nokuveliswa kwamagadlela e-LPG kweli lizwe, phakathi kwezinye izinto. Siza kufundisa noluntu malunga nezinto eziluncedo ngokusebenzisa i-LPG njengolunye uhlobo lwamandla.
2.3.    Siza kufumaneka emva kokuba sipapashiwe liSebe leMithombo yeziMbiwa naMandla ku: www.dmr.gov.za.

3.    IsiCwangciso-qhinga seSizwe esiQiqisisiweyo samaPhulo okuFundisa ngamaLungelo okuKhubazeka Abantu abaKhubazekileyo 
3.1.    IKhabhinethi isamkele isiCwangciso-qhinga seSizwe esiQiqisisiweyo samaPhulo okuFundisa ngamaLungelo okuKhubazeka Abantu abaKhubazekileyo. Esi sicwangciso-qhinga sineenjongo zokusebenza njengesikhokelo sokunceda icandelo labucala kunye norhulumente ukuba aqinisekise ukuba akhuselekile amalungelo abantu abakhubazekileyo, njengoko noMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 usitsho.
3.2.    Esi scwangciso-qhinga sisixhobo esiza kunceda xa kuguzulwa imiqobo ecalulayo xa kuthathwa izigqibo, ingakumbi ngokumayelana nabantu abakhubazekileyo. Senzelwe kwanokufundisa abantu abakhubazekileyo ngamalungelo wabo akuMgaqo-siseko. Esi sicwangciso-qhinga sikwanceda nangoqeqesho, indlela amajelo eendaba anika iingxelo ngazo kunye nokufundisa uluntu ngamalungelo abantu abakhubazekileyo.
3.3.    Sikwazalisekisa izithembiso ezikwiPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wamaLungelo Abantu abaKhubazekileyo. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe atyikitya isiVumelwano seZizwe eziManyeneyo (i-UN) samaLungelo Abantu Abakhubazekileyo kunye nesiVumelwano se-UN soXwebhu lwase-Afrika lwamaLungelo oLuntu nawaBantu abaKhubazekileyo (isiVumelwano samaLungelo Abantu abaKhubazekileyo e-Afrika).
3.4.    Onke amahlakani afanelekileyo ebelinikiwe ithuba lokuhlomla kwesi sicwangciso-qhinga, kuquka neBhunga leSizwe loPhuhliso lezoQoqosho nezaBasebenzi (i-Nedlac).

4.    INgqungquthela yoLawulo loMhlaba namaLungelo oMhlaba kwiiNdawo zoLuntu 
4.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba kubanjwe iNgqungquthela yoLawulo loMhlaba kunye namaLungelo oMhlaba kwiiNdawo zoLuntu ngoLwesihlanu, umhla wama-27 nangoMgqibelo, umhla wama-28 kuCanzibe 2022 e-Gauteng.
4.2.    IKhabhinethi ilamkele iPhepha elinoLuvo ngoLawulo loMhlaba kunye namaLungelo oMhlaba kwiiNdawo zoLuntu ngeyoKwindla 2021. Iye yalela ukuba kufuneka usasazwe kumahlakani afanelekileyo ukuba nawo alihle amahlongwane.
4.3.    Le ngqungquthela iza kwenzeka ngenxa yomsebenzi owenziwa kulo nyaka uphelileyo, obuquka ukufuna izimvo zamahlakani awahlukeneyo.

C.    Imisitho Ezayo

1.    INkomfa yesiHlanu yokuLwa ukuSetyenziswa kwaBantwana
1.1.    UMzantsi Afrika uza kusingatha iNkomfa yesiHlanu yokuLwa ukuSetyenziswa kwaBantwana e-Durban International Convention Centre kwiphondo laKwaZulu-Natala ngeCawe, umhla we-15 ukuya ngoLwesihlanu, umhla wama-20 kuCanzibe 2022. Kokokuqala uMbutho wezaBasebenzi weHlabathi (i-ILO) ubamba le nkomfa e-Afrika. 
1.2.    INtloko zamazwe, abaphathiswa abali-120, amahlakani angunxantathu amazwe ali-187 angamalungu e-ILO, ii-arhente ze-UN, amaziko emfundo ephakamileyo, imibutho yoluntu, imibutho engekho phantsi korhulumente, amajelo eendaba kunye noluntu kulindeleke ukuba azimase le nkomfa. 
1.3.    Lo msitho uza kunika uMzantsi Afrika ithuba lokuba uqhayise ngoMgaqo-siseko wawo okhusela amalungelo abantwana. Eli lizwe liza kubamba iingxoxo namazwe ahlukeneyo asele ehambe umgama omde kwidabi lokulwa ukuqeshwa kwabantwana njengabasebenzi lize lifunde kuwo.

2.    Imbizo kaMongameli yeNkqubo yoPhuhliso lweziThili (i-DDM)
2.1.    UMongameli Ramaphonsa uza kubamba Imbizo kaMongameli ye-DDM eMpumalanga ngoLwesihlanu, umhla wama-20 kuCanzibe 2022 phantsi komxholo othi: “Masingashiyi namnye ngasemva”. Njengokuba le iyindibano ebalulekileyo enika uluntu ithuba lokuthatha inxaxheba, le Mbizo iza kunika uMongameli ithuba lokuba athethe ngqo namahlakani ahlukeneyo – ingakumbi abantu basemaphandleni – aze amamele imiba kunye nemingeni ngeenjongo zokuza nezisombululo.
2.2.    Imbizo kaMongameli ye-DDM yenzelwe ukususa imiqobo ethintela ukuhanjiswa kweenkonzo ngendlela ehlangeneyo kunye nokukhuthaza uluntu ukuba luthathe inxaxheba njengoko i-DDM isitsho.
2.3.    Abemi boMzantsi Afrika bangazilandela iingxoxo futhi bathathe nenxaxheba kuzo kumakhasi oluntu onxibelelwano phantsi kwesihloko esithi: #PresidentialImbizo. 

3.    INyanga ye-Afrika
3.1.    Ukubhiyozelwa minyaka le kweNyanga ye-Afrika noSuku lwe-Afrika oluza kuba ngoLwesithathu, umhla wama-25 kuCanzibe kuza kuqhutywa phantsi komxholo othi: “UNyaka weSondlo: Ukuqinisa ukunyamezela kwesondlo nokuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneleyo kwilizwekazi le-Afrika”.
3.2.    Njengenxalenye yombono wale minyaka izayo njengoko uchaziwe ku-Ajenda 2063 (esisikhokelo sophuhliso lwe-Afrika esifuna ukuba kubekho uphuhliso oluzinzileyo loqoqosho nentlalo kule minyaka ingama-50 izayo), lo mxholo ugxininisa kwizakhono zabantu base-Afrika ikakhulu amanina, abantu abasaqala ukufikisa kunye nabantwana. Oku kubalulekile kuphuhliso njengoko kuza kukhokelela ekubeni kuphucuke ubomi babantu, bafumane imivuzo ephezulu futhi namazwe abe nengeniso engcono.
3.3.    Umsitho omkhulu oza kukhapha imibhiyozo yale Nyanga ye-Afrika yiVeki ye-Afrika yoNxibelelwano, eza kubanjelwa e-Constitutional Hill eRhawutini ukususela ngomhla wama-23 ukuya kowama-27 kuCanzibe 2022.
3.4.    INyanga ye-Afrika inika ithuba lokuba sikhuthaze umanyano lwama-Afrika kunye nentsebenziswano emandla kule ngingqi kunye nokuzibophelela kwe-Afrika ukuba iza kusengela thungeni linye. IKhabhinethi ifuna ukukhumbuza wonke umuntu ukuba izinto ezibalulekileyo nezilulutho zeli lizwe zixhomekeke kuzinzo, umanyano kunye nenkqubela ye-Afrika iphela. 

D.    Imiyalezo

1.    Amazwi ovelwano
IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano  kusapho nezihlobo zika:

  • Nksz Phindile Xaba (obeneminyaka engama-53) obengumakhwekhwetha owasebenza iminyaka emininzi kumajelo eendaba, eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela. Ebesebenza ngokuzinikela encedisa kumalinge okuphucula izwe lakuthi.
  • Nozakuzaku uSilumko Sokupha (obeneminyaka engama-74), osebenzele ii-Arhente yoKhuseleko lweLizwe (i-SSA) kwizikhundla ezahlukeneyo ngethuba esebenzela uRhulumente iminyaka emininzi.
  • Njng Francis Wilson (obeneminyaka engama-83), usoqoqosho ebengumpondo-zihlanjiwe kunye nengqanga eyaseka icandelo i-Southern Africa Labour and Development Research Unit.
     

E.    Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo

1.    UGq Kesavan Naidoo njengeSekela Mlawuli-Jikelele (i-DDG): EzoPhuhliso lweSebe kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano (i-DCoG).
2.    UMnu Siphosihle Emmanuel Hlomuka njenge-DDG: INkxaso yooRhulumente beNgingqi noLawulo lwaManyathelo okuNgenelela e-DCoG.
3.    UMnu Risimati Patrick Mathye njenge-DDG: ULawulo lweeNkonzo zaManzi noGutyulo kwiSebe lezaManzi noGutyulo (i-DWS).
4.    UMnu Collin Xolani Zwane njenge-DDG: IMithetho, ukuThotyelwa Kwayo kunye nokuNyanzelisa ukuba Ithotyelwe e-DWS.
5.    UMnu Melanchton Makobe njenge-DDG: kwezokuQinisekisa uLawulo noMsebenzi e-SOC kwiSebe lamaShishini kaRhulumente.

F.    IKhabhinethi iyavumelana nabaPhathiswa ngaba bantu baqeshwe kwezi zikhundla zilandelayo:
1.    UMnu Bhekuyise Mathews Khenisa njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawulo (i-CEO) kwi-Arhente yoPhuhliso lweziNdlu (i-HDA).
2.    UNksz Joy Keledi Masemola njengeGosa eliyiNtloko leziMali (i-CFO) e-HDA.
3.    UGq Cornelius Ruiters njenge-CEO yase-Lepelle Northern Water.

4.    Amalungu e-Forest Sector Charter Council: 

(a)    uNksz Nelly Ndlovu (uSihlalo);
(b)    uNksz Makhosazana Mavimbela;
(c)    uMnu Dwayne Marx;
(d)    uNksz Tanucia Coopasamy;
(e)    uMnu Tyrone Hawkes;
(f)    uMnu Penwell Lunga;
(g)    uMnu Michael Peter;
(h)    uMnu Bruce Breedt;
(i)    uMnu Pierre Tullis; 
(j)    uMnu Roy Southey;
(k)    uMnu Lulamile Xate;
(l)    uMnu Mlungisi Bushula;
(m)    uNksz Thandi Mokoena;
(n)    uMnu Darryll Sauer;
(o)    uMnu Tshepo Makhene;
(p)    uNksz Pumeza Nodada;
(q)    uNksz Lindiwe Mavundla; kunye
(r)    noNksz Kwena Komape.

Imibuzo:
uNksz Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore