INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe kwi-Intanethi ngoLwesithathu, umhla we-18 kweyeThupha 2021

A.  IMIBA ENGUNDABAMLONYENI 

1.  IsiBonelelo sokweHlisa uXinzelelo lweNtlalo (i-SRD) olubangelwa siSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19) 
1.1.  IKhabhinethi iyabuqonda ubunzima obubangelwe ngubhubhane we-COVID-19 kunye nobundlobongela basesidlangalaleni obusandula ukuba khona kwezinye iindawo zaKwaZulu-Natal naseRhawutini. Ngenxa yoku, ikhumbuze abemi boMzantsi Afrika ukuba izicelo zesiBonelelo se-COVID-19 SRD ukuxhasa abantu abangenangeniso ziye zavula ngoLwesihlanu, umhla we-6 kweyeThupha 2021. 
1.2.  I-Arhente yoKhuseleko lweNtlalo yoMzantsi Afrika ivule amajelo amatsha ekungafakwa kuwo izicelo kwi-govchat.app naku-Facebook Messenger, ukongeza kwiwebhusayithi https://srd.sassa.gov.za okanye u-WhatsApp ku-082 046 8553.
1.3.  Abantu abaneminyaka ephakathi kwe-18 nama-60 abangenalo naluphi na uhlobo lwenkxaso yezezimali kumelwe ukuba bafake isicelo. Isibonelelo se-R350 ngenyanga ngumnatha wokhuseleko obalulekileyo kwiintsapho ezingathi kungenjalo zidandathekiswe sisibetho sentlupheko nentswela-ngqesho.

2.  Amandla ombane
2.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukushicilelwa kwiphepha-ndaba likarhulumente kule veki kwemigaqo eyonyusa umlinganiselo wokuveliswa okuzinzileyo ukusuka kwi-megawatt (MW) eyiyo ngoku ukuya kwii-MW ezili-100. KweyeSilimela 2021, uMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuhlonyelwa kweShedyuli yesi-2 yoMthetho woLawulo loMbane, ka-2006 (uMthetho we-4 ka-2006) ukonyusa umlinganiselo wokunika amaphepha-mvume oMlawuli waMandla oMbane weSizwe weeprojekthi zokuveliswa okuzinzileyo ukuvumela ukuveliswa kombane bucala okongezelelekileyo.
2.2.  Iinkampani ezikumacandelo asebenzisa umbane kakhulu ngoku ziza kukwazi ukuzivelisela umbane ngokwazo ngaphandle kwemfuneko yephepha-mvume. Ubungakanani bokuvelisa obutsha buza konyusa ukhuseleko lwamandla ombane ngokucutha ukuxhomekeka kwisiseko samandla nokuvula utyalo-mali olukhulu kwicandelo labucala.

3.  IPhakheji yeNkxaso yokuVuselelwa koQoqosho
3.1.  IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kuwo onke amashishini aselungelweni achatshazelwe kukungazinzi koluntu okusandula ukubakho KwaZulu-Natal naseRhawutini ukuba bafake isicelo senkxaso yemali-mboleko yamashishini engazi kuba nenzala, phantsi kwePhakheji yeNkxaso yokuVuselelwa koQoqosho eyi-R3.75 yezigidi zezigidi (yeebhiliyoni) enikwa ngurhulumente.
3.2.  ISebe lezoRhwebo, uShishini noKhuphiswano (i-DTIC) namaziko ayo ezezimali zophuhliso – iNdibaniselwano yoPhuhliso lweMizi-mveliso kunye neNgxowa-mali yokuXhotyiswa kweSizwe, zenze iphakheji yokuxhasa ngemali ukuxhasa iingenelelo ezininzi ezahlukenekyo zokuvuselela amashishini. Oku kuquka ukwakha kwakhona amaseko, izixhobo, izixhobo zezakhiwo, isitokhwe kunye nemali yokuqhuba ishishini. Le nkxaso-mali iza kunceda ukwehlisa imiceli-mingeni yentlalo noqoqoqsho ejongene namashishini achatshazelwe kukungazinzi.
3.3.  IKhabhinethi iphinde yamkela yaza yavuma isibhengezo esenziwe yi-JP Morgan sokunika inkxaso yezezimali kunye nengeyiyo eyezezimali eyi-R340 yezigidi isebenzisa iNkqubo yoTyalo-mali yobuLungisa noLingano ye-Abadali (i-EEIP) le nkqubo iquka i-Abadali Fund (iNgxowa-mali ye-Abadali) – iNgxowa-mali yokuKhulisa amaShishini aMnyana kunye neSibonelelo se-Abadali (R40 yezigidi). 
3.4.  La manyathelo aza kuxhasa ukukhula koqoqosho olubandakanyayo kunye nokwakhiwa kwemisebenzi kumashishini amancinci naphakathi, ingakumbi kumacandelo okuvelisa nawoqoqosho olunakekela okusingqongileyo.

4.  Ukutshintshwa kwegama
4.1.  IKhabhinethi ikwamkele ukuthiywa kwe-Brandfort eseFreystata igama elitsha eliyi-Winnie Mandela, kunikwa imbeko kwigqala lomzabalazo nenkulukelo elaye lagxothelwa kule dolophu ngexesha lenkcochoyi yocalucalulo.

5.  Isikhumbuzo seMarikana
5.1.  IKhabhinethi izibandakanye nelizwe lonke ekukhumbuleni intlekele eyenzeka eMarikana kuMntla Ntshona ngeyeThupha ku-2012, kwaye ivuma intlungu yabasebenzi, iintsapho zabo nesizwe siphela. Sililizwe sisemi kwelokuba intlekele efana nale kufuneka ingaze iphinde yehle.
5.2.  INkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS) sele yenze inkqubela-phambili enkulu ukumisela izindululo zeKomishoni yoPhando ka-Farlam. Ezinye zazo ziza kumiselwa ngokupheleleyo xa sele kwenziwe izihlomelo kwimithetho ye-SAPS ePalamente.
5.3.  Umsebenzi wokuphucula ubomi bezimbi-mgodi uyaqhubeka. Ukwakhiwa kweendawo zokuhlalisa abantu namaseko okuvuselela kula ndawo kuyaqhubeka, ngentsebenziswano necandelo labucala.
5.4.  IKhabhinethi ikwavuyiswa yinkqubela-phambili enkulu eyenziweyo malunga nembuyekezo yamaxhoba ale ntlekele kunye nezizalwane zawo. I-Ofisi yeGqwetha-Jikelele sele iwaphumezile amabango amaninzi, intlawulo yokugqibela yenziwe ngeyeSilimela ku-2021. Amabango asasileleyo alinde ukuba kungeniswe amaxwebhu afunekayo.
5.5.  IKhabhinethi ikhuthaza amaqela ezomthetho amaxhoba ukuba asebenze ngokukhawuleza ukugqiba amabango ashiyekileyo. I-Ofisi yeGqwetha loMbuso sisiseko esikumbindi esiphumeza la mabango.

6.  INgqungquthela yoPhuhliso loLuntu loMzantsi we-Afrika (i-SADC)
6.1  UMongameli Ramaphosa ukhokele ukuthabatha inxaxheba koMzantsi Afrika kwiNgqungquthela yeSiqhelo yama-41 yeeNtloko zaMazwe noRhulumente ebibanjwe ngomhla we-17 ne-18 kweyeThupha 2021 eLilongwe, eMalawi phantsi komxholo othi: “UKomeleza aMandla okuVelisa ngeXesha loBhubhane we-COVID-19 ukudala iNguqu yoQoqoqsho namaShishini eBandakanyayo neZinzileyo”.
6.2  Le ngqungquthela iye yajonga inkqubela-phambili eyenziweyo yokuphakamisa nokwenza nzulu ukudityaniswa kwengingqi ngokuhambelana nesiCwangciso soPhuhliso lweQhinga eliKhombisayo seNgingqi ye-SADC sika-2020-2030.
6.3  IKhabhinethi iqinisekise ukuzibophelela koMzantsi Afrika ekudityanisweni nasekwenzeni ingingqi isebenze ngoshishino, ingakumbi ukunceda ukuvuselelwa kwe-SADC emva kobhubhane we-COVID-19. Isebenzisana, ingingqi ye-Afrika iza kuphuma yomelele nangakumbi ngethuba sishukumisa amacandelo ethu oshishino ukuba akhe uqoqosho kwakhona.

B.  ISIGQIBO SEKHABHINETHI

1.   Bhunga leSizwe eliYalela ngeNtsholongwane ye-Corona (i-NCCC)
1.1.  IKhabhinethi ifumene ingxelo kwi-NCCC echaza ukuba sele kusetyenziswe ngaphaya kwezigidi ezilithoba zamachiza okugonya eMzantsi Afrika ukuza kuthi ga ngoku, apho abantu abangaphaya kwezigidi ezisixhenxe bengekagonywa ngokupheleleyo abazizigidi ezine bagonywe ngokupheleleyo.
1.2.  IKhabhinethi yamkele isicwangciso sokugonya ukonyusa ukusetyenziswa kwamachiza okugonya, ingakumbi kumaphondo abonakalisa ukwehla ekusetyenzisweni kwawo. Njengenxalenye yokonyusa inkqubo yokugonya, iKhabhinethi iphumeze ukugonywa kwabantu abaneminyaka ephakathi kwe-18 nama-35 ukususela ngomhla wama-20 kweyeThupha 2021.
1.3.  Ubungqina bobunzululwazi buqinisekisa ukuba abantu abagonyileyo banethuba elingcono lokoyisa i-COVID-19 kunabantu abangagonyanga. Ngoko ke, kufuneka sonke sizichithe iingcingane zobuyelenqe ezilahlekisayo malunga namachiza okugonya sikhethe ubomi ngokuthi sigonye.
1.4.  IKhabhinethi iphinde yaphumeza ukugcinwa kwelizwe phantsi kweNqanaba lesi-3 eliLungisiweyo lesiLumkiso soMngcipheko sokuvalwa kwesizwe, ngokucetyiswa yiKomiti yabaPhathiswa yeeNgcebiso. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abantu abangagonyanga eMzantsi Afrika ukuba bagonye ngoba amachiza okugonya asikhusela ekuguleni okukhulu okubangelwa yi-COVID-19 kwaye asindisa ubomi.
1.5.  Ukugonya kulula; vela nje undwendwele iziko lokugonya elikufutshane nawe uphethe isazisi sakho ukuze ubhaliswe ugonye. Ungafumana iziko elikufutshane nawe kumaziko okugonya angaphaya kwama-3 000 kwilizwe liphela ku: www.sacoronavirus.co.za/active-vaccination-sites.

C.  UMSITHO OZAYO

1.  UMboniso weHlabathi ka-2020
1.1.  UMzantsi Afrika uza kuthabatha inxaxheba kuMboniso weHlabathi ka-2020 ozayo. IKhabhinethi iphumeze oku kuthabatha inxaxheba kweyoMnga 2019. Lo msitho waye wamiswa ngenxa ye-COVID-19. Uza kubanjwa ngenkqu nange-Intanethi kwiziko lomboniso e-Dubai, e-United Arab Emirates ukususela ngomhla woku-1 kweyeDwarha ukuya kowama-31 kweyoKwindla 2022.
1.2.  Lo msitho wamazwe ngamazwe, obanjwa qho emva kweminyaka emihlanu kumazwe ohlukeneyo, unika imakethe enkulu enomtsalane yokubonisa izinto neenkonzo zoMzantsi Afrika kubantu behlabathi. I-DTIC kule veki izayo iza kunika ingxelo ezeleyo koonondaba ukucacisa ukuthabatha inxaxheba koMzantsi Afrika kuMboniso weHlabathi ka-2020.

D.  IMIYALEZO

1.  Uvuyiswano
IKhabhinethi igqithise amazwi ovuyiswano neminqweno emihle ku:

  • bacimi-mlilo abali-109 kunye nabasebenzi abaselulawulweni abakhutshwe yiNkqubo yokuSebenza yeSebe lezeNdalo, amaHlathi nezokuLoba ukuncedisa kwiinzame zokulwa umlilo kwiphondo lase-Manitoba e-Canada.
  • Nks Tatjana Schoenmaker, ngokuphumelela iimbasa zesilivele negolide ekudadeni noNks Bianca Buitendag, ngokuphumelela imbasa yesilivele kumdlalo wokutyibiliza ngeplanga emanzini, kwimiDlalo ye-Olimpiki ebise-Tokyo e-Japan. Bayibhabhisele phezulu iflegi yoMzantsi Afrika. 
  • Mnu Brad Binder, umdyarhi wesithuthuthu, ngokubhabhisela iflegi yoMzantsi Afrika phezulu ngokuphumelela i-MotoGP Austrian Grand Prix ka-2021.
     

2.  Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho nabahlobo baka:

  • Mnu Dan Sechaba Montsitsi (67), omnye weenkokheli zoQhankqalazo lwaseSoweto ngomhla we-16 kweyeSilimela 1976, owalwela inkululeko nentando yesininzi engadinwa, nowaye wasebenza njengeLungu lePalamente.
  • Gqr Johan van Zyl (63), uSihlalo oLawulayo wakwa-Toyota South Africa Motors, okhunjulelwa ulawulo lwakhe nempumelelo yale nkampani ne-Toyota Motor yaseYurophu. 
     

Imibuzo: Nks Phumla Williams – USomlomo weKhabhinethi 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore